19 – Icawa
La ngamazwi angcwele kaThixo uSomandla.
Asinamdla kwizinto ezithethwa ngabantu.
Nabani na othanda uThixo . . . Nantsi into uThixo ayithethayo ngaye: Icawa.
La ngamazwi angcwele kaThixo uSomandla.
Asinamdla kwizinto ezithethwa ngabantu.
Nabani na othanda uThixo . . . Nantsi into uThixo ayithethayo ngaye: Icawa.
Kuba apho bahlanganisene khona egameni lam, nokuba babini nokuba bathathu, ndikho mna apho phakathi kwabo.
”Ze kungabi njalo ke phakathi kwenu nina; osukuba enga angaba mkhulu phakathi kwenu, makabe ngumlungiseleli wenu; nosukuba enga angaba ngowokuqala phakathi kwenu, makabe ngumkonzi wenu; kwanjengokuba uNyana woMntu engezanga kulungiselelwa; weza kulungiselela, nokuncama ubomi bakhe, bube yintlawulelo yokukhulula abaninzi.
”Bakubon ukuba bakhungile, yazanyazanyiswa indawo ababehlanganisene kuyo, bazaliswa bonke nguMoya oyiNgcwele, balithetha ilizwi likaThixo ngokungafihlisiyo. Ke kaloku inkitha yababekholiwe yayintliziyo-nye, imphefumlo mnye; kwaye kungekho namnye ubesithi kukho nto iyeyakhe empahleni yakhe; zonke izinto zaye zizezobudlelane kubo. Baye abapostile bekungqinela ngamandla amakhulu ukuvuka kweNkosi uYesu; kwaye kukho ukubabalwa okukhulu kubo bonke. Kuba kwakungekho namnye phakathi kwabo, wayeswele; kuba bonke ababenemihlaba, nokuba zizindlu, babesithi bathengise ngazo, bawazise amaxabiso ezo zinto kuthengisiweyo ngazo, bawabeke ezinyaweni zabapostile; waye ke elowo esabelwa njengoko ebesukuba eswele ngako.
”Woyika, wathi, Asikuko nokuba iyoyikeka le ndawo; yindlu kaThixo le, ayinto yimbi; lisango lamazulu eli.
”neli litye ndilimisileyo lasisimiso loba yindlu kaThixo; neento zonke othe wandinika, ndokunika isishumi sazo.
”UYehova wahamba phambi kwabo ngomqulu welifu emini, ebakhokela ngendlela; ngomqulu womlilo ebusuku, ebakhanyisela, ukuze bahambe imini nobusuku. Awusukanga umqulu welifu emini, nomqulu womlilo ebusuku, phambi kwabantu.
”Ngoku ke, ukuba nithe naliphulaphula okunene izwi lam, nawugcina umnqophiso wam, noba yinqobo kum kwizizwe zonke, kuba ihlabathi lonke lelam; nibe bubukumkani bababingeleli kum, nohlanga olungcwele. Ngawo lawo amazwi oya kuwathetha koonyana bakaSirayeli.
”Kananjalo ababingeleleli abasondelayo kuYehova, mabazingcwalise, hleze uYehova ababhubhise.
”bandenzele indawo engcwele, ndihlale phakathi kwabo.
”Kwathi, xa uMoses wangenayo ententeni leyo, wehla umqulu welifu, wema emnyango wentente leyo; wathetha yena noMoses. Bawubona abantu bonke umqulu welifu, umi emnyango wentente leyo; besuka bema bonke abantu, baza baqubuda, elowo esemnyango wentente yakhe. UYehova wathetha kuMoses, bekhangelene ebusweni, njengomntu ethetha nomhlobo wakhe, wabuyela kwaseminqubeni; ke umlungiseleli wakhe, uYoshuwa unyana kaNun, umfana, akasukanga yena ententeni leyo.
”Musa ukusela wayini nasiselo sinxilisayo, wena noonyana bakho kunye nawe, ekungeneni kwenu ententeni yokuhlangana, ukuze ningafi. Ngummiselo ongunaphakade ezizukulwaneni zenu ke lowo; ukuze kwahlulwe okungcwele kokuhlambelayo, nokuyinqambi kokuhlambulukileyo;
”Ngomhla wokumiswa komnquba, ilifu lawusibekela umnquba wentente yesingqino; ngokuhlwa lanjengembonakalo yomlilo phezu komnquba, kwada kwasa. Kwahlala kunjalo; ilifu lawusibekela emini, laba yimbonakalo yomlilo ebusuku.
”Ngokuba andihlalanga ndlwini, kususela kwimini endabanyusayo oonyana bakaSirayeli eYiputa, kude kube nanamhla; ndaba ngohambahamba ngentente engumnquba.
”Ngale ndlu uyakhayo wena, ukuba uthe wahamba ngemimiselo yam, wawenza amasiko am, wayigcina yonke imithetho ngokuhamba ngayo: ndolimisa kuwe ilizwi lam, endalithethayo kuDavide uyihlo; ndihlale phakathi koonyana bakaSirayeli, ndingabashiyi abantu bam amaSirayeli.
”Kwathi, ekuphumeni kwababingeleli engcweleni, lasuka ilifu layizalisa indlu kaYehova. Ababingeleli ababa nakuma balungiselele ngenxa yelifu; ngokuba ubuqaqawuli bukaYehova bayizalisa indlu kaYehova.
”Kwathi, akugqiba uSolomon ukuyakha indlu kaYehova, nendlu yokumkani, nako konke abekulangazelele uSolomon, abenqwenela ukwenza kona,
”Wathi uHilekiya, umbingeleli omkhulu, kuShafan umbhali, Incwadi yomyalelo ndiyifumene endlwini kaYehova. UHilekiya wamnika uShafan incwadi leyo, wayilesa.
”Wazidiliza izindlu zamangawu ezibe zisendlwini kaYehova, apho amankazana abemlukela khona uAshera iintente.
”Ke ngoko zinikeleni iintliziyo zenu nemiphefumlo yenu ekumquqeleni uYehova uThixo wenu; sukani nime, niyakhe ingcwele kaYehova uThixo, ningenise ityeya yomnqophiso kaYehova, neempahla ezingcwele zikaThixo, endlwini leyo iya kwakhelwa igama likaYehova.
”kwathi ke abavutheli bamaxilongo neemvumi bavakalisa njengamntu mnye, ngazwi-nye, bedumisa, bebulela kuYehova. Bathi ke bakuphakamisa ilizwi ngamaxilongo, nangamacangci, nangeempahla zokuvuma, nangokumdumisa uYehova, besithi, Ulungile, inceba yakhe ingunaphakade: yesuka indlu yazala lilifu lendlu kaYehova; ababingeleli ababa nakuma balungiselele, ngenxa yelifu; ngokuba ubuqaqawuli bukaYehova bayizalisa indlu kaThixo.
”Ke kaloku akugqiba uSolomon ukuthandaza, umlilo welula ezulwini, walidla idini elinyukayo nemibingelelo; ubuqaqawuli bukaYehova bayizalisa indlu. Ababingeleli ababa nakungena endlwini kaYehova, ngokuba ubuqaqawuli bukaYehova bayizalisa indlu kaYehova. Bonke oonyana bakaSirayeli, bakubona ukuhla komlilo, nobuqaqawuli bukaYehova buphezu kwendlu, baguqa, babhekisa ubuso babo emhlabeni phezu kombekelelo wamatye, baqubuda, babulela kuYehova besithi, Ulungile, inceba yakhe ingunaphakade.
”Wamisa abagcini-masango emasangweni endlu kaYehova, ukuze kungangeni uyinqambi nangantoni.
”Musani ukuyenza lukhuni ngoku intamo yenu, njengooyihlo. Mnikeni uYehova isandla, nize engcweleni yakhe abeyingcwalisile ngonaphakade, nimkhonze uYehova uThixo wenu, kubuye kuni ukuvutha komsindo wakhe.
”UHezekiya wathi kubantu, kubemi baseYerusalem, mabanike isabelo sababingeleli nabaLevi, ukuze babambelele emyalelweni kaYehova.
”UYehova, uThixo wooyise, wathumela kubo ngabathunywa bakhe, wanyameka ukuthumela; ngokuba wayenemfesane ngabantu bakhe, nekhaya lakhe.
”Balesa encwadini, emyalelweni kaThixo, ngokucacileyo, beqononondisa; bakuqonda ke ukulesa oku.
”ngokuba oonyana bakaSirayeli noonyana bakaLevi baya kuzisa umrhumo wengqolowa, newayini entsha, neoli, emagumbini apho zikhona iimpahla ezingcwele, nababingeleli abalungiselelayo, nabamasango, neemvumi; indlu kaThixo wethu singayishiyi.
”Ndithe kwabangcwele abasehlabathini, Bona bazizinhanha apho, kukhona konke endikunanzileyo.
”Ndiya kulazisa igama lakho kubazalwana bam, Ndikudumise phakathi kwebandla, ndithi,
”Inene, ndiya kulandelwa kokulungileyo nenceba Yonke imihla yobomi bam, Ndihlale endlwini kaYehova Imihla emide.
”Ndicele nto-nye kuYehova, ndifuna yona: Ukuba ndihlale endlwini kaYehova yonke imihla yobomi bam, Ndibone ubuhle bukaYehova, ndiphicothe etempileni yakhe.
”Sindisa abantu bakho, Usikelele ilifa lakho, Ubaluse, ubathwale kude kuse ephakadeni.
”Menzeni mkhulu kunye nam uYehova, Siliphakamise kunye igama lakhe.
”Ndikhumbula oku, ndiwuphalazela kum umphefumlo wam, Ukuhamba kwam nezihlwele ndisiya endlwini kaThixo, Sinezwi lokumemelela nokubulela, siyingxokolo evuyayo.
”Hayi, uyolo lomnyulayo, umsondeze Ukuba ahlale ezintendelezweni zakho! Siya kuzihluthisa ngokulunga kwendlu yakho, Kwetempile yakho engcwele.
”UThixo nguhlalisa endlwini ababebodwa, Ngukhuphela enywebeni ababanjiweyo; Ngabaziinjubaqa bodwa abahlala kwelibalelelweyo.
”Ke thina bantu bakho, zimvu zaluswa nguwe, Siya kubulela kuwe ngonaphakade, Sibalise ngendumiso yakho kwizizukulwana ngezizukulwana.
”Kumongameli; ngolwaseGati. Eyoonyana bakaKora. Umhobe. Hayi, ukuthandeka kweminquba yakho, Yehova wemikhosi! Umphefumlo wam ulangazelela, uyaphela kukuzilangazelela, iintendelezo zikaYehova; Intliziyo yam nenyama yam imemelela kuThixo ophilileyo. Intakana le ifumene ikhaya; Inkonjane izifumanele indlu, Apho izalela khona amathole ayo: Izibingelelo zakho, Yehova wemikhosi, Kumkani wam, Thixo wam. Hayi, uyolo lwabahlala endlwini yakho! Basaya kukudumisa. (Phakamisani.)
”Ngokuba imini enye ezintendelezweni zakho ilungile kunewaka; Ndinyule ukuba semnyango endlwini kaThixo wam, Kunokuhlala ngaphakathi kweentente zokungendawo.
”UThixo ongowokungcangcazelelwa ebhungeni elikhulu labangcwele, Ongofanelwe kukoyikwa ngaphezu kwabo bonke abamngqongileyo?
”Etyelwe nje endlwini kaYehova, Aya kutyatyamba ezintendelezweni zoThixo wethu.
”Haleluya! Ndiya kubulela kuYehova ngentliziyo yonke, Elucweyweni lwabathe tye nasebandleni.
”Ingoma yezinyuko. KaDavide. Ndavuya bakuthi kum, Masiye endlwini kaYehova.
”Ingoma yezinyuko. KaSolomon. Ukuba akayakhi uYehova indlu, Bafumana besaphuka yiyo abakhi bayo. Ukuba umzi akawugcini uYehova, Ufumana ephaphama owugcinayo.
”Ingoma yezinyuko; kaDavide. Yabonani, ukuba kuhle, ukuba mnandi, Ukuthi abazalwana bahlale bemxhelo mnye!
”Haleluya! Mvumeleni uYehova ingoma entsha, Indumiso yakhe ebandleni labenceba.
”Mfundise umntwana ngendlela efanele umntwana; Naxa athe wamkhulu, akasayi kumka kuyo.
”Isinyithi silola isinyithi, Indoda ilola ubuso bowayo.
”Gcina unyawo lwakho xeshikweni uya endlwini kaThixo; ukusondela ukuba uve, kungaphezu kokunikela kwezidenge imibingelelo; ngokuba ukungazi kwazo kwenza izinto ezimbi.
”Ngomnyaka wokufa kokumkani u-Uziya, ndayibona iNkosi ihleli etroneni ende enyukileyo; amasondo eengubo zayo ezirholayo azalisa itempile.
”Ndeva izwi leNkosi, lisithi, Ndothuma bani na? Ngubani na owosiyela? Ndathi, Ndikho, thuma mna. Yathi, Yiya, uthi kubo aba bantu, Yivani, ukuva oku niya kuva, ningaqondi; qiqani, ukubona oku niya kubona, ningaqiqi.
”Mkani, mkani, phumani apho; musani ukuphatha nto iyinqambi; phumani phakathi kwayo; zenzeni nyulu, nina bathwali beempahla zikaYehova.
”Ke oonyana bolunye uhlanga, abanamathele kuYehova, ukuze balungiselele kuye, balithande igama likaYehova, ukuba babe ngabakhonzi kuye, bonke abayigcinayo isabatha bangayihlambeli, ababambelela emnqophisweni wam: ndobazisa entabeni yam engcwele, ndibavuyise endlwini yam yokuthandaza; amadini abo anyukayo nemibingelelo yabo yokholiseka esibingelelweni sam; kuba indlu yam kuya kuthiwa yindlu yokuthandaza ezizweni zonke.
”ndininike abalusi abangantliziyo yam, banaluse ngokwazi nangengqiqo.
”Yeha ke, abalusi abatshabalalisa bachithachithe umhlambi wedlelo lam! utsho uYehova. Ngako oko utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ngabalusi abo balusa abantu bam, ukuthi, Niwuchithachithile umhlambi wam, nawubhebhetha, anawuvelela; yabonani, ndiya kunivelela ngenxa yobubi beentlondi zenu; utsho uYehova. Ndiya kuwabutha mna amasalela omhlambi wam emazweni onke endawagxothela kuwo, ndiwabuyisele emakriweni awo, aqhame, ande; ndiwamisele abalusi bawaluse, angabi soyika, angaqhiphuki umbilini, kungabikho ulahlekayo; utsho uYehova.
”Ngokuba umprofeti kwanombingeleli ngabenzi bobubi; ndizifumene nasendlwini yam izinto zabo ezimbi; utsho uYehova.
”Nyana womntu, ndikwenze umboniseli kwindlu kaSirayeli; live ke ilizwi emlonyeni wam, ubavuselele ngokuvela kum. Xa ndithi kongendawo, Inene, uya kufa; usuke wena ungamvuseleli, ungathethi ukuze umvuselele ongendawo, ukuze aphume endleleni yakhe engendawo, aphile; wofa ongendawo lowo ngobugwenxa bakhe, kodwa lona igazi lakhe ndolibiza esandleni sakho. Wena ke, xa uthe wamvuselela ongendawo, akabuya endleleni yakhe, endleleni yakhe engendawo: wofa ngobugwenxa bakhe, kodwa wena uwuhlangule umphefumlo wakho. Ke, lakubuya ebulungiseni balo ilungisa, lenze ngobugqwetha, ndibeke isikhubekiso phambi kwalo; lofa lona; xa uthe akwalivuselela, lofa ngenxa yesono salo, bungakhunjulwa ubulungisa balo elabenzayo; kodwa lona igazi lalo ndolibiza esandleni sakho. Wena ke, xa uthe walivuselela ilungisa, ukuba lingoni ilungisa, alona ke: lophila ngokuba livuselelwe, ke wena uwuhlangule umphefumlo wakho.
”Ababingeleli balo bayawugonyamela umyalelo wam, bazihlambele iingcwele zam; abacaluli phakathi kokungcwele nokuhlambelayo, ababonisi mahluko kokuyinqambi nokuhlambulukileyo; bayawafihla amelulo abo kwiisabatha zam, ndihlanjelwe esazulwini sabo.
”Nyana womntu, profeta ngabalusi bakwaSirayeli; profeta, uthi kubo, ngabalusi abo, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yeha ke abalusi bakwaSirayeli, abaye bezalusa ngokwabo! Abalusi babengafanele ukwalusa umhlambi wabo, yini na? Amanqatha niyawadla, uboya nizambathise ngabo; ezityetyisiweyo izimvu niyazixhela, umhlambi aniwalusi. Ezityhafileyo anizomelezi, ezifayo aniziphilisi, ezaphukileyo anizibophi, eziziintsali anizibuyisi, ezidakileyo anizifuni; nizinyathela ngamandla kalukhuni. Zaba lusali ngokungabi namalusi; zaba kukudla kwamarhamncwa onke asendle, zaba lusali. Umhlambi wam wadungudela ezintabeni zonke, nasezindulini zonke ezinde, waba lusali umhlambi wam ebusweni bonke belizwe. Akubangakho namnye uwukhathalelayo, akwabakho namnye uwufunayo.
”Ngako oko, balusindini, liveni ilizwi likaYehova, lisithi, Ndihleli nje, itsho iNkosi uYehova, inyaniso, ngenxa enokuba umhlambi wam ulixhoba, umhlambi wam udliwa ngamarhamncwa onke asendle, ngokungabi namalusi; abalusi bam bengawukhathaleli umhlambi wam, abalusi bezalusa ngokwabo, bengawalusi umhlambi wam: ngako oko, balusindini, liveni ilizwi likaYehova, lisithi, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabonani, ndibachasile ibalusi. Ndiya kuwubiza umhlambi wam ezandleni zabo, ndibanqumamise ekwaluseni umhlambi wam, bangabi sazalusa ngokwabo abalusi; ndiwuhlangule umhlambi wam emlonyeni wabo, ungabi saba kukudla kubo.
”Ngako oko itsho iNkosi uYehova kuzo ukuthi, Yabonani, mna ndiya kugweba phakathi kweegusha ezityebileyo neegusha ezinqinileyo. Ngenxa enokuba nityhala ngehleza nangegxalaba, nizihlabe ngeempondo zenu ezityhafileyo zonke, nide nizenze zibe lusali, zigqibe ilizwe: ndowusindisa umhlambi wam, ungabi saba lixhoba, ndigwebe phakathi kweegusha neegusha.
”Ndomisa phezu kwawo umalusi abe mnye, awaluse, umkhonzi wam uDavide; yena uya kuwalusa, abe ngumalusi wawo yena;
”Umnquba wam uya kuba phezu kwabo, ndibe nguThixo wabo, babe ngabantu bam:
”Wandisa ngendlela yesango langasentla, ebeyiphambi kwayo indlu; ndakhangela, nabo ubuqaqawuli bukaYehova buyizalisile indlu kaYehova; ndawa ngobuso.
”Bobayala abantu bam, ukuba bahlule okungcwele kokuhlambeleyo, babazise okuyinqambi nokuhlambulukileyo.
”Ngomhla ke wokungena kwakhe engcweleni, entendelezweni ephakathi, ukuze alungiselele engcweleni, wosondeza idini lakhe lesono; itsho iNkosi uYehova.
”Yona yoba yinto engcwele kulo ilizwe elo; ilunge nababingeleli, abalungiseleli bengcwele, abasondela ukuba balungiselele kuYehova; ibe yindawo yezindlu zabo, indawo engcwele ilunge nengcwele.
”Kuya kuthi emveni kokuba njalo, ndithulule uMoya wam phezu kwenyama yonke, baprofete oonyana benu neentombi zenu; amadoda enu amakhulu aphuphe amaphupha, amadodana enu abone imibono. Kwanaphezu kwabakhonzi naphezu kwabakhonzazana ndothulula uMoya wam ngaloo mihla.
”Inene, ayikhe yenze into iNkosi uYehova, ingathanga iluhlakaze ucweyo lwayo kubakhonzi bayo abaprofeti.
”ndizinyikimise zonke iintlanga, zifike izinto ezinqwenelekayo zeentlanga zonke, ndiyizalise le ndlu ngobuqaqawuli; utsho uYehova wemikhosi. Isilivere yeyam, igolide yeyam; utsho uYehova wemikhosi. Buya kuba bukhulu ubuqaqawuli bamva bale ndlu, ngaphezu kobokuqala, utsho uYehova wemikhosi; kuyo ke le ndawo ndiya kunika uxolo; utsho uYehova wemikhosi.
”Kuba umlomo wombingeleli ngowokugcina ukwazi, umyalelo bawufune emlonyeni wakhe; ngokuba ungumthunywa kaYehova wemikhosi.
”Ziziseni zonke izishumi endlwini yobuncwane bam, ize ke kubekho ukudla endlwini yam; ngoku nindicikide ngale nto, utsho uYehova wemikhosi, ukuba andisayi kunivulela na iingcango zezulu, ndinithululele iintsikelelo, kude kungasweleki lutho.
”Athi ke kubo, Yizani apha nindilandele; ndonenza nibe ngababambisi babantu.
”Waye uYesu elihamba lonke elaseGalili, efundisa ezindlwini zabo zesikhungu, evakalisa iindaba ezilungileyo zobukumkani, ephilisa izifo zonke nezikhuhlane zonke ebantwini.
”Nithandaza njalo ke, maningenzi milembelele ingeyanto, njengabeentlanga; kuba beba boviwa ngenxa yamazwi abo amaninzi.
”Funani ke tanci ubukumkani bukaThixo nobulungisa bakhe, zaye zonke ezo zinto ziya kongezelelwa kuni.
”Ke kaloku balumkeleni abaprofeti ababuxoki, abeza kuni ngezambatho zeegusha, ngaphakathi ke beziingcuka eziqwengayo.
”Waye uYesu eyihamba yonke imizi nemizana, efundisa ezindlwini zabo zesikhungu, evakalisa iindaba ezilungileyo zobukumkani, ephilisa izifo zonke nezikhuhlane zonke ebantwini. Wathi, akuzibona izihlwele, wasikwa yimfesane zizo, ngokuba zibe zityhafile, zichithakele ngokwezimvu ezingenamalusi. Aze athi kubafundi bakhe, Ukuvuna okunene kuninzi, kodwa bona abasebenzi bambalwa. Khungani ngoko eNkosini yokuvuna, ikhuphe abasebenzi, baye ekuvuneni kwayo.
”Waza wababizela kuye abafundi bakhe abalishumi elinababini, wabanika igunya koomoya abangcolileyo, ukuze babakhuphe, nelokuphilisa izifo nezikhuhlane zonke.
”Philisani imilwelwe, hlambululani abaneqhenqa, vusani abafileyo, khuphani iidemon; namkele ngesisa, yiphani ngesisa.
”Balumkeleni ke abantu; kuba baya kuninikela ezintlanganisweni zamatyala, banityakatye ezindlwini zabo zesikhungu;
”Lowo wamkela nina, wamkela mna; nalowo wamkela mna, wamkela owandithumayo. Lowo wamkela umprofeti egameni lomprofeti, uya kwamkela umvuzo womprofeti; nalowo wamkela ilungisa egameni lelungisa, uya kwamkela umvuzo welungisa. Nothe waseza noko amnye waba bangabona bancinane indebe yodwa yamanzi abandayo egameni lomfundi, inene ndithi kuni, akayi kukha alahlekelwe ngumvuzo wakhe.
”Akufika kwelakowabo, wabafundisa endlwini yabo yesikhungu, ngokokude bakhwankqiswe bathi, Lo ubuzuze phi na obu bulumko, nale misebenzi yamandla?
”Nam ke, ndithi kuwe, UnguPetros wena; ndiya kulakhela phezu kolu lwalwa ibandla lam, namasango elabafileyo akayi kuloyisa. Ndiya kukunika izitshixo zobukumkani bamazulu; kuthi ke othe wakubopha emhlabeni, kubopheke emazulwini; kuthi othe wakukhulula emhlabeni, kukhululeke emazulwini.
”Nithini na nina? Ukuba umntu uthe wanekhulu lezimvu, ize kulahleke enye kuzo, akazishiyi na ezimashumi asithoba anesithoba ezintabeni, aye afune leyo ilahlekileyo? Ukuba uthe wayifumana, inene ndithi kuni, uyayivuyela leyo ngaphezu kokuvuyela ezo zimashumi asithoba anesithoba, zingalahlekanga.
”Ukuba ke umzalwana wakho uthe wakona, yiya umohlwaye inguwe naye ninedwa; ukuba uthe wakuva, woba umzuzile umzalwana wakho. Ke ukuba uthe akeva buya uthabathe nawe abe mnye nokuba babini, ukuze onke amazwi amiswe ngomlomo wamangqina amabini, nokuba ngamathathu. Ukuba ke uthe akabeva, xelela ibandla; ukuba ke uthe akaliva nebandla, kuwe makabe njengoweentlanga nombuthi werhafu.
”Kuba apho bahlanganisene khona egameni lam, nokuba babini nokuba bathathu, ndikho mna apho phakathi kwabo.
”Ze kungabi njalo ke phakathi kwenu nina; osukuba enga angaba mkhulu phakathi kwenu, makabe ngumlungiseleli wenu; nosukuba enga angaba ngowokuqala phakathi kwenu, makabe ngumkonzi wenu; kwanjengokuba uNyana woMntu engezanga kulungiselelwa; weza kulungiselela, nokuncama ubomi bakhe, bube yintlawulelo yokukhulula abaninzi.
”Wangena uYesu etempileni kaThixo, wabakhupha bonke ababethengisa nababethenga etempileni, wazibhukuqa iitafile zabananisi bemali, nezihlalo zabathengisa ngamahobe; athi kubo, Kubhaliwe kwathiwa, Indlu yam iya kubizwa ngokuba yindlu yokuthandaza; ke nina niyenze umqolomba wezihange.
”Kweza kuye iimfama neziqhwala, etempileni apho, waziphilisa. Bathe ke ababingeleli abakhulu nababhali, bakuyibona imimangaliso awayenzayo, kwanabantwana bedanduluka etempileni, besithi, Hosana kuye unyana kaDavide: basuka bacaphuka,
”Ke nina maningabizwa kuthiwe Rabhi; kuba mnye uMkhokeli wenu, uKristu; nina ke nonke ningabazalwana. Ningabizi mntu ngokuba nguyihlo emhlabeni apha; kuba mnye uYihlo wenu, lowo usemazulwini. Kananjalo maningabizwa ngokuba ningabakhokeli; kuba mnye uMkhokeli wenu, uKristu. Omkhulu ke kuni makabe ngumlungiseleli wenu. Osukuba ke eziphakamisa uya kuthotywa; nosukuba ezithoba uya kuphakanyiswa.
”Kuba kuya kuvela ooKristu ababuxoki, nabaprofeti ababuxoki, benze imiqondiso emikhulu nezimanga, ngokokude bathi, ukuba bekunokwenzeka, balahlekise nabanyuliweyo.
”ndandize, nandambesa; ndandisifa, nandivelela; ndandisentolongweni, neza kum.
”Lasuka ikhuselo lengcwele lakrazuka kubini, lithabathele phezulu lada lesa phantsi; umhlaba wanyikima, namawa acandeka,
”Hambani ngoko niye kuzenza abafundi zonke iintlanga, nibabhaptizela egameni loYise, loNyana, loMoya oyiNgcwele; nibafundisa ukuba bazigcine zonke izinto endiniwisele umthetho ngazo. Niyabona, mna ndinani yonke imihla, kude kube sekuphelisweni kwephakade eli. Amen.
”Wayevakalisa ke ezindlwini zabo zesikhungu kulo lonke elaseGalili, ezikhupha needemon. Kweza kuye oneqhenqa, embongoza, esiwa ngamadolo phambi kwakhe, esithi kuye, Ukuba uyathanda, unako ukundihlambulula. UYesu, esikwe yimfesane ke, wasolula isandla, wamchukumisa, wathi kuye, Ndiyathanda; hlambuluka.
”Wadala balishumi elinababini, ukuze babe naye, nokuze abathume baye kuvakalisa ubukumkani bukaThixo, babe negunya lokuziphilisa izifo, nelokuzikhupha iidemon.
”Uthe kwakubakho isabatha, waqala ukufundisa endlwini yesikhungu; baza abaninzi, bakuva, bakhwankqiswa, besithi, Lo uzizuze phi na ezi zinto? Bubulumko buni na obu abunikiweyo, le nto nemisebenzi yamandla enjengale yenzekayo ngezandla zakhe?
”Bafumana ke bendihlonela, Befundisa iimfundiso eziyimithetho yabantu. Kuba nithi, niwuyeka okaThixo umthetho, nibambe isithethe sabantu esinjengeentlambo zeebhekile neendebe; naye nizenza nezinye izinto ezininzi ezinjengezo. Wayesithi kubo, Natyapha kambe niwutshitshise umthetho kaThixo, ukuze nisigcine isithethe senu.
”niliphanga igunya ilizwi likaThixo ngesithethe senu enasinikelayo, naye nizenza izinto ezininzi ezinjengezo.
”Kuba othe waniseza nendebe le yamanzi egameni lam, ngokuba ningabakaKristu, inene ndithi kuni, akasayi kuphulukana nomvuzo wakhe.
”Bafika eYerusalem. Waza uYesu, eye kungena etempileni, waqala wabakhupha ababethengisa nababethenga etempileni; wathi neetafile zabanani bemali nezihlalo zabathengisa ngamahobe wazibhukuqa. Wayengavumi ukuba kubekho ucanda etempileni ethwele isitya. Wayefundisa, esithi kubo, Akubhaliwe na kwathiwa, Indlu yam iya kubizwa ngokuba yindlu yokuthandaza iintlanga zonke? Ke nina niyenze umqolomba wezihange.
”Waphendula uYesu wathi kuye, Uyazibona na ezi zakhiwo zikhulu? Akusayi kusala litye phezu kwelitye, elingayi kuchithwa.
”Zilumkeleni ke okwenu; kuba baya kuninikela ezintlanganisweni zamatyala, nityatyulwe ezindlwini zesikhungu, nimiswe phambi kwabalawuli nookumkani ngenxa yam, kube bubungqina kubo.
”Lathi ikhuselo lengcwele lakrazuka kubini, lithabathela phezulu lada lesa phantsi.
”Wathi kubo, Hambani niye kulo lonke ihlabathi, nizivakalise iindaba ezilungileyo kuyo yonke indalo. Lowo ukholiweyo wabhaptizwa, wosindiswa; ke yena ongakholwanga, wogwetywa. Imiqondiso ke eya kulandelana nabo bakholiweyo nantsi: egameni lam baya kukhupha iidemon; baya kuthetha ngeelwimi ezintsha; baya kuphatha iinyoka; nokuba bathe basela into ebulalayo, ayikukha ibenzakalise bona; baya kubeka izandla phezu kwemilwelwe, iphile.
”Ke bona baphuma, bavakalisa ezindaweni zonke, iNkosi isebenza nabo, iliqinisela ilizwi ngayo imiqondiso ephelekana nalo. Amen.
”Wafika eNazarete, apho waye ondlelwe khona, wangena ngokwesiko lakhe ngomhla wesabatha endlwini yesikhungu, wesuka wema ukuba alese.
”Baye ke bekhwankqiswa kukufundisa kwakhe; ngokuba ilizwi lakhe libe linegunya. Kwaye kukho endlwini yesikhungu apho umntu onomoya wedemon engcolileyo; wakhala ngezwi elikhulu, esithi, Yoo! yini na enathi nawe, Yesu waseNazarete? Uze kusitshabalalisa na? Ndiyakwazi wena, lowo unguye; ungoyiNgcwele kaThixo. Wawukhalimela uYesu, esithi, Yithi tu, uphume kuye. Yasuka idemon yamjulela esazulwini, yaphuma kuye ingamenzakalisanga. Besuka bathi qhiphu umbilini bonke, baye bethetha bodwa besithi, Lilizwi lini na eli, le nto abathethela ngegunya nangamandla oomoya abangcolileyo aba, baze baphume?
”Waye ezivakalisa ke ezindlwini zesikhungu zelaseGalili.
”Baba kwanjalo ke noYakobi noYohane, oonyana bakaZebhedi, ababengamadlelane noSimon. UYesu wathi kuSimon, Musa ukoyika; uya kuthabathela kweli xesha ubambisa abantu.
”Kwathi ke kaloku, nangenye isabatha wangena endlwini yesikhungu, wafundisa. Kwaye kukho apho umntu owome isandla sokunene.
”Akukho mfundi mkhulu kunomfundisi wakhe; ke wonke olungiswe kwaphela, uya kuba njengomfundisi wakhe.
”Ke kaloku, ebabizele ndawonye abafundi bakhe abalishumi elinababini, wabanika amandla negunya kuzo zonke iidemon, nokuphilisa izifo. Wabathuma ukuba babuvakalise ubukumkani bukaThixo, bayiphilise imilwelwe.
”Funani ubukumkani bukaThixo nina, zaye zonke ezo zinto ziya kongezelelwa kuni. Musani ukoyika, mhlambi mncinane; ngokuba kukholekile kuYihlo ukuninika ubukumkani.
”Ke kaloku wayefundisa kwenye yezindlu zesikhungu ngayo isabatha. Kwabonakala kukho ntokazi ibinomoya Wobulwelwe iminyaka elishumi elinesibhozo; yaye igobile, ingenako kanye ukuziphakamisa. Eyibonile ke uYesu, wayibiza wathi kuyo, Ntokazindini, khululeka ebulwelweni bakho. Wayibeka ke izandla; yoluka kwangoko, yazukisa uThixo. Ke kaloku waphendula umphathi wendlu yesikhungu, ecaphuka kuba uYesu waphilisa ngesabatha, wathi kwizihlwele, Mithandathu imihla ekufanele ukusetyenzwa ngayo; yizani ngayo ngoko niphiliswe, kungabi ngawo umhla wesabatha.
”Nguwuphi na umntu kuni othi, enekhulu lezimvu, ize kulahleke enye kuzo, angazishiyi ezingamashumi asithoba anesithoba entlango, asinge kuleyo ilahlekileyo, ade ayifumane? Athi ke akuyifumana, ayibeke emagxeni akhe, evuya. Athi akufika ekhaya, ababizele ndawonye abahlobo nabamelwane, esithi kubo, Vuyisanani nam, ngokuba ndiyifumene imvu yam ebilahlekile. Ndithi kuni, ngokukwanjalo kuya kubakho uvuyo emazulwini ngomoni eba mnye oguqukayo, kunamashumi asithoba anesithoba amalungisa, angaswele nguquko.
”Zilumkeleni; ukuba ke umzalwana wakho uthe wakona, mkhalimele; ukuba uthe waguquka, mxolele.
”Lenziwa mnyama ilanga; isikhuselo sendawo eyingcwele sakrazuka phakathi.
”Baza bona, bakuba bequbudile kuye, babuyela eYerusalem benovuyo olukhulu. Bamana behleli etempileni, bedumisa, bebonga uThixo. Amen.
”Wenza iziniya ngemizi, wabakhupha bonke etempileni, kwanezimvu neenkomo; wayiphalaza imali yabananisi, wazibhukuqa neetafile; wathi nakwabo bathengisa ngamahobe, Ezi zinto zisuseni apha; musani ukuyenza indlu kaBawo indlu yokuthengisela. Bakhumbula ke abafundi bakhe, ukuba kubhaliwe kwathiwa, Ukuzondelela indlu yakho kundidlile kanye.
”Wathi ngoko uYesu kuwo, Inene, inene, ndithi kuni, Ukuba anithanga niyidle inyama yoNyana woMntu, nilisele igazi lakhe, aninabo ubomi kuni.
”Ndinazo nezinye izimvu, ezingezizo ezobu buhlanti; nazo ezo ndimelwe kukuza nazo; zaye ziya kuliva izwi lam, zibe mhlambi mnye, nomalusi abe mnye.
”Ndiniwisela umthetho omtsha, wokuba nithandane, njengoko ndinithandileyo nina, ukuze nani nithandane. Ngayo le nto baya kwazi bonke, ukuba ningabafundi bam, ukuba nithe nathandana.
”Baya kunigxotha esikhungwini; ewe, kuza ilixa lokuba bonke abanibulalayo, babe bona bakhonza uThixo. Ezo zinto baya kuzenza kuni, ngokuba bengamazanga uBawo kwanam.
”Andisekhona ehlabathini, ke bona basesehlabathini; mna ndiza kuwe. Bawo oyingcwele, balondolozele egameni lakho abo undinike bona, ukuze babe banye njengathi.
”Abangabo abehlabathi, njengokuba nam ndingenguye owehlabathi. Bangcwalise ngayo inyaniso yakho; ilizwi lakho liyinyaniso.
”ukuze bonke babe banye; njengokuba wena, Bawo, ukum, mna ndikuwe, ukuze nabo babe banye kuthi; ukuze ihlabathi likholwe ukuba wena wandithuma. Uzuko owandinika lona, ndilunike bona; ukuze babe banye, njengokuba thina sibanye;
”Bathi ke bakomula, athi uYesu kuSimon Petros, Simon kaYona, uyandithanda na ngaphezu kwaba? Athi kuye, Ewe, Nkosi, uyazi wena ukuba ndiyakuthanda. Athi kuye, Dlisa amatakane am. Aphinde athi kuye okwesibini, Simon kaYona, uyandithanda na? Athi kuye, Ewe, Nkosi, uyazi wena ukuba ndiyakuthanda. Athi kuye, Yalusa izimvu zam. Athi kuye okwesithathu, Simon kaYona, uyandithanda na? Waba buhlungu uPetros, kuba ethe kuye okwesithathu, Uyandithanda na? Wathi kuye, Nkosi, uyazazi izinto zonke wena; uyaqonda wena ukuba ndiyakuthanda. Athi uYesu kuye, Dlisa izimvu zam.
”Niya kwamkela ke amandla, akubon ukuba uMoya oyiNgcwele uhlile phezu kwenu; nibe ngamangqina am eYerusalem, kwanakulo lonke elakwaYuda nelaseSamariya, kude kuse nasekupheleni komhlaba.
”Aba bonke babezingisa ngamxhelo mnye ekuthandazeni nasekukhungeni, ndawonye nabafazi, noMariya unina kaYesu, kwandawonye naba zalwana bakhe. Ngaloo mihla wesuka wema uPetros phakathi kwabo abazalwana (laye inani lamagama ndawonye lingathi lilikhulu elinamanci amabini), wathi,
”Ke kaloku, ekuzalisekeni kwawo umhla wepentekoste, baye bonke bemxhelo mnye ndaweni-nye. Kwaza ngequbuliso kwaphuma ezulwini isandi esinjengesomoya ovuthuza ngamandla, sayizalisa indlu yonke ababehleli kuyo. Kwabonakala kubo iilwimi ezabekayo, ngathi zezomlilo, lwaolo lwahlala phezu kwabo bonke ngabanye. Bazaliswa bonke nguMoya oyiNgcwele, baqala ukuthetha ngalwimi zimbi, njengoko uMoya wayebanika ukuba bathethe baphimisele.
”Bathe ke ngoko, abalamkele ilizwi lakhe ngovuyo, babhaptizwa; kongezelelwa ngaloo mini imiphefumlo engathi imawaka mathathu. Baye ke bezingisa ukuhlala emfundisweni yabapostile, nasebudlelaneni, nasekuqhekezeni isonka, nasemithandazweni. Ke kaloku kwabakho ukoyika kwimiphefumlo yonke; kwenzeka izimanga ezininzi kwanemiqondiso ngabapostile. Bonke ke ababekholwa babendawonye, benobudlelane ngeento zonke. Baye bethengisa nangemihlaba nangempahla yabo, babele bonke, njengoko ebethi ubani aswele ngako. Babezingisa ukuhlala bemxhelo mnye etempileni imihla ngemihla, beqhekeza isonka kwizindlu ngezindlu, besidla ukudla benemigcobo, benolungelelwano lwentliziyo, bemdumisa uThixo, benonelelwe ngabantu bonke. Yaye iNkosi isongeza abasiNdiswayo imihla ngemihla kulo ibandla.
”Bakubon ukuba bakhungile, yazanyazanyiswa indawo ababehlanganisene kuyo, bazaliswa bonke nguMoya oyiNgcwele, balithetha ilizwi likaThixo ngokungafihlisiyo. Ke kaloku inkitha yababekholiwe yayintliziyo-nye, imphefumlo mnye; kwaye kungekho namnye ubesithi kukho nto iyeyakhe empahleni yakhe; zonke izinto zaye zizezobudlelane kubo. Baye abapostile bekungqinela ngamandla amakhulu ukuvuka kweNkosi uYesu; kwaye kukho ukubabalwa okukhulu kubo bonke. Kuba kwakungekho namnye phakathi kwabo, wayeswele; kuba bonke ababenemihlaba, nokuba zizindlu, babesithi bathengise ngazo, bawazise amaxabiso ezo zinto kuthengisiweyo ngazo, bawabeke ezinyaweni zabapostile; waye ke elowo esabelwa njengoko ebesukuba eswele ngako.
”Kwabakho ukoyika kulo lonke ibandla, nakubo bonke abazivayo ezi zinto. Ke kaloku, ngazo izandla zabapostile kwabakho imiqondiso nezimanga ezininzi phakathi kwabantu; baye bonke bemxhelo mnye evarandeni kaSolomon. Ke kaloku, kwabanye akubangakho namnye waba nabuganga bakusinamathelisa kubo; baye abantu bebenze bakhulu. Kwaba kukhona bekongezwayo abakholwayo kwiNkosi, into eninzi yamadoda neyabafazi; bada bayithwalela phandle imilwelwe ezitratweni, bayibeka ezingqengqelweni nasezinkukweni, ukuze kuthi, akubon ukuba uPetros uyeza, kubekho kuyo ethi isityekelwe sisithunzi sakhe. Yaye ke ibuthelana eYerusalem nenkitha yabemizi ejikelezileyo, ithwele imilwelwe nabakhathazwa ngoomoya abangcolileyo, ababesithi bona baphiliswe bonke.
”Kananjalo imihla yonke etempileni, nasemakhaya, babengayeki ukufundisa nokushumayela iindaba ezilungileyo zokuba uYesu unguye uKristu.
”ke thina siya kuzingisa ekuthandazeni nasekulungiseleleni ilizwi.
”Laye liya likhula ilizwi likaThixo, liya lisanda kakhulu inani labafundi eYerusalem; laye neqela elikhulu lababingeleli lilululamela ukholo. Ke kaloku uStefano, ezele lukholo nangamandla, wayesenza izimanga nemiqondiso emikhulu phakathi kwabantu. Kwesuka ke abathile basesikhungwini ekuthiwa sesabaKhululwa, nabaseKirene, nabakwa-Alesandire, nabathile belaseKiliki, nabelaseAsiya, bephikisana noStefano; ababa namandla akumelana nabo ubulumko noMoya, awayethetha ngaye. Kwakuba njalo, banyebelezisa amadoda awathi, Simve ethetha amazwi okunyelisa uMoses noThixo.
”Noko Osenyangweni yena akemi zitempileni zenziwe ngazandla; njengokuba esitsho umprofeti ukuthi, Izulu liyitrone yam, Ke ihlabathi sisihlalo seenyawo zam; Yindlu enjani na eniya kuyakhela mna? itsho iNkosi; Yiyiphi na yona indawo yokuphumla kwam?
”Waye ke uSawule ekuthakazela ukusikwa kwakhe. Ke kaloku kwehla ngaloo mhla intshutshiso enkulu phezu kwalo ibandla eliseYerusalem; kanjalo bonke baba ziintsali emazweni akwaYuda naseSamariya, kwasala abapostile bodwa.
”Bona ke ngoko ababeziintsali batyhutyha ilizwe, beshumayela iindaba ezilungileyo zelizwi. Wehla ke uFilipu, waya emzini welaseSamariya, wamvakalisa uKristu kubo. Zaye kanjalo izihlwele zizinyamekela ngamxhelo mnye izinto ezibe zithethwa nguFilipu, ekuyiveni nasekuyiboneni kwazo imiqondiso abeyenza. Kuba oomoya abangcolileyo babephuma kwinto eninzi ebinabo, bebhomboloza ngezwi elikhulu; yathi ke into eninzi enedumbe neziziqhwala yaphiliswa. Kwabakho uvuyo olukhulu kuloo mzi.
”Ke kaloku uSawule, esabafuthela ngeentsongelo neembulalo abafundi beNkosi, waya kumbingeleli omkhulu; wacela kuye iincwadi zokuya eDamasko ezindlwini zesikhungu, ukuze athi, ethe wafumana abathile bale Ndlela, amadoda kwanabafazi, abazise bekhonkxiwe eYerusalem.
”Kuthe ke ekuhambeni kwakhe, wasondela eDamasko; waza ngesiquphe wabanekelwa ngeenxa zonke lukhanyiso oluvela ezulwini; wawa emhlabeni, weva izwi lisithi kuye, Sawule, Sawule, unditshutshiselani na? Wathi ke yena, Ungubani na, Nkosi? Ithe ke iNkosi, Mna ndinguye uYesu omtshutshisayo wena; wenzakala, ukhaba iimviko nje. Waza egubha, eqhiphuke umbilini, wathi, Nkosi, ufuna ukuba ndenze ntoni na? Yathi iNkosi kuye, Vuka, uye kungena emzini lowo; woyixelelwa into omelwe kukuyenza. Ke kaloku amadoda abehamba naye ema engenakuthetha, eliva okunene lona izwi, kodwa engaboni mntu. Wavuka ke uSawule emhlabeni; wathi akuvulwa amehlo akhe, akabona mntu; bamrhola ke ngesandla, baza kumngenisa eDamasko. Waye emihla mithathu engaboni, engadli, engaseli nokusela.
”Waye kwaoko, ezindlwini zesikungu, emvakalisa uYesu, ukuba lowo unguye uNyana kaThixo. Bathi nqa ke bonke abamvayo, bathi, Lo kanene asinguye na owababhuqa eYerusalem abo babelinqula eli gama? Waye nalapha ezele le nto, ukuba abase bekhonkxiwe kubabingeleli abakhulu. Kwaba kukhona ke womelelayo uSawule; wabetha adubadubeka amaYuda abemi eDamasko, ebonakalalisa ukuba lo nguye uKristu. Ke kaloku, kwakuzaliseka imihla eyaneleyo, abhunga amaYuda ukuba amsike.
”Ke kaloku, akufika uSawule eYerusalem, wamana elinga ukuzibandakanya nabafundi; kodwa bamoyika bonke, bengakholwa ukuba ungumfundi. UBharnabhas ke wamthabatha wamsa kubapostile, wabacacisela ukuyibona kwakhe iNkosi endleleni, nokuba yathetha naye, nokuthetha kwakhe ngokungafihlisiyo eDamasko egameni likaYesu. Waye enabo ke, engena ephuma eYerusalem, ethetha ngokungafihlisiyo egameni leNkosi uYesu. Wamana ethetha ephikisana namaYuda esiGrike; ayezamela ke wona ukumsika.
”Laye ke ngoko ibandla kulo lonke elakwaYuda, nelaseGalili, nelaseSamariya, linoxolo, lisakheka, lihamba liyoyika iNkosi; laye lisanda ngentuthuzelo yoMoya oyiNgcwele.
”Wasithethela ngelithi, masivakalise ebantwini, siqononondise ukuba yena nguye omisiweyo nguThixo, ukuba abe ngumgwebi wabaphilileyo nabafileyo.
”Saye ke isandla seNkosi sinawo, kanjalo kwakholwa inani elikhulu, labuyela eNkosini.
”wathi akuba emfumene, wamsa kwa-Antiyokwe. Kwathi ke, umnyaka uphela, bahlangana nebandla, bafundisa inani elaneleyo. Kananjalo abafundi baqala ukubizwa ukuba ngamaKristu kwa-Antiyokwe.
”Ke kaloku, ngelo xesha uHerode ukumkani wabesa izandla abathile balo ibandla, ukuba abaphathe kakubi; wambulala ke uYakobi, umzalwana kaYohane, ngekrele. Wathi, akubona ukuba oko kuwakholisile amaYuda, waqokela ngokubamba noPetros (yaye ke iyimihla yezonka ezingenagwele leyo).
”Wagcinwa ngoko okunene uPetros entolongweni; ke kwathandazwa libandla ngenyameko kuThixo ngenxa yakhe. Xa ke uHerode wayeza kumkhupha, uPetros ngobo busuku wayelele phakathi kwamasoldati amabini, ekhonkxiwe ngemixokelelwane emibini; baye nabalindi beyigcinile intolongo phambi kwesango. Yabona, naso isithunywa seNkosi, sisithi gaga phezu kwakhe, kwakhanya nokukhanya kwelo gumbi lentolongo; sambetha ecaleni uPetros, samvusa, sisithi, Phakama msinya. Yawa imixokelelwane yakhe ezandleni.
”Ke kaloku, akubon ukuba ayaphuma amaYuda endlwini yesikhungu, babongoza abeentlanga, ukuba la mazwi athethwe kubo ngesabatha ezayo. Sakubon ukuba ke sichithakele isikhungu, into eninzi yamaYuda neyabangene ebuYudeni, abamhlonelayo uThixo, yabalandela ooPawulos noBharnabhas; abathi bona, bethetha kubo, babeyisela ekuthini, mabahlale behleli elubabalweni lukaThixo. Kuthe ke ngelandelayo isabatha, waphantsa ukuhlanganisana umzi wonke, ukuba ulive ilizwi likaThixo. Ke kaloku amaYuda, akuzibona izihlwele, azala ngumona, aziphika izinto ezibe zithethwa nguPawulos, aphika enyelisa. Bathetha ke ngokungafihlisiyo uPawulos noBharnabhas, bathi, Bekufuneka ukuba lithethwe kuni kuqala ilizwi likaThixo; ekubeni ke niligibile, nazigweba ukuba anibufanele ubomi obungunaphakade, niyabona, sibheka kuzo iintlanga.
”Kwathi ke eIkoniyo, bangena kunye endlwini yesikhungu yamaYuda, bathetha ngokokude kukholwe inkitha enkulu yamaYuda kwanamaGrike. Asuka ke wona amaYuda angavumiyo ukuva, ayenza yamibi imiphefumlo yabeentlanga ngakubo abazalwana. Balibala ke ngoko ixesha elaneleyo, bethetha ngokungafihlisiyo ngeNkosi, eyalingqinelayo ilizwi lobabalo lwayo, inika nokuba kwenzeke imiqondiso nezimanga ngezandla zabo.
”Bathe ke bakuba benyule amadoda amakhulu kwibandla ngebandla, bethandazile kunye nokuzila ukudla, bawayaleza eNkosini awayekholwe kuyo.
”Befikile ke, balihlanganisa ibandla, balibikela oko zingako izinto awazenzayo uThixo enabo, nokokuba iintlanga wazivulela ucango lokholo.
”Ke kaloku, malunga phakathi kobusuku, ooPawulos noSilas babethandaza, bevuma elokudumisa uThixo; babephulaphula ke ababanjwa. Kwabakho ke ngequbuliso unyikimo olukhulu lomhlaba, ngokokude zizanyazanyiswe iziseko zentolongo; zavuleka kwaoko iingcango zonke, athukululeka amakhamandela abo bonke.
”La ke aye enobuntu kunawaseTesalonika; la wona alamkela ilizwi ngentumekelelo yonke, ezincina izibhalo imihla ngemihla, ukuba zingaba zinjalo na ezi zinto. Kwakholwa ke ngoko into eninzi kuwo, nakumaGrikekazi abekekileyo, nakumadoda, ababa mbalwa.
”Wayexoxa ke ngoko endlwini yesikhungu namaYuda, nabamhlonelayo uThixo; nasendaweni yembutho imihla ngemihla, nabasukuba bekhona.
”Wayexoxa ke endlwini yesikhungu iisabatha ngeesabatha zonke, ezamela ukweyisa amaYuda namaGrike.
”Yena kanjalo waqala ukuthetha ngokungafihlisiyo endlwini yesikhungu. Bathe ke bakumva ooAkwila noPrisila, bamthabathela kubo, bamtyhilela ngokucokisekileyo ngakumbi indlela kaThixo.
”Ke kaloku, wangena endlwini yesikhungu, wathetha ngokungafihlisiyo iinyanga zantathu, exoxa nabantu, ebeyisela kwizinto ezingabo ubukumkani bukaThixo. Ke bakuba abathile belukhuni, bengaphulaphuli, bethetha okubi ngayo iNdlela leyo phambi komhlambi, wesuka kubo, wabahlula abafundi, exoxa imihla ngemihla esikolweni sikaTirano.
”Ke kaloku kwabakho ngelo xesha inkathazeko engencinane ngayo iNdlela le.
”okokuba andinifihlelanga nto, ndanityela onke amalungelo; ndanifundisa ekuhleni nakwizindlu ngezindlu, ndiqononondisa kuma Yuda nakumaGrike ukuguqukela kuThixo, nokukholwa kuyo iNkosi yethu, uYesu Kristu.
”Zilumkeleni ngoko, nawo wonke umhlambi, athe uMoya oyiNgcwele wanimisa ukuba ngabaveleli bawo, ukuba nilaluse ibandla likaThixo, awazizuzelayo ngelilelakhe igazi. Kuba mna ndiyakwazi oku, ukuba emva kokumka kwam, kuya kungena phakathi kwenu iingcuka ezibawayo, zingawucongi umhlambi. Nakuni ngokwenu kuya kuvela amadoda athetha izinto ezigwenxa, ukuba abarhole abafundi emva kwawo. Kungoko ndithi, Phaphani, nikhumbula ukuba iminyaka emithathu, ubusuku nemini, andiyekanga ukululeka bonke ngabanye, ndineenyembezi.
”Ndingowayitshutshisayo yona le Ndlela, ndada ndesa ekufeni, ndibopha, ndifaka ezintolongweni amadoda kwanabafazi; njengokuba nombingeleli omkhulu endingqinela, nayo yonke intlanganiso yamadoda amakhulu; endamkela kubo iincwadi zokuya kubazalwana, ndahambela eDamasko, ndiya kuzisa nababekhona bebotshiwe eYerusalem, ukuze babethwe.
”Ke ndiyakuvuma oku kuwe, ukuba ngeNdlela abathi bona sisiphambusa, ndenjenjalo ukumkhonza uThixo wakowethu, ndikholwa zizinto zonke ezibhaliweyo emthethweni nasebaprofetini;
”Ke kaloku, akuziva ezi zinto uFelikis, uthe, ezazi ngokhona kucokisekileyo iindawo zale Ndlela, wabalibazisa, wathi, Xa athe wehla uLisiya umthetheli-waka, ndoziqiqa kakuhle iindawo zenu.
”UPawulos, umkhonzi kaYesu Kristu, umpostile owabizwayo, wahlulelwa ukuvakalisa iindaba ezilungileyo zikaThixo,
”Kuba ukulangazelela kwendalo kulinde ukutyhileka koonyana bakaThixo.
”Bothini na ke ukumnqula lowo bangakholwanga kuye? Bothini na ke ukukholwa kulowo bangamvanga? Bothini na ke ukuva, kungekho mshumayeli? Bothini na ke ukushumayela, bengathunywanga? Njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Hayi, ukuba zintle kwazo iinyawo zabashumayela iindaba ezilungileyo zoxolo, zabashumayela iindaba ezilungileyo zezinto ezilungileyo!
”Kuba, kwanjengokuba sinamalungu amaninzi mzimbeni mnye, abe ke onke amalungu la engenamsebenzi mnye, ngokunjalo thina aba, sibaninzi nje, simzimba mnye kuKristu, sonke ke ngabanye singamalungu omnye elomnye. Sinezibabalo nje ke ezahlukahlukileyo, ngokobabalo esababalwa ngalo, nokuba sinokuprofeta, masiprofete ngokomlinganiselo wokholo; nokuba sinobulungiseleli, masihlale ebulungiselelini obo; nokuba ngofundisayo, makahlale emfundisweni leyo; nokuba ngovuselelayo, makahlale ekuvuseleleni oko; owabayo makabe engenakumbi; owongamelayo, makongame enyamekile; owenza inceba makayenze inceba echwayithile.
”Mayela nothando olu lobuzalwana, ndithi, yenzelanani ububele; mayela nembeko leyo, phangelanani;
”ukuze ndibe ngobusela iintlanga kuYesu Kristu, osebenza ububingeleli ngazo iindaba ezilungileyo zikaThixo, ukuze ukusondezwa kweentlanga kwamkeleke kakuhle, kungcwalisiwe ngoMoya oyiNgcwele.
”Ke kaloku ndimyaleza kuni uFibhi, udade wethu, ongumlungiseleli webandla eliseKenkreya; ukuze nimamkele ngokwaseNkosini, ngokufanele abangcwele, nimncede emcimbini asukuba enifunela wona; kuba naye ubengumongi wabaninzi, nowam lo. Bulisani kuPrisila noAkwila, abasebenzisi bam abakuKristu Yesu; bona bathi, ngenxa yobomi bam, bazibeka emgoqweni ezabo iintamo, ekungabuleli mna ndedwa kubo, ekubulela nawo onke amabandla azo iintlanga. Bulisani nakwibandla elisendlwini yabo. Bulisani kuPeneto intanda yam, oyintlahlela yelaseAkaya kuKristu.
”Bulisanani ngolwango olungcwele. Ayanibulisa amabandla kaKristu.
”ubhalela ibandla likaThixo eliseKorinte, abangcwaliselwe kuKristu Yesu, ababizwe ukuba babe ngcwele, kunye nabo bonke abalinqulayo igama leNkosi yethu uYesu Kristu ezindaweni zonke, ezabo kwanezethu:
”Uthembekile uThixo, enabizelwa nguye ebudlelaneni boNyana wakhe, uYesu Kristu iNkosi yethu. Ke kaloku, ndiyaniyala, bazalwana, ngalo igama leNkosi yethu, uYesu Kristu, ukuba nithethe nto-nye nonke, nokuba kungabikho zahlukahlukano kuni; ke nibe ngabalungisiweyo, nigqibelele ngqiqweni-nye, nasicamangweni sinye. Kuba ndazisiwe ngani, bazalwana bam, ngabakuloKlowe, ukuba kukho iimpikiswano phakathi kwenu. Ukutsho ke ndithi kuthiwa, ulowo kuni uthi, Mna ndingokaPawulos; omnye ke athi, Mna ndingoka-Apolo; omnye ke athi, Mna ndingokaKefas; omnye ke athi, Mna ndingokaKristu. Wahlukahlukene na uKristu? Kwabethelelwa uPawulos yini na emnqamlezweni ngenxa yenu? Nabhaptizelwa egameni likaPawulos, kusini na?
”ebethelelwe emnqamlezweni; isikhubekiso ke eso kumaYuda, ubudenge kumaGrike;
”Mna ke, ndakuba ndizile kuni, bazalwana, andizanga ngabugcisa bakuthetha nabulumko, ndinazisa ubungqina bukaThixo.
”Nokuthetha kwam, nokuvakalisa kwam uKristu kube kungengamazwi oyisa ngabulumko babantu; bekungokuqondakalisa koMoya nokwamandla, ukuze ukholo lwenu lungabi sebulumkweni babantu, lube semandleni kaThixo. Ke sithetha ubulumko phakathi kwabagqibeleleyo, ubulumko ke obungebubo obeli phakade, nobabaphathi beli phakade ababhangayo. Sithetha ubulumko bukaThixo obusemfihlekweni, obo ke bufihlakeleyo, awathi uThixo ngenxa engaphambili, kwangaphambi kwawo amaphakade, wabumisela uzuko lwethu; ekungabangakho namnye wabaphathi beli phakade ubaziyo (kuba, ukuba babebazi, ngebengayibethelelanga emnqamlezweni iNkosi yozuko),
”esizithethayo nokuzithetha, kungengamazwi anokufundiswa bubulumko babantu, kungawo anokufundiswa nguMoya oyiNgcwele: izinto ezizezomoya sizilungelelanisa namazwi la angawomoya.
”Mna ndatyala, uApolo wankcenkcesha, ke nguThixo owahlumisayo. Ngoko ke lowo utyalayo akalutho, nalowo unkcenkceshayo akalutho; oyinto nguThixo lo uhlumisayo. Lowo utyalayo ke, nalowo unkcenkceshayo, banto-nye; kodwa elowo uya kwamkela owakhe umvuzo ngokukokwakhe ukubulaleka. Kuba thina singabasebenzisi bakaThixo; nina niyintsimi kaThixo, nisisakhiwo sikaThixo.
”Ngokobabalo lukaThixo endababalwa ngalo, ndithi, ngokomakhi osisilumko, ndibeke ilitye lesiseko, athi ke omnye akhe phezu kwalo; ke elowo makakhangele ukuba uthini na ukwakha kwakhe phezu kwalo. Kuba akukho namnye unako ukubeka litye limbi lesiseko, nxamnye nelo libekwe kade, linguYesu onguKristu.
”Anazi na ukuba niyitempile kaThixo? Anazi na ukuba uMoya kaThixo umi ngaphakathi kwenu? Ukuba umntu uyayonakalisa itempile kaThixo, uThixo womonakalisa lowo; kuba itempile kaThixo ingcwele; ninjalo ke.
”Makenjenjalo ke umntu ukucinga ngathi, athi singabakhonzi bakaKristu, athi singamagosa eemfihlelo zikaThixo. Ke kaloku ke, kufuneka kuwo amagosa, ukuba ulowo kuwo afumaneke ethembekile.
”Kungoku ke, ndinibhalela ukuba maningazidibanisi nosukuba enegama lokuba ngumzalwana, ukanti wenza umbulo, nokuba ulibawa, nokuba ungumkhonzi wezithixo, nokuba ungumtshabhisi, nokuba ulinxila, nokuba ungumphangi; ningakhe nidle nokudla nonjalo. Ndinamsebenzi mni na ukuba ndigwebe nabangaphandle? Anigwebi abangaphakathi bodwa, yini na, nina? Ke abangaphandle bagwetywa nguThixo. Ize nimnyothule kuni nina lowo ungendawo.
”Anazi na, ukuba umzimba wenu uyitempile yoMoya oyiNgcwele ongaphakathi kwenu, eninaye evela kuThixo; nokuba ke aningabenu?
”Anazi na ukuba abo bazisebenzayo izinto ezingcwele badla okwetempile, abo bahlala behleli esibingelelweni bahlulelana nesibingelelo eso? Ngokunjalo neNkosi le yabamisela abazazisayo iindaba ezilungileyo, ukuba baphile ngeendaba ezilungileyo ezi.
”Kuba xa ndithi ndizishumayele iindaba ezilungileyo, andinaqhayiya; kuba ndimelwe kukuzishumayela. Yeha ke mna, ukuba ndisuka ndingazishumayeli iindaba ezilungileyo!
”Uyintoni na ke ngoko umvuzo wam? Ukukuthi, ndakuzishumayela iindaba ezilungileyo, ndizenze zingabi nandleko iindaba ezilungileyo zikaKristu, ukuba ndingalisebenzisi igunya lam ezindabeni ezilungileyo ezi.
”ndisuka ndiwuqobe umzimba wam, ndiwuxinzelele phantsi, hleze ndithi, ndakuba ndizivakalisile iindaba ezilungileyo kwabanye, ndibe mna ndingumlahlelwa phandle.
”Indebe yentsikelelo le siyisikelelayo, asibubudlelane na begazi likaKristu? Isonka esi sisiqhekezayo, asibubudlelane na bomzimba kaKristu? Ngokuba thina, sibaninzi nje, sisonka sinye, simzimba mnye, kuba sonke sabelana ngeso sonka sinye. Khangelani abangamaSirayeli ngokwenyama. Abo bawadlayo amadini, abadlelani nesibingelelo eso, yini na? Ndithini na ke ngoko? Ndithi, isithixo siyinto na? Ndithi, amadini enzelwa izithixo ayinto na? Anditsho! Ndithi, Amadini eziwenzayo iintlanga, ziwenzela iidemon, aziwenzeli uThixo. Andithandi ke ukuba nibe ngamadlelane needemon nina. Aninako ukusela indebe yeNkosi nendebe yeedemon; aninako ukwabelana ngesithebe seNkosi nesithebe seedemon.
”Yibani ngabaxelisa mna, njengokuba nam ndixelisa uKristu.
”Ke kaloku, ndinithethela le ndawo nje, andinincomi, ukuba ukuhlangana kwenu ndawonye akusingisi kokhona kulungileyo; kusingisa kokhona kubi. Kuba kuqalake, nakuhlangana ebandleni, ndiyeva ukuba kubakho izahlukahlukano phakathi kwenu; ndithi ke kufanele ukuba zikho. Kuba kumele ukuba kubekho nezahlukano phakathi kwenu, ukuze abacikidekileyo babonakale phakathi kwenu.
”Kuba ngamaxesha onke enisukuba nisidla eso sonka, niyisele loo ndebe, niyakwazisa ukufa kweNkosi, ide ifike. Ngoko ke, osukuba esidla eso sonka, ayisele indebe yeNkosi, ngokungafanelekileyo, woba netyala lomzimba negazi leNkosi. Makazicikide ke ngokwakhe umntu, aze ngokunjalo adle kwisonka eso, asele kwindebe leyo; kuba lowo udlayo, uselayo, ngokungafanelekileyo, uzidlela aziselele ukugwetywa, engawucaluli nje umzimba weNkosi. Ngenxa yoku baninzi phakathi kwenu abaswele amandla, nabayimilwelwe, banele nabalele ukufa.
”Ke ngezipho ezizezoMoya, bazalwana, andithandi ukuba ningazi.
”Ke kaloku kukho izabelo ngezabelo zezibabalo, kodwa ke ikwanguloo Moya mnye. Kukho nezabelo ngezabelo zezilungiselelo, phofu ikwayiloo Nkosi inye. Kukho nezabelo ngezabelo zeentsebenzo, kodwa ke ikwanguloo Thixo mnye uzisebenzayo izinto zonke kubo bonke. Elowo ke uphiwa ukubonakalalisa uMoya, kuze kubekho okulungele bonke; kuba omnye okunene uphiwa ngaye uMoya ilizwi lobulumko; kodwa ke omnye, ilizwi lokwazi kwangokwaloo Moya; wumbi ke uphiwa ukholo kwangaloo Moya; omnye ke, izibabalo zeziphiliso kwangaloo Moya; omnye ke uphiwa iintsebenzo zemisebenzi yamandla; omnye ke iziprofeto; omnye ke, ukucalula oomoya; wumbi ke, iintlobo zeelwimi; omnye ke, ukucaciswa kweelwimi. Zonke ke ezo zinto zisetyenzwa kwangaloo Moya mnye; umabela elowo ngokwakhe njengoko athandayo.
”Kuba, kwanjengokuba umzimba umnye, unamalungu amaninzi, abe ke onke amalungu aloo mzimba mnye, emaninzi nje, emzimba mnye, ukwanjalo ke noKristu lo. Kuba thina sonke sabhaptizelwa mzimbeni mnye ngaMoya mnye, nokuba singamaYuda, nokuba singamaGrike; nokuba singamakhoboka, nokuba singabakhululekileyo; sonke sasezwa Moyeni mnye;
”kuba nomzimba lo ungelungu linye, ungamaninzi. Ukuba luthe unyawo, Ngokuba ndingesiso isandla, andingowasemzimbeni, luthi, ngenxa yoko, lungabi lolwasemzimbeni na? Nokuba ithe indlebe, Ngokuba ndingelilo iliso, andingowasemzimbeni, ithi, ngenxa yoko, ingabi yeyasemzimbeni na? Ukuba umzimba lo uphela ubuliliso, bekuya kuba phi na ukuva? Ukuba ubukukuva uphela, bekuya kuba phi na ukusezela? Kungoku ke uThixo wawamisa amalungu, lalelo nelo emzimbeni, njengoko wathandayo. Ukuba ke onke ebelungu linye, ubuya kuba phi na umzimba? Kungoku ke maninzi okunene amalungu, kodwa mnye wona umzimba. Alinako ke iliso ukuthi kwisandla, Akufuneki kum; kanjalo intloko ayinakuthi kwiinyawo, Anifuneki kum. Asuka amalungu omzimba angathi ngaswele amandla kwamanye, abe ngawona afunekayo. Namalungu omzimba esiba ngaswele imbeko kunamanye, lawo ngawona siwabeka embekweni; aze amalungu ethu ahloniphekayo, abe ngawona abekekileyo. Amalungu ethu ke abekekileyo akufuneki nto kuwo. Usuke uThixo wawumanya umzimba, wathi ilungu elingento walibeka kweyona mbeko inkulu; ukuze kungabikho kwahlukahlukana emzimbeni, kubekho ukunyamekelana kwamalungu ngakunye; kuthi, nokuba lilungu elinye eliva ubunzima, avelane amalungu onke; nokuba lilungu elinye elizukiswayo, avuyisane amalungu onke. Nina ke ningumzimba kaKristu, ningamalungu ngokwabelwa izabelo.
”Wathi inxenye uThixo wayimisa ebandleni, kuqala yangabapostile, okwesibini abaprofeti, okwesithathu abafundisi; kwaza kwaba yimisebenzi yamandla, kwaba zizibabalo zeziphiliso, iintsizo, izilawulo, iintlobo zeelwimi. Bangabapostile bonke yini na? Bangabaprofeti bonke yini na? Bangabafundisi bonke yini na? Bangabenzi bemisebenzi yamandla bonke yini na? Banezibabalo zeziphiliso bonke yini na? Bathetha ngalwimi zimbi bonke yini na? Bacacisa intetho bonke yini na?
”Ke yena oprofetayo uthetha ebantwini ulwakheko, noyalo, nokhuzo. Lowo uthetha ngalulwimi lumbi uzakha yena; ke lowo uprofetayo wakha ibandla. Ndiyathanda ke ukuba nithethe ngalwimi zimbi nonke, noko ke ndithanda ngokukodwa ukuba niprofete. Kuba yena oprofetayo mkhulu kunalowo uthetha ngalwimi zimbi, xa lo angayicacisiyo intetho, ukuze ibandla libe nokwakheka.
”kodwa ke ebandleni ndithanda ukuthetha amazwi abe mahlanu ngayo ingqiqo yam, ukuze ndibafundise nabanye, kunokuba ndithethe amazwi angamawaka alishumi, ngalulwimi lumbi.
”Ngoko ke iilwimi ezi zikho ukuba zibe ngumqondiso kwabo bangakholwayo, kungekubo abakholwayo: ke sona isiprofeto asisesabangakholwayo, sesabakholwayo. Ukuba ngoko lithe lahlangana ndawonye ibandla liphela, bathetha bonke ngalwimi zimbi, kwaza kwangena abangenakwazi, nokuba ngabangakholwayo, abasayi kuthi na, niyageza? Ke ukuba bathi bonke baprofete, kuze ke kungene umntu ongakholwayo, nokuba ngongenakwazi, uyohlwaywa ngabo bonke, adane; uyaphicothwa ngabo bonke; zize ngokunjalo izinto ezifihlakeleyo zentliziyo yakhe zibonakalaliswe; wothi ngokunjalo, esiwa ngobuso, amnqule uThixo, exela ukuba uThixo uphakathi kwenu okwenyaniso.
”Kuthini na ke ngoko, bazalwana? Xa sukuba nihlangene, uthi elowo kuni abe nengoma, abe nemfundiso, abe nalulwimi lumbi, abe nesityhilelo, abe nokuchaza intetho. Mazithi zonke izinto zenzelwe ukuba lakheke ibandla. Kanjalo ukuba umntu uthetha ngalulwimi lumbi, makuthethe babini, mhlawumbi bathathu, bangegqithi, kube ngokulandelelana, aze omnye acacise intetho. Ke xa kungekho mchazi-ntetho, makathi cwaka ebandleni; makathethe kuye ngokwakhe nakuThixo. Abaprofeti ke, makuthethe babini, mhlawumbi bathathu, abanye bacalule. Ukuba ke kuthe watyhilelwa into omnye ehleli khona, owokuqala makathi cwaka. Kuba ninako ukuprofeta ngabanye nonke, ukuze bafunde bonke, bavuselelwe bonke. Kanjalo oomoya babaprofeti bayabalulamela abaprofeti; kuba uThixo akangowesiphithiphithi, ngowoxolo; njengokuba kunjalo kuwo onke amabandla abangcwele.
”Abafazi benu mabathi tu emabandleni; kuba abavunyelwa bona ukuba bathethe. Kuthiwa mabalulame, njengokuba usitsho nomthetho. Ukuba ke banga bangaqonda into, mabayibuze ekhaya kwawabo amadoda; kuba lihlazo kubafazi ukuthetha ebandleni. Kanene ilizwi likaThixo laphuma livela kuni na? lafika kuni nedwa, kusini na? Ukuba umntu uba ungumprofeti, nokuba uba ungowoMoya, makazazi kakuhle izinto endinibhalela zona, ukuba yimithetho yeNkosi. Ke ukuba umntu akazi, makangazi.
”Ngoko ke, bazalwana, kuzondeleleni ukuprofeta, ningakwaleli ukuthetha ngalwimi zimbi. Zonke izinto mazenziwe ngokubekekileyo, nangolungelelwano.
”Kuba mna ndingoyena mncinanana kubapostile, endingafanele kubizwa ngokuba ngumpostile, ngenxa enokuba ndalitshutshisa ibandla likaThixo.
”Musani ukulahlekiswa. Incoko embi yonakalisa izimilo ezilungileyo.
”Bayanibulisa abazalwana bonke. Bulisanani ngolwango olungcwele.
”Kuba asithi, njengabaninzi abo, silingxengelele ilizwi likaThixo; sisuka ngokwabokungcwengeka, sisuka ngokwabakwaThixo, sithethe phambi kwamehlo kaThixo, sikuKristu.
”Ukutsho andithi, sikulingene ngokwethu ukucamanga nto engathi iphuma kuthi ngokwethu; ukukulingana kwethu oko kuphuma kuThixo, osenze nokusenza sakulingana ukuba ngabalungiseleli bomnqophiso omtsha; singabi ngabobhalo nje kodwa, sibe singabomoya; kuba ubhalo luyabulala, umoya ke udlisa ubomi.
”sisuke sazilahla izinto ezifihlakeleyo eziziintloni, singahambi ngobuqhetseba, singalikhohlakalisi ilizwi likaThixo; sisuka ngokuyibonakalalisa inyaniso siziyaleze kuso sonke isazela sabantu emehlweni kaThixo.
”Kuba asizivakalisi thina, sivakalisa uKristu Yesu ukuba uyiNkosi; sibe ke thina sizivakalisa ukuba singabakhonzi benu ngenxa kaYesu.
”Kuba siyazi ukuba, xa ithe yachithwa indlu yethu esemhlabeni, engulo mnquba, sinesakhiwo esiphuma kuThixo, indlu yona emazulwini, engenakwenziwa ngazandla, engunaphakade.
”Sizizigidimi ke ngoko ngenxa kaKristu, ngokungathi uThixo uniyala ngathi; siyanikhunga ngenxa kaKristu, manixolelaniswe naye uThixo;
”Sisebenzisana naye nje ke, siyaniyala, ukuba ubabalo lukaThixo ningafumane nilwamkele;
”sisuka sithi emicimbini yonke siziqondakalise ngokwabalungiseleli bakaThixo, ngokunyamezela okukhulu, sisezimbandezelweni, sisezingxakekweni, sisezingxinanweni,
”Inakudibana kuni na ke itempile kaThixo nezithixo? Kuba nina niyitempile kaThixo ophilileyo; njengokuba watshoyo uThixo ukuthi, Ndiya kuhlala phakathi kwabo, ndihambe phakathi kwabo; ndibe nguThixo wabo, babe ngabantu bam bona. Kungoko ndithi, Phumani phakathi kwabo, nizahlule, itsho iNkosi, Nento engcolileyo ningayichukumisi; Ndandiya kunamkela,
”besikhunga, besibongoza kakhulu, ukuba silwamkele ubabalo olo, ubudlelane ke obo bokulungiselela abangcwele.
”Nokuba kuthethwa ntoni ngoTito, yazini ukuba ulidlelane nam, nomsebenzisi wam kuni; nokuba kuthethwa ngabazalwana bethu, yazini ukuba bangabathunywa bamabandla kaThixo, baluzuko lukaKristu. Lo mbonakalaliso ngoko wothando lwenu, nowokuzingca kwethu ngani, wubonakalaliseni kubo, naphambi kwamabandla.
”Endikwenzayo ke ndiya kukwenza, ukuze ndibahluthe ithuba lokujinda abafuna ithuba; ukuze entweni abaqhayisa ngayo, bafunyanwe bekwanjengathi. Kuba abo banjalo ngabapostile ababuxoki, ngabasebenzi abakhohlisayo, bezimilisa okwabapostile bakaKristu.
”Imiqondiso yokuba ngumpostile, inene, yasetyenzwa phakathi kwenu ngokunyamezela konke, ngemiqondiso, nezimanga, nemisebenzi yamandla.
”Bulisanani ngolwango olungcwele. Bayanibulisa bonke abangcwele aba. Ubabalo lweNkosi uYesu Kristu, nothando lukaThixo, nodlelano loMoya oyiNgcwele, malube nani nonke. Amen.
”Ke, nokokuba sisuke thina aba, nokokuba sisuke isithunywa sasezulwini sanishumayeza iindaba ezilungileyo ezinxamnye nezo sanishumayezayo, masisingelwe phantsi. Njengokuba besesitshilo, ndiyaphinda, ndithi nangoku, Ukuba ubani unishumayeza iindaba ezilungileyo ezinxamnye nezo nazamkelayo, makasingelwe phantsi. Kuba ngoku ndithomalalisa abantu, ndithomalalisa uThixo, kusini na? Ndifuna ukukholisa abantu na? Ukuba ndingaba ndisakholisa abantu, ndingaba andingumkhonzi kaKristu.
”Bazalwana, ukuba umntu uthe waqutyulwa nokuqutyulwa sisiphoso esithile, nina bangaboMoya, mlulekeni onjalo ninomoya wobulali; uzilumkela ukuba ungahendwa nawe. Thwalisanani ubunzima, ize ngokunjalo niwuzalise umthetho kaKristu; kuba umntu, ukuba uba uyinto, engento, uyazikhohlisa.
”Njengoko singathi sibe nethuba, masisebenze okulungileyo kubo bonke, ngokukodwa ke kwabendlu yokholo.
”Waza izinto zonke wazithobela phantsi kweenyawo zakhe, wammisa ukuba abe yintloko phezu kweento zonke kulo ibandla, lona lingumzimba wakhe, ukuzala ke oko kozizalisayo izinto zonke ngako konke.
”Ngoko ke anisengabasemzini nabaphambukeli; ningamakhaya kubo abangcwele, ningabendlu kaThixo, nakhelwe phezu kwelitye lesiseko sabapostile nabaprofeti, inguYesu Kristu ngokwakhe ilitye lembombo; esithi kuye sonke isakhiwo, sihlangene kakuhle, sikhule, sibe yitempile engcwele eNkosini; enithi nani nakhelwe ndawonye kuye, ukuze nibe yindawo yokuhlala kaThixo ngaye uMoya.
”ababengathanga kuzimbi izizukulwana bayaziswe oonyana babantu, njengoko bayityhilelweyo ngoku abapostile bakhe abangcwele, nabaprofeti bakhe, ngaye uMoya; eyokuba iintlanga ziziindlalifa nathi, zikwamzimba mnye nathi, zingamahlulelana nathi ngedinga lakhe, sikuye nje uKristu ngazo iindaba ezilungileyo, endaba ngumlungiseleli wazo ngokwesipho sobabalo lukaThixo, endababalwa ngaso ngokokusebenza kwamandla akhe. Mna lo, unguyena mncinanana kubo bonke abangcwele, ndababalwa ngolo lubabalo, lokuba ndishumayele phakathi kweentlanga iindaba ezilungileyo zobutyebi obungalandekiyo bukaKristu; ndibakhanyisele bonke, bayibone into obuyiyo ubudlelane bemfihlelo ebifihliwe kwasemaphakadeni, ikuye uThixo owazidalayo zonke izinto ngoYesu Kristu; ukuze ngoku oozilawuli noomagunya, abakwezasemazulwini iindawo, babaziswe ngalo ibandla ubulumko bukaThixo, obuziintlobo ezininzi,
”kuye malubekho uzuko ebandleni elikuKristu Yesu, kuse kuzo zonke izizukulwana zalo iphakade lasemaphakadeni. Amen.
”Ndiyanivuselela ngoko, mna mbanjwa waseNkosini, ukuba nihambe ngokulufaneleyo ubizo enabizwa ngalo, ninako konke ukuthobeka kwentliziyo nobulali, ninokuzeka kade umsindo, ninyamezelana, nisenziwa luthando, nikhuthalele ukubugcina ubunye boMoya ngentambo yoxolo. Mnye umzimba, mnye noMoya, njengokuba nabizwayo nokubizwa, naba nathemba linye lobizo lwenu. Inye iNkosi, lunye ukholo, lunye ubhaptizo, mnye uThixo, uYise wabo bonke, ophezu kwabo bonke, okubo bonke, ophakathi kwenu nonke.
”Waza kwayena wabapha abanye ukuba babe ngabapostile, abanye babe ngabaprofeti, abanye babe ngabashumayeli beendaba ezilungileyo, abanye babe ngabalusi nabafundisi, ukuze abangcwele basulungekiselwe umsebenzi wolungiselelo, ukwakhiwa ke komzimba kaKristu; side thina sonke sifike kubo ubunye benkolo, nobokumazi okuzeleyo uNyana kaThixo, ebudodeni obupheleleyo, emlinganisweni wobukhulu bokuzala kukaKristu; ukuze singabi saba ziintsana, silatyuzwa, siphetshethwa ngumoya wonke wemfundiso, ngokunyanga kwabantu, ngobuqhetseba obusemaqhingeni olahlekiso; sithi ke, sinyanisekile eluthandweni, sikhulele, ngeendawo zonke, kuye lo uyintloko, uKristu; ekuphuma kuye ukuthi, umzimba wonke uhlangane kakuhle, ubandakanywe ngako konke ukuxhomekelelana kwamalungu okuluncedo, okusebenza ngomlinganiso weendawo zonke ngazinye, ukhulise umzimba, use ekuzakheni ngothando.
”nithetha omnye nomnye ngeendumiso, neengoma, nezango ezizezomoya, nivuma, nibetha uhadi entliziyweni yenu kuyo iNkosi, nimana nibulela ngenxa yeento zonke, egameni leNkosi yethu uYesu Kristu, kuye uThixo uYise; nilulamelana ngokoyika uThixo.
”ngokuba indoda le iyintloko yomfazi, njengokuba naye uKristu eyintloko yebandla, eli; waye yena ngokwakhe enguMsindisi wawo umzimba. Ke, kwanjengokuba ibandla eli limlulamela uKristu, mabathi ngokunjalo nabafazi bawalulamele awabo amadoda ezintweni zonke. Nina madoda, bathandeni abafazi benu, njengokuba naye uKristu walithandayo ibandla, wazinikela ngenxa yalo; ukuze alingcwalise, elihlambulule ngokuhlamba kwamanzi ngelizwi; ukuze alimise phambi kwakhe linobuqaqawuli, lilibandla elingenabala, elingenamibimbi nanye into enjalo, ukuze libe ngcwele, lingabi nasiphako.
”kuba akukho namnye wakha wayithiya eyakhe inyama; usuka ayondle, ayigcine, njengokuba nayo iNkosi ilenjenjalo ibandla. Ngokuba singamalungu omzimba wayo, singabenyama yayo, singabamathambo ayo. Ngenxa yoko ke, umntu womshiya uyise nonina, anamathele kuye umkakhe, baze abo babini babe nyama-nye. Loo mfihlelo inkulu; ke mna ndithetha ndisingisele kuKristu, ndisingisele nakulo ibandla.
”Ukuba ke ngoko kukho usizo kuKristu, ukuba kukho ukhuzo lothando, ukuba kukho ubudlelane boMoya, ukuba kukho imfesane neemfefe, luzaliseni uvuyo lwam, ukuze nicinge nto-nye, ninaluthando lunye, ninamphefumlo mnye, nicinga nto-nye; ningenzi nanye into ngokweyelenqe, nangokozuko olulambathayo. Yithini ngokuthobeka kwentliziyo omnye ambalele omnye ekuthini nguyena wongamileyo kunaye. Makangathi elowo axunele kwezakhe izinto zodwa, elowo makaxunele nakwezabanye.
”Yibani ngabaxelisa mna, bazalwana, nixunele kubo abahamba ngokunjalo, njengokuba ninomfuziselo, thina aba ke.
”Ndiyakucela nawe, sinxulumana senyaniso, bambisana nabo bafazi bazama nam ezindabeni ezilungileyo, kwanoKlemente, nabanye abasebenzisi bam, abamagama asencwadini yobomi.
”Yena ke uyintloko yomzimba, yebandla; oyingqalo, owamazibulo ukuvuka kwabafileyo, ukuze yena abe ngomkhulu ezintweni zonke.
”Ngoku ndiyavuya ezintlungwini zam ngenxa yenu, ndikuzalisa kanye okusileleyo kwiimbandezelo zikaKristu, enyameni yam, ngenxa yomzimba wakhe olilo ibandla; endaba ngumlungiseleli walo mna ngokokugosisa kukaThixo, awandigosisa ngako kuni, ukuba ndilizalise ilizwi likaThixo,
”engabambe yona iNtloko, ekuphuma kuyo ukuthi umzimba wonke ukhule ngokukhulisa kukaThixo, uncedwa, ubandakanywa ngako konke ukuxhomekelelana kwamalungu nemisipha.
”Yambathani ngoko, njengabanyulwa bakaThixo, abangcwele, abathandiweyo, iimfesane zeemfefe, ububele, ukuthobeka kwentliziyo, ubulali, ukuzeka kade umsindo, ninyamezelana, nixolelana, ukuba ubani uthi abe nokusola ngakubani; njengokuba naye uKristu wanixolelayo, yenjani njalo nani. Ke, phezu kwazo zonke ezo zinto, yalekani uthando, oluyintambo yogqibelelo. Uxolo lukaThixo, enabizelwa kwakulo mzimbeni mnye, malulawule ezintliziyweni zenu, nibe nokubulela. Ilizwi likaKristu malihlale ngaphakathi kwenu ngokobutyebi; nifundisana, nilulekana ngabo bonke ubulumko; nithi, ngeendumiso neengoma nezango ezizezomoya, nivume kamnandi entliziyweni yenu kuyo iNkosi.
”Sithi, njengoko sicikidiweyo nguThixo, ukuba siphathiswe iindaba ezilungileyo, senjenjalo ukuthetha; singangi sikholisa abantu, kuba sikholisa uThixo ozicikidayo iintliziyo zethu. Kuba kananjalo, njengoko naziyo, asizanga sibe nantetho yakucengacenga, namkhusane wakubawa, uThixo ulingqina; singafuni nokufuna luzuko bantwini, nokuba kukuni, nokuba kukwabanye; nakuba besinokuba ngumthwalo ngokwabapostile bakaKristu. Thina ke sisuke sathantamisa phakathi kwenu njengomdlezana osukuba ebagcinile abakhe abantwana; ngokunjalo sinilangazelela nje, kwakholeka kuthi ukuba singaneli kunabela iindaba ezilungileyo zikaThixo nje kodwa, sinabele nobomi bethu, ngenxa enokuba naba ziintanda kuthi. Kuba niyakukhumbula, bazalwana, ukubulaleka kwethu nemigu yethu; kuba sazivakalisa kuni iindaba ezilungileyo zikaThixo, sisebenza ubusuku nemini, ukuze singabi mthwalo nakubani kuni.
”Ke kaloku, ngalo uthando lobuzalwana, akufuneki ukuba ndinibhalele; kuba nina ngokwenu ningabafundiswe nguThixo ukuba nithandane;
”Kungoko ndithi, Thuthuzelanani, nakhane, kwanjengokuba nisenjenjalo. Ke kaloku siyanicela, bazalwana, ukuba nibazi ababulalekayo phakathi kwenu, abanongamelayo eNkosini, abanilulekayo, nibabeke ngokugqithiseleyo kakhulu ukubathanda, ngenxa yomsebenzi wabo. Hlalani ninoxolo phakathi kwenu. Siyanivuselela ke, bazalwana, balulekeni abanxaxhayo; bakhuzeni abamxhelo mncinane; basekeleni abathambileyo; yibani nokuzeka kade umsindo kubantu bonke.
”ngokokude thina ngokwethu siqhayise ngani emabandleni kaThixo, ngenxa yonyamezelo lwenu, nokholo lwenu, ezintshutshisweni zenu zonke, nasezimbandezelweni enizinyamezelayo; umbonakaliso ke lowo womgwebo onobulungisa kaThixo, ukuze nibalelwe ekuthini nibufanele ubukumkani bukaThixo, enithi ngenxa yabo nive nokuva ubunzima;
”Ke kaloku siyanithethela, bazalwana, egameni leNkosi yethu uYesu Kristu, ukuba nikhwebuke kubo bonke abazalwana abahamba ngokunxaxha, bengahambi ngokwesithethe abasamkelayo kuthi.
”Ukuba ke kukho bani ungalilulameliyo ilizwi lethu ngencwadi le, mqondeni lowo, ningazidibanisi naye, ukuze adane. Noko ke ze ningambaleli ekuthini ulutshaba; manimluleke njengomzalwana.
”abathe abathile, beziphosile ezo nto, baphambukela ekuthetheni okungento yanto; bethanda ukuba ngabafundisi bomthetho, phofu bengaziqiqi izinto abazithethayo, kwanezo bazingqinayo.
”endithe ndamiselwa bona mna, ukuba ndibe ngumshumayeli nompostile (ndithetha inyaniso ndikuKristu, andixoki), umfundisi weentlanga elukholweni nasenyanisweni. Ngoko ndinga angathandaza amadoda kuzo zonke iindawo, ephakamisa izandla ezingcwele, engenangqumbo, engenantandabuzo.
”Kwangokunjalo mabathi nabafazi banxibe iingubo ezifanelekileyo, beneentloni, benesidima, ingabi kukuphotha iinwele, nokunxitywa kwegolide neeperile, nesambatho esixabiso likhulu; mabathi (ngokufanele abafazi abathi bahlonela uThixo), bavathe imisebenzi elungileyo. Umfazi, ezolile, makafunde ethobele konke. Umfazi ke andimvumeli ukuba afundise, nokuba ayilawule indoda; makazole. Kuba kwabunjwa uAdam kuqala, kwandula ke ukubunjwa uEva. Kanjalo akulukuhlwanga Adam; kulukuhlwe umfazi, waba sekugqitheni.
”Lithembekile ilizwi eli lithi, Ukuba ubani ungxamele ubuveleli, unqwenela umsebenzi omhle. Umveleli ngoko umelwe kukuthi abe ngongenakukhalazelwa, eyindoda yamfazi mnye, eyingcathu, enesidima, ezibekile, ebuka iindwendwe, enokufundisa; engageziswa yiwayini, engembethi, engemngxameli wanzuzo imbi. Makabe ngothantamisayo, engalwi, engemthandi wamali; eyongamele kakuhle eyakhe indlu, abantwana bakhe bemthobele, benokundileka konke (kuba ukuba umntu akakwazi ukuyongamela eyakhe indlu, angathini na ukuphatha ibandla likaThixo?); angabi ngosandula ukungeniswa, ukuze angathiwa lwale likratshi, eyele ekugwetyweni koMtyholi. Kanjalo ke umelwe kukuthi abe nobungqina obuhle obuvela kwabangaphandle, ukuze angeyeli engcikivweni nasesibatheni soMtyholi.
”Kwangokunjalo abalungiseleli bamelwe kukuba nokundileka, bangabi ntlolela yombini, bangazinikeli kwiwayini eninzi, bangangxameli nzuzo imbi; mababe nemfihlo yokholo esazeleni esihlambulukileyo. Nabo aba ke mabacikidwe ukuqala; bandule ke ukulungiselela, bengabangenakumangaleleka. Kwangokunjalo abafazi bamelwe kukuba nokundileka, bangabi ngabahlebi; mababe ziingcathu, bathembeke ezintweni zonke. Abalungiseleli mababe ngamadoda abafazi ngabanye, besongamela kakuhle abantwana nezindlu ezizezabo. Kuba abo balungiselele kakuhle, bazizuzela isimo esihle, nokungafihlisi okukhulu ekukholweni, okukuKristu Yesu.
”Ukuba ke ndithe ndalibala, ndikubhalela ukuze wazi, ukuba kumelwe kukuthiwani na ukuhanjwa endlwini kaThixo, yona ilibandla likaThixo ophilileyo, intsika nesiseko sayo inyaniso.
”Ke kaloku uMoya uthi ngokucacileyo inxenye iya kumka elukholweni, ngamaxesha asemva, inyamekele oomoya abalahlekisayo, neemfundiso zeedemon;
”Ukuba uthe ezi zinto wazibeka phambi kwabazalwana, woba ngumlungiseleli omhle kaYesu Kristu, wondliwe ngamazwi okholo, nawemfundiso entle oyilandelayo. Ke zona iintsomi ezihlambelayo zamaxhegokazi zimangale. Ziqhelise ukuhlonela uThixo.
”Bathethele ezi zinto, ufundise zona. Makungabikho namnye ubudelayo ubuncinane bakho; suka ube ngumzekelo wabakholwayo ngentetho, ngehambo, ngothando, ngokholo, ngobunyulu. Nyamekela imfundo, uvuselelo, imfundiso, ndide ndifike. Ungasihilizeli isipho esingokubabalwa, esikuwe; owasinikwayo ngesiprofeto, kunye nokubekwa izandla yintlanganiso yamadoda amakhulu. Zinyamekele ezo zinto, hlala kwezo zinto, ukuze ukuhambela kwakho phambili kubonakale kwinto yonke. Zilumkele wena nemfundiso yakho; hlala uhleli kwezo zinto; kuba ngokwenza oko, wozisindisa wena, ubasindise nabo bakuvayo.
”Amadoda amakhulu, awongamela kakuhle, makabalelwe ekuthini afanelwe yimbeko ephindwe kabini, ngokukodwa lawo abulalekayo elizwini nasemfundisweni. Kuba sitsho isibhalo ukuthi, Uze ungayibophi umlomo inkomo ibhula; nokuthi, Umsebenzi uwufanele umvuzo wakhe. Ukumangalelwa kwendoda enkulu musa ukukwamkela, kungabangakho mangqina mabini nokuba mathathu. Abo bonayo, bohlwaye emehlweni abantu bonke, ukuze nabanye aba babe nokoyika. Ndiyakuqononondisa emehlweni kaThixo, neNkosi yethu uYesu Kristu, nezithunywa zezulu ezinyuliweyo, ukuba uzigcine ezi zinto ungaqali ugwebe, ungenzi nto ngokwayama bani. Ungangxami ubeke izandla phezu kukabani, kanjalo ungadlelani nabanye ngezono zabo; zigcine nyulu.
”Ukuba umntu ufundisa mfundiso yimbi, angavumani namazwi aphilileyo angaweNkosi yethu uYesu Kristu, nemfundiso engokokuhlonela uThixo:
”endamiselwa zona mna, ndaba ngumvakalisi nompostile nomfundisi weentlanga; endithi kananjalo ngenxa yeli thuba ndive obu bunzima. Noko ke andinazintloni; kuba ndiyamazi endikholiweyo nguye; kanjalo ndithi, ndeyisekile ukuba unako ukuyigcina into endimphathisileyo, ese kuloo mini.
”uthi nezinto owazivayo kum ngamangqina amaninzi, ezo uzibeke phambi kwabantu abathembekileyo, bona baya kukulingana ukufundisa nabanye. Wena ngoko bunyamezele ububi, njengomphumi-mkhosi olungileyo kaKristu Yesu.
”Kukhuthalele ukuzimisa phambi koThixo ucikidekile, ungumsebenzi ongenazintloni, ulungisa ukulahlula ilizwi lenyaniso. Ke zona iintetho ezingento, ezihlambelayo, zinxweme; kuba ziya kuhambela phambili kokukhona kungahloneli Thixo. Nelizwi labo liya kudla njengesilonda esiqhenqethayo; abanoHimenayo noFileto, abathe bona bayiphosa inyaniso, besithi uvuko seluthe lwakho, kananjalo belubhukuqa ukholo lwenxenye. Noko ke limi, lithe nkqi, ilitye lesiseko likaThixo, linambhalo uthi, INkosi iyabazi abangabayo; nothi, Mabasuke kuko ukungalungisi, bonke abalibizayo igama likaKristu.
”Yinxweme imibuzwana yobudenge engenangqeqesho, usazi ukuba izala imfazwe. Ke umkhonzi weNkosi akamele kulwa; umele ukuba nokuthantamisa kubantu bonke, enokufundisa, enyamezela ububi, ebaqeqesha ngobulali abo baphikayo; ukuba akangethi na kanti uThixo abaphe inguquko esa ekuyazini inyaniso, babuye baqabuke, baphume esibatheni sakhe uMtyholi, ababanjiselwe ukuthanda kwakhe nguye.
”Sonke isibhalo, siphefumlelwe nguThixo nje, sikwancedela ukufundisa, ukohlwaya, ukululeka, ukuqeqesha okusebulungiseni, ukuze umntu kaThixo afaneleke, exhobele wonke umsebenzi olungileyo.
”Ndiyaqononondisa mna ngoko emehlweni kaThixo, neNkosi yethu uYesu Kristu, oza kugweba abaphilileyo nabafileyo, kwanangokubonakala kwakhe nobukumkani bakhe: livakalise ilizwi; zingisa ukwenjenjalo ngamathuba alungileyo naxakileyo; yohlwaya, khalimela, vuselela, unako konke ukuzeka kade umsindo, nokufundisa. Kuba kuya kubakho ixesha abangayi kuyinyamezela imfundiso ephilileyo; baya kusuka ngokweenkanuko zabo bazifumbele abafundisi, bebaba iindlebe; babeya kuzisonga zimke iindlebe kuyo inyaniso, baphambukele ke kuzo iintsomi. Ke wena yiba yingcathu ezintweni zonke, nyamezela ububi, umsebenzi womshumayeli weendaba ezilungileyo wenze, buzalise ubulungiseleli bakho.
”Ndakushiya eKrete ngenxa yoku, ukuze uhambise ukuzilungisa izinto eziseleyo, umise amadoda amakhulu kwimizi ngemizi, njengoko ndakumisela ngako mna: ukuba umntu ungongenakumangaleleka, eyindoda yamfazi mnye enabantwana abakholiweyo, abangamiselwa tyala lakuzibhubhisa, abangaswele kuthobela mntu. Kuba umveleli umelwe kukuba ngongenakumangaleleka, njengegosa likaThixo; angabi ngowenza ukuzithandela kwakhe; angabi ngoqumba msinya; angabi ngogeziswa yiwayini; angabi ngumbethi; angabi ngongxamela nzuzo imbi. Umelwe kukuthi abe ngobuka iindwendwe, umthandi wokulungileyo, onesidima, olilungisa, ongcwele, onokuzeyisa; ebambelele ezwini elithembekileyo ngokwemfundiso, ukuze abe nako ukuvuselela ngayo imfundiso ephilileyo, nokubohlwaya badane abaphikayo.
”Ezi zinto zithethe, uvuselele, wohlwaye ngawo wonke ummiselo. Makungabikho namnye ukudelayo.
”esithi, Ndiya kulixela igama lakho kubo abazalwana bam. Ndivume phakathi kwebandla elokudumisa wena. Abuye athi, Ndiya kukholosa ngaye. Abuye athi, Yabona, mna nabantwana andinike bona uThixo. Ekubeni ngoko abantwana abo bengamadlelane naye ngenyama negazi, wathi naye ngokwakhe ngokukwanjalo wabelana nabo ngezo zinto, ukuze ngako ukufa ambhangise lowo unamandla okufa, oko kukuthi, uMtyholi lo;
”Ke yena uKristu uthembeke ngokonyana phezu kwendlu yakhe; esiyindlu yakhe ke thina, ukuba singaba sithe sakubamba ngokuthe nkqi ukungafihlisi kwethu, neqhayiya lethemba lethu, sada sesa ekupheleni.
”manivuselelane imihla ngemihla, xa kusathiwa kunamhla, ukuze kungabikho mntu kuni wenziwa lukhuni kukulukuhla kwesono.
”Kuba, nakuba benifanele ukuba ngabafundisi, ngenxa yokuba sekumzuzu nakholwayo, nibuye naswela umntu wokunifundisa iziqalelo zokuqala zezihlabo zikaThixo; nesuka naba ngabafanele ukusezwa amasi, anaba ngabafanele ukudla okuqinileyo. Kuba bonke abasasezwa amasi abanamava elizwi lobulungisa, kuba beziintsana. Kokwabakhulileyo ke ukudla okuqinileyo, abo bathi, ngenxa yobugcisa, babe nezimvo eziqheliselwe ukucalula okuhle kwanokubi.
”sinombingeleli omkhulu nje phezu kwendlu kaThixo:
”Kanjalo masinyamekelane, ukuba silolane eluthandweni nasemisebenzini emihle; singakuhilizeli ukuhlanganisana kwethu, njengesiko labanye. Masivuselelane kube kokukhona, niyibona nje ukuba imini leyo iyasondela.
”Nisuke nina nafika eZiyon, entabeni nasemzini woThixo ophilileyo, kwiYerusalem yasemazulwini, nakumawakawaka ezithunywa zezulu, kwingqungquthela, nakwibandla lamazibulo abhaliweyo emazulwini, nakuThixo, uMgwebi wabo bonke, nakoomoya bamalungisa agqibeleleyo,
”Bakhumbuleleni abakhokeli benu, abalithethayo kuni ilizwi likaThixo; nisingasinga impumelelo yehambo yabo, nixelise bona elukholweni lwabo.
”Bathambeleni abakhokeli benu, nibathobele; kuba bona abalali, ngenxa yemiphefumlo yenu, ngokwabaya kuphendula, ukuze bakwenze oko bevuyile, bengancwini; kuba anisizakali kuko oko. Sithandazeleni; kuba sikholosekile kukuthi sinesazela esilungileyo, singa ezintweni zonke singahamba kakuhle.
”Kuba, xa kuthe kwangena endlwini yenu yesikhungu indoda enemisesane yegolide, inengubo eqaqambileyo; kwaza ke kwangena ihlwempu, lineengubo ezimdaka; naza nakhangela kulowo uvethe ingubo eqaqambileyo, nathi kuye, Hlala apha kakuhle wena; nathi kulo ihlwempu, Yima phaya wena; mhlawumbi, Hlala phantsi apha ngasesihlalweni seenyawo zam: anicalulanga na ke phakathi kwenu, naba ngabagwebi abanezicamango ezingendawo? Yivani, bazalwana bam baziintanda: uThixo akawanyulanga na amahlwempu eli hlabathi, ukuba abe zizityebi zokholo, neendlalifa zobukumkani, awababeka ngedinga abo bamthandayo?
”Kukho mntu na ufayo phakathi kwenu? Makabizele kuye amadoda amakhulu alo ibandla, athandaze wona phezu kwakhe, akuba emthambisile ngeoli, egameni leNkosi; wothi umthandazo wokholo umsindise lowo uleleyo, iNkosi imvuse; nokuba ubethe wenza izono, wozixolelwa. Xelelanani iziphoso, nithandazelane, ukuze niphiliswe. Sinamandla kakhulu isikhungo selungisa, siyeyisa.
”nani ngokwenu, njengamatye aphilileyo, yakhekani nibe yindlu eyiyeyomoya, isibingeleli esingcwele sokunyusa imibingelelo eyiyeyomoya, eyamkeleka kakuhle kuye uThixo ngoYesu Kristu. Kungoko ikhoyo nokubakho esibhalweni indawo ethi, Yabona, ndibeka eZiyon ilitye lembombo, elinyuliweyo, elinqabileyo; Lowo ukholwayo kuye akayi kukha adaniswe. Kuni ngoko bakholwayo, liyimbeko; ke kwabangevayo, Ilitye abalicekisayo abakhi, Lelona laba yintloko yembombo, Ilitye ke lokuwisa, iliwa ke lokukhubekisa, kwabo bakhubekayo, bengaliva ilizwi; into ke leyo abamiselwe nokumiselwa yona. Ke nina nisisizukulwana esinyuliweyo, isibingeleli esibukumkani, uhlanga olungcwele, abantu abayinqobo, ukuze nivakalise isidima salowo wanibizayo ukuba niphume ebumnyameni, ningene ekukhanyeni kwakhe okungummangaliso; enanifudula ningebantu, ke ngoku ningabantu bakaThixo; enaningenzelwanga nceba, ke ngoku nenzelwe inceba.
”Ngaphezu kweento zonke ke, yibani nothandano olunyamekileyo, ngokuba uthando luya kugubungela inkitha yezono. Bukanani, ningenakukrokra. Yithini elowo, njengoko wasamkelayo isipho sokubabalwa, nilungiselelane ngaso, njengamagosa amahle obabalo ngobabalo lukaThixo. Ukuba umntu uyathetha, makathethe ngokwezihlabo zikaThixo; ukuba umntu uyalungiselela, makalungiselele ngokwasekomeleleni akuphiwa nguThixo, ukuze ezintweni zonke azukiswe uThixo ngoYesu Kristu, elulolwakhe uzuko namandla, kuse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen.
”Ngokuba lixesha lokuba ugwebo luqale ngendlu kaThixo. Ukuba ke luqala ngathi, koba yintoni na ukuphela kwabo bangazivayo iindaba ezilungileyo zikaThixo?
”Amadoda amakhulu la aphakathi kwenu ndiyawavuselela, ndikwayindoda enkulu kunye nawo, nengqina leentlungu zikaKristu, nedlelane nawo ngobuqaqawuli obuza kutyhileka. Waluseni umhlambi kaThixo ophakathi kwenu, niwuvelela, kungengakunyanzelwa, makube ngokokuzithandela; kungengenxa yenzuzo embi, makube ngokuthumekelela; kungabi njengabazigagamelayo izahlulo zawo, yibani yimizekelo kumhlambi. Nothi, akubonakala uMalusi oyintloko, nisifumane isithsaba salo uzuko esingabuniyo. Ngokunjalo, nina manci, wathobeleni amadoda amakhulu. Thobelanani nonke ke, ninxibe ukuthobeka kwentliziyo; ngokuba uThixo uyabachasa abanekratshi, abababale ke abazithobileyo.
”Bulisanani ngolwango lothando. Uxolo malube kuni nonke enikuKristu. Amen.
”Ke kaloku, kwakukho nabaprofeti ababuxoki phakathi kwabantu; njengokuba naphakathi kwenu kuya kubakho abafundisi ababuxoki, bona baya kungenisa bucala amahlelo entshabalalo, bemkhanyela uMnini-nto-zonke owabathengayo, bezizisela intshabalalo emsinya. Baninzi abaya kulandela intshabalalo yabo; eya kunyeliswa ngenxa yabo indlela yenyaniso. Bathi benokubawa, banibonelele ngamazwi alalanisayo; abakugwetywa kungaphumliyo kwakudala, nayo intshabalalo yabo ayozeli.
”oko ke sikubonileyo, sikuvileyo, siyakuxela kuni, ukuze nani nibe nobudlelane nathi. Baye ke ubudlelane bethu bunaye uYise, bunaye uNyana wakhe uYesu Kristu.
”ke, ukuba sihamba ekukhanyeni, njengokuba yena esekukhanyeni, soba sinobudlelane omnye nomnye, lithi negazi likaYesu Kristu, uNyana Wakhe, lisihlambulule kuso sonke isono.
”Lowo uthi uhleli kuye, ufanele ukuthi, njengoko wahambayo yena, enjenjalo ukuhamba naye.
”Baphuma kuthi, babengengabo abethu; kuba, ukuba babengabethu, ngebahlalayo nathi. Baphuma ukuze babonakale, ukuba bonke babengengabo abethu.
”Ezo zinto ndinibhalele ngabo banilahlekisayo. Nina intambiso enayamkelayo kuye ihleli kuni, aniswele kwakuba nifundiswe ngubani; kunjengokuba kwaloo ntambiso inifundisa ngeento zonke, iyinene, ingebuxoki; njengokuba ke yanifundisayo, hlalani kuye.
”Bonke abazelwe nguThixo abenzi sono, ngokuba imbewu yakhe ihleli kubo; kananjalo abanakona, ngokuba bezelwe nguThixo. Babonakala ngaloo nto abantwana bakaThixo, nabantwana bakaMtyholi. Bonke abangenzi bulungisa abangabakaThixo, nalowo ungamthandiyo umzalwana wakhe. Ngokuba le yintshumayelo enayivayo kwasekuqalekeni, ukuba sithandane;
”Thina siyazi ukuba sidlule ekufeni, sangena ebomini, ngokuba sibathanda abazalwana. Lowo ungamthandiyo umzalwana uhleli ekufeni.
”Ngale nto silwazile uthando, kuba yena wasincamela ubomi bakhe; nathi ke sifanele ukubancamela abazalwana ubomi bethu. Osukuba ke enayo impilo yeli hlabathi, aze ambone umzalwana wakhe eswele, azivalele iimfesane zakhe kuye, luthini na ukuhlala uthando lukaThixo ngaphakathi kwakhe? Bantwanana bam, masingathandi ngazwi nangamlomo; masithande ngezenzo nangenyaniso.
”Zintanda, musani ukukholwa ngoomoya bonke, bacikideni oomoya ukuba ngabakaThixo na; ngokuba baninzi abaprofeti ababuxoki, abaphume bangena ehlabathini.
”Bonke abagqithayo, abangahlaliyo emfundisweni kaKristu, abanaThixo; ohleliyo emfundisweni kaKristu, lowo unaye uYise noNyana. Ukuba umntu uza kuni, engazisi yona le mfundiso, musani ukumamkela endlwini yenu, ningambulisi nokumbulisa; kuba lowo umbulisayo unobudlelane naye ngemisebenzi yakhe engendawo.
”Ndalibhalela ibandla; ke usuke lowo uthanda ukuzenza mkhulu kubo, uDiyotrefe, angasamkeli. Ngenxa yoko, ukuba ndithe ndafika, ndomkhumbuza imisebenzi yakhe ayenzayo, ephololoza ngathi ngamazwi angendawo; enganeli koko, usuka angabamkeli abazalwana ngokwakhe, abalele abanga bangenjenjalo, abakhuphe ebandleni. Ntanda, musa ukulandela okubi, landela okulungileyo. Lowo wenza okulungileyo ungokaThixo; ke lowo wenza okubi akambonanga uThixo.
”UYohane ubhalela amabandla asixhenxe akwelaseAsiya; uthi, Makube lubabalo kuni, noxolo oluvela kulowo ukhoyo, wayekho, uzayo; nakubo ooMoya abasixhenxe abaphambi kwetrone yakhe;
”Imfihlakalo yeenkwenkwezi ezisixhenxe ozibonileyo esandleni sam sokunene, neziphatho zezibane zosixhenxe zegolide, yile: Iinkwenkwezi ezo zisixhenxe zizithunywa zawo amabandla asixhenxe; neziphatho ezo zisixhenxe uzibonileyo ngamabandla osixhenxe.
”Isithunywa sebandla elise-Efese, sibhalele uthi: Utsho lowo uzibambileyo iinkwenkwezi ezisixhenxe ngesokunene sakhe, lowo uhambayo phakathi kweziphatho zezibane zosixhenxe zegolide, ukuthi: Ndiyayazi imisebenzi yakho, nokubulaleka kwakho, nomonde wakho, nokuba ungenako ukubathwala abanobubi; nokuba wabalinga abathi bangabapostile, bengengabo, wabafumana bengamaxoki. Uthwele, unomonde; uthe ngenxa yegama lam wabulaleka, akwadinwa. Noko ke ndinale nto ngakuwe, yokuba uthando lwakho lokuqala walushiyayo. Khumbula ngoko apho uwe usuka khona, uguquke, wenze imisebenzi yokuqala; okanye ndoza kuwe kamsinya, ndisishenxise isiphatho sesibane sakho endaweni yaso, ukuba akuthanga uguquke. Kodwa unale ndawo, yokuba uyithiyile imisebenzi yamaNikolawo, endiyithiyileyo nam. Lowo unendlebe, makayive into ayithethayo uMoya kuwo amabandla. Lowo weyisayo ndiya kumnika ukuthi adle kumthi wobomi, ophakathi kweParadisi kaThixo.
”Isithunywa sebandla eliseSmirna, sibhalele uthi: Utsho lowo ungowokuqala, ungowokugqibela, owayefile, waza wabuya wadla ubomi, ukuthi: Ndiyayazi imisebenzi yakho, nembandezelo, nobuhlwempu (noko usisityebi), nonyeliso lwabo bathi bangamaYuda bona, bengengawo, besisikhungu sikaSathana. Musa ukoyika nabunye ubunzima oza kubuva. Yabona, uMtyholi uza kuyiphosa inxenye yenu entolongweni, ukuze nilingwe: niya kuba nembandezelo imihla elishumi; thembeka kude kube sekufeni, ndokunika isithsaba sobomi. Lowo unendlebe, makayive into ayithethayo uMoya kuwo amabandla. Lowo weyisayo akayi kukha oniwe kukufa kwesibini.
”Isithunywa sebandla elisePergamo, sibhalele uthi: Utsho lowo unalo ikrele elintlangothi mbini, elibukhali, ukuthi: Ndiyayazi imisebenzi yakho, nalapho uhleli khona, apho ikhona itrone kaSathana; nokuba ulibambe waliqinisa igama lam, akwakukhanyela ukukholwa kum, nasemihleni uAntipasi, owabulawelwa kuni, apho ahleli khona uSathana, wayelingqina lam elithembekileyo. Noko ke ndineendawana ngakuwe: ezi zokuba unabo apho abayibambe bayiqinisa imfundiso kaBhileham, owamfundisayo uBhalaki ukuphosa isikhubekiso phambi koonyana bakaSirayeli, ukuba badle izinto ezibingelelwe izithixo, benze nombulo. Ngokunjalo nawe unabayibambe bayiqinisa imfundiso yamaNikolawo, into leyo endiyithiyileyo. Guquka, okanye ndoza kuwe kamsinya, ndenze imfazwe nabo ngalo ikrele lomlomo wam. Lowo unendlebe makayive into ayithethayo uMoya kuwo amabandla. Lowo weyisayo ndiya kumnika ukuba adle kuyo imana efihlakeleyo, ndimnike ilitye elimhlophe; elityeni apho ke igama elitsha libhaliwe, lingaziwa bani ingenguye olamkelayo.
”Isithunywa sebandla eliseTiyatira, sibhalele uthi: Utsho uNyana kaThixo, omehlo akhe anjengelangatye lomlilo, onyawo zakhe zifana nobhedu olubengezelayo, ukuthi: Ndiyayazi imisebenzi yakho, nothando, nolungiselelo, nokholo, nomonde wakho, nokuba imisebenzi yakho yokugqibela imininzi kuneyokuqala. Noko ke ndineendawana ngakuwe: ezi zokuba umvumela umfazi lowo uIzebhele, othi yena ungumprofetikazi, ukuba abafundise abalahlekise abakhonzi bam, ukuba benze umbulo, badle izinto ezibingelelwe izithixo. Ndamnika ixesha lokuba aguquke kuwo umbulo wakhe, akaguquka. Yabona, mna ndiya kumphosa elukhukweni, nabo bakrexeza kunye naye, embandezelweni enkulu, ukuba abathanga baguquke emisebenzini yabo; nabantwana bakhe ndibabulale ngokufa; azi onke amabandla ukuba mna ndingulowo uphengulula izintso neentliziyo, ndininike elowo ngokwemisebenzi yenu. Ndithi ke kuni, nakwabanye abaseTiyatira, abo bonke bangenayo loo mfundiso, nabo abo bangazazanga iinzulu zikaSathana (njengoko batshovo): andiyi kuphosa phezu kwenu mthwalo wumbi. Noko ke oko ninako kubambeni nikuqinise, ndide ndifike. Lowo weyisayo, lowo uyigcinayo imisebenzi yam, ade ase ekupheleni, ndomnika igunya phezu kwazo iintlanga. Uya kuzalusa ngentonga yentsimbi, njengokuba izitya zomdongwe zityunyuzwa, njengokuba nam ndamkele kuye uBawo; ndiya kumnika ikhwezi lokusa. Lowo unendlebe, makayive into ayithethayo uMoya kuwo amabandla.
”Isithunywa sebandla eliseSardesi, sibhalele uthi: Utsho lowo unabo ooMoya abasixhenxe bakaThixo, nazo iinkwenkwezi ezisixhenxe, ukuthi: Ndiyayazi imisebenzi yakho, ukuba unalo igama lokuba uphilile, ukanti ufile. Phapha, uzizimase izinto eziseleyo eziza kufa; kuba andiyifumananga izalisekile imisebenzi yakho phambi koThixo. Khumbula ngoko ukuba utheni na ukwamkela kwakho, nokuva, ugcine, uguquke. Ukuba ngoko akuthanga ulinde, ndokufikela njengesela; akusayi kulazi ilixa endokufikela ngalo. Unamagama ambalwa naseSardesi apho, angazidyobhanga wona iingubo zawo; baya kuhamba nam benezimhlophe; ngokuba befanelekile. Lowo weyisayo uya kuthiwa wambu ngeengubo ezimhlophe. Andisayi kulicima igama lakhe encwadini yobomi; ndiya kulivuma igama lakhe emehlweni kaBawo, naphambi kwezithunywa zakhe zasemazulwini. Lowo unendlebe, makayive into ayithethayo uMoya kuwo amabandla.
”Isithunywa sebandla eliseFiladelfi, sibhalele uthi: Utsho oyiNgcwele, oyiNyaniso, lowo unaso isitshixo sikaDavide; lowo uvulayo kungavali namnye, avale kungavuli namnye, ukuthi: Ndiyayazi imisebenzi yakho. Yabona, ndimise phambi kwakho ucango oluvulekileyo, akukho namnye unako ukuluvala; kuba uthe, unamandla amancinane, waligcina ilizwi lam, akwalikhanyela igama lam. Yabona, ndinika abesikhungu sikaSathana, abathi bangamaYuda bona, bengengawo, bexoka; yabona, ndiya kubenza beze baqubude phambi kweenyawo zakho, bazi ukuba mna ndikuthandile. Ngokuba waligcina ilizwi lomonde wam, nam ndiya kukugcina, ndikusindise kwilixa lokulingwa, eliza kuza phezu kwelimiweyo liphela, ukulinga abo bemiyo phezu kwehlabathi. Yabona, ndiza kamsinya; kubambe ukuqinise onako, ukuze kungabikho namnye usithabathayo isithsaba sakho. Lowo weyisayo ndiya kumenza intsika etempileni yoThixo wam. Akayi kuba saphuma phandle; ndaye ndiya kulibhalela phezu kwakhe igama loThixo wam, negama lomzi woThixo wam, iYerusalem entsha, ehla emazulwini ivela kuThixo wam, negama lam elitsha. Lowo unendlebe, makayive into ayithethayo uMoya kuwo amabandla.
”Isithunywa sebandla eliseLawodike, sibhalele uthi: Utsho uAmen, ingqina elithembekileyo, eliyinyaniso, ingqalo yayo indalo kaThixo, ukuthi: Ndiyayazi imisebenzi yakho, ukuba akubandi, akushushu; akwaba ububanda, akwaba ubushushu. Ngenxa enokuba ke udikidiki, ungabandi, ungeshushu, ndiza kukuhlanza uphume emlonyeni wam. Ngokuba uthi, Ndisisityebi, ndizityebisile, andiswele nto; ube ungazi ukuba uludwayinge, ulusizana, ulihlwempu, uyimfama, uhamba ze; ndiyakucebisa, ukuba uthenge kum igolide evuthiswe emlilweni, ukuze ube nobutyebi; neengubo ezimhlophe, ukuze wambeswe, lingabonakali ihlazo lobuze bakho; nentambiso yamehlo, uthambise amehlo akho, ukuze ubone. Mna, bonke endibathandayo ndiyabohlwaya, ndibaqeqeshe; zondelela ngoko uguquke. Yabona, ndimi emnyango ndinkqonkqoza; ukuba uthe umntu waliva izwi lam, waluvula ucango, ndongena kuye, ndidle naye, naye adle nam. Lowo weyisayo, ndiya kumvumela ukuba ahlale nam etroneni yam, njengokuba nam ndeyisayo, ndaza ndahlala phantsi noBawo etroneni yakhe. Lowo unendlebe, makayive into ayithethayo uMoya kuwo amabandla.
”Ngenxa yoko baphambi kwetrone kaThixo, bemkhonza imini nobusuku etempileni yakhe; nalowo uhleli phezu kwetrone uya kuba ngumnquba phezu kwabo.
”Ndaza ndanikwa ingcongolo, ifana nentonga; saye isithunywa eso simi, sisithi, Suka uyilinganise itempile kaThixo, nesibingelelo, nabo banqulayo bekuyo.
”Yavulwa itempile kaThixo emazulwini, yabonakala ityeya yomnqophiso wakhe etempileni yakhe; kwabakho imibane, nezandi, neendudumo, nonyikimo lomhlaba, nesichotho esikhulu.
”Nalu unyamezelo lwabangcwele; naba abayigcinayo imithetho kaThixo nokukholwa kuYesu.
”Yazala itempile ngumsi ophuma ebuqaqawulini bukaThixo, nasemandleni akhe; kwaye kungekho namnye unako ukungena etempileni, zada zazaliseka izibetho zosixhenxe zezithunywa zosixhenxe.
”Ndeva elinye izwi liphuma emazulwini lisithi: Phumani kuyo, bantu bam, Ukuze ningadlelani nayo ngezono zayo, Nokuze ningamkeliswa kwizibetho zayo.
”Wenzele imihlali, nina mazulu, Nani bapostile bangcwele, nani baprofeti; Ngokuba uThixo eniphindezelele kuwo.
”Haleluya! Kwaphuma izwi etroneni, lisithi: Mdumiseni uThixo wethu, nonke nina bakhonzi bakhe, Nani bamoyikayo, abancinane kwanabakhulu. Ndeva sanga sisandi sesihlwele esikhulu, sanga sisandi samanzi amaninzi, sanga sisandi seendudumo ezinkulu, sisithi: Haleluya! Ngokuba iNkosi uThixo uSomandla inguKumkani. Masivuye sigcobe, siyizukise; Ngokuba ufikile umsitho weMvana, Umfazi wayo uzilungisile. Wanikwa ukuba athiwe wambu ngelinen ecikizekileyo, emhlophe, eqaqambileyo; kuba ilinen ecikizekileyo yimisebenzi yobulungisa yabangcwele. Sithi kum, Bhala, uthi, Banoyolo abo bamenyelwe esidlweni somsitho weMvana. Sithi kum, Lawo ngamazwi ayinyaniso kaThixo.
”Ndaza mna, Yohane, ndawubona umzi ongcwele, iYerusalem entsha, usihla uvela kuThixo, uphuma emazulwini, ulungisiwe njengomtshakazi ehonjiselwe indoda yakhe. Ndeva izwi elikhulu liphuma emazulwini, lisithi: Yabona, umnquba lo kaThixo unabantu; Uya kuhlala nabo emnqubeni, Bona babe ngabantu bakhe, Yena uThixo abe nabo, enguThixo wabo; Azisule uThixo zonke iinyembezi emehlweni abo, Kungabi sabakho kufa, Kungabi sabakho nasijwili, nakukhala, nantlungu; Ngokuba izinto zokuqala zigqithile.
”Kwaza kweza kum esinye sezithunywa zezulu ezisixhenxe, ezineengqayi ezisixhenxe, ezizele zizibetho zosixhenxe zokugqibela, sathetha nam sisithi, Yiza apha, ndikubonise umtshakazi, umfazi wayo iMvana. Sandisa ndikuMoya entabeni enkulu, ephakamileyo, sandibonisa umzi omkhulu, iYerusalem engcwele, usihla uphuma emazulwini, uvela kuThixo, unobuqaqawuli bukaThixo; isikhanyiso sawo sifana nelitye elinqabileyo kakhulu, langa lilitye leyaspisi ebengezela njengekristale. Kananjalo unodonga olukhulu oluphakamileyo. Unamasango alishumi elinamabini, phezu kwamasango unezithunywa zezulu ezilishumi elinazibini; kubhalwe kuwo amagama angawezizwe ezilishumi elinazibini zoonyana bakaSirayeli; ngasempumalanga ingamasango mathathu, ngasentla ingamasango mathathu, ngasezantsi ingamasango mathathu, ngasentshonalanga ingamasango mathathu. Udonga lomzi lunamatye eziseko alishumi elinamabini, kuwo ingamagama abapostile abalishumi elinababini bayo iMvana.
”Andibonanga tempile kuwo, kuba iNkosi uThixo uSomandla nayo iMvana yitempile yawo.
”Mna, Yesu, ndasithuma isithunywa sam sasemazulwini, ukuba ndizingqine kuni ezi zinto ngawo amabandla. Mna ndiyingcambu nenzala kaDavide, ikhwezi eliqaqambileyo lokusa.
”