20 – Umthandazo
La ngamazwi angcwele kaThixo uSomandla.
Asinamdla kwizinto ezithethwa ngabantu.
Nabani na othanda uThixo . . . Nantsi into uThixo ayithethayo ngaye: Umthandazo.
La ngamazwi angcwele kaThixo uSomandla.
Asinamdla kwizinto ezithethwa ngabantu.
Nabani na othanda uThixo . . . Nantsi into uThixo ayithethayo ngaye: Umthandazo.
Ngokuba amehlo eNkosi aphezu kwamalungisa, Neendlebe zayo zisingisele esikhungweni sawo; Ke ubuso beNkosi buphezu kwabenza okubi.
”Kumongameli: ngogwali. Umhobe kaDavide. Wabekele indlebe amazwi am, Yehova, Kuqonde ukucamanga kwam. Libazele indlebe izwi lokuzibika kwam, Kumkani wam, Thixo wam; Ngokuba ndithandaza kuwe. Yehova, uya kuliva izwi lam kwakusasa, Kwakusasa ndiya kuwusingisa kuwe umthandazo wam, ndibonisele.
”Thandazani ngoko nina nenjenje: Bawo wethu osemazulwini, malingcwaliswe igama lakho. Mabufike ubukumkani bakho. Makwenziwe ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengokuba kusenziwa emazulwini. Siphe namhla isonka sethu semihla ngemihla. Usixolele amatyala ethu, njengokuba nathi sibaxolela abo banamatyala kuthi. Ungasingenisi ekulingweni, sihlangule enkohlakalweni. Ngokuba bubobakho ubukumkani, namandla, nozuko, kuse kuwo amaphakade. Amen.
”Waphendula uAbraham, wathi, Khawubone, sendide ndathetha eNkosini, ndiluthuli nothuthu.
”Wathi, Yehova, Thixo wenkosi yam uAbraham, mawundithamsanqele namhla, uyenzele inkosi yam uAbraham inceba. Yabona, ndimi ngasemthonjeni wamanzi; untombi zabantu balo mzi ziyaphuma, ziza kukha amanzi. Ke intombi endothi kuyo, Khawuthobe umphanda wakho ndisele; ize ithi, Sela, neenkamela zakho ndoziseza nazo: mayibe yiyo oyimisele umkhonzi wakho uIsake; ndazi mna ngoko, ukuba uyenzele inkosi yam inceba. Kwathi, ingekagqibi ukuthetha, gqi uRebheka esiza, lowo wazalwayo nguBhetuweli, unyana kaMilka, umkaNahore, umninawa ka-Abraham, enomphanda wakhe egxalabeni lakhe.
”Wathandaza uIsake kuYehova mayela nomkakhe, ngokuba ebengazali. Wathandazeka uYehova, wamitha uRebheka umkakhe.
”UYakobi wasala yedwa; kwazamana indoda naye kwada kwathi qhiphu ukusa. Yakubona ukuba ayimeyisi, yachukumisa usikrobana womlenze wakhe, wancothuka usikrobana womlenze kaYakobi ngokuzamana nayo. Yathi, Ndindulule ndihambe, kuba kuyasa. Wathi yena, Andiyi kukundulula umke, ukuba akuthanga undisikelele. Yathi kuye, Ngubani na igama lakho? Wathi, NdinguYakobi. Yathi, Igama lakho akusayi kuba sathiwa nguYakobi; kuya kuthiwa unguSirayeli, ngokuba ulwe noThixo nabantu, weyisa. Wabuza uYakobi wathi, Ndixelele igama lakho. Yathi, Ulibuzelani na igama lam? Yamsikelela khona. UYakobi wayithiya loo ndawo igama eliyiPeniyeli; kuba wathi, Ndibonene noThixo, wahlangulwa umphefumlo wam.
”Waye ekhona ke enoYehova iimini ezimashumi mane nobusuku obumashumi mane; akadla sonka, akasela manzi. Wawabhala emacwecweni amazwi omnqophiso, la mazwi alishumi.
”Bawa ngobuso, bathi, Thixo, Thixo woomoya benyama yonke, kone umntu wamnye nje, unoburhalarhume kwibandla lonke na?
”eningathi nimfune khona uYehova uThixo wenu, nimfumane, xa nithe naquqela kuye ngentliziyo yenu yonke, nangomphefumlo wenu wonke. Ekubandezelekeni kwenu, zakunifumana zonke ezi zinto, ekupheleleni kwemihla, nobuyela kuYehova uThixo wenu, niliphulaphule ilizwi lakhe. Ngokuba nguThixo onemfesane uYehova uThixo wakho; akayi kukuyekela, akayi kukonakalisa, akayi kuwulibala umnqophiso wooyihlo awabafungelayo.
”Oko ndandinyuke ndaya entabeni ukuya kuthabatha amacwecwe amatye, amacwecwe omnqophiso abewenza uYehova nani, ndahlala iimini ezimashumi mane nobusuku obumashumi mane entabeni, ndingadli sonka, ndingaseli manzi.
”Ndawa phantsi phambi koYehova, njengokokuqala, iimini ezimashumi mane nobusuku obumashumi mane; ndingadli sonka, ndingaseli manzi, ngenxa yezono zenu zonke, enone ngazo ukwenza okubi emehlweni kaYehova, ukuba nimqumbise;
”Ndawa ke phantsi phambi koYehova, ezo mini zimashumi mane nobusuku obumashumi mane, endawayo phantsi; kuba uYehova wathi uya kunitshabalalisa.
”Ndema ke mna entabeni, njengemihla yokuqala, iimini ezimashumi mane nobusuku obumashumi mane; wandiva uYehova nangeso sihlandlo; uYehova akathanda ukukonakalisa.
”Wazikrazula ke uYoshuwa iingubo zakhe, wawa ngobuso emhlabeni phambi kwetyeya kaYehova kwada kwahlwa, yena namadoda amakhulu akwaSirayeli, bagalela uthuli phezu kweentloko.
”Benyuka bonke oonyana bakaSirayeli, bonke abantu, baya eBheteli, balila, bahlala khona phambi koYehova, bazila ukudla loo mini kwada kwahlwa, banyusa amadini anyukayo nemibingelelo yoxolo phambi koYehova.
”Weza uYehova, wema, wabiza njengezinye izihlandlo, wathi, Samuweli, Samuweli. Wathi uSamuweli, Thetha, ngokuba esiva umkhonzi wakho.
”Kananjalo makube lee kum ukuthi ndone kuYehova ngokuyeka ukunithandazela; ndoniyalela indlela elungileyo ethe tye.
”Wema ke uSolomon phambi kwesibingelelo sikaYehova, ebusweni bebandla lonke lamaSirayeli, wazolulela ezulwini izandla zakhe. Wathi: Yehova Thixo kaSirayeli, akukho unjengawe, ezulwini phezulu nasemhlabeni phantsi, ubagcinelayo umnqophiso nenceba abakhonzi bakho abahamba phambi kwakho ngentliziyo yabo yonke;
”Kwathi xa agqibileyo ukuthandaza uSolomon kuYehova konke oko kuthandaza nokutarhuzisa, wesuka phambi kwesibingelelo sikaYehova ekuguqeni ngamadolo akhe, ezolulele ezulwini izandla zakhe.
”Kwathi ekunyusweni komnikelo wokudla wangokuhlwa, wasondela uEliya umprofeti, wathi, Yehova, Thixo ka-Abraham, kaIsake, kaSirayeli, namhla makwaziwe ukuba nguwe uThixo kwaSirayeli; ukuba ndingumkhonzi wakho mna; ukuba ndizenze zonke ezi zinto ngelizwi lakho. Ndiphendule, Yehova, ndiphendule, bazi aba bantu ukuba wena Yehova unguThixo, ukuba uyiguqulele kuwe intliziyo yabo. Wawa ke umlilo kaYehova, walidla idini elinyukayo, kwaneenkuni, kwanamatye, kwanomhlaba; namanzi abe esemseleni wawakhotha. Babona bonke abantu, bawa ngobuso, bathi, UYehova nguye uThixo, uYehova nguye uThixo.
”Thoba indlebe yakho, Yehova, uve; vula amehlo akho, Yehova, ubone; uweve amazwi kaSaneribhe, othume ukungcikiva ngawo uThixo ophilileyo.
”Ke ngoko, Yehova Thixo wethu, khawusisindise esandleni sakhe, zazi zonke izikumkani zehlabathi ukuba wena unguYehova uThixo wedwa.
”Wabubhekisa eludongeni ubuso bakhe, wathandaza kuYehova, esithi, Khawukhumbule, ndiyakukhunga, Yehova, okokuba ndihambe phambi kwakho ngokunyanisa nangentliziyo ephelelisileyo, ndakwenza okulungileyo emehlweni akho. Wasitsho uHezekiya isililo esikhulu.
”UYabhetse wamnqula uThixo wakwaSirayeli, wathi, Ngamana wandisikelela, wawandisa ummandla wam, isandla sakho saba nam, wandithintela ebubini, ukuze ndingabulaleki. UThixo wamenzela loo nto wayicelayo.
”Bulelani kuYehova, nqulani igama lakhe, Yazisani ezizweni izenzo zakhe ezincamisileyo.
”Mfuneni uYehova namandla akhe, Ngxamelani ubuso bakhe ngamaxesha onke.
”Bulelani kuYehova ngokuba elungile, Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.
”nowokuma imiso ngemiso, bebulela kuye, bemdumisa uYehova, besenjenjalo nangokuhlwa;
”Wema ke uSolomon phambi kwesibingelelo sikaYehova, phambi kwebandla lonke lakwaSirayeli, wazolula izandla zakhe (ngokuba uSolomon wayenze itheko lobhedu, walibeka esazulwini sentendelezo, laziikubhite ezintlanu ubude balo, iikubhite ezintlanu ububanzi balo, iikubhite ezintathu ukuphakama kwalo; wema phezu kwalo, waguqa ngamadolo phambi kwebandla lonke lamaSirayeli, wazolulela ezulwini izandla zakhe); wathi: Yehova, Thixo kaSirayeli, akukho Thixo unjengawe emazulwini nasehlabathini; ubagcinelayo umnqophiso nenceba abakhonzi bakho, abahamba phambi kwakho ngentliziyo yabo yonke;
”Noko ke kunonelele ukuthandaza komkhonzi wakho nokutarhuzisa kwakhe, Yehova Thixo wam, ukuphulaphule ukumemelela nokuthandaza athandaza ngako umkhonzi wakho phambi kwakho; ukuba amehlo akho akhangele kule ndlu imini nobusuku, kwindawo othe uya kulibeka kuyo igama lakho, uphulaphule umthandazo athandaza ngawo umkhonzi wakho kule ndawo. Phulaphula ukutarhuzisa komkhonzi wakho, nabantu bakho amaSirayeli, abaya kuthandaza ngako kule ndawo; uve ke wena endaweni ohlala kuyo emazulwini, uve ke, uxolele.
”ukuthandaza nokutarhuzisa nokuba kukuphi, okuthe kwenziwa ngubani, nokuba ngabantu bakho bonke amaSirayeli, abathe basazi elowo isibetho sakhe, nesingqala sakhe, bazolulela kule ndlu izandla zabo; yiva ke wena emazulwini, endaweni ohlala kuyo, uxolele, umnike elowo ngokweendlela zakhe zonke, ngokuyazi kwakho intliziyo yakhe (ngokuba nguwe wedwa ozaziyo iintliziyo zoonyana babantu); ukuze bakoyike, bahambe ngeendlela zakho, yonke imihla abahleli ngayo ezweni owalinika oobawo.
”Kaloku, Thixo wam, makavuleke amehlo akho, iindlebe zakho zibazele ukuthandaza okukule ndawo.
”bathoba ke abantu bam, ababizwa ngegama lam, bathandaza, bafuna ubuso bam, babuya ezindleleni zabo ezimbi: ndiya kuva mna emazulwini, ndibaxolele izono zabo, ndiliphilise ilizwe labo. Kaloku ovuleka amehlo am, iindlebe zam ziwubazele umthandazo wale ndawo.
”Wenza okubi, ngokuba ebengayibhekiselelanga intliziyo yakhe ukumquqela uYehova.
”UAsa wabiza kuYehova uThixo wakhe, wathi, Yehova, akukho bani ingenguwe onokunceda phakathi konamandla nongenawo. Sincede, Yehova, Thixo wethu; ngokuba sayame ngawe, size kule ngxokolo egameni lakho. Yehova, unguThixo wethu, makangabi namandla umntu okumelana nawe.
”Benza umnqophiso wokumquqela uYehova, uThixo wooyise, ngentliziyo yabo yonke, nangomphefumlo wabo wonke; bathi,
”Besuka bema ababingeleli, abaLevi, babasikelela abantu; ilizwi labo laviwa, nomthandazo wabo wangena ekhayeni lakhe elingcwele emazulwini.
”Bathandaza ke uHezekiya ukumkani, noIsaya unyana ka-Amotsi, umprofeti, ngenxa yoko; bakhala, basingisa emazulwini.
”Ndamema inzilo apho emlanjeni ongumAhava, ukuba sizithobe phambi koThixo wethu, sizifunele kuye indlela ethe tye, thina, nentsapho yethu, nemfuyo yethu yonke. Ngokuba ndandineentloni ukuba ndicele impi nabamahashe kukumkani, ukuba basincede ezintshabeni endleleni; ngokuba besesithe kukumkani, Isandla sikaThixo wethu siphezu kwabo bonke abamfunayo, ukuba kulunge; namandla akhe nomsindo wakhe uyabachasa bonke abamshiyayo. Sazila ukudla ke, samkhunga ngenxa yoko uThixo wethu, wathandazeka sithi.
”Ngelo xa lomnikelo wokudla wangokuhlwa, ndesuka ekuzithobeni kwam, ndazikrazula iingubo zam neyokwaleka, ndaguqa ngamadolo, ndazolulela izandla zam kuYehova uThixo wam, ndathi: Thixo wam, ndidanile, ndineentloni, andinakubuphakamisela kuwe ubuso bam, Thixo wam; ngokuba ubugwenxa bethu bukhulile, baba phezu kweentloko zethu; netyala lethu likhulu, lesa emazulwini.
”Wesuka uEzra phambi kwendlu kaThixo, wangena egumbini likaYohanan unyana kaEliyashibhi. Wathi akufika khona, akadla sonka, akasela manzi; ngokuba ubesenza isijwili ngenxa yobumenemene babo bafuduswayo.
”Kwathi ndakuweva la mazwi, ndahlala phantsi, ndalila, ndenza isijwili iintsuku, ndazila ukudla, ndathandaza phambi koThixo wamazulu, ndathi, Camagu, Yehova, Thixo wamazulu, Thixo omkhulu, owoyikekayo, obagcinelayo umnqophiso nenceba abamthandayo, abayigcinayo imithetho yakhe. Indlebe yakho mayikhe ibazeke, namehlo akho makhe avuleke, ukuze uwuphulaphule umthandazo womkhonzi wakho, endiwuthandazayo phambi kwakho ngoku, imini nobusuku, ngenxa yoonyana bakaSirayeli, abakhonzi bakho; nokuzixela kwam izono zoonyana bakaSirayeli, esone ngazo kuwe, Mna nendlu kabawo sonile;
”UEzra wambonga uYehova, uThixo omkhulu. Baphendula bonke abantu, bathi, Amen, amen, bephakamisa izandla zabo. Bathoba, baqubuda kuYehova, bebhekise ubuso babo emhlabeni.
”Ke kaloku ngomhla wamashumi amabini anesine waloo nyanga, bahlanganisana oonyana bakaSirayeli, bezila ukudla, beneengubo ezirhwexayo, bezigalele umhlaba. Yazahlula imbewu kaSirayeli koonyana bonke bolunye uhlanga, bema bazixela izono zabo, nobugwenxa booyise.
”Kuwo onke amazwe ngamazwe, kwindawo elithe lafika kuyo ilizwi lokumkani nomthetho wakhe, yaba sisijwili esikhulu kumaYuda, nokuzila ukudla, nokulila, nokumbambazela. Abaninzi bandlala iingubo ezirhwexayo nothuthu.
”Yiya uwahlanganise onke amaYuda anokufumaneka eShushan, nizile ukudla ngenxa yam. Musani ukudla, musani ukusela, imihla ibe mithathu, ubusuku nemini. Mna kananjalo neempelesi zam siya kwenjenjalo ukuzila ukudla; ndenjenjalo ukuya kukumkani ngokungesesikweni, nditshabalale ukuba ndiyatshabalala.
”Wesuka uYobhi, wayikrazula ingubo yakhe yokwaleka, wayicheba intloko yakhe, wawa emhlabeni, waqubuda.
”Ke mna bendiya kusingisa kuThixo, Indawo yam ndiyibhekise kuThixo, Owenza izinto ezinkulu ezingenakugocwagocwa, Imisebenzi ebalulekileyo engenakubalwa;
”Ukuba uthe wamfuna ngenkuthalo uThixo wena, Watarhuzisa kuSomandla;
”Ukuba uthe wena wabhekisa intliziyo yakho kuye, Wazolulela izandla zakho kuye:
”Biza ke, ndisabele mna; Mhlawumbi ndithethe, undiphendule.
”Wothandaza kuye, eve, Uzizalise izibhambathiso zakho;
”Bandula bakhale, angaphenduli, Ngenxa yekratshi labanobubi. Hayi, yona into ekhohlakeleyo akayiva uThixo, USomandla akayikhathalele.
”UYehova wakubuyisa ukuthinjwa kukaYobhi, akubon ukuba ubathandazele oowabo. Wakongeza uYehova konke awayenako uYobhi, kwada kwaphindwa kabini.
”Ndidanduluka kuYehova ngezwi lam, Andiphendule entabeni yakhe engcwele. (Phakamisani.)
”Kumongameli wokubethelwa izinto ezineentambo. Umhobe kaDavide. Ekudandulukeni kwam ndiphendule, Thixo wobulungisa bam; Embandezelweni yam wandenzela indawo ebanzi; Ndibabale, uwuve umthandazo wam.
”Kumongameli: ngogwali. Umhobe kaDavide. Wabekele indlebe amazwi am, Yehova, Kuqonde ukucamanga kwam. Libazele indlebe izwi lokuzibika kwam, Kumkani wam, Thixo wam; Ngokuba ndithandaza kuwe. Yehova, uya kuliva izwi lam kwakusasa, Kwakusasa ndiya kuwusingisa kuwe umthandazo wam, ndibonisele.
”Bakholose ngawe abalaziyo igama lakho; Ngokuba akubashiyanga abakuquqelayo wena, Yehova.
”Ongendawo ngobuchi bakhe uthi, Akasayi kubuza. Yonke iminkqangiyelo yakhe ithi, Akukho Thixo.
”Umthandazo kaDavide. Buve, Yehova, ubulungisa; kubazele indlebe ukuhlahlamba kwam; Wubekele indlebe umthandazo wam, ongengamlomo ukhohlisayo.
”Mna ndinqula wena, ngokuba undiphendula, Thixo; Ndithobele indlebe yakho, kuve ukuthetha kwam.
”Ekubandezelekeni kwam ndanqula uYehova, Ndazibika kuThixo wam; Waliva etempileni yakhe izwi lam, Ukuzibika kwam kwafika phambi kwakhe ezindlebeni zakhe.
”Ndinyathelise enyanisweni yakho, undifundise; Ngokuba unguThixo ongumsindisi wam; Ndithembe wena yonke imihla.
”Ndicele nto-nye kuYehova, ndifuna yona: Ukuba ndihlale endlwini kaYehova yonke imihla yobomi bam, Ndibone ubuhle bukaYehova, ndiphicothe etempileni yakhe.
”Yiva, Yehova, ndakubiza ngezwi lam; Ndibabale, undiphendule. Intliziyo yam ithi kuwe, kweli uthi, Funani ubuso bam, Ubuso bakho, Yehova, ndiya kubufuna.
”Thembela kuYehova; Yomelela, ikhaliphe intliziyo yakho, Uthembele kuYehova.
”EkaDavide. Ndidanduluka kuwe, Yehova; Liwa lam, musa ukuzenza isithulu; Hleze, wakuthi cwaka kum, Ndifane nabahla baye emhadini. Yiva izwi lokukhunga kwam ekuzibikeni kwam kuwe, Ekuziphakamiseleni kwam izandla zam kwingcwele kangcwele.
”Kumongameli. Umhobe kaDavide. Ndizimela ngawe, Yehova, mandingaze ndidaniswe; Ndisize ngobulungisa bakho. Ndithobele indlebe yakho, ungxame undihlangule; Yiba liliwa eliligwiba kum, Indlu yemboniselo yokundisindisa.
”Ndamfuna uYehova, wandiphendula; Wandihlangula kwiinto zonke endinxunguphala zizo. Babheka kuye, bakhazimla; Ubuso babo ababa nazintloni. Usizana lwadanduluka, weva uYehova, Walusindisa ezimbandezelweni zalo zonke. Isithunywa sikaYehova sibangqinga ngeenxa zonke abamoyikayo, Sibahlangule. Yivani, nibone ukuba ulungile uYehova. Hayi, uyolo lomfo ozimela ngaye!
”Amehlo kaYehova akumalungisa, Iindlebe zakhe zisekuzibikeni kwawo. Ubuso bukaYehova bujonge abenzi bokubi, Ukuba akunqumle ehlabathini ukukhunjulwa kwabo. Akhala, weva uYehova; Wawahlangula ezimbandezelweni zawo zonke. Usondele uYehova kwabantliziyo zaphukileyo, Abasindise abamoya utyumkileyo.
”Ndiya kubulela kuwe ebandleni elikhulu, Ebantwini abaninzi ndiya kukudumisa.
”Yithi cwaka kuYehova, ulindele kuye; Musa ukuzivuthisa ngomsindo ngonempumelelo ngendlela yakhe, Ngomntu ofeza amayelenqe.
”Yiva umthandazo wam, Yehova, Kubekele indlebe ukuzibika kwam. Musa ukuthi tu ezinyembezini zam; Ngokuba ndingumphambukeli kuwe, Undwendwe, njengoobawo bonke.
”Kumongameli. Umhobe kaDavide. Ndathembela, ndithembele kuYehova, Wathoba, wakuva ukuzibika kwam.
”Yehova, Thixo wam, wena wenze okuninzi ngemisebenzi yakho ebalulekileyo, Nangeengcinga zakho kuthi; Akukho nto inokulinganiswa nawe; Okanye bendiya kuyixela, ndithethe ngayo; Ke ziyinkohla engenakubalwa.
”Mababe nemihlali bavuye ngawe bonke abakufunayo, Abaluthandayo usindiso lwakho bahlale besithi, Makenziwe mkhulu uYehova. Mna ke ndilusizana, ndilihlwempu; INkosi iya kundikhumbulela. Umncedi wam nomsindisi wam nguwe; Thixo wam, musa ukulibala.
”Emini uYehova uya kuyiwisela umthetho inceba yakhe, Nasebusuku ukuvuma ngaye kunam, Ukuthandaza kuThixo wobomi bam.
”Yekani, nazi ukuba ndinguThixo mna. Ndiya kuphakanyiswa ezintlangeni, ndiya kuphakanyiswa ehlabathini. UYehova wemikhosi unathi, Ingxonde yethu nguThixo kaYakobi. (Phakamisani.)
”Bingelela kuYehova umbulelo, Uzizalise kOsenyangweni izibhambathiso zakho; Ubize mna ngemini yembandezelo, Ndikuhlangule, undizukise.
”Uyabona, ufuna inyaniso ezintsweni, Esitheni undazisa ubulumko.
”Kumongameli. Eyokubethelwa ngezinto ezineentambo. Eyokuqiqa: ekaDavide. Wubekele indlebe umthandazo wam, Thixo, Musa ukuzifihla esikhungweni sam.
”Mna ndinqula uThixo; UYehova uya kundisindisa. Ngokuhlwa, nakusasa, nasemini enkulu ndiya kucamngca, ndincwine; Uya kuliva izwi lam.
”Umthwalo wakho wulahlele kuYehova; yena wokuzimasa; Akayi kuliyekela ilungisa lishukunyiswe naphakade.
”Mandla am, ndiva kulindela kuwe; Ngokuba uThixo uyingxonde yam. UThixo wam uya kundikhawulela ngenceba yakhe; UThixo uya kundibonisa abandilaleleyo.
”Kumongameli; eyokubethelwa ngezinto ezineentambo. EkaDavide. Kuve, Thixo, ukuhlahlamba kwam; Wubazele indlebe umthandazo wam. Ndidanduluka kuwe ndisesiphelweni sehlabathi, ekutyhafeni kwentliziyo yam; Ndikhaphele eweni elisemalengalengeni kum.
”Kumongameli. KuYedutun. Umhobe kaDavide. Uthozamele kuThixo kwaphela umphefumlo wam; Kuvela kuye ukusindiswa kwam. Nguye kwaphela iliwa lam, umsindisi wam, Ingxonde yam; andiyi kushukunyiswa kakhulu.
”Thozamela kuThixo yedwa, mphefumlo wam, Ngokuba livela kuye ithemba lam. Nguye kwaphela iliwa lam, umsindisi wam, Ingxonde yam; andiyi kushukunyiswa. KunoThixo ukusindiswa kwam nozuko lwam; Iliwa lokunqaba kwam nehlathi lam likuThixo. Kholosani ngaye ngamaxesha onke, nina bantu; Phalazani intliziyo yenu phambi kwakhe. UThixo ulihlathi kuthi. (Phakamisani.)
”Umhobe kaDavide: oko ebesentlango yakwaYuda. Thixo, unguThixo wam, ndiya kukuquqela kwakusasa, Umphefumlo wam unxanele wena; inyama yam iyakulangazelela Ezweni elingumqwebedu, elibharhileyo, eligenamanzi.
”Ndadanduluka kuye ngomlomo wam; Kwaye ukubonga kuphantsi kolwimi lwam. Ukuba bendisekeleze ubutshinga ngentliziyo yam, INkosi yam ibingayi kuphulaphula. Hayi ke, uThixo uphulaphule, Ulibazele indlebe ilizwi lomthandazo wam. Makabongwe uThixo, Yena ungawugxothanga umthandazo wam, Nobubele bakhe kum.
”Ndidiniwe kukudanduluka; womile umqala wam; Aphelile amehlo am; mna ndilindele kuThixo.
”Bebona abalulamileyo, bovuya; Nina bamquqelayo uThixo, intliziyo yenu mayiphile.
”Kumongameli; ngethi, Ungonakalisi. Umhobe ka-Asafu. Ingoma. Siyabulela kuwe, Thixo, siyabulela; Lisondele igama lakho; Babalisa imisebenzi yakho ebalulekileyo.
”Kumongameli. KuYedutun. Eka-Asafu. Umhobe. Izwi lam lisingisa kuThixo, ndikhala; Izwi lam lisingisa kuThixo, ukuba andibekele indlebe. Ngemini yokubandezelwa kwam ndiquqela eNkosini yam; Isandla sam solukile ebusuku, asaqoba; Awavuma ukuthuthuzeleka umphefumlo wam.
”Mandive oko aya kukuthetha uThixo, uYehova; Hayi, uthetha uxolo kubantu bakhe nakwabakhe benceba; Mabangabuyeli ke ekunyabeni kwabo.
”Wubekele indlebe umthandazo wam, Yehova, Ulibazele indlebe izwi lokutarhuzisa kwam. Ngemini yokubandezelwa kwam ndinqula wena, Ngokuba uya kundiphendula.
”Ingoma; umhobe woonyana bakaKora; kumongameli; ngosizi, ngelidambileyo. Owokuqiqa kaHeman umEzra. Yehova, Thixo ongumsindisi wam, Mhlenikweni ndikhalayo ebusuku phambi kwakho, Mawuze phambi kwakho umthandazo wam; Thoba indlebe yakho ekuhlahlambeni kwam.
”Ke mna, Yehova, ndizibika kuwe, Kwakusasa umthandazo wam wokuhlangabeza.
”Sazise kanye ukuyibala imihla yethu, Ukuze sizuze intliziyo elumkileyo.
”Ohleli esitheni lOsenyangweni, Azilalise emthunzini kaSomandla,
”Wondibiza, ndiphendule, Ndoba naye embandezelweni; Ndomhlangula, ndimzukise;
”Umhobe; ingoma, ngemini yesabatha. Kulungile ukubulela kuYehova, Nokulibethela uhadi igama lakho, Wena usenyangweni; Ukuyixela kwakusasa inceba yakho, Nokunyanisa kwakho ebusuku,
”Yizani, masiqubude, siguqe, Sithobe phambi koYehova umenzi wethu. Ngokuba nguThixo wethu yena, Thina ke singabantu bokwaluswa nguye, nezimvu zesandla sakhe. Namhla, ukuba ninokuliva izwi lakhe, Musani ukuyenza lukhuni intliziyo yenu, njengaseMeribha, Njengemini yaseMasa entlango;
”Umthandazo wolusizana xa atyhafileyo, ephalaza iinkalazo zakhe phambi koYehova. Yehova, wuve umthandazo wam, Kufike kuwe ukuzibika kwam. Musa ukubusithelisa ubuso bakho kum ngemini yokubandezelwa kwam, Ndithobele indlebe yakho; Ngemini endidanduluka ngayo khawuleza undiphendule.
”Uwubhekile umthandazo wabachushuluzayo, Akawudela umthandazo wabo.
”Qhayisani ngegama lakhe elingcwele; Mayivuye intliziyo yabamquqelayo uYehova. Ngxamelani uYehova namandla akhe; Funani ubuso bakhe ngamaxesha onke.
”Amadolo am ayagexa kukuzila ukudla, Nenyama yam ibhityile, tu ukutyeba.
”Ndiyamthanda, ngokuba uYehova eliva Ilizwi lam, ukutarhuzisa kwam. Ngokuba endithobele indlebe yakhe, Ndiya kumnqula ngemihla yam yonke. Izintya zokufa zandijikela, Iingxingongo zelabafileyo zandifumana, Ndafunyanwa ziimbandezelo nesingqa la. Ndanqula ke igama likaYehova, ndathi, Yehova, ndiya kukhunga, siza umphefumlo wam.
”Ndiya kubingelela kuwe umbingelelo wombulelo, Ndinqule igama likaYehova.
”Ndabiza uYehova ndisengxingongweni; Wandiphendula uYehova, wandibeka endaweni ebanzi.
”Ndiyabulela kuwe kuba undiphendule, Waba lusindiso kum.
”Hayi, uyolo lwababambe izingqiniso zakhe, Abamquqelayo ngentliziyo epheleleyo!
”Ndiya kuquqela kuwe ngentliziyo yam yonke; Musa ukundilahlekanisa nemithetho yakho.
”Ndikhala ngentliziyo yonke, ndiphendule; Yehova, imimiselo yakho ndiya kuyibamba. Ndikhala kuwe, ndisindise, Ndigcine izingqiniso zakho. Ndakuphangela ukusa, ndazibika, Ndalindela emazwini akho. Amehlo am aphengela imilindo yasebusuku, Ukuze ndicamngce ngentetho yakho. Live ilizwi lam ngokwenceba yakho, Yehova, ndiphilise ngokwamasiko akho.
”Ingoma yezinyuko. Ezinzulwini ndinqula wena, Yehova, Nkosi, yiva ilizwi lam. Iindlebe zakho mazilibazele Ilizwi lokutarhuzisa kwam.
”Ndithembele kuYehova, uthembile umphefumlo wam; Ndilinde ilizwi lakhe. Umphefumlo wam ulindele eNkosini Ngaphezu kwabalinde ukusa, Ewe, abalinde ukusa.
”Bulelani kuYehova, ngokuba elungile: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.
”Bulelani kuThixo woothixo: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.
”Bulelani kuNkosi kankosi: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.
”Umhobe kaDavide. Yehova, ndiyakunqula, khawuleza uze kum; Libekele indlebe izwi lam ekudandulukeni kwam kuwe. Umthandazo wam mawuhlale uhleli phambi kwakho usisiqhumiso, Nokuphakamisa kwam izandla kube ngumnikelo wangokuhlwa.
”Eyokuqiqa kaDavide; oko ebesemqolombeni. Umthandazo. Ndikhala kuYehova ngezwi lam, Ndikhunga uYehova ngezwi lam, Ndiphalaza inkalazo yam phambi kwakhe, Ndixela imbandezelo yam phambi kwakhe.
”Umhobe kaDavide. Yehova, yiva umthandazo wam, kubekele indlebe ukutarhuzisa kwam; Ndiphendule ngokunyaniseka kwakho, ngobulungisa bakho.
”Amehlo eento zonke akhangele kuwe, Wena ke uzinika ukudla kwazo ngexesha elililo; Uyasivula isandla sakho, Uzihluthise iinto zonke eziphilileyo ngeento ezikholekileyo. Ulilungisa uYehova ngeendlela zakhe zonke, Unenceba ngezenzo zakhe zonke. Usondele uYehova kubo bonke abamnqulayo, Kubo bonke abamnqulayo ngenyaniso. Uyayenza into ekholekileyo kwabamoyikayo, Akuve ukuzibika kwabo, abasindise.
”Baya kwandula bandibize, ndingaphenduli, Bandifune kwakusasa, bangandifumani; Ngethuba lokuba bakuthiyile ukwazi, Abakunyula ukoyika uYehova; Abalivuma icebo lam, Basigiba sonke isohlwayo sam:
”Abandithandayo ndiyabathanda nam; Nabandifunayo kwakusasa bayandifumana.
”Osusa indlebe yakhe ekusiphulaphuleni isiyalo, Kwanomthandazo wakhe ulisikizi.
”Musa ukungxama ngomlomo wakho, intliziyo yakho ingaphangi ikhuphe ilizwi phambi koThixo; ngokuba uThixo usemazulwini, ke wena usehlabathini; ngenxa yoko amazwi akho makabe mancinane.
”Ukuthwasa kweenyanga zenu, namaxesha enu amisiweyo, umphefumlo wam uwathiyile; asuka aba bubunzima kum; ndidiniwe kukuwathwala. Ekoluleni kwenu izandla zenu, ndiya kuwafihla amehlo am kuni; nokuba nandise ukuthandaza, andiyi kuva; izandla zenu zizele ngamagazi. Zihlambeni, ziqaqambiseni; susani ububi beentlondi zenu phambi kwamehlo am;
”Ndiya kulindela kuYehova, lo ubusithelisayo ubuso bakhe kwindlu kaYakobi, ndithembele kuye.
”Nangomphefumlo wam ndakunqwenela ebusuku; inene, ngomoya wam phakathi kwam ndakufuna kwakusasa; ngokuba xenikweni imigwebo yakho ibhekiswe ehlabathini, baya kufunda ubulungisa abemi belimiweyo.
”Ngokuba abantu aba baya kuhlala eZiyon, eYerusalem; aniyi kuba sabuya nilile; uya kunibabala ngenene ekuvakaleni kokukhala kwenu; akukuva, uya kusabela.
”ke bona abathembele kuYehova baya kuhlaziyeka emandleni; banyuke ngamaphiko njengeenkozi. Baya kugidima bangadinwa, bahambe bangatyhafi.
”Funani uYehova esenokufunyanwa; mbizeni esekufuphi.
”ndobazisa entabeni yam engcwele, ndibavuyise endlwini yam yokuthandaza; amadini abo anyukayo nemibingelelo yabo yokholiseka esibingelelweni sam; kuba indlu yam kuya kuthiwa yindlu yokuthandaza ezizweni zonke.
”Into enjalo ingaba kukuzila endikunyulileyo na? Ingaba ngumhla wokuba umntu awuthobe umphefumlo wakhe na? Ukuthokombisa intloko yakhe njengomzi andlale ezirhwexayo nothuthu, oko ukubiza ngokuthi kukuzila na? Ngumhla okholekileyo na kuYehova? Ukuzila endikunyulileyo asikoku na: ukucombulula iziqamangelo zokungendawo, ukukhulula izitropu zeedyokhwe, ukundulula abavikivekileyo bekhululekile, naphule zonke iidyokhwe?
”Bubugwenxa benu obunahlukanisileyo noThixo wenu, zizono zenu ezibusithelisileyo ubuso bakhe kuni, ukuba angevi.
”Ndangxokeka kwababengandibuzi, ndafumaneka kwababengandifuni. Ndathi, Ndikho, ndikho, kuhlanga obelungabizwa ngegama lam.
”Kuya kuthi bengekabizi, ndisabele; besathetha, ndibe sendivile.
”Ngako oko utsho uYehova ukuthi, Yabona, ndibazisela ububi abangayi kuba nako ukuphuma kubo; bakhale kum, ndingabaphulaphuli. Iya kuhamba ke imizi yakwaYuda nabemi baseYerusalem, bakhale koothixo abaqhumisela kubo, bangabasindisi nokubasindisa ngexesha lobubi babo.
”Ngokuba ndiyazazi iingcinga endizicingayo ngani, utsho uYehova: iingcinga zoxolo, ezingezizo ezobubi; ukuba ndininike ikamva nethemba. Niya kundinqula, nize nithandaze kum, ndiniphulaphule. Niya kundifuna, nindifumane, xa nithe nandifuna ngentliziyo yenu yonke; ndifumaneke kuni; utsho uYehova. Ndiya kukubuyisa ukuthinjwa kwenu, ndinibuthe ezintlangeni zonke, nasezindaweni zonke endanigxothela kuzo, utsho uYehova;
”Ndinqule, ndikuphendule, ndikuxelele izinto ezinkulu ezinqabileyo, ongazaziyo.
”Yiya wena, uwalese encwadini esongwayo, leyo uyibhalileyo, ephuma emlonyeni wam, amazwi kaYehova, ezindlebeni zabantu endlwini kaYehova ngomhla wokuzila ukudla; uwalese nasezindlebeni zamaYuda onke, avela emizini yawo. Mhlawumbi ukutarhuzisa kwabo kungawa phambi koYehova, babuye elowo endleleni yakhe embi; ngokuba mkhulu umsindo nobushushu, abuthethileyo uYehova ngaba bantu.
”Ngaloo mihla nangelo xesha, utsho uYehova, baya kuza oonyana bakaSirayeli kunye noonyana bakaYuda, behamba belila, baye bamquqele uYehova uThixo wabo. Baya kubuza iZiyon, babheke khona, besithi, Yizani, nithelele kuYehova ngomnqophiso ongunaphakade ongayi kulityalwa.
”UYehova ulungile kwabathembele kuye, kumphefumlo omquqelayo. Kulungile ukuba umntu alulindele, ethe cwaka, usindiso lukaYehova.
”Masizinyuse iintliziyo zethu kunye nezandla zethu, sizise kuThixo emazulwini.
”Wathi kum, Ubonile na, nyana womntu? Usaya kubuya ubone amasikizi awenzayo amakhulu kunala. Wandisa entendelezweni ephakathi yendlu kaYehova: nanko, ekungeneni etempileni kaYehova, phakathi kwevaranda nesibingelelo, kukho amadoda angathi angamashumi amabini anamahlanu, eyinikele umva itempile kaYehova, ubuso bawo bubheke empumalanga; aqubuda kwilanga, ebheke empumalanga. Wathi kum, Ubonile na, nyana womntu? Kuncinane na kwindlu kaYuda ukuwenza la masikizi bawenzayo apha, ukuba ke balizalise ilizwe nangogonyamelo, babuye bandiqumbise? Nabo, besisa isebe lomdiliya emathatheni abo. Nam ndiya kwenza ngobushushu; aliyi kuba nanceba iliso lam, ndibaconge; nokuba badanduluke ezindlebeni zam ngezwi elikhulu, andiyi kubeva.
”Yena uyawaguqula ke amaxesha neminyaka; uguzula ookumkani, amise ookumkani; unika ubulumko kwizilumko, unika ukwazi kwabakwaziyo ukuqonda. Yena utyhila izinto ezinzulu nezisitheleyo; uyakwazi okusebumnyameni, ukukhanya kuhleli kuye. Ndiya kubulela, Thixo woobawo, ndikuncoma, kuba undinike ubulumko nobugorha, wandazisa kalokunje oko sibe sikucela kuwe; ngokuba usazisile ngokunje le nto yokumkani.
”Bonke abongameli bobukumkani, nabathetheli bomkhosi, neerhuluneli, namaphakathi, namabamba, bavumelene ngecebo lokuba ukumkani amise ummiselo, aqinise isalelo sokuthi: Bonke abathandaza umthandazo nakongubani, uthixo nomntu, ongenguwe, kumkani, ngeentsuku ezimashumi mathathu, mabajulelwe emhadini weengonyama. Kaloku ke, kumkani, siqinise isalelo, uwubhale umbhalo, ongenakuguqulwa wona, ngokomthetho wamaMedi namaPersi, ongenakutshitshiwa bani. Ngenxa yoko ukumkani uDariyo wawubhala umbhalo lowo, isalelo eso.
”Ke kaloku uDaniyeli, akwazi ukuba umbhalo lowo ubhaliwe, wangena endlwini yakhe; ibe neefestile zivulekile egumbini lakhe eliphezulu, elikhangele eYerusalem. Waguqa ngamadolo akhe izihlandlo ezithathu ngemini, wathandaza, wabulela phambi koThixo wakhe, ngenxa enokuba ebesenjenjalo kakade. Aza adlongoza la madoda, amfumana uDaniyeli ethandaza, etarhuzisa phambi koThixo wakhe. Ezo asondela, athetha phambi kokumkani ngesalelo sokumkani, athi, Akusibhalanga na isalelo sokuthi: Bonke abathandaza nakongubani, uthixo nomntu, ongenguwe, kumkani, ngeentsuku ezimashumi mathathu, mabajulelwe emhadini weengonyama? Waphendula ukumkani wathi, Loo nto iqinisekile ngokomthetho wamaMedi namaPersi, ongenakutshitshiswa bani wona. Aza aphendula athi phambi kokumkani, UDaniyeli, ongowakoonyana abathinjiweyo bakwaYuda, akakhathali nguwe, kumkani, nasesi salelo usibhalileyo; ke uthandaza umthandazo wakhe kathathu ngemini.
”Ndabubhekisa ubuso bam kwiNkosi yam uThixo, ukuba ndifune imithandazo nezitarhuziso, ndizila ukudla, ndinezirhwexayo nothuthu. Ndathandaza ke kuYehova uThixo wam, ndavuma ndathi, Awu! Nkosi, Thixo omkhulu owoyikekayo, obagcinela umnqophiso nenceba abo bamthandayo, bayigcinayo imithetho yakhe, sonile, senze ngobugwenxa, senze okungendawo; sigwilikile, siphambukile emithethweni yakho, nasemasikweni akho.
”Kaloku ke, Thixo wethu, kuphulaphule ukuthandaza komkhonzi wakho, nokutarhuzisa kwakhe, ubukhanyise ubuso bakho phezu kwengcwele yakho elinxuwa, ngenxa yeNkosi. Thoba indlebe yakho, uve. Vula amehlo akho, ubone ukuphanza kwethu, nomzi lowo ubizwa ngegama lakho. Ngokuba akungangenxa yemisebenzi yethu yobulungisa esiwisa ukutarhuzisa kwethu phambi kwakho; kungenxa yeemfesane zakho ezininzi. Nkosi, yiva; Nkosi, xolela; Nkosi, baza iindlebe, wenze. Ngenxa yakho, Thixo wam, musa ukulibala; kuba umzi wakho nabantu bakho babizwa ngegama lakho.
”Ndathi ndisathetha, ndithandaza, ndivuma isono sam, nesono sabantu bakowethu amaSirayeli, ndiwisa ukutarhuzisa kwam phambi koYehova uThixo wam, ngenxa yentaba engcwele yoThixo wam: ndisathetha ke ngokuthandaza, indoda enguGabriyeli, leyo ndayibonayo embonweni ekuqaleni, ndityhafile nokutyhafa, yasondela kum ngexesha lomnikelo wangokuhlwa. Yandiqondisa, yathetha nam, yathi, Daniyeli, ngoku ndiphumile ukuba ndikufundise, uqonde. Kwaphuma ilizwi ekuqaleni kokutarhuzisa kwakho; mna ndize kulixela kuwe, ngokuba ungonqwenelekayo. Liqonde ke ilizwi, uqonde umbono.
”Ngayo loo mihla mna, Daniyeli, bendisenza isijwili iintsuku zonke zeeveki ezintathu. Andidlanga sonka sinencasa, akungenanga nyama nawayini emlonyeni wam, andizithambisanga, zada zazaliseka iintsuku zonke zeeveki ezintathu.
”Ndeva naso isandla sindichukumisa, sandimisa ngamadolo am nangeentende zezandla zam ezihexayo. Yathi kum, Daniyeli, ndoda inqwenelekayo, waqonde amazwi endiwathetha kuwe, ume endaweni yokuma kwakho; kuba ndithunyiwe ngokunje kuwe. Ithe yakulithetha kum elo lizwi, ndesuka ndema ndithuthumela. Yathi kum, Musa ukoyika, Daniyeli, kubakususela kumhla wokuqala, owayinikelayo intliziyo yakho ekuqondeni nasekuzithobeni phambi koThixo wakho, aviwa amazwi akho, mna ke ndize ngenxa yamazwi akho. Ke umthetheli wobukumkani bamaPersi wamelana nam imihla engamashumi amabini anamnye; uyabona, uMikayeli, omnye wakubathetheli abaziintloko, weza kundinceda; mna ndamoyisa khona, kookumkani bamaPersi. Ndize kukuqondisa ke okuya kubahlela abantu bakowenu ekupheleni kwemihla; kuba umbono lo usengowemihla leyo. Ithe ekuthetheni kwayo nam ngokwala mazwi, ndabubhekisa ubuso bam emhlabeni, ndasisidenge.
”Ndiya kuhamba ndibuyele endaweni yam, bade beve benetyala, babufune ubuso bam. Ekubandezelekeni kwabo baya kundifuna benyamekile; bathi:
”Ngcwalisani uzilo, memani ingqungquthela, hlanganisani amadoda amakhulu, bonke abemi belizwe, beze endlwini kaYehova uThixo wenu, nikhale kuYehova.
”Nangoku ke, utsho uYehova ukuthi, Buyelani kum ngentliziyo yenu yonke, nangokuzila, nangokulila, nangokumbambazela; nikrazule intliziyo yenu, ingabi ziingubo zenu, nibuyele kuYehova uThixo wenu; kuba unobabalo nemfesane, yena uzeka kade umsindo, unenceba enkulu, uyazohlwaya ngenxa yobubi.
”UYona wathandaza kuYehova uThixo wakhe embilinini wentlanzi, wathi, Ndakhala kuYehova ndisembandezelweni, Wandiphendula; Ndazibika ndisesiswini selabafileyo, Waliva wena ilizwi lam.
”Ekutyhafeni komphefumlo wam ngaphakathi kwam, ndakhumbula uYehova: Wafika kuwe umthandazo wam etempileni yakho engcwele.
”Amadoda aseNineve akholwa kuThixo, amema uzilo, ambatha ezirhwexayo, ethabathela kwabakhulu bawo, esa kwabancinane bawo. Lafika ilizwi elo kukumkani waseNineve; wesuka etroneni yakhe, wayisusa wayibeka phantsi ingubo yakhe ende, wazigubungela ngezirhwexayo, wahlala phantsi eluthuthwini. Wathi, makudandulukwe kutshiwo eNineve ngomthetho wokumkani nezikhulu zakhe, ukuthi: Umntu nempahla enkulu, iinkomo nempahla emfutshane, mazingevi nento; mazingadli, mazingaseli namanzi; maze azigubungele ngezirhwexayo umntu nempahla enkulu, akhale kuThixo ngokunamandla, abuye elowo endleleni yakhe embi, elugonyamelweni olusezandleni zakhe. Ngubani na owaziyo ukuba akangebuyi kanti azohlwaye uThixo, abuye ekuvutheni komsindo wakhe, ukuze singabhubhi? UThixo wazibona izenzo zabo, ukuba babuyile ezindleleni zabo ezimbi; uThixo wazohlwaya ngenxa yobubi, abethe uya kubenza kubo; akabenza.
”Baya kwandula bakhale kuYehova, angabaphenduli: asuke abusithelise ubuso bakhe kubo ngelo xesha, njengoko bazenze zambi iintlondi zabo.
”Mna ke ndiya kuqwalasela kuYehova; ndiya kulindela kuThixo wokusindiswa kwam; uya kundiva uThixo wam.
”Funani uYehova, nonke balulamileyo belizwe, bakwenzileyo okusesikweni kwakhe; funani ubulungisa, funani ululamo, mhlawumbi nositheliswa ngemini yomsindo kaYehova.
”Thetha kubantu bonke belizwe eli, nakubabingeleli, uthi, Oko benizila ukudla, nilila, ngenyanga yesihlanu nangeyesixhenxe, iminyaka ke engamashumi asixhenxe, ukuzila oko benizilela mna na?
”Baya kuhamba abemi bomnye baye komnye, bathi, Masihambe siye kumbongoza uYehova, simquqele uYehova wemikhosi; bathi abo, Siya kuhamba nathi. Izizwe ezininzi neentlanga ezinamandla ziya kuza kumquqela uYehova wemikhosi eYerusalem, zimbongoze uYehova.
”Ndosizisa emlilweni esesithathu, ndibanyibilikise njengokunyibilikiswa kwesilivere, ndibacikide njengokucikidwa kwegolide. Bona baya kunqula igama lam, ndibaphendule mna; ndiya kuthi, Ngabantu bam bona; bathi bona, Yehova, unguThixo wethu.
”Uthe akuba ezile ukudla iimini ezimashumi mane nobusuku obumashumi mane, ekupheleni kwazo walamba.
”Ke mna ndithi kuni, Zithandeni iintshaba zenu, basikeleleni abo baniqalekisayo, benzeleni okulungileyo abo banithiyayo, nibathandazele abo banigxekayo banitshutshise;
”Naxa sukuba uthandaza, uze ungabi njengabahanahanisi; ngokuba bethanda ukuthandaza bemi ezindlwini zesikhungu nasezimbombeni zezitrato, ngokokuze babe nokubonwa ngabantu. Inene ndithi kuni, Bawufincile umvuzo wabo. Ke wena, xa sukuba uthandaza, ngena egumbini lakho, uthi, uluvalile ucango lwakho, uthandaze kuYihlo osemfihlekweni; aze noYihlo obona emfihlekweni akubuyisele ekuhleni. Nithandaza njalo ke, maningenzi milembelele ingeyanto, njengabeentlanga; kuba beba boviwa ngenxa yamazwi abo amaninzi. Ngoko maningafani nabo; kuba ekwazi uYihlo enikusweleyo, ningekamceli.
”Thandazani ngoko nina nenjenje: Bawo wethu osemazulwini, malingcwaliswe igama lakho. Mabufike ubukumkani bakho. Makwenziwe ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengokuba kusenziwa emazulwini. Siphe namhla isonka sethu semihla ngemihla. Usixolele amatyala ethu, njengokuba nathi sibaxolela abo banamatyala kuthi. Ungasingenisi ekulingweni, sihlangule enkohlakalweni. Ngokuba bubobakho ubukumkani, namandla, nozuko, kuse kuwo amaphakade. Amen.
”Xa sukuba ke nizila ukudla, maningabi njengabahanahanisi, bona bamatshekileyo; kuba babenza bubi ubuso babo, ukuze babonakale ebantwini ukuba bazilile. Inene ndithi kuni, Bawufincile umvuzo wabo. Ke wena, wakuzila, yithambise intloko yakho, ubuhlambe ubuso bakho, ukuze ungabonakali ebantwini ukuba uzilile, ubonakale kuYihlo osemfihlekweni; aze uYihlo obona emfihlekweni akubuyisele ekuhleni.
”Musani ukuxhala ngoko, nisithi, Sodla ntoni na, sosela ntoni na, siya kwambatha ntoni na? Kuba zonke ezo zinto zingxanyelwe ziintlanga; kuba uYihlo wasemazulwini uyazi ukuba ezo zinto zonke ziyafuneka kuni. Funani ke tanci ubukumkani bukaThixo nobulungisa bakhe, zaye zonke ezo zinto ziya kongezelelwa kuni.
”Celani, nophiwa; funani, nofumana; nkqonkqozani, novulelwa; kuba wonke umntu ocelayo uyazuza, nalowo ufunayo uyafumana, nalowo unkqonkqozayo uya kuvulelwa. Nguwuphi na umntu kuni ongathi, ukuba unyana wakhe uthe wacela isonka, amnike ilitye? Athi, ukuba uthe wacela intlanzi, amnike inyoka? Ukuba ngoko nina, nikhohlakele nje, niyakwazi ukubapha abantwana benu izipho ezilungileyo, wobeka phi na yena uYihlo osemazulwini ukugqithisela ngokubapha okulungileyo abo bamcelayo?
”Baza bafika kuye abafundi bakaYohane, besithi, Kungani na ukuba sizile ukudla kaninzi, thina nabaFarisi, kanti bona abafundi bakho abakuzili? Wathi uYesu kubo, Banako yini na abegumbi lomtshakazi ukukhedama, lo gama umyeni asenabo? Kodwa kuya kufika mihla awothi asuswe kubo umyeni, bandule ke ukuzila.
”Ngelo xesha waphendula uYesu wathi, Ndiyabulela kuwe, Bawo, Nkosi yamazulu nehlabathi, ngokuba ezi zinto wazifihlayo kwizilumko nakwiingqondi, wazityhilela iintsana;
”Ezindulule ke izihlwele, wenyuka intaba ngasese, ukuba athandaze. Kwahlwa ke ekhona apho yedwa.
”Kanjalo ndithi kuni, Ukuba ababini kuni bathe bavumelana emhlabeni apha ngeendawo zonke abangazicelayo, bozenzelwa nguBawo osemazulwini. Kuba apho bahlanganisene khona egameni lam, nokuba babini nokuba bathathu, ndikho mna apho phakathi kwabo.
”Waphendula ke uYesu wathi kubo, Inene, ndithi kuni, ukuba nithe nanokholo, anathandabuza, anisayi kwenza le nto yomkhiwane yodwa; kosuka, nokuba nithe kule ntaba, Thabatheka uphoseke elwandle, kwenzeke. Neento zonke enithe nazicela ekuthandazeni nikholwa, nozamkela.
”Wayithabatha nendebe, wabulela, wabanika, esithi, Selani kuyo nonke;
”Ngelo xesha, ufika uYesu nabo kumhlatyana ekuthiwa yiGetsemane; athi kubafundi, Hlalani phantsi apha, ndikhe ndiye kuthandaza phaya. Wathabatha uPetros noonyana bobabini bakaZebhedi, waqala ukuba buhlungu nokudandatheka kakhulu. Aze athi kubo, Umphefumlo wam ubuhlungu kakhulu, ngokokude ube sekufeni; hlalani apha nilinde nam. Waza, ehambele phambili umganyana, wawa ngobuso bakhe, wathandaza, esithi, Bawo, ukuba kunokwenzeka, mayidlule kum le ndebe; noko makungabi njengokuthanda kwam, makube njengokuthanda kwakho. Uyeza kubafundi, abafumane belele, athi kuPetros, Ninje na ukungabi nako ukulinda nam nexa elinye? Lindani nithandaze, ukuze ningangeni ekuhendweni; umoya wona okunene unentumekelelo, ke yona inyama ithambile. Wabuya wemka okwesibini, wathandaza, esithi, Bawo, ukuba ayinako le ndebe ukudlula kum ndingathanga ndiyisele, makwenzeke ukuthanda kwakho.
”Lasuka ikhuselo lengcwele lakrazuka kubini, lithabathele phezulu lada lesa phantsi; umhlaba wanyikima, namawa acandeka,
”Uthe kusasa, kusemnyama kakhulu, wavuka, waphuma waya endaweni eyintlango, wathandaza khona apho.
”Baye abafundi bakaYohane nababaFarisi bezila ukudla; beze bathi kuye, Kungani na ukuba abafundi bakaYohane nababaFarisi bazile ukudla, kanti ke abakho abafundi abakuzili bona? Wathi uYesu kubo, Banako yini na abegumbi lomtshakazi ukuzila ukudla, xa anabo umyeni? Lo gama wonke asekubo umyeni, abanako ukuzila ukudla. Ke kofika mihla awoza asuswe kubo umyeni; baya kwandula ke ukuzila ngaloo mihla.
”Akuba ebulisene nabo, wemka waya kuthandaza entabeni.
”Wathi ke uYesu kuye, Ewe, ukuba unokukholwa! Zonke izinto zinokwenzeka kuye okholwayo. Wakhala kwaoko uyise womntwana lowo, wathi eneenyembezi, Ndiyakholwa, Nkosi; siza, ususe ukungakholwa kwam.
”Wathi kubo, Olu lona uhlobo alunako ukuphuma nganto, kungengako ukuthandaza nokuzila ukudla.
”Kuba inene ndithi kuni, Othe kule ntaba, Funquleka, uphoseke elwandle, angathandabuzi entliziyweni yakhe, asuke akholwe ukuba ezo zinto azithethayo zinokwenzeka, wokuzuza oko athe wakuthetha. Ngenxa yoko ndithi kuni izinto enisukuba nizicela, nithandaza, kholwani ukuba ninokuzamkela; noba nazo.
”Naxa sukuba nimi nithandaza, ukuba ninendawo ngakothile, mxoleleni, ukuze noYihlo osemazulwini anixolele iziphoso zenu. Ke, ukuba anixoleli nina, naye uYihlo osemazulwini akasayi kunixolela iziphoso zenu.
”Bafika kumhlatyana ogama liyiGetsemane. Athi kubafundi bakhe, Hlalani phantsi apha, ndikhe ndithandaze; athabathe naye uPetros noYakobi noYohane. Waqala ukuqhiphuka umbilini, nokudandatheka kakhulu. Athi kubo, Umphefumlo wam ubuhlungu kakhulu, ngokokude ube sekufeni; hlalani apha nilinde. Ehambele phambili umganyana, wawa emhlabeni, wathandazela, ukuba kunokwenzeka, lidlule kuye ilixa elo. Wayesithi, Abha, Bawo, zonke izinto zinokwenzeka kuwe; yigqithise kum le ndebe; noko ke makungabi kokuthandwa ndim, makube kokuthandwa nguwe. Uyeza, abafumane belele; athi kuPetros, Simon, ulele na? Ubungenakulinda noko lilinye na ilixa? Lindani nithandaze, ukuze ningangeni ekuhendweni; umoya okunene unentumekelelo, ke yona inyama ithambile.
”Lathi ikhuselo lengcwele lakrazuka kubini, lithabathela phezulu lada lesa phantsi.
”ngokuba akukho nanye into eya kumnqabela yena uThixo.
”Waye yena engumhlolokazi ominyaka ngathi imashumi asibhozo anamine, obengemki etempileni, ekhonza uThixo ngokuzila ukudla nangokukhunga ubusuku nemini. Yena wayemele kufuphi ngelo lixa, wathelela ekuyidumiseni iNkosi; wayethetha ngayo kubo bonke abo babelinde ukukhululwa ngentlawulelo, eYerusalem.
”Ke kaloku kwathi, ekubeni bebhaptiziwe abantu bonke, ebhaptiziwe naye uYesu, ethandaza nokuthandaza, lasuka lavuleka izulu,
”Wantsuku zimashumi mane ehendwa nguMtyholi. Akadla nto ngezo ntsuku; zakuphela ke, walamba.
”Waye ke yena emana ukuzisithelisa ezindaweni eziziintlango, athandaze.
”Ke kaloku bathi kuye, Kungani na ukuba abafundi bakaYohane bazile ukudla futhi, benze nezikhungo; benjenjalo nababaFarisi; kanti ke bona abakho bayadla basele? Wathi ke kubo, Ninako yini na ukubazilisa ukudla abegumbi lomtshakazi, xa asenabo umyeni? Kodwa kofika mihla awoza asuswe kubo umyeni, bandule ke ukuzila ngaloo mihla.
”Kwathi ke ngaloo mihla, waphuma wasinga entabeni, esiya kuthandaza. Wayebudlulisa ubusuku bonke ngokuthandaza kuThixo.
”Kodwa ke mna ndithi kuni nivayo, Zithandeni iintshaba zenu; yenzani okulungileyo kwabo banithiyayo. Basikeleleni abo baniqalekisayo, nibathandazele abo banigxekayo.
”Ke kaloku kuthe, emveni kwezi zinto, malunga neentsuku ezisibhozo, wathabatha uPetros noYohane noYakobi; wenyuka wava entabeni, esiya kuthandaza. Kwathi, ekuthandazeni kwakhe, ubuso bakhe babonakala bububumbi, nengubo yakhe yamhlophe yabengezela.
”Kwathi, esendaweni ethile ethandaza, akupheza, wathi othile wakubafundi bakhe kuye, Nkosi, sifundise ukuthandaza, kwanjengoko uYohane wabafundisayo abafundi bakhe. Uthe ke yena kubo, Xa sukuba nithandaza, yithini, Bawo wethu osemazulwini, malingcwaliswe igama lakho. Mabufike ubukumkani bakho. Makwenziwe ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengokuba kusenziwa emazulwini. Siphe imihla yonke isonka sethu semihla ngemihla, usixolele izono zethu; kuba nathi sibaxolela bonke abanamatyala kuthi. Ungasingenisi ekulingweni; sihlangule enkohlakalweni.
”Wathi kubo, Nguwuphi na kuni ongathi, enomhlobo, aze aye kuye phakathi kobusuku, athi kuye, Sihlobo, ndiboleke izonka zibe zithathu; kuba ke umhlobo wam uphambukele kum eseluhambeni, ndaye ndingenanto ke ndingayibeka phambi kwakhe; aze asuke lowo ungaphakathi aphendule athi, Musa ukundaphula; seluvaliwe ucango, nabantwana bam basesililini nam; andinako ukuvuka ndikunike? Ndithi kuni, Nokuba akayi kuvuka amnike, ngakuba engumhlobo wakhe, noko ngenxa yozingiso lwakhe olungenantloni wovuka, amnike inani alisweleyo.
”Nam ndithi kuni, Celani, nophiwa; funani, nofumana; nkqonkqozani, novulelwa. Kuba wonke umntu ocelayo, uyazuza; nalowo ufunayo, uyafumana; nalowo unkqonkqozayo, uya kuvulelwa. Nguwuphi na ke uyise kuni oya kuthi, unyana akucela isonka, amnike ilitye; athi akucela intlanzi, amnike inyoka endaweni yentlanzi? Athi, ukuba uthe wacela iqanda, amnike unomadudwane? Ukuba ke ngoko nina, ningendawo nje, niyakwazi ukubapha abantwana benu izipho ezilungileyo, wobeka phi na ke yena uYihlo wasemazulwini, ukugqithisela ukubapha uMoya oyiNgcwele abo bamcelayo?
”nani nibe njengabantu abayilindileyo inkosi yabo, xeshikweni iya kubuya emsithweni; ukuze bathi, yakufika inkqonkqoze, bayivulele kwaoko. Banoyolo abo bakhonzi, eyothi yakufika inkosi, ibafumane belindile. Inene ndithi kuni, iya kubhinqa, ibangqengqise bona, ize isondele ibalungiselele.
”Ke kaloku, wayethetha nomzekeliso kubo, wokuba bamelwe kukuhlala bethandaza, bangethi amandla; esithi, Kwaye kukho umgwebi emzini othile, ongamoyikiyo uThixo, ongamhloneleyo nomntu. Bekukho ke umhlolokazi othile kuloo mzi, obemana ukuza kuye, esithi, Ndikhulule kummangaleli wam. Kwaba mzuzu engavumi; kodwa kamva wathi ngaphakathi kwakhe, Nakuba ndingamoyiki uThixo, ndingamhlonele nomntu: noko, ngenxa yokuba lo mhlolokazi endibulala, ndomlungisa, ndimkhulule, hleze ade eze andaphule. Ithe ke iNkosi, Kuveni okuthethwa ngumgwebi ongalungisiyo. Ke yena uThixo akayi kukha abalungise na abanyulwa bakhe, abakhala kuye imini nobusuku, noko azeka kade umsindo ngabo? Ndithi kuni, Uya kubalungisa, abakhulule kamsinya. Kodwa ke akufika uNyana woMntu, wolufumana na ke ukholo ehlabathini apha?
”Amadoda amabini enyuka aya etempileni, esiya kuthandaza; enye ingumFarisi, enye ingumbuthi werhafu. UmFarisi, ezimise yedwa, wayethandaza esithi, Thixo, ndiyabulela kuwe, ukuba ndingenjengabanye abantu, abaphangi, abangemalungisa, abakrexezi; ndingenjengaye nalo mbuthi werhafu. Ndizila ukudla kabini ngeveki, ndinikela izishumi zako konke endikuzuzayo. Waye umbuthi werhafu emi kude, engathandi nokuphakamisela amehlo akhe ezulwini; wamana ukubetha esifubeni sakhe, esithi, Thixo, yiba netarhu kum, mna moni. Ndithi kuni, Wehla lo waya endlwini yakhe, egwetyelwe yena kunalowa; ngokuba wonke umntu oziphakamisayo uva kuthotywa; nozithobayo ke uya kuphakanyiswa.
”Phaphani ngoko, amaxesha onke nikhunga, ukuze kuthiwe nikufanele ukuzisaba zonke ezo zinto ziza kuhla, nokumiswa phambi koNyana woMntu.
”Ke mna ndikhungile ngawe, ukuba ukholo lwakho lungapheli; nawe ke, xa ubuye wabuya, uze ubazimase abazalwana bakho.
”Efikile ke kuloo ndawo, wathi kubo, Thandazani, ningangeni ekulingweni. Waziqhiwula yena kubo umgama ongangokugibisela ilitye, waguqa ngamadolo wathandaza, esithi, Bawo, ukuba uyavuma, mayidlule le ndebe, kum; kodwa makungabi kukuthanda kwam, makube kokwakho okwenzekayo. Kwabonakala ke kuye isithunywa, sivela ezulwini, simomeleza. Uthe ke, eneminzunzu, kwaba kukhona athandaza enyamekile. Kwathi ke ukubila kwakhe kwanga kungamathontsi amakhulu egazi, esiwa emhlabeni. Wavuka ekuthandazeni, weza kubafundi bakhe, wabafumana belele ngokuba buhlungu kwentliziyo. Wathi kubo, Yini na ukuba nilale? Vukani, nithandaze, ukuze ningangeni ekulingweni.
”Wathi ke uYesu, Bawo, baxolele; kuba abayazi into abayenzayo. Bathi ke, besabelana ngeengubo zakhe, benza amaqashiso.
”Lenziwa mnyama ilanga; isikhuselo sendawo eyingcwele sakrazuka phakathi.
”Wazithabatha ke izonka uYesu, wathi akubulela wababela abafundi, bathi ke abafundi babela abo babehleli phantsi, kwaba kwanjalo nakwiintlanzi, ngangokuthanda kwabo.
”Lowo ungokaThixo, uyaweva amazwi kaThixo; ngenxa yoko aniweva nina, ngokuba ningengabakaThixo.
”Siyazi ke ukuba uThixo akabeva aboni; kodwa ukuba umntu uthi amhlonele uThixo, akwenze ukuthanda kwakhe, uyamva lowo.
”Umgcini-sango uyamvulela lowo; zithi nezimvu zilive izwi lakhe azibize ezakhe izimvu ngamagama, azikhokelele phandle zona. Xa athe wazikhupha ezakhe izimvu, uhamba phambi kwazo, zithi nezimvu zimlandele; ngokuba zilazi izwi lakhe.
”Ndinazo nezinye izimvu, ezingezizo ezobu buhlanti; nazo ezo ndimelwe kukuza nazo; zaye ziya kuliva izwi lam, zibe mhlambi mnye, nomalusi abe mnye.
”Ezam izimvu ziyaliva ilizwi lam, ndibe nam ndizazi, zindilandela;
”Balisusa ngoko ilitye apho abelele khona ofileyo. Wawaphakamisa ke amehlo uYesu, wakhangela phezulu, wathi, Bawo, ndiyabulela kuwe kuba undivile. Mna ke bendisazi ukuba uhleli undiva; ke nditsho ngenxa yesihlwele esixhonteleyo, ukuze bakholwe ukuba wena wandithuma. Etshilo ke, wadanduluka ngezwi elikhulu, wathi, Lazaro, phuma.
”Nento enithe nayicela egameni lam, ndoyenza yona, ukuze uYise azukiswe ngoNyana. Ukuba nithe nacela into ngegama lam, ndoyenza mna. Ukuba niyandithanda, yigcineni imithetho yam. Mna ndiya kucela kuBawo, aze aninike omnye uMthetheleli, ukuze ahlale nani ngonaphakade: uMoya wenyaniso, lowo lingenako ihlabathi ukumamkela, ngokuba lingamboni, lingamazi nokumazi. Nina ke niyamazi; ngokuba uhleli nani, kanjalo uya kuba kuni.
”Ke uMthetheleli, uMoya oyiNgcwele, aya kumthuma uBawo egameni lam, yena uya kunifundisa zonke izinto, anikhumbuze zonke izinto endizithethe kuni.
”Ukuba nithe nahlala kum, namazwi am ahlala kuni, nocela into enisukuba niyithanda, niyenzelwe..
”Asinini enanyula mna; ndim owanyula nina, ndanimisela, ukuze niye nithwale isiqhamo, nokuze isiqhamo senu sihlale; ukuze oko enithe nakucela kuBawo egameni lam, nikunikwe.
”Xa ke athe wafika yena uMoya wenyaniso, uya kunikhokelela kuyo yonke inyaniso; kuba engayi kuthetha okuphuma kuye, uya kuthetha izinto athe waziva, anibikele izinto ezizayo.
”Nangaloo mini aniyi kundibuza nto. Inene, inene, ndithi kuni, Zonke izinto enithe nazicela kuBawo egameni lam, woninika. Kude kwaba ngokunje, anikaceli nto egameni lam; celani, niya kwamkela, ukuze uvuyo lwenu luzaliseke.
”Ezi zinto wazithetha uYesu, wawaphakamisa amehlo akhe wakhangela ezulwini, wathi, Bawo, lifikile ilixa; mzukise uNyana wakho, ukuze noNyana wakho akuzukise; njengokuba wamnika igunya kubantu bonke, ukuze bonke omnike bona, abanike ubomi obungunaphakade. Bubo ke obu ubomi obungunaphakade, ukuba mabakwazi, wena ukuphela koThixo oyinyaniso, naye uYesu Kristu omthumileyo. Mna ndikuzukisile emhlabeni, ndiwufezile umsebenzi obundinikile ukuba ndiwenze. Ndizukise ke ngoku, wena Bawo, kuwe ngokwakho, ngozuko ebendinalo kuwe, lingekabikho ihlabathi. Ndilibonakalisile igama lakho kubo abantu obundinike bona, bephuma ehlabathini; babengabakho, wabanika mna; ilizwi lakho balibambile ke. Ngoku baqondile, ukuba zonke izinto ondinike zona zivela kuwe. Ngokuba amazwi ondinike wona, ndiwanike bona; bona bawathabatha, baqonda ngokwenyaniso ukuba ndaphuma kuwe; bakholwa ukuba wena wandithuma. Mna ndicelela bona; andiceleli lona ihlabathi, ndicelela abo undinike bona; ngokuba bengabakho. Izinto zonke ezizezam zezakho, zibe ezakho zizezam; ndizukisekile ke kubo. Andisekhona ehlabathini, ke bona basesehlabathini; mna ndiza kuwe. Bawo oyingcwele, balondolozele egameni lakho abo undinike bona, ukuze babe banye njengathi. Oko bendinabo ehlabathini mna, bendibalondolozele egameni lakho; owandinika bona ndibagcinile; akukho namnye kubo utshabaleleyo, ingenguye lowo wentshabalalo, ukuze isibhalo sizaliseke. Ngoku ke ndiza kuwe; nezi zinto ndizithetha ehlabathini, ukuze babe nalo uvuyo lwam luzalisekile kubo. Mna ndibanike ilizwi lakho; laza ihlabathi labathiya, ngokuba bengengabo abehlabathi, njengokuba nam ndingenguye owehlabathi. Andiceli ukuba ubasuse ehlabathini; ndicela ukuba ubagcine kuyo inkohlakalo. Abangabo abehlabathi, njengokuba nam ndingenguye owehlabathi. Bangcwalise ngayo inyaniso yakho; ilizwi lakho liyinyaniso. Njengokuba wandithuma ehlabathini, nam ndibathume bona ehlabathini. Ngenxa yabo ke ndiyazingcwalisa mna, ukuze nabo babe ngabangcwalisiweyo yinyaniso. Andiceleli ke aba bodwa, ndicelela nabo baya kukholwa kum ngelizwi labo; ukuze bonke babe banye; njengokuba wena, Bawo, ukum, mna ndikuwe, ukuze nabo babe banye kuthi; ukuze ihlabathi likholwe ukuba wena wandithuma. Uzuko owandinika lona, ndilunike bona; ukuze babe banye, njengokuba thina sibanye; mna ndikubo, wena ukum, ukuze babe ngabazalisekileyo ntweni-nye; ukuze liqonde ihlabathi ukuba wena undithumile, wabathanda, njengokuba wandithandayo nam. Bawo, ndithanda ukuba nabo abo undinike bona, babe nam, apho ndikhona mna; ukuze balubone uzuko lwam owandinika lona; ngokuba wandithanda kwaphambi kokusekwa kwehlabathi. Bawo olilungisa, ihlabathi lona alikwazanga, ke mna ndikwazile; naba bathe bazi ukuba wena undithumile; ndabazisa igama lakho, ndandiya kubazisa; ukuze uthando ondithande ngalo lube kubo, nam ndibe kubo.
”Aba bonke babezingisa ngamxhelo mnye ekuthandazeni nasekukhungeni, ndawonye nabafazi, noMariya unina kaYesu, kwandawonye naba zalwana bakhe.
”Ke kaloku, ekuzalisekeni kwawo umhla wepentekoste, baye bonke bemxhelo mnye ndaweni-nye. Kwaza ngequbuliso kwaphuma ezulwini isandi esinjengesomoya ovuthuza ngamandla, sayizalisa indlu yonke ababehleli kuyo. Kwabonakala kubo iilwimi ezabekayo, ngathi zezomlilo, lwaolo lwahlala phezu kwabo bonke ngabanye. Bazaliswa bonke nguMoya oyiNgcwele, baqala ukuthetha ngalwimi zimbi, njengoko uMoya wayebanika ukuba bathethe baphimisele.
”Bona ke, bekuvile oko, baphakamisa izwi kuThixo ngamxhelo mnye, bathi, Mnini-nto-zonke, wena unguThixo owalenzayo izulu nomhlaba nolwandle, neento zonke ezikwezo nto;
”Bakubon ukuba bakhungile, yazanyazanyiswa indawo ababehlanganisene kuyo, bazaliswa bonke nguMoya oyiNgcwele, balithetha ilizwi likaThixo ngokungafihlisiyo.
”abathi bona bakuhla, babathandazela, ukuba bamkele uMoya oyiNgcwele;
”UKorneli wathi, Kuse kuntsuku ne ndizila ukudla, kwada kwaleli lixa lemini. Ngelixa lesithoba ke bendithandaza endlwini yam, kwesuka kwathi gqi indoda, yema phambi kwam, inengubo eqaqambileyo; yathi, Korneli, umthandazo wakho uviwe, namalizo akho akhunjulwe phambi koThixo;
”Wagcinwa ngoko okunene uPetros entolongweni; ke kwathandazwa libandla ngenyameko kuThixo ngenxa yakhe. Xa ke uHerode wayeza kumkhupha, uPetros ngobo busuku wayelele phakathi kwamasoldati amabini, ekhonkxiwe ngemixokelelwane emibini; baye nabalindi beyigcinile intolongo phambi kwesango. Yabona, naso isithunywa seNkosi, sisithi gaga phezu kwakhe, kwakhanya nokukhanya kwelo gumbi lentolongo; sambetha ecaleni uPetros, samvusa, sisithi, Phakama msinya. Yawa imixokelelwane yakhe ezandleni.
”Bathe ke, bakuba bezile ukudla, bathandaza, babeka nezandla phezu kwabo, babandulula.
”Bathe ke bakuba benyule amadoda amakhulu kwibandla ngebandla, bethandazile kunye nokuzila ukudla, bawayaleza eNkosini awayekholwe kuyo.
”Ke kaloku, malunga phakathi kobusuku, ooPawulos noSilas babethandaza, bevuma elokudumisa uThixo; babephulaphula ke ababanjwa. Kwabakho ke ngequbuliso unyikimo olukhulu lomhlaba, ngokokude zizanyazanyiswe iziseko zentolongo; zavuleka kwaoko iingcango zonke, athukululeka amakhamandela abo bonke.
”Uthe uPawulos akubeka izandla phezu kwabo, wehla uMoya oyiNgcwele phezu kwabo, baye bethetha ngeelwimi, beprofeta.
”Akutsho, waguqa ngamadolo, wathandaza nabo bonke.
”Nakaloku usalibele yini na? Suk ume, ubhaptizwe, uhlambulule izono zakho, unqula igama leNkosi.
”Ke kaloku, akuba etshilo, wathabatha isonka, wabulela kuThixo emehlweni abo bonke; waqhekeza, waqala wadla.
”Ngokukwanjalo ke noMoya uncedisana nokuswela kwethu amandla; kuba esingakuthandazelayo ngokoko simelwe kukuthandaza ngako, asikwazi; uthi ke uMoya ngokwakhe asithethelele ngezincwino ezingathethekiyo. Ke oziphengululayo iintliziyo uyakwazi into okuyiyo ukunyameka koMoya; ngokuba ubathethelela abangcwele ngokukaThixo.
”Bazalwana, inkolelo yeyam intliziyo, nesikhungo sam kuye uThixo, ngenxa yamaSirayeli, sesokuba asindiswe.
”mayela neNkosi le, khonzani; mayela nethemba, vuyani; mayela nembandezelo, nyamezelani; mayela nomthandazo, zingisani;
”Lowo uwunyamekelayo umhla, uwunyamekelela iNkosi; nalowo ungawunyamekeliyo umhla, engawunyamekeli nje, wenzela iNkosi; lowo udlayo, udlela iNkosi, kuba ebulela kuThixo; nalowo ungadliyo, engadli nje, wenzela iNkosi, abe ebulela kuThixo.
”Ke kaloku ndiyanivuselela, bazalwana, ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu, nangalo uthando loMoya, ukuba nizame kunye nam ekundithandazeleni kuye uThixo,
”Kuba lowo uthetha ngalulwimi lumbi akathethi bantwini, uthetha kuThixo; kuba akukho namnye umvayo, kodwa ke ngomoya uthetha iimfihlelo.
”Lowo uthetha ngalulwimi lumbi uzakha yena; ke lowo uprofetayo wakha ibandla.
”Ngenxa yoko ndithi, othethayo ngalwimi zimbi, makathandazele ukuba icace intetho yakhe. Kuba xa ndithandaza ngalulwimi lumbi, umoya wam uyathandaza okunene wona, ke yona ingqiqo yam ayinasiqhamo. Kuthini na ke ngoko? Ndiya kuthandaza ngomoya, ndithandaze nangengqiqo; ndiya kuvuma ngomoya, ndivume nangengqiqo. Okanye, ukuba uthe wasikelela ngomoya wodwa, wothini na lowo uhleliyo endaweni yongenakwazi ukuthi, Amen, ekubuleleni kwakho, ekubeni kaloku into oyithethayo engayazi? Kuba okunene wena uyatyapha ukubulela, kodwa onguwumbi akakheki. Ndiyabulela kuThixo wam, kuba ndithetha ngalwimi zimbi ngaphezu kwenu nonke; kodwa ke ebandleni ndithanda ukuthetha amazwi abe mahlanu ngayo ingqiqo yam, ukuze ndibafundise nabanye, kunokuba ndithethe amazwi angamawaka alishumi, ngalulwimi lumbi.
”Ngoko ke iilwimi ezi zikho ukuba zibe ngumqondiso kwabo bangakholwayo, kungekubo abakholwayo: ke sona isiprofeto asisesabangakholwayo, sesabakholwayo. Ukuba ngoko lithe lahlangana ndawonye ibandla liphela, bathetha bonke ngalwimi zimbi, kwaza kwangena abangenakwazi, nokuba ngabangakholwayo, abasayi kuthi na, niyageza? Ke ukuba bathi bonke baprofete, kuze ke kungene umntu ongakholwayo, nokuba ngongenakwazi, uyohlwaywa ngabo bonke, adane; uyaphicothwa ngabo bonke; zize ngokunjalo izinto ezifihlakeleyo zentliziyo yakhe zibonakalaliswe; wothi ngokunjalo, esiwa ngobuso, amnqule uThixo, exela ukuba uThixo uphakathi kwenu okwenyaniso.
”Kanjalo ukuba umntu uthetha ngalulwimi lumbi, makuthethe babini, mhlawumbi bathathu, bangegqithi, kube ngokulandelelana, aze omnye acacise intetho. Ke xa kungekho mchazi-ntetho, makathi cwaka ebandleni; makathethe kuye ngokwakhe nakuThixo.
”Ngoko ke, bazalwana, kuzondeleleni ukuprofeta, ningakwaleli ukuthetha ngalwimi zimbi.
”andiphezi ukubulela ngenxa yenu, ndinikhumbula emithandazweni yam, ukuba uThixo weNkosi yethu uYesu Kristu, uYise wozuko, aninike umoya wobulumko wokunityhilela, nimazi kakuhle;
”ngokuba kungaye ukungeniswa kwethu sobabini, siMoya mnye kuye uYise.
”Kuye ke onako ukwenza okungaphezu kweento zonke ngokugqithiseleyo kakhulu, ngaphezu kwesikucelayo nesinokukuqiqa, ngokokwamandla asebenzayo ngaphakathi kwethu, kuye malubekho uzuko ebandleni elikuKristu Yesu, kuse kuzo zonke izizukulwana zalo iphakade lasemaphakadeni. Amen.
”nithetha omnye nomnye ngeendumiso, neengoma, nezango ezizezomoya, nivuma, nibetha uhadi entliziyweni yenu kuyo iNkosi, nimana nibulela ngenxa yeento zonke, egameni leNkosi yethu uYesu Kristu, kuye uThixo uYise;
”ngako konke ukuthandaza nokukhunga, nithandaza amaxesha onke nikuye uMoya; niyiphaphamele loo nto ngako konke ukuzingisa nokukhunga, ngenxa yabo bonke abangcwele;
”Ndihlala ndibulela kuye uThixo wam, ekunikhumbuleni kwam konke (ekukhungeni kwam konke ndikhunga ngenxa yenu nonke, ndivuyile),
”Nako oku ndiya kuthandazela, ukuba uthando lwenu lube kukhona luphuphuma ngokuphuphuma ukwazi okukhulu, nako konke ukuqonda, ukuze nizicikide izinto eziziincamisa, ukuze nibe nokusulungeka, ningabi nasiwo, nide nise kwimini kaKristu; nizele ziziqhamo zobulungisa ezingoYesu Kristu, nikhangelise ekuzukiseni nasekudumiseni uThixo.
”Ningaxhaleli nto; mazithi iingcelo zenu ezintweni zonke, ngako ukuthandaza nokukhunga, ndawonye nokubulela, zaziswe kuye uThixo. Lwaye uxolo lukaThixo, olugqithisele kuko konke ukuqonda, luya kuzigcina iintliziyo zenu neengqiqo zenu kuKristu Yesu.
”Ndinokuzenza izinto zonke, ndikulowo undomelezayo, uKristu. Noko ke natyapha ukuba nobudlelane nam ngembandezelo.
”Ke uThixo wam wokwenzelelela konke ukuswela kwenu ngokobutyebi bakhe, ngokozuko olukuKristu Yesu.
”Sihlala sibulela kuye uThixo, uYise weNkosi yethu uYesu Kristu, xa sinithandazelayo,
”Ngenxa yoku, kususela kwimini esevayo, nathi asiphezi ukunithandazela nokunicelela, ukuze nizaliswe kukukwazi kakuhle ukuthanda kwakhe, ninokulumka nokuqonda konke okukokomoya;
”Zingisani ukuthandaza, niphaphamile kuko, ninombulelo; kunye noko nisithandazela, ukuze uThixo asivulele umnyango welizwi, ukuba siyithethe imfihlelo kaKristu, endikhonkxwe ngenxa yayo;
”Uyanibulisa uEpafra ongomnye wenu, umkhonzi kaKristu, ehlala ezama ngenxa yenu emithandazweni, ukuze nime nigqibelele, nizalisekile kuko konke ukuthanda kukaThixo.
”Sihlala sibulela kuye uThixo ngenxa yenu nonke; sinikhumbula emithandazweni yethu;
”Hlalani nivuya. Thandazani ningayeki. Ezintweni zonke bulelani; kuba oko kukuthanda kukaThixo kuKristu Yesu ngani.
”Bazalwana, sithandazeleni.
”Elokugqiba, sithandazeleni, bazalwana, ukuba ilizwi leNkosi likhawuleze, lizukiswe, njengoko lenjenjalo nakuni;
”Ndiyavuselela ngoko kuqala kwiinto zonke, ukuba kwenziwe izikhungo, imithandazo, izibongozo, imibulelo, ngenxa yabantu bonke; ngenxa yookumkani nabo bonke abasekongameni, ukuze sihlale ngokonwaba nangokuzola, sinokuhlonela uThixo, nokundileka konke.
”Ngoko ndinga angathandaza amadoda kuzo zonke iindawo, ephakamisa izandla ezingcwele, engenangqumbo, engenantandabuzo.
”Ngokuba sonke isidalwa sikaThixo sihle; asiyonto yakulahlwa, ukuba samkelwe ngombulelo; kuba singcwaliswa ngalo ilizwi likaThixo nangezibongozo.
”Ke yena ongumhlolokazi ngenene, eshiywe yedwa, uthembela kuThixo; uhlala ehleli ekukhungeni nasemithandazweni ubusuku nemini.
”Ndinokubulela kuye uThixo, endamkhonzayo kwakoomawokhulu ndinesazela esihlambulukileyo, ndikukhumbula njengokungapheliyo, ekukhungeni kwam ubusuku nemini;
”Ndihlala ndibulela kuye uThixo wam, ndikukhumbula emithandazweni yam,
”UThixo wayethethile nje kudala ngeendawo ezininzi, nangeendlela ezininzi, koobawo ngabo abaprofeti, uthethe ngale mihla yokugqibela kuthi ngoNyana; awammisayo wayindlalifa yeento zonke, awathi kwangaye wayenza indalo yonke;
”ekubeni kusithiwa, Namhla, ukuba nithe naliva ilizwi lakhe, Musani ukuzenza lukhuni iintliziyo zenu, njengasengcaphukisweni.
”ubuya amise mini ithile, esithi ngoDavide, Namhlanje, emveni kwexesha elingakanana; njengokuba kuthiwe, Namhla, ukuba nithe naliva ilizwi lakhe, Musani ukuzenza lukhuni iintliziyo zenu.
”Masisondlele ke ngoko sinokungafihlisi kuyo itrone yobabalo, ukuze samkeliswe inceba, sifumane ubabalo lokusiza ngexesha elililo.
”Owathi ngemihla yenyama yakhe, xa wayesondeze izikhungo kwanezibongozo kulowo unako ukumsindisa ekufeni, kunye nodanduluko olunamandla, neenyembezi, waviwa ngenxa yokumhlonela kwakhe uThixo. Nakuba ebenguNyana, wafunda ukululama ngobunzima awabuvayo;
”Ngoko, bazalwana, sinokungafihlisi nje ukungena kweyona ngcwele ngalo igazi likaYesu,
”Ke, lungekho ukholo, akunakubakho ukumkholisa kakuhle; kuba lowo uzayo kuThixo, umelwe kukukholwa ukuba ukho, nokuba ungumvuzi wabo bamfunayo.
”Ngoko masithi ngaye sinyuse ngamaxesha onke kuye uThixo umbingelelo wendumiso, oko kukuthi, isiqhamo somlomo olivumayo igama lakhe.
”Ukuba ke ubani kuni uswele ubulumko, makacele kuThixo, onika bonke engenakumbi, engangcikivi; wobunikwa. Ke makacele ekholwa, engathandabuzi; kuba lowo uthandabuzayo ufana nokulatyuza kolwandle, luqhutywa ngumoya, luntsileka.
”Niyacela, ningamkeli noko, ngenxa enokuba nicela kakubi, ukuze oko nikuchithele iziyolo zenu.
”Sondelani kuye uThixo, wosondela kuni. Hlambululani izandla, boni, nenze nyulu iintliziyo, nina bamphefumlo umbaxa. Yibani ziindwayi, nikhedame, nilile; ukuhleka kwenu makujike kube kukukhedama, nalo uvuyo lwenu lube kukuthi dakumba. Zithobeni emehlweni eNkosi, yoniphakamisa.
”Kukho mntu na phakathi kwenu uva ububi? Makathandaze. Kukho mntu na unomxhelo owonwabileyo? Makenze indumiso. Kukho mntu na ufayo phakathi kwenu? Makabizele kuye amadoda amakhulu alo ibandla, athandaze wona phezu kwakhe, akuba emthambisile ngeoli, egameni leNkosi; wothi umthandazo wokholo umsindise lowo uleleyo, iNkosi imvuse; nokuba ubethe wenza izono, wozixolelwa. Xelelanani iziphoso, nithandazelane, ukuze niphiliswe. Sinamandla kakhulu isikhungo selungisa, siyeyisa. UEliya wayengumntu oluvo lunjengolwethu, wathandaza umthandazo ukuba ingani; ayana emhlabeni iminyaka emithathu eneenyanga ezintandathu. Wabuya wathandaza, laza izulu lanika imvula, umhlaba wavelisa isiqhamo sawo.
”Ngokuba amehlo eNkosi aphezu kwamalungisa, Neendlebe zayo zisingisele esikhungweni sawo; Ke ubuso beNkosi buphezu kwabenza okubi.
”Ke kaloku ukuphela kwezinto zonke kusondele. Yibani nesidima ngoko, nibe nobungcathu, ukuba nithandaze.
”Lonke ixhala lenu liphoseni phezu kwakhe, ngokuba yena enikhathalele.
”Ukuba sithi sizivume izono zethu, uthembekile, ulilungisa, ukuba asixolele izono zethu, asihlambulule kuko konke ukungalungisi.
”nesithi sikucele siyakwamkela kuye, ngokuba imithetho yakhe siyigcina, sizenze izinto ezikholekileyo emehlweni akhe.
”Kuko oku ukungafihlisi esinako kuye: ukuba sithi sicele into ngokokuthanda kwakhe, uyasiva. Ukuba siyazi okokuba uyasiva esisukuba sikucela, siyazi ukuba sinazo izinto ezicelwayo, esizicelileyo kuye.
”Ntanda, ndinga ungathi ngezinto zonke usikeleleke uphile, njengokuba usikelelekile umphefumlo wakho.
”Lowo unendlebe, makayive into ayithethayo uMoya kuwo amabandla.
”Lowo unendlebe, makayive into ayithethayo uMoya kuwo amabandla.
”Lowo unendlebe, makayive into ayithethayo uMoya kuwo amabandla.
”Lowo unendlebe, makayive into ayithethayo uMoya kuwo amabandla.
”