11 – Isono
La ngamazwi angcwele kaThixo uSomandla.
Asinamdla kwizinto ezithethwa ngabantu.
Nabani na othanda uThixo . . . Nantsi into uThixo ayithethayo ngaye: Isono.
La ngamazwi angcwele kaThixo uSomandla.
Asinamdla kwizinto ezithethwa ngabantu.
Nabani na othanda uThixo . . . Nantsi into uThixo ayithethayo ngaye: Isono.
Kuba, xa sithi sone ngabomi, emveni kokuba sakwamkelayo ukwazi inyaniso, akusasele dini ngenxa yezono; sekusele ke ukulinda okoyikekayo kakhulu, umgwebo nomsindo womlilo, oza kudla abo bachasileyo.
”Abawugcinanga umnqophiso kaThixo, Abavumanga ukuhamba ngomyalelo wakhe;
”Ndatsho ngoko kuni ukuthi, Niya kufela ezonweni zenu; kuba ekubeni nithe anakholwa ukuba ndinguye, niya kufela ezonweni zenu.
”UYehova uThixo wamwisela umthetho umntu, esithi, Yonke imithi yomyezo ungayidla uyidle; ke wona umthi wokwazi okulungileyo nokubi uze ungawudli; kuba mhlana uthe wawudla, uya kufa.
”Wabona umfazi ukuba umthi ulungele ukudliwa, nokuba uyakhanukeka emehlweni, ingumthi onqwenelekela ukuqiqisa, wathabatha eziqhameni zawo, wadla; wanika nendoda yakhe inaye, yadla.
”Aqabuka amehlo abo bobabini, bazi ukuba bahamba ze; bathunga amagqabi omkhiwane, bazenzela imibhinqo. Basiva isandi sikaYehova uThixo, ehamba emyezweni empepheni yasemini; basuka bazimela uAdam nomkakhe ebusweni bukaYehova uThixo, phakathi kwemithi yomyezo. UYehova uThixo wambiza uAdam, wathi kuye, Uphi na? Wathi yena, Ndive isandi sakho emyezweni, ndasuka ndoyika, ngokuba ndihamba ze; ndazimela. Wathi, Uxelelwe ngubani na, ukuba uhamba ze? Udlile na kuwo umthi, endakuwisela umthetho ngawo, ndathi, Uze ungadli kuwo?
”Wathi uAdam, Umfazi owandinikayo ukuba abe nam, nguye ondinikileyo kuwo umthi, ndadla ke. Wathi uYehova uThixo kumfazi, Yintoni na le nto uyenzileyo? Wathi umfazi, Inyoka indilukuhlile, ndadla ke.
”Wathi uYehova uThixo, Yabonani, umntu usuke waba njengomnye wethu, ukwazi okulungileyo nokubi; hleze ke olule isandla sakhe, athabathe nakuwo umthi wobomi, adle, aphile ngonaphakade: uYehova uThixo wamndulula emyezweni we-Eden, ukuba asebenze umhlaba abethatyathwe kuwo. Wamgxotha ke umntu; wamisa ngasempumalanga kuwo umyezo we-Eden iikerubhi, nelangatye lekrele elijikajikayo lokugcina indlela eya emthini wobomi.
”Akambheka uKayin nomnikelo wakhe. Waqumba kunene uKayin, basangana ubuso bakhe. Wathi uYehova kuKayin, Yini na ukuba uqumbe, yini na ukuba busangane ubuso bakhe? Ukuba uthe walungisa, abuyi kuswabuluka ubuso yini na? Ukuba uthe akwalungisa, isono sibuthumile ngasesangweni, singxamele wena; ke wena, silawule. Wathetha uKayin noAbheli umninawa wakhe, kwathi besendle, wesuka uKayin wamvunukela uAbheli umninawa wakhe, wambulala.
”Wabona uThixo ukuba ububi babantu bandile ehlabathini, konke ukuyila kweengcinga zentliziyo yabo kubububi bodwa imihla yonke.
”Wathi uYehova, Isikhalo saseSodom neGomora sisikhulu nje, nesono sayo sinzima kunene nje,
”Uze ungabi nathixo bambi ngaphandle kwam. Uze ungazenzeli umfanekiso oqingqiweyo, nokuba ngowayiphi na into emilise esezulwini phezulu, nesemhlabeni phantsi, nesemanzini aphantsi komhlaba. Uze ungaqubudi kwezo nto, ungazikhonzi: kuba mna, Yehova Thixo wakho, ndinguThixo onekhwele, ndibuvelela ubugwenxa booyise koonyana, kwesesithathu nakwesesine isizukulwana sabandithiyileyo; ndiwenzela inceba amawaka abandithandayo, abayigcinayo imithetho yam.
”Uze ungafumane ulibize igama likaYehova uThixo wakho; kuba uYehova akayi kumenza omsulwa ofumana alibize igama lakhe.
”Uze ungabulali. Uze ungakrexezi. Uze ungebi. Uze ungangqini ubungqina obubuxoki ngommelwane wakho. Uze ungawunqweneli umzi wommelwane wakho. Uze ungamnqweneli umfazi wommelwane wakho, nesicaka sakhe, nesicakakazi sakhe, nenkomo yakhe, ne-esile lakhe, nanye into eyeyommelwane wakho.
”Wathi uMoses ebantwini, Musani ukoyika; kuba uThixo uze kunilinga, ukuba kubekho ukumoyika ebusweni benu, ukuze ningoni.
”Othe wabetha uyise, nokuba ngunina, wobulawa afe. Othe weba umntu, nokuba uthengise ngaye, nokuba ufunyenwe esandleni sakhe, wobulawa afe. Othe watshabhisa uyise, nokuba ngunina, wobulawa afe.
”Bonke abathe balala inkomo, mababulawe bafe.
”Uze ungathuthi ludaba lukhohlakeleyo: uze ungancedisani nongendawo, ukuba ube lingqina logonyamelo.
”Kothi ke, xa athe wazeka ityala nangayiphi kwezo nto, ayivume into one ngayo;
”Uze ungamlali umfazi wommelwane, ukuba uzenze inqambi ngaye.
”Embewini yakho uze unganikeli na mnye, ukuba acandiselwe uMoleki; ungalihlambeli igama loThixo wakho; ndinguYehova.
”Uze ungayilali into eyindoda njengokuba kulalwa umfazi: ngamasikizi lawo.
”Uze ungalali nanye into ezitho zine, ukuba uzenze inqambi ngayo; inkazana mayingazimisi phambi kwento ezitho zine, ukuze izekwe yiyo: kukuzingcolisa oko.
”Ngokuba bonke abasukuba besenza nalinye kuloo masikizi, imiphefumlo elenzayo yonqanyulwa, ingabikho phakathi kwabantu bakowayo.
”Ize ningebi; ize ningakhanyeli into niyazi; ize ningaxokisani.
”Uze ungaphindezeli; uze ungabi nanqala koonyana babantu bakowenu; uze umthande ummelwane wakho ngoko uzithanda ngako; ndinguYehova.
”Ize ningenzi bugqwetha ekugwebeni nasekulinganiseni ubude, nobunzima, nokuzala kwento. Noba nezikali zobulungisa, namatye obulungisa, ne-efa yobulungisa, nehin yobulungisa. NdinguYehova, uThixo wenu, onikhuphileyo ezweni laseYiputa.
”Ize nizingcwalise nibe ngcwele, ngokuba ndinguYehova, uThixo wenu.
”Uze uthethe koonyana bakaSirayeli, uthi, Umntu ngomntu, xa athe wamtshabhisa uThixo wakhe, wosithwala isono sakhe. Olithukayo igama likaYehova makabulawe afe. Lonke ibandla lomxuluba okunene ngamatye, kwanomphambukeli, kwanozalelwe ekhaya; ekulithukeni kwakhe iGama makabulawe.
”Umntu xa athe wamlimaza ummelwane wakhe, njengoko enze ngako, makwenziwe ngako kuye: ukwaphulwa ngokwaphulwa, iliso ngeliso, izinyo ngezinyo. Njengoko amlimazileyo umntu, makwenziwe ngoko kuye.
”Ukuba ke bathe babuvuma ubugwenxa babo nobugwenxa booyise ngenxa yokumeneza kwabo, abameneze ngako kum, nangenxa yokuhamba ngokundichasa,
”Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi, Indoda nokuba yinkazana, xa bathe benza isono kwizono zonke zoluntu, ngokuthi bameneze kuYehova, yazeka ityala ke loo miphefumlo,
”Beza abantu kuMoses, bathi, Sonile, ngokuba sithethe ngoYehova nangawe; thandaza kuYehova, azisuse kuthi iinyoka ezo. Wabathandazela ke uMoses abantu.
”Ke ukuba anithanga nenjenjalo, yabonani, noba nonile kuYehova, nazi ukuba isono senu siya kunifumana.
”Uze ungabi nathixo bambi ngaphandle kwam. Uze ungazenzeli umfanekiso oqingqiweyo, nokuba ngowayiphi na into emilise esezulwini phezulu, nesemhlabeni phantsi, nesemanzini aphantsi komhlaba. Uze ungazinquli ezo nto, uze ungazikhonzi; kuba mna Yehova, Thixo wakho, ndinguThixo onekhwele, ndibuvelela ubugwenxa booyise koonyana nakwesesithathu nakwesesine isizukulwana sabandithiyileyo; ndiwenzela inceba amawaka abandithandayo, abayigcinayo imithetho yam.
”Uze ungafumane ulibize igama likaYehova uThixo wakho, kuba uYehova akayikumenza omsulwa, ofumana alibize igama lakhe.
”Uze ungabulali. Uze ungakrexezi. Uze ungebi. Uze ungangqini ubungqina obubuxoki ngommelwane wakho. Uze unganqweneli umfazi wommelwane wakho; uze unganqweneli indlu yommelwane wakho, nentsimi yakhe, nesicaka sakhe, nesicakakazi sakhe, nenkomo yakhe, ne-esile lakhe, nanye into eyeyommelwane wakho.
”Nize nizigcine ukuba nenze njengoko uYehova uThixo wenu waniwisela umthetho, ningatyekeli ekunene nasekhohlo.
”Imifanekiso eqingqiweyo yoothixo bazo woyitshisa ngomlilo; uze ungayinqweneli isilivere negolide ekuzo, ungayithabatheli kuwe, ibe ngumgibe; ngokuba lisikizi kuYehova uThixo wakho. Uze ungalingenisi isikizi endlwini yakho, ukuze ungabi yinto yokusingelwa phantsi njengalo. Ize ibe nezothe, ibe linyala kuwe, ibe lisikizi kuwe, ngokuba yinto yokusingelwa phantsi.
”Uze ungabi namatye ngamatye okulinganisa engxoweni yakho, amakhulu namancinane. Uze ungabi nee-efa ngee-efa endlwini yakho, enkulu nencinane; uze ube nelitye elizalisekileyo, elilelobulungisa; uze ube ne-efa ezalisekileyo, eyiyeyobulungisa, ukuze yolulwe imihla yakho emhlabeni lowo akunikayo uYehova uThixo wakho. Ngokuba bangamasikizi kuYehova uThixo wakho bonke abenza loo nto, bonke abenza ubumenemene.
”Uqalekisiwe umntu owenza umfanekiso oqingqiweyo notyhidiweyo, into elisikizi kuYehova, into engumsebenzi wezandla zomkroli, ayibeke endaweni esitheleyo; bavume bonke abantu, bathi, Amen.
”Uqalekisiwe ojika isigwebo somphambukeli nenkedama nomhlolokazi; bathi bonke abantu, Amen.
”Uqalekisiwe ombulalayo ummelwane wakhe ngasese; bathi bonke abantu, Amen.
”Uqalekisiwe osamkelayo isicengo sokubulala umntu, igazi elingenatyala; bathi bonke abantu, Amen.
”Uqalekisiwe ongawamisiyo amazwi alo myalelo ukuba awenze; bathi bonke abantu, Amen.
”Ke Kothi, ukuba uyigcine uyenze imithetho yakhe nemimiselo yakhe endikuwiselayo namhla, zize phezu kwakho ezi ziqalekiso zonke zikufumane:
”Bamkhweletisa ngoothixo basemzini, Bamqumbisa ngamasikizi. Babingelela kwiidemon ezingeThixo, Koothixo abangabaziyo, Kwabatsha abasandula ukufika, Ababengabahlonele ooyihlo.
”Bathi oonyana bakaSirayeli kuYehova, Sonile; yenza wena kuthi ngokubona kwakho; kodwa khawusihlangule okwanamhla.
”Ngaloo mihla bekungekho kumkani kwaSirayeli; elowo wenza oko kuthe tye emehlweni akhe.
”Saba sikhulu kunene isono samadodana phambi koYehova; ngokuba abantu bawudela umnikelo kaYehova.
”Ngokuba ukuba neenkani kusisono esinjengokuvumisa, ubungqola bunjengenkonzo yezithixo nemilondekhaya. Ngenxa yokuba ulicekisile ilizwi likaYehova, naye ukucekisile ukuba ungabi kumkani.
”Xa bathe bakona (ngokuba akukho mntu ungoniyo), waba nomsindo, wabanikela elutshabeni, bathi abathimbi babathimba, babasa ezweni lotshaba olo, nokuba likude nokuba likufuphi;
”Bacandisa oonyana babo neentombi zabo emlilweni, bavumisa, bahlaba izihlabo, bazithengisela ukwenza okubi emehlweni kaYehova, ukuba bamqumbise. UYehova waba nomsindo omkhulu kunene kumaSirayeli, wawasusa ebusweni bakhe, yaba sisizwe sakwaYuda sodwa esasalayo.
”yiva ke emazulwini, endaweni ohlala kuyo, umthandazo wabo nokutarhuzisa kwabo, ubagwebele, ubaxolele abantu bakho abakonileyo.
”Yena wabacandisa oonyana bakhe emlilweni, emfuleni wakwaBhen-hinom, waba litola, wahlaba izihlabo, wakhafula, wamisa abaneshologu noosiyazi, wakwandisa ukwenza okubi emehlweni kaYehova, ukuba amqumbise.
”Unjalo umendo wabo bonke abamlibalayo uThixo, Nethemba lomkhohlisi liyadaka;
”Ukuba ndithe ndona, wondibamba undilinde, Ungandenzi msulwa ebugwenxeni bam.
”Kodwa ke nina ningabadyobha ngobuxoki, Ningamagqirha angento nonke niphela.
”Zingaphi na izenzo ezigwenxa, nezono zam? Ndazise isikreqo sam, nesono sam.
”Uyintoni na umntu, ukuba aqaqambe? Abe lilungisa ozelwe ngumfazi?
”Lo uvuma ebantwini, athi, Bendonile, ndakugwenxa okuthe tye, Akwalinganiselwa kum njengoko noko. Uwukhulule umphefumlo wam, ukuba ungagqitheli esihogweni, Nobomi bam bokubona ukukhanya.
”Hayi, uyolo lomntu ongahambiyo ngecebo labangendawo, Ongemiyo endleleni yaboni, Ongahlaliyo embuthweni yabagxeki!
”Abanjalo abangendawo; Bona banjengomququ ophetshethwa ngumoya. Ngenxa yoko abangendawo abanakuma emgwebeni, Naboni ebandleni lamalungisa. Ngokuba uYehova uyayazi indlela yamalungisa; Ke yona indlela yabangendawo iya kudaka.
”Nina, nyana babantu, kunini na uzuko lwam niluhlazisa, Ningxamele into engeyakonto, nithanda amanga? (Phakamisani.)
”Abanakuma abaqhayisi phambi kwamehlo akho; Uyabathiya bonke abasebenzi bobutshinga. Uyabatshabalalisa abathetha amanga; Indoda enegazi nenkohliso ilisikizi kuYehova.
”Ngokukratsha kwabangendawo bayatsha abaziintsizana; Babanjiswa ngamayelenqe abawacingileyo. Ngokuba ongendawo uyaqhayisa ngeminqweno yomphefumlo wakhe. Nolibawa wahlukene noYehova, wamgiba. Ongendawo ngobuchi bakhe uthi, Akasayi kubuza. Yonke iminkqangiyelo yakhe ithi, Akukho Thixo.
”Umlomo wakhe uzele kukushwabula nokukhohlisa nokuxinezela. Ngaphantsi kolwimi lwakhe bububi nobutshinga.
”Kumongameli. EkaDavide. Sithi isidenge entliziyweni yaso, Akukho Thixo. Bonakalisile, balisikizi ngeentlondi zabo; Akukho wenza okulungileyo.
”Khangela ukucinezeleka kwam nokwaphuka kwam, Uxolele zonke izono zam.
”EkaDavide. Eyokuqiqa. Hayi, uyolo lwakhe olukreqo luxolelweyo, osono siselelweyo!
”Ndikwazisile isono sam, ubugwenxa bam andabugquma; Ndathi, Ndoluvuma ukreqo lwam kuYehova; Wabuxolela ke wena ubugwenxa besono sam. (Phakamisani.)
”Amazwi omlomo wakhe abubutshinga nenkohliso; Uyekile ukwenza ngokuqiqa nangokulungisa.
”Lahla umsindo, ushiye ubushushu; Musa ukuzivuthisa ngomsindo, kuba oko kusingisa ekwenzeni ububi kuphela.
”Ngokuba ndiya kubuxela ubugwenxa bam; Ndinesithukuthezi ngenxa yesono sam.
”Ndithi mna, Yehova, tarhu; Philisa umphefumlo wam, ngokuba ndonile kuwe.
”Kumongameli. Umhobe kaDavide: ekuzeni kukaNatan umprofeti kuye, emveni kokuba ebengene uBhatshebha. Tarhu, Thixo, ngokwenceba yakho! Ngokobuninzi benceba yakho, cima ukreqo lwam! Ndixovule kunene, busuke ubugwenxa bam, Undihlambulule esonweni sam. Ngokuba ndiyalwazi mna ukreqo lwam, Nesono sam siphambi kwam ngamaxesha onke. Ndonile kuwe, kuwe wedwa, Ndenza okubi emehlweni akho; Ukuze ube lilungisa ekuthetheni kwakho, Ucace ekugwebeni kwakho.
”Uyabona, ndizalelwe ebugwenxeni, Ndakhawulwa nguma esonweni.
”Sithelisa ubuso bakho ezonweni zam, Ubucime bonke ubugwenxa bam. Dala phakathi kwam, Thixo, intliziyo ehlambulukileyo, Uhlaziye umoya oqinisekileyo phakathi kwam. Musa ukundilahla ebusweni bakho, UMoya wakho oyiNgcwele ungamsusi kum.
”Ulwimi lwakho lucinga ukweyelisela, Njengesitshetshe sokuguya iindevu esiloliweyo, wena mkhohlisi.
”Kumongameli: ngeyokhuzo. Eyokuqiqa; ekaDavide. Sithi isidenge entliziyweni yaso, Akukho Thixo. Bonakalisile, balisikizi ngobugqwetha babo; Akukho wenza okulungileyo. UThixo esemazulwini uqondele koonyana babantu, Ukubona ukuba ukho na oqiqayo, Ofuna uThixo. Bonke babuye umva, bayimbozisa bephelele; Akukho wenza okulungileyo, Akukho nokuba abe mnye.
”Isono somlomo wabo lilizwi lemilebe yomlomo wabo; Mababanjiswe likratshi labo, Nangenxa yokushwabula nokuhanahanisa abakuthethayo.
”Thixo, wena uyakwazi ukumatha kwam; Namatyala am akanakugushwa kuwe.
”Abawugcinanga umnqophiso kaThixo, Abavumanga ukuhamba ngomyalelo wakhe;
”Baqokela noko ukona kuye, Nokumphikisa Osenyangweni emqwebedwini.
”Musa ukubukhumbula kuthi ubugwenxa bamanyange ethu, Mayingxame isikhawulele imfesane yakho: Ngokuba siswele kakhulu. Sincede, Thixo ongumsindisi wethu, ngenxa yozuko lwegama lakho, Usihlangule, uzixolele ngocamagushelo izono zethu ngenxa yegama lakho.
”Ububeke ubugwenxa bethu phambi kwakho, Nesibufihlileyo ububeka ekukhanyiseleni kobuso bakho.
”Bathandi bakaYehova, kuthiyeni okubi. Umgcini wemiphefumlo yabenceba bakhe Uya kubahlangula esandleni sabangendawo.
”Akayi kuhlala phakathi kwendlu yam Owenza inkohliso; Othetha ubuxoki akayi kuqina Phambi kwamehlo am.
”Akenzi kuthi ngokwezono zethu, Akasiphathi ngokobugwenxa bethu; Ngokuba injengokuphakama kwezulu phezu komhlaba, Ukuba namandla, inceba yakhe kwabamoyikayo; Kunjengokuba kude kwempumalanga entshonalanga, Ukulukhwelelisa kwakhe kuthi ukreqo lwethu;
”Sonile, thina noobawo; Senze ubugwenxa, senze okungendawo.
”Baxubana neentlanga ezo, Bafunda izenzo zazo; Bakhonza izithixo zazo, Yaba sisirhintyelo kubo. Babingelela ngoonyana babo nangeentombi zabo kwiidemon; Baphalaza igazi elimsulwa, Igazi loonyana babo neleentombi zabo, Ababingelela ngabo kwizithixo zakwaKanan; Lahlanjelwa ilizwe ngamagazi. Baba ziinqambi ngezenzo zabo, Bahenyuza ngeentlondi zabo.
”Hayi, uyolo lwabandlela igqibeleleyo, Bona bahambayo ngomyalelo kaYehova!
”Ndiyibeke intetho yakho entliziyweni yam, Ukuze ndingoni kuwe.
”Ubacukucezile bonke abalahlekana nemimiselo yakho, Ngokuba inkohliso yabo ibubuxoki.
”Ahla imijelo yamanzi amehlo am, Ngenxa yokuba bengawugcini umyalelo wakho.
”Ndigocagoce, Thixo, uyazi intliziyo yam; Ndicikide, uzazi iingcinga-ngcinga zam; Ubone ukuba kukho ndlela yobubi na kum, Undikhaphele kwindlela engunaphakade.
”Nyana wam, ukuba aboni bathe bakuhenda, Uze ungavumi ke.
”Ngumntu olitshijolo, ngumntu okhohlakeleyo, Lowo uhamba ngokujibiliza komlomo wakhe; Utyanda ngoshiyi, uqhubukusha ngeenyawo, Walatha ngophakathi wakhe. Yimpenduka entliziyweni yakhe, uyila ububi ixesha lonke, Ungenisa ingxabano.
”Izinto ezintandathu uzithiyile uYehova, Ezisixhenxe zingamasikizi emphefumlweni wakhe: Ngamehlo aqwayingayo; lulwimi oluxokayo; Zizandla eziphalaza igazi elimsulwa; Yintliziyo eyila iingcinga zobutshinga; Ziinyawo ezikhawulezayo ukugidimela ebubini; Lingqina elixokayo, elifutha amanga; Nongenisa ingxabano phakathi kwabangabazalwana.
”Ukoyika uYehova kukuthiya into embi: Ikratshi nokukratsha, nendlela embi, Nomlomo onempenduka, ndiwuthiyile.
”Ngamasikizi kuYehova abantliziyo zijibilizayo; Ukholwa ngabo bandlela zigqibeleleyo. Ukakade onobubi akabi msulwa; Ke yona imbewu yamalungisa iyasinda.
”Kukho indlela ethe tye phambi komntu, Ukanti ukuphela kwayo ziindlela zokufa.
”Zingamasikizi kuYehova iingcinga ezimbi; Ke ahlambulukile amazwi amnandi. Uyihlisela ishwangusha indlu yakhe obawela inzuzo embi; Ke yena othiya isicengo, uya kuphila.
”Balisikizi kuYehova bonke abantliziyo izidlayo; Kakade ke, ababi msulwa.
”Indoda ephendukayo ingenisa ingxabano; Nentlebi yahlula amakholwane.
”Obuyekeza okubi esikhundleni sokulungileyo, Abuyi kusuka ububi endlwini yakhe.
”Omgwebelayo ongendawo, kwanoligwebayo ilungisa, Bangamasikizi kuYehova bobabini.
”Ingqina elixokayo alibi msulwa; Ofutha amanga akasindi.
”Iyelenqe lesimathane sisono; Ulisikizi ebantwini umgxeki.
”Ulwimi oluxokayo luyabathiya abatyunyuzwa lulo; Nomlomo ocengacengayo usebenza ububi.
”Osusa indlebe yakhe ekusiphulaphuleni isiyalo, Kwanomthandazo wakhe ulisikizi.
”Osigubungelayo isono sakhe akayi kuba nampumelelo; Ke yena osivumayo, asishiye, uya kufumana inceba. Hayi, uyolo lomntu ohlala enkwantya; Ke yena ontliziyo ilukhuni uya kweyela ebubini.
”Umlawuli olibazela indlebe ilizwi lobuxoki, Bonke abalungiseleli bakhe bangabangendawo.
”Kukho isizukulwana esihlambulukileyo kwawaso amelulo, Esingahlanjwanga ekungcoleni kwaso;
”Musa ukukungxamela ukuqumba ngomoya wakho, ngokuba ingqumbo ilala esifubeni sezidenge.
”Ngokuba akukho mntu ulilungisa ehlabathini, wenza okulungileyo, angoni.
”Ukuhlanganiswa kwentetho, yakuba ivakele into yonke, nanku: Yoyika uThixo, ugcine imithetho yakhe; ngokuba indawo leyo yimfanelo yoluntu lonke. Ngokuba izenzo zonke uThixo uya kuzizisa ekugwetyweni, izinto zonke ezifihlakeleyo, nokuba zilungile nokuba zimbi.
”Zihlambeni, ziqaqambiseni; susani ububi beentlondi zenu phambi kwamehlo am;
”Khanize sibonisane, utsho uYehova; nokuba izono zenu zide zavela zanjengengubo ebomvu, zoba mhlophe njengekhephu; nokuba zide zayingqombela njengebala elibomvu, zovela zinjengoboya begusha.
”ukwaphulwa kwabakreqi naboni kube kunye, bapheliswe abamshiyayo uYehova.
”Imbonakalo yobuso babo iyangqina ngabo, bayaxixela izono zabo njengeSodom, abakhanyeli. Yeha umphefumlo wabo, ngokuba beziphethe kakubi kwabona!
”Yeha, abathi okubi kulungile, okulungileyo kubi; abamisa ubumnyama endaweni yokukhanya, ukukhanya endaweni yobumnyama; abamisa ubukrakra endaweni yobumnandi, ubumnandi endaweni yobukrakra! Yeha, abalumkileyo kwawabo amehlo, abanengqondo kokwabo ukubona!
”Ngako oko, njengokuba ulwimi lomlilo luzidla iindiza, nesikhotha esomileyo sibohla edangatyeni: kwangokunjalo ingcambu yabo iya kuba njengento evundileyo, nentyantyambo yabo inyuke njengothuli; kuba besilahlile isiyalo sikaYehova wemikhosi, bayigiba intetho yoyiNgcwele kaSirayeli.
”Ndolivelela elimiweyo ngenxa yobubi balo, nabangendawo ngenxa yobugwenxa babo, ndiliphelise ikratshi labakhukhumeleyo, ndilithobele phantsi ikratshi labangcangcazelisi;
”Ngokuba ngabantu abaneenkani, ngoonyana abaxokayo, ngoonyana abangavumiyo ukusiva isiyalo sikaYehova;
”kuba isidenge sithetha ubudenge, intliziyo yaso yenza ubutshinga, ukuze senze ububi; sithetha into yokubhuda ngoYehova, silambathise umphefumlo wolambileyo, simswelise onxaniweyo into eselwayo. Ubutshivela betshivela bubi; liceba amayelenqe okonakalisa iintsizana ngamazwi obuxoki, naxa ihlwempu lithetha ngokusesikweni.
”Mna ndinguye ocima izikreqo zakho ngenxa yam, ndingazikhumbuli izono zakho. Ndikhumbuze, masimangalelane; misa intetho yakho, ukuze ugwetyelwe.
”Kanti yena uhlatywe ngenxa yezikreqo zethu, watyunyuzwa ngenxa yezenzo zethu ezigwenxa; ubetho lokuba sibe noxolo thina lube luphezu kwakhe; siphiliswe ngemivumbo yakhe. Thina zonke salahleka njengeegusha, sabheka elowo endleleni yakhe, waza uYehova wamwela ngobugwenxa bethu sonke.
”Ewe, bazizinja ezithanda ukudla, ezingahluthiyo nokuhlutha; banjalo ke abalusi, abakwazi ukuqonda; bonke bephela babheke kwezabo iindlela, elowo kweyakhe inzuzo, kowakhe ummandla.
”Nivuyelela bani na? Nisinekela bani na, ningongoza nje? Aningabantwana bokreqo, imbewu yobuxoki, yini na,
”Bubugwenxa benu obunahlukanisileyo noThixo wenu, zizono zenu ezibusithelisileyo ubuso bakhe kuni, ukuba angevi. Kuba izandla zenu zidyobhekile ligazi, neminwe yenu bubugwenxa; nomlomo wenu uthetha ubuxoki, ulwimi lwenu ludumzela ubugqwetha. Akukho uvakalisa ilizwi elinobulungisa, akukho umangalelana nomnye enyanisile; bakholose ngochuku, bathethe inkohlakalo; bakhawula ububi, bazale ubutshinga.
”Ke sisuke saba njengoyinqambi sonke siphela, yanjengengubo enomzi yonke imisebenzi yethu yobulungisa; sabuna njengamagqabi sonke siphela, ubugwenxa bethu basithabatha njengomoya.
”Ungafanelana uzihlikihla ngesoda, wathabatha isepha eninzi: ubugwenxa bakho buhleli budyobhekile phambi kwam; itsho iNkosi uYehova.
”Buvume kodwa ubugwenxa bakho; ngokuba ukreqile kuYehova uThixo wakho, waziphangalalisa iindlela zakho kwabasemzini, ngaphantsi kwayo yonke imithi eluhlaza; ke ilizwi lam analiphulaphula; utsho uYehova.
”Masilale esikizini lethu, lisigubungele ihlazo lethu; ngokuba kuYehova uThixo wethu sonile, thina noobawo, kwasebuncinaneni bethu, unanamhla; asaliphulaphula ilizwi likaYehova uThixo wethu.
”Yihlambulule ububi intliziyo yakho, Yerusalem, ukuze usindiswe. Kunini na zilalisile phakathi kwakho iingcinga zakho zobutshinga?
”Baya kudaniswa, ngokuba benze amasikizi; noko ke abadani nokudana, abakwazi ukuba neentloni; ngako oko baya kuwa phakathi kwabawayo; ngexesha lokubavelela kwam baya kukhubeka; utsho uYehova.
”Yiva, hlabathi; yabona, aba bantu ndibazisela ububi, isiqhamo seengcinga zabo; ngokuba amazwi am abawabazelanga ndlebe, nomyalelo wam bawucekisile.
”Yabonani, nikholosa ngamazwi obuxoki angancediyo. Yini? Niyeba, nincinithe, nikrexeze, nifunge ngobuxoki, niqhumisele kuBhahali, nilandele thixo bambi eningabaziyo; nize ke nime phambi kwam kule ndlu, ibizwa ngegama lam, nithi, Sihlangulwe; ukuze nenze la masikizi onke?
”Kungathuba lini na ukuba aba bantu baseYerusalem baphambe ngokuphamba okungunaphakade? Babambelela engohlisweni, bengavumi ukubuya.
”Ndabaza indlebe, ndeva, bathetha into engeyiyo; akukho bani uzohlwayayo ngeento zakhe ezimbi, athi, Yintoni na le ndiyenzileyo? Bonke bephela babuyela ekugidimeni kwabo, njengehashe lifunzela emfazweni.
”Bayalutyeda ulwimi lwabo ngobuxoki njengesaphetha; abaphathi ngokuthembeka ezweni; baphuma entweni embi, bangene entweni embi, babe mna ke bengandazi; utsho uYehova. Elowo makamlumkele ummelwane wakhe, ningakholosi nangomzalwana; ngokuba wonke umzalwana wenza ubuqhinga, wonke ummelwane uhamba ehleba. Elowo uyamkhohlisa ummelwane wakhe, abathethi nyaniso; bafundisa ulwimi lwabo ukuthetha ubuxoki, bazidinise ngokwenza okugwenxa.
”Lutolo olubulalayo ulwimi lwabo; bathetha inkohliso; omnye uthetha uxolo ngomlomo wakhe kummelwane wakhe, ukanti embilinini wakhe umlalele.
”Wathi uYehova, Kungenxa enokuba bewushiyile umyalelo wam, endawubeka phambi kwabo, abaliphulaphula ilizwi lam, abahamba ngawo. Balandela ubungqola bentliziyo yabo, balandela ooBhahali, into abayifundiswa ngooyise.
”Ukuba ubugwenxa bethu bungqina ngathi, Yehova, yenza ngenxa yegama lakho; ngokuba kuninzi ukuphamba kwethu; sonile kuwe.
”Siyakwazi, Yehova, okungendawo kwethu, ubugwenxa boobawo; ngokuba sonile kuwe.
”Intliziyo inenkohliso ngaphezu kweento zonke, isisifo esibi; ngubani na onokuyazi?
”Ke kubaprofeti baseYerusalem ndibone into ebanga amanwele: ukukrexeza, nokuhamba ebuxokini, bomeleze izandla zabenzi bobubi, kungabuyi mntu ebubini bakhe. Bonke bephela banjengeSodom kum, nabemi bakhona banjengeGomora.
”Ndathumela kuni bonke abakhonzi bam abaprofeti, ndibathuma ndivuka kusasa, ndisithi, Musani ukukha niyenze le nto ingamasikizi, ndiyithiyileyo.
”UYehova akaba saba nako ukuthwala, ngenxa yeentlondi zenu ezimbi, ngenxa yamasikizi enawenzayo; lasuka ilizwe lenu labharha, kwaba senkangala, langummangaliso nentshabhiso, lingenammi, njengoko kunjalo namhla.
”Ke indlu kaSirayeli ayiyi kuvuma ukukuphulaphula; ngokokuba abavumi ukundiphulaphula nam; kuba yonke indlu kaSirayeli ilukhuni ibunzi, igogotyile ngentliziyo.
”Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba iphalele imali yakho, batyhileka ubuze bakho ngokuhenyuza kwakho nezithandane zakho, nangenxa yezigodo zonke zamasikizi akho, nangenxa yamagazi oonyana bakho, owabanikelayo kuzo:
”Nabu ke ubugwenxa beSodom umsakwenu; yabe ilikratshi, nokuhlutha sisonka, nokuchulumacha, yona namagxamesi ayo; ayabamba ngesandla abaziintsizana nabangamahlwempu.
”Yabonani, yonke imiphefumlo yeyam; umphefumlo woyise unjengomphefumlo wonyana, yeyam yomibini; umphefumlo owonayo, kuya kufa wona.
”Umphefumlo owonayo, kuya kufa wona wodwa. Unyana akayi kuthwala ubugwenxa bukayise, noyise akayi kubuthwala ubugwenxa bonyana; ubulungisa belungisa buya kuba phezu kwalo, nokungendawo kongendawo kuya kuba phezu kwakhe.
”Ongendawo ke, xa athe wabuya ezonweni zakhe zonke azenzileyo, wayigcina yonke imimiselo yam, wenza ngokwesiko nangobulungisa, inene, uya kuphila; akayi kufa. Zonke izikreqo zakhe azenzileyo aziyi kukhunjulelwa kuye; ngobulungisa bakhe abenzileyo, uya kuphila. Kumnandi na kanene kum ukufa kongendawo? Itsho iNkosi uYehova. Okumnandi kum asikuko na ukuthi abuye ezindleleni zakhe, aphile?
”Khona ekubuyeni kwelungisa ebulungiseni balo, lenza ngobugqwetha, ngokwamasikizi awenzileyo ongendawo, lophila na lona? Yonke imisebenzi yalo yobulungisa elayenzayo ayiyi kukhunjulwa; ngenxa yobumenemene balo elimeneze ngabo, nangenxa yezono zalo elone ngazo: ngenxa yezo zinto liya kufa.
”Xa lithe ilungisa labuya ebulungiseni balo, lenza ngobugqwetha, lofa ngezo zinto; lofa ngobugqwetha balo elibenzileyo.
”Xa athe ongendawo wabuya kokungendawo kwakhe akwenzileyo, wenza ngokwesiko nangobulungisa, yena uya kuwusindisa umphefumlo wakhe. Ekubeni ebonile, wabuya ezikreqweni zakhe zonke azenzileyo, uya kuphila; akayi kufa.
”Ngako oko ndiya kunigweba elowo ngokwendlela yakhe, ndlu kaSirayeli; itsho iNkosi uYehova. Buyani, nizibuyise ezikreqweni zenu zonke, bungabi sisikhubekiso ubugwenxa kuni. Lahlani zonke izikreqo zenu enikreqe ngazo, nizenzele intliziyo entsha nomoya omtsha. Yini na ukuba nife, ndlu kaSirayeli? Ngokuba akumnandi kum ukufa kofayo; itsho iNkosi uYehova. Zibuyiseni ke niphile.
”Niya kuzikhumbula khona iindlela zenu neentlondi zenu zonke, enazenza iinqambi ngazo; nizikruqukele ngokwenu ngenxa yazo zonke izinto ezimbi enizenzileyo;
”Lakubuya ilungisa ebulungiseni balo, lenze ngobugqwetha, lofa ngabo. Akubuya ongendawo kokungendawo kwakhe, enze ngokusesikweni nangobulungisa, inene, wophila ngenxa yoko.
”Nimi ngekrele lenu, nenza amasikizi, nithi elowo nimenze inqambi umfazi wommelwane wakhe; nolidla ilifa na ke izilwe?
”Kukushwabula, nokuxoka, nokuncinitha, nokuba, nokukrexeza; bagqobhozile, igazi liphathelele kwigazi.
”Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa yezikreqo ezithathu zakwaYuda, ngenxa yezineandiyi kuyibuyisa umva le ntongenxa yokuwucekisa kwabo umyalelo kaYehova, abayigcina imimiselo yakhe; amanga abo, ababelandela wona ooyise, abandwendwisa:
”Ndoqaqamba na ndinesikali sokungendawo, ndinengxowa yamatye enkohliso? Kuba izityebi zakhona zizele lugonyamelo, nabemi bakhona bathethe ubuxoki, nolwimi lwabo lube lunenkohliso emlonyeni wabo.
”Ndiya kusondela kuni ukuba ndigwebe, ndibe lingqina elikhawulezayo kubakhafuli, nakubakrexezi, nakubafungi bobuxoki; nakwabacudisa umqeshwa ekumvuzeni, nomhlolokazi, nenkedama; nakwabathoba owasemzini, bangandoyiki mna; utsho uYehova wemikhosi.
”Uya kuzala unyana ke, umbize ngegama elinguYesu; kuba yena eya kubasindisa abantu bakhe ezonweni zabo.
”Babephuma oko besiya kuye abaseYerusalem, nabelakwaYuda bonke, nabommandla wonke waseYordan. Babhaptizwa nguye eYordan apho, bezixela izono zabo.
”Nivile ukuba kwathiwa kumanyange, Uze ungabulali; wothi othe wabulala, abe sisisulu somgwebo. Ke mna ndithi kuni, Wonke umntu ofumana amqumbele umzalwana wakhe, woba sisisulu somgwebo; othe ke kumzalwana wakhe, Ntw ingento, woba sisisulu sentlanganiso yamatyala; othe ke, Siyathandini, woba sisisulu sesihogo somlilo.
”Nivile ukuba kwathiwa kumanyange, Uze ungakrexezi. Ke mna ndithi kuni, Wonke umntu okhangela umntu oyinkazana, ukuba amkhanuke, uselemkrexezile entliziyweni yakhe. Ukuba ke iliso lakho lokunene liyakukhubekisa, linyothule ulilahle kuwe; kuba kukulungele kanye ukuba kutshabalale libe linye emalungwini akho, kunokuba umzimba wakho uphela uphoswe esihogweni. Nokuba isandla sakho sokunene siyakukhubekisa, sinqamle usilahle kuwe; kuba kukulungele kanye ukuba kutshabalale libe linye emalungwini akho, kunokuba umzimba wakho uphela uphoswe esihogweni.
”Kwathiwa ke, Othe wamala umfazi wakhe, makamnike incwadi yokwahlukana. Ke mna ndithi kuni, Othe wamala umfazi wakhe ngaphandle kwendawo yombulo, uyamkrexezisa; nothe wazeka owaliweyo, uyakrexeza.
”Ngoko yibani ngabafezekileyo, njengokuba uYihlo osemazulwini efezekile.
”Ungasingenisi ekulingweni, sihlangule enkohlakalweni. Ngokuba bubobakho ubukumkani, namandla, nozuko, kuse kuwo amaphakade. Amen.
”Kuba xa nithi nibaxolele abantu iziphoso zabo, uYihlo osemazulwini wonixolela nani. Xa nithi ningabaxoleli abantu iziphoso zabo, noYihlo ke akayi kunixolela iziphoso zenu.
”Ngokunjalo yonke imithi elungileyo ivelisa iziqhamo ezihle, ke wona umthi ongenguwo uvelisa iziqhamo ezibi. umthi olungileyo awunakuvelisa ziqhamo zibi, nomthi ongenguwo awunakuvelisa ziqhamo zihle. Wonke umthi ongavelisi ziqhamo zihle uyagawulwa, uphoswe emlilweni. Ngoko ke nobaqonda ngeziqhamo zabo.
”Asingabo bonke abathi kum, Nkosi, Nkosi, abaya kungena ebukumkanini bamazulu; ngokwenzayo ukuthanda kukaBawo osemazulwini. Baninzi abaya kuthi kum ngaloo mini, Nkosi, Nkosi, sasingathe na egameni lakho saprofeta, sathi egameni lakho sakhupha iidemon, sathi egameni lakho senza imisebenzi yamandla emininzi? Ndandule ndibaxelele, ndithi, Andizanga ndinazi; mkani kum, nina nenza okuchasene nomthetho.
”Ngenxa yoko ndithi kuni, Konke ukona nokunyelisa bokuxolelwa abantu; kodwa khona ukumnyelisa uMoya oyiNgcwele abasayi kukuxolelwa abantu. Nothe wathetha ilizwi elichasene noNyana woMntu uya kuxolelwa; kodwa othe wathetha elichasene noMoya oyiNgcwele, akasayi kuxolelwa yena, nakweli phakade, nakwelo lizayo.
”Ndithi ke kuni, Onke amazwi angewani abathe bawathetha abantu, baya kuphendula ngawo ngomhla womgwebo; kuba ngawo amazwi akho uya kugwetyelwa, nangawo amazwi akho uya kugwetywa.
”Kuba kuyo intliziyo kuphuma izicamango ezingendawo, ookubulala, ookukrexeza, oomibulo, oobusela, ookungqina ubuxoki, ookunyelisa.
”Kuba, kumnceda ntoni na umntu, ukuba uthe wazuza ihlabathi liphela, waza wonakalelwa ke ngumphefumlo wakhe? Okanye worhola ntoni na umntu, ibe sisananelo somphefumlo wakhe?
”Ke othe wakhubekisa noko amnye waba bancinane bakholwayo kum, ebelungelwe kanye kukuba anxitywe ilitye lokusila entanyeni, antywiliselwe enzulwini yolwandle.
”Ukuba ke isandla sakho, nokuba lunyawo lwakho, luya kukhubekisa, lunqamle, ululahle: kukulungele ukuba ungene ebomini usisiqhwala, mhlawumbi usisilima, kunokuba uthi, unezandla ezibini, mhlawumbi uneenyawo ezimbini, uphoswe emlilweni ongunaphakade. Nokuba iliso lakho liya kukhubekisa, lincothule, ulilahle; kukulungele ukuba ungene ebomini unaliso linye, kunokuba uthi, unamehlo amabini, uphoswe esihogweni somlilo.
”Ukuba ke umzalwana wakho uthe wakona, yiya umohlwaye inguwe naye ninedwa; ukuba uthe wakuva, woba umzuzile umzalwana wakho. Ke ukuba uthe akeva buya uthabathe nawe abe mnye nokuba babini, ukuze onke amazwi amiswe ngomlomo wamangqina amabini, nokuba ngamathathu. Ukuba ke uthe akabeva, xelela ibandla; ukuba ke uthe akaliva nebandla, kuwe makabe njengoweentlanga nombuthi werhafu.
”Kwandula kweza uPetros kuye wathi, Nkosi, koba futhi kangaphi na umzalwana wam endona, ndimxolela? Koda kube kasixhenxe na? Athi uYesu kuye, Andithi kuwe, koda kube kasixhenxe; ndithi, koda kube kamashumi asixhenxe aphindiweyo kasixhenxe.
”Wothi noBawo wasemazulwini enjenjalo kuni, ukuba anithanga nonke ngabanye nabaxolela abazalwana benu iziphoso zabo ngeentliziyo zenu.
”Ndithi ke kuni, Othe wamala umfazi wakhe, kungengaluhenyuzo, wazeka omnye, uyakrexeza; nalowo uzeka owaliweyo uyakrexeza.
”Kwabonakala kusiza othile, wathi kuye, Mfundisi ulungileyo, yiyiphi na into elungileyo endingenza yona, ukuze ndibe nabo ubomi? Uthe ke kuye, Yini na ukuba uthi ndilungile? Akukho ulungileyo, mnye kwaphela, nguThixo. Ukuba ke uthanda ukungena ebomini, yigcine imithetho. Athi kuye, Yiphi na? Wathi ke uYesu, Yona le: uze ungabulali, uze ungakrexezi, uze ungebi, uze ungangqini buxoki, beka uyihlo nonyoko; nawo lo: uze umthande ummelwane wakho njengoko uzithanda ngako.
”Yeha, nina babhali, baFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba nihlambulula umphandle wendebe nesitya, kanti ke ngaphakathi kuzele kukuphanga nokungazeyisi.
”Nangenxa yokwanda kokuchasa umthetho, luya kuphola uthando lwabaninzi.
”kuba ligazi lam eli lomnqophiso omtsha, eliphalala ngenxa yabaninzi, ukuze kuxolelwe izono.
”Lindani nithandaze, ukuze ningangeni ekuhendweni; umoya wona okunene unentumekelelo, ke yona inyama ithambile.
”Kwaye kukho uYohane, ebhaptiza entlango, evakalisa ubhaptizo lwenguquko, ukuze kuxolelwe izono. Laye liphuma lisiya kuye lonke ilizwe lakwaYuda nabaseYerusalem; baye bonke bebhaptizwa nguye eYordan emlanjeni, bezixela izono zabo.
”esithi, Lizalisekile ixesha, nobukumkani bukaThixo busondele; guqukani, nikholwe kuzo iindaba ezilungileyo ezi.
”Wayesithi ke, Into ephumayo emntwini, yiyo leyo emenza inqambi umntu; kuba ngaphakathi, kuyo intliziyo yomntu, kuphuma izicamango ezibi, ookukrexeza, oomibulo, ookubulala, oobusela, ookubawa, okungendawo, iinkohliso, uburheletyo, umona, ukunyelisa, ukukratsha, ukuswela kuqonda; zonke ezi zinto zingendawo ziphuma ngaphakathi, zimenze inqambi umntu.
”Nokuba ke isandla sakho sithe sakukhubekisa, sinqamle sona; kukulungele kanye ukuba ungene ebomini usisilima, kunokuba uthi, unezandla zozibini, umke uye esihogweni, emlilweni ongacimekiyo, apho kumpethu ingafiyo, kumlilo ungacinywayo.
”Nokuba unyawo lwakho luthe lwakukhubekisa, lunqamle lona; kukulungele kanye ukuba ungene ebomini usisiqhwala, kunokuba uthi, uneenyawo zombini, uphoswe esihogweni, emlilweni ongacimekiyo, apho kumpethu ingafiyo, kumlilo ungacinywayo.
”Nokuba iliso lakho lithe lakukhubekisa, likhuphe lona; kukulungele kanye ukungena ebukumkanini bukaThixo unaliso linye, kunokuba uthi, unamehlo amabini, uphoswe esihogweni somlilo, apho kumpethu ingafiyo, kumlilo ungacinywayo.
”Akubon ukuba uyaphuma, uya endleleni, kweza othile ngokubaleka, wawa ngamadolo kuye, wambuza esithi, Mfundisi ulungileyo, ndenze ntoni na, ukuze ndibudle ilifa ubomi obungunaphakade? Uthe ke uYesu kuye, Yini na ukuba uthi ndilungile? Akukho ulungileyo, mnye kwaphela-nguThixo. Uyayazi imithetho: Musa ukukrexeza, musa ukubulala, musa ukuba, musa ukungqinela ubuxoki, musa ukulumkisa, beka uyihlo nonyoko.
”Naxa sukuba nimi nithandaza, ukuba ninendawo ngakothile, mxoleleni, ukuze noYihlo osemazulwini anixolele iziphoso zenu.
”Ke, ukuba anixoleli nina, naye uYihlo osemazulwini akasayi kunixolela iziphoso zenu.
”Lindani nithandaze, ukuze ningangeni ekuhendweni; umoya okunene unentumekelelo, ke yona inyama ithambile.
”Ukuze ubanike abantu bayo ukwaziwa kosindiso Ngoxolelo lwezono zabo,
”Weza kuwo wonke ummandla waseYordan, evakalisa ubhaptizo lwenguquko ukuze kuxolelwe izono;
”Waphendula uYesu wathi kubo, Akufuneki gqirha kwabaphilileyo, lifuneka kwabafayo. Andize kubiza malungisa, ndize kubiza aboni, ukuba baguquke.
”Ngenxa yoko ndithi kuwe, Izono zakhe uzixolelwe, bezizininzi; ngokuba uthande kakhulu; ke yena oxolelwe kancinane, uthanda kancinane. Wathi ke kuye, Zixolelwe izono zakho. Baqala abo babehleli naye esithebeni ukuthi ngaphakathi kwabo, Ngubani na lo uxolela nezono?
”Abo ke baselulwalweni ngabasakuthi, bakuliva, balamkele ngovuyo ilizwi; aba ke abanangcambu; bona bakholwa umzuzwana, ze bathi ngexa lokuhendwa balahle.
”kuba nathi sibaxolela bonke abanamatyala kuthi. Ungasingenisi ekulingweni; sihlangule enkohlakalweni.
”Ndithi kuni, ngokukwanjalo kuya kubakho uvuyo emazulwini ngomoni eba mnye oguqukayo, kunamashumi asithoba anesithoba amalungisa, angaswele nguquko.
”Ngokukwanjalo ndithi kuni, kubakho uvuyo emehlweni ezithunywa zikaThixo ngomoni eba mnye oguqukayo.
”Sithe ke sona, Hayi, bawo Abraham; ukuba kuthe kwaya kubo ovela kwabafileyo, boguquka. Uthe ke kuso, Ukuba uMoses nabaprofeti ababeva, abayi koyiseka, nokuba kuthe kwavuka bani kwabafileyo.
”Zilumkeleni; ukuba ke umzalwana wakho uthe wakona, mkhalimele; ukuba uthe waguquka, mxolele. Nokuba uthe wakona kasixhenxe ngemini, waza wabuyela kuwe kasixhenxe ngemini, esithi, Ndiyaguquka, wothi umxolele.
”Waye umbuthi werhafu emi kude, engathandi nokuphakamisela amehlo akhe ezulwini; wamana ukubetha esifubeni sakhe, esithi, Thixo, yiba netarhu kum, mna moni.
”Umphathi othile wambuza, esithi, Mfundisi ulungileyo, mandenze ntoni na, ukuze ndibudle ilifa ubomi obungunaphakade? Uthe ke uYesu kuye, Yini na ukuba uthi ndilungile? Akukho ulungileyo, mnye kwaphela, nguThixo. Uyayazi imithetho: musa ukukrexeza, musa ukubulala, musa ukuba, musa ukungqina ubuxoki, beka uyihlo nonyoko.
”nokuba kuvakaliswe egameni lakhe inguquko noxolelo lwezono kuzo zonke iintlanga, kuqalelwa eYerusalem.
”Ngengomso uYohane umbona uYesu esiza kuye, athi, Nantso iMvana kaThixo, ethwala isuse isono sehlabathi.
”Njengokuba ke uMoses wayiphakamisayo inyoka entlango, umelwe kukuphakanyiswa ngokunjalo uNyana woMntu; ukuze bonke abakholwayo kuye bangatshabalali, koko babe nobomi obungunaphakade. Kuba wenjenje uThixo ukulithanda kwakhe ihlabathi, ude wancama uNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze bonke abakholwayo kuye bangatshabalali, koko babe nobomi obungunaphakade. Kuba uThixo akamthumanga uNyana wakhe ehlabathini, ukuze aligwebe ihlabathi; wamthuma ukuze ihlabathi lisindiswe ngaye. Lowo ukholwayo kuye, akagwetywa; ke lowo ungakholwayo, uselegwetyiwe, ngokuba engakholwanga kwigana loNyana okuphela kwamzeleyo uThixo. Ke kaloku, umgwebo nguwo lo, ukuba ukhanyiso lufikile ehlabathini, baza abantu bathanda ubumnyama ngaphezu kokhanyiso; kuba imisebenzi yabo ingendawo. Kuba bonke abenza okubi, bayaluthiya ukhanyiso, bangezi elukhanyisweni, ukuze imisebenzi yabo ingohlwaywa. Ke lowo uyenzayo inyaniso uyeza elukhanyisweni, ukuze imisebenzi yakhe ibonakalaliswe; ngokuba isetyenzelwe kuThixo.
”Emveni kwezi zinto, uYesu umfumana etempileni, athi kuye, Uyabona, uphilile; musa ukuba sona, ukuze ungahlelwa yinto embi kunaleyo.
”bathi kuye, Mfundisi, lo mfazi wabanjwa ekrexeza, kanye kuloo ntlondi. Ke kaloku, emthethweni uMoses wasimisela ukuthi, abanjalo mabagityiselwe ngamatye; uthini na ke wena? Babesitsho ke bemhenda, ukuze babe nokummangalela; kodwa uYesu, ethobe phantsi, wabhala ngomnwe emhlabeni. Uthe ke bakumana bembuza, waphakama, wathi kubo, Ongenasono kuni makaqale amgibisele ngelitye. Wabuya wathoba phantsi, wabhala emhlabeni. Bathe ke bona bakuva, besohlwaywa naluvalo lwabo, baphuma ngabanye, beqalela kwabakhulu, kwada kwaba kwabokugqibela. Wasala yedwa uYesu, waye umfazi emi phakathi. Ephakamile ke uYesu, akabona mntu kwakuphela ngumfazi lowo; wathi kuye, Mfazindini, baphi na abo bamangaleli bakho? Akukho ukugwebileyo na? Wathi ke yena, Noko amnye, Nkosi. Wathi ke uYesu kuye, Nam andikugwebi; hamba, ungabuye wone.
”Ndatsho ngoko kuni ukuthi, Niya kufela ezonweni zenu; kuba ekubeni nithe anakholwa ukuba ndinguye, niya kufela ezonweni zenu.
”Uwaphendule uYesu wathi, Inene, inene, ndithi kuni, Bonke abenza isono bangamakhoboka esono.
”Siyazi ke ukuba uThixo akabeva aboni; kodwa ukuba umntu uthi amhlonele uThixo, akwenze ukuthanda kwakhe, uyamva lowo.
”Lowo undigibayo, angawamkeli amazwi am, unaye omgwebayo; ilizwi endilithethileyo, lilo eliya kumgweba ngomhla wokugqibela.
”Ukuba niyandithanda, yigcineni imithetho yam.
”Efikile ke, uya kulohlwaya ihlabathi lidane, ngenxa yesono, nangenxa yobulungisa, nangenxa yomgwebo; ngenxa yesono, ngokokuba bengakholwa kum; ngenxa yobulungisa, ngokokuba ndisiya kuBawo, ize ningabi sandibona; ngenxa yomgwebo, ngokokuba umphathi weli hlabathi egwetyiwe.
”Uthe ke uPetros kubo, Guqukani nibhaptizwe nonke ngabanye egameni likaYesu Kristu, ukuze nixolelwe izono, namkele isipho soMoya oyiNgcwele.
”Guqukani ke ngoko, nibuye, ukuze zicinywe izono zenu; ngokokuze afike amathuba okuphumza, evela ebusweni beNkosi;
”Nina bantamo zilukhuni, bangalukileyo ngentliziyo, nangendlebe, nihleli nibambene noMoya oyiNgcwele; njengabo ooyihlo, nani ninjalo.
”Guquka ngoko kobo bubi bakho, ukhunge kuThixo, ukuba ingathi mhlawumbi ixolelwe ingcingane yentliziyo yakho.
”Nakaloku usalibele yini na? Suk ume, ubhaptizwe, uhlambulule izono zakho, unqula igama leNkosi.
”Kuba ityhilekile ingqumbo kaThixo ivela emazulwini, ichase konke ukungahloneli Thixo, nentswela-bulungisa yabantu, abayithintelayo inyaniso ngokuswela ukulungisa.
”Kungoko athe, besezinkanukweni zeentliziyo zabo, uThixo wabanikela nokubanikela ekungcoleni, ukuba bahlazisane ngemizimba, yabo. bona bananisele ubuxoki inyaniso kaThixo, basihlonela basikhonza isidalwa, begqitha kuMdali, ongowokubongwa kuse kuwo amaphakade. Amen. Ngenxa yoko, uThixo wabanikela ekuthabathekeni okulihlazo; kuba namankazana abo umsebenzi wasemvelweni awananisela okunxamnye nemvelo; kwaza kwangokunjalo ke namadoda, ewushiya umsebenzi wenkazana wasemvelweni, avutha ngokukhanukana kwawo, amadoda esenza kumadoda okuziintloni, ezamkelela umbuyekezo wokulahleka kwawo, abemelwe ke nguwo.
”Njengokuba ke bekumangele ukuhlala bemazi kakuhle uThixo, uThixo wabanikela engqiqweni engacikidekileyo, ukuba benze izinto ezingafanelekileyo; bezele yiyo yonke intswela-bulungisa, okungendawo, ukubawa, ulunya; bezele ngumona, kukubulala, ziinkani, yinkohliso, bubumenemene; abasebezi, abahlebi, abathiyekileyo kuThixo, abasileyo, abanekratshi, abaqhankqalazi, abacebi bezinto ezimbi, abangabevayo abazali, abangenakuqonda, abaphuli beminqophiso, abangenabubele, abangenatarhu, abangenanceba; bona bathi, besazi kakuhle isimiselo sikaThixo, sokuba abo bazenzayo izinto ezinjalo bafanelwe kukufa, banganeli kukuzenza, basuka bathakazelele nabo bazenzayo.
”Kungoko ndithi, Akunakuziphendulela, mntundini ugwebayo, nokuba ungubani; kuba ngokugweba omnye, uzigweba kwawena; kuba wena ugwebayo wenza kwaezo zinto.
”ke kwabo beyelenqe, bangayithambeliyo inyaniso, basuke bathambele intswela-bulungisa, kuya kubakho umsindo nengqumbo, imbandezelo noxinaniso emphefumlweni wabantu bonke abasebenza okubi, kowomYuda ukuqala, kwanakowomGrike;
”Kuya kuba njalo mhlenikweni uThixo aya kuzigweba izinto ezifihlakeleyo zabantu, ngokweendaba zam ezilungileyo ngoYesu Kristu.
”Kuthiweni na ke? Sinomkhusane na? Hayi, unakanye! Kuba besesiwamisele ityala amaYuda kwanamaGrike, lokuba baphantsi kwesono bonke; njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Akukho lungisa, hayi, nalinye; Akukho uqondayo; Akukho umfunisisayo uThixo! Bonke baphambukile; bephelele, abancedi lutho; Akukho wenza okulungileyo; akukho nokude abe mnye.
”Akukho koyika Thixo phambi kwamehlo abo. Siyazi ke ukuba izinto zonke ozithethayo umthetho, uzithetha kwabaphantsi komthetho; ukuze imilomo yonke ivingcwe, nehlabathi lonke libe netyala kuThixo.
”Ngokokuba, ngokwasemisebenzini yomthetho, akuyi kugwetyelwa nyama emehlweni akhe; kuba isono saziwe ngokubakho komthetho.
”kuba akukho kwahluka; kuba bonile bonke, basilelela eluzukweni lukaThixo; begwetyelwe ngesisa lubabalo lwakhe ngako ukukhululwa ngentlawulelo ekuYesu Kristu; athe uThixo wammisa, ukuba abe sisicamagushelo ngegazi lakhe, ngako ukukholwa, ukuze bubonakalaliswe ubulungisa bakhe ngenxa yokuyekelelwa kwezono ezibe zenziwe ngenxa engaphambili, ekunyamezeleni kukaThixo;
”esithi, Banoyolo abazigqitho zixolelweyo, Abazono zigutyungelweyo;
”ke yena uThixo uqondakalisa okwakhe ukusithanda ngokuthi, sakubon ukuba sisengaboni, uKristu asifele. Kokukhona sigwetyelwe nje ngegazi lakhe, siya kusindiswa ngaye kuyo ingqumbo.
”Ngenxa yoko, njengokuba isono sangena ngamntu mnye ehlabathini, kwangena ke ukufa ngaso isono; kwaza ngokunjalo ukufa kwabatyhutyha abantu bonke, ekubeni bonke bonayo; kuba kude kwakho umthetho, kukho isono ehlabathini, sibe ke isono singabalelwa mntwini kungekho mthetho.
”Ke kaloku umthetho wangena nawo, ukuze isiphoso sande; ke apho sandayo isono, lwaphuphuma ngakumbi ubabalo; ukuze, njengokuba isono saba nokulawula ngokufa, ngokunjalo nobabalo lube nokulawula ngobulungisa, luse ebomini obungunaphakade, ngaye uYesu Kristu, iNkosi yethu.
”Masithini na ngoko? Masihlale sihleli na esonweni, ukuze ubabalo lwande? Nakanye! Thina safayo nje kwisono, singathini na ukuba sahlala kuso? Anazi na ukuba thina sonke, sabhaptizelwayo kuKristu Yesu, sabhaptizelwa ekufeni kwakhe?
”Ngoko ke sangcwatywa naye ngokubhaptizelwa ekufeni; ukuze, njengokuba uKristu wavuswayo kwabafileyo ngalo uzuko loYise, sithi ngokunjalo nathi sihambe sinobomi obutsha. Kuba xa similiselwe kuye ngentsobi yokufa kwakhe, somiliselwa kuye nangeyokuvuka kwakhe; sikwazi nje oku, ukuba umntu wethu omdala wabethelelwa emnqamlezweni kunye naye, ukuze umzimba wesono uphuthiswe, size singabi sasikhonza isono; kuba owafayo ugwetyelwe, wakhululwa kuso isono.
”kuba owafayo ugwetyelwe, wakhululwa kuso isono. Ukuba ke safa kunye noKristu, siyakholwa ukuba sodla ubomi kwakunye naye; sisazi ukuba uKristu, evusiwe nje kwabafileyo, akabi safa; ukufa akusamphathi ngabukhosi. Kuba ukufa awakufayo, wakufa kwisono kwaba kanye; ubomi ke abudlayo, ubudlela kuThixo. Ngokunjalo nani zibaleleni ekuthini, ningabafileyo okunene kwisono; kodwa ningabadla ubomi kuThixo, nikuKristu Yesu, iNkosi yethu.
”Ngoko isono masingalawuli emzimbeni wenu onokufa, ukuze nisilulamele ngokwenza iinkanuko zawo. Kanjalo amalungu enu maningawanikeli kuso isono, ukuba abe ziintonga zentswela-bulungisa; manizinikele ngokwenu kuThixo, ngokwabaphile babengabafileyo, niwanikele kuThixo amalungu enu, ukuba abe ziintonga zobulungisa. Kuba isono asiyi kuniphatha ngabukhosi; kuba aniphantsi komthetho, niphantsi kobabalo.
”Kuthiweni na ngoko? Sone na, kuba singephantsi kwamthetho, siphantsi kobabalo? Nakanye! Anazi na ukuba lowo nizinikela kuye ukuba ngabakhonzi bokumlulamela, ningabakhonzi ngoku kulowo nimlulamelayo: nokokuba ningabesono, nisingise ekufeni, nokokuba ningabolulamo, nisingise ebulungiseni?
”Makubulelwe ke kuThixo, ukuba nithe, beningabakhonzi besono, nawululamela ngokwentliziyo umfuziselo wemfundiso enanikelwayo kuwo; nathi, nakuba nikhululwe ke kuso isono, nakhonziswa kubo ubulungisa. Ndithetha ngokwabantu, ngenxa yobulwelwe benyama yenu; kuba, njengoko nawanikelayo amalungu enu ukuba abe ngabakhonzi bako ukungcola nokuchasa umthetho, ukuba nichase umthetho: ngokunjalo kalokunje, wanikeleni amalungu enu ukuba abe ngabakhonzi kubo ubulungisa, ukuba ningcwaliseke.
”Kuba, oko nibe ningabakhonzi besono, beningabakhululekileyo kubo ubulungisa. Naye ninasiqhamo sini na ke ngelo xesha, ngezi zinto nineentloni ngazo ngoku? Kuba isiphelo sazo kukufa.
”Kaloku ke, nikhululwe nje kuso isono, naza nakhonziswa kuThixo, ninaso isiqhamo senu sokuba ningcwaliseke; isiphelo ke sibe bubomi obungunaphakade. Kuba umvuzo wesono kukufa; ke sona isibabalo sikaThixo bubomi obungunaphakade, kuKristu Yesu iNkosi yethu.
”Kuba oko besikwinyama, ukuthabatheka zizono, okube kuxhokonxwa ngawo umthetho, kwakusebenza emalungwini ethu ekuxakatha isiqhamo esisa ekufeni. Ke ngoku sikhululwe thina kuwo umthetho, safayo nje kwesasibanjwe kuko, ngokokude sikhonze sinobutsha bomoya, singakhonzi sinobudala bomthetho obhaliweyo.
”Sithini na ke? Umthetho usisono na? Nakanye! Ke ngendingasazanga isono, ukuba bekungengamthetho; kuba nenkanuko ngendingayazanga, ukuba umthetho ubungatshongo ukuthi, Uze ungakhanuki. Isono ke sizuze ithuba ngawo umthetho, sasebenza ngaphakathi kwam yonke inkanuko; kuba, kungekho mthetho, isono sifile. Mna ke bendifudula ndiphilile, ungekho umthetho; uthe ke wakufika umthetho, sabuya saphila isono, ndafa ke mna; waza umthetho obumiselwe ubomi, wafumaneka kum inguwona usingisa ekufeni. Kuba isono sithe, sizuze ithuba ngawo umthetho, sandilukuhla, saza ngawo sandibulala.
”Isono ke sizuze ithuba ngawo umthetho, sasebenza ngaphakathi kwam yonke inkanuko; kuba, kungekho mthetho, isono sifile.
”Oko ke kulungileyo kwaba kukufa na ke kum? Nakanye! Saye sisisono; ukuze sibonakale sisisono, sisebenza ukufa kum ngoko kulungileyo; ukuze isono ngawo umthetho sibe sisono ngokuncamisileyo.
”Kuba siyazi ukuba umthetho ungowomoya; ke mna ndingowenyama; kuthengiswe ngam, ndaba phantsi kwesono. Kuba oko ndikwenzayo andikwazi mna; kuba endikuthandayo, oko andikwenzi; endikuthiyayo, oko ndiyakwenza; ukuba ke endingakuthandiyo ndenza khona oko, ndivumelana nomthetho ukuba mhle. Ngoko ke ayisendim osebenza oko, seyisisono esi simiyo ngaphakathi kwam. Kuba ndiyazi ukuba ngaphakathi kwam, oko kukuthi enyameni yam, akumi okulungileyo; kuba ukuthanda kukho ukubakho oku kum; ke kona ukukusebenza okuhle andikufumani. Kuba okulungileyo endikuthandayo, andikwenzi; khona okubi, endingakuthandiyo, oko ndiyakwenza. Ukuba ke endingakuthandiyo mna, ndenza khona oko, ayisendim okusebenzayo
”oko, seyisisono esi simiyo ngaphakathi kwam. Ndifumana ngoko lo mthetho kum, ukuba kuthi, ndifuna ukukwenza okuhle, kusuke kubekho okubi kum. Kuba ndikholene nomthetho kaThixo ngokomntu ongaphakathi; kodwa ndibona mthetho wumbi, emalungwini am, usilwa nomthetho wengqiqo yam, undithimbela emthethweni wesono, lowo usemalungwini am. Athi ke mna, mntu uludwayi! Azi, ngubani na oya kundihlangula kulo mzimba woku kufa? Ndiyabulela kuThixo ngoYesu Kristu, iNkosi yethu. Ngoko ke mna ngokwam ngayo ingqiqo okunene ndikhonza umthetho kaThixo; kodwa ngayo inyama ndikhonza umthetho wesono.
”Ngoko ke, ngoku akukho kugwetywa kwabakuKristu Yesu; abangahambiyo ngokwenyama, abahamba ngokoMoya. Kuba umthetho woMoya wobomi, ndakuba kuKristu Yesu, wandikhulula emthethweni wesono nokufa. Kuba ekukhohlweni komthetho, ekubeni uswele amandla ngayo inyama, uthe uThixo, ethume owakhe uNyana, efana nenyama elawulwa sisono, emthume ngenxa yesono, wasigweba isono esenyameni leyo; ukuze ibango lomthetho lizaliseke kuthi, thina singahambiyo ngokwenyama; sihambayo ngokoMoya. Kuba abo bangokwenyama banyamekela izinto zasenyameni; abo ke bangokoMoya banyamekela izinto zaseMoyeni. Kuba ukunyameka kwenyama ikukufa; ukunyameka ke koMoya bubomi noxolo. Ngokokuba ukunyameka kwenyama kububutshaba kuThixo; kuba umthetho kaThixo kungawululameli, kuba kungenako nokuba nako ukwenjenjalo. Abo ke bakwinyama, abanakumkholisa uThixo.
”Ngoko ke, bazalwana, singabanetyala; kodwa kungekuyo inyama ukuze siphile ngokwenyama. Kuba xa niphila ngokwenyama, niza kufa; ke ukuba niyazibulala ngoMoya, zife iintlondi zomzimba, nophila.
”Nguwo ke lo umnqophiso wam nabo, Xa ndithe ndazisusa izono zabo.
”Uthando malungabi naluhanahaniso; kuthiyeni okungendawo, namathelani kokulungileyo.
”Kuba oku kuthi, Uze ungakrexezi, uze ungabulali, uze ungebi, uze ungangqini buxoki, uze ungakhanuki, nokuba kukho wumbi umthetho, uhlanganiselwe kweli lizwi lokuthi, Uze umthande ummelwane wakho ngoko uzithanda ngako.
”Masihambe sizibekile ngokwasemini; kungabi sezindywaleni nasekunxileni; kungabi sekuphimiseni naseburheletyweni; kungabi sezinkanini nasemoneni. Yambathani ke iNkosi uYesu Kristu; ize ukwazalelela inyama ningakwenzeli ukukhwezelela iinkanuko zayo.
”Ke wena, yini na ukuba umgwebe umzalwana wakho? Hi wena, yini na ukuba umenze into engeyakonto umzalwana wakho? Kuba thina siya kuma sonke phambi kwesihlalo sokugweba sikaKristu.
”Ke lowo uthandabuzayo, ukuba uthe wadla, uselegwetyiwe, kuba engadli ngokwaselukholweni; konke ke okungekokwaselukholweni kusisono.
”Ke kaloku ndiyaniyala, bazalwana, balumkeleni abo benza iimbambaniso nezikhubekiso, ezinxamnye nemfundiso enayifundayo nina, niphambuke kubo. Kuba abanjalo abakhonzi yona iNkosi yethu uKristu, bakhonza esabo isisu; baze, ngamazwi anencasa nalalanisayo, balukuhle iintliziyo zabangazani nabubi.
”Anazi na ukuba niyitempile kaThixo? Anazi na ukuba uMoya kaThixo umi ngaphakathi kwenu? Ukuba umntu uyayonakalisa itempile kaThixo, uThixo womonakalisa lowo; kuba itempile kaThixo ingcwele; ninjalo ke.
”Ndanibhalela encwadini apho ukuthi, maningazidibanisi nabenza umbulo; kodwa ningasenizahlula kanye kwabeli hlabathi abenza umbulo, nakumabawa, nabaphangi, nabakhonzi bezithixo; okanye beniya kumelwa kukuphuma ehlabathini. Kungoku ke, ndinibhalela ukuba maningazidibanisi nosukuba enegama lokuba ngumzalwana, ukanti wenza umbulo, nokuba ulibawa, nokuba ungumkhonzi wezithixo, nokuba ungumtshabhisi, nokuba ulinxila, nokuba ungumphangi; ningakhe nidle nokudla nonjalo. Ndinamsebenzi mni na ukuba ndigwebe nabangaphandle? Anigwebi abangaphakathi bodwa, yini na, nina? Ke abangaphandle bagwetywa nguThixo. Ize nimnyothule kuni nina lowo ungendawo.
”Anazi na, ukuba abangemalungisa abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo? Musani ukulahlekiswa; abenza umbulo, nabakhonzi bezithixo, nabakrexezi, nezifebe, namadoda alalanayo, namasela, namabawa, namanxila, nabatshabhisi, nabaphangi, abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo. Naye ninjalo ke inxenye yenu; kuloko nahlanjululwayo, kuloko nangcwaliswayo, kuloko nagwetyelwayo egameni leNkosi uYesu, nangoMoya kaThixo wethu.
”Wubalekeni umbulo. Zonke izono athe umntu wazenza, zingaphandle komzimba; ke lowo wenza umbulo, wona owakhe umzimba. Anazi na, ukuba umzimba wenu uyitempile yoMoya oyiNgcwele ongaphakathi kwenu, eninaye evela kuThixo; nokuba ke aningabenu? Kuba nathengwa ngexabiso. Mzukiseni ke uThixo ngomzimba wenu nangomoya wenu, izinto ezizezikaThixo ezo.
”Kanjalo masingenzi mbulo, njengokuba inxenye yabo yenza umbulo, kwawa ngamini-nye amawaka amashumi mabini anamathathu. Kanjalo masingamhendi uKristu, njengokuba inxenye yabo yahendayo, yaza yatshabalala ziinyoka. Kanjalo musani ukukrokra, njengokuba inxenye yabo yakrokrayo, yaza yatshabalala ngumtshabalalisi. Zonke ke ezo zinto, zabahlelayo bona, beziyimifuziselo; zabhalelwa ke ukululeka thina aba, bafikelweyo ziziphelo zawo amaphakade. Ngoko ke lowo uba umi, makalumke angawi.
”Anibanjwanga silingo singesesabantu. Uthembekile ke uThixo, ongayi kuvumela ukuba nilingwe ngaphezu kweninako; owothi, kunye nesilingo eso, avelise ithuba lokuphuma kuso, ukuba nibe nako ukuthwala.
”Kuba ndaninikela kweziyintloko izinto oko ndakwamkelayo nokukwamkela: okokuba uKristu wazifela izono zethu ngokwezibhalo, nokokuba wangcwatywa, nokokuba uvukile ngomhla wesithathu ngokwezibhalo;
”Musani ukulahlekiswa. Incoko embi yonakalisa izimilo ezilungileyo. Qabukani kakuhle, ningoni; kuba inxenye inentswela-kumazi uThixo; nditsho kuni ukuba nidane.
”Ulwamvila lokufa sisono; amandla esono ngumthetho.
”Kuba thina aba sonke simelwe kukuthi sibonakalaliswe phambi kwesihlalo sokugweba sikaKristu, ukuze elowo azuziswe okwenziwe ngomzimba, ngoko akwenzileyo, nokuba kokulungileyo, nokuba kokubi.
”kuba lowo ungazani nasono, wamenza isono ngenxa yethu, ukuze thina sibe bubulungisa bukaThixo kuye.
”Sinawo nje ngoko la madinga, zintanda, masizihlambulule kuko konke ukudyobheka kwenyama nokomoya sibufeza ubungcwele, sisoyika uThixo.
”Kuba ndiyoyika, hleze ndithi ndakufika, ndinifumane ningenjengendikuthandayo, nam ndifunyanwe nini ndingenjengenikuthandayo; hleze kubekho iinkani, amakhwele, imisindo, amayelenqe, iintlebendwane, iintsebezo, iinkukhumalo, iziphithiphithi; hleze ndithi, ndakufika kunjalo, andithobe uThixo wam phakathi kwenu, ndize ndikhedame ngenxa yabaninzi ababesebonile, abaguquka ekungcoleni, nasembulweni, naseburheletyweni ababenzayo.
”Ke sona isibhalo sisuke sazivalela ndawonye izinto zonke phantsi kwesono, ukuze idinga eliphuma ekukholweni kuYesu Kristu linikwe abakholwayo.
”Ke kaloku ndithi, Hambani ngokoMoya, naningasayi kuthi ke niyizalise inkanuko yenyama. Kuba inyama ikhanuka ngokuchasene noMoya, uMoya ke ukhanuka ngokuchasene nenyama; ezo zinto ke ziphambene, ukuze ningazenzi izinto enisukuba nizithanda. Ukuba ke nikhokelwa nguMoya, aningaphantsi komthetho.
”Iyabonakala ke yona imisebenzi yenyama, eyile: ukrexezo, umbulo, ukungcola, uburheletyo, ukubusa kwizithixo, ukukhafula, intiyo, iinkani, amakhwele, imisindo, amayelenqe, iimbambaniso, izahlukano, oomona, ookubulala, ookunxila, iindywala, nezinto ezinjengezo; endinixelelayo ngenxa engaphambili, njengokuba besendinixelele kade, ukuba abazenzayo izinto ezinjalo abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo.
”Ke kaloku abo ke bakaKristu, inyama bayibethelele emnqamlezweni, kunye neminqweno neenkanuko zayo. Ukuba sidla ubomi ngokoMoya, masihambe nokuhamba kwangokoMoya.
”Bazalwana, ukuba umntu uthe waqutyulwa nokuqutyulwa sisiphoso esithile, nina bangaboMoya, mlulekeni onjalo ninomoya wobulali; uzilumkela ukuba ungahendwa nawe.
”Musani ukulahlekiswa; uThixo yena asingowokuhlekisa. Kuba into athe wahlwayela yona umntu, wovuna kwayona; ngokuba lowo uhlwayelela eyakhe inyama, wovuna ukonakala ngokwasenyameni; lowo uhlwayelela uMoya ke, wovuna ubomi obungunaphakade ngokwaseMoyeni.
”esinayo sikuye inkululeko ngokuhlawulelwa ngegazi lakhe, ukuxolelwa ke kweziphoso zethu, ngokobutyebi bobabalo lwakhe;
”Nani unidlise ubomi, nifile nje ziziphoso na zizono; enanifudula nihamba kuzo ngokwesimo seli hlabathi, ngokomphathi wegunya lesibhakabhaka, womoya lo usebenzayo ngoku kubo abangevayo; esasifudula nathi sonke sihleli phakathi kwabo ezinkanukweni zenyama yethu, sisenza ukuthanda kwenyama nokwengcinga, saye ngemvelo sikwangabantwana bengqumbo, njengabanye abo.
”Ke ngoko, oku ndiyakuthetha ndikungqine ndiseNkosini, ukuthi, maningabi sahamba njengoko zihamba ngako nezinye iintlanga, ngamampunge engqiqo yazo, zenziwe mnyama iingqondo, zingazani nobomi bukaThixo ngenxa yokungazi okukuzo, ngenxa yokuqaqadeka kwentliziyo yazo; abathe bona, bengasaziva, bazinikela eburheletyweni, ukuze basebenze ukungcola konke, bebawa.
”yokuba nithi ngakwihambo yangaphambili nimlahle umntu omdala, owonakaliswayo ngokokweenkanuko zokulukuhla; nihlaziywe ke kuwo umoya wengqiqo yenu, nimambathe umntu omtsha, othe ngokukaThixo wadalelwa ebulungiseni, nasebungcweleni benyaniso.
”Mabukhweleliswe kuni bonke ubukrakra, nomsindo, nengqumbo, nengcolo, nonyeliso, ndawonye nolunya lonke.
”Ke umbulo, nako konke ukungcola, nokubawa, makungakhe kukhankanywe phakathi kwenu, njengoko kubafaneleyo abangcwele; kwanamanyala, nentetho yobuyatha, nobuhiba, izinto ezo ezingafanelekileyo. Makube kokukhona ninemibulelo. Kuba oku nikwazi, ukuba wonke umenzi wombulo, nomntu ongcolileyo, nolibawa, engumkhonzi wezithixo, akanalifa ebukumkanini bukaKristu noThixo. Makungabikho namnye unilukuhlayo ngamazwi alambathayo; kuba iza ngenxa yezo zinto ingqumbo kaThixo phezu kwabangevayo.
”Kanjalo musani ukuba nabudlelane ngemisebenzi yobumnyama engenasiqhamo; makube kukhona niyohlwayayo. Kuba izinto ezenziwa ngabo emfihlekweni kulihlazo nokuzithetha.
”Kanjalo musani ukunxila yiwayini, ekukhoyo kuloo nto ukuzibhubhisa; manizaliswe nguMoya;
”Nani, enibe nifudula ningazani noThixo, niziintshaba ngengqondo yenu emisebenzini yenu engendawo, kukalokunje unixolelanisile ngako ukufa emzimbeni wenyama yakhe, ukuze animise ningcwele, ningenakubekwa bala, ningenakumangalelwa phambi kwakhe;
”Bhubhisani ngoko amalungu enu asemhlabeni: umbulo, ukungcola, ukuthabatheka okuhlazisayo, inkanuko embi, nokubawa, okuyinkonzo yezithixo kona oko; eza ngenxa yezo zinto ingqumbo kaThixo phezu kwabangevayo; enanifudula nihamba phakathi kwazo nani, okuya nibe nisidla ubomi nikuzo. Ke ngoku, nani aba, kulahleni oku konke: ingqumbo, umsindo, ulunya, ukunyelisa; ukuthetha amanyala kungabikho emlonyeni wenu. Musani ukuxokisana, nizihlubile nje umntu omdala, kunye nezenzo zakhe,
”Lowo umonayo omnye uya kukuthwala oko kona one ngako; kanjalo akukho kukhetha buso bamntu.
”Kuba oku kukuthanda kukaThixo, ukungcwaliswa kwenu, ukuba nikhumke kulo uhenyuzo; ukuba elowo kuni akwazi ukusizuza asiphathe esakhe isitya enobungcwalisa, enembeko;
”Kuba uThixo akasibizelanga ekungcoleni; usibizele ebungcwaliseni. Ngako oko ke lowo ugibayo, akagibi mntu, ugiba uThixo, owasinikayo nokusinika uMoya wakhe oyiNgcwele.
”Izinto zonke zicikideni, nibambe leyo intle. Khumkani kuzo zonke iintlobo zenkohlakalo. Wanga ke uThixo woxolo ngokwakhe anganingcwalisa niphelelisekile; uthi, ugqibelele owenu umoya nomphefumlo nomzimba, ugcinwe ngokungenakusoleka ekufikeni kweNkosi yethu uYesu Kristu.
”inomlilo odangazelayo, ibaphindezela abangamaziyo uThixo, nabangazilulameliyo iindaba ezilungileyo zeNkosi yethu uYesu Kristu;
”ngokwazi oku, ukuba umthetho lo awuwiselwe lungisa, uwiselwe ke abachasene nomthetho, nabangenakululama, abangahloneli Thixo, nabangaboni, abangengcwele, nabahlambeli, ababethiyise nababethi-nina, izigwinta, abenzi bombulo, amadoda alalanayo, amasela abantu, amaxoki, amafunga-buxoki, nokuba kukho nto yimbi ichasene nemfundiso ephilileyo;
”Lithembekile ilizwi eli, lifanelwe kukwamkelwa konke, eli lokuba uKristu Yesu weza ehlabathini ukuba asindise aboni; endingomkhulu kubo mna; noko ke ndesuka ndenzelwa inceba ngenxa yoku, ukuze uYesu Kristu akubonakalalisele kum, mna ungomkhulu, konke ukuzeka kade umsindo, ndibe ngumzekelo kwabo baza kukholwa kuye, base ebomini obungunaphakade.
”Abo bonayo, bohlwaye emehlweni abantu bonke, ukuze nabanye aba babe nokoyika.
”Izono zabanye abantu zisekuhleni kanye, ziyandulela ukuya emgwebeni; abanye ke ziyabalandela nokubalandela.
”Ke abo banga bangaba zizityebi, beyela ekuhendweni, nasesibatheni, nasezinkanukweni ezininzi ezibubudenge ezenzakalisayo; zona zibatshonisayo abantu ekonakaleni, nasekutshabalaleni. Kuba ukuthanda imali yingcambu yeento zonke ezimbi: abathe abathile, ngokuzolulela kuko, balahlekana nokholo, bazibhodloza ngobuhlungu obuninzi.
”Kuba abantu baya kuba ngabazithandayo, abathandi bemali, abaqhankqalazi, abakratshi, abanyelisi, abangeva bazali, abangabuleliyo, abangengcwele, abangenabubele, abangenatarhu, abatyholi, abangenakuzeyisa, izibhoja, abangenakuthanda kulunga, abancethezi, izityhuthutyhuthu, abathiwe lwale likratshi, abathandi beziyolo kunokuba bathande uThixo; benokumila kokuhlonela uThixo, ukanti bayawakhanyela amandla ako. Kwabo ke khwebuka. Kuba baphuma kwaba, abo banyebelezela ezindlwini, bathimbe abafazazana abazono ziziimfumba, bephethwe ziinkanuko ngeenkanuko, behlala befunda, bangaze phofu babe nako ukufika ekuyazini inyaniso.
”Ke bona abantu abangendawo noosiyazi, kukhona baya kuhambela phambili ebubini, belahlekisa, belahlekiswa.
”Bayavuma ukuba bayamazi uThixo; kanti ngayo imisebenzi bayamkhanyela, bengamasikizi, bengabangevayo, nakumsebenzi wonke olungileyo bengenakucikideka.
”Kuba nathi sibe sifudula singabasweli-kuqonda, singeva, silahleka, sikhonza iinkanuko neziyolo ngeziyolo, sihleli ngolunya nomona, sinezothe, sithiyana.
”Kuba ekubeni eve ubunzima, ehendiwe naye ngokwakhe, unako ukubasiza abahendwayo.
”manivuselelane imihla ngemihla, xa kusathiwa kunamhla, ukuze kungabikho mntu kuni wenziwa lukhuni kukulukuhla kwesono.
”ekubeni kusithiwa, Namhla, ukuba nithe naliva ilizwi lakhe, Musani ukuzenza lukhuni iintliziyo zenu, njengasengcaphukisweni.
”Kuba asinambingeleli mkhulu ungenako ukuvelana nezilwelwe zethu; ke, sinowahendwayo ngeento zonke, ngokokufana nathi, engenasono.
”Kuba ngamnikelo mnye ubenze bagqibelela ngokungapheliyo abo bangcwaliswayo. Uyasingqinela ke naye uMoya oyiNgcwele; kuba, emveni kokuba etshilo ngenxa engaphambili ukuthi, Nangu wona umnqophiso, endiya kuwenza nabo Emva kwaloo mihla, itsho iNkosi, Ndiya kuyibeka imithetho yam ezintliziyweni zabo, Ndiya kuyibhala ezingqondweni zabo, ubuya athi, Izono zabo nokuchasa umthetho kwabo ndingabi sakukhumbula. Ke apho uxolelo lwezo zinto lukhona, akusekho mnikelo ngenxa yesono.
”Kuba, xa sithi sone ngabomi, emveni kokuba sakwamkelayo ukwazi inyaniso, akusasele dini ngenxa yezono; sekusele ke ukulinda okoyikekayo kakhulu, umgwebo nomsindo womlilo, oza kudla abo bachasileyo. Umntu obegiba okaMoses umthetho, ubebulawa kungekho tarhu, ngezwi lamangqina amabini, nokuba mathathu. Niba wobeka phi na ke ukufanelwa kukubethwa okubi ngakumbi, lo umnyathelele phantsi uNyana kaThixo, walibalela ekuthini liyinqambi igazi lomnqophiso athe wangcwaliswa ngalo, wamgxeka uMoya wobabalo? Kuba siyamazi lowo watshoyo ukuthi, Impindezelo yeyam, kuya kubuyekeza mna, itsho iNkosi. Kananjalo wathi, INkosi iya kubagweba abantu bayo. Kuyoyikeka ke ukweyela ezandleni zoThixo ophilileyo.
”Ngako oko ke, sinelifu elingakanana nje elisingqongileyo lamangqina, masithi nathi, siwubekile nxamnye wonke umthwalo, naso isono esinokusirhawula ngokusisulu, silubaleke ngomonde ugqatso olubekwe phambi kwethu;
”Anikachasi kude kube segazini, nizamana naso isono.
”Phuthumani uxolo nabo bonke, nobungcwele, ekungekho namnye uya kuyibona iNkosi, engenabo;
”Umtshato mawubekeke ngeendlela zonke, nesilili masingadyojwa; ke abenza umbulo nabakrexezi, uThixo uya kubagweba.
”Inoyolo indoda ekunyamezelayo ukulingwa; ngokuba yothi, yakuba icikidekile, isamkele isithsaba sobomi, ebabeke ngedinga iNkosi abo bayithandayo. Makungabikho namnye utshoyo akuhendwa ukuthi, Ndihendwa kwaThixo; kuba uThixo akanakuhendeka kokubi, akahendi namnye ke yena. Elowo ke uhendwa akutsalwa, abanjiswe, yeyakhe inkanuko. Ithi inkanuko, yakuba ithabathile, izale isono; sithi ke isono, sakuba sikhulelwe, sizale ukufa. Musani ukulahlekiswa, bazalwana bam baziintanda.
”Kungoko endithi, yithini, nibubekile nxamnye bonke ubunyhukunyhuku nokuphuphuma ulunya, namkele ninobulali ilizwi elimiselweyo kuni, elinako ukuyisindisa imiphefumlo yenu. Yibani ke ngabenzi belizwi, ningabi ngabaphulaphuli kodwa, nizidephisela.
”Kuba yena oya kuwugcina umthetho uphela, akhubeke mthethweni mnye, unetyala layo yonke.
”Zivela phi na iimfazwe nokulwa phakathi kwenu? Aziveli na apha eziyolweni zenu, eziwaphumela umkhosi amalungu enu? Niyakhanuka, ningabi nakuzuza nto noko; niyabulala, nizonde, ningabi nakufumana nto noko; niyalwa, nenze imfazwe, ningabi nakuzuza nto ke, ngenxa yokuba ningaceli.
”Bakrexezindini, bakrexezikazindini, anazi na ukuba ubuhlobo balo ihlabathi bubutshaba kuye uThixo? Othe ngoko wanga angaba sisihlobo salo ihlabathi, uzenza utshaba lukaThixo. Okanye niba isibhalo esi sifumana sisitsho na, ukuthi, Umoya owahlala ngaphakathi kwethu ulangazelela ukukhweleta? Ke ubabala kakhulu ngakumbi. Kungoko sithi, UThixo uyabachasa abanekratshi, abababale abazithobileyo. Mthobeleni ngoko uThixo. Mchaseni ke uMtyholi, wonibaleka. Sondelani kuye uThixo, wosondela kuni. Hlambululani izandla, boni, nenze nyulu iintliziyo, nina bamphefumlo umbaxa. Yibani ziindwayi, nikhedame, nilile; ukuhleka kwenu makujike kube kukukhedama, nalo uvuyo lwenu lube kukuthi dakumba. Zithobeni emehlweni eNkosi, yoniphakamisa.
”Musani ukuthetha okubi omnye ngomnye, bazalwana. Lowo uthetha okubi ngomzalwana, amgwebe umzalwana wakhe, uthetha okubi ngomthetho, agwebe umthetho; ke, ukuba uyawugweba umthetho, akumenzi wamthetho, ungumgwebi. Mnye uMmisi-mthetho, lowo unako ukusindisa nokutshabalalisa; ungubani na wena, umgwebayo omnye?
”Ngoko kowaziyo ukwenza okuhle, angakwenzi, kulowo kusisono.
”makazi ukuba lowo wamguqulayo umoni ekulahlekeni kwakhe, woba usindise umphefumlo ekufeni, wagubungela inkitha yezono.
”ngokwabantwana bolulamo, ningamilisi okweenkanuko zangaphambili ekungazini kwenu; nithi ke, ngokokwalowo ungcwele wanibizayo, nibe ngcwele nani ngokwenu kuyo yonke ihambo. Ngenxa enokuba kubhaliwe kwathiwa, Yibani ngcwele, ngokuba ndingcwele mna.
”Ngoko, nilulahlile nje lonke ulunya, nayo yonke inkohliso, nokuhanahanisa, nomona, nako konke ukuthetha okubi, walangazeleleni,
”Zintanda, ndiyanivuselela njengabaphambukeli nabasemzini, ukuba nikhumke ezinkanukweni ezizezenyama, zona ziwuphumele umkhosi umphefumlo.
”owathi ngokwakhe, izono zethu wazithwala ngomzimba wakhe emthini, ukuze sithi, sifile ngakwizono, siphilele ebulungiseni; omivumbo yakhe naphiliswa ngayo. Kuba beninjengezimvu zilahlekile, koko nisuke ngoku nabuyela kuye uMalusi noMveleli wemiphefumlo yenu.
”Ngokuba noKristu wabuva kwakanye ubunzima ngenxa yezono, ilungisa lisiva ubunzima ngenxa yabangemalungisa, ukuze asisondeze kuye uThixo; ebulewe okunene esenyameni, kodwa edliswe ubomi ekuwo umoya.
”Ekubeni ngoko uKristu eve ubunzima ngenxa yethu esenyameni, xhobani nani kwaloo ngcingane; ngokuba lowo uve ubunzima esenyameni, ukhunyulwe ekoneni; ukuze ixesha eliseleyo enyameni ningabi saliphilela ezinkanukweni zabantu, niliphilele ekuthandeni kukaThixo. Kuba lisanele ixesha elidluleyo lokuphila kwethu, esasisenza ukuthanda kweentlanga, sasihamba nje eburheletyweni, ezinkanukweni, ekutshisweni yiwayini, ezindywaleni, emithayini, nasekukhonzeni izithixo, okungekhona esikweni;
”Bathi benokubawa, banibonelele ngamazwi alalanisayo; abakugwetywa kungaphumliyo kwakudala, nayo intshabalalo yabo ayozeli. Kuba, xa uThixo angaziconganga izithunywa zezulu ezonayo, wesuka wathi, ezikhahlele enzonzobileni, wazinikela emixokelelwaneni yesithokothoko, zigcinelwe umgwebo;
”iyakwazi iNkosi ukubahlangula ekuhendweni abahlonela uThixo; ke abangemalungisa ibagcinele imini yomgwebo, ukuba babethwe; ngokukodwa ke abo balandela inyama ngokukhanuka ukuzidyobha, abadela ubukhosi. Ngabasileyo, abenza ngokuzithandela, abangoyikiyo ukunyelisa izikhakhamela.
”benamehlo azele lukrexezo, angenakuphunyuzwa esonweni, bebambisa imiphefumlo engenakuzimaseka, benentliziyo eqheliswe ukubawa; abantwana bengqalekiso.
”Bahlelwe ke ngokomlinganiselo oyinene, othi, Inja ibuyele emhlanzweni wayo, nehagukazi eyahlanjwayo iye ekuzityikatyikeni eludakeni.
”nikwazi nje oku kuqala, ukuba kuya kuza ngemihla yokugqibela abagxeki, behamba ngokwezabo iinkanuko,
”Ukuba sithi sinobudlelane naye, sibe sihamba ebumnyameni, soba siyaxoka, asiyenzi inyaniso; ke, ukuba sihamba ekukhanyeni, njengokuba yena esekukhanyeni, soba sinobudlelane omnye nomnye, lithi negazi likaYesu Kristu, uNyana Wakhe, lisihlambulule kuso sonke isono. Ukuba sithi asinasono, siyazikhohlisa, inyaniso ayikho kuthi. Ukuba sithi sizivume izono zethu, uthembekile, ulilungisa, ukuba asixolele izono zethu, asihlambulule kuko konke ukungalungisi. Ukuba sithi asonanga, simenza ixoki; ilizwi lakhe alikho kuthi.
”Bantwanana bam, ndinibhalela ezi zinto, ukuze ningoni. Ukuba kukho othe wona, sinoMthetheleli kuye uYise, uYesu Kristu ilungisa. Yena usisicamagushelo sezono zethu; engesazethu zodwa, usiso nesehlabathi liphela. Sazi ngale nto ukuba siyamazi, ngokuthi siyigcine imithetho yakhe. Lowo uthi, Ndimazile, abe engayigcini imithetho yakhe, ulixoki, kulowo ayikho inyaniso. Ke othi aligcine ilizwi lakhe, okwenyaniso uthando lukaThixo lugqibelele kulowo; sazi ngaloo nto ukuba sikuye. Lowo uthi uhleli kuye, ufanele ukuthi, njengoko wahambayo yena, enjenjalo ukuhamba naye.
”Ke lowo umthiyileyo umzalwana wakhe usebumnyameni, uhamba ebumnyameni. Akazi apho aya khona, ngokuba ubumnyama buwamfamekisile amehlo akhe.
”Ndiyanibhalela, bantwanana, ngokuba nizixolelwe izono zenu ngenxa yegama lakhe.
”Musani ukulithanda ihlabathi, kwanezinto ezisehlabathini. Ukuba kukho othi alithande ihlabathi, uthando lukaYise alukho kuye. Ngokuba konke okusehlabathini, inkanuko yenyama, nenkanuko yamehlo, noqhankqalazo lobu bomi, asikokuphuma kuye uYise, kokuphuma ehlabathini. Ihlabathi ke liyadlula, nenkanuko yalo; ke yena owenza ukuthanda kukaThixo uhleli ngonaphakade.
”Bonke abasenzayo isono benza okuchasene nomthetho; sona isono sikukuchasana nomthetho. Niyazi ke ukuba yena wabonakaliswa, ukuze azithwale azisuse izono zethu; kananjalo akukho sono kuye. Bonke abahlala kuye aboni; bonke abonayo abambonanga, abamazanga nokumazi. Bantwanana, makungabikho namnye unikhohlisayo; lowo ubenzayo ubulungisa lilungisa, njengokuba yena elilungisa. Lowo usenzayo isono ungokaMtyholi; ngokuba uMtyholi wone kwasekuqalekeni. Wabonakaliselwa oku uNyana kaThixo, ukuze ayichithe imisebenzi kaMtyholi. Bonke abazelwe nguThixo abenzi sono, ngokuba imbewu yakhe ihleli kubo; kananjalo abanakona, ngokuba bezelwe nguThixo. Babonakala ngaloo nto abantwana bakaThixo, nabantwana bakaMtyholi. Bonke abangenzi bulungisa abangabakaThixo, nalowo ungamthandiyo umzalwana wakhe.
”Lowo umthiyileyo umzalwana wakhe usisibulala-mntu; niyazi ukuba akukho sibulala-mntu sinobomi bungunaphakade buhleliyo kuso.
”Osukuba ke enayo impilo yeli hlabathi, aze ambone umzalwana wakhe eswele, azivalele iimfesane zakhe kuye, luthini na ukuhlala uthando lukaThixo ngaphakathi kwakhe?
”Uthando lulapha, ingekukuba samthandayo uThixo thina, ikukuba wasithandayo yena, wamthuma uNyana wakhe ukuba abe sisicamagushelo sezono zethu.
”Ukuba umntu uthe wambona umzalwana wakhe esona isono esingasingisi kufeni, wocela, uThixo amnike ubomi, enika abo bonayo ngokungasingisi kufeni. Kukho sona sisingisa ekufeni; anditsho ukuthi makacelele sona. Konke ukungalungisi sisono; kukho sono singasingisi khona ekufeni. Siyazi ukuba bonke abazelwe nguThixo aboni; usuke athi lowo wazalwayo nguThixo azigcine, aze ongendawo angamchukumisi.
”Bonke abagqithayo, abangahlaliyo emfundisweni kaKristu, abanaThixo; ohleliyo emfundisweni kaKristu, lowo unaye uYise noNyana. Ukuba umntu uza kuni, engazisi yona le mfundiso, musani ukumamkela endlwini yenu, ningambulisi nokumbulisa; kuba lowo umbulisayo unobudlelane naye ngemisebenzi yakhe engendawo.
”ukuba ibagwebe bonke, ibohlwaye bonke abangahloneli Thixo kubo, ngenxa yemisebenzi yabo yonke yokungahloneli Thixo, abayenze bengahloneli Thixo, nangenxa yazo zonke izinto ezilukhuni, ababezithethile ngayo aboni abangahloneli Thixo.
”Aba ngabakrokri abasolayo, behamba ngokweenkanuko zabo, umlomo wabo uthetha iindumbisa zamazwi, bencoma ubuso bomntu ngenxa yenzuzo.
”Guquka, okanye ndoza kuwe kamsinya, ndenze imfazwe nabo ngalo ikrele lomlomo wam.
”Ndamnika ixesha lokuba aguquke kuwo umbulo wakhe, akaguquka.
”Ndiyayazi imisebenzi yakho, ukuba akubandi, akushushu; akwaba ububanda, akwaba ubushushu. Ngenxa enokuba ke udikidiki, ungabandi, ungeshushu, ndiza kukuhlanza uphume emlonyeni wam.
”akaguqukanga nasekubulaleni kwawo, nasekukhafuleni kwawo, nasembulweni wawo, nasebuseleni bawo.
”Ndeva elinye izwi liphuma emazulwini lisithi: Phumani kuyo, bantu bam, Ukuze ningadlelani nayo ngezono zayo, Nokuze ningamkeliswa kwizibetho zayo. Ngokuba izono zayo ziye zafikelela emazulwini, Nezinto zayo zokungalungisi uzikhumbule uThixo.
”Ndabona itrone emhlophe enkulu, nalowo uhleli phezu kwayo, owathi umhlaba nezulu wasaba ebusweni bakhe, azafunyanelwa ndawo ezo zinto. Ndababona abafileyo, abancinane nabakhulu, bemi phambi koThixo. Zavulwa iincwadi; kwavulwa nenye incwadi, eyeyobomi; bagwetywa abafileyo ngokubhaliweyo ezincwadini ezo, ngokwemisebenzi yabo.
”Ke wona amagwala, nabangakholwayo, nabangamasikizi, nababulali, nabenzi bombulo, nabakhafuli, nabakhonzi bezithixo, nawo onke amaxoki, isabelo sawo siya kuba sedikeni elivutha umlilo nesulfure. Oko kukufa kwesibini.
”Akusayi kungena kuwo nanye into eyenza inqambi, eyenza isikizi, nobuxoki; abaya kungena ngabo bodwa babhalwe encwadini yobomi yeMvana.
”Lowo ungalungisiyo, makaselehlala engalungisi; lowo uyinyhukunyhuku, makaselehlala eyinyhukunyhuku; nolilungisa makaselehlala elungisa; nongcwele makaselehlala ezingcwalisile.
”Ngaphandle ke zizinja, nabakhafuli, nabenzi bombulo, nababulali, nabakhonzi bezithixo, nabo bonke ababuthandayo, ababenzayo ubuxoki.
”