05 – Izulu

La ngamazwi angcwele kaThixo uSomandla.
Asinamdla kwizinto ezithethwa ngabantu.
Nabani na othanda uThixo . . . Nantsi into uThixo ayithethayo ngaye: Izulu.

Iivesi ezi-3 eziPhambili

1 Kwabase Korinte 2:9

njengoko ke kubhaliweyo, kwathiwa, Izinto ezingabonwanga liso, nezingaviwanga ndlebe, Nezingathanga qatha entliziyweni yomntu, Zizo uThixo awazilungisela abo bamthandayo.

IsiTyhilelo 22:3-5

Akusayi kuba sabakho nasinye isiqalekiso; yaye itrone kaThixo neyeMvana iya kubakho kuwo; abakhonzi bakhe bamkhonze, babubone ubuso bakhe, negama lakhe libe semabunzini abo. Akuyi kubakho busuku khona; abafuni sibane, nakukhanya kwelanga, ngokuba iNkosi uThixo ibakhanyisela; baya kuba ngookumkani, kuse emaphakadeni asema phakadeni.

UDaniyeli 12:2-3

Kuya kuvuka abaninzi kwabaleleyo eluthulini lomhlaba, aba baye ebomini obungunaphakade, naba baye kwingcikivo nakwinyumnyezi engunaphakade. Abo ke banengqiqo baya kukhazimla njengokukhazimla kwesibhakabhaka; nababajikela abaninzi ebulungiseni bakhazimle njengeenkwenkwezi ngonaphakade kanaphakade.

Zonke iivesi ngokulandelelana kweCanonical - 183 izicatshulwa

Genesis 1:1

Ekuqalekeni uThixo wadala amazulu nehlabathi.

Genesis 2:9

UYehova uThixo wantshulisa emhlabeni yonke imithi enqwenelekayo ngokukhangeleka, nelungele ukudliwa; nomthi wobomi emyezweni phakathi, nomthi wokwazi okulungileyo nokubi.

Genesis 28:12

Waphupha ebona ileli imisiwe emhlabeni, intloko yayo iye yafika emazulwini; nanzo izithunywa zikaThixo zinyuka, zisihla ngayo;

Genesis 28:17

Woyika, wathi, Asikuko nokuba iyoyikeka le ndawo; yindlu kaThixo le, ayinto yimbi; lisango lamazulu eli.

Duteronomi 10:14

Yabona lelikaYehova uThixo wakho izulu, nezulu lamazulu, nehlabathi, neento zonke ezikhona.

Duteronomi 26:15

Vela ekhayeni lakho elingcwele emazulwini, uqondele, ubasikelele abantu bakho, amaSirayeli, nomhlaba lo usinikileyo, njengoko wafungayo koobawo, ilizwe elibaleka amasi nobusi.

1 YooKumkani 8:27

Gxebe uThixo angade ahlale emhlabeni na? Yabona, amazulu, amazulu awo amazulu, akakulingene; hina ke, yona le ndlu ndiyakhileyo!

1 YooKumkani 8:30

Phulaphula ukutarhuzisa komkhonzi wakho, nabantu bakho amaSirayeli, abaya kuthandaza ngako kule ndawo; uve ke wena endaweni ohlala kuyo emazulwini; uve ke uxolele.

1 YeziKronike 29:11

Bobakho, Yehova, ubukhulu, namandla, nozuko, noloyiso, nendili. Ewe, konke okusezulwini nokusehlabathini kokwakho; bobakho, Yehova, ubukumkani; uphakamile wayintloko yeento zonke.

UNehemiya 9:6

Wena unguYehova wedwa, wena wenza izulu, izulu lawo amazulu, nomkhosi wawo wonke, umhlaba nento yonke ephezu kwawo, iilwandle neento zonke ezikhona, uzidlisa ubomi zonke ezo zinto; umkhosi wamazulu uqubuda kuwe.

IiNdumiso 11:4

UYehova, ulotempile yakhe iyingcwele, UYehova, ulotrone yakhe isemazulwini, Amehlo akhe ayababona, iinkophe zakhe ziyabacikida oonyana babantu.

IiNdumiso 16:11

Uya kundazisa umendo wobomi; Ebusweni bakho yinzaliseko yemivuyo; Ekunene kwakho yimihlali ngonaphakade.

IiNdumiso 20:6

Ndiyazi ngoku ukuba uYehova ngumsindisi womthanjiswa wakhe; Uya kumphendula emazulwini akhe angcwele Ngobugorha obusindisayo besandla sakhe sokunene.

IiNdumiso 21:4

Wacela ubomi kuwe, wampha, Wamnika imihla emide ngonaphakade kanaphakade.

IiNdumiso 49:9

Sokuba ahlale esidla ubomi ngamaxesha onke, Angasiboni isihogo.

IiNdumiso 68:17

Iinqwelo zokulwa zikaThixo zizigidi, ngamawaka-waka; INkosi ikuzo; yiSinayi ebungcweleni,

IiNdumiso 89:29

Ndiyimise ngonaphakade imbewu yakhe, Netrone yakhe ibe njengemihla yamazulu.

IiNdumiso 103:11

Ngokuba injengokuphakama kwezulu phezu komhlaba, Ukuba namandla, inceba yakhe kwabamoyikayo;

IiNdumiso 103:19

UYehova uyizinzisile emazulwini itrone yakhe, Ubukumkani bakhe bulawula into yonke.

IiNdumiso 133:3

Kunjengombethe waseHermon, Ohla phezu kweentaba zaseZiyon; Ngokuba uYehova wayimisela khona apho intsikelelo, Ubomi, kude kuse ephakadeni.

ImiZekeliso 12:28

Busemendweni wobulungisa ubomi; Ukuyinyathela indlela yabo kukungafi.

EcclesiastesImiZekeliso 3:11

Zonke izinto uzenze zantle ngexesha lazo; kwanephakade ulinikele ezintliziyweni zabo ngohlobo lokuba umntu angasifumani isenzo asenzayo uThixo, athabathele ekuqaleni ade ase ekupheleni.

UIsaya 6:1-3

Ngomnyaka wokufa kokumkani u-Uziya, ndayibona iNkosi ihleli etroneni ende enyukileyo; amasondo eengubo zayo ezirholayo azalisa itempile. Kumi iiserafi ngaphezu kwayo, iyileyo inamaphiko amathandathu, ngamabini ifihle ubuso bayo, ngamabini ifihle iinyawo zayo, ngamabini iphaphazela. Iyileyo idanduluke kuleyo isithi. Uyingcwele, uyingcwele, uyingcwele uYehova wemikhosi; buzalise ihlabathi lonke ubuqaqawuli bakhe.

UIsaya 9:7

ukuba kwande ukuthethela oko, kubekho uxolo olungenakuphela etroneni kaDavide, nasebukumkanini bakhe, ukuba bumiswe buxhaswe ngokusesikweni nangobulungisa, kususela koko kude kuse ephakadeni. Ikhwele likaYehova wemikhosi liya kukwenza oko.

UIsaya 11:6

Ingcuka iya kuhlala nemvana, ingwe ibuthe netakane lebhokhwe; kubuthe ndawonye ithole lenkomo, nengonyama entsha, nenkomo etyetyisiweyo; nomntwana aziqhube ezo zinto.

UIsaya 25:8

Iya kuginya ukufa kuphele, izisule iNkosi uYehova iinyembezi ebusweni bonke, ingcikivo yabantu bayo iyisuse ehlabathini lonke, kuba uYehova ethethile.

UIsaya 57:15

Ngokuba utsho ophezulu, owongamileyo, ohleli ngonaphakade, ogama linguNgcwele, ukuthi, Ndihleli phezulu, engcweleni, ndihleli nakotyumkileyo, omoya uthobekileyo; ukuba ndibuye ndiphilise umoya wabathobekileyo, ndibuye ndiphilise intliziyo yabatyumkileyo.

UIsaya 60:19-21

Ilanga aliyi kuba saba sisikhanyiso kuwe emini, nenyanga ingakukhanyiseli, ukuze kube mhlophe kuwe; uYehova uya kuba sisikhanyiso esingunaphakade kuwe, uThixo wakho abe sisihombo sakho. Aliyi kuba satshona ilanga lakho, ingafi nenyanga yakho; kuba uYehova uya kuba sisikhanyiso esingunaphakade kuwe, zizaliseke iimini zesijwili sakho. Abantu bakho bayakuba ngamalungisa bonke bephela, balidle ilifa ilizwe ngonaphakade; besisithole esityelwe ndim, isenzo sesandla sam sokuba ndihombe.

UIsaya 65:17

Ngokuba, niyabona, ndidala amazulu amatsha nehlabathi elitsha; angakhunjulwa awokuqala, angenyuki athi qatha entliziyweni.

UIsaya 66:1

Utsho uYehova ukuthi, Amazulu ayitrone yam, ihlabathi sisihlalo seenyawo zam. Iyini na le ndlu, niya kundakhela yona? Iyini na le ndawo yokuphumla kwam?

UIsaya 66:22

Kuba njengoko amazulu amatsha nehlabathi elitsha endiza kuwenza, amiyo phambi kwam, utsho uYehova, iya kwenjenjalo ukuma imbewu yenu negama lenu;

UYeremiya 31:37

Utsho uYehova ukuthi, Ukuba lingaba nokulinganiswa izulu phezulu, zibe nokugocwagocwa iziseko zehlabathi phantsi, nam ke ndoba ndiya kuyicekisa yonke imbewu kaSirayeli, ngenxa yento yonke abayenzileyo; utsho uYehova.

UHezekile 1:26-28

Ngaphezu kwesibhakabhaka esibe siphezu kweentloko zazo, kwabonakala umfanekiselo wetrone, wanga lilitye lesafire; ngaphezu komfanekiselo wetrone kwabakho umfanekiselo ongathi yimbonakalo yomntu phezu kwayo ngaphezulu. Ndabona ke, ngathi yimbonakalo yegolide evuthiweyo, ngathi yimbonakalo yomlilo, ngaphakathi kwayo nangeenxa zonke kuyo, kwathabathela embonakalweni yesinqe kwenyusa; kwathabathela embonakalweni yesinqe kwehlisa, ndabona ke ngathi yimbonakalo yomlilo, kumhlophe ke ngeenxa zonke. Ngathi yimbonakalo yomnyama obakhoyo efini mini ngemvula, yabe injalo imbonakalo yobumhlophe ngeenxa zonke. Leyo yimbonakalo yomfanekiselo wobuqaqawuli bukaYehova. Ndabona ke, ndawa ngobuso, ndaliva izwi lothethayo.

UHezekile 47:12

Kophuma phezu komlambo, phezu kodini lwawo, ngapha nangapha, imithi yonke edliwayo. Amagqabi ayo akayi kubuna, zingapheli iziqhamo zayo; iya kuvuthwa iziqhamo ezitsha ngeenyanga zonke; ngokuba amanzi awo wona aphuma engcweleni. Iziqhamo zayo ziya kuba zezokudliwa, namagqabi ayo abe ngawokuphilisa.

UDaniyeli 2:44

Ngemihla yabo kumkani, uThixo wamazulu uya kumisa ubukumkani obungayi konakala naphakade. Obo bukumkani abuyi kusala nabantu bambi; buya kuzicola buzigqibe zonke ezo zikumkani, bona bume ngonaphakade.

UDaniyeli 7:13-14

Ndabona emibonweni yasebusuku: nanko kusiza, ngamafu ezulu, onjengonyana womntu, wafika kuNyangelemihla, wasondezwa phambi kwakhe. Wanikwa igunya, nobuhandiba, nobukumkani, ukuze zonke iintlanga, nezizwe, neelwimi, zimbuse; igunya lakhe ligunya elingunaphakade, elingapheliyo; ubukumkani bakhe bobungayi konakaliswa.

UDaniyeli 7:18

Ke ubukumkani baya kubuthabatha abangcwele bOsenyangweni, babume ubukumkani, kude kuse ephakadeni, kude kuse ephakadeni lamaphakade.

UDaniyeli 7:27

Ubukumkani, negunya, nobukhulu bezikumkani phantsi kwamazulu onke, buya kunikwa abantu abangcwele bOsenyangweni; ubukumkani bakhe bubukumkani obungunaphakade, namagunya onke aya kumbusa, amve.

UDaniyeli 12:2-3

Kuya kuvuka abaninzi kwabaleleyo eluthulini lomhlaba, aba baye ebomini obungunaphakade, naba baye kwingcikivo nakwinyumnyezi engunaphakade. Abo ke banengqiqo baya kukhazimla njengokukhazimla kwesibhakabhaka; nababajikela abaninzi ebulungiseni bakhazimle njengeenkwenkwezi ngonaphakade kanaphakade.

UMateyu 3:2

Guqukani, kuba ubukumkani bamazulu busondele.

UMateyu 3:12

omnyazi wokwela usesandleni sakhe; uya kusicokisa kuthi tu isanda sakhe, ayibuthele kuvimba ingqolowa yakhe, kodwa wona umququ uya kuwutshisa ngomlilo ongacimekiyo.

UMateyu 4:17

Waqala oko uYesu ukumemeza, esithi, Guqukani, kuba ubukumkani bamazulu busondele.

UMateyu 5:3

Banoyolo abangamahlwempu ngomoya; ngokuba ubukumkani bamazulu bobabo.

UMateyu 5:10-12

Banoyolo abatshutshiswa ngenxa yobulungisa; ngokuba ubukumkani bamazulu bobabo. Ninoyolo nina, xa bathe abantu baningcikiva, banitshutshisa, bathetha zonke izinto ezikhohlakeleyo ngani bexoka, ngenxa yam. Vuyani nigcobe kunene; ngokuba umvuzo wenu mkhulu emazulwini; kuba benjenjalo ukubatshutshisa abaprofeti ababekho phambi kwenu.

UMateyu 5:19-20

Othe ngoko wachitha noko umnye kule mithetho mincinanana, wabafundisa abantu ngokunjalo, kothiwa ungomncinanana ebukumkanini bamazulu; othe wenza wafundisa ngayo, kothiwa ngomkhulu ebukumkanini bamazulu. Kuba ndithi kuni, Ukuba ubulungisa benu abuthanga bugqithe kakhulu kobababhali nabaFarisi, anisayi kuza ningene ebukumkanini bamazulu.

UMateyu 6:9-10

Thandazani ngoko nina nenjenje: Bawo wethu osemazulwini, malingcwaliswe igama lakho. Mabufike ubukumkani bakho. Makwenziwe ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengokuba kusenziwa emazulwini.

UMateyu 6:13

Ungasingenisi ekulingweni, sihlangule enkohlakalweni. Ngokuba bubobakho ubukumkani, namandla, nozuko, kuse kuwo amaphakade. Amen.

UMateyu 6:19-21

Ningaziqwebeli ubutyebi emhlabeni, apho konakalisa inundu nomhlwa, nalapho amasela agqobhozayo ebe; ziqwebeleni ke ubutyebi emazulwini, apho kungonakalisi nundu namhlwa, nalapho amasela angagqobhoziyo ebe; kuba apho bukhona ubutyebi benu, yoba lapho nentliziyo yenu.

UMateyu 7:13-14

Ngenani ngesango elimxinwa; ngokuba libanzi isango, iphangalele nendlela, esa entshabalalweni; baninzi ke abangena ngalo. Ngokuba limxinwa isango, icuthene nendlela, esa ebomini; bambalwa ke abalifumanayo.

UMateyu 7:21

Asingabo bonke abathi kum, Nkosi, Nkosi, abaya kungena ebukumkanini bamazulu; ngokwenzayo ukuthanda kukaBawo osemazulwini.

UMateyu 10:7

Ekuhambeni kwenu ke vakalisani, nisithi, Ubukumkani bamazulu busondele.

UMateyu 11:11

Inene ndithi kuni, Phakathi kwabo bazelweyo ngabafazi, akuvelanga mkhulu kunoYohane umbhaptizi; kanti ke nomncinane kwabanye ebukumkanini bamazulu mkhulu kunaye.

UMateyu 13:10-11

Beza abafundi bathi kuye, Kungani na ukuba uthethe kubo ngemizekeliso? Waphendula ke wathi kubo, Kungokuba nikuphiwe nina ukuzazi iimfihlelo zobukumkani bamazulu, babe ke bona bengakuphiwanga.

UMateyu 13:31-32

Wababekela omnye umzekeliso, esithi, Ubukumkani bamazulu bufana nokhozo lwemostade, awaluthabathayo umntu, waluhlwayela entsimini yakhe; lona loluncinane okunene kuzo zonke iimbewu; kodwa xa luthe lwahluma, luyayidlula imifuno ngobukhulu, lube ngumthi, ngokokude iintaka zezulu zize zihlale emasebeni awo.

UMateyu 13:43

Aya kwandula ke amalungisa ukubengezela njengelanga ebukumkanini boYise wawo. Lowo uneendlebe zokuva makeve.

UMateyu 13:44

Kanjalo ubukumkani bamazulu bufana nobutyebi obufihlwe entsimini, athe umntu akubufumana wabufihla; aze ngenxa yovuyo lwakhe aye athengise ngeento zonke anazo, ayithenge loo ntsimi.

UMateyu 13:45-46

Kanjalo ubukumkani bamazulu bufana nomrhwebi, efuna iiperile ezintle; owathi ke akuyifumana iperile inye, exabiso likhulu, wemka waya wananisa ngeento zonke abenazo, wayithenga.

UMateyu 13:47-49

Kanjalo ubukumkani bamazulu bufana nomnatha, owaphoswa elwandle, wahlanganisa kwiintlobo zonke; abathe wakuzala bawurholela elunxwemeni; ke bakuhlala phantsi, bazibuthela ezintle ezityeni, bazilahla ke ezimbi. Kuya kuba njalo ekuphelisweni kwephakade eli: ziya kuphuma izithunywa zezulu, zibakhethe abangendawo phakathi kwamalungisa,

UMateyu 13:52

wathi ke kubo, Ngenxa yoko, umbhali wonke ofundiselwe ebukumkanini bamazulu ufa na nomntu ongumninindlu, orhola ebuncwaneni bakhe izinto ezintsha kwanezindala.

UMateyu 14:36

Bazisa kuye bonke abafayo, bambongoza ukuba bachukumise nje kodwa intshinga yengubo yakhe; baza bonke abayichukumisayo baphiliswa kanye.

UMateyu 16:19

Ndiya kukunika izitshixo zobukumkani bamazulu; kuthi ke othe wakubopha emhlabeni, kubopheke emazulwini; kuthi othe wakukhulula emhlabeni, kukhululeke emazulwini.

UMateyu 18:3

Wathi, Inene, ndithi kuni, Ukuba anithanga niguquke, nibe njengabantwana aba, aniyi kukha ningene ebukumkanini bamazulu.

UMateyu 18:10

Lumkani, ningadeli namnye waba bancinane; kuba ndithi kuni, Izithunywa zabo emazulwini zihlala zibubona ubuso bukaBawo osemazulwini.

UMateyu 18:18

Inene, ndithi kuni, Konke enithe nakubopha emhlabeni, kobotshwa emazulwini; nako konke enithe nakukhulula emhlabeni, kokhululwa emazulwini.

UMateyu 19:14

Wathi ke uYesu, Bayekeni abantwana, ningabaleli ukuza kum; kuba ubukumkani bamazulu bobabo banjalo.

UMateyu 19:16-22

Kwabonakala kusiza othile, wathi kuye, Mfundisi ulungileyo, yiyiphi na into elungileyo endingenza yona, ukuze ndibe nabo ubomi? Uthe ke kuye, Yini na ukuba uthi ndilungile? Akukho ulungileyo, mnye kwaphela, nguThixo. Ukuba ke uthanda ukungena ebomini, yigcine imithetho. Athi kuye, Yiphi na? Wathi ke uYesu, Yona le: uze ungabulali, uze ungakrexezi, uze ungebi, uze ungangqini buxoki, beka uyihlo nonyoko; nawo lo: uze umthande ummelwane wakho njengoko uzithanda ngako. Ithi kuye indodana leyo, Zonke ezo zinto ndazigcina kwasebuncinaneni bam; ndisaswele ntoni na? Wathi uYesu kuyo, Ukuba unga ungafezeka, hamba uye kuthengisa ngeempahla zakho, uphe amahlwempu, woba nobutyebi emazulwini; uze ke undilandele. Ilivile ke indodana ilizwi elo, yemka ibuhlungu; kuba ibinemfuyo eninzi.

UMateyu 19:23-24

Wathi ke uYesu kubafundi bakhe, Inene, ndithi kuni, Koba ngenkankulu ukuba isityebi singene ebukumkanini bamazulu. Kananjalo ke ndithi kuni, Kulula ukuba inkamela iphumele entunjeni yenaliti, kunokuba isityebi singene ebukumkanini bukaThixo.

UMateyu 19:28-29

Wathi ke uYesu kubo, Inene, ndithi kuni, Nina nindilandeleyo, ekuzalweni okutsha, xa athe wahlala uNyana woMntu phezu kwetrone yozuko lwakhe, niya kuhlala nani phezu kweetrone ezilishumi elinambini, nigweba ezizweni ezilishumi elinazibini zakwaSirayeli. Umntu wonke oshiye izindlu, nokuba ngabazalwana, nokuba ngoodade, nokuba nguyise, nokuba ngunina, nokuba ngumfazi, nokuba ngabantwana, nokuba ngamasimi, ngenxa yegama lam, uya kwamkela kalikhulu, abudle ilifa ubomi obungunaphakade.

UMateyu 22:2-3

Ubukumkani bamazulu bufanekiswa nomntu ongukumkani, owamenzela umsitho unyana wakhe. Wesusa abakhonzi bakhe ukuba baye kubabiza abamenyiweyo, beze emsithweni; basuka abavuma ukuza.

UMateyu 22:30-32

Kuba eluvukweni abazeki, abendiswa; banjengazo izithunywa zikaThixo emazulwini. Ngalo ke uvuko lwabafileyo, anikulesanga na okwathethwayo kuni nguThixo, esithi, Mna ndinguThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi? UThixo akaThixo wabafileyo, ungowabaphilileyo.

UMateyu 24:30

Uya kubonakala ngelo xesha umqondiso woNyana woMntu ezulwini; zimbambazele ngelo xesha zonke izizwe zomhlaba, zimbone uNyana woMntu esiza phezu kwamafu ezulu, enamandla, nobuqaqawuli obukhulu.

UMateyu 24:35

Liya kudlula izulu nomhlaba, ke wona amazwi am akasayi kudlula.

UMateyu 25:1-4

Ngelo xesha ubukumkani bamazulu buya kufanekiswa neentombi ezilishumi, ezazithabathayo izibane zazo, zaphuma zaya kumkhawulela umyeni. Ezintlanu ke kuzo zaye ziziingqondi, ezintlanu ziziziyatha. Ezo ziziziyatha zaphatha izibane zazo, azaphatha oli nazo; kodwa eziziingqondi zaphatha ioli ezityeni zazo, kwanezibane zazo.

UMateyu 25:21

Yathi ke kuye inkosi yakhe, Hee ke, mkhonzi ulungileyo, uthembekileyo! Ubuthembekile kwiinto ezimbalwa; ndiya kukumisa phezu kweento ezininzi, ngena eluvuyweni lwenkosi yakho.

UMateyu 25:34

Uya kuthi ke ukumkani kwabangasekunene kwakhe, Yizani, nina nisikelelweyo nguBawo, nibudle ilifa ubukumkani obalungiselwa nina kwasekusekweni kwehlabathi;

UMateyu 25:46

Baya kumka aba baye elubethweni olungunaphakade; ke wona amalungisa aya kuya ebomini obungunaphakade.

UMateyu 28:18

Weza uYesu wathetha kubo, esithi, Linikwe mna lonke igunya emazulwini nasehlabathini.

UMarko 10:14-15

Ke kaloku ekubonile oku uYesu, wacaphuka, wathi kubo, Bavumeleni abantwana beze kum, ningabaleli: ngokuba ubukumkani bukaThixo bubobabo banjalo. Inene ndithi kuni, Othe akabamkela ubukumkani bukaThixo njengomntwana, akayi kukha angene kubo.

UMarko 10:17-22

Akubon’ ukuba uyaphuma, uya endleleni, kweza othile ngokubaleka, wawa ngamadolo kuye, wambuza esithi, Mfundisi ulungileyo, ndenze ntoni na, ukuze ndibudle ilifa ubomi obungunaphakade? Uthe ke uYesu kuye, Yini na ukuba uthi ndilungile? Akukho ulungileyo, mnye kwaphela-nguThixo. Uyayazi imithetho: Musa ukukrexeza, musa ukubulala, musa ukuba, musa ukungqinela ubuxoki, musa ukulumkisa, beka uyihlo nonyoko. Uphendule ke yena wathi kuye, Mfundisi, zonke ezo zinto ndazigcina, kwasebuncinaneni bam. Uthe ke uYesu, ondele kuye, wamthanda, wathi kuye, Kukho nto-nye uyisweleyo: hamba uye kuthengisa ngeento zonke onazo, uphe amahlwempu, woba nobutyebi ke emazulwini; yiza ke undilandele, uwuthwele umnqamlezo. Wathi ke khunubembe ngelo zwi, wemka ebuhlungu; kuba ebenemfuyo eninzi.

UMarko 12:25-26

Kuba, xa bathe babuya bavuka kwabafileyo, abazeki, abendiswa; banjengazo izithunywa ezisemazulwini. Ngokusingisele kwabafileyo ke, ukuba bayavuka, anilesanga na encwadini kaMoses, endaweni ethetha ngetyholo, okokuba uThixo wathetha kuye esithi, Mna ndinguThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi?

ULuka 6:20-23

Waza yena wawaphakamisela amehlo akhe kubo abafundi bakhe, wathi, Ninoyolo, nina mahlwempu; ngokuba bobenu ubukumkani bukaThixo. Ninoyolo, nina nilambayo kalokunje; ngokuba niya kuhluthiswa. Ninoyolo, nina nililayo kalokunje; ngokuba niya kuhleka. Ninoyolo nina, xa bathe abantu banithiya, naxa bathe banigxotha kubo, baningcikiva, balilahlela phandle igama lenu ngokungathi likhohlakele, ngenxa yakhe uNyana woMntu. Vuyani ngaloo mini, nisuke imitsi; kuba, niyabona, umvuzo wenu mkhulu emazulwini; babesenjenjalo ooyise kubo abaprofeti.

ULuka 8:10

Uthe ke yena, Nikuphiwe nina ukuzazi iimfihlelo zobukumkani bukaThixo; ke kwabanye bona kungemizekeliso, ukuze bebona nje bangaboni, besiva nje bangaqondi.

ULuka 10:20

Noko ke maningakuvuyeli oku, kokuba oomoya benithobele; vuyelani ke kanye okokuba amagama enu ebhaliwe emazulwini.

ULuka 10:25-28

Kwabonakala kusuka umqondisi-mthetho othile, emlinga nokumlinga, esithi, Mfundisi, ndenze ntoni na ukuze ndibudle ilifa ubomi obungunaphakade? Uthe ke yena kuye, Emthethweni kubhalwe ntoni na? Ulesa njani na? Waphendula ke wathi, Uze uyithande iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangamandla akho ephela, nangengqondo yakho iphela, nommelwane wakho, njengoko uzithanda ngako. Uthe ke kuye, Uphendule walungisa; yenza oko, wobudla ubomi.

ULuka 12:31-34

Funani ubukumkani bukaThixo nina, zaye zonke ezo zinto ziya kongezelelwa kuni. Musani ukoyika, mhlambi mncinane; ngokuba kukholekile kuYihlo ukuninika ubukumkani. Thengisani ngeempahla zenu, nilize ngazo; zenzeleni iingxowa zemali ezingagugiyo, ubutyebi obungapheliyo emazulwini, apho kungasondeliyo sela, kungonakalisiyo nanundu; kuba apho bukhona ubutyebi benu, yoba lapho nentliziyo yenu.

ULuka 15:7

Ndithi kuni, ngokukwanjalo kuya kubakho uvuyo emazulwini ngomoni eba mnye oguqukayo, kunamashumi asithoba anesithoba amalungisa, angaswele nguquko.

ULuka 16:25-26

Uthe ke uAbraham, Mntwana wam, khumbula ukuba wena wazifincelela ebomini bakho izinto zakho ezilungileyo, noLazaro ngokukwanjalo izinto ezimbi; ngoku ke yena uyathuthuzelwa, wena ke uyathuthunjelwa. Kananjalo ngaphandle kwale nto yonke, phakathi kwethu nani kuthiwe zinzi umsantsa omkhulu, ukuze aba bathanda ukuphumela, besuka apha besiya kuni, bangabi nako; bathi nabalapho, bangabi nakuwelela kuthi.

ULuka 18:16-17

Ke yena uYesu wazibizela kuye, wathi, Bavumeleni abantwana beze kum, ningabaleli; kuba ubukumkani bukaThixo bubobabo banjalo. Inene, ndithi kuni, Othe akabamkela ubukumkani bukaThixo njengomntwana, akasayi kukha angene kubo.

ULuka 18:18-27

Umphathi othile wambuza, esithi, Mfundisi ulungileyo, mandenze ntoni na, ukuze ndibudle ilifa ubomi obungunaphakade? Uthe ke uYesu kuye, Yini na ukuba uthi ndilungile? Akukho ulungileyo, mnye kwaphela, nguThixo. Uyayazi imithetho: musa ukukrexeza, musa ukubulala, musa ukuba, musa ukungqina ubuxoki, beka uyihlo nonyoko. Uthe ke yena, Zonke ezo zinto ndazigcina kwasebuncinaneni bam. Ekuvile ke oko uYesu, wathi kuye, Kusekho nto-nye uyisweleyo; zonke izinto onazo thengisa ngazo, wabele amahlwempu; woba nobutyebi ke emazulwini; uze undilandele. Ezivile ke ezo ndawo, waba buhlungu kakhulu; kuba ube esisityebi kunene. UYesu akumbona ke ebuhlungu kakhulu, wathi, Hayi, ukuba ngenkankulu, ukuthi abo banobutyebi bangene ebukumkanini bukaThixo. Kuba kulula ukuba inkamela iphumele entunjeni yenaliti, kunokuba isityebi singene ebukumkanini bukaThixo. Bathi ke abo bevayo, Ngubani na ke ongasindiswayo? Uthe ke yena, Izinto ezingenakwenzeka kubantu, zinokwenzeka kuye uThixo.

ULuka 18:29-30

Uthe ke yena kubo, Inene, ndithi kuni, Akukho namnye ushiye indlu, nokuba ngabazali, nokuba ngabazalwana, nokuba ngumfazi, nokuba ngabantwana, ngenxa yobukumkani bukaThixo, ongasayi kwamkela izinto eziphindaphindiweyo ngalo eli xesha, aze ngelo lizayo iphakade amkele ubomi obungunaphakade.

ULuka 23:42-43

Wathi kuYesu, Uze undikhumbule, Nkosi, xa uthe weza usebukumkanini bakho. UYesu wathi kuye, Inene, ndithi kuwe, Namhlanje uya kuba nam eParadisi.

UYohane 1:51

Athi kuye, Inene, inene, ndithi kuni, Emveni koku niya kulibona izulu livulekile, nezithunywa zikaThixo zinyuka zisihla phezu koNyana woMntu.

UYohane 3:3-6

Waphendula uYesu wathi kuye, Inene, inene, ndithi kuwe, Ukuba akathanga umntu azalwe ngokutsha, akanakububona ubukumkani bukaThixo. Uthi uNikodemo kuye, Angathini na umntu ukuzalwa emdala? Angaba nako yini na ukungena okwesibini esizalweni sonina azalwe? Waphendula uYesu wathi, Inene, inene, ndithi kuwe, Ukuba umntu akathanga azalwe ngamanzi nanguMoya, akanakungena ebukumkanini bukaThixo. Okuzelwe yinyama kuyinyama, nokuzelwe nguMoya kungumoya.

UYohane 3:12-16

Ukuba ndinixelele izinto ezisemhlabeni, naza anakholwa, nothini na ukukholwa, ukuba ndithe ndanixelela izinto ezisemazulwini? Akukho namnye unyukileyo waya emazulwini, ngulowo yedwa wehla ephuma emazulwini, uNyana woMntu, lowo usemazulwini. Njengokuba ke uMoses wayiphakamisayo inyoka entlango, umelwe kukuphakanyiswa ngokunjalo uNyana woMntu; ukuze bonke abakholwayo kuye bangatshabalali, koko babe nobomi obungunaphakade. Kuba wenjenje uThixo ukulithanda kwakhe ihlabathi, ude wancama uNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze bonke abakholwayo kuye bangatshabalali, koko babe nobomi obungunaphakade.

UYohane 3:36

Lowo ukholwayo kuNyana, unobomi obungunaphakade; ke lowo ungamviyo uNyana, akayi kubona bomi; ingqumbo kaThixo ihleli phezu kwakhe.

UYohane 4:14

ke yena othe wasela kuwo amanzi, endiya kumpha wona mna, akasayi kuza anxanwe naphakade; aya kusuka amanzi, endiya kumpha wona, abe ngumthombo kuye wamanzi ampompozela ebomini obungunaphakade.

UYohane 5:24

Inene, inene, ndithi kuni, Lowo ulivayo ilizwi lam, akholwe ngulowo wandithumayo, unobomi obungunaphakade; akezi ekugwetyweni; uphume ekufeni, wangena ebomini.

UYohane 5:28-29

Musani ukumangaliswa kuko oko; ngokuba kuza ilixa abaya kuthi ngalo bonke abasemangcwabeni balive ilizwi lakhe; baphume ke: abo benza izinto ezilungileyo beze eluvukweni lobomi; nabo ke benza izinto ezimbi, beze eluvukweni lokugwetywa.

UYohane 5:39

Ziphengululeni izibhalo, ngokuba nina niba ninobomi obungunaphakade kuzo; zaye zona zingqina ngam.

UYohane 6:27

Musani ukusebenzela ukudla okutshabalalayo; sebenzelani ukudla okuhlala kuse ebomini obungunaphakade, aya kunipha kona uNyana woMntu; kuba uYise uThixo utywine waqinisela yena lowo.

UYohane 6:40

Kuko ke oku ukuthanda kowandithumayo, ukuthi babe nobomi obungunaphakade bonke abambonayo uNyana, bakholwe kuye; ndandiya kubavusa mna ngomhla wokugqibela.

UYohane 6:47

Inene, inene, ndithi kuni, Lowo ukholwayo kum unobomi obungunaphakade.

UYohane 6:51

Ndim isonka esiphilileyo, esi sehlayo emazulwini. Ukuba ubani uthe wasidla esi sonka, wodla ubomi ngonaphakade; ke isonka endiya kumnika sona mna, siyinyama yam, endiya kuyinikela ubomi behlabathi.

UYohane 6:54

Lowo uyidlayo eyam inyama, alisele elam igazi, unobomi obungunaphakade; ndaye mna ndiya kumvusa ngomhla wokugqibela.

UYohane 6:68

Wamphendula ngoko uSimon Petros wathi, Nkosi, sosuka siye kubani na? Nguwe onamazwi obomi obungunaphakade.

UYohane 10:28

mna ndizinika ubomi obungunaphakade; azisayi kutshabalala naphakade; akukho namnye uya kuzihlutha esandleni sam.

UYohane 11:25-27

Wathi uYesu kuye, Ndim uvuko, ndim ubomi; lowo ukholwayo kum, nokuba ubethe wafa, wodla ubomi. Bonke abadla ubomi bekholwa kum, abasayi kufa naphakade; uyakholwa na koko? Athi kuye, Ewe, Nkosi, mna ndiyakholwa ukuba wena unguye uKristu, uNyana kaThixo, lowo uzayo ehlabathini.

UYohane 12:25

Lowo uwuthandayo umphefumlo wakhe, wolahlekelwa nguwo; lowo uwuthiyayo umphefumlo wakhe kweli hlabathi, wowulondolozela ubomi obungunaphakade.

UYohane 14:2-3

Endlwini kaBawo zininzi iindawo zokuhlala; ukuba bekungenjalo, ngendanixelelayo. Ndiyemka, ndiya kunilungisela indawo; ukuba ke ndimkile ndaya kunilungisela indawo, ndiya kubuya ndize, ndinamkelele kum ngokwam; ukuze apho ndikhona mna, nibe khona nani.

UYohane 17:1-3

Ezi zinto wazithetha uYesu, wawaphakamisa amehlo akhe wakhangela ezulwini, wathi, Bawo, lifikile ilixa; mzukise uNyana wakho, ukuze noNyana wakho akuzukise; njengokuba wamnika igunya kubantu bonke, ukuze bonke omnike bona, abanike ubomi obungunaphakade. Bubo ke obu ubomi obungunaphakade, ukuba mabakwazi, wena ukuphela koThixo oyinyaniso, naye uYesu Kristu omthumileyo.

UYohane 18:36

Waphendula uYesu wathi, Ubukumkani bam asibubo obeli hlabathi; ukuba bebububo obeli hlabathi ubukumkani bam, amakhonza am ange ezama, ukuze ndinganikelwa kumaYuda; ngoku ke ubukumkani bam asibobalapha.

IZenzo 7:49

Izulu liyitrone yam, Ke ihlabathi sisihlalo seenyawo zam; Yindlu enjani na eniya kuyakhela mna? itsho iNkosi; Yiyiphi na yona indawo yokuphumla kwam?

IZenzo 13:48

Bakuva ke oko abeentlanga, bavuya, balizukisa ilizwi leNkosi, bakholwa bonke ababemiselwe ubomi obungunaphakade.

IZenzo 14:22

besomeleza imiphefumlo yabafundi, bebavuselela ukuba bahlale behleli elukholweni; besithi, Simelwe kukuphumela ezimbandezelweni ezininzi, ukungena ebukumkanini bukaThixo.

IZenzo 28:31

ebuvakalisa ubukumkani bukaThixo, efundisa iindawo ezingeNkosi uYesu Kristu ngako konke ukungafihlisi, engalelwa bani.

Kwabase Roma 2:7

abo bathi ngokomonde emsebenzini olungileyo bafune uzuko nembeko nokungonakali, abavuze ngobomi obungunaphakade;

Kwabase Roma 5:21

ukuze, njengokuba isono saba nokulawula ngokufa, ngokunjalo nobabalo lube nokulawula ngobulungisa, luse ebomini obungunaphakade, ngaye uYesu Kristu, iNkosi yethu.

Kwabase Roma 6:22-23

Kaloku ke, nikhululwe nje kuso isono, naza nakhonziswa kuThixo, ninaso isiqhamo senu sokuba ningcwaliseke; isiphelo ke sibe bubomi obungunaphakade. Kuba umvuzo wesono kukufa; ke sona isibabalo sikaThixo bubomi obungunaphakade, kuKristu Yesu iNkosi yethu.

Kwabase Roma 10:13

Kuba bonke abasukuba belinqula igama leNkosi bosindiswa.

1 Kwabase Korinte 2:9

njengoko ke kubhaliweyo, kwathiwa, Izinto ezingabonwanga liso, nezingaviwanga ndlebe, Nezingathanga qatha entliziyweni yomntu, Zizo uThixo awazilungisela abo bamthandayo.

1 Kwabase Korinte 15:42-49

Lunjalo ke kanye novuko lwabafileyo. Umzimba uhlwayelwa unokonakala, uvuka ungenakonakala. Uhlwayelwa uswele imbeko, uvuka unobuqaqawuli; uhlwayelwa uswele amandla, uvuka unamandla; kuhlwayelwa umzimba ongowemvelo, kuvuka umzimba ongowomoya. Kukho umzimba ongowemvelo, kukho nomzimba ongowomoya. Ngokunjalo kubhaliwe kwathiwa, Owokuqala umntu uAdam waba ngumphefumlo odla ubomi; owokugqibela uAdam waba ngumoya odlisa ubomi. Ke akuqali okomoya; kuqala okwemvelo, kwandule ukuza okomoya. Owokuqala umntu uphume emhlabeni, ungowomhlaba; owesibini umntu, iNkosi, uphume emazulwini. Into ayiyo owomhlaba, bakwayiyo abomhlaba; kanjalo nento ayiyo osemazulwini, bakwayiyo abasemazulwini; njengokuba sawambathayo umfanekiselo wowomhlaba, siya kuwambatha nomfanekiselo wosemazulwini.

1 Kwabase Korinte 15:50-56

Ke, bazalwana, nditsho ukuthi, inyama negazi azinako ukubudla ilifa ubukumkani bukaThixo; nokonakala akunakukudla ilifa ukungonakali. Yabonani, ndinixelela imfihlelo: Okunene asiyi kulala ukufa sonke; kodwa siya kwenziwa ngakumbi sonke, ngesiquphe, ngephanyazo, ngexilongo lokugqibela. Kuba liya kulila ixilongo, bavuke abafileyo bengenakonakala, senziwe ngakumbi ke thina. Kuba kumele oku konakalayo ukwambatha ukungonakali, noku kufayo ukwambatha ukungafi. Xa ke oku konakalayo kuthe kwambatha ukungonakali, noku kufayo kuthe kwambatha ukungafi, liya kwandula ukwenzeka ilizwi elibhaliweyo lokuthi, Ukufa kufincelwe eloyisweni. Luphi na, kufa, ulwamvila lwakho? Luphi na, Hadesi, uloyiso lwakho? Ulwamvila lokufa sisono; amandla esono ngumthetho.

2 Kwabase Korinte 4:17-18

Kuba ubukhaphukhaphu bembandezelo yethu eyeyomzuzwana busisebenzela ngokuncamise kwaphela ubuqaqawuli obukhulukazi obungunaphakade sakubon’ ukuba asixuneli ezintweni ezibonwayo, sixunela kwezingabonwayo. Kuba ezibonwayo zezomzuzwana, ke zona ezingabonwayo zezonaphakade.

2 Kwabase Korinte 5:1-2

Kuba siyazi ukuba, xa ithe yachithwa indlu yethu esemhlabeni, engulo mnquba, sinesakhiwo esiphuma kuThixo, indlu yona emazulwini, engenakwenziwa ngazandla, engunaphakade. Kuba kulo siyancwina, silangazelela ukwambatha, saleke indlu yethu yasemazulwini;

2 Kwabase Korinte 5:8

somelele ke, sikholisiwe nokukholiswa kanye kukuba kude nekhaya lethu elisemzimbeni, sibekho kwikhaya lethu eliseNkosini.

2 Kwabase Korinte 12:2-4

Ndazi umntu okuKristu, ekusekuyiminyaka elishumi elinamine (nokuba ubesemzimbeni na andazi, nokuba ubengekho na emzimbeni, andazi; kwaziwa nguThixo), ethe lowo waxwilwa, wada wasiwa nakwelesithathu izulu. Ndiyamazi ke umntu onjalo (nokuba ubesemzimbeni na, nokuba ubengekho na emzimbeni, andazi; kwaziwa nguThixo), okokuba waxwilwa wasiwa eParadisi, weva amazwi angenakuthethwa, ekungavumelekileyo ukuba umntu awathethe.

KumaGalati 6:7-8

Musani ukulahlekiswa; uThixo yena asingowokuhlekisa. Kuba into athe wahlwayela yona umntu, wovuna kwayona; ngokuba lowo uhlwayelela eyakhe inyama, wovuna ukonakala ngokwasenyameni; lowo uhlwayelela uMoya ke, wovuna ubomi obungunaphakade ngokwaseMoyeni.

Kwabase Efese 1:3

Makabongwe uThixo, uYise weNkosi yethu uYesu Kristu, lowo wasisikelelayo ngeentsikelelo zonke zoMoya kwezasemazulwini iindawo, sikuKristu;

Kwabase Efese 2:19

Ngoko ke anisengabasemzini nabaphambukeli; ningamakhaya kubo abangcwele, ningabendlu kaThixo,

Kwabase Filipi 1:21-23

Kuba kum mna, ukudla ubomi kunguKristu, ukufa kuyinzuzo. Ke ukuba ukudla ubomi ndisenyameni kusisiqhamo somsebenzi kum oko, into ke endonyula yona andiyazi. Kuba ndixinekile phakathi kwezinto ezimbini; ndinawo umnqweno wokunga ndinganduluka, ndiye kuba noKristu; kuba kokona kulungileyo kakhulu oko;

Kwabase Filipi 3:20-21

Kuba thina ikowethu lisemazulwini, apho kananjalo silinde khona kwauMsindisi, iNkosi uYesu Kristu; eya kuwenza kumila kumbi umzimba wokuthobeka kwethu, ukuze wona wenziwe ufane nawo umzimba wozuko lwakhe, ngokokusebenza kwalowo unako ukuzithobela phantsi kwakhe zonke izinto.

Kwabase Kolose 1:13

owasihlangulayo egunyeni lobumnyama, wasifudusela ebukumkanini boNyana wothando lwakhe,

Kwabase Kolose 3:2

Nyamekelani izinto zaphezulu, zingabi zezasemhlabeni.

1 Kwabase Tesalonika 2:12

ukuba nihambe ngokumfaneleyo uThixo, onibizelayo kobakhe ubukumkani nobuqaqawuli.

2 Kwabase Tesalonika 1:7

athi, nina babandezelwayo, anibuyekeze ngokuniphumza kunye nathi, ekutyhilekeni kweNkosi uYesu, ivela emazulwini inezithunywa zamandla ayo;

1 KuTimoti 1:16-17

noko ke ndesuka ndenzelwa inceba ngenxa yoku, ukuze uYesu Kristu akubonakalalisele kum, mna ungomkhulu, konke ukuzeka kade umsindo, ndibe ngumzekelo kwabo baza kukholwa kuye, base ebomini obungunaphakade. Ke kaloku, kuye uKumkani wawo amaphakade, ongenakonakala, ongenakubonakala, kuThixo olumkileyo yedwa, makubekho imbeko nozuko, kuse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen.

1 KuTimoti 4:8

Kuba eyeyomzimba ingqeqesho inceda kancinane; ke kona ukuhlonela uThixo kunceda ngako konke, kunedinga lobomi bakalokunje, nobobo buza kubakho.

1 KuTimoti 6:7

Kuba sibe singangenanga nanto ehlabathini; kuyabonakala kananjalo ukuba asinakuphuma nanto.

1 KuTimoti 6:12

Wuzame umzamo omhle wokholo; bubambe ubomi obungunaphakade, owabizelwa nokubizelwa kubo, waza waluvuma uvumo oluhle emehlweni amangqina amaninzi.

1 KuTimoti 6:18-19

benze okulungileyo, babe zizityebi zemisebenzi emihle, babe nokwaba kakuhle, babe nobudlelane; baziqwebele isiseko esihle, base exesheni eliza kuza, ukuze babubambe ubomi obungunaphakade.

2 KuTimoti 1:10

lwabonakaliswa ke ngoku ngako ukubonakala koMsindisi wethu uYesu Kristu, owakubhangisayo okunene ukufa, kodwa wabukhanyisa ubomi nokungonakali, ngazo iindaba ezilungileyo ezi;

2 KuTimoti 4:18

Isaya kundihlangula yona iNkosi kuwo wonke umsebenzi ongendawo, indisindisele ebukumkanini bayo obusemazulwini; kuyo makubekho uzuko, kuse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen.

KuTito 1:2

ngethemba lobomi obungunaphakade, awathi uThixo, ongenakuxoka, wabubeka idinga ngaphambi kwamaxesha angunaphakade,

KuTito 3:7

ukuze sithi, sigwetyelwe ngobabalo lwalowo, sibe ziindlalifa zobomi obungunaphakade ngokwethemba.

KumaHebhere 1:8

kodwa ngaye yena uNyana uthi, Itrone yakho, Thixo, isa ephakadeni lasephakadeni; Yintonga ethe tye intonga yobukumkani bakho.

KumaHebhere 4:9

Ngoko ke abantu bakaThixo balindwe luphumlo olunjengolwesabatha.

KumaHebhere 5:9

waza, egqibelele, waba yimbangi yosindiso olungunaphakade kubo bonke abamlulamelayo,

KumaHebhere 9:23-24

Kwafuneka ngoko, ukuba okunene izizekelo zezinto ezisemazulwini zihlanjululwe ngezinto ezinjalo, kodwa zona iziqu zazo ezasemazulwini zihlanjululwe ngamadini alungileyo kunalawo. Kuba uKristu akangenanga kweyona ngcwele inokwenziwa ngezandla, engumfuziselo weyenyaniso; ungene kuwo amazulu ngokwawo, ukuba abonakale ngoku ebusweni bukaThixo ngenxa yethu.

KumaHebhere 11:16

Kodwa ngoku bazolulela kwelona lilungileyo, oko kukuthi, kwelasemazulwini. Kungoko uThixo angenazintloni ngabo, ukuba kuthiwe unguThixo wabo, kuba ebalungisele umzi.

KumaHebhere 12:22-23

Nisuke nina nafika eZiyon, entabeni nasemzini woThixo ophilileyo, kwiYerusalem yasemazulwini, nakumawakawaka ezithunywa zezulu, kwingqungquthela, nakwibandla lamazibulo abhaliweyo emazulwini, nakuThixo, uMgwebi wabo bonke, nakoomoya bamalungisa agqibeleleyo,

KumaHebhere 13:14

Kuba apha asinamzi uhleliyo, singxamele lowo uza kuza.

1 KaPetros 1:4

sibe nelifa elingenakonakala, elingenakudyobheka, elingenakuguga, eniligcinelweyo emazulwini,

1 KaPetros 3:22

osekunene kukaThixo, eye emazulwini, kwakubon’ ukuba kuthotyelwe phantsi kwakhe izithunywa zezulu, noomagunya, namandla.

2 KaPetros 1:10-11

Endithi ngoko, bazalwana, makube kukhona nikhuthalele ukulwenza luqine ubizo nonyulo lwenu; kuba, nakuzenza ezo zinto, anisayi kukha nikhubeke. Kuba ngokunjalo nophiwa ngokobutyebi ukungena ebukumkanini obungunaphakade beNkosi yethu, uMsindisi uYesu Kristu.

2 KaPetros 3:13

Thina ke ngokwedinga lakhe silinde elitsha izulu, nomtsha umhlaba, apho kumi ubulungisa.

1 UYohane 1:1-2

Oko kwakukho kwasekuqalekeni, oko sikuvileyo, oko sikubonileyo ngawethu amehlo, oko sakukhangelayo, zakuphatha izandla zethu, okwelizwi labo ubomi (obu bomi ke babonakaliswa; sibubonile, siyabungqinela, siyabuxela kuni, ubomi obo bungunaphakade, bona obo bebukuye uYise, baza babonakaliswa kuthi):

1 UYohane 2:17

Ihlabathi ke liyadlula, nenkanuko yalo; ke yena owenza ukuthanda kukaThixo uhleli ngonaphakade.

1 UYohane 2:25

Lilo eli idinga, awalibekayo ngokwakhe kuthi, ubomi obungunaphakade.

1 UYohane 3:2

Zintanda, ngoku singabantwana bakaThixo. Akukabonakali ke into esiya kuba yiyo; ke siyazi ukuba, xa athe wabonakala, sofana naye; ngokuba siya kumbona njengoko anjalo.

1 UYohane 5:11-13

Bubo obu ke ubungqina: ukuba uThixo usinike ubomi obungunaphakade; baye obo bomi bukuye uNyana wakhe. Lowo unaye uNyana, unabo ubomi; lowo ungenaye uNyana kaThixo, akanabo ubomi. Ndinibhalele ezi zinto, nina nikholwayo kwigama loNyana kaThixo, ukuze nazi ukuba ninobomi obungunaphakade, nokuze nikholwe kwigama loNyana kaThixo.

1 UYohane 5:20

Ke siyazi ukuba uNyana kaThixo ufikile, wasinika ingqondo, ukuze simazi oyinyaniso. Sikuye ke oyinyaniso, kuye uNyana wakhe uYesu Kristu. Nguye lo uThixo oyinyaniso, nobomi obungunaphakade.

EkaYuda 1:21

Hlalani nihleli eluthandweni lukaThixo, niyilinde inceba yeNkosi yethu uYesu Kristu, kuse ebomini obungunaphakade.

IsiTyhilelo 2:7

Lowo unendlebe, makayive into ayithethayo uMoya kuwo amabandla. Lowo weyisayo ndiya kumnika ukuthi adle kumthi wobomi, ophakathi kweParadisi kaThixo.

IsiTyhilelo 3:5

Lowo weyisayo uya kuthiwa wambu ngeengubo ezimhlophe. Andisayi kulicima igama lakhe encwadini yobomi; ndiya kulivuma igama lakhe emehlweni kaBawo, naphambi kwezithunywa zakhe zasemazulwini.

IsiTyhilelo 3:21

Lowo weyisayo, ndiya kumvumela ukuba ahlale nam etroneni yam, njengokuba nam ndeyisayo, ndaza ndahlala phantsi noBawo etroneni yakhe.

IsiTyhilelo 4:1-4

Emva koko ndabona, nango umnyango uvulekile emazulwini; ilizwi lokuqala endalivayo lalinjengexilongo, lithetha nam, lisithi, Nyukela apha, ndokubonisa iinto ezimele ukubakho emva kwezi. Ndithe kwaoko ke ndaba kuMoya; nanko kumi itrone emazulwini, phezu kwetrone kukho ohleliyo. Waye lowo uhleliyo, ukubonakala kwakhe, efana nelitye leyaspisi nelesardiyo; waye umnyama wenze isangqa etroneni apho, ufana nelesmarado ukubonakala kwawo. Kwaye kwenze isangqa etroneni apho iitrone ezimashumi mabini anane; phezu kweetrone ezo ndabona amadoda amakhulu amashumi mabini anamane, ehleli, ethiwe wambu ngeengubo ezimhlophe, enezithsaba zegolide entloko.

IsiTyhilelo 4:5-8

Nasetroneni apho kuphuma imibane, neendudumo, nezandi; kuvutha izibane zomlilo ezisixhenxe phambi kwetrone, ezingabo ooMoya abasixhenxe bakaThixo. Phambi kwetrone kukho ulwandle lwegilasi, lufana nomkhenkce. Esazulwini setrone apho, nasesangqeni setrone, kukho izinto eziphilileyo ezine, zizele ngamehlo ngaphambili nangasemva. Eyokuqala into ephilileyo ifana nengonyama; eyesibini into ephilileyo ifana nethole; eyesithathu into ephilileyo inobuso obungathi bobomntu; eyesine into ephilileyo ifana nokhozi luphaphazela. Zaye zone izinto eziphilileyo ezo, iyileyo naleyo, zinamaphiko ngamathandathu ngeenxa zonke, nangaphakathi zizele ngamehlo; zingaphumli imini nobusuku, zisithi: Ingcwele, ingcwele, ingcwele INkosi uThixo uSomandla, Leyo yayikho, ikhoyo, izayo.

IsiTyhilelo 4:9-11

Xa zithi izinto eziphilileyo zibe zimnika uzuko nembeko nombulelo lowo uhleli etroneni, lowo udla ubomi kuse emaphakadeni asemaphakadeni, asuka awe amadoda amakhulu, amashumi mabini anamane, phambi kwalowo uhleli etroneni, aqubude kulowo udla ubomi kuse emaphakadeni asemaphakadeni, aphose izithsaba zawo phambi kwetrone, esithi: Ufanele, Nkosi, ukwamkela uzuko, nembeko, namandla; Ngokuba inguwe owadala zonke izinto, Nangenxa yokuthanda kwakho zikho, zadalelwa oko.

IsiTyhilelo 5:10-11

Wasenza ookumkani nababingeleli kuye uThixo wethu; Sasiya kuba ngookumkani phezu komhlaba. Ndabona, ndeva izwi lezithunywa zezulu ezininzi, zenze isangqa etroneni, nezinto eziphilileyo, nawo amadoda amakhulu: laye inani lawo lizizigidi zezigidi;

IsiTyhilelo 7:9-12

Emva koko ndabona, naso isihlwele esikhulu, ebekungekho namnye unako ukusibala, siphuma kuzo zonke iintlanga, nezizwe, nabantu, neelwimi, simi phambi kwetrone naphambi kweMvana, bethiwe wambu ngeengubo ezinde ezimhlophe, benamasundu ezandleni zabo, bedanduluka ngezwi elikhulu, besithi: Usindiso kuye uThixo wethu, Lowo uhleli phezu kwetrone, Nakuyo iMvana! Zaye zonke izithunywa zezulu zimi, zenze isangqa etroneni, nakuwo amadoda amakhulu, nakuzo izinto eziphilileyo zone, zawa phambi kwetrone ngobuso bazo, zaqubuda kuye uThixo, zisithi: Amen, Ukubongwa, nozuko, nobulumko, Nombulelo, nembeko, namandla, nokomelela, Makube kuye uThixo wethu, Kuse emaphakadeni asemaphakadeni! Amen.

IsiTyhilelo 7:15-17

Ngenxa yoko baphambi kwetrone kaThixo, bemkhonza imini nobusuku etempileni yakhe; nalowo uhleli phezu kwetrone uya kuba ngumnquba phezu kwabo. Abayi kuba salamba, abayi kuba sanxanwa; aliyi kubawela nelanga, nabunye ubushushu; ngokuba iMvana esesazulwini setrone iya kubalusa, ibakhokelele emithonjeni ephilileyo yamanzi; waye uThixo eya kuzisula iinyembezi zonke emehlweni abo.

IsiTyhilelo 11:19

Yavulwa itempile kaThixo emazulwini, yabonakala ityeya yomnqophiso wakhe etempileni yakhe; kwabakho imibane, nezandi, neendudumo, nonyikimo lomhlaba, nesichotho esikhulu.

IsiTyhilelo 12:7-8

Kwaza kwabakho imfazwe emazulwini, uMikayeli nezithunywa zakhe besilwa nenamba, inamba nezithunywa zayo zisilwa; azaba nakweyisa, kanjalo ayaba safunyanwa indawo yazo emazulwini.

IsiTyhilelo 19:9

Sithi kum, Bhala, uthi, Banoyolo abo bamenyelwe esidlweni somsitho weMvana. Sithi kum, Lawo ngamazwi ayinyaniso kaThixo.

IsiTyhilelo 20:11

Ndabona itrone emhlophe enkulu, nalowo uhleli phezu kwayo, owathi umhlaba nezulu wasaba ebusweni bakhe, azafunyanelwa ndawo ezo zinto.

IsiTyhilelo 21:1-4

Ndabona izulu elitsha, nomhlaba omtsha; kuba elokuqala izulu nowokuqala umhlaba udlule, nolwandle alusekho. Ndaza mna, Yohane, ndawubona umzi ongcwele, iYerusalem entsha, usihla uvela kuThixo, uphuma emazulwini, ulungisiwe njengomtshakazi ehonjiselwe indoda yakhe. Ndeva izwi elikhulu liphuma emazulwini, lisithi: Yabona, umnquba lo kaThixo unabantu; Uya kuhlala nabo emnqubeni, Bona babe ngabantu bakhe, Yena uThixo abe nabo, enguThixo wabo; Azisule uThixo zonke iinyembezi emehlweni abo, Kungabi sabakho kufa, Kungabi sabakho nasijwili, nakukhala, nantlungu; Ngokuba izinto zokuqala zigqithile.

IsiTyhilelo 21:5-9

Waza lowo uhleli phezu kwetrone wathi, Uyabona, izinto zonke ndizenza ntsha. Athi kum, Bhala; ngokuba lawo ngamazwi ayinyaniso, athembekileyo. Wathi kum, Kwenzekile; mna ndinguAlfa no-Omega, isiqalo nesiphelo; mna ndomnika lowo unxaniweyo emthonjeni wamanzi obomi, ngesisa. Lowo weyisayo uya kuzidla ilifa izinto zonke; ndiya kuba nguThixo wakhe, yena abe ngunyana wam. Ke wona amagwala, nabangakholwayo, nabangamasikizi, nababulali, nabenzi bombulo, nabakhafuli, nabakhonzi bezithixo, nawo onke amaxoki, isabelo sawo siya kuba sedikeni elivutha umlilo nesulfure. Oko kukufa kwesibini. Kwaza kweza kum esinye sezithunywa zezulu ezisixhenxe, ezineengqayi ezisixhenxe, ezizele zizibetho zosixhenxe zokugqibela, sathetha nam sisithi, Yiza apha, ndikubonise umtshakazi, umfazi wayo iMvana.

IsiTyhilelo 21:10-14

Sandisa ndikuMoya entabeni enkulu, ephakamileyo, sandibonisa umzi omkhulu, iYerusalem engcwele, usihla uphuma emazulwini, uvela kuThixo, unobuqaqawuli bukaThixo; isikhanyiso sawo sifana nelitye elinqabileyo kakhulu, langa lilitye leyaspisi ebengezela njengekristale. Kananjalo unodonga olukhulu oluphakamileyo. Unamasango alishumi elinamabini, phezu kwamasango unezithunywa zezulu ezilishumi elinazibini; kubhalwe kuwo amagama angawezizwe ezilishumi elinazibini zoonyana bakaSirayeli; ngasempumalanga ingamasango mathathu, ngasentla ingamasango mathathu, ngasezantsi ingamasango mathathu, ngasentshonalanga ingamasango mathathu. Udonga lomzi lunamatye eziseko alishumi elinamabini, kuwo ingamagama abapostile abalishumi elinababini bayo iMvana.

IsiTyhilelo 21:15-21

Lowo ubethetha nam wayenengcongolo yegolide, ukuba awulinganise umzi lowo, namasango awo, nodonga lwawo. Umzi lowo umbombo-ne ukuma kwawo; ubude bawo bungangobubanzi bawo. Wawulinganisa umzi lowo ngengcongolo, wazitadiya ezilishumi linazibini lamawaka; ubude nobubanzi nokuphakama kwawo kuyalingana. Walulinganisa nodonga lwawo, ikhulu elinamanci mane anesine leekubhite, ngokomlinganiso womntu, oko kukuthi, wesithunywa sezulu. Isakhiwo sodonga lwawo yiyaspisi; Umzi yigolide engcwengekileyo, efana negilasi ebonakalelayo, Namatye eziseko zodonga lomzi ayevathiswe ngamatye onke anqabileyo. Elokuqala ilitye lesiseko yiyaspisi, elesibini yisafire, elesithathu yikalikedo, elesine yismarado, elesihlanu yisardonisi, elesithandathu yisardiyo, elesixhenxe yikrizolite, elesibhozo yibherilo, elesithoba yitopazi, eleshumi yikrizoprazi, eleshumi elinalinye yihakinto, eleshumi elinambini yiametiste. Namasango lawo alishumi elinamabini aziiperile ezilishumi elinambini, lalelo isango ngalinye lenziwe ngaperile-nye; nesitrato somzi yigolide engcwengekileyo, njengegilasi ebonakalelayo.

IsiTyhilelo 21:22-27

Andibonanga tempile kuwo, kuba iNkosi uThixo uSomandla nayo iMvana yitempile yawo. Umzi lowo awufuni langa, kwanayo inyanga, kuba ubuqaqawuli bukaThixo buwukhanyisela, nayo iMvana isisibane sawo. Iintlanga zabo basindiswayo ziya kuhamba ekukhanyeni kwawo; ookumkani bomhlaba bazise kuwo uzuko nembeko yabo. Amasango awo akasayi kuvalwa mini (kuba ubusuku abuyi kubakho khona). Baya kuzisa uzuko nembeko yeentlanga ezo kuwo. Akusayi kungena kuwo nanye into eyenza inqambi, eyenza isikizi, nobuxoki; abaya kungena ngabo bodwa babhalwe encwadini yobomi yeMvana.

IsiTyhilelo 22:1-5

Saza sandibonisa umlambo wamanzi obomi, uqaqambile, ngathi ngumkhenkce, uphuma etroneni kaThixo neyeMvana. Phakathi kwesitrato sawo, ngapha nangapha komlambo, ngumthi wobomi, ovelisa iintlobo zeziqhamo ezilishumi elinambini, unika iinyanga ngeenyanga zonke isiqhamo sawo; aye amagqabi omthi lowo engawokuphilisa iintlanga. Akusayi kuba sabakho nasinye isiqalekiso; yaye itrone kaThixo neyeMvana iya kubakho kuwo; abakhonzi bakhe bamkhonze, babubone ubuso bakhe, negama lakhe libe semabunzini abo. Akuyi kubakho busuku khona; abafuni sibane, nakukhanya kwelanga, ngokuba iNkosi uThixo ibakhanyisela; baya kuba ngookumkani, kuse emaphakadeni asema phakadeni.

IsiTyhilelo 22:14

Banoyolo abo bayenzayo imithetho yakhe, ukuze igunya labo libe semthini wobomi, bangene ngamasango kuwo umzi.

IsiTyhilelo 22:17

UMoya nomtshakazi bathi, Yiza. Lowo uvayo makathi, Yiza. Lowo unxaniweyo makeze; lowo uthandayo, makawathabathe amanzi obomi ngesisa.

Xhosa - Xhosa - XH

XHB - Henry Hare Dugmore Xhosa Bible - 1859

This Bible text is Public Domain.
https://bibles.org/bible/3ce5ffb017c7b41e-01/GEN.1/
Languages are made available to you by www.ipedge.net