09 – Usindiso

La ngamazwi angcwele kaThixo uSomandla.
Asinamdla kwizinto ezithethwa ngabantu.
Nabani na othanda uThixo . . . Nantsi into uThixo ayithethayo ngaye: Usindiso.

Iivesi ezi-3 eziPhambili

ULuka 13:5

Ndithi kuni, Hayi; nothi, xa sukuba ningaguquki, nitshabalale kwangokunjalo nonke.

UMarko 9:43-44

Nokuba ke isandla sakho sithe sakukhubekisa, sinqamle sona; kukulungele kanye ukuba ungene ebomini usisilima, kunokuba uthi, unezandla zozibini, umke uye esihogweni, emlilweni ongacimekiyo, apho kumpethu ingafiyo, kumlilo ungacinywayo.

2 KaPetros 3:9

INkosi ayilibali dinga, njengoko abathile baba iyalibala; isuka izeke kade umsindo kuthi, ingangi kungatshabalala nabani; inga bonke bangasinga enguqukweni.

Zonke iivesi ngokulandelelana kweCanonical - 517 izicatshulwa

Genesis 2:16-17

UYehova uThixo wamwisela umthetho umntu, esithi, Yonke imithi yomyezo ungayidla uyidle; ke wona umthi wokwazi okulungileyo nokubi uze ungawudli; kuba mhlana uthe wawudla, uya kufa.

Genesis 17:1

Kwathi, uAbram akuba minyaka imashumi asithoba anesithoba ezelwe, uYehova wabonakala kuAbram, wathi kuye, NdinguThixo uSomandla; hamba phambi kwam ube ngogqibeleleyo.

Eksodus 20:20

Wathi uMoses ebantwini, Musani ukoyika; kuba uThixo uze kunilinga, ukuba kubekho ukumoyika ebusweni benu, ukuze ningoni.

Eksodus 32:26

wema uMoses ekungeneni eminqubeni, wathi, OngakuYehova makeze kum apha. Bantontelana kuye bonke oonyana bakaLevi.

Levitikus 1:4

Wocinezela ngesandla sakhe phezu kwentloko yedini elo linyukayo, limkholekise, limcamagushele;

Levitikus 5:5

Kothi ke, xa athe wazeka ityala nangayiphi kwezo nto, ayivume into one ngayo;

Levitikus 6:7

Umbingeleli womcamagushela phambi koYehova, axolelwe ke ezintweni zonke azenzileyo, wazeka ityala ngazo.

Levitikus 16:16

ayicamagushele ingcwele ngenxa yobunqambi boonyana bakaSirayeli, nangenxa yezikreqo zabo ngokubhekisele ezonweni zabo zonke; enjenjalo kwintente yokuhlangana ehleliyo nabo phakathi kobunqambi babo.

Levitikus 16:30

kuba ngaloo mhla uya kunicamagushela, ukuba anihlambulule, nihlambuluke ezonweni zenu zonke phambi koYehova.

Levitikus 17:11

Kuba umphefumlo wenyama usegazini wona. Mna ndaninika lona esibingelelweni, ukuba kucanyagushelwe imiphefumlo yenu; kuba igazi eli licamagusha ngomphefumlo.

Levitikus 20:7

Ize nizingcwalise nibe ngcwele, ngokuba ndinguYehova, uThixo wenu.

Levitikus 23:28-29

Ize ningenzi namnye umsebenzi ngenkqu yayo loo mini, kuba ngumhla wokucamagusha, wokunicamagushela phambi koYehova uThixo wenu. Kuba wonke umphefumlo, osukuba ungazithobi ngenkqu yayo loo mini, wonqanyulwa, ungabikho ebantwini bakowawo.

Levitikus 26:40

Ukuba ke bathe babuvuma ubugwenxa babo nobugwenxa booyise —ngenxa yokumeneza kwabo, abameneze ngako kum, nangenxa yokuhamba ngokundichasa,

Numeri 5:6

Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi, Indoda nokuba yinkazana, xa bathe benza isono kwizono zonke zoluntu, ngokuthi bameneze kuYehova, yazeka ityala ke loo miphefumlo,

Numeri 21:7

Beza abantu kuMoses, bathi, Sonile, ngokuba sithethe ngoYehova nangawe; thandaza kuYehova, azisuse kuthi iinyoka ezo. Wabathandazela ke uMoses abantu.

Duteronomi 4:29-31

eningathi nimfune khona uYehova uThixo wenu, nimfumane, xa nithe naquqela kuye ngentliziyo yenu yonke, nangomphefumlo wenu wonke. Ekubandezelekeni kwenu, zakunifumana zonke ezi zinto, ekupheleleni kwemihla, nobuyela kuYehova uThixo wenu, niliphulaphule ilizwi lakhe. Ngokuba nguThixo onemfesane uYehova uThixo wakho; akayi kukuyekela, akayi kukonakalisa, akayi kuwulibala umnqophiso wooyihlo awabafungelayo.

Duteronomi 5:32

Nize nizigcine ukuba nenze njengoko uYehova uThixo wenu waniwisela umthetho, ningatyekeli ekunene nasekhohlo.

Duteronomi 6:5-9

Uze umthande uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho yonke, nangomphefumlo wakho wonke, nangamandla akho onke. La mazwi ndikuwisela umthetho ngawo namhlanje, aze abe sentliziyweni yakho. Uze uwatsolise koonyana bakho, uthethe ngawo ekuhlaleni kwakho endlwini yakho, nasekuhambeni kwakho ngendlela, nasekulaleni kwakho, nasekuvukeni kwakho; uwabophe esandleni sakho abe ngumqondiso, abe zizikhumbuzo phakathi kwamehlo akho; uwabhale emigubasini yendlu yakho, nasemasangweni akho.

Duteronomi 6:13

UYehova uThixo wakho uze umoyike, umkhonze, ufunge igama lakhe.

Duteronomi 7:4-6

kuba yomtyekisa unyana wakho angandilandeli, bakhonze thixo bambi, uvuthe umsindo kaYehova kuni, akutshabalalise kamsinya. Ke yenjani nje kuzo: zidilizeni izibingelelo zazo, nizichithe izimiso zazo, nibaxakaxe ooAshera bazo, niyitshise ngomlilo imifanekiso yazo eqingqiweyo. Ngokuba ningabantu abangcwele kuYehova uThixo wakho; uninyule uYehova uThixo wakho, ukuba nibe ngabantu abayinqobo kuye, kunabantu bonke abaphezu komhlaba.

Duteronomi 18:13

Uze ugqibelele ukuba noYehova uThixo wakho.

Duteronomi 30:6

Woyalusa intliziyo yakho uYehova uThixo wakho, nentliziyo yembewu yakho, ukuba umthande uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho yonke, nangomphefumlo wakho wonke, ukuze uphile.

AbaGwebi 10:15

Bathi oonyana bakaSirayeli kuYehova, Sonile; yenza wena kuthi ngokubona kwakho; kodwa khawusihlangule okwanamhla.

2 KaSamuweli 22:24

Ndandingogqibeleleyo kuye, Ndazinqanda ebugwenxeni bam.

2 KaSamuweli 24:10

Yakhathazeka intliziyo kaDavide emveni kokuba ebabalile abantu. Wathi uDavide kuYehova, Ndonile kunene ngale nto ndiyenzileyo; kaloku khawubukhwelelise, Yehova, ubugwenxa bomkhonzi wakho; ngokuba ndenze ngobudenge obukhulu.

1 YooKumkani 8:23

Wathi: Yehova Thixo kaSirayeli, akukho unjengawe, ezulwini phezulu nasemhlabeni phantsi, ubagcinelayo umnqophiso nenceba abakhonzi bakho abahamba phambi kwakho ngentliziyo yabo yonke;

1 YooKumkani 8:38-39

ukuthandaza, nokutarhuzisa nokuba kukuphi, okuthe kwenziwa ngubani, nokuba ngabantu bakho bonke amaSirayeli, abathe besazi elowo isibetho sentliziyo yakhe, bazolulela kule ndlu izandla zabo: yiva ke wena emazulwini, endaweni ohlala kuyo, uxolele; wenze, umnike elowo ngokweendlela zakhe zonke, ngokuyazi kwakho intliziyo yakhe (ngokuba nguwe wedwa ozaziyo iintliziyo zoonyana bonke babantu);

1 YeziKronike 16:23

Vumani kuYehova, nonke hlabathi, Shumayelani iindaba ezilungileyo zosindiso lwakhe iimini ngeemini.

1 YeziKronike 28:9

Ke wena Solomon, nyana wam, uze umazi uThixo kayihlo, umkhonze ngentliziyo epheleleyo, nangomphefumlo ovumayo; ngokuba uYehova uyazingxoka zonke iintliziyo, akuqonde konke ukuyila kweengcinga zabantu. Ukuba uthe wamfuna, wofunyanwa nguwe; ukuba uthe wamshiya, wokulahla mpela.

2 YeziKronike 6:36-39

Xa bathe bakona (ngokuba akukho mntu ungoniyo), waba nomsindo, wabanikela elutshabeni, bathi abathimbi babathimba, babasa ezweni nokuba likude, nokuba likufuphi; baza bakunyamekela oko ngentliziyo kwelo zwe bathinjelwe kulo, babuya batarhuzisa kuwe ezweni lababathimbileyo, besithi, Sonile, sagwenxa, senza okungendawo; babuyela kuwe ngentliziyo yabo yonke, nangomphefumlo wabo wonke, bekwelo zwe labathimbi ababathimbileyo, bathandaza, babhekisa elizweni labo owalinika ooyise, kulo mzi uwunyulileyo, kule ndlu ndiyakhele igama lakho: yiva ke emazulwini, endaweni ohlala kuyo, umthandazo wabo nokutarhuzisa kwabo, ubagwebele, ubaxolele abantu bakho abakonileyo.

2 YeziKronike 7:12-15

Wabonakala uYehova kuSolomon ebusuku, wathi kuye, Ndikuvile ukuthandaza kwakho; ndizinyulele le ndawo ukuba ibe yindlu yokubingelela. Ukuba ndithe ndalivala izulu, akwabakho mvula, ukuba ndithe ndaziwisela umthetho iinkumbi, ukuba zilidle ilizwe, nokuba ndithe ndathumela ebantwini bam indyikitya yokufa; bathoba ke abantu bam, ababizwa ngegama lam, bathandaza, bafuna ubuso bam, babuya ezindleleni zabo ezimbi: ndiya kuva mna emazulwini, ndibaxolele izono zabo, ndiliphilise ilizwe labo. Kaloku ovuleka amehlo am, iindlebe zam ziwubazele umthandazo wale ndawo.

2 YeziKronike 15:12

Benza umnqophiso wokumquqela uYehova, uThixo wooyise, ngentliziyo yabo yonke, nangomphefumlo wabo wonke; bathi,

UEzra 9:3-5

Ndathi ndakuliva elo lizwi, ndazikrazula iingubo zam, kwaneyokwaleka, ndazidlathula iinwele zam neendevu, ndahlala phantsi ndimangalisiwe. Ndahlanganisela kum bonke abagubha ngamazwi kaThixo kaSirayeli ngenxa yobumenemene babafuduswayo; ndahlala phantsi ndimangalisiwe, kwada kwalilixa lomnikelo wokudla wangokuhlwa. Ngelo xa lomnikelo wokudla wangokuhlwa, ndesuka ekuzithobeni kwam, ndazikrazula iingubo zam neyokwaleka, ndaguqa ngamadolo, ndazolulela izandla zam kuYehova uThixo wam, ndathi:

UEzra 10:1

Ke kaloku akuthandaza uEzra, akukuxela oku, elila, eziwisile phambi kwendlu kaThixo, kwabuthelana kuye kumaSirayeli ibandla elikhulu kakhulu lamadoda, nabafazi, nabantwana, ngokuba abantu batsho ngesililo esikhulu.

UNehemiya 1:4-7

Kwathi ndakuweva la mazwi, ndahlala phantsi, ndalila, ndenza isijwili iintsuku, ndazila ukudla, ndathandaza phambi koThixo wamazulu, ndathi, Camagu, Yehova, Thixo wamazulu, Thixo omkhulu, owoyikekayo, obagcinelayo umnqophiso nenceba abamthandayo, abayigcinayo imithetho yakhe. Indlebe yakho mayikhe ibazeke, namehlo akho makhe avuleke, ukuze uwuphulaphule umthandazo womkhonzi wakho, endiwuthandazayo phambi kwakho ngoku, imini nobusuku, ngenxa yoonyana bakaSirayeli, abakhonzi bakho; nokuzixela kwam izono zoonyana bakaSirayeli, esone ngazo kuwe, Mna nendlu kabawo sonile; sonakalisile, senza ububi ngakuwe. Asiyigcinanga imithetho, nemimiselo, namasiko, obumwisele umthetho ngawo uMoses umkhonzi wakho.

UNehemiya 10:28-29

Abanye abantu, ababingeleli, nabaLevi, nabamasango, neemvumi, nabakhonzi betempile, nabo bonke ababezahlule kwizizwe zamazwe, beza emyalelweni kaThixo; abafazi babo, noonyana babo, neentombi zabo, bonke abasebenokwazi nokuqonda. Babambelela kubazalwana babo, iingangamsha zabo, bangena esiqalekisweni nasesifungweni sokuhamba ngomyalelo kaThixo, owawiswa ngesandla sikaMoses umkhonzi kaThixo, nokuyigcina nokuyenza yonke imithetho kaYehova iNkosi yethu, namasiko akhe, nemimiselo yakhe:

UYobhi 13:23-24

Zingaphi na izenzo ezigwenxa, nezono zam? Ndazise isikreqo sam, nesono sam. Yini na ukuba ubusithelise ubuso bakho, Ube ndilutshaba kuwe?

UYobhi 19:26

Emveni kokuba ulusu lwam ludlavulwe lwanje, Ingasekho inyama yam, ndiya kumbona uThixo,

UYobhi 31:6

Makandilinganise esikalini sobulungisa, Akwazi uThixo ukugqibelela kwam.

UYobhi 33:27-28

Lo uvuma ebantwini, athi, Bendonile, ndakugwenxa okuthe tye, Akwalinganiselwa kum njengoko noko. Uwukhulule umphefumlo wam, ukuba ungagqitheli esihogweni, Nobomi bam bokubona ukukhanya.

UYobhi 42:5-6

Bendikuva ukukuva ngendlebe, Kungoku iliso lam likubonile. Ngenxa yoko ndiyazicekisa, ndizohlwaye, Ndiseluthulini naseluthuthwini.

IiNdumiso 4:3

Yazini ke ukuba uYehova uzibalulele owenceba; UYehova uyaphulaphula ndakudanduluka kuye.

IiNdumiso 9:7-8

Ke yena uYehova uhleli ngonaphakade, Uyizinzisele ugwebo itrone yakhe. Uya kugweba yena kwelimiweyo ngobulungisa, Agwebe phakathi kwezizwe ngokuthe tye.

IiNdumiso 9:10

Bakholose ngawe abalaziyo igama lakho; Ngokuba akubashiyanga abakuquqelayo wena, Yehova.

IiNdumiso 13:5

Mna ndikholose ngenceba yakho, Mayigcobe intliziyo yam ngosindiso lwakho.

IiNdumiso 18:23

Ndaye ndingogqibeleleyo kuye, Ndazigcina, andaba nabugwenxa,

IiNdumiso 25:5

Ndinyathelise enyanisweni yakho, undifundise; Ngokuba unguThixo ongumsindisi wam; Ndithembe wena yonke imihla.

IiNdumiso 25:7

Musa ukuzikhumbula izono zobutsha bam, nokreqo lwam; Ndikhumbule ngokwenceba yakho wena, Ngenxa yokulunga kwakho, Yehova.

IiNdumiso 25:18

Khangela ukucinezeleka kwam nokwaphuka kwam, Uxolele zonke izono zam.

IiNdumiso 29:2

Mnikeni uYehova uzuko lwegama lakhe; Qubudani kuYehova nivethe ezingcwele.

IiNdumiso 31:5

Ndiwuyaleza umoya wam esandleni sakho; Uyandikhulula, Yehova, Thixo wenyaniso.

IiNdumiso 32:1

EkaDavide. Eyokuqiqa. Hayi, uyolo lwakhe olukreqo luxolelweyo, osono siselelweyo!

IiNdumiso 32:5

Ndikwazisile isono sam, ubugwenxa bam andabugquma; Ndathi, Ndoluvuma ukreqo lwam kuYehova; Wabuxolela ke wena ubugwenxa besono sam. (Phakamisani.)

IiNdumiso 33:8

Malimoyike uYehova lonke ihlabathi, Bamhlonele bonke abemi belimiweyo;

IiNdumiso 34:15-18

Amehlo kaYehova akumalungisa, Iindlebe zakhe zisekuzibikeni kwawo. Ubuso bukaYehova bujonge abenzi bokubi, Ukuba akunqumle ehlabathini ukukhunjulwa kwabo. Akhala, weva uYehova; Wawahlangula ezimbandezelweni zawo zonke. Usondele uYehova kwabantliziyo zaphukileyo, Abasindise abamoya utyumkileyo.

IiNdumiso 34:22

UYehova uyawukhulula umphefumlo wabakhonzi bakhe, Bangathwali tyala bonke abazimela ngaye.

IiNdumiso 38:18

Ngokuba ndiya kubuxela ubugwenxa bam; Ndinesithukuthezi ngenxa yesono sam.

IiNdumiso 41:4

Ndithi mna, Yehova, tarhu; Philisa umphefumlo wam, ngokuba ndonile kuwe.

IiNdumiso 51:1-4

Kumongameli. Umhobe kaDavide: ekuzeni kukaNatan umprofeti kuye, emveni kokuba ebengene uBhatshebha. Tarhu, Thixo, ngokwenceba yakho! Ngokobuninzi benceba yakho, cima ukreqo lwam! Nd’ixovule kunene, busuke ubugwenxa bam, Undihlambulule esonweni sam. Ngokuba ndiyalwazi mna ukreqo lwam, Nesono sam siphambi kwam ngamaxesha onke. Ndonile kuwe, kuwe wedwa, Ndenza okubi emehlweni akho; Ukuze ube lilungisa ekuthetheni kwakho, Ucace ekugwebeni kwakho.

IiNdumiso 51:7

Ndihlambulule isono ngehisope, ndihlambuluke; Ndixovule, ndibe mhlophe kunekhephu;

IiNdumiso 51:9-11

Sithelisa ubuso bakho ezonweni zam, Ubucime bonke ubugwenxa bam. Dala phakathi kwam, Thixo, intliziyo ehlambulukileyo, Uhlaziye umoya oqinisekileyo phakathi kwam. Musa ukundilahla ebusweni bakho, UMoya wakho oyiNgcwele ungamsusi kum.

IiNdumiso 69:5

Thixo, wena uyakwazi ukumatha kwam; Namatyala am akanakugushwa kuwe.

IiNdumiso 74:12

Ke uThixo nguKumkani wam kwakumandulo, Ulosebenza usindiso phakathi kwehlabathi lonke.

IiNdumiso 78:10

Abawugcinanga umnqophiso kaThixo, Abavumanga ukuhamba ngomyalelo wakhe;

IiNdumiso 79:8-9

Musa ukubukhumbula kuthi ubugwenxa bamanyange ethu, Mayingxame isikhawulele imfesane yakho: Ngokuba siswele kakhulu. Sincede, Thixo ongumsindisi wethu, ngenxa yozuko lwegama lakho, Usihlangule, uzixolele ngocamagushelo izono zethu ngenxa yegama lakho.

IiNdumiso 86:5

Ngokuba ulungile wena, Nkosi yam, uxolela; Umkhulu ngenceba kubo bonke abakunqulayo.

IiNdumiso 103:8

Unemfesane enobabalo uYehova, Uzeka kade umsindo, mkhulu ngenceba.

IiNdumiso 103:10-12

Akenzi kuthi ngokwezono zethu, Akasiphathi ngokobugwenxa bethu; Ngokuba injengokuphakama kwezulu phezu komhlaba, Ukuba namandla, inceba yakhe kwabamoyikayo; Kunjengokuba kude kwempumalanga entshonalanga, Ukulukhwelelisa kwakhe kuthi ukreqo lwethu;

IiNdumiso 103:17-19

Ke yona inceba kaYehova ikwabamoyikayo, kususela kwaphakade kude kuse ephakadeni, Nobulungisa bakhe bukoonyana boonyana; Kwabawugcinileyo umnqophiso wakhe, Kwabazikhumbulayo iziyalezo zakhe ukuba bazenze. UYehova uyizinzisile emazulwini itrone yakhe, Ubukumkani bakhe bulawula into yonke.

IiNdumiso 106:6

Sonile, thina noobawo; Senze ubugwenxa, senze okungendawo.

IiNdumiso 111:10

Ingqalo yobulumko kukoyika uYehova, Banengqiqo elungileyo bonke abenza ngako; Indumiso yakhe ihlala imi.

IiNdumiso 115:1

Ungazukisi thina, Yehova, ungazukisi thina; Zukisa igama lakho, Ngenxa yenceba yakho, ngenxa yenyaniso yakho.

IiNdumiso 119:1-3

Hayi, uyolo lwabandlela igqibeleleyo, Bona bahambayo ngomyalelo kaYehova! Hayi, uyolo lwababambe izingqiniso zakhe, Abamquqelayo ngentliziyo epheleleyo! Abasebenzi nokusebenza bugqwetha, Bayahamba ngeendlela zakhe.

IiNdumiso 119:11

Ndiyibeke intetho yakho entliziyweni yam, Ukuze ndingoni kuwe.

IiNdumiso 119:136

Ahla imijelo yamanzi amehlo am, Ngenxa yokuba bengawugcini umyalelo wakho.

IiNdumiso 130:7

Lindela kuYehova, Sirayeli, Ngokuba inceba ikuYehova; Ikuye inkululeko eninzi.

IiNdumiso 147:11

UYehova ukholiswa ngabamoyikayo, Abalinde inceba yakhe.

ImiZekeliso 1:7

Ukoyika uYehova kukuqala kokwazi; Ubulumko noqeqesho izimathane ziludelile.

ImiZekeliso 3:5-7

Kholosa ngoYehova ngentliziyo yakho yonke, Ungayami okwakho ukuqonda. Uze umazi yena ezindleleni zakho zonke; Wowulungelelanisa umendo wakho. Musa ukuba sisilumko kwawakho amehlo; Yoyika uYehova usuke entweni embi.

ImiZekeliso 4:14-15

Musa ukungena emendweni wabangendawo, Unganyatheli endleleni yabanobubi. Yiyeke; musa ukuya kugqitha kuyo; Yicezele, ugqithe.

ImiZekeliso 8:13

Ukoyika uYehova kukuthiya into embi: Ikratshi nokukratsha, nendlela embi, Nomlomo onempenduka, ndiwuthiyile.

ImiZekeliso 28:9

Osusa indlebe yakhe ekusiphulaphuleni isiyalo, Kwanomthandazo wakhe ulisikizi.

ImiZekeliso 28:13-14

Osigubungelayo isono sakhe akayi kuba nampumelelo; Ke yena osivumayo, asishiye, uya kufumana inceba. Hayi, uyolo lomntu ohlala enkwantya; Ke yena ontliziyo ilukhuni uya kweyela ebubini.

EcclesiastesImiZekeliso 7:20

Ngokuba akukho mntu ulilungisa ehlabathini, wenza okulungileyo, angoni.

EcclesiastesImiZekeliso 12:13-14

Ukuhlanganiswa kwentetho, yakuba ivakele into yonke, nanku: Yoyika uThixo, ugcine imithetho yakhe; ngokuba indawo leyo yimfanelo yoluntu lonke. Ngokuba izenzo zonke uThixo uya kuzizisa ekugwetyweni, izinto zonke ezifihlakeleyo, nokuba zilungile nokuba zimbi.

UIsaya 1:16

Zihlambeni, ziqaqambiseni; susani ububi beentlondi zenu phambi kwamehlo am;

UIsaya 1:18

Khanize sibonisane, utsho uYehova; nokuba izono zenu zide zavela zanjengengubo ebomvu, zoba mhlophe njengekhephu; nokuba zide zayingqombela njengebala elibomvu, zovela zinjengoboya begusha.

UIsaya 5:20-21

Yeha, abathi okubi kulungile, okulungileyo kubi; abamisa ubumnyama endaweni yokukhanya, ukukhanya endaweni yobumnyama; abamisa ubukrakra endaweni yobumnandi, ubumnandi endaweni yobukrakra! Yeha, abalumkileyo kwawabo amehlo, abanengqondo kokwabo ukubona!

UIsaya 6:7

yalifikisa emlonyeni wam, yathi, Yabona, eli lahle lifikile nje emlonyeni wakho, bususiwe ubugwenxa bakho, nesono sakho sicanyagushelwe.

UIsaya 42:6

ukuthi, Mna, Yehova, ndikubizile ngokobulungisa, ndakubamba ngesandla; ndiya kukulondoloza, ndikwenze umnqophiso wabantu, isikhanyiselo seentlanga;

UIsaya 43:25-26

Mna ndinguye ocima izikreqo zakho ngenxa yam, ndingazikhumbuli izono zakho. Ndikhumbuze, masimangalelane; misa intetho yakho, ukuze ugwetyelwe.

UIsaya 44:22-23

Ndilucimile njengelifu elingqingqwa ukreqo lwakho, nezono zakho njengelifu elisibekeleyo; buyela kum, ngokuba ndikukhulule ngokukuhlawulela. Memelelani, mazulu, ngokuba uYehova ekwenzile; dumani, zinzulu zehlabathi; gqabhukani nimemelele, zintaba, hlathi, nani nonke mithi ekulo; ngokuba uYehova emhlawulele wamkhulula uYakobi, ezihombisile ngoSirayeli..

UIsaya 45:21-22

Xelani, nifikise; ewe, mabacebisane kunye, ukuthi, Ngubani na owavisa oko kwabamandulo, owakuxelayo kwanini? Asindim na Yehova, ekungekho Thixo wumbi ingendim? UThixo onobulungisa, osindisayo, akakho ingendim. Bhekani kum, nisindiswe, nonke ziphelo zehlabathi; ngokuba ndinguThixo, akukho wumbi.

UIsaya 51:11

Ke abakhululwa bakaYehova baya kubuya babuye, beze eZiyon bememelela, benovuyo olungunaphakade phezu kweentloko zabo; baya kufumana imihlali nemivuyo, sisabe isingqala nokuncwina.

UIsaya 53:5-6

Kanti yena uhlatywe ngenxa yezikreqo zethu, watyunyuzwa ngenxa yezenzo zethu ezigwenxa; ubetho lokuba sibe noxolo thina lube luphezu kwakhe; siphiliswe ngemivumbo yakhe. Thina zonke salahleka njengeegusha, sabheka elowo endleleni yakhe, waza uYehova wamwela ngobugwenxa bethu sonke.

UIsaya 55:6-9

Funani uYehova esenokufunyanwa; mbizeni esekufuphi. Ongendawo makashiye indlela yakhe, indoda enobutshinga mayishiye iingcinga zayo, ibuyele kuYehova: woba nemfesane kuyo; ibuyele kuThixo wethu ngokuba woxolela ngokukhulu. Kuba iingcinga zam asizizo iingcinga zenu, neendlela zenu asizizo iindlela zam, utsho uYehova. Inene, njengokuba izulu liwuphakamele umhlaba, ngokunjalo iindlela zam ziziphakamele iindlela zenu, neengcinga zam ziziphakamele iingcinga zenu.

UIsaya 57:15

Ngokuba utsho ophezulu, owongamileyo, ohleli ngonaphakade, ogama linguNgcwele, ukuthi, Ndihleli phezulu, engcweleni, ndihleli nakotyumkileyo, omoya uthobekileyo; ukuba ndibuye ndiphilise umoya wabathobekileyo, ndibuye ndiphilise intliziyo yabatyumkileyo.

UIsaya 61:1-3

UMoya weNkosi uYehova uphezu kwam; ngenxa yokuba uYehova endithambisele ukuba ndishumayeze abalulamileyo iindaba ezilungileyo. Undithume ukubopha abantliziyo zaphukileyo, ukumemeza inkululeko kwabathinjiweyo, ukuvulwa kwamehlo kwabakhonkxiweyo; ukumemeza umnyaka wetarhu likaYehova, nomhla wempindezelo yoThixo wethu: ukuthuthuzela bonke abanesijwili; ukubamisela abanesijwili baseZiyon, ukubanika isihombo sentloko esikhundleni sothuthu, ioli yemihlali esikhundleni sesijwili, ingubo yendumiso esikhundleni somoya odambayo; ukubizwa kwabo kuthiwe yimiterebhinti yobulungisa, isityalo sikaYehova sokuhomba.

UIsaya 64:6

Ke sisuke saba njengoyinqambi sonke siphela, yanjengengubo enomzi yonke imisebenzi yethu yobulungisa; sabuna njengamagqabi sonke siphela, ubugwenxa bethu basithabatha njengomoya.

UIsaya 66:2

Zonke ezo zinto sazenza isandla sam, zabakho ke zonke ezo zinto; utsho uYehova; ndibheka kulo, kolusizana, komoya waphukileyo, kogubhayo ngelizwi lam.

UYeremiya 3:13

Buvume kodwa ubugwenxa bakho; ngokuba ukreqile kuYehova uThixo wakho, waziphangalalisa iindlela zakho kwabasemzini, ngaphantsi kwayo yonke imithi eluhlaza; ke ilizwi lam analiphulaphula; utsho uYehova.

UYeremiya 3:25

Masilale esikizini lethu, lisigubungele ihlazo lethu; ngokuba kuYehova uThixo wethu sonile, thina noobawo, kwasebuncinaneni bethu, unanamhla; asaliphulaphula ilizwi likaYehova uThixo wethu.

UYeremiya 4:14

Yihlambulule ububi intliziyo yakho, Yerusalem, ukuze usindiswe. Kunini na zilalisile phakathi kwakho iingcinga zakho zobutshinga?

UYeremiya 6:19

Yiva, hlabathi; yabona, aba bantu ndibazisela ububi, isiqhamo seengcinga zabo; ngokuba amazwi am abawabazelanga ndlebe, nomyalelo wam bawucekisile.

UYeremiya 8:6

Ndabaza indlebe, ndeva, bathetha into engeyiyo; akukho bani uzohlwayayo ngeento zakhe ezimbi, athi, Yintoni na le ndiyenzileyo? Bonke bephela babuyela ekugidimeni kwabo, njengehashe lifunzela emfazweni.

UYeremiya 9:13-14

Wathi uYehova, Kungenxa enokuba bewushiyile umyalelo wam, endawubeka phambi kwabo, abaliphulaphula ilizwi lam, abahamba ngawo. Balandela ubungqola bentliziyo yabo, balandela ooBhahali, into abayifundiswa ngooyise.

UYeremiya 14:7

Ukuba ubugwenxa bethu bungqina ngathi, Yehova, yenza ngenxa yegama lakho; ngokuba kuninzi ukuphamba kwethu; sonile kuwe.

UYeremiya 14:20

Siyakwazi, Yehova, okungendawo kwethu, ubugwenxa boobawo; ngokuba sonile kuwe.

UYeremiya 17:14

Ndiphilise, Yehova, ndiphile; ndisindise, ndisinde; ngokuba indumiso yam nguwe.

UYeremiya 24:7

Ndobanika intliziyo yokundazi, ukuba ndinguYehova, babe ngabantu bam, ndibe nguThixo wabo; ngokuba baya kubuyela kum nentliziyo yabo yonke.

IziLilo 3:22-23

Kungeenceba zikaYehova le nto singagqityelwanga, ngokuba azipheli iimfesane zakhe. Zintsha imiso ngemiso; kukhulu ukuthembeka kwakhe.

IziLilo 5:15-17

Iphelile imihlali yentliziyo yethu, Ukuqamba kwethu kujike kwaba kukumbambazela. Siwile isithsaba entlokweni yethu; Yeha ke thina! kuba sonile. Ngenxa yoko ityhafile intliziyo yethu; Ngenxa yezo zinto amnyama amehlo ethu;

UHezekile 18:4

Yabonani, yonke imiphefumlo yeyam; umphefumlo woyise unjengomphefumlo wonyana, yeyam yomibini; umphefumlo owonayo, kuya kufa wona.

UHezekile 18:20

Umphefumlo owonayo, kuya kufa wona wodwa. Unyana akayi kuthwala ubugwenxa bukayise, noyise akayi kubuthwala ubugwenxa bonyana; ubulungisa belungisa buya kuba phezu kwalo, nokungendawo kongendawo kuya kuba phezu kwakhe.

UHezekile 18:21-23

Ongendawo ke, xa athe wabuya ezonweni zakhe zonke azenzileyo, wayigcina yonke imimiselo yam, wenza ngokwesiko nangobulungisa, inene, uya kuphila; akayi kufa. Zonke izikreqo zakhe azenzileyo aziyi kukhunjulelwa kuye; ngobulungisa bakhe abenzileyo, uya kuphila. Kumnandi na kanene kum ukufa kongendawo? Itsho iNkosi uYehova. Okumnandi kum asikuko na ukuthi abuye ezindleleni zakhe, aphile?

UHezekile 18:24

Khona ekubuyeni kwelungisa ebulungiseni balo, lenza ngobugqwetha, ngokwamasikizi awenzileyo ongendawo, lophila na lona? Yonke imisebenzi yalo yobulungisa elayenzayo ayiyi kukhunjulwa; ngenxa yobumenemene balo elimeneze ngabo, nangenxa yezono zalo elone ngazo: ngenxa yezo zinto liya kufa.

UHezekile 18:25

Ukanti nithi ke, Indlela yeNkosi ayilungelelene. Khanive, ndlu kaSirayeli; indlela yam ayilungelelene, yini na? Asizezenu na iindlela ezingalungeleleneyo?

UHezekile 18:26

Xa lithe ilungisa labuya ebulungiseni balo, lenza ngobugqwetha, lofa ngezo zinto; lofa ngobugqwetha balo elibenzileyo.

UHezekile 18:27-28

Xa athe ongendawo wabuya kokungendawo kwakhe akwenzileyo, wenza ngokwesiko nangobulungisa, yena uya kuwusindisa umphefumlo wakhe. Ekubeni ebonile, wabuya ezikreqweni zakhe zonke azenzileyo, uya kuphila; akayi kufa.

UHezekile 18:29

Ukanti ithi ke indlu kaSirayeli, Indlela yeNkosi ayilungelelene. Iindlela zam azilungelelene na, ndlu kaSirayeli? Asizezenu na iindlela ezingalungeleleneyo?

UHezekile 18:30-32

Ngako oko ndiya kunigweba elowo ngokwendlela yakhe, ndlu kaSirayeli; itsho iNkosi uYehova. Buyani, nizibuyise ezikreqweni zenu zonke, bungabi sisikhubekiso ubugwenxa kuni. Lahlani zonke izikreqo zenu enikreqe ngazo, nizenzele intliziyo entsha nomoya omtsha. Yini na ukuba nife, ndlu kaSirayeli? Ngokuba akumnandi kum ukufa kofayo; itsho iNkosi uYehova. Zibuyiseni ke niphile.

UHezekile 20:43

Niya kuzikhumbula khona iindlela zenu neentlondi zenu zonke, enazenza iinqambi ngazo; nizikruqukele ngokwenu ngenxa yazo zonke izinto ezimbi enizenzileyo;

UHezekile 33:18-19

Lakubuya ilungisa ebulungiseni balo, lenze ngobugqwetha, lofa ngabo. Akubuya ongendawo kokungendawo kwakhe, enze ngokusesikweni nangobulungisa, inene, wophila ngenxa yoko.

UHezekile 36:25-26

Ndiya kunitshiza ngamanzi amhlophe, nihlambuluke; ndinihlambulule kubunqambi benu bonke, nakwizigodo zenu zonke. Ndoninika intliziyo entsha, ndininike umoya omtsha ngaphakathi kwenu; ndiyisuse intliziyo elilitye enyameni yenu, ndininike intliziyo eyinyama.

UDaniyeli 9:3-6

Ndabubhekisa ubuso bam kwiNkosi yam uThixo, ukuba ndifune imithandazo nezitarhuziso, ndizila ukudla, ndinezirhwexayo nothuthu. Ndathandaza ke kuYehova uThixo wam, ndavuma ndathi, Awu! Nkosi, Thixo omkhulu owoyikekayo, obagcinela umnqophiso nenceba abo bamthandayo, bayigcinayo imithetho yakhe, sonile, senze ngobugwenxa, senze okungendawo; sigwilikile, siphambukile emithethweni yakho, nasemasikweni akho. Asibaphulaphulanga abakhonzi bakho, abaprofeti ababethetha egameni lakho kookumkani bethu, nakubathetheli bethu, nakoobawo, nakubo bonke abantu belizwe.

UDaniyeli 9:8

Nkosi, kuthi kukudana kobuso, kookumkani bethu, nakubathetheli bethu, nakoobawo; ngokuba sonile kuwe.

UDaniyeli 9:9-10

ENkosini uThixo wethu yimfesane, noxolelo, kuba sigwilikile kuye. Asiliphulaphulanga ilizwi likaYehova uThixo wethu, ukuba sihambe ngemiyalelo yakhe, abeyibeke phambi kwethu ngabakhonzi bakhe, abaprofeti.

UDaniyeli 9:20

Ndathi ndisathetha, ndithandaza, ndivuma isono sam, nesono sabantu bakowethu amaSirayeli, ndiwisa ukutarhuzisa kwam phambi koYehova uThixo wam, ngenxa yentaba engcwele yoThixo wam:

UDaniyeli 12:2

Kuya kuvuka abaninzi kwabaleleyo eluthulini lomhlaba, aba baye ebomini obungunaphakade, naba baye kwingcikivo nakwinyumnyezi engunaphakade.

UHoseya 14:1

Sirayeli, buya, uze kuYehova, uThixo wakho; ngokuba ukhubekile ngobugwenxa bakho.

UYoweli 2:12-13

Nangoku ke, utsho uYehova ukuthi, Buyelani kum ngentliziyo yenu yonke, nangokuzila, nangokulila, nangokumbambazela; nikrazule intliziyo yenu, ingabi ziingubo zenu, nibuyele kuYehova uThixo wenu; kuba unobabalo nemfesane, yena uzeka kade umsindo, unenceba enkulu, uyazohlwaya ngenxa yobubi.

UYoweli 3:14

Yimbuthumbuthu, yimbuthumbuthu entilini yesigqibo! Kuba isondele imini kaYehova entilini yesigqibo.

UYona 3:5-10

Amadoda aseNineve akholwa kuThixo, amema uzilo, ambatha ezirhwexayo, ethabathela kwabakhulu bawo, esa kwabancinane bawo. Lafika ilizwi elo kukumkani waseNineve; wesuka etroneni yakhe, wayisusa wayibeka phantsi ingubo yakhe ende, wazigubungela ngezirhwexayo, wahlala phantsi eluthuthwini. Wathi, makudandulukwe kutshiwo eNineve ngomthetho wokumkani nezikhulu zakhe, ukuthi: Umntu nempahla enkulu, iinkomo nempahla emfutshane, mazingevi nento; mazingadli, mazingaseli namanzi; maze azigubungele ngezirhwexayo umntu nempahla enkulu, akhale kuThixo ngokunamandla, abuye elowo endleleni yakhe embi, elugonyamelweni olusezandleni zakhe. Ngubani na owaziyo ukuba akangebuyi kanti azohlwaye uThixo, abuye ekuvutheni komsindo wakhe, ukuze singabhubhi? UThixo wazibona izenzo zabo, ukuba babuyile ezindleleni zabo ezimbi; uThixo wazohlwaya ngenxa yobubi, abethe uya kubenza kubo; akabenza.

UMika 7:9

Ukujala kukaYehova ndiya kukuthwala, kuba ndonile kuye, ade andithethelele etyaleni lam, andilungisele; uya kundikhuphela ekukhanyeni; ndiya kububona ubulungisa bakhe.

UMika 7:18-19

Ngubani na onguThixo onjengawe, oxolela ubugwenxa, adlule esikreqweni samasalela elifa lakhe? Akawugcini unaphakade umsindo wakhe; kuba yena uthanda ukwenza inceba. Wobuya abe nemfesane kuthi, abunyathelele phantsi ubugwenxa bethu; woziphosa ezinzulwini zolwandle zonke izono zabo.

UMateyu 1:21

Uya kuzala unyana ke, umbize ngegama elinguYesu; kuba yena eya kubasindisa abantu bakhe ezonweni zabo.

UMateyu 3:2

Guqukani, kuba ubukumkani bamazulu busondele.

UMateyu 3:5-6

Babephuma oko besiya kuye abaseYerusalem, nabelakwaYuda bonke, nabommandla wonke waseYordan. Babhaptizwa nguye eYordan apho, bezixela izono zabo.

UMateyu 3:7-8

Ke kaloku, akubona into eninzi yabaFarisi nabaSadusi besiza ekubhaptizeni kwakhe, wathi kubo, Nzalandini yamarhamba, ngubani na onibonisileyo ukuba niyibaleke ingqumbo ezayo? Velisani ngoko iziqhamo eziyifaneleyo inguquko; ize ningabi nithi phakathi kwenu,

UMateyu 3:10-12

Kananjalo izembe selibekiwe engcanjini yemithi; ngoko yonke imithi engavelisi siqhamo sihle, iyagawulwa iphoswe emlilweni. Mna okunene ndinibhaptizela enguqukweni ngamanzi; kodwa lowo uzayo emva kwam unamandla kunam, ozimbadada ndingakulingeneyo ukuziphatha; yena ke uya kunibhaptiza ngoMoya oyiNgcwele nangomlilo: omnyazi wokwela usesandleni sakhe; uya kusicokisa kuthi tu isanda sakhe, ayibuthele kuvimba ingqolowa yakhe, kodwa wona umququ uya kuwutshisa ngomlilo ongacimekiyo.

UMateyu 3:13-15

Kuthi ngelo xa afike uYesu eYordan kuYohane, evela kwelaseGalili, ukuba abhaptizwe nguye. Ke kaloku uYohane wayemalela, esithi, Mna kufuneka ndibhaptizwe nguwe nje, uza kum na wena? Uphendule ke uYesu wathi kuye, Vuma okwakaloku; kuba kusifanele thina ukwenjenjalo ukuzalisa bonke ubulungisa. Andule ke ukumvumela.

UMateyu 4:16-17

Abantu abo bahleli ebumnyameni Babone ukukhanya okukhulu; Nabo bahleli ezweni nasethunzini lokufa Bavelelwe kukukhanya. Waqala oko uYesu ukumemeza, esithi, Guqukani, kuba ubukumkani bamazulu busondele.

UMateyu 5:3-10

Banoyolo abangamahlwempu ngomoya; ngokuba ubukumkani bamazulu bobabo. Banoyolo abakhedamileyo; ngokuba baya konwatyiswa bona. Banoyolo abanobulali; ngokuba umhlaba baya kuwudla ilifa bona. Banoyolo abalambela banxanelwe ubulungisa; ngokuba baya kuhluthiswa bona. Banoyolo abanenceba; ngokuba baya kwenzelwa inceba bona. Banoyolo abahlambulukileyo intliziyo; ngokuba baya kumbona uThixo bona. Banoyolo abaxolisi; ngokuba baya kubizwa ngokuthi bangoonyana bakaThixo bona. Banoyolo abatshutshiswa ngenxa yobulungisa; ngokuba ubukumkani bamazulu bobabo.

UMateyu 5:18-20

Kuba inene ndithi kuni, Koda kudlule izulu nehlabathi, kungakhanga kudlule nalinye iganyana nokuba lisuntswana emthethweni, kude kwenzeke konke. Othe ngoko wachitha noko umnye kule mithetho mincinanana, wabafundisa abantu ngokunjalo, kothiwa ungomncinanana ebukumkanini bamazulu; othe wenza wafundisa ngayo, kothiwa ngomkhulu ebukumkanini bamazulu. Kuba ndithi kuni, Ukuba ubulungisa benu abuthanga bugqithe kakhulu kobababhali nabaFarisi, anisayi kuza ningene ebukumkanini bamazulu.

UMateyu 5:29-30

Ukuba ke iliso lakho lokunene liyakukhubekisa, linyothule ulilahle kuwe; kuba kukulungele kanye ukuba kutshabalale libe linye emalungwini akho, kunokuba umzimba wakho uphela uphoswe esihogweni. Nokuba isandla sakho sokunene siyakukhubekisa, sinqamle usilahle kuwe; kuba kukulungele kanye ukuba kutshabalale libe linye emalungwini akho, kunokuba umzimba wakho uphela uphoswe esihogweni.

UMateyu 5:48

Ngoko yibani ngabafezekileyo, njengokuba uYihlo osemazulwini efezekile.

UMateyu 6:9-13

Thandazani ngoko nina nenjenje: Bawo wethu osemazulwini, malingcwaliswe igama lakho. Mabufike ubukumkani bakho. Makwenziwe ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengokuba kusenziwa emazulwini. Siphe namhla isonka sethu semihla ngemihla. Usixolele amatyala ethu, njengokuba nathi sibaxolela abo banamatyala kuthi. Ungasingenisi ekulingweni, sihlangule enkohlakalweni. Ngokuba bubobakho ubukumkani, namandla, nozuko, kuse kuwo amaphakade. Amen.

UMateyu 6:14-15

Kuba xa nithi nibaxolele abantu iziphoso zabo, uYihlo osemazulwini wonixolela nani. Xa nithi ningabaxoleli abantu iziphoso zabo, noYihlo ke akayi kunixolela iziphoso zenu.

UMateyu 6:22-23

Isibane somzimba liliso; xa sukuba iliso lakho ngoko lingenakumbi, umzimba wakho uphela wokhanyiseleka. Kodwa xa sukuba iliso lakho likhohlakele, umzimba wakho uphela woba bubumnyama. Ukuba ngoko ukukhanya okukuwe kububumnyama, bungakanani na ubumnyama obo!

UMateyu 6:24

Akukho mntu unako ukukhonza nkosi mbini; kuba eya kuyithiya le ayithande leya, athi mhlawumbi abambelele kule ayidele leya. Aninako ukukhonza uThixo nobutyebi.

UMateyu 6:33

Funani ke tanci ubukumkani bukaThixo nobulungisa bakhe, zaye zonke ezo zinto ziya kongezelelwa kuni.

UMateyu 7:13-14

Ngenani ngesango elimxinwa; ngokuba libanzi isango, iphangalele nendlela, esa entshabalalweni; baninzi ke abangena ngalo. Ngokuba limxinwa isango, icuthene nendlela, esa ebomini; bambalwa ke abalifumanayo.

UMateyu 7:17-20

Ngokunjalo yonke imithi elungileyo ivelisa iziqhamo ezihle, ke wona umthi ongenguwo uvelisa iziqhamo ezibi. umthi olungileyo awunakuvelisa ziqhamo zibi, nomthi ongenguwo awunakuvelisa ziqhamo zihle. Wonke umthi ongavelisi ziqhamo zihle uyagawulwa, uphoswe emlilweni. Ngoko ke nobaqonda ngeziqhamo zabo.

UMateyu 7:21-23

Asingabo bonke abathi kum, Nkosi, Nkosi, abaya kungena ebukumkanini bamazulu; ngokwenzayo ukuthanda kukaBawo osemazulwini. Baninzi abaya kuthi kum ngaloo mini, Nkosi, Nkosi, sasingathe na egameni lakho saprofeta, sathi egameni lakho sakhupha iidemon, sathi egameni lakho senza imisebenzi yamandla emininzi? Ndandule ndibaxelele, ndithi, Andizanga ndinazi; mkani kum, nina nenza okuchasene nomthetho.

UMateyu 10:22

niya kuthiywa ngabantu bonke ngenxa yegama lam; ke onyamezelayo kwada kwaba kwasekupheleni, uya kusindiswa yena.

UMateyu 10:28

Ningaboyiki abo babulala umzimba, kodwa bengenako ukuwubulala wona umphefumlo; yoyikani ke kanye lowo unako ukutshabalalisa umphefumlo kwanomzimba esihogweni somlilo.

UMateyu 10:32-33

Wonke umntu ngoko oya kundivuma phambi kwabantu, ndiya kumvuma nam phambi koBawo osemazulwini. Osukuba ke eya kundikhanyela phambi kwabantu, ndiya kumkhanyela nam phambi koBawo osemazulwini.

UMateyu 10:37-39

Lowo uthanda uyise nokuba ngunina kunam, akandifanele mna; nalowo uthanda unyana wakhe nokuba yintombi yakhe kunam, akandifanele mna. Nongawuthabathiyo umnqamlezo wakhe, alandele emva kwam, akandifanele mna. Lowo uwufumeneyo umphefumlo wakhe, wolahlekwa nguwo; nalowo uwulahlileyo umphefumlo wakhe ngenxa yam, uya kuwufumana.

UMateyu 11:20

Waza waqala ukuyidubula loo mizi yayenzeke kuyo inkoliso yemisebenzi yakhe yamandla, ngokuba ingaguqukanga, esithi,

UMateyu 15:19

Kuba kuyo intliziyo kuphuma izicamango ezingendawo, ookubulala, ookukrexeza, oomibulo, oobusela, ookungqina ubuxoki, ookunyelisa.

UMateyu 16:26

Kuba, kumnceda ntoni na umntu, ukuba uthe wazuza ihlabathi liphela, waza wonakalelwa ke ngumphefumlo wakhe? Okanye worhola ntoni na umntu, ibe sisananelo somphefumlo wakhe?

UMateyu 18:3

Wathi, Inene, ndithi kuni, Ukuba anithanga niguquke, nibe njengabantwana aba, aniyi kukha ningene ebukumkanini bamazulu.

UMateyu 18:6

Ke othe wakhubekisa noko amnye waba bancinane bakholwayo kum, ebelungelwe kanye kukuba anxitywe ilitye lokusila entanyeni, antywiliselwe enzulwini yolwandle.

UMateyu 18:8-9

Ukuba ke isandla sakho, nokuba lunyawo lwakho, luya kukhubekisa, lunqamle, ululahle: kukulungele ukuba ungene ebomini usisiqhwala, mhlawumbi usisilima, kunokuba uthi, unezandla ezibini, mhlawumbi uneenyawo ezimbini, uphoswe emlilweni ongunaphakade. Nokuba iliso lakho liya kukhubekisa, lincothule, ulilahle; kukulungele ukuba ungene ebomini unaliso linye, kunokuba uthi, unamehlo amabini, uphoswe esihogweni somlilo.

UMateyu 18:21-22

Kwandula kweza uPetros kuye wathi, Nkosi, koba futhi kangaphi na umzalwana wam endona, ndimxolela? Koda kube kasixhenxe na? Athi uYesu kuye, Andithi kuwe, koda kube kasixhenxe; ndithi, koda kube kamashumi asixhenxe aphindiweyo kasixhenxe.

UMateyu 18:35

Wothi noBawo wasemazulwini enjenjalo kuni, ukuba anithanga nonke ngabanye nabaxolela abazalwana benu iziphoso zabo ngeentliziyo zenu.

UMateyu 19:29

Umntu wonke oshiye izindlu, nokuba ngabazalwana, nokuba ngoodade, nokuba nguyise, nokuba ngunina, nokuba ngumfazi, nokuba ngabantwana, nokuba ngamasimi, ngenxa yegama lam, uya kwamkela kalikhulu, abudle ilifa ubomi obungunaphakade.

UMateyu 20:28

kwanjengokuba uNyana woMntu engezanga kulungiselelwa; weza kulungiselela, nokuncama ubomi bakhe, bube yintlawulelo yokukhulula abaninzi.

UMateyu 21:32

Ngokuba uYohane weza kuni ngendlela yobulungisa, anakholwa nguye; kodwa bakholwa nguye bona ababuthi berhafu namahenyukazi; ke nina, nakukubona oko, anibuyanga nizohlwaye, ukuze nikholwe nguye.

UMateyu 22:11-14

Ke kaloku akungena ukumkani, eza kukhangela abamenyiweyo, wabona apho umntu ongambethe ngubo yamsitho. Athi kuye, Wethu, utheni na ukungena apha, ungenayo ingubo yomsitho? Lamkhohla ke. Wathi ukumkani kubalungiseleli, Mbopheni iinyawo nezandla, nimthabathe, nimkhuphele ebumnyameni bangaphandle; khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo. Kuba baninzi ababiziweyo, ke bambalwa abanyuliweyo.

UMateyu 22:37-40

Wathi ke uYesu kuye, Uze uyithande iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangengqondo yakho iphela. Nguwo lowo owokuqala nomkhulu umthetho. Owesibini ke ufana nawo: Uze umthande ummelwane wakho ngoko uzithanda ngako. Kule mithetho yomibini kuxhomekeke umyalelo uphela nabaprofeti.

UMateyu 24:13

Ke onyamezeleyo kwada kwaba sekupheleni, lowo uya kusindiswa.

UMateyu 25:1-12

Ngelo xesha ubukumkani bamazulu buya kufanekiswa neentombi ezilishumi, ezazithabathayo izibane zazo, zaphuma zaya kumkhawulela umyeni. Ezintlanu ke kuzo zaye ziziingqondi, ezintlanu ziziziyatha. Ezo ziziziyatha zaphatha izibane zazo, azaphatha oli nazo; kodwa eziziingqondi zaphatha ioli ezityeni zazo, kwanezibane zazo. Ke kaloku, akubon’ ukuba ulibele umyeni, zozela zonke zalala. Phakathi kobusuku ke kwabakho umemezo oluthi, Nanko umyeni esiza; phumani niye kumkhawulela. Zaza zavuka zonke ezo ntombi, zalungisa izibane zazo. Zathi ke eziziziyatha kweziziingqondi, Sipheni kwioli yenu leyo, ngokuba izibane zethu zicima. Zaphendula ke eziziingqondi, zathi, Hayi, hleze inganeli kuthi nakuni; yiyani kanye kwabathengisayo, nizithengele. Kuthe ke, zisaya kuthenga, wafika umyeni; zaza ezo bezisezilungile zangena naye emsithweni, lwavalwa ke ucango. Zithi ke kamva zifike nezinye iintombi ezo, zisithi, Nkosi, nkosi, sivulele. Yaphendula ke yona yathi, Inene ndithi kuni, andinazi nina.

UMateyu 25:31-46

Xa ke athe wafika uNyana woMntu esebuqaqawulini bakhe, enazo zonke izithunywa ezingcwele, ngelo xa uya kuhlala phezu kwetrone yobuqaqawuli bakhe; zihlanganiswe phambi kwakhe zonke iintlanga, abahlule abanye kwabanye, njengokuba umalusi ezahlula izimvu ezibhokhweni; athi zona izimvu azimise ngasekunene kwakhe, athi kodwa zona iibhokhwe azimise ngasekhohlo. Uya kuthi ke ukumkani kwabangasekunene kwakhe, Yizani, nina nisikelelweyo nguBawo, nibudle ilifa ubukumkani obalungiselwa nina kwasekusekweni kwehlabathi; kuba ndalamba, nandipha ukudla; ndanxanwa, nandiseza; ndandingowasemzini, nandingenisa endlwini; ndandize, nandambesa; ndandisifa, nandivelela; ndandisentolongweni, neza kum. Oza amphendule ke amalungisa, esithi, Nkosi, sakubona nini na ulambile, sakonga; unxaniwe, sakuseza? Sakubona nini na ke ungowasemzini, sakungenisa endlwini, uze, sakwambesa? Sakubona nini na ke usifa, okanye usentolongweni, seza kuwe? Aze aphendule ukumkani athi kuwo, Inene ndithi kuni, Ekubeni nenjenjalo nakumnye waba bazalwana bam bangabona bancinane, nenjenjalo nakum. Uya kuthi nakwabangasekhohlo, Mkani kum, nina baqalekiswa, niye emlilweni ongunaphakade, owalungiselwa uMtyholi nezithunywa zakhe. Kuba ndalamba, anandipha kudla; ndanxanwa, anandiseza; ndandingowasemzini, anandingenisa ndlwini; ndandize, anandambesa; ndandisifa, ndandisentolongweni, anandivelela. Boza ke bamphendule nabo, besithi, Nkosi, sakubona nini na ulambile, okanye unxaniwe, okanye ungowasemzini, okanye uze, okanye usifa, okanye usentolongweni, asakulungiselela? Aze abaphendule, esithi, Inene ndithi kuni, Ekubeni ningenjanga njalo nakumnye waba bangabona bancinane, anenjanga njalo nakum. Baya kumka aba baye elubethweni olungunaphakade; ke wona amalungisa aya kuya ebomini obungunaphakade.

UMateyu 26:28

kuba ligazi lam eli lomnqophiso omtsha, eliphalala ngenxa yabaninzi, ukuze kuxolelwe izono.

UMateyu 26:41

Lindani nithandaze, ukuze ningangeni ekuhendweni; umoya wona okunene unentumekelelo, ke yona inyama ithambile.

UMateyu 27:50-51

Uthe ke uYesu, ephinde wadanduluka ngezwi elikhulu, wawukhupha umoya wakhe. Lasuka ikhuselo lengcwele lakrazuka kubini, lithabathele phezulu lada lesa phantsi; umhlaba wanyikima, namawa acandeka,

UMateyu 28:19

Hambani ngoko niye kuzenza abafundi zonke iintlanga, nibabhaptizela egameni loYise, loNyana, loMoya oyiNgcwele;

UMarko 1:4-5

Kwaye kukho uYohane, ebhaptiza entlango, evakalisa ubhaptizo lwenguquko, ukuze kuxolelwe izono. Laye liphuma lisiya kuye lonke ilizwe lakwaYuda nabaseYerusalem; baye bonke bebhaptizwa nguye eYordan emlanjeni, bezixela izono zabo.

UMarko 1:15

esithi, Lizalisekile ixesha, nobukumkani bukaThixo busondele; guqukani, nikholwe kuzo iindaba ezilungileyo ezi.

UMarko 6:11-12

Abo sukuba benganamkeli, benganiva nokuniva, nakuphuma kuloo ndawo, vuthululani uthuli oluphantsi kweenyawo zenu, kube bubungqina oko kubo. Inene ndithi kuni, Koba nokunyamezeleka okweSodom nokweGomora ngomhla womgwebo, kunokwaloo mzi. Baphuma bavakalisa ukuba mabaguquke abantu.

UMarko 7:20-23

Wayesithi ke, Into ephumayo emntwini, yiyo leyo emenza inqambi umntu; kuba ngaphakathi, kuyo intliziyo yomntu, kuphuma izicamango ezibi, ookukrexeza, oomibulo, ookubulala, oobusela, ookubawa, okungendawo, iinkohliso, uburheletyo, umona, ukunyelisa, ukukratsha, ukuswela kuqonda; zonke ezi zinto zingendawo ziphuma ngaphakathi, zimenze inqambi umntu.

UMarko 8:34-37

Esibizele kuye isihlwele, kwanabafundi bakhe, wathi kubo, Osukuba ethanda ukundilandela, makazincame, awuthwale umnqamlezo wakhe, andilandele ke. Kuba othe wathanda ukuwusindisa umphefumlo wakhe, wolahlekelwa nguwo; ke yena othe wawulahla umphefumlo wakhe ngenxa yam, nangenxa yeendaba ezilungileyo ezi, wowusindisa. Kuba komnceda ntoni na umntu, ukuba uthe walizuza ihlabathi liphela, waza wonakalelwa ngumphefumlo wakhe? Okanye worhola ntoni na umntu, ibe sisananelo somphefumlo wakhe?

UMarko 8:38

Kuba othe waneentloni ngam nangamazwi am, kwesi sizukulwana sikrexezayo, sonayo, naye uNyana woMntu woba neentloni ngaye, xa athe weza esebuqaqawulini boYise, enezithunywa ezingcwele.

UMarko 9:43-44

Nokuba ke isandla sakho sithe sakukhubekisa, sinqamle sona; kukulungele kanye ukuba ungene ebomini usisilima, kunokuba uthi, unezandla zozibini, umke uye esihogweni, emlilweni ongacimekiyo, apho kumpethu ingafiyo, kumlilo ungacinywayo.

UMarko 9:45-46

Nokuba unyawo lwakho luthe lwakukhubekisa, lunqamle lona; kukulungele kanye ukuba ungene ebomini usisiqhwala, kunokuba uthi, uneenyawo zombini, uphoswe esihogweni, emlilweni ongacimekiyo, apho kumpethu ingafiyo, kumlilo ungacinywayo.

UMarko 9:47-48

Nokuba iliso lakho lithe lakukhubekisa, likhuphe lona; kukulungele kanye ukungena ebukumkanini bukaThixo unaliso linye, kunokuba uthi, unamehlo amabini, uphoswe esihogweni somlilo, apho kumpethu ingafiyo, kumlilo ungacinywayo.

UMarko 10:15

Inene ndithi kuni, Othe akabamkela ubukumkani bukaThixo njengomntwana, akayi kukha angene kubo.

UMarko 10:45

kuba noNyana woMntu engezanga kulungiselelwa; weza kulungiselela, nokuncama ubomi bakhe, bube yintlawulelo yokukhulula abaninzi.

UMarko 11:25

Naxa sukuba nimi nithandaza, ukuba ninendawo ngakothile, mxoleleni, ukuze noYihlo osemazulwini anixolele iziphoso zenu.

UMarko 11:26

Ke, ukuba anixoleli nina, naye uYihlo osemazulwini akasayi kunixolela iziphoso zenu.

UMarko 13:13

nithiywe ngabantu bonke, ngenxa yegama lam. Ke onyamezelayo kude kube sekupheleni, lowo wosindiswa.

UMarko 14:24

Wathi kubo, Ligazi lam eli lomnqophiso omtsha, eliphalala ngenxa yabaninzi.

UMarko 14:36

Wayesithi, Abha, Bawo, zonke izinto zinokwenzeka kuwe; yigqithise kum le ndebe; noko ke makungabi kokuthandwa ndim, makube kokuthandwa nguwe.

UMarko 14:38

Lindani nithandaze, ukuze ningangeni ekuhendweni; umoya okunene unentumekelelo, ke yona inyama ithambile.

UMarko 16:16

Lowo ukholiweyo wabhaptizwa, wosindiswa; ke yena ongakholwanga, wogwetywa.

ULuka 1:50

Yaye inceba yakhe ikwizizukulwana ngezizukulwana Kwabo bamoyikayo.

ULuka 1:75

Ngobungcwele nangobulungisa emehlweni ayo, yonke imihla yobomi bethu.

ULuka 1:77

Ukuze ubanike abantu bayo ukwaziwa kosindiso Ngoxolelo lwezono zabo,

ULuka 3:3

Weza kuwo wonke ummandla waseYordan, evakalisa ubhaptizo lwenguquko ukuze kuxolelwe izono;

ULuka 3:7-9

Wayesithi ngoko kuzo izihlwele ezaziphuma zisiza kubhaptizwa nguye, Nzalandini yamarhamba, ngubani na owanibonisayo, ukuba niyibaleke ingqumbo ezayo? Velisani ngoko iziqhamo eziyifaneleyo inguquko; ize ningaqali nithi ngaphakathi kwenu, Thina sinobawo uAbraham: kuba ndithi kuni, Unako uThixo kuwo la matye ukumvelisela abantwana uAbraham. Kananjalo izembe selibekiwe engcanjini yemithi; ngoko umthi wonke ongavelisi siqhamo sihle, uyagawulwa, uphoswe emlilweni.

ULuka 3:12

Kweza ke nababuthi berhafu ukuba babhaptizwe, bathi kuye, Mfundisi, masenze ntoni na?

ULuka 3:21

Ke kaloku kwathi, ekubeni bebhaptiziwe abantu bonke, ebhaptiziwe naye uYesu, ethandaza nokuthandaza, lasuka lavuleka izulu,

ULuka 4:18

UMoya weNkosi uphezu kwam, Ethe ngenxa yoko yandithambisela ukushumayela iindaba ezilungileyo kumahlwempu. Indithume ukuba ndiphilise abantliziyo ityumkileyo, ndivakalise inkululeko kubathinjwa, Nokubuyiselwa kokubona kwabaziimfama, Ndindulule abaqobekileyo bekhululekile,

ULuka 5:8

Uthe ke akukubona oko uSimon Petros, wawa emadolweni kaYesu, esithi, Mka kum, ngokuba ndiyindoda engumoni, Nkosi.

ULuka 6:36-37

Ngoko ke yibani nenceba, njengokuba naye uYihlo enenceba. Musani ukugweba, naye ningasayi kugwetywa; musani ukusingela phantsi, naye ningasayi kusingelwa phantsi; khululani, naniya kukhululwa.

ULuka 7:30

Ke bona abaFarisi nabaqondisi-mthetho bazitshitshisela icebo likaThixo, kuba bengabhaptizwanga nguye.

ULuka 7:46-48

Intloko yam akuyithambisanga ngaoli; ke yena iinyawo zam uzithambise ngamafutha aqholiweyo. Ngenxa yoko ndithi kuwe, Izono zakhe uzixolelwe, bezizininzi; ngokuba uthande kakhulu; ke yena oxolelwe kancinane, uthanda kancinane. Wathi ke kuye, Zixolelwe izono zakho.

ULuka 9:23-25

Wayesithi ke kubo bonke, Ukuba ubani uthanda ukundilandela, makazincame, awuthwale umnqamlezo wakhe imihla ngemihla, andilandele ke. Ngokuba osukuba ethanda ukuwusindisa umphefumlo wakhe, wolahlekelwa nguwo; ke othe wawulahla umphefumlo wakhe ngenxa yam, wowusindisa lowo. Kuba kumnceda ntoni na umntu ukuthi azuze ihlabathi liphela, abe ke ezilahlile, mhlawumbi ezonakalisile?

ULuka 9:26

Kuba othe waneentloni ngam, nangawo amazwi am, uNyana woMntu woba neentloni ngaye lowo, xa athe weza esebuqaqawulini bakhe, nobukaYise, nobezithunywa ezingcwele.

ULuka 9:62

Uthe ke uYesu kuye, Akukho namnye usibekileyo isandla sakhe epuluweni, abe emana ekhangela kokusemva, ubulungeleyo ubukumkani bukaThixo.

ULuka 11:2-4

Uthe ke yena kubo, Xa sukuba nithandaza, yithini, Bawo wethu osemazulwini, malingcwaliswe igama lakho. Mabufike ubukumkani bakho. Makwenziwe ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengokuba kusenziwa emazulwini. Siphe imihla yonke isonka sethu semihla ngemihla, usixolele izono zethu; kuba nathi sibaxolela bonke abanamatyala kuthi. Ungasingenisi ekulingweni; sihlangule enkohlakalweni.

ULuka 12:8-9

Ndithi ke kuni, Wonke umntu othe wandivuma phambi kwabantu, kwanoNyana woMntu uya kumvuma phambi kwezithunywa zikaThixo. Ondikhanyeleyo ke emehlweni abantu, wokhanyelwa emehlweni ezithunywa zikaThixo.

ULuka 13:2-5

Waphendula uYesu wathi kubo, Niba na loo maGalili ebengaboni ngaphezu kwawo onke amaGalili, ngokuba eve ubunzima obunjalo? Ndithi kuni, Hayi; nothi xa sukuba ningaguquki, nitshabalale kwangokunjalo nonke. Hi, bona abo balishumi elinesibhozo, bawelwa yinqaba eseSilowa, yababulala; niba na babenetyala ngaphezu kwabo bonke abantu abemiyo eYerusalem? Ndithi kuni, Hayi; nothi, xa sukuba ningaguquki, nitshabalale kwangokunjalo nonke.

ULuka 15:7

Ndithi kuni, ngokukwanjalo kuya kubakho uvuyo emazulwini ngomoni eba mnye oguqukayo, kunamashumi asithoba anesithoba amalungisa, angaswele nguquko.

ULuka 15:10

Ngokukwanjalo ndithi kuni, kubakho uvuyo emehlweni ezithunywa zikaThixo ngomoni eba mnye oguqukayo.

ULuka 15:11-32

Ke kaloku wathi, Umntu othile ube enoonyana ababini. Wathi omnci wabo kuyise, Bawo, ndinike isahlulo sempahla esilunge nam. Wababela imfuyo leyo. Kuthe kungekabi ntsuku zininzi, wahlanganisa into yonke unyana omnci, wesuka kwelakowabo, waya ezweni elikude; wathi khona apho wayichitha impahla yakhe ngentlalo yokuzibhubhisa. Akubon’ ukuba udle konke, kwabakho indlala enzima kwelo zwe, waqala ukuswela naye. Waya wanamathela komnye kubemi belo zwe; wathi yena wamthumela emihlabeni yakhe, ukuba aye kwalusa iihagu. Ubenqwenela ke ukusizalisa isisu sakhe ngeengxam ezabe zidliwa ziihagu; bekungekho mntu umphayo. Ke kaloku, akuba nokuziqonda, wathi, Kanene bangakanani na abaqeshwa bakabawo, abadikwa zizonka; nanku ke mna ndiphela yindlala? Ndiya kusuka ndiye kubawo, ndithi kuye, Bawo, ndonile kuwo amazulu, nasemehlweni akho. Andisafanele kubizwa ngonyana wakho; ndenze ndibe njengomnye kubaqeshwa bakho. Wesuka weza kuyise. Ke kaloku, akubon’ ukuba usekude lee, uyise wambona, wasikwa yimfesane, wagidima, wawa entanyeni yakhe, wamanga. Wathi ke unyana kuye, Bawo, ndonile kuwo amazulu, nasemehlweni akho; andisafanele kubizwa ngonyana wakho. Uthe ke uyise kubakhonzi bakhe, Rholani ingubo ende, eyona intle, nimambathise, nifake umsesane esandleni sakhe, neembadada ezinyaweni zakhe. Nizise ithole, eliya lityetyisiweyo, nixhele; sidle, sibe nemihlali. Ngokuba lo nyana wam ubefile, wabuya waphila; ubelahlekile, wafunyanwa. Baqala ke ukuba nemihlali. Ke kaloku unyana wakhe omkhulu ebesentsimini; wathi xa azayo, wasondela endlwini, weva ukugwala nokududa. Wabizela kuye omnye kubakhonzi, wambuza ukuba zingaba ziyini na ezi zinto. Uthe ke yena kuye, Umninawa wakho ufikile; uyihlo ke uxhele ithole, eliya lityetyisiweyo; ngokuba ebuye wamzuzu ephilile. Waqumba ke, akavuma nokungena. Uphumile ke uyise wambongoza. Waphendula ke yena wathi kuyise, Uyabona, le minyaka ingakanana ndiyakukhonza, andizanga ndigqithe mthetho wakho; ukanti akuzanga undinike netakane eli, ukuze ndenze imihlali nezam izihlobo; kodwa xenikweni afikileyo lo nyana wakho, wayidlayo wayigqiba impilo yakho namahenyukazi, umxhelele ithole eliya lityetyisiweyo. Uthe ke yena kuye, Mntwana wam, wena uhleli unam, nazo zonke izinto zam zezakho. Besimelwe kukuthi senze imihlali ke, sivuye; ngokuba umninawa wakho lo ubefile, wabuya waphila; ubelahlekile, wafunyanwa.

ULuka 16:30-31

Sithe ke sona, Hayi, bawo Abraham; ukuba kuthe kwaya kubo ovela kwabafileyo, boguquka. Uthe ke kuso, Ukuba uMoses nabaprofeti ababeva, abayi koyiseka, nokuba kuthe kwavuka bani kwabafileyo.

ULuka 17:3-4

Zilumkeleni; ukuba ke umzalwana wakho uthe wakona, mkhalimele; ukuba uthe waguquka, mxolele. Nokuba uthe wakona kasixhenxe ngemini, waza wabuyela kuwe kasixhenxe ngemini, esithi, Ndiyaguquka, wothi umxolele.

ULuka 18:13

Waye umbuthi werhafu emi kude, engathandi nokuphakamisela amehlo akhe ezulwini; wamana ukubetha esifubeni sakhe, esithi, Thixo, yiba netarhu kum, mna moni.

ULuka 19:10

kuba uNyana woMntu weza kufuna nokusindisa oko kulahlekileyo.

ULuka 22:19-20

Wathabatha isonka, wathi akubulela waqhekeza, wabanika, esithi, Ngumzimba wam lo, onikelwa ngenxa yenu; oku kwenzeleni ukundikhumbula. Kwangokunjalo nayo indebe wayithabatha, kwakukhovwa ukudliwa, esithi, Le ndebe ingumnqophiso omtsha osegazini lam, eliphalalela nina.

ULuka 22:40

Efikile ke kuloo ndawo, wathi kubo, Thandazani, ningangeni ekulingweni.

ULuka 22:42

esithi, Bawo, ukuba uyavuma, mayidlule le ndebe, kum; kodwa makungabi kukuthanda kwam, makube kokwakho okwenzekayo.

ULuka 23:39-43

Ke kaloku, omnye wabenzi bobubi ababexhonyiwe wayemnyelisa, esithi, Ukuba wena unguye uKristu, zisindise, nathi usisindise. Waphendula ke omnye wamkhalimela, esithi, Akumoyiki na wena uThixo, ukwakoku kugwetywa nje? Thina ke okunene sigwetywe ngobulungisa, kuba samkela okufanele esakwenzayo; kodwa yena lo akenzanga nto ingendawo. Wathi kuYesu, Uze undikhumbule, Nkosi, xa uthe weza usebukumkanini bakho. UYesu wathi kuye, Inene, ndithi kuwe, Namhlanje uya kuba nam eParadisi.

ULuka 24:46-47

wathi kubo, Kubhaliwe ngokunjalo, umelwe ngokunjalo uKristu kukuthi eve ubunzima, abuye avuke kwabafileyo ngomhla wesithathu; nokuba kuvakaliswe egameni lakhe inguquko noxolelo lwezono kuzo zonke iintlanga, kuqalelwa eYerusalem.

UYohane 1:12-13

Ke bonke abamamkelayo wabanika igunya lokuba babe ngabantwana bakaThixo, abo ke bakholwayo kwigama lakhe; abangazalwanga ngagazi, nangakuthanda kwanyama, nangakuthanda kwandoda; bazalwa nguThixo.

UYohane 1:29

Ngengomso uYohane umbona uYesu esiza kuye, athi, Nantso iMvana kaThixo, ethwala isuse isono sehlabathi.

UYohane 3:3

Waphendula uYesu wathi kuye, Inene, inene, ndithi kuwe, Ukuba akathanga umntu azalwe ngokutsha, akanakububona ubukumkani bukaThixo.

UYohane 3:5-7

Waphendula uYesu wathi, Inene, inene, ndithi kuwe, Ukuba umntu akathanga azalwe ngamanzi nanguMoya, akanakungena ebukumkanini bukaThixo. Okuzelwe yinyama kuyinyama, nokuzelwe nguMoya kungumoya. Musa ukumangaliswa kukuba ndithe kuwe, Nimelwe kukuthi nizalwe ngokutsha.

UYohane 3:14-21

Njengokuba ke uMoses wayiphakamisayo inyoka entlango, umelwe kukuphakanyiswa ngokunjalo uNyana woMntu; ukuze bonke abakholwayo kuye bangatshabalali, koko babe nobomi obungunaphakade. Kuba wenjenje uThixo ukulithanda kwakhe ihlabathi, ude wancama uNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze bonke abakholwayo kuye bangatshabalali, koko babe nobomi obungunaphakade. Kuba uThixo akamthumanga uNyana wakhe ehlabathini, ukuze aligwebe ihlabathi; wamthuma ukuze ihlabathi lisindiswe ngaye. Lowo ukholwayo kuye, akagwetywa; ke lowo ungakholwayo, uselegwetyiwe, ngokuba engakholwanga kwigana loNyana okuphela kwamzeleyo uThixo. Ke kaloku, umgwebo nguwo lo, ukuba ukhanyiso lufikile ehlabathini, baza abantu bathanda ubumnyama ngaphezu kokhanyiso; kuba imisebenzi yabo ingendawo. Kuba bonke abenza okubi, bayaluthiya ukhanyiso, bangezi elukhanyisweni, ukuze imisebenzi yabo ingohlwaywa. Ke lowo uyenzayo inyaniso uyeza elukhanyisweni, ukuze imisebenzi yakhe ibonakalaliswe; ngokuba isetyenzelwe kuThixo.

UYohane 3:22

Emveni kwezi zinto, weza uYesu nabafundi bakhe emhlabeni wakwaYuda; wakha walibala khona apho nabo; wabhaptiza.

UYohane 3:36

Lowo ukholwayo kuNyana, unobomi obungunaphakade; ke lowo ungamviyo uNyana, akayi kubona bomi; ingqumbo kaThixo ihleli phezu kwakhe.

UYohane 4:24

UThixo unguMoya; abo ke bamnqulayo bamelwe kukumnqula ngoMoya nangenyaniso.

UYohane 5:14

Emveni kwezi zinto, uYesu umfumana etempileni, athi kuye, Uyabona, uphilile; musa ukuba sona, ukuze ungahlelwa yinto embi kunaleyo.

UYohane 5:24

Inene, inene, ndithi kuni, Lowo ulivayo ilizwi lam, akholwe ngulowo wandithumayo, unobomi obungunaphakade; akezi ekugwetyweni; uphume ekufeni, wangena ebomini.

UYohane 5:28-29

Musani ukumangaliswa kuko oko; ngokuba kuza ilixa abaya kuthi ngalo bonke abasemangcwabeni balive ilizwi lakhe; baphume ke: abo benza izinto ezilungileyo beze eluvukweni lobomi; nabo ke benza izinto ezimbi, beze eluvukweni lokugwetywa.

UYohane 6:37

Konke andinikayo uBawo, kuya kuza kum; nozayo kum, andisayi kukha ndimlahlele phandle;

UYohane 6:40

Kuko ke oku ukuthanda kowandithumayo, ukuthi babe nobomi obungunaphakade bonke abambonayo uNyana, bakholwe kuye; ndandiya kubavusa mna ngomhla wokugqibela.

UYohane 6:44-45

Akukho namnye unako ukuza kum, engathanga uBawo owandithumayo amtsale; ndaye mna ndiya kumvusa ngomhla wokugqibela. Kubhaliwe ebaprofetini kwathiwa, Baye bonke beya kuba ngabafundiswa bakaThixo; bonke ngoko abathe beva kuBawo, bafunda kuye, bayeza kum.

UYohane 6:47

Inene, inene, ndithi kuni, Lowo ukholwayo kum unobomi obungunaphakade.

UYohane 6:51

Ndim isonka esiphilileyo, esi sehlayo emazulwini. Ukuba ubani uthe wasidla esi sonka, wodla ubomi ngonaphakade; ke isonka endiya kumnika sona mna, siyinyama yam, endiya kuyinikela ubomi behlabathi.

UYohane 6:53-58

Wathi ngoko uYesu kuwo, Inene, inene, ndithi kuni, Ukuba anithanga niyidle inyama yoNyana woMntu, nilisele igazi lakhe, aninabo ubomi kuni. Lowo uyidlayo eyam inyama, alisele elam igazi, unobomi obungunaphakade; ndaye mna ndiya kumvusa ngomhla wokugqibela. Kuba inyama yam ikukudla, inyaniso; negazi lam liluselo, inyaniso. Lowo uyidlayo eyam inyama, alisele elam igazi, uhleli kum, nam ndihleli kuye. Njengoko uBawo ophilileyo wandithumayo, ndibe nam ndiphilile ngenxa enoBawo, lowo undidlayo, kwayena uya kuphila ngam. Siso eso isonka esehla emazulwini; kungenjengokuba ooyihlo bayidlayo imana, bafa noko. Lowo usidlayo esi sonka, uya kuphila ngonaphakade.

UYohane 8:12

Wabuya ngoko uYesu wathetha kubo, esithi, Ndim ukhanyiselo lwehlabathi; lowo undilandelayo akasayi kuhamba ebumnyameni; yena uya kuba nalo ukhanyiso lobomi.

UYohane 8:24

Ndatsho ngoko kuni ukuthi, Niya kufela ezonweni zenu; kuba ekubeni nithe anakholwa ukuba ndinguye, niya kufela ezonweni zenu.

UYohane 8:31-32

Ubesithi ngoko uYesu kuloo maYuda akholiweyo kuye, Ukuba nina nithe nahlala elizwini lam, noba ningabafundi bam, inyaniso. Naniya kuyazi inyaniso, yaye inyaniso iya kunikhulula.

UYohane 9:31

Siyazi ke ukuba uThixo akabeva aboni; kodwa ukuba umntu uthi amhlonele uThixo, akwenze ukuthanda kwakhe, uyamva lowo.

UYohane 10:16

Ndinazo nezinye izimvu, ezingezizo ezobu buhlanti; nazo ezo ndimelwe kukuza nazo; zaye ziya kuliva izwi lam, zibe mhlambi mnye, nomalusi abe mnye.

UYohane 10:26-28

Nina anikholwa; kuba aningabo abezimvu zam; njengoko ndanixelelayo. Ezam izimvu ziyaliva ilizwi lam, ndibe nam ndizazi, zindilandela; mna ndizinika ubomi obungunaphakade; azisayi kutshabalala naphakade; akukho namnye uya kuzihlutha esandleni sam.

UYohane 11:25-27

Wathi uYesu kuye, Ndim uvuko, ndim ubomi; lowo ukholwayo kum, nokuba ubethe wafa, wodla ubomi. Bonke abadla ubomi bekholwa kum, abasayi kufa naphakade; uyakholwa na koko? Athi kuye, Ewe, Nkosi, mna ndiyakholwa ukuba wena unguye uKristu, uNyana kaThixo, lowo uzayo ehlabathini.

UYohane 12:25

Lowo uwuthandayo umphefumlo wakhe, wolahlekelwa nguwo; lowo uwuthiyayo umphefumlo wakhe kweli hlabathi, wowulondolozela ubomi obungunaphakade.

UYohane 12:42-43

Noko ke nakubo abaphathi into eninzi yakholwa kuye; kodwa ngenxa yabaFarisi yayingavumi ngamlomo, hleze ikhutshwe esikhungwini; kuba babethanda uzuko oluvela ebantwini, ngaphezu kozuko oluvela kuThixo.

UYohane 12:46

Mna, lukhanyiso, ndifikile ehlabathini, ukuze bonke abakholwayo kum bangahlali ebumnyameni.

UYohane 12:48

Lowo undigibayo, angawamkeli amazwi am, unaye omgwebayo; ilizwi endilithethileyo, lilo eliya kumgweba ngomhla wokugqibela.

UYohane 14:6

Uthi uYesu kuye, Ndim indlela, ndim inyaniso, ndim ubomi; akukho namnye uzayo kuBawo, engezi ngam.

UYohane 14:15

Ukuba niyandithanda, yigcineni imithetho yam.

UYohane 15:12-13

Nguwo lo umthetho wam, wokuba nithandane, njengoko ndanithandayo nina. Akukho namnye unalo uthando olungaphezu kolu, lokuba ubomi bakhe abuncamele izihlobo zakhe.

UYohane 16:8-11

Efikile ke, uya kulohlwaya ihlabathi lidane, ngenxa yesono, nangenxa yobulungisa, nangenxa yomgwebo; ngenxa yesono, ngokokuba bengakholwa kum; ngenxa yobulungisa, ngokokuba ndisiya kuBawo, ize ningabi sandibona; ngenxa yomgwebo, ngokokuba umphathi weli hlabathi egwetyiwe.

UYohane 17:17

Bangcwalise ngayo inyaniso yakho; ilizwi lakho liyinyaniso.

UYohane 20:29-31

Athi uYesu kuye, Ngokuba undibonile, Tomas, ukholiwe. Banoyolo abo bangabonanga, bakholwa noko. Mininzi ke okunene neminye imiqondiso awayenzayo uYesu emehlweni abafundi bakhe, engabhalwanga kuyo le ncwadi; kodwa le ibhalelwe ukuze nikholwe ukuba uYesu unguye uKristu, uNyana kaThixo, nokuze nithi, nikholwa, nibe nabo ubomi egameni lakhe.

IZenzo 2:21

Baya kuthi bonke abasukuba belinqula igama leNkosi basindiswe.

IZenzo 2:38

Uthe ke uPetros kubo, Guqukani nibhaptizwe nonke ngabanye egameni likaYesu Kristu, ukuze nixolelwe izono, namkele isipho soMoya oyiNgcwele.

IZenzo 2:41-42

Bathe ke ngoko, abalamkele ilizwi lakhe ngovuyo, babhaptizwa; kongezelelwa ngaloo mini imiphefumlo engathi imawaka mathathu. Baye ke bezingisa ukuhlala emfundisweni yabapostile, nasebudlelaneni, nasekuqhekezeni isonka, nasemithandazweni.

IZenzo 3:19

Guqukani ke ngoko, nibuye, ukuze zicinywe izono zenu; ngokokuze afike amathuba okuphumza, evela ebusweni beNkosi;

IZenzo 4:12

Kananjalo usindiso alukho kuwumbi; kuba akukho gama limbi phantsi kwezulu, linikiweyo phakathi kwabantu, esimele ukusindiswa ngalo.

IZenzo 5:31

Yena lowo uThixo wamphakamisa ngesandla sakhe sokunene, wanguMthetheli noMsindisi, ukuze amnike uSirayeli inguquko noxolelo lwezono.

IZenzo 8:12-13

Xenikweni ke bakholwayo nguFilipu, eshumayela iindaba ezilungileyo zezinto zobukumkani bukaThixo, nezegama likaYesu Kristu, babhaptizwa amadoda kwanabafazi. Wakholwa ke kwanaye uSimon; wathi akubhaptizwa, wazingisa ukuhlala noFilipu, ebona imiqondiso kwanemisebenzi emikhulu yamandla isenzeka, wathi nqa.

IZenzo 8:22

Guquka ngoko kobo bubi bakho, ukhunge kuThixo, ukuba ingathi mhlawumbi ixolelwe ingcingane yentliziyo yakho.

IZenzo 8:36-37

Ke kaloku, xa bahambayo ngendlela, bafika manzini athile; lathi ithenwa, Nanga amanzi; kwala ntoni na ukuba ndingabhaptizwa? Uthe ke uFilipu, Ukuba uyakholwa ngentliziyo yakho iphela, kuvumelekile. Laphendula ke lathi, Ndiyakholwa ukuba uYesu Kristu unguNyana kaThixo.

IZenzo 9:18

Kwaoko kwawa emehlweni akhe izinto ezingathi ziinkwethu; wabuya wabona kwaoko, wavuka, wabhaptizwa;

IZenzo 10:34-35

Ke kaloku uPetros wawuvula umlomo wakhe wathi, Ndiyaqiqa okwenyaniso ukuba uThixo akamkhethi wabuso bamntu; kwiintlanga zonke, lowo umoyikayo, asebenze ubulungisa, wamkelekile kuye.

IZenzo 10:42-43

Wasithethela ngelithi, masivakalise ebantwini, siqononondise ukuba yena nguye omisiweyo nguThixo, ukuba abe ngumgwebi wabaphilileyo nabafileyo. Bonke abaprofeti bayamngqinela yena lo, ukuba, ngegama lakhe, bamkeliswa uxolelo lwezono bonke abakholwayo kuye.

IZenzo 10:48

Wamisa ukuthi mababhaptizwe egameni leNkosi. Baza bamcela ukuba akhe ahlale iintsuku ezithile.

IZenzo 11:18

Bakuziva ke ezo zinto, bathi cwaka, bamzukisa uThixo, besithi, Kanti na ke neentlanga ezi uThixo uziphe ukuguqukela ebomini.

IZenzo 13:23-24

Embewini yalowo, uthe uThixo ngokwedinga wavelisa uYesu, ukuba abe nguMsindisi kuSirayeli; kwakubon’ ukuba uYohane uvakalise tanci, phambi kokungena kwakhe, ubhaptizo loguquko kubo bonke abantu bakwaSirayeli.

IZenzo 13:38-39

Makwazeke ngoko kuni, madoda, bazalwana, ukuba ngaye lowo kuxelwa kuni uxolelo lwezono; nakuzo zonke izinto ebeningenako ukugwetyelwa nikhululeke kuzo ngomthetho kaMoses, bonke abakholwayo bayagwetyelwa ngaye yena lowo.

IZenzo 14:22

besomeleza imiphefumlo yabafundi, bebavuselela ukuba bahlale behleli elukholweni; besithi, Simelwe kukuphumela ezimbandezelweni ezininzi, ukungena ebukumkanini bukaThixo.

IZenzo 16:30-33

Wabazisa phandle, wathi, Zinkosi, ndimelwe kukuthini na, ukuze ndisindiswe? Bathi ke bona, Kholwa kuyo iNkosi uYesu Kristu, wosindiswa wena nendlu yakho. Balithetha kuye ilizwi leNkosi, nakubo bonke ababesendlwini yakhe. Wabathabatha ngelo lixa lobusuku, wayihlamba imivumbo yabo; wabhaptizwa yena kwalapho, nabo bonke abakhe.

IZenzo 17:30-31

Loo maxesha ke ngoko okungazi, uThixo wawayeka ngabomi; kungoku uyala abantu bonke ezindaweni zonke ukuba baguquke; ngokokuba emise umhla, aza kuligweba ngawo elimiweyo ngobulungisa, ngendoda awayimisayo, ebanike bonke ukholo ngokuyivusa kwabafileyo.

IZenzo 18:8

Uthe ke uKrispo, umphathi wendlu yesikhungu, wakholwa yiNkosi, nendlu yakhe iphela; nento eninzi yamaKorinte yakuva yakholwa, yabhaptizwa.

IZenzo 19:4-5

Wathi ke uPawulos, UYohane okunene wabhaptiza ubhaptizo lwenguquko, esithi ebantwini, mabakholwe kulowo uzayo emva kwakhe, oko kukuthi, kuKristu Yesu. Bevile ke, babhaptizelwa egameni leNkosi uYesu.

IZenzo 19:18

Yaye nento eninzi yabakholiweyo isiza, izivuma izixela izenzo zabo.

IZenzo 20:21

ndiqononondisa kuma Yuda nakumaGrike ukuguqukela kuThixo, nokukholwa kuyo iNkosi yethu, uYesu Kristu.

IZenzo 20:28

Zilumkeleni ngoko, nawo wonke umhlambi, athe uMoya oyiNgcwele wanimisa ukuba ngabaveleli bawo, ukuba nilaluse ibandla likaThixo, awazizuzelayo ngelilelakhe igazi.

IZenzo 22:16

Nakaloku usalibele yini na? Suk’ ume, ubhaptizwe, uhlambulule izono zakho, unqula igama leNkosi.

IZenzo 26:18

ukuba uvule amehlo abo, ukuze babuye ebumnyameni, beze ebumhlotsheni; babuye egunyeni likaSathana, beze kuThixo; ukuze bamkele uxolelo lwezono, nelifa phakathi kwabangcwalisiweyo, ngokukholwa kum.

IZenzo 28:28

Makwazeke ngoko kuni, ukuba usindiso lukaThixo luthunyelwe kuzo iintlanga; ziya kuluva zona.

Kwabase Roma 1:16

Kuba andinazintloni ngazo iindaba ezilungileyo zikaKristu; kuba zingamandla kaThixo okusindisa bonke abakholwayo, umYuda kuqala, kwanomGrike.

Kwabase Roma 1:28-32

Njengokuba ke bekumangele ukuhlala bemazi kakuhle uThixo, uThixo wabanikela engqiqweni engacikidekileyo, ukuba benze izinto ezingafanelekileyo; bezele yiyo yonke intswela-bulungisa, okungendawo, ukubawa, ulunya; bezele ngumona, kukubulala, ziinkani, yinkohliso, bubumenemene; abasebezi, abahlebi, abathiyekileyo kuThixo, abasileyo, abanekratshi, abaqhankqalazi, abacebi bezinto ezimbi, abangabevayo abazali, abangenakuqonda, abaphuli beminqophiso, abangenabubele, abangenatarhu, abangenanceba; bona bathi, besazi kakuhle isimiselo sikaThixo, sokuba abo bazenzayo izinto ezinjalo bafanelwe kukufa, banganeli kukuzenza, basuka bathakazelele nabo bazenzayo.

Kwabase Roma 2:2-11

Siyazi ke ukuba isigwebo sikaThixo siwa ngokwenyaniso phezu kwabo bazenzayo izinto ezinjalo. Ucinga na ke, mntundini ugweba abo bazenzayo izinto ezinjalo, ube usenza kwazona nawe, ukuthi, uya kusisaba na wena isigwebo sikaThixo? Okanye uyabudela na ubutyebi bobubele bakhe, nonyamezelo, nokuzeka kade umsindo; ungazi ukuba ububele bukaThixo bukusa enguqukweni? Ke uthi, ngokuba lukhuni kwakho, nentliziyo yakho engenanguquko, uziqwebele ingqumbo, ngemini yengqumbo nokutyhilwa komgwebo onobulungisa kaThixo; oya kuvuza ulowo nalowo ngokwemisebenzi yakhe: abo bathi ngokomonde emsebenzini olungileyo bafune uzuko nembeko nokungonakali, abavuze ngobomi obungunaphakade; ke kwabo beyelenqe, bangayithambeliyo inyaniso, basuke bathambele intswela-bulungisa, kuya kubakho umsindo nengqumbo, imbandezelo noxinaniso emphefumlweni wabantu bonke abasebenza okubi, kowomYuda ukuqala, kwanakowomGrike; kubekho uzuko ke, nembeko, noxolo, kubantu bonke abasebenza okulungileyo, kumYuda ukuqala, kwanakumGrike. Kuba kuThixo akukho kukhetha buso.

Kwabase Roma 2:16

Kuya kuba njalo mhlenikweni uThixo aya kuzigweba izinto ezifihlakeleyo zabantu, ngokweendaba zam ezilungileyo ngoYesu Kristu.

Kwabase Roma 3:10-11

njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Akukho lungisa, hayi, nalinye; Akukho uqondayo; Akukho umfunisisayo uThixo!

Kwabase Roma 3:18-19

Akukho koyika Thixo phambi kwamehlo abo. Siyazi ke ukuba izinto zonke ozithethayo umthetho, uzithetha kwabaphantsi komthetho; ukuze imilomo yonke ivingcwe, nehlabathi lonke libe netyala kuThixo.

Kwabase Roma 3:20

Ngokokuba, ngokwasemisebenzini yomthetho, akuyi kugwetyelwa nyama emehlweni akhe; kuba isono saziwe ngokubakho komthetho.

Kwabase Roma 3:23-25

kuba akukho kwahluka; kuba bonile bonke, basilelela eluzukweni lukaThixo; begwetyelwe ngesisa lubabalo lwakhe ngako ukukhululwa ngentlawulelo ekuYesu Kristu; athe uThixo wammisa, ukuba abe sisicamagushelo ngegazi lakhe, ngako ukukholwa, ukuze bubonakalaliswe ubulungisa bakhe ngenxa yokuyekelelwa kwezono ezibe zenziwe ngenxa engaphambili, ekunyamezeleni kukaThixo;

Kwabase Roma 3:28

Ngoko ke sigqiba kwelithi, umntu ugwetyelwa ngokholo, kungekho misebenzi yamthetho.

Kwabase Roma 4:7

esithi, Banoyolo abazigqitho zixolelweyo, Abazono zigutyungelweyo;

Kwabase Roma 4:25

owanikelwa ngenxa yeziphoso zethu, waza wabuya wavuswa ngenxa yokugwetyelwa kwethu.

Kwabase Roma 5:1-5

Ngoko, sigwetyelwe nje ngokwaselukholweni, sinoxolo kuThixo ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu; esaba nako ngaye ukuthi singene ngokholo kolu lubabalo simiyo kulo, siqhayise ngokuthemba uzuko lukaThixo. Asikukuphela ke oko; sizingca nangeembandezelo ezi, sisazi ukuba imbandezelo isebenza unyamezelo; unyamezelo ke lusebenza ukucikideka; ukucikideka ke kusebenza ithemba; ithemba ke alidanisi, ngokuba uthando lukaThixo luthululelwe ezintliziyweni zethu ngoMoya oyiNgcwele, esamnikwayo.

Kwabase Roma 5:8-11

ke yena uThixo uqondakalisa okwakhe ukusithanda ngokuthi, sakubon’ ukuba sisengaboni, uKristu asifele. Kokukhona sigwetyelwe nje ngegazi lakhe, siya kusindiswa ngaye kuyo ingqumbo. Kuba xa sithe, besiziintshaba nje, saxolelaniswa noThixo ngako ukufa koNyana wakhe: kokhona, sixolelanisiwe nje, siya kusindiswa ngobomi bakhe. Asikukuphela ke oko; singabazingca nokuzingca nangaye uThixo, ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu, esamkele ngayo kalokunje uxolelaniso olo.

Kwabase Roma 5:20-21

Ke kaloku umthetho wangena nawo, ukuze isiphoso sande; ke apho sandayo isono, lwaphuphuma ngakumbi ubabalo; ukuze, njengokuba isono saba nokulawula ngokufa, ngokunjalo nobabalo lube nokulawula ngobulungisa, luse ebomini obungunaphakade, ngaye uYesu Kristu, iNkosi yethu.

Kwabase Roma 6:1-3

Masithini na ngoko? Masihlale sihleli na esonweni, ukuze ubabalo lwande? Nakanye! Thina safayo nje kwisono, singathini na ukuba sahlala kuso? Anazi na ukuba thina sonke, sabhaptizelwayo kuKristu Yesu, sabhaptizelwa ekufeni kwakhe?

Kwabase Roma 6:4-7

Ngoko ke sangcwatywa naye ngokubhaptizelwa ekufeni; ukuze, njengokuba uKristu wavuswayo kwabafileyo ngalo uzuko loYise, sithi ngokunjalo nathi sihambe sinobomi obutsha. Kuba xa similiselwe kuye ngentsobi yokufa kwakhe, somiliselwa kuye nangeyokuvuka kwakhe; sikwazi nje oku, ukuba umntu wethu omdala wabethelelwa emnqamlezweni kunye naye, ukuze umzimba wesono uphuthiswe, size singabi sasikhonza isono; kuba owafayo ugwetyelwe, wakhululwa kuso isono.

Kwabase Roma 6:7-11

kuba owafayo ugwetyelwe, wakhululwa kuso isono. Ukuba ke safa kunye noKristu, siyakholwa ukuba sodla ubomi kwakunye naye; sisazi ukuba uKristu, evusiwe nje kwabafileyo, akabi safa; ukufa akusamphathi ngabukhosi. Kuba ukufa awakufayo, wakufa kwisono kwaba kanye; ubomi ke abudlayo, ubudlela kuThixo. Ngokunjalo nani zibaleleni ekuthini, ningabafileyo okunene kwisono; kodwa ningabadla ubomi kuThixo, nikuKristu Yesu, iNkosi yethu.

Kwabase Roma 6:11-14

Ngokunjalo nani zibaleleni ekuthini, ningabafileyo okunene kwisono; kodwa ningabadla ubomi kuThixo, nikuKristu Yesu, iNkosi yethu. Ngoko isono masingalawuli emzimbeni wenu onokufa, ukuze nisilulamele ngokwenza iinkanuko zawo. Kanjalo amalungu enu maningawanikeli kuso isono, ukuba abe ziintonga zentswela-bulungisa; manizinikele ngokwenu kuThixo, ngokwabaphile babengabafileyo, niwanikele kuThixo amalungu enu, ukuba abe ziintonga zobulungisa. Kuba isono asiyi kuniphatha ngabukhosi; kuba aniphantsi komthetho, niphantsi kobabalo.

Kwabase Roma 6:17-19

Makubulelwe ke kuThixo, ukuba nithe, beningabakhonzi besono, nawululamela ngokwentliziyo umfuziselo wemfundiso enanikelwayo kuwo; nathi, nakuba nikhululwe ke kuso isono, nakhonziswa kubo ubulungisa. Ndithetha ngokwabantu, ngenxa yobulwelwe benyama yenu; kuba, njengoko nawanikelayo amalungu enu ukuba abe ngabakhonzi bako ukungcola nokuchasa umthetho, ukuba nichase umthetho: ngokunjalo kalokunje, wanikeleni amalungu enu ukuba abe ngabakhonzi kubo ubulungisa, ukuba ningcwaliseke.

Kwabase Roma 6:22-23

Kaloku ke, nikhululwe nje kuso isono, naza nakhonziswa kuThixo, ninaso isiqhamo senu sokuba ningcwaliseke; isiphelo ke sibe bubomi obungunaphakade. Kuba umvuzo wesono kukufa; ke sona isibabalo sikaThixo bubomi obungunaphakade, kuKristu Yesu iNkosi yethu.

Kwabase Roma 7:5-6

Kuba oko besikwinyama, ukuthabatheka zizono, okube kuxhokonxwa ngawo umthetho, kwakusebenza emalungwini ethu ekuxakatha isiqhamo esisa ekufeni. Ke ngoku sikhululwe thina kuwo umthetho, safayo nje kwesasibanjwe kuko, ngokokude sikhonze sinobutsha bomoya, singakhonzi sinobudala bomthetho obhaliweyo.

Kwabase Roma 7:8

Isono ke sizuze ithuba ngawo umthetho, sasebenza ngaphakathi kwam yonke inkanuko; kuba, kungekho mthetho, isono sifile.

Kwabase Roma 7:14-20

Kuba siyazi ukuba umthetho ungowomoya; ke mna ndingowenyama; kuthengiswe ngam, ndaba phantsi kwesono. Kuba oko ndikwenzayo andikwazi mna; kuba endikuthandayo, oko andikwenzi; endikuthiyayo, oko ndiyakwenza; ukuba ke endingakuthandiyo ndenza khona oko, ndivumelana nomthetho ukuba mhle. Ngoko ke ayisendim osebenza oko, seyisisono esi simiyo ngaphakathi kwam. Kuba ndiyazi ukuba ngaphakathi kwam, oko kukuthi enyameni yam, akumi okulungileyo; kuba ukuthanda kukho ukubakho oku kum; ke kona ukukusebenza okuhle andikufumani. Kuba okulungileyo endikuthandayo, andikwenzi; khona okubi, endingakuthandiyo, oko ndiyakwenza. Ukuba ke endingakuthandiyo mna, ndenza khona oko, ayisendim okusebenzayo

Kwabase Roma 7:21-25

oko, seyisisono esi simiyo ngaphakathi kwam. Ndifumana ngoko lo mthetho kum, ukuba kuthi, ndifuna ukukwenza okuhle, kusuke kubekho okubi kum. Kuba ndikholene nomthetho kaThixo ngokomntu ongaphakathi; kodwa ndibona mthetho wumbi, emalungwini am, usilwa nomthetho wengqiqo yam, undithimbela emthethweni wesono, lowo usemalungwini am. Athi ke mna, mntu uludwayi! Azi, ngubani na oya kundihlangula kulo mzimba woku kufa? Ndiyabulela kuThixo ngoYesu Kristu, iNkosi yethu. Ngoko ke mna ngokwam ngayo ingqiqo okunene ndikhonza umthetho kaThixo; kodwa ngayo inyama ndikhonza umthetho wesono.

Kwabase Roma 8:1-8

Ngoko ke, ngoku akukho kugwetywa kwabakuKristu Yesu; abangahambiyo ngokwenyama, abahamba ngokoMoya. Kuba umthetho woMoya wobomi, ndakuba kuKristu Yesu, wandikhulula emthethweni wesono nokufa. Kuba ekukhohlweni komthetho, ekubeni uswele amandla ngayo inyama, uthe uThixo, ethume owakhe uNyana, efana nenyama elawulwa sisono, emthume ngenxa yesono, wasigweba isono esenyameni leyo; ukuze ibango lomthetho lizaliseke kuthi, thina singahambiyo ngokwenyama; sihambayo ngokoMoya. Kuba abo bangokwenyama banyamekela izinto zasenyameni; abo ke bangokoMoya banyamekela izinto zaseMoyeni. Kuba ukunyameka kwenyama ikukufa; ukunyameka ke koMoya bubomi noxolo. Ngokokuba ukunyameka kwenyama kububutshaba kuThixo; kuba umthetho kaThixo kungawululameli, kuba kungenako nokuba nako ukwenjenjalo. Abo ke bakwinyama, abanakumkholisa uThixo.

Kwabase Roma 8:9-11

Ke nina anikwinyama; nikuMoya, ukuba kumi okunene uMoya kaThixo ngaphakathi kwenu. Ukuba ke umntu akanaye uMoya kaKristu, akangowakhe lowo. Ukuba ke uKristu ungaphakathi kwenu, umzimba okunene ufile ngenxa yesono; kodwa uMoya ububomi ngenxa yobulungisa. Ukuba ke uMoya walowo wamvusayo uYesu kwabafileyo, umi ngaphakathi kwenu, yena owamvusayo uKristu kwabafileyo uya kuyenza iphile nemizimba yenu enokufa, ngaye uMoya wakhe omiyo ngaphakathi kwenu.

Kwabase Roma 8:12-17

Ngoko ke, bazalwana, singabanetyala; kodwa kungekuyo inyama ukuze siphile ngokwenyama. Kuba xa niphila ngokwenyama, niza kufa; ke ukuba niyazibulala ngoMoya, zife iintlondi zomzimba, nophila. Kuba bonke abakhokelwa nguMoya kaThixo, bangoonyana bakaThixo abo. Kuba anamkelanga moya wabukhoboka, ukuba nibuye noyike; namkele umoya wokwenziwa oonyana, esidanduluka ngawo sithi, Abha, Bawo. UMoya ngokwakhe ungqinelana nomoya wethu, ukuba singabantwana bakaThixo. Ukuba ke singabantwana, sikwaziindlalifa; iindlalifa zikaThixo, iindlalifa ke kunye noKristu; ukuba okunene siva ubunzima kunye naye, ukuze sizukiswe nokuzukiswa kunye naye.

Kwabase Roma 8:18-19

Kuba ndigqiba kwelithi, iintlungu zeli xesha lakalokunje azinakulinganiswa nobuqaqawuli obu buza kutyhilwa kuthi. Kuba ukulangazelela kwendalo kulinde ukutyhileka koonyana bakaThixo.

Kwabase Roma 8:32-37

Lowo, gxebe, ungamconganga owakhe uNyana, wesuka wamnikela ngenxa yethu sonke, angathini na ukuba angasibabali ngazo zonke ezo zinto, ndawonye naye? Ngubani na oya kumangalela abanyulwa bakaThixo, inguThixo nje obagwebelayo? Ngubani na ogwebayo, inguKristu nje owafayo? ngaphezu koko ke, wabuya wavuka; ongasekunene kukaThixo, osithethelelayo? Ngubani na oya kusahlula eluthandweni lukaKristu? Yimbandezelo na, luxinaniso na, yintshutshiso na, yindlala na, bubuze na, yingozi na, likrele na? Njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Ngenxa yakho sibulawa imini yonke; Sibalelwe ekuthini sizizimvu zokuxhelwa. Kanti ke kwezo zinto zonke, sisuka soyise sigqithisele, ngaye owasithandayo.

Kwabase Roma 9:15-16

Kuba esithi kuMoses, Ndiya kuba nenceba kosukuba ndinenceba kuye, ndibe netarhu kosukuba ndinetarhu kuye. Ngoko ke asikokothandayo, kanjalo asikokobalekayo; kokukaThixo onenceba.

Kwabase Roma 10:3-4

Kuba bathe, bengabazi ubulungisa bukaThixo, befuna nokumisa obabo ubulungisa, ababululamela ubulungisa bukaThixo. Kuba intsingiselo yomthetho nguKristu, ukuze abe bubulungisa kubo bonke abakholwayo.

Kwabase Roma 10:9-13

Ngokuba, xa uthe wamvuma ngomlomo wakho ukuba uyiNkosi uYesu, wakholwa ngentliziyo yakho ukuba uThixo wamvusa kwabafileyo, wosindiswa. Kuba umntu ukholwa ngentliziyo, ukuze abe nobulungisa; avume ke ngomlomo, ukuze asindiswe. Kuba isibhalo sithi, Bonke abakholwayo kuye abayi kudaniswa. Kuba akukho kwahluka kwamYuda namGrike; kuba ikwayiloo Nkosi eyiNkosi yabo bonke, ibubutyebi kubo bonke abayinqulayo. Kuba bonke abasukuba belinqula igama leNkosi bosindiswa.

Kwabase Roma 10:17

Ngoko ke ukholo luphuma eludabeni, udaba ke lukho ngelizwi likaThixo.

Kwabase Roma 11:4-5

Sisuka esikaThixo isihlabo sithini na kuye? Sithi, Ndizishiyele amadoda angamawaka asixhenxe, angagobanga dolo kuBhahali wona. Ngokunjalo ke ngoko, nakweli xesha lakalokunje, kukho amasalela ngokonyulo lobabalo.

Kwabase Roma 11:21-22

Kuba, xa uThixo angawaconganga awasemvelweni amasebe, lumka hleze angakucongi nawe lo. Khawububone ke ububele nobukhali bukaThixo; ubukhali okunene kwabo bawayo; kodwa kuwe, ububele, ukuba uthe wahlala kobo bubele; okanye wogawulwa nawe lo.

Kwabase Roma 11:27

Nguwo ke lo umnqophiso wam nabo, Xa ndithe ndazisusa izono zabo.

Kwabase Roma 12:1-2

Ndiyanivuselela ngoko, bazalwana, ngeemfefe zikaThixo, ukuba niyinikele imizimba yenu ibe lidini eliphilileyo, elingcwele, elikholekileyo kuThixo: inkonzo yenu ke leyo yasengqondweni. Kanjalo ningamilisi okweli phakade; manibe kumila kumbi ngokuhlaziyeka kwengqiqo yenu, ukuze nikucikide into okuyiyo ukuthanda kukaThixo okulungileyo, okukholekileyo, okuzalisekileyo.

Kwabase Roma 12:21

Musa ukweyiswa bububi; boyise ububi ngokulungileyo.

Kwabase Roma 13:11

Ke oko masikwenze, silazi nje ixesha eli, ukuba lilixa lokuba ngoku sivuke ebuthongweni; kuba ngoku usindiso lukufuphi kuthi, kunokuya saqalayo ukukholwa.

Kwabase Roma 13:14

Yambathani ke iNkosi uYesu Kristu; ize ukwazalelela inyama ningakwenzeli ukukhwezelela iinkanuko zayo.

Kwabase Roma 14:10-12

Ke wena, yini na ukuba umgwebe umzalwana wakho? Hi wena, yini na ukuba umenze into engeyakonto umzalwana wakho? Kuba thina siya kuma sonke phambi kwesihlalo sokugweba sikaKristu. Kuba kubhaliwe kwathiwa, Ndihleli nje mna, itsho iNkosi, aya kugoba kum onke amadolo, Zidumise uThixo zonke iilwimi. Ngoko ke elowo kuthi uya kuziphendulela kuThixo.

Kwabase Roma 15:13

Wanga ke uThixo wethemba elo anganizalisa ngalo lonke uvuyo noxolo ekukholweni, ukuze niphuphume ithemba ngamandla oMoya oyiNgcwele.

1 Kwabase Korinte 1:8

oya kuniqinisa nokuniqinisa ase ekupheleni, ukuze ningabi nakumangaleleka ngemini yeNkosi yethu uYesu Kristu.

1 Kwabase Korinte 1:18

Kuba ilizwi lomnqamlezo libubudenge okunene kwabatshabalalayo; kodwa ke kwabasindiswayo, thina aba, lingamandla kaThixo.

1 Kwabase Korinte 1:29-30

ukuze kungaqhayisi namnye umntu emehlweni akhe. Ke niphuma kuye, nina bakuKristu Yesu, owathi ngenxa yethu waba bubulumko obuvela kuThixo, nobulungisa kwanobungcwalisa nentlawulelo;

1 Kwabase Korinte 3:16-17

Anazi na ukuba niyitempile kaThixo? Anazi na ukuba uMoya kaThixo umi ngaphakathi kwenu? Ukuba umntu uyayonakalisa itempile kaThixo, uThixo womonakalisa lowo; kuba itempile kaThixo ingcwele; ninjalo ke.

1 Kwabase Korinte 5:11-13

Kungoku ke, ndinibhalela ukuba maningazidibanisi nosukuba enegama lokuba ngumzalwana, ukanti wenza umbulo, nokuba ulibawa, nokuba ungumkhonzi wezithixo, nokuba ungumtshabhisi, nokuba ulinxila, nokuba ungumphangi; ningakhe nidle nokudla nonjalo. Ndinamsebenzi mni na ukuba ndigwebe nabangaphandle? Anigwebi abangaphakathi bodwa, yini na, nina? Ke abangaphandle bagwetywa nguThixo. Ize nimnyothule kuni nina lowo ungendawo.

1 Kwabase Korinte 6:9-11

Anazi na, ukuba abangemalungisa abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo? Musani ukulahlekiswa; abenza umbulo, nabakhonzi bezithixo, nabakrexezi, nezifebe, namadoda alalanayo, namasela, namabawa, namanxila, nabatshabhisi, nabaphangi, abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo. Naye ninjalo ke inxenye yenu; kuloko nahlanjululwayo, kuloko nangcwaliswayo, kuloko nagwetyelwayo egameni leNkosi uYesu, nangoMoya kaThixo wethu.

1 Kwabase Korinte 6:18-20

Wubalekeni umbulo. Zonke izono athe umntu wazenza, zingaphandle komzimba; ke lowo wenza umbulo, wona owakhe umzimba. Anazi na, ukuba umzimba wenu uyitempile yoMoya oyiNgcwele ongaphakathi kwenu, eninaye evela kuThixo; nokuba ke aningabenu? Kuba nathengwa ngexabiso. Mzukiseni ke uThixo ngomzimba wenu nangomoya wenu, izinto ezizezikaThixo ezo.

1 Kwabase Korinte 7:19

Ukwaluka oku akunto, nokungaluki oku akunto; okuyinto kukubamba imithetho kaThixo.

1 Kwabase Korinte 7:23

Nathengwa ngexabiso; musani ukuba ngamakhoboka abantu.

1 Kwabase Korinte 10:8-12

Kanjalo masingenzi mbulo, njengokuba inxenye yabo yenza umbulo, kwawa ngamini-nye amawaka amashumi mabini anamathathu. Kanjalo masingamhendi uKristu, njengokuba inxenye yabo yahendayo, yaza yatshabalala ziinyoka. Kanjalo musani ukukrokra, njengokuba inxenye yabo yakrokrayo, yaza yatshabalala ngumtshabalalisi. Zonke ke ezo zinto, zabahlelayo bona, beziyimifuziselo; zabhalelwa ke ukululeka thina aba, bafikelweyo ziziphelo zawo amaphakade. Ngoko ke lowo uba umi, makalumke angawi.

1 Kwabase Korinte 10:13

Anibanjwanga silingo singesesabantu. Uthembekile ke uThixo, ongayi kuvumela ukuba nilingwe ngaphezu kweninako; owothi, kunye nesilingo eso, avelise ithuba lokuphuma kuso, ukuba nibe nako ukuthwala.

1 Kwabase Korinte 12:13

Kuba thina sonke sabhaptizelwa mzimbeni mnye ngaMoya mnye, nokuba singamaYuda, nokuba singamaGrike; nokuba singamakhoboka, nokuba singabakhululekileyo; sonke sasezwa Moyeni mnye;

1 Kwabase Korinte 15:3-4

Kuba ndaninikela kweziyintloko izinto oko ndakwamkelayo nokukwamkela: okokuba uKristu wazifela izono zethu ngokwezibhalo, nokokuba wangcwatywa, nokokuba uvukile ngomhla wesithathu ngokwezibhalo;

1 Kwabase Korinte 15:33-34

Musani ukulahlekiswa. Incoko embi yonakalisa izimilo ezilungileyo. Qabukani kakuhle, ningoni; kuba inxenye inentswela-kumazi uThixo; nditsho kuni ukuba nidane.

1 Kwabase Korinte 15:56

Ulwamvila lokufa sisono; amandla esono ngumthetho.

2 Kwabase Korinte 4:3-4

Ukuba ke zigqutyuthelwe iindaba ezilungileyo zethu, zigqutyuthelwe kwabo batshabalalayo; athe uthixo weli phakade wazimfamekisa ngaphakathi kwabo iingqiqo zabangakholwayo, ukuze singabengezeli kubo isikhanyiso seendaba ezilungileyo zobuqaqawuli bukaKristu, ongumfanekiselo kaThixo.

2 Kwabase Korinte 4:10-11

sihlala sikuthwele ngomzimba ukufa kweNkosi uYesu ukuze nobomi bukaYesu bubonakalaliselwe emzimbeni wethu. Kuba thina badla ubomi simana sinikelwa ekufeni ngenxa kaYesu, ukuze nobomi bukaYesu bubonakalaliselwe enyameni yethu enokufa.

2 Kwabase Korinte 4:17-18

Kuba ubukhaphukhaphu bembandezelo yethu eyeyomzuzwana busisebenzela ngokuncamise kwaphela ubuqaqawuli obukhulukazi obungunaphakade sakubon’ ukuba asixuneli ezintweni ezibonwayo, sixunela kwezingabonwayo. Kuba ezibonwayo zezomzuzwana, ke zona ezingabonwayo zezonaphakade.

2 Kwabase Korinte 5:10

Kuba thina aba sonke simelwe kukuthi sibonakalaliswe phambi kwesihlalo sokugweba sikaKristu, ukuze elowo azuziswe okwenziwe ngomzimba, ngoko akwenzileyo, nokuba kokulungileyo, nokuba kokubi.

2 Kwabase Korinte 5:15

wabafela ke bonke, ukuze abo badla ubomi bangabi sazidlela ubomi, babudlele owafayo wavuka ngenxa yabo.

2 Kwabase Korinte 5:17

Ngoko ke, ukuba ubani ukuKristu, usisidalwa esitsha; izinto ezindala zidlule; bonani ke, zisuke zaba ntsha izinto zonke zakhe.

2 Kwabase Korinte 5:20-21

Sizizigidimi ke ngoko ngenxa kaKristu, ngokungathi uThixo uniyala ngathi; siyanikhunga ngenxa kaKristu, manixolelaniswe naye uThixo; kuba lowo ungazani nasono, wamenza isono ngenxa yethu, ukuze thina sibe bubulungisa bukaThixo kuye.

2 Kwabase Korinte 6:2

kuba uthi, Ndakuva ngexesha elamkelekileyo, Ndakusiza ngomhla wosindiso. Yabonani, lingoku ixesha elamkeleke kakuhle; yabonani, ungoku umhla wosindiso:

2 Kwabase Korinte 6:14

Musani ukunxulumana nabolunye uhlobo, abangakholwayo ke; kuba kunakwabelana kuni na ubulungisa nokuchasa umthetho? Kunabudlelane buni na ke ukukhanya nobumnyama?

2 Kwabase Korinte 6:17-18

Kungoko ndithi, Phumani phakathi kwabo, nizahlule, itsho iNkosi, Nento engcolileyo ningayichukumisi; Ndandiya kunamkela, Ndibe nguyihlo, Nina nibe ngoonyana neentombi kum; Itsho iNkosi uSomandla.

2 Kwabase Korinte 7:1

Sinawo nje ngoko la madinga, zintanda, masizihlambulule kuko konke ukudyobheka kwenyama nokomoya sibufeza ubungcwele, sisoyika uThixo.

2 Kwabase Korinte 7:9-11

Ngoku ke ndiyavuya, ndingavuyeli kuba neenziwa buhlungu, ndivuyela ukuba nenziwa buhlungu ngokwasinga enguqukweni; kuba nenziwa buhlungu ngokokukaThixo, ukuze ningalahlekwa nto ngathi. Kuba ubuhlungu obungokukaThixo busebenza inguquko esingisa elusindisweni, ekungekho kuzohlwaya ngayo; ke kona okwehlabathi ukuba buhlungu kusebenza ukufa. Kuba, yabonani, kwaoko kwenziwa kwenu buhlungu ngokukaThixo, kwanisebenzela ukunyameka okungakanana; nasuka naziphendulela, nasuka nacaphuka, nasuka noyika, nasuka nalangazelela, nasuka nazondelela, nasuka naphindezela! Ngeendawo zonke niziqondakalisile, ukuba kulo mcimbi nimsulwa nina okwenu.

2 Kwabase Korinte 9:13

besithi nje, ngako ukucikideka kolo lulungiselelo, bamzukise uThixo ngenxa yokulululamela kwenu uvumo lwenu ngokusingisele kwiindaba ezilungileyo zikaKristu, nangenxa yokunyanisa kokudlelana kwenu ngokusingisele kubo nakubantu bonke;

2 Kwabase Korinte 12:20-21

Kuba ndiyoyika, hleze ndithi ndakufika, ndinifumane ningenjengendikuthandayo, nam ndifunyanwe nini ndingenjengenikuthandayo; hleze kubekho iinkani, amakhwele, imisindo, amayelenqe, iintlebendwane, iintsebezo, iinkukhumalo, iziphithiphithi; hleze ndithi, ndakufika kunjalo, andithobe uThixo wam phakathi kwenu, ndize ndikhedame ngenxa yabaninzi ababesebonile, abaguquka ekungcoleni, nasembulweni, naseburheletyweni ababenzayo.

2 Kwabase Korinte 13:5

Zilingeni, ukuba niselukholweni olu na; zicikideni ngokwenu. Okanye anizazi na ukuba uYesu Kristu ungaphakathi kwenu? ukuba okunene aningabo abo bangenakucikideka.

KumaGalati 2:16

sisazi nje ukuba akagwetyelwa umntu ngokwasemisebenzini yomthetho, kuphela kungokukholwa kuYesu Kristu: sithe ke nathi aba sakholwa kuKristu Yesu, ukuze sigwetyelwe ngokwasekukholweni kuKristu, kungabi ngokwasemisebenzini yomthetho; ngokokuba akuyi kugwetyelwa mntu ngokwasemisebenzini yomthetho.

KumaGalati 2:20

Ndibethelelwe emnqamlezweni noKristu; ayisendim ke odla ubomi, nguKristu ke oselesidla ubomi kum. Ubomi ke endibudlayo ngoku, ndisenyameni, ndibudlela ekukholweni kuNyana kaThixo, owandithandayo, wazinikela ngenxa yam.

KumaGalati 3:13

UKristu wasithenga, wasikhulula esiqalekisweni somthetho, ngokwenziwa isiqalekiso ngenxa yethu (kuba kubhaliwe kwathiwa, Uqalekisiwe wonke umntu oxhonywe emthini);

KumaGalati 3:24

Ngoko ke umthetho waba ngosikhaphela kuKristu, ukuze sigwetyelwe ngokwaselukholweni.

KumaGalati 3:27

kuba nina nonke, nabhaptizelwayo kuKristu, namambatha uKristu.

KumaGalati 4:4-5

Lithe ke lakuzaliseka ixesha, uThixo wamkhupha weza uNyana wakhe, othe wazalwa ngumntu oyinkazana; ethe wazalelwa phantsi komthetho, ukuze abakhulule ngokubathenga abaphantsi komthetho, ukuze sikuzuze ukwenziwa oonyana.

KumaGalati 5:16-18

Ke kaloku ndithi, Hambani ngokoMoya, naningasayi kuthi ke niyizalise inkanuko yenyama. Kuba inyama ikhanuka ngokuchasene noMoya, uMoya ke ukhanuka ngokuchasene nenyama; ezo zinto ke ziphambene, ukuze ningazenzi izinto enisukuba nizithanda. Ukuba ke nikhokelwa nguMoya, aningaphantsi komthetho.

KumaGalati 5:19-21

Iyabonakala ke yona imisebenzi yenyama, eyile: ukrexezo, umbulo, ukungcola, uburheletyo, ukubusa kwizithixo, ukukhafula, intiyo, iinkani, amakhwele, imisindo, amayelenqe, iimbambaniso, izahlukano, oomona, ookubulala, ookunxila, iindywala, nezinto ezinjengezo; endinixelelayo ngenxa engaphambili, njengokuba besendinixelele kade, ukuba abazenzayo izinto ezinjalo abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo.

KumaGalati 5:22-23

Ke sona esoMoya isiqhamo luthando, uvuyo, uxolo, ukuzeka kade umsindo, ububele, ukulunga, intembeko, ubulali, ukuzeyisa; akukho mthetho uchasene nezinto ezinjalo.

KumaGalati 5:24-25

Ke kaloku abo ke bakaKristu, inyama bayibethelele emnqamlezweni, kunye neminqweno neenkanuko zayo. Ukuba sidla ubomi ngokoMoya, masihambe nokuhamba kwangokoMoya.

KumaGalati 6:7-8

Musani ukulahlekiswa; uThixo yena asingowokuhlekisa. Kuba into athe wahlwayela yona umntu, wovuna kwayona; ngokuba lowo uhlwayelela eyakhe inyama, wovuna ukonakala ngokwasenyameni; lowo uhlwayelela uMoya ke, wovuna ubomi obungunaphakade ngokwaseMoyeni.

KumaGalati 6:15

Kuba kwabakuKristu Yesu, akunamandla anto ukwaluka nokungaluki; into enamandla sisidalwa esitsha.

Kwabase Efese 1:3-8

Makabongwe uThixo, uYise weNkosi yethu uYesu Kristu, lowo wasisikelelayo ngeentsikelelo zonke zoMoya kwezasemazulwini iindawo, sikuKristu; njengokuba wathi, ngaphambi kokusekwa kwehlabathi, wasinyulela kuye, ukuba sibe ngcwele, singabi nasiphako phambi kwakhe; othe ngokusithanda wasimisela ngenxa engaphambili, ukuba senziwe oonyana kuye ngokwakhe ngoYesu Kristu, ngokwenkolelo yokuthanda kwakhe, ukuze kudunyiswe uzuko lobabalo lwakhe, awasibabala ngalo sikuye Othandiweyo; esinayo sikuye inkululeko ngokuhlawulelwa ngegazi lakhe, ukuxolelwa ke kweziphoso zethu, ngokobutyebi bobabalo lwakhe; awaluphuphumisela kuthi, lunabo bonke ubulumko nokuqonda;

Kwabase Efese 1:11-14

ewe, kuye lo sithe sikuye sadla ilifa; simisiwe ngenxa engaphambili ngokwengqibo yozisebenzayo zonke ezo nto ngokwecebo lokuthanda kwakhe; ukuze sibe ngabokudumisa uzuko lwakhe, thina aba sathi ngenxa engaphambili sathembela kuye uKristu; enithe, nikuye nani, nakuliva ilizwi lenyaniso, iindaba ezi zilungileyo zokusindiswa kwenu-enithe, nakukholwa nokukholwa kuye, natywinwa naqiniselwa ngaye uMoya oyiNgcwele wedinga, osisinyaniso selifa lethu, ukude kugqibelele ukukhululeka ngentlawulelo kwabo baziinqobo kuye, ukuba kudunyiswe uzuko lwakhe.

Kwabase Efese 2:1-10

Nani unidlise ubomi, nifile nje ziziphoso na zizono; enanifudula nihamba kuzo ngokwesimo seli hlabathi, ngokomphathi wegunya lesibhakabhaka, womoya lo usebenzayo ngoku kubo abangevayo; esasifudula nathi sonke sihleli phakathi kwabo ezinkanukweni zenyama yethu, sisenza ukuthanda kwenyama nokwengcinga, saye ngemvelo sikwangabantwana bengqumbo, njengabanye abo. Ke uThixo, esisityebi nje ngenceba, uthe ngenxa yothando lwakhe olukhulu, awasithanda ngalo, thina sifile nje ziziphoso, wasidlisa ubomi ndawonye noKristu (nisindiswe ngokubabalwa), wasivusa naye, wasihlalisa naye kwezasemazulwini iindawo, sikuKristu Yesu; ukuze ubutyebi obuncamisileyo bobabalo lwakhe abubonakalalise emaphakadeni azayo, ngokusenzela ububele ngoKristu Yesu. Kuba nisindiswe ngokubabalwa nangalo ukholo; nako oko kungaphumi kuni, kusisipho sikaThixo; akuphumi misebenzini, hleze kubekho bani uqhayisayo. Kuba thina singumsebenzi wakhe, sidalelwe kuKristu Yesu, ukuze senze imisebenzi elungileyo, awayilungisayo uThixo ngenxa engaphambili, ukuze sihambe kuyo.

Kwabase Efese 4:22-24

yokuba nithi ngakwihambo yangaphambili nimlahle umntu omdala, owonakaliswayo ngokokweenkanuko zokulukuhla; nihlaziywe ke kuwo umoya wengqiqo yenu, nimambathe umntu omtsha, othe ngokukaThixo wadalelwa ebulungiseni, nasebungcweleni benyaniso.

Kwabase Efese 4:30

Kanjalo musani ukumenza buhlungu uMoya oyiNgcwele kaThixo, enathi kuye natywinwa, naqiniselelwa imini yentlawulelo.

Kwabase Efese 4:32

Ke nina yibani nobubele omnye komnye, nibe nemfesane kakhulu, nixolelane, njengokuba naye uThixo wanixolelayo ekuKristu.

Kwabase Efese 5:3-6

Ke umbulo, nako konke ukungcola, nokubawa, makungakhe kukhankanywe phakathi kwenu, njengoko kubafaneleyo abangcwele; kwanamanyala, nentetho yobuyatha, nobuhiba, izinto ezo ezingafanelekileyo. Makube kokukhona ninemibulelo. Kuba oku nikwazi, ukuba wonke umenzi wombulo, nomntu ongcolileyo, nolibawa, engumkhonzi wezithixo, akanalifa ebukumkanini bukaKristu noThixo. Makungabikho namnye unilukuhlayo ngamazwi alambathayo; kuba iza ngenxa yezo zinto ingqumbo kaThixo phezu kwabangevayo.

Kwabase Efese 5:26-27

ukuze alingcwalise, elihlambulule ngokuhlamba kwamanzi ngelizwi; ukuze alimise phambi kwakhe linobuqaqawuli, lilibandla elingenabala, elingenamibimbi nanye into enjalo, ukuze libe ngcwele, lingabi nasiphako.

Kwabase Filipi 1:6

ekubeni ndikholose ngayo le nto, yokuba lowo wawuqalayo ngaphakathi kwenu umsebenzi olungileyo, wowufeza, ide ibe yiloo mini kaYesu Kristu;

Kwabase Filipi 1:20-21

kuye ngokulangazelela nangokuthemba kwam, ukuba andiyi kudaniswa nganto; uya kusuka ngako konke ukungafihlisi, njengokwamaxesha onke, athi nangoku enziwe mkhulu uKristu emzimbeni wam, nokuba na kungobomi, nokuba kungokufa. Kuba kum mna, ukudla ubomi kunguKristu, ukufa kuyinzuzo.

Kwabase Filipi 1:29

Ngokuba nababalwa ukuthi, ngenxa kaKristu, ninganeli kukholwa kuye; nababalwa nokuva ubunzima ngenxa yakhe,

Kwabase Filipi 2:12

Ngoko ke, zintanda zam, njengokuba nahlala ninokuva, lusebenzeni nilufeze olwenu usindiso, ninokuzoyikela nokungcangcazela; ningangi nenjenjalo xa ndikhoyo kodwa, manibe kukhona nenjenjalo Xa ndingekhoyo.

Kwabase Filipi 3:3

Kuba abolwaluko sithi, thina bakhonza uThixo ngomoya, siqhayise ngoKristu Yesu, singakholosi ngenyama;

Kwabase Filipi 3:18-21

Kuba baninzi abahambayo, endathetha futhi kuni ngabo, ngoku ke ndithetha ndilila nokulila, ndisithi, bazizo iintshaba zomnqamlezo kaKristu; abasiphelo siyintshabalalo, abaThixo usisisu sabo, abaluzuko lulihlazo labo, abanyamekela izinto zomhlaba. Kuba thina ikowethu lisemazulwini, apho kananjalo silinde khona kwauMsindisi, iNkosi uYesu Kristu; eya kuwenza kumila kumbi umzimba wokuthobeka kwethu, ukuze wona wenziwe ufane nawo umzimba wozuko lwakhe, ngokokusebenza kwalowo unako ukuzithobela phantsi kwakhe zonke izinto.

Kwabase Filipi 4:13

Ndinokuzenza izinto zonke, ndikulowo undomelezayo, uKristu.

Kwabase Kolose 1:13-14

owasihlangulayo egunyeni lobumnyama, wasifudusela ebukumkanini boNyana wothando lwakhe, esinayo kuye inkululeko ngokuhlawulelwa ngegazi lakhe, ukuxolelwa kwezono ke oko.

Kwabase Kolose 1:21-22

Nani, enibe nifudula ningazani noThixo, niziintshaba ngengqondo yenu emisebenzini yenu engendawo, kukalokunje unixolelanisile ngako ukufa emzimbeni wenyama yakhe, ukuze animise ningcwele, ningenakubekwa bala, ningenakumangalelwa phambi kwakhe;

Kwabase Kolose 2:11-13

enathi kuye naluswa nokwaluswa ngolwaluko olungenakwenziwa ngazandla, ngako ukuhluba umzimba wenyama, ngalo ulwaluko lukaKristu; ningcwatywe naye elubhaptizweni; enathi nikuye, navuswa nokuvuswa naye, ngokukholwa kwenu kukusebenza kukaThixo, owamvusa kubo abafileyo. Nani, nifile nje ziziphoso nakukungaluki kwenyama yenu, unidlise ubomi ndawonye naye, enixolele zonke iziphoso.

Kwabase Kolose 3:2-4

Nyamekelani izinto zaphezulu, zingabi zezasemhlabeni. Kuba nafayo, baye ubomi benu bufihlakele ndawonye noKristu kuye uThixo. Xa athe wabonakalaliswa uKristu, obubomi bethu, ngelo xesha niya kubonakalaliswa nani, ninaye ebuqaqawulini.

Kwabase Kolose 3:5-9

Bhubhisani ngoko amalungu enu asemhlabeni: umbulo, ukungcola, ukuthabatheka okuhlazisayo, inkanuko embi, nokubawa, okuyinkonzo yezithixo kona oko; eza ngenxa yezo zinto ingqumbo kaThixo phezu kwabangevayo; enanifudula nihamba phakathi kwazo nani, okuya nibe nisidla ubomi nikuzo. Ke ngoku, nani aba, kulahleni oku konke: ingqumbo, umsindo, ulunya, ukunyelisa; ukuthetha amanyala kungabikho emlonyeni wenu. Musani ukuxokisana, nizihlubile nje umntu omdala, kunye nezenzo zakhe,

Kwabase Kolose 3:12-14

Yambathani ngoko, njengabanyulwa bakaThixo, abangcwele, abathandiweyo, iimfesane zeemfefe, ububele, ukuthobeka kwentliziyo, ubulali, ukuzeka kade umsindo, ninyamezelana, nixolelana, ukuba ubani uthi abe nokusola ngakubani; njengokuba naye uKristu wanixolelayo, yenjani njalo nani. Ke, phezu kwazo zonke ezo zinto, yalekani uthando, oluyintambo yogqibelelo.

Kwabase Kolose 3:25

Lowo umonayo omnye uya kukuthwala oko kona one ngako; kanjalo akukho kukhetha buso bamntu.

1 Kwabase Tesalonika 3:13

ukuze izizimase iintliziyo zenu, zingabi nakusoleka, zibe ngcwele phambi koThixo uBawo wethu, ekufikeni kweNkosi yethu uYesu Kristu nabo bonke abangcwele bayo.

1 Kwabase Tesalonika 4:3-4

Kuba oku kukuthanda kukaThixo, ukungcwaliswa kwenu, ukuba nikhumke kulo uhenyuzo; ukuba elowo kuni akwazi ukusizuza asiphathe esakhe isitya enobungcwalisa, enembeko;

1 Kwabase Tesalonika 5:9

Ngokuba uThixo akasimiselanga ngqumbo; usimisele ukuzuza usindiso ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu;

1 Kwabase Tesalonika 5:21-23

Izinto zonke zicikideni, nibambe leyo intle. Khumkani kuzo zonke iintlobo zenkohlakalo. Wanga ke uThixo woxolo ngokwakhe anganingcwalisa niphelelisekile; uthi, ugqibelele owenu umoya nomphefumlo nomzimba, ugcinwe ngokungenakusoleka ekufikeni kweNkosi yethu uYesu Kristu.

2 Kwabase Tesalonika 2:13

Ke thina simelwe kukuhlala sibulela kuye uThixo ngenxa yenu, bazalwana bathandiweyo yiNkosi, ukuba uThixo kwasekuqalekeni waninyulela ukusindiswa, ngokungcwalisa koMoya nokukholwa yinyaniso;

1 KuTimoti 1:9-10

ngokwazi oku, ukuba umthetho lo awuwiselwe lungisa, uwiselwe ke abachasene nomthetho, nabangenakululama, abangahloneli Thixo, nabangaboni, abangengcwele, nabahlambeli, ababethiyise nababethi-nina, izigwinta, abenzi bombulo, amadoda alalanayo, amasela abantu, amaxoki, amafunga-buxoki, nokuba kukho nto yimbi ichasene nemfundiso ephilileyo;

1 KuTimoti 1:15-16

Lithembekile ilizwi eli, lifanelwe kukwamkelwa konke, eli lokuba uKristu Yesu weza ehlabathini ukuba asindise aboni; endingomkhulu kubo mna; noko ke ndesuka ndenzelwa inceba ngenxa yoku, ukuze uYesu Kristu akubonakalalisele kum, mna ungomkhulu, konke ukuzeka kade umsindo, ndibe ngumzekelo kwabo baza kukholwa kuye, base ebomini obungunaphakade.

1 KuTimoti 2:4

onga yena bangasindiswa bonke abantu, bafikelele ekuyazini inyaniso.

1 KuTimoti 2:5-6

Kuba mnye uThixo; mnye nomlamli phakathi koThixo nabantu, umntu uKristu Yesu, lowo wazinikelayo ukuba abe yintlawulelo yokukhulula abantu bonke; ubungqina ke obo bokungqinwa ngamaxesha angawabo;

1 KuTimoti 4:1-2

Ke kaloku uMoya uthi ngokucacileyo inxenye iya kumka elukholweni, ngamaxesha asemva, inyamekele oomoya abalahlekisayo, neemfundiso zeedemon; imka nohanahaniso lwabathetha ubuxoki, betshiswe isazela sabo ngentsimbi;

1 KuTimoti 5:7

Bathethele ezi zinto, ukuze bangabi nakukhalazeleka.

1 KuTimoti 6:14

ukuba uwugcine umthetho lo, ungabi nabala, ungabi nakukhalazelwa, kude kufike ukubonakala kweNkosi yethu uYesu Kristu,

2 KuTimoti 1:8-10

Ngoko ke musa ukuba nazintloni ngabo ubungqina beNkosi yethu, nangam, mna mbanjwa wayo; suka uve ububi kunye nam ngenxa yeendaba ezilungileyo, ngokwamandla kaThixo; owasisindisayo, wasibiza ngobizo olungcwele, engenzi ngokwemisebenzi yethu, esenza ngokweyakhe ingqibo, nobabalo, esababalwa ngalo ngoKristu Yesu phambi kwamaxesha aphakade; lwabonakaliswa ke ngoku ngako ukubonakala koMsindisi wethu uYesu Kristu, owakubhangisayo okunene ukufa, kodwa wabukhanyisa ubomi nokungonakali, ngazo iindaba ezilungileyo ezi;

2 KuTimoti 2:10-12

Ngenxa yoko izinto zonke ndiyazinyamezela ngenxa yabo abanyulwa, ukuze nabo bamkele usindiso olukuKristu Yesu, ndawonye nozuko olungunaphakade. Lithembekile ilizwi eli: Kuba xa safa naye, sodla ubomi kwandawonye naye; ukuba siyanyamezela, solawula kwandawonye naye; ukuba siyamkhanyela, naye wosikhanyela;

2 KuTimoti 2:19

Noko ke limi, lithe nkqi, ilitye lesiseko likaThixo, linambhalo uthi, INkosi iyabazi abangabayo; nothi, Mabasuke kuko ukungalungisi, bonke abalibizayo igama likaKristu.

2 KuTimoti 2:24-26

Ke umkhonzi weNkosi akamele kulwa; umele ukuba nokuthantamisa kubantu bonke, enokufundisa, enyamezela ububi, ebaqeqesha ngobulali abo baphikayo; ukuba akangethi na kanti uThixo abaphe inguquko esa ekuyazini inyaniso, babuye baqabuke, baphume esibatheni sakhe uMtyholi, ababanjiselwe ukuthanda kwakhe nguye.

2 KuTimoti 3:2-5

Kuba abantu baya kuba ngabazithandayo, abathandi bemali, abaqhankqalazi, abakratshi, abanyelisi, abangeva bazali, abangabuleliyo, abangengcwele, abangenabubele, abangenatarhu, abatyholi, abangenakuzeyisa, izibhoja, abangenakuthanda kulunga, abancethezi, izityhuthutyhuthu, abathiwe lwale likratshi, abathandi beziyolo kunokuba bathande uThixo; benokumila kokuhlonela uThixo, ukanti bayawakhanyela amandla ako. Kwabo ke khwebuka.

2 KuTimoti 3:12

Nabo bonke ke abathanda ukuhlala ngokuhlonela uThixo kuKristu Yesu baya kutshutshiswa.

2 KuTimoti 3:16-17

Sonke isibhalo, siphefumlelwe nguThixo nje, sikwancedela ukufundisa, ukohlwaya, ukululeka, ukuqeqesha okusebulungiseni, ukuze umntu kaThixo afaneleke, exhobele wonke umsebenzi olungileyo.

2 KuTimoti 4:8

Okokugqibela ndibekelwe isithsaba sobulungisa, eya kundibuyisela ngaso ngaloo mini iNkosi, umgwebi olilungisa; ingabi ndim ndedwa ke, ibe ngabo bonke abakuthandayo ukubonakala kwayo.

2 KuTimoti 4:18

Isaya kundihlangula yona iNkosi kuwo wonke umsebenzi ongendawo, indisindisele ebukumkanini bayo obusemazulwini; kuyo makubekho uzuko, kuse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen.

KuTito 1:2

ngethemba lobomi obungunaphakade, awathi uThixo, ongenakuxoka, wabubeka idinga ngaphambi kwamaxesha angunaphakade,

KuTito 2:11-14

Kuba lubonakele kubantu bonke ubabalo lukaThixo, lulolusindisayo; lusiqeqesha ukuze sithi, sikuncama ukungahloneli Thixo nokukhanuka okukokwehlabathi, sihlale ngokunesidima, nangokubulungisa, nangokuhlonela uThixo, kweli phakade langoku; silinde ithemba elinoyolo, nembonakalo yobuqaqawuli boThixo omkhulu, uMsindisi wethu uYesu Kristu, owazinikela ngenxa yethu, ukuze asikhulule ngokusihlawulela kuko konke ukuchasa umthetho, azihlambululele abantu abangabakhe, abazondelela imisebenzi emihle.

KuTito 3:5

kungengamisebenzi esebulungiseni esayenzayo thina, kungokwenceba yakhe, wasisindisa ngentlambululo yokuzalwa ngokutsha, nangokuhlaziya koMoya oyiNgcwele;

KuTito 3:7

ukuze sithi, sigwetyelwe ngobabalo lwalowo, sibe ziindlalifa zobomi obungunaphakade ngokwethemba.

KumaHebhere 2:1-3

Ngenxa yoko, simelwe kukuzinyamekela ngokugqithiseleyo izinto esazivayo, hleze sikhukuliswe simke kuzo. Kuba, ukuba ilizwi elathethwa ngezithunywa zezulu laqina, kwathi konke ukugqitha nokungeva kwamkela umvuzo oyeleleyo; sothini na thina ukusinda, sakuba siluhilizele usindiso olungakanana, lona lwaqalwa ukuthethwa yiyo iNkosi, lwaza lwaqiniselwa kuthi ngabo baluvayo;

KumaHebhere 2:18

Kuba ekubeni eve ubunzima, ehendiwe naye ngokwakhe, unako ukubasiza abahendwayo.

KumaHebhere 3:12

Lumkani, bazalwana, hleze kubekho kubani wenu intliziyo engendawo, engakholwayo, enokumka kuThixo ophilileyo;

KumaHebhere 3:13

manivuselelane imihla ngemihla, xa kusathiwa kunamhla, ukuze kungabikho mntu kuni wenziwa lukhuni kukulukuhla kwesono.

KumaHebhere 3:15

ekubeni kusithiwa, Namhla, ukuba nithe naliva ilizwi lakhe, Musani ukuzenza lukhuni iintliziyo zenu, njengasengcaphukisweni.

KumaHebhere 4:13-16

Kanjalo akukho sidalwa singabonakaliyo emehlweni akhe; izinto zonke ke zize, zityhilekile, emehlweni alowo esinokuthana ni naye. Ngoko, sinombingeleli omkhulu nje ocande emazulwini, UYesu ke, uNyana kaThixo, masilubambe uvumo lwethu. Kuba asinambingeleli mkhulu ungenako ukuvelana nezilwelwe zethu; ke, sinowahendwayo ngeento zonke, ngokokufana nathi, engenasono. Masisondlele ke ngoko sinokungafihlisi kuyo itrone yobabalo, ukuze samkeliswe inceba, sifumane ubabalo lokusiza ngexesha elililo.

KumaHebhere 6:4-6

Kuba abo bakha bakhanyiselwa, basiva isipho sasemazulwini, baba ngamadlelana ngoMoya oyiNgcwele, bayiva incasa yelizwi elihle likaThixo, kwanamandla ephakade eliza kubakho, baza babuya bakreqa: akunakwenzeka ukuba babuye bahlaziyelwe enguqukweni; ekubeni bephinda ukuzibethelelela emnqamlezweni uNyana kaThixo, bamhlaze ekuhleni.

KumaHebhere 7:25

Ngoko unako nokubasindisa kanye abo bezayo ngaye kuThixo, ehlala ehleli nje ukuba abathethelele.

KumaHebhere 8:10

Ngokuba nangu wona umnqophiso, endiya kuwenzela indlu kaSirayeli Emva kwaloo mihla, itsho iNkosi: Ndiya kuthi, ndiyibeke imithetho yam engqondweni yabo, Ndiyibhale ezintliziyweni zabo, Ndibe nguThixo kubo, Nabo babe ngabantu kum.

KumaHebhere 8:12

Ngokuba ndiya kukuxolela ukungalungisi kwabo, Nezono zabo, nokuchasa kwabo umthetho, ndingabi sakukhumbula.

KumaHebhere 9:12

wangena kwaba kanye kweyona ngcwele, kungengalo negazi leebhokhwe nelamathole, kungegazi elilelakhe; wafumana inkululo engunaphakade ngokusihlawulela.

KumaHebhere 9:15

Nangenxa ke yoko, ungumlamleli womnqophiso omtsha, ukuze bathi abo babiziweyo (kwakubon’,ukuba kubekho ukufa okuhlawulela izigqitho, ezibe ziphantsi kwawo umnqophiso wokuqala), balamkele idinga lelifa elingunaphakade.

KumaHebhere 9:22

Kananjalo ngokomthetho ndingade ndithi, zonke izinto ziphantse ukuba zihlanjululwe ngegazi; kungaphalalanga gazi, akubikho kuxolelwa.

KumaHebhere 9:27-28

Ke kwanjengokuba ke abantu bemiselwe ukuba bafe kube kanye, ize ke emveni koko ibe ngumgwebo: ngokunjalo uKristu, esondezwe kwaba kanye, ukuba asithwale asisuse isono sabaninzi, uya kuthi okwesibini, ngaphandle kwesono, abonakale kwabo bamlindileyo, ezisa usindiso.

KumaHebhere 10:10

Esithe, ngokokuthanda kwakhe, sangcwaliswa ngokusondezwa komzimba kaYesu Kristu, kwaba kanye.

KumaHebhere 10:12

Kodwa yena lo, esondeze idini lalinye ngenxa yezono, usuke wahlala phantsi ngasekunene kukaThixo ngokungapheliyo;

KumaHebhere 10:14-18

Kuba ngamnikelo mnye ubenze bagqibelela ngokungapheliyo abo bangcwaliswayo. Uyasingqinela ke naye uMoya oyiNgcwele; kuba, emveni kokuba etshilo ngenxa engaphambili ukuthi, Nangu wona umnqophiso, endiya kuwenza nabo Emva kwaloo mihla, itsho iNkosi, Ndiya kuyibeka imithetho yam ezintliziyweni zabo, Ndiya kuyibhala ezingqondweni zabo, ubuya athi, Izono zabo nokuchasa umthetho kwabo ndingabi sakukhumbula. Ke apho uxolelo lwezo zinto lukhona, akusekho mnikelo ngenxa yesono.

KumaHebhere 10:19-22

Ngoko, bazalwana, sinokungafihlisi nje ukungena kweyona ngcwele ngalo igazi likaYesu, ngendlela entsha, ephilileyo, awayisungulela thina, iphumela esikhuselweni, oku kukuthi, enyameni yakhe; sinombingeleli omkhulu nje phezu kwendlu kaThixo: masisondele sinentliziyo eyinyaniso, sinenzaliseko yokholo, sifefiwe iintliziyo zethu, sisusiwe isazela esingendawo. Masithi, sihlanjiwe nje umzimba ngamanzi amhlophe,

KumaHebhere 10:26-31

Kuba, xa sithi sone ngabomi, emveni kokuba sakwamkelayo ukwazi inyaniso, akusasele dini ngenxa yezono; sekusele ke ukulinda okoyikekayo kakhulu, umgwebo nomsindo womlilo, oza kudla abo bachasileyo. Umntu obegiba okaMoses umthetho, ubebulawa kungekho tarhu, ngezwi lamangqina amabini, nokuba mathathu. Niba wobeka phi na ke ukufanelwa kukubethwa okubi ngakumbi, lo umnyathelele phantsi uNyana kaThixo, walibalela ekuthini liyinqambi igazi lomnqophiso athe wangcwaliswa ngalo, wamgxeka uMoya wobabalo? Kuba siyamazi lowo watshoyo ukuthi, Impindezelo yeyam, kuya kubuyekeza mna, itsho iNkosi. Kananjalo wathi, INkosi iya kubagweba abantu bayo. Kuyoyikeka ke ukweyela ezandleni zoThixo ophilileyo.

KumaHebhere 11:1

Ukholo ke kukukholosa ngezinto ezithenjiweyo; kukweyiseka bubukho bezinto ezingabonwayo.

KumaHebhere 11:6

Ke, lungekho ukholo, akunakubakho ukumkholisa kakuhle; kuba lowo uzayo kuThixo, umelwe kukukholwa ukuba ukho, nokuba ungumvuzi wabo bamfunayo.

KumaHebhere 12:1

Ngako oko ke, sinelifu elingakanana nje elisingqongileyo lamangqina, masithi nathi, siwubekile nxamnye wonke umthwalo, naso isono esinokusirhawula ngokusisulu, silubaleke ngomonde ugqatso olubekwe phambi kwethu;

KumaHebhere 12:4

Anikachasi kude kube segazini, nizamana naso isono.

KumaHebhere 12:14

Phuthumani uxolo nabo bonke, nobungcwele, ekungekho namnye uya kuyibona iNkosi, engenabo;

KumaHebhere 12:17

Kuba niyazi ukuba wathi kamva, ethanda ukuyidla ilifa intsikelelo, walahlwa; kuba akafumananga thuba languquko, noko wayingxamelayo ngeenyembezi.

KumaHebhere 13:4

Umtshato mawubekeke ngeendlela zonke, nesilili masingadyojwa; ke abenza umbulo nabakrexezi, uThixo uya kubagweba.

KumaHebhere 13:15

Ngoko masithi ngaye sinyuse ngamaxesha onke kuye uThixo umbingelelo wendumiso, oko kukuthi, isiqhamo somlomo olivumayo igama lakhe.

KumaHebhere 13:20

Ke kaloku uThixo woxolo, lowo wamvusayo kwabafileyo uMalusi oMkhulu wezimvu, ngegazi lomnqophiso ongunaphakade,

EkaYakobi 1:5

Ukuba ke ubani kuni uswele ubulumko, makacele kuThixo, onika bonke engenakumbi, engangcikivi; wobunikwa.

EkaYakobi 1:12-13

Inoyolo indoda ekunyamezelayo ukulingwa; ngokuba yothi, yakuba icikidekile, isamkele isithsaba sobomi, ebabeke ngedinga iNkosi abo bayithandayo. Makungabikho namnye utshoyo akuhendwa ukuthi, Ndihendwa kwaThixo; kuba uThixo akanakuhendeka kokubi, akahendi namnye ke yena.

EkaYakobi 1:14-15

Elowo ke uhendwa akutsalwa, abanjiswe, yeyakhe inkanuko. Ithi inkanuko, yakuba ithabathile, izale isono; sithi ke isono, sakuba sikhulelwe, sizale ukufa.

EkaYakobi 1:21-22

Kungoko endithi, yithini, nibubekile nxamnye bonke ubunyhukunyhuku nokuphuphuma ulunya, namkele ninobulali ilizwi elimiselweyo kuni, elinako ukuyisindisa imiphefumlo yenu. Yibani ke ngabenzi belizwi, ningabi ngabaphulaphuli kodwa, nizidephisela.

EkaYakobi 2:10

Kuba yena oya kuwugcina umthetho uphela, akhubeke mthethweni mnye, unetyala layo yonke.

EkaYakobi 2:14-17

Kunceda ntoni na, bazalwana bam, ukuba umntu uthi unokholo, abe imisebenzi ke engenayo? Lunako yini na ukumsindisa ukholo lwakhe? Ukuba ke umzalwana, nokuba ngudade, bathi bahambe ze, beswele ukudla imihla ngemihla, athi ke omnye wenu kubo, Hambani ninoxolo, yothani, hluthani; nibe ke ningabaniki izinto ezo ziwufaneleyo umzimba: kunceda ntoni na? Ngokunjalo nalo ukholo, ukuba luthi lungabi namisebenzi, lufile ngokukokwalo.

EkaYakobi 2:24

Niyabona ke ngoko, ukuba umntu uyagwetyelwa ngokwasemisebenzini; kungabi ngokwaselukholweni lodwa.

EkaYakobi 2:26

Kuba, kwanjengokuba umzimba, ungekho umoya, ufile, ngokunjalo ukholo, ingekho imisebenzi, lufile nalo.

EkaYakobi 4:4-10

Bakrexezindini, bakrexezikazindini, anazi na ukuba ubuhlobo balo ihlabathi bubutshaba kuye uThixo? Othe ngoko wanga angaba sisihlobo salo ihlabathi, uzenza utshaba lukaThixo. Okanye niba isibhalo esi sifumana sisitsho na, ukuthi, Umoya owahlala ngaphakathi kwethu ulangazelela ukukhweleta? Ke ubabala kakhulu ngakumbi. Kungoko sithi, UThixo uyabachasa abanekratshi, abababale abazithobileyo. Mthobeleni ngoko uThixo. Mchaseni ke uMtyholi, wonibaleka. Sondelani kuye uThixo, wosondela kuni. Hlambululani izandla, boni, nenze nyulu iintliziyo, nina bamphefumlo umbaxa. Yibani ziindwayi, nikhedame, nilile; ukuhleka kwenu makujike kube kukukhedama, nalo uvuyo lwenu lube kukuthi dakumba. Zithobeni emehlweni eNkosi, yoniphakamisa.

EkaYakobi 4:17

Ngoko kowaziyo ukwenza okuhle, angakwenzi, kulowo kusisono.

EkaYakobi 5:15-16

wothi umthandazo wokholo umsindise lowo uleleyo, iNkosi imvuse; nokuba ubethe wenza izono, wozixolelwa. Xelelanani iziphoso, nithandazelane, ukuze niphiliswe. Sinamandla kakhulu isikhungo selungisa, siyeyisa.

EkaYakobi 5:19-20

Bazalwana, ukuba uthe omnye phakathi kwenu walahleka enyanisweni, wathi ubani wamguqula, makazi ukuba lowo wamguqulayo umoni ekulahlekeni kwakhe, woba usindise umphefumlo ekufeni, wagubungela inkitha yezono.

1 KaPetros 1:3-5

Makabongwe uThixo, uYise weNkosi yethu uYesu Kristu, othe ngokobuninzi benceba yakhe, wasizala ngokutsha, ukuba sibe nethemba eliphilileyo ngokuvuka kukaYesu Kristu kwabafileyo; sibe nelifa elingenakonakala, elingenakudyobheka, elingenakuguga, eniligcinelweyo emazulwini, nina bathe ngamandla kaThixo ngokholo balondolozelwa elusindisweni, olulungiselwe ukutyhilwa ngexesha lokugqibela.

1 KaPetros 1:6-9

Enigcoba ngalo, nokuba nithe naba buhlungu umzuzwana ngoku, ukuba nimelwe kuko, phakathi kwezilingo ngezilingo; ukuze ukucikideka kokholo lwenu kufunyanwe kunqabile kakhulu, ngaphezu kwegolide le itshabalalayo, noko icikidwa ngomlilo; kuse kuyo indumiso nembeko nozuko ekutyhilekeni kukaYesu Kristu. Enithe, ningambonanga nje, namthanda; enithi ke nikholwa kuye, noko ngoku ningamboniyo, nigcobe ngovuyo olungathethekiyo, oluzukisiweyo; nisamkela isiphelo sokholo lwenu, usindiso ke lwemiphefumlo yenu.

1 KaPetros 1:14-16

ngokwabantwana bolulamo, ningamilisi okweenkanuko zangaphambili ekungazini kwenu; nithi ke, ngokokwalowo ungcwele wanibizayo, nibe ngcwele nani ngokwenu kuyo yonke ihambo. Ngenxa enokuba kubhaliwe kwathiwa, Yibani ngcwele, ngokuba ndingcwele mna.

1 KaPetros 1:17-19

Kanjalo, ukuba nimnqula ngokoYihlo, lowo ugweba ngokowalowo umsebenzi, engakhethi buso, lihlaleni ixesha lokuphambukela kwenu apha nizoyikela; nisazi nje ukuba anihlawulelwanga nikhululwe ngazinto zinakonakala, oozisilivere noozigolide, kuyo ihambo yenu engento, enayinikelwayo ngooyihlo. Kwakungegazi elinqabileyo likaKristu, njengelemvana engenasiphako, engenabala;

1 KaPetros 1:22-25

Niyenze nyulu nje imiphefumlo yenu ngokuyilulamela inyaniso ngoMoya, kuse ekuthandeni abazalwana okungenaluhanahaniso, thandanani ngenyameko, ngokwasentliziyweni ehlambulukileyo; nizelwe nje ngokutsha, kungengokwasembewini enokonakala, kungokwasembewini engenakonakala, ngelizwi likaThixo eliphilileyo, elihleliyo ngonaphakade. Ngenxa enokuba Yonke inyama injengengca, Nabo bonke ubuqaqawuli bomntu bunjengentyantyambo yengca. Ingca iyoma, ivuthuluke nentyantyambo yayo; Ke lona ilizwi leNkosi lihleli ngonaphakade. Elo ke leli lizwi lashunyayelwayo kuni ngeendaba ezilungileyo.

1 KaPetros 2:24-25

owathi ngokwakhe, izono zethu wazithwala ngomzimba wakhe emthini, ukuze sithi, sifile ngakwizono, siphilele ebulungiseni; omivumbo yakhe naphiliswa ngayo. Kuba beninjengezimvu zilahlekile, koko nisuke ngoku nabuyela kuye uMalusi noMveleli wemiphefumlo yenu.

1 KaPetros 3:18

Ngokuba noKristu wabuva kwakanye ubunzima ngenxa yezono, ilungisa lisiva ubunzima ngenxa yabangemalungisa, ukuze asisondeze kuye uThixo; ebulewe okunene esenyameni, kodwa edliswe ubomi ekuwo umoya.

1 KaPetros 3:21-22

Olusisindisayo ngawo nathi ngoku ubhaptizo ngokomfuziselo; olungekuko ukulahla ubunyhukunyhuku benyama; olukukubuzisa kuThixo kwesazela esilungileyo, ngokuvuka kukaYesu Kristu; osekunene kukaThixo, eye emazulwini, kwakubon’ ukuba kuthotyelwe phantsi kwakhe izithunywa zezulu, noomagunya, namandla.

1 KaPetros 4:1-3

Ekubeni ngoko uKristu eve ubunzima ngenxa yethu esenyameni, xhobani nani kwaloo ngcingane; ngokuba lowo uve ubunzima esenyameni, ukhunyulwe ekoneni; ukuze ixesha eliseleyo enyameni ningabi saliphilela ezinkanukweni zabantu, niliphilele ekuthandeni kukaThixo. Kuba lisanele ixesha elidluleyo lokuphila kwethu, esasisenza ukuthanda kweentlanga, sasihamba nje eburheletyweni, ezinkanukweni, ekutshisweni yiwayini, ezindywaleni, emithayini, nasekukhonzeni izithixo, okungekhona esikweni;

1 KaPetros 4:7-8

Ke kaloku ukuphela kwezinto zonke kusondele. Yibani nesidima ngoko, nibe nobungcathu, ukuba nithandaze. Ngaphezu kweento zonke ke, yibani nothandano olunyamekileyo, ngokuba uthando luya kugubungela inkitha yezono.

1 KaPetros 4:12-13

Zintanda, musani ukuwuthela nqa umlilo okhoyo phakathi kwenu wokunilinga, ngathi nihlelwa yinto yokuthelwa nqa. Yithini, njengoko ningamadlelane ngeentlungu zikaKristu, nivuye; ukuze, nasekutyhilekeni kobuqaqawuli bakhe, nivuye nigcoba.

1 KaPetros 4:17-18

Ngokuba lixesha lokuba ugwebo luqale ngendlu kaThixo. Ukuba ke luqala ngathi, koba yintoni na ukuphela kwabo bangazivayo iindaba ezilungileyo zikaThixo? Kanjalo ukuba nelungisa eli lisindiswa ngenkankulu, ongahloneli Thixo nongumoni woba phi na?

1 KaPetros 4:19

Ngoko ke abo babuvayo ubunzima ngokokuthanda kukaThixo, mabayiyaleze kuye imiphefumlo yabo, enguMdali othembekileyo ekwenzeni okulungileyo.

1 KaPetros 5:9-10

mchaseni lowo, nizimasekile elukholweni, nisazi ukuba kwaezo ntlungu ziyenzeka kubo abazalwana benu abasehlabathini. Ke kaloku uThixo walo lonke ubabalo, owasibizelayo eluzukweni lwakhe olungunaphakade, sikuKristu Yesu, wanga angathi ngokwakhe, nakuba nive ubunzima umzuzwana, anilungise nigqibelele, anizimase, anomeleze, anisekele.

2 KaPetros 1:10-11

Endithi ngoko, bazalwana, makube kukhona nikhuthalele ukulwenza luqine ubizo nonyulo lwenu; kuba, nakuzenza ezo zinto, anisayi kukha nikhubeke. Kuba ngokunjalo nophiwa ngokobutyebi ukungena ebukumkanini obungunaphakade beNkosi yethu, uMsindisi uYesu Kristu.

2 KaPetros 2:9

iyakwazi iNkosi ukubahlangula ekuhendweni abahlonela uThixo; ke abangemalungisa ibagcinele imini yomgwebo, ukuba babethwe;

2 KaPetros 3:9

INkosi ayilibali dinga, njengoko abathile baba iyalibala; isuka izeke kade umsindo kuthi, ingangi kungatshabalala nabani; inga bonke bangasinga enguqukweni.

2 KaPetros 3:14

Kungoko, zintanda, nilindele ezo zinto nje, khuthalelani ukuba nifunyanwe kuye niseluxolweni, ningenabala, ningenasiphako.

1 UYohane 1:6-10

Ukuba sithi sinobudlelane naye, sibe sihamba ebumnyameni, soba siyaxoka, asiyenzi inyaniso; ke, ukuba sihamba ekukhanyeni, njengokuba yena esekukhanyeni, soba sinobudlelane omnye nomnye, lithi negazi likaYesu Kristu, uNyana Wakhe, lisihlambulule kuso sonke isono. Ukuba sithi asinasono, siyazikhohlisa, inyaniso ayikho kuthi. Ukuba sithi sizivume izono zethu, uthembekile, ulilungisa, ukuba asixolele izono zethu, asihlambulule kuko konke ukungalungisi. Ukuba sithi asonanga, simenza ixoki; ilizwi lakhe alikho kuthi.

1 UYohane 2:1-6

Bantwanana bam, ndinibhalela ezi zinto, ukuze ningoni. Ukuba kukho othe wona, sinoMthetheleli kuye uYise, uYesu Kristu ilungisa. Yena usisicamagushelo sezono zethu; engesazethu zodwa, usiso nesehlabathi liphela. Sazi ngale nto ukuba siyamazi, ngokuthi siyigcine imithetho yakhe. Lowo uthi, Ndimazile, abe engayigcini imithetho yakhe, ulixoki, kulowo ayikho inyaniso. Ke othi aligcine ilizwi lakhe, okwenyaniso uthando lukaThixo lugqibelele kulowo; sazi ngaloo nto ukuba sikuye. Lowo uthi uhleli kuye, ufanele ukuthi, njengoko wahambayo yena, enjenjalo ukuhamba naye.

1 UYohane 2:12

Ndiyanibhalela, bantwanana, ngokuba nizixolelwe izono zenu ngenxa yegama lakhe.

1 UYohane 2:15-17

Musani ukulithanda ihlabathi, kwanezinto ezisehlabathini. Ukuba kukho othi alithande ihlabathi, uthando lukaYise alukho kuye. Ngokuba konke okusehlabathini, inkanuko yenyama, nenkanuko yamehlo, noqhankqalazo lobu bomi, asikokuphuma kuye uYise, kokuphuma ehlabathini. Ihlabathi ke liyadlula, nenkanuko yalo; ke yena owenza ukuthanda kukaThixo uhleli ngonaphakade.

1 UYohane 2:21-23

Andinibhalelanga ngakuba ningayazi inyaniso; ndinibhalele ngokuba niyazi, nangokuba kungekho buxoki buphuma enyanisweni. Ngubani na ixoki, ingenguye okhanyelayo ukuba uYesu unguye uKristu? Lowo ungumchasi-Kristu, omkhanyelayo uYise noNyana. Bonke abamkhanyelayo uNyana, abanaye noYise.

1 UYohane 2:25-26

Lilo eli idinga, awalibekayo ngokwakhe kuthi, ubomi obungunaphakade. Ezo zinto ndinibhalele ngabo banilahlekisayo.

1 UYohane 2:28-29

Ngoku ke, bantwanana, hlalani kuye, ukuze xa athe wabonakalaliswa, sibe nokungafihlisi singadani, simbaleke ekufikeni kwakhe. Ukuba niyazi ukuba ulilungisa, yazini ukuba bonke abenza ubulungisa bazelwe nguye.

1 UYohane 3:3

Bonke abanalo eli themba kuye, bazenza nyulu, njengokuba yena enyulu.

1 UYohane 3:4-10

Bonke abasenzayo isono benza okuchasene nomthetho; sona isono sikukuchasana nomthetho. Niyazi ke ukuba yena wabonakaliswa, ukuze azithwale azisuse izono zethu; kananjalo akukho sono kuye. Bonke abahlala kuye aboni; bonke abonayo abambonanga, abamazanga nokumazi. Bantwanana, makungabikho namnye unikhohlisayo; lowo ubenzayo ubulungisa lilungisa, njengokuba yena elilungisa. Lowo usenzayo isono ungokaMtyholi; ngokuba uMtyholi wone kwasekuqalekeni. Wabonakaliselwa oku uNyana kaThixo, ukuze ayichithe imisebenzi kaMtyholi. Bonke abazelwe nguThixo abenzi sono, ngokuba imbewu yakhe ihleli kubo; kananjalo abanakona, ngokuba bezelwe nguThixo. Babonakala ngaloo nto abantwana bakaThixo, nabantwana bakaMtyholi. Bonke abangenzi bulungisa abangabakaThixo, nalowo ungamthandiyo umzalwana wakhe.

1 UYohane 3:22

nesithi sikucele siyakwamkela kuye, ngokuba imithetho yakhe siyigcina, sizenze izinto ezikholekileyo emehlweni akhe.

1 UYohane 3:23-24

Nguwo lo umthetho wakhe, ukuba sikholwe ligama lonyana wakhe, uYesu Kristu, sithandane njengoko wasiwiselayo umthetho. Lowo uyigcinayo imithetho yakhe uhleli kuye, naye uhleli kulowo. Sazi ngale nto ke, ukuba uhleli kuthi ngoMoya lo wasinikayo.

1 UYohane 4:7-8

Zintanda, masithandane; ngokuba uthando lwaphuma kuThixo. Bonke abanothando bazelwe nguThixo, bayamazi uThixo. Lowo ungenaluthando akazanga amazi uThixo, ngokuba uThixo uluthando.

1 UYohane 4:15

Othe wavuma ukuba uYesu unguye uNyana kaThixo, uThixo uhleli kuye, naye uhleli kuye uThixo.

1 UYohane 4:20-21

Ukuba umntu uthe, Ndiyamthanda uThixo, wamthiya umzalwana wakhe, ulixoki; kuba lowo ungamthandiyo umzalwana wakhe ambonileyo, angathini na ukumthanda uThixo angambonanga? Nguwo lo umthetho esinawo uvela kuye: ukuba athi lowo umthandayo uThixo, amthande nomzalwana wakhe.

1 UYohane 5:1-5

Bonke abakholwayo ukuba uYesu unguye uKristu, bazelwe nguThixo; bonke abamthandayo lowo wazalayo, bayamthanda nalowo uzelweyo nguye. Sazi ngale nto ukuba siyabathanda abantwana bakaThixo, xa sukuba simthanda uThixo, siyigcina imithetho yakhe. Kuba ukumthanda uThixo kuko ukuthi, siyigcine imithetho yakhe; ayinzima ke imithetho yakhe. Ngokuba konke okuzelweyo nguThixo kuyaleyisa ihlabathi; lulo ke olu uloyiso oluleyisayo ihlabathi, ukholo lwethu. Ngubani na lowo uleyisayo ihlabathi, ingenguye okholwayo ukuba uYesu unguye uNyana kaThixo?

1 UYohane 5:10-12

Lowo ukholwayo kuye uNyana kaThixo unabo ubungqina ngaphakathi kwakhe; lowo ungakholwayo nguye uThixo umenze ixoki, ngokuba engakholwanga bubo ubungqina abungqinele uNyana wakhe uThixo. Bubo obu ke ubungqina: ukuba uThixo usinike ubomi obungunaphakade; baye obo bomi bukuye uNyana wakhe. Lowo unaye uNyana, unabo ubomi; lowo ungenaye uNyana kaThixo, akanabo ubomi.

1 UYohane 5:13

Ndinibhalele ezi zinto, nina nikholwayo kwigama loNyana kaThixo, ukuze nazi ukuba ninobomi obungunaphakade, nokuze nikholwe kwigama loNyana kaThixo.

1 UYohane 5:14

Kuko oku ukungafihlisi esinako kuye: ukuba sithi sicele into ngokokuthanda kwakhe, uyasiva.

1 UYohane 5:18

Siyazi ukuba bonke abazelwe nguThixo aboni; usuke athi lowo wazalwayo nguThixo azigcine, aze ongendawo angamchukumisi.

2 UYohane 1:9-11

Bonke abagqithayo, abangahlaliyo emfundisweni kaKristu, abanaThixo; ohleliyo emfundisweni kaKristu, lowo unaye uYise noNyana. Ukuba umntu uza kuni, engazisi yona le mfundiso, musani ukumamkela endlwini yenu, ningambulisi nokumbulisa; kuba lowo umbulisayo unobudlelane naye ngemisebenzi yakhe engendawo.

EkaYuda 1:21-24

Hlalani nihleli eluthandweni lukaThixo, niyilinde inceba yeNkosi yethu uYesu Kristu, kuse ebomini obungunaphakade. Inxenye okunene yenzeleni inceba, nicalula; kodwa inxenye yisindiseni nizoyikela, nibaphanga emlilweni, niyithiya nengubo edyojiweyo yinyama. Kulowo ke unako ukunilondoloza ningabi nakukhubeka, nokunimisa phambi kobuqaqawuli bakhe ningenabala, nigcoba:

IsiTyhilelo 1:5

nakuYesu Kristu, oliNgqina elithembekileyo, Owamazibulo kubo abafileyo, uMphathi wookumkani bomhlaba. Kulowo wasithandayo, wasikhulula ezonweni zethu ngelilelakhe igazi,

IsiTyhilelo 2:4-5

Noko ke ndinale nto ngakuwe, yokuba uthando lwakho lokuqala walushiyayo. Khumbula ngoko apho uwe usuka khona, uguquke, wenze imisebenzi yokuqala; okanye ndoza kuwe kamsinya, ndisishenxise isiphatho sesibane sakho endaweni yaso, ukuba akuthanga uguquke.

IsiTyhilelo 2:16

Guquka, okanye ndoza kuwe kamsinya, ndenze imfazwe nabo ngalo ikrele lomlomo wam.

IsiTyhilelo 2:21

Ndamnika ixesha lokuba aguquke kuwo umbulo wakhe, akaguquka.

IsiTyhilelo 3:5

Lowo weyisayo uya kuthiwa wambu ngeengubo ezimhlophe. Andisayi kulicima igama lakhe encwadini yobomi; ndiya kulivuma igama lakhe emehlweni kaBawo, naphambi kwezithunywa zakhe zasemazulwini.

IsiTyhilelo 3:15-16

Ndiyayazi imisebenzi yakho, ukuba akubandi, akushushu; akwaba ububanda, akwaba ubushushu. Ngenxa enokuba ke udikidiki, ungabandi, ungeshushu, ndiza kukuhlanza uphume emlonyeni wam.

IsiTyhilelo 3:17-19

Ngokuba uthi, Ndisisityebi, ndizityebisile, andiswele nto; ube ungazi ukuba uludwayinge, ulusizana, ulihlwempu, uyimfama, uhamba ze; ndiyakucebisa, ukuba uthenge kum igolide evuthiswe emlilweni, ukuze ube nobutyebi; neengubo ezimhlophe, ukuze wambeswe, lingabonakali ihlazo lobuze bakho; nentambiso yamehlo, uthambise amehlo akho, ukuze ubone. Mna, bonke endibathandayo ndiyabohlwaya, ndibaqeqeshe; zondelela ngoko uguquke.

IsiTyhilelo 3:20

Yabona, ndimi emnyango ndinkqonkqoza; ukuba uthe umntu waliva izwi lam, waluvula ucango, ndongena kuye, ndidle naye, naye adle nam.

IsiTyhilelo 3:21

Lowo weyisayo, ndiya kumvumela ukuba ahlale nam etroneni yam, njengokuba nam ndeyisayo, ndaza ndahlala phantsi noBawo etroneni yakhe.

IsiTyhilelo 7:14

Ndithi kuyo, Nkosi, nguwe owaziyo. Yathi kum, Aba ngabaphumayo embandezelweni enkulu, bazihlamba iingubo zabo ezinde, bazenza mhlophe egazini leMvana.

IsiTyhilelo 12:11

Bameyisile bona ngenxa yegazi leMvana, nangenxa yelizwi lobungqina babo; abawuthandanga umphefumlo wabo, kwada kwasekufeni.

IsiTyhilelo 14:5

Emlonyeni wabo akufunyanwanga nkohliso, kuba bengenakubekwa bala.

IsiTyhilelo 14:12

Nalu unyamezelo lwabangcwele; naba abayigcinayo imithetho kaThixo nokukholwa kuYesu.

IsiTyhilelo 15:4

Ngubani na ongekhe akoyike wena, Nkosi, Angalizukisi igama lakho? Ngokuba inguwe wedwa ongcwele; Ngokuba zonke iintlanga ziya kuza ziqubude phambi kwakho, Ngokuba imisebenzi yakho yobulungisa ibonakalalisiwe.

IsiTyhilelo 20:11-12

Ndabona itrone emhlophe enkulu, nalowo uhleli phezu kwayo, owathi umhlaba nezulu wasaba ebusweni bakhe, azafunyanelwa ndawo ezo zinto. Ndababona abafileyo, abancinane nabakhulu, bemi phambi koThixo. Zavulwa iincwadi; kwavulwa nenye incwadi, eyeyobomi; bagwetywa abafileyo ngokubhaliweyo ezincwadini ezo, ngokwemisebenzi yabo.

IsiTyhilelo 21:4-8

Azisule uThixo zonke iinyembezi emehlweni abo, Kungabi sabakho kufa, Kungabi sabakho nasijwili, nakukhala, nantlungu; Ngokuba izinto zokuqala zigqithile. Waza lowo uhleli phezu kwetrone wathi, Uyabona, izinto zonke ndizenza ntsha. Athi kum, Bhala; ngokuba lawo ngamazwi ayinyaniso, athembekileyo. Wathi kum, Kwenzekile; mna ndinguAlfa no-Omega, isiqalo nesiphelo; mna ndomnika lowo unxaniweyo emthonjeni wamanzi obomi, ngesisa. Lowo weyisayo uya kuzidla ilifa izinto zonke; ndiya kuba nguThixo wakhe, yena abe ngunyana wam. Ke wona amagwala, nabangakholwayo, nabangamasikizi, nababulali, nabenzi bombulo, nabakhafuli, nabakhonzi bezithixo, nawo onke amaxoki, isabelo sawo siya kuba sedikeni elivutha umlilo nesulfure. Oko kukufa kwesibini.

IsiTyhilelo 22:11

Lowo ungalungisiyo, makaselehlala engalungisi; lowo uyinyhukunyhuku, makaselehlala eyinyhukunyhuku; nolilungisa makaselehlala elungisa; nongcwele makaselehlala ezingcwalisile.

IsiTyhilelo 22:14

Banoyolo abo bayenzayo imithetho yakhe, ukuze igunya labo libe semthini wobomi, bangene ngamasango kuwo umzi.

IsiTyhilelo 22:17

UMoya nomtshakazi bathi, Yiza. Lowo uvayo makathi, Yiza. Lowo unxaniweyo makeze; lowo uthandayo, makawathabathe amanzi obomi ngesisa.

IsiTyhilelo 22:18-19

Kuba ndiyangqina kubantu bonke abawevayo amazwi esiprofeto sale ncwadi, ukuba, Xa athe umntu wongeza kwezo zinto, uThixo uya kongeza kuye izibetho ezibhaliweyo kule ncwadi; ukuba ke uthe umntu wasusa kuwo amazwi encwadi yesi siprofeto, uThixo uya kusisusa isabelo sakhe encwadini yobomi, nakuwo umzi ongcwele, nakuzo izinto ezibhaliweyo kule ncwadi.

Xhosa - Xhosa - XH

XHB - Henry Hare Dugmore Xhosa Bible - 1859

This Bible text is Public Domain.
https://bibles.org/bible/3ce5ffb017c7b41e-01/GEN.1/
Languages are made available to you by www.ipedge.net