15 – Ukunxila

La ngamazwi angcwele kaThixo uSomandla.
Asinamdla kwizinto ezithethwa ngabantu.
Nabani na othanda uThixo . . . Nantsi into uThixo ayithethayo ngaye: Ukunxila.

Iivesi ezi-3 eziPhambili

KumaGalati 5:19-21

Iyabonakala ke yona imisebenzi yenyama, eyile: ukrexezo, umbulo, ukungcola, uburheletyo, ukubusa kwizithixo, ukukhafula, intiyo, iinkani, amakhwele, imisindo, amayelenqe, iimbambaniso, izahlukano, oomona, ookubulala, ookunxila, iindywala, nezinto ezinjengezo; endinixelelayo ngenxa engaphambili, njengokuba besendinixelele kade, ukuba abazenzayo izinto ezinjalo abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo.

UYoweli 1:5

Vukani, manxila, nilile; bhombolozani, nonke baseli bewayini, ngenxa yencindi yewayini; kuba inqunyulwe emlonyeni wenu.

1 Kwabase Korinte 5:11

Kungoku ke, ndinibhalela ukuba maningazidibanisi nosukuba enegama lokuba ngumzalwana, ukanti wenza umbulo, nokuba ulibawa, nokuba ungumkhonzi wezithixo, nokuba ungumtshabhisi, nokuba ulinxila, nokuba ungumphangi; ningakhe nidle nokudla nonjalo.

Zonke iivesi ngokulandelelana kweCanonical - 79 izicatshulwa

Genesis 9:20-22

UNowa wathi, engumlimi womhlaba, waqala watyala isidiliya. Wasela iwayini, wanxila, wazihluba phakathi kwentente yakhe. UHam, uyise kaKanan, wabubona ubuze bukayise, waxelela abakhuluwa bakhe bobabini ngaphandle.

Levitikus 10:9-10

Musa ukusela wayini nasiselo sinxilisayo, wena noonyana bakho kunye nawe, ekungeneni kwenu ententeni yokuhlangana, ukuze ningafi. Ngummiselo ongunaphakade ezizukulwaneni zenu ke lowo; ukuze kwahlulwe okungcwele kokuhlambelayo, nokuyinqambi kokuhlambulukileyo;

Numeri 6:3

wozahlula ewayinini nakwisiselo esinxilisayo, angaseli viniga yawayini, naviniga yasiselo sinxilisayo, angaseli nancindi yazidiliya, angadli zidiliya zimanzi nadiliya zomileyo;

Duteronomi 21:20

bathi kumadoda amakhulu omzi wakowabo, Lo nyana wethu yinjubaqa, uneenkani, akaliphulaphuli ilizwi lethu, ulidla-kudla, ulinxila.

Duteronomi 32:32-33

Kuba umdiliya wabo ngowomdiliya waseSodom, Ngowamasimi aseGomora. Iidiliya zabo ziidiliya ezinobuhlungu, Izihloko zazo zinobukrakra. Bubuhlungu benyushu iwayini yabo, Yinyongo enobujorha yamaphimpi.

AbaGwebi 13:4

Ke ngoko khawuzigcine, uze ungaseli wayini nasiselo sinxilisayo; ungadli nanye into eyinqambi.

IiNdumiso 60:3

Ubabonisile abantu bakho into elukhuni, Usiseze iwayini ehexisayo.

IiNdumiso 75:8

Ngokuba indebe isesandleni sikaYehova, Iphuphuma igwebu lewayini, izele yephithikeziweyo. Uthulula kuyo; ewe, iintlenga zayo Ziya kuselwa zifincwe ngabangendawo bonke behlabathi.

ImiZekeliso 4:17

Kuba badla isonka sokungendawo, Basele iwayini yogonyamelo.

ImiZekeliso 20:1

Ingumgxeki iwayini, singumxokozeli isiselo esinxilisayo; Bonke abayotywe yiyo abalumkile.

ImiZekeliso 21:17

Othanda imigcobo uba yindoda esweleyo; Othanda iwayini neoli akabi sisityebi.

ImiZekeliso 23:20-21

Musa ukuba phakathi kwamasela-wayini, Naphakathi kwamadla-kudla; Kuba isela-wayini nedla-kudla liyahlwempuzeka; Kona ukozela kwambesa amajacu.

ImiZekeliso 23:29-35

Ungokabani na uYeha? Ungokabani na uYoo? Zinabani na iingxabano? Inabani na inkalazo? Anabani na amanxeba angenasizathu? Anabani na amehlo anozizi? Anabo balibala ewayinini, Abangena bayiminyele iwayini ephithikeziweyo. Musa ukuyikhangela iwayini, xa izenza ingqombela, Xa ibengezelayo endebeni, Xa ihla kamnandi; Ukuphela kwayo iluma njengenyoka, Iluma njengerhamba. Amehlo akho aya kubona izinto zasemzini, Intliziyo yakho ithethe impenduka; Ube njengolele esazulwini solwandle, Nanjengolele encotsheni yemasti; Uthi, Bandibetha, andeva ntlungu; Bandintlitha, andaba nanto ndiyaziyo; Ndiya kuvuka nini na? Ndiya kuphinda ke, ndiya kubuya ndiyifune.

ImiZekeliso 31:4-7

Asiyindawo yokumkani, Lemuweli, asiyindawo yokumkani ukusela iwayini; Asiyindawo yezidwangube ukuthi, Siphi na isiselo esinxilisayo? Hleze basele bakulibale okumiselweyo, Balijike ityala loonyana bonke beentsizi. Isiselo esinxilisayo sinikeni abatshabalalayo, Newayini yinikeni abamphefumlo ukrakra. Mabasele abo, babulibale ubuhlwempu babo, Bangabi sabukhumbula ububi babo.

EcclesiastesImiZekeliso 10:17

Hayi, uyolo lwakho, lizwe likumkani ungunyana wabanumzana, limatshawe adlayo ngexesha elililo, enobugorha, engenamithayi!

UIsaya 5:11-12

Yeha, abavuka kusasa, besukela isiselo esinxilisayo; balibale kude kube lungcwalazi, ide ibatshise iwayini! Ibe luhadi nomrhubhe, ingqongqo nogwali, newayini, emgidini wabo; ke wona umsebenzi kaYehova abawubeki, nezenzo zezandla zakhe abaziboni.

UIsaya 5:22

Yeha, abangamagorha okusela iwayini; abangamadoda akrotele ukuphithikeza isiselo esinxilisayo; abagwebela abangendawo, besekeleze isicengo;

UIsaya 19:14

UYehova uthululele embilinini wayo umoya wobugwenxa, ukuba bayilahlekise iYiputa ekwenzeni kwayo konke, njengokugxadazela kwenxila emhlanzweni walo.

UIsaya 24:9-12

Abayi kusela wayini benengoma; sikrakra isiselo esinxilisayo kwabasiselayo. Uqhekekile umzi osenyanyeni, zivalekile zonke izindlu ukuba zingangenwa mntu. Bakhala ngewayini phandle; itshonile yonke imivuyo; iphele kwathi tu imihlali yehlabathi. Umzi usele walinxuwa, laqotywa isango layimvithi.

UIsaya 24:20

liyajinga njengomandlalo oxhonyiweyo; ukreqo lwalo lunzima phezu kwalo; liyawa, lingabuyi livuke.

UIsaya 28:1

Yaha ke, isithsaba sekratshi samanxila akwaEfrayim, nentyantyambo ebunayo yamakhazikhazi esihombo sakhe, esemantloko omfula ochumayo wababuleweyo yiwayini!

UIsaya 28:3

Siya kunyashwa ngeenyawo isithsaba sekratshi samanxila akwaEfrayim.

UIsaya 28:7-8

Kwanaba ke bayotywe yiwayini, bayahexa sisiselo esinxilisayo; umbingeleli nomprofeti bayotywe sisiselo esinxilisayo, baginywe yiwayini, bayahexa sisiselo esinxilisayo; bayotyiwe bebona imibono, bayagexa begweba ityala. Kuba zonke izithebe zizele ngumhlanzo oyintshontsho; akukho ndawo ingenawo.

UIsaya 29:9

Zilazilani ningakhulumi; zimfamekiseni nibe ziimfama. Bayanxila kungengawayini, bayatalasa kungengasiselo sinxilisayo.

UIsaya 56:12

Uthi, Yizani, ndiya kuthabatha iwayini, sisele kunene isiselo esinxilisayo; neyangomso imini ibe njengale, ibe nkulu, incamise kunene.

UYeremiya 13:12-14

Uze uthethe kubo eli lizwi: Utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yonke imiphanda iyazaliswa ngewayini. Baya kuthi kuwe, Asazi nokwazi na, ukuba yonke imiphanda iyazaliswa ngewayini? Wothi ke kubo, Utsho uYehova ukuthi, Yabona, ndibazalisa ngokunxila bonke abemi beli lizwe, kwaookumkani abahlalele uDavide etroneni yakhe, nababingeleli, nabaprofeti, nabemi bonke baseYerusalem; ndibahlekezele elowo kuwabo, ooyise noonyana kunye, utsho uYehova. Andiyi kuba nalufefe, andiyi kuba nanceba, andiyi kuba namfesane, ukuba ndingabonakalisi.

UYeremiya 23:9

Ngokusingisele kubaprofeti: Yaphukile intliziyo yam phakathi kwam, athe fehlefehle onke amathambo am. Ndisuke ndaba njengendoda enxilayo, njengomfo oweyiswe yiwayini; ngenxa kaYehova, nangenxa yamazwi akhe angcwele.

UYeremiya 25:15-16

Ngokuba utshilo kum uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Thabatha le ndebe yewayini yobushushu esandleni sam, useze ngayo iintlanga zonke, endikuthumela kuzo; zisele, zihexe, zigeze, ngenxa yekrele endilithumela phakathi kwazo.

UYeremiya 25:27

Ngoko ke wothi kubo, Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Selani ninxile, nihlanze, niwe, ningavuki, ngenxa yekrele endilithumela phakathi kwenu.

UYeremiya 35:5-6

Ndabeka phambi koonyana bendlu yamaRekabhi iindebe ezizele yiwayini, neebhekile, ndathi kubo, Selani iwayini. Bathi bona, Asiyiseli iwayini: ngokuba uYonadabhi unyana kaRekabhi, ubawo, wasiwisela umthetho wokuthi, Ze ningaseli wayini, nina, noonyana benu, naphakade;

IziLilo 3:15

Undihluthise ngeento ezikrakra, wandiseza ndahlutha umhlonyane.

UHezekile 23:31-35

Uhambe ngendlela yomsakwenu; ndoyinikela ke indebe yakhe esandleni sakho. Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Uya kuyisela indebe yomsakwenu, yona leyo inzulu, ibanzi; iya kuba yintlekisa nesigculelo, ngokuba inombilini omkhulu. Uya kuzala kukunxila nasisingqala; yindebe yakwankangala kankangala indebe yodade wenu uSamari. Uya kuyisela ke, uyifince, uwaqobe amagophe ayo, uzijece ngawo amabele; ngokuba ndithethile, itsho iNkosi uYehova. Ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba undilibele, wandiphosa emva komhlana wakho, uya kuwathwala nokuwathwala amanyala akho nokuhenyuza kwakho.

UHezekile 44:21

Mabangaseli wayini bonke ababingeleli ekungeneni kwabo entendelezweni ephakathi.

UDaniyeli 1:8

Ke kaloku, uDaniyeli wayegqibe entliziyweni yakhe, ukuba angazingcolisi ngokudla kokumkani nangewayini ayiselayo; wacela kumthetheli-mathenwa ukuba angazingcolisi.

UDaniyeli 1:16

Yakususa ke injoli ukudla kwabo, newayini abange beyisela, yabanika imifuno.

UDaniyeli 5:23

Uziphakamisile ngaphezu kweNkosi yamazulu, neempahla zendlu yayo zaziswa phambi kwakho, wena nezikhulu zakho, namakhosikazi akho, namashweshwe akho; nasela iwayini ngazo. Wancoma oothixo besilivere, nabegolide, nabobhedu, nabesinyithi, nabemithi, nabamatye, abangaboniyo, abangevayo, abangaziyo. Ke uThixo lowo, kusesandleni sakhe ukuphefumla kwakho, onazo zonke iindlela zakho, akumbekanga.

UHoseya 4:11

Uhenyuzo, newayini, newayini entsha, ziwexula intliziyo.

UHoseya 7:5

Ngemini yokumkani wethu abathetheli bazixhayele isifo ngobushushu bewayini; uthabathene nabagxeki.

UYoweli 1:5

Vukani, manxila, nilile; bhombolozani, nonke baseli bewayini, ngenxa yencindi yewayini; kuba inqunyulwe emlonyeni wenu.

UAmos 2:8

banaba phezu kweengubo ezisisibambiso ngasezibingelelweni zonke, basela iwayini yabahlawulisiweyo endlwini yothixo wabo.

UAmos 2:12

Ke nisuke nabaseza iwayini abazahlulileyo; abaprofeti nabawisela umthetho wokuthi, Ize ningaprofeti.

UAmos 6:6

nina, baseli bewayini ngezitya zokutshiza zemibingelelo, bazithambise ngentlahlela yeoli, bangahlabeki kukwaphuka kukaYosefu.

UMika 2:11

Ukuba bekukho umntu ohamba nomoya, exokisa ngamanga, esithi, Ndiya kuwisa intetho kuwe ngokusingisele kwiwayini, nakwisiselo esinxilisayo, ubeya kuba ngumwisi-ntetho kwaba bantu.

UNahum 1:10

Kuba bofanelana bephinyelene ngokweziphingo, benxila yiwayini yabo emnandi: baya kudliwa kuphele, njengeendiza ezomileyo.

UHabhakuki 2:15-16

Yeha, wena useza ummelwane wakho, usongezelela ubushushu bakho kuye, umnxilisa nokumnxilisa, ukuze ubondele ubuze bakhe! Uya kuhluthiswa ngocukucezo, kungabi luzuko; sela nawe, kubonakale ukungaluki kwakho. Iya kujikela kuwe indebe yesokunene isandla sikaYehova, ucukucezo olukhulu lube phezu kozuko lwakho.

UMateyu 11:18-19

Kuba uYohane weza engadli, engaseli, basuka bathi, Unedemon. UNyana woMntu yena weza esidla, esela, basuka bathi, Khanibone umntu olidla-kudla, olisela-wayini, umhlobo wababuthi berhafu naboni. Ubulumko bugwetyelwe kokuvela ebantwaneni babo.

UMateyu 24:48-51

Ukuba ke umkhonzi lowa ukhohlakeleyo uthe entliziyweni yakhe, Inkosi yam ilibele, ayizi, aqale ababethe abakhonza kunye naye, adle ke, asele nabanxilayo, iya kufika inkosi yaloo mkhonzi ngemini angayikhangeleyo, nangelixa angalaziyo, imsike kubini, immisele isabelo sakhe nabahanahanisi; khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo.

ULuka 1:15

Kuba uya kuba mkhulu emehlweni eNkosi, angakhe asele wayini nasiselo sinxilisayo; uya kuzaliswa nguMoya oyiNgcwele kwasekuzalweni kwakhe.

ULuka 7:33-34

Kuba uzile uYohane umbhaptizi engadli sonka, engaseli wayini; nithi ke, Unedemon. Uzile uNyana woMntu esidla, esela; nithi, Khanibone umntu olidla-kudla, olisela-wayini, umhlobo wababuthi berhafu nowaboni!

ULuka 12:45-46

Ukuba ke loo mkhonzi uthe entliziyweni yakhe, Inkosi yam iyalibala ukuza; aze aqale azibethe izicaka nezicakakazi, adle, asele, anxile: yofika inkosi yaloo mkhonzi ngemini angayilindeleyo, nangelixa angalaziyo, ize imnqumle kubini, immisele isabelo sakhe nabangathembekileyo.

ULuka 21:34

Zilumkeleni ke, hleze zisindwe iintliziyo zenu kukuzingxala, nakukunxila, nangamaxhala obu bomi, ize loo mini inifikele ngebhaqo.

UYohane 2:9-10

Ke kaloku, yakuweva injoli amanzi abenziwe iwayini (yayingayazi apho ivela khona; kodwa abalungiseleli ababewakhile amanzi babesazi), yasuka injoli yabiza umyeni. Yathi kuye, Wonke umntu ubeka kuqala iwayini emnandi, aze xa bathe basela bakholisa, andule ukubeka enganeno kwaleyo; wena uyibandezile iwayini emnandi, kwada kwangoku.

IZenzo 2:13-16

Abanye ke babehlekisa ngabo, besithi, Bahluthi yiwayini enencasa. Ke kaloku uPetros, esuke wema nabalishumi elinamnye, waliphakamisa izwi lakhe, waphimisela ukuthetha, wathi kubo: Madoda, maYuda, nani nonke nimiyo eYerusalem, makwazeke oku kuni, niwabekele iindlebe amazwi am. Aba abanxilile, njengoko nina niba kunjalo, kuba kuselilixa lesithathu lemini. Oku khona koko kuthethiweyo ngomprofeti uYoweli, kwathiwa,

Kwabase Roma 13:13-14

Masihambe sizibekile ngokwasemini; kungabi sezindywaleni nasekunxileni; kungabi sekuphimiseni naseburheletyweni; kungabi sezinkanini nasemoneni. Yambathani ke iNkosi uYesu Kristu; ize ukwazalelela inyama ningakwenzeli ukukhwezelela iinkanuko zayo.

Kwabase Roma 14:21

Kuhle ukuba ungadli nyama, ungaseli wayini, ungenzi nto angabetheka kuyo umzalwana wakho, akhubeke kuyo, aswele amandla okuzigcina.

1 Kwabase Korinte 3:16-17

Anazi na ukuba niyitempile kaThixo? Anazi na ukuba uMoya kaThixo umi ngaphakathi kwenu? Ukuba umntu uyayonakalisa itempile kaThixo, uThixo womonakalisa lowo; kuba itempile kaThixo ingcwele; ninjalo ke.

1 Kwabase Korinte 5:11

Kungoku ke, ndinibhalela ukuba maningazidibanisi nosukuba enegama lokuba ngumzalwana, ukanti wenza umbulo, nokuba ulibawa, nokuba ungumkhonzi wezithixo, nokuba ungumtshabhisi, nokuba ulinxila, nokuba ungumphangi; ningakhe nidle nokudla nonjalo.

1 Kwabase Korinte 6:9-11

Anazi na, ukuba abangemalungisa abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo? Musani ukulahlekiswa; abenza umbulo, nabakhonzi bezithixo, nabakrexezi, nezifebe, namadoda alalanayo, namasela, namabawa, namanxila, nabatshabhisi, nabaphangi, abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo. Naye ninjalo ke inxenye yenu; kuloko nahlanjululwayo, kuloko nangcwaliswayo, kuloko nagwetyelwayo egameni leNkosi uYesu, nangoMoya kaThixo wethu.

1 Kwabase Korinte 6:19-20

Anazi na, ukuba umzimba wenu uyitempile yoMoya oyiNgcwele ongaphakathi kwenu, eninaye evela kuThixo; nokuba ke aningabenu? Kuba nathengwa ngexabiso. Mzukiseni ke uThixo ngomzimba wenu nangomoya wenu, izinto ezizezikaThixo ezo.

1 Kwabase Korinte 10:13

Anibanjwanga silingo singesesabantu. Uthembekile ke uThixo, ongayi kuvumela ukuba nilingwe ngaphezu kweninako; owothi, kunye nesilingo eso, avelise ithuba lokuphuma kuso, ukuba nibe nako ukuthwala.

1 Kwabase Korinte 15:32-34

Ukuba ndithe ngokwabantu ndalwa namarhamncwa e-Efese, kundinceda ntoni na? Ukuba abafileyo abavuki, masesisidla, sisela, kuba ngomso siya kufa. Musani ukulahlekiswa. Incoko embi yonakalisa izimilo ezilungileyo. Qabukani kakuhle, ningoni; kuba inxenye inentswela-kumazi uThixo; nditsho kuni ukuba nidane.

KumaGalati 5:19-21

Iyabonakala ke yona imisebenzi yenyama, eyile: ukrexezo, umbulo, ukungcola, uburheletyo, ukubusa kwizithixo, ukukhafula, intiyo, iinkani, amakhwele, imisindo, amayelenqe, iimbambaniso, izahlukano, oomona, ookubulala, ookunxila, iindywala, nezinto ezinjengezo; endinixelelayo ngenxa engaphambili, njengokuba besendinixelele kade, ukuba abazenzayo izinto ezinjalo abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo.

Kwabase Efese 5:18-19

Kanjalo musani ukunxila yiwayini, ekukhoyo kuloo nto ukuzibhubhisa; manizaliswe nguMoya; nithetha omnye nomnye ngeendumiso, neengoma, nezango ezizezomoya, nivuma, nibetha uhadi entliziyweni yenu kuyo iNkosi,

1 Kwabase Tesalonika 5:6-9

Ngoko ke masingalali, njengabanye aba; masiphaphe sibe ziingcathu. Kuba abaleleyo balala ebusuku; nabanxilayo banxila ebusuku. Ke thina bangabemini masibe ziingcathu; masinxibe isigcina-sifuba sokholo nothando, nesigcina-ntloko esilithemba losindiso. Ngokuba uThixo akasimiselanga ngqumbo; usimisele ukuzuza usindiso ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu;

1 KuTimoti 3:2-3

Umveleli ngoko umelwe kukuthi abe ngongenakukhalazelwa, eyindoda yamfazi mnye, eyingcathu, enesidima, ezibekile, ebuka iindwendwe, enokufundisa; engageziswa yiwayini, engembethi, engemngxameli wanzuzo imbi. Makabe ngothantamisayo, engalwi, engemthandi wamali;

1 KuTimoti 3:8

Kwangokunjalo abalungiseleli bamelwe kukuba nokundileka, bangabi ntlolela yombini, bangazinikeli kwiwayini eninzi, bangangxameli nzuzo imbi;

2 KuTimoti 1:7

Kuba uThixo akasinikanga moya wabugwala; wasinika owamandla, nowothando, nowesidima.

2 KuTimoti 4:5-6

Ke wena yiba yingcathu ezintweni zonke, nyamezela ububi, umsebenzi womshumayeli weendaba ezilungileyo wenze, buzalise ubulungiseleli bakho. Kuba mna sendithululwa ngokomnikelo; nalo ixesha lokunduluka kwam likufuphi.

KuTito 1:7-8

Kuba umveleli umelwe kukuba ngongenakumangaleleka, njengegosa likaThixo; angabi ngowenza ukuzithandela kwakhe; angabi ngoqumba msinya; angabi ngogeziswa yiwayini; angabi ngumbethi; angabi ngongxamela nzuzo imbi. Umelwe kukuthi abe ngobuka iindwendwe, umthandi wokulungileyo, onesidima, olilungisa, ongcwele, onokuzeyisa;

KuTito 2:2-3

ukuba amadoda amakhulu abe ziingcathu, andileke, abe nesidima, aphile elukholweni, eluthandweni, elunyamezelweni; ukuba abafazi abakhulu kwangokunjalo babe nesimilo esibafaneleyo, bangabi ngabatyholi; bangazilahleli kwiwayini eninzi; bafundise okuhle;

KuTito 2:6

Kwangokunjalo amadoda amatsha wayale ukuba abe nesidima.

KuTito 2:12

lusiqeqesha ukuze sithi, sikuncama ukungahloneli Thixo nokukhanuka okukokwehlabathi, sihlale ngokunesidima, nangokubulungisa, nangokuhlonela uThixo, kweli phakade langoku;

1 KaPetros 1:13-16

Ngoko, bhinqani izinqe zengqondo yenu, ninobungcathu, niluthembe ngokugqibeleleyo ubabalo oluziswa kuni ekutyhilekeni kukaYesu Kristu; ngokwabantwana bolulamo, ningamilisi okweenkanuko zangaphambili ekungazini kwenu; nithi ke, ngokokwalowo ungcwele wanibizayo, nibe ngcwele nani ngokwenu kuyo yonke ihambo. Ngenxa enokuba kubhaliwe kwathiwa, Yibani ngcwele, ngokuba ndingcwele mna.

1 KaPetros 4:3

Kuba lisanele ixesha elidluleyo lokuphila kwethu, esasisenza ukuthanda kweentlanga, sasihamba nje eburheletyweni, ezinkanukweni, ekutshisweni yiwayini, ezindywaleni, emithayini, nasekukhonzeni izithixo, okungekhona esikweni;

1 KaPetros 5:8-9

Yibani nobungcathu, phaphani; ngokuba ummangaleli wenu, uMtyholi, uhamba njengengonyama egqumayo, efuna ubani angamginyayo; mchaseni lowo, nizimasekile elukholweni, nisazi ukuba kwaezo ntlungu ziyenzeka kubo abazalwana benu abasehlabathini.

1 UYohane 1:9

Ukuba sithi sizivume izono zethu, uthembekile, ulilungisa, ukuba asixolele izono zethu, asihlambulule kuko konke ukungalungisi.

IsiTyhilelo 14:8

Kwaza kwalandela esinye isithunywa sezulu, sisithi, Iwile, iwile iBhabheli, loo mzi mkhulu! ngokuba iseze zonke iintlanga ngewayini yomsindo wobuhenyu bayo.

IsiTyhilelo 17:2

abahenyuze nalo ookumkani bomhlaba, abo bawumiyo umhlaba, banxiliswa yiwayini yobuhenyu balo.

IsiTyhilelo 18:3

Ngokuba zonke iintlanga zisele kuyo iwayini yomsindo wobuhenyu bayo, Nookumkani bomhlaba bahenyuza nayo, Nabarhwebi bomhlaba baba zizityebi, ngamandla okuxhamla kwabo iziyolo zayo.

Xhosa - Xhosa - XH

XHB - Henry Hare Dugmore Xhosa Bible - 1859

This Bible text is Public Domain.
https://bibles.org/bible/3ce5ffb017c7b41e-01/GEN.1/
Languages are made available to you by www.ipedge.net