07 – Umhla woMgwebo

La ngamazwi angcwele kaThixo uSomandla.
Asinamdla kwizinto ezithethwa ngabantu.
Nabani na othanda uThixo . . . Nantsi into uThixo ayithethayo ngaye: Umhla woMgwebo.

Iivesi ezi-3 eziPhambili

IsiTyhilelo 20:11-12

Ndabona itrone emhlophe enkulu, nalowo uhleli phezu kwayo, owathi umhlaba nezulu wasaba ebusweni bakhe, azafunyanelwa ndawo ezo zinto. Ndababona abafileyo, abancinane nabakhulu, bemi phambi koThixo. Zavulwa iincwadi; kwavulwa nenye incwadi, eyeyobomi; bagwetywa abafileyo ngokubhaliweyo ezincwadini ezo, ngokwemisebenzi yabo.

KumaHebhere 9:27

Ke kwanjengokuba ke abantu bemiselwe ukuba bafe kube kanye, ize ke emveni koko ibe ngumgwebo:

UYohane 12:48

Lowo undigibayo, angawamkeli amazwi am, unaye omgwebayo; ilizwi endilithethileyo, lilo eliya kumgweba ngomhla wokugqibela.

Zonke iivesi ngokulandelelana kweCanonical - 177 izicatshulwa

Genesis 17:1

Kwathi, uAbram akuba minyaka imashumi asithoba anesithoba ezelwe, uYehova wabonakala kuAbram, wathi kuye, NdinguThixo uSomandla; hamba phambi kwam ube ngogqibeleleyo.

Genesis 18:25

Makube lee kuwe ukwenza ngokwendawo enjalo ukubulala olilungisa kunye nongendawo, ilungisa libe njengongendawo; makube lee kuwe. Umgwebi wehlabathi lonke akayi kwenza okusesikweni yini na?

Duteronomi 18:13

Uze ugqibelele ukuba noYehova uThixo wakho.

2 KaSamuweli 22:24

Ndandingogqibeleleyo kuye, Ndazinqanda ebugwenxeni bam.

1 YeziKronike 16:33

Ize imemelele imithi yehlathi phambi koYehova; Ngokuba esiza kuligweba ihlabathi.

1 YeziKronike 28:9

Ke wena Solomon, nyana wam, uze umazi uThixo kayihlo, umkhonze ngentliziyo epheleleyo, nangomphefumlo ovumayo; ngokuba uYehova uyazingxoka zonke iintliziyo, akuqonde konke ukuyila kweengcinga zabantu. Ukuba uthe wamfuna, wofunyanwa nguwe; ukuba uthe wamshiya, wokulahla mpela.

UYobhi 19:25-29

Ke mna ndiyazi ukuba umhlawuleli wam uhleli; Engowokuphela, uya kusuka eme phezu kothuli lwehlabathi. Emveni kokuba ulusu lwam ludlavulwe lwanje, Ingasekho inyama yam, ndiya kumbona uThixo, Endiya kuzibonela mna ngokwam; Amehlo am ambone, ingabi wumbi. Ziyaphelelwa izintso zam ngaphakathi kwam. Ukuba nithi, Simsukela ngani na? Ingcambu yaloo nto ifunyenwe kum: Nxunguphalani likrele; Kuba ubushushu, bubo ubugwenxa obufanele ikrele, Ukuze nazi ukuba kukho umgwebo.

UYobhi 21:30

Ukuba ngemini yokusindeka wanqandwa ongendawo, Ngemini yokuphuphuma umsindo wemkiswa?

UYobhi 31:6

Makandilinganise esikalini sobulungisa, Akwazi uThixo ukugqibelela kwam.

IiNdumiso 1:4-6

Abanjalo abangendawo; Bona banjengomququ ophetshethwa ngumoya. Ngenxa yoko abangendawo abanakuma emgwebeni, Naboni ebandleni lamalungisa. Ngokuba uYehova uyayazi indlela yamalungisa; Ke yona indlela yabangendawo iya kudaka.

IiNdumiso 9:7-8

Ke yena uYehova uhleli ngonaphakade, Uyizinzisele ugwebo itrone yakhe. Uya kugweba yena kwelimiweyo ngobulungisa, Agwebe phakathi kwezizwe ngokuthe tye.

IiNdumiso 9:17

Baya kubuyela kwelabafileyo abangendawo, Kwaiintlanga zonke ezimlibalayo uThixo;

IiNdumiso 18:23

Ndaye ndingogqibeleleyo kuye, Ndazigcina, andaba nabugwenxa,

IiNdumiso 37:12-13

Ongendawo ulenzela amayelenqe ilungisa, Ulitshixizela amazinyo akhe. INkosi iyamhleka, Ngokuba ibona ukuba iyeza imini yakhe.

IiNdumiso 49:15

Kodwa uThixo uya kuwukhulula umphefumlo wam esandleni selabafileyo, Ngokuba eya kundithabatha. (Phakamisani.)

IiNdumiso 56:7-8

Bengamatshinga nje, bosinda na? Zihlise ngomsindo izizwe, Thixo. Ukuphalaphala kwam ukubhalile wena; Yitha iinyembezi zam entsubeni yakho; Azisencwadini yakho na?

IiNdumiso 69:28

Mabacinywe encwadini yobomi, Bangabhalwa namalungisa.

IiNdumiso 91:8

Wokhangela ngamehlo akho odwa, Ukubonele ukubuyekezwa kwabangendawo.

IiNdumiso 96:13

Phambi koYehova, ngokuba esiza, Ngokuba esiza kugweba ihlabathi. Uya kuligweba elimiweyo ngobulungisa, Nezizwe ngokunyanisa kwakhe.

IiNdumiso 98:9

Phambi koYehova, ngokuba esiza kugweba ihlabathi. Uya kuligweba elimiweyo ngobulungisa, Izizwe ngokuthe tye.

IiNdumiso 139:16

Amehlo akho andibona ndiseyimbumba, Zazibhalwe encwadini yakho iimini zonke ziphela; Ziyiliwe ngenxa engaphambili, Kungekabikho ke nanye kuzo.

IiNdumiso 145:20

UYehova ungumgcini wabo bonke abamthandayo, Abatshabalalise bonke abangendawo.

ImiZekeliso 11:4

Abunyusi ubuncwane ngemini yokuphuphuma komsindo; Ubulungisa buyahlangula ekufeni.

EcclesiastesImiZekeliso 3:17

Ndathi mna entliziyweni yam, Nolilungisa nongendawo, uThixo uya kulithetha ityala labo; ngokuba umise ixesha layo yonke imicimbi, nazo zonke izenzo.

EcclesiastesImiZekeliso 7:1

Igama elilungileyo lingaphezulu nakwioli elungileyo; ulungile umhla wokufa ngaphezu komhla wokuzalwa komntu.

EcclesiastesImiZekeliso 12:13-14

Ukuhlanganiswa kwentetho, yakuba ivakele into yonke, nanku: Yoyika uThixo, ugcine imithetho yakhe; ngokuba indawo leyo yimfanelo yoluntu lonke. Ngokuba izenzo zonke uThixo uya kuzizisa ekugwetyweni, izinto zonke ezifihlakeleyo, nokuba zilungile nokuba zimbi.

UIsaya 8:22

babheke emhlabeni, nanko kuyimbandezelo nobumnyama, bethiwe ncithi yingcutheko, begxothelwe esithokothokweni.

UIsaya 13:11

Ndolivelela elimiweyo ngenxa yobubi balo, nabangendawo ngenxa yobugwenxa babo, ndiliphelise ikratshi labakhukhumeleyo, ndilithobele phantsi ikratshi labangcangcazelisi;

UIsaya 25:8

Iya kuginya ukufa kuphele, izisule iNkosi uYehova iinyembezi ebusweni bonke, ingcikivo yabantu bayo iyisuse ehlabathini lonke, kuba uYehova ethethile.

UIsaya 26:19

Abafileyo bakho baya kuphila; izidumbu zakowethu ziya kuvuka. Vukani, nimemelele, nina bahleli eluthulini; kuba ngumbethe wezikhanyiso umbethe wakho, nehlabathi liya kubakhupha abangasekhoyo.

UIsaya 47:3-4

Mabutyhileke ubuze bakho, kubonakale nokungcikiveka kwakho; ndiya kuphindezela, andiyi kubuka mntu. Umkhululi wethu, igama lakhe nguYehova wemikhosi, oyiNgcwele kaSirayeli.

UIsaya 61:2

ukumemeza umnyaka wetarhu likaYehova, nomhla wempindezelo yoThixo wethu: ukuthuthuzela bonke abanesijwili;

UIsaya 65:17

Ngokuba, niyabona, ndidala amazulu amatsha nehlabathi elitsha; angakhunjulwa awokuqala, angenyuki athi qatha entliziyweni.

UIsaya 66:22-24

Kuba njengoko amazulu amatsha nehlabathi elitsha endiza kuwenza, amiyo phambi kwam, utsho uYehova, iya kwenjenjalo ukuma imbewu yenu negama lenu; kuthi kuphikelane nokuthwasa kweenyanga zonke, kuphikelane neesabatha zonke, ukuza kwenyama yonke, ukuba iqubude phambi kwam; utsho uYehova. Baya kuphuma babone izidumbu zamadoda akreqileyo kum; kuba iimpethu zabo aziyi kufa, nomlilo wabo ungacimi, babe linyumnyezi kuluntu lonke.

UHezekile 18:4

Yabonani, yonke imiphefumlo yeyam; umphefumlo woyise unjengomphefumlo wonyana, yeyam yomibini; umphefumlo owonayo, kuya kufa wona.

UDaniyeli 7:9-10

Ndabona, zada zamiswa iitrone, wahlala uNyangelemihla; isambatho sakhe simhlophe njengekhephu, neenwele zentloko yakhe zinjengoboya bezimvu obunyulu, itrone yakhe ingamalangatye, iivili zayo ngumlilo olenyayo. Kwaphuma umlambo womlilo phambi kwakhe, amawaka amawaka ayelungiselela kuye, nezigidi zezigidi bezimisa phambi kwakhe; abagwebi bahlala phantsi, iincwadi zavulwa.

UDaniyeli 7:18

Ke ubukumkani baya kubuthabatha abangcwele bOsenyangweni, babume ubukumkani, kude kuse ephakadeni, kude kuse ephakadeni lamaphakade.

UDaniyeli 7:21-22

Ndabona ukulwa kolu phondo nabangcwele, lwabeyisa; wada weza uNyangelemihla, wabagwebela abangcwele bOsenyangweni, lafika ixesha lokuba abangcwele babume ubukumkani.

UDaniyeli 7:25-27

athethe amazwi okuchasana nOsenyangweni, abonakalise abangcwele bOsenyangweni, acamange ngokuwenza wambi amathuba nomthetho, banikelwe esandleni sakhe ixesha namaxesha nesiqingatha sexesha. Ke abagwebi baya kuhlala phantsi, balisuse igunya lakhe, ukuze litshabalale lidake, kude kuse ekupheleni. Ubukumkani, negunya, nobukhulu bezikumkani phantsi kwamazulu onke, buya kunikwa abantu abangcwele bOsenyangweni; ubukumkani bakhe bubukumkani obungunaphakade, namagunya onke aya kumbusa, amve.

UDaniyeli 12:1-4

Ngelo xesha uya kusuka eme uMikayeli, umthetheli omkhulu, omela oonyana babantu bakowenu. Kuya kubakho ixesha lembandezelo elingazanga libekho elinjalo, kususela koko lwabakhoyo uhlanga, kude kube nangelo xesha. Ngelo xesha baya kusinda abantu bakowenu, bonke abafunyenwe bebhaliwe encwadini. Kuya kuvuka abaninzi kwabaleleyo eluthulini lomhlaba, aba baye ebomini obungunaphakade, naba baye kwingcikivo nakwinyumnyezi engunaphakade. Abo ke banengqiqo baya kukhazimla njengokukhazimla kwesibhakabhaka; nababajikela abaninzi ebulungiseni bakhazimle njengeenkwenkwezi ngonaphakade kanaphakade. Wena ke, Daniyeli, wavalele amazwi la, uyitywine incwadi, kude kube lixesha lokuphela. Baninzi abaya kuyiphengulula, kwandiswe ukwazi.

UDaniyeli 12:13

Wena ke, hamba uye ekupheleni. Uya kuphumla, uvuke, uye eqashisweni lakho ekupheleni kwemihla.

UObhadiya 1:15

Ngokuba isondele imini kaYehova kuzo zonke iintlanga. Njengoko wenze ngako, kuya kwenjiwa njalo kuwe; okwenzileyo kuya kubuyela entlokweni yakho.

UMateyu 3:7

Ke kaloku, akubona into eninzi yabaFarisi nabaSadusi besiza ekubhaptizeni kwakhe, wathi kubo, Nzalandini yamarhamba, ngubani na onibonisileyo ukuba niyibaleke ingqumbo ezayo?

UMateyu 3:10

Kananjalo izembe selibekiwe engcanjini yemithi; ngoko yonke imithi engavelisi siqhamo sihle, iyagawulwa iphoswe emlilweni.

UMateyu 3:12

omnyazi wokwela usesandleni sakhe; uya kusicokisa kuthi tu isanda sakhe, ayibuthele kuvimba ingqolowa yakhe, kodwa wona umququ uya kuwutshisa ngomlilo ongacimekiyo.

UMateyu 5:29-30

Ukuba ke iliso lakho lokunene liyakukhubekisa, linyothule ulilahle kuwe; kuba kukulungele kanye ukuba kutshabalale libe linye emalungwini akho, kunokuba umzimba wakho uphela uphoswe esihogweni. Nokuba isandla sakho sokunene siyakukhubekisa, sinqamle usilahle kuwe; kuba kukulungele kanye ukuba kutshabalale libe linye emalungwini akho, kunokuba umzimba wakho uphela uphoswe esihogweni.

UMateyu 7:2

Kuba ngogwebo enigweba ngalo, niya kugwetywa kwangalo nani; nangomlinganiselo enilinganisela abanye ngawo, niya kulinganiselwa kwangawo nani.

UMateyu 7:13-14

Ngenani ngesango elimxinwa; ngokuba libanzi isango, iphangalele nendlela, esa entshabalalweni; baninzi ke abangena ngalo. Ngokuba limxinwa isango, icuthene nendlela, esa ebomini; bambalwa ke abalifumanayo.

UMateyu 7:16-20

Nobaqonda ngeziqhamo zabo. Kukha kukhiwe iidiliya emithaneni enameva, namakhiwane ezinkunzaneni, yini na? Ngokunjalo yonke imithi elungileyo ivelisa iziqhamo ezihle, ke wona umthi ongenguwo uvelisa iziqhamo ezibi. umthi olungileyo awunakuvelisa ziqhamo zibi, nomthi ongenguwo awunakuvelisa ziqhamo zihle. Wonke umthi ongavelisi ziqhamo zihle uyagawulwa, uphoswe emlilweni. Ngoko ke nobaqonda ngeziqhamo zabo.

UMateyu 7:21-23

Asingabo bonke abathi kum, Nkosi, Nkosi, abaya kungena ebukumkanini bamazulu; ngokwenzayo ukuthanda kukaBawo osemazulwini. Baninzi abaya kuthi kum ngaloo mini, Nkosi, Nkosi, sasingathe na egameni lakho saprofeta, sathi egameni lakho sakhupha iidemon, sathi egameni lakho senza imisebenzi yamandla emininzi? Ndandule ndibaxelele, ndithi, Andizanga ndinazi; mkani kum, nina nenza okuchasene nomthetho.

UMateyu 10:14-15

Nothe akawamkela, akaweva amazwi enu, nakuphuma kuloo ndlu nakuloo mzi, vuthululani uthuli lweenyawo zenu. Inene ndithi kuni, Koba nokunyamezeleka okomhlaba waseSodom nowaseGomora ngomhla womgwebo, kunokwaloo mzi.

UMateyu 10:28

Ningaboyiki abo babulala umzimba, kodwa bengenako ukuwubulala wona umphefumlo; yoyikani ke kanye lowo unako ukutshabalalisa umphefumlo kwanomzimba esihogweni somlilo.

UMateyu 11:22-24

Ke ndithi kuni, Kuya kuba nokunyamezeleka kwiTire nakwiTsidon ngomhla womgwebo kunani. Nawe Kapernahum, uphakanyiselweyo ezulwini, uya kuphoselwa phantsi kwelabafileyo; ngokuba imisebenzi yamandla eyenzeke kuwe, ukuba yayenzeke eSodom, inge ihleli kwada kwaba namhla. Ke ndithi kuni, Kuya kuba nokunyamezeleka okomhlaba waseSodom ngomhla womgwebo kunawe.

UMateyu 12:36-37

Ndithi ke kuni, Onke amazwi angewani abathe bawathetha abantu, baya kuphendula ngawo ngomhla womgwebo; kuba ngawo amazwi akho uya kugwetyelwa, nangawo amazwi akho uya kugwetywa.

UMateyu 13:38-43

intsimi ke lihlabathi; imbewu ke entle ngoonyana bobukumkani abo; umdiza ke ngoonyana bongendawo; utshaba ke olwawuhlwayelayo wona nguMtyholi; ukuvuna ke kukupheliswa kwephakade eli; abavuni ke zizithunywa zezulu. Njengokuba ngoko ubuthwa umdiza, utshiswe ngomlilo, kuya kuba njalo ekuphelisweni kweli phakade. UNyana woMntu uya kuthuma izithunywa zakhe, zize zibuthe, zikhuphe ebukumkanini bakhe, zonke izikhubekiso, nabo benza okuchasene nomthetho; zibaphose ezikweni lomlilo; khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo. Aya kwandula ke amalungisa ukubengezela njengelanga ebukumkanini boYise wawo. Lowo uneendlebe zokuva makeve.

UMateyu 13:47-50

Kanjalo ubukumkani bamazulu bufana nomnatha, owaphoswa elwandle, wahlanganisa kwiintlobo zonke; abathe wakuzala bawurholela elunxwemeni; ke bakuhlala phantsi, bazibuthela ezintle ezityeni, bazilahla ke ezimbi. Kuya kuba njalo ekuphelisweni kwephakade eli: ziya kuphuma izithunywa zezulu, zibakhethe abangendawo phakathi kwamalungisa, zibaphose ezikweni lomlilo; khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo.

UMateyu 15:19

Kuba kuyo intliziyo kuphuma izicamango ezingendawo, ookubulala, ookukrexeza, oomibulo, oobusela, ookungqina ubuxoki, ookunyelisa.

UMateyu 16:26-27

Kuba, kumnceda ntoni na umntu, ukuba uthe wazuza ihlabathi liphela, waza wonakalelwa ke ngumphefumlo wakhe? Okanye worhola ntoni na umntu, ibe sisananelo somphefumlo wakhe? Kuba uNyana woMntu uza kuza esebuqaqawulini boYise, enezithunywa zakhe, andule ukubavuza bonke ngabanye ngokokwenza kwabo.

UMateyu 18:3

Wathi, Inene, ndithi kuni, Ukuba anithanga niguquke, nibe njengabantwana aba, aniyi kukha ningene ebukumkanini bamazulu.

UMateyu 22:2-3

Ubukumkani bamazulu bufanekiswa nomntu ongukumkani, owamenzela umsitho unyana wakhe. Wesusa abakhonzi bakhe ukuba baye kubabiza abamenyiweyo, beze emsithweni; basuka abavuma ukuza.

UMateyu 22:11-13

Ke kaloku akungena ukumkani, eza kukhangela abamenyiweyo, wabona apho umntu ongambethe ngubo yamsitho. Athi kuye, Wethu, utheni na ukungena apha, ungenayo ingubo yomsitho? Lamkhohla ke. Wathi ukumkani kubalungiseleli, Mbopheni iinyawo nezandla, nimthabathe, nimkhuphele ebumnyameni bangaphandle; khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo.

UMateyu 23:33

Zinyokandini, nzalandini yamarhamba, ningathini na ukuwusaba umgwebo wesihogo?

UMateyu 24:13

Ke onyamezeleyo kwada kwaba sekupheleni, lowo uya kusindiswa.

UMateyu 25:1-12

Ngelo xesha ubukumkani bamazulu buya kufanekiswa neentombi ezilishumi, ezazithabathayo izibane zazo, zaphuma zaya kumkhawulela umyeni. Ezintlanu ke kuzo zaye ziziingqondi, ezintlanu ziziziyatha. Ezo ziziziyatha zaphatha izibane zazo, azaphatha oli nazo; kodwa eziziingqondi zaphatha ioli ezityeni zazo, kwanezibane zazo. Ke kaloku, akubon’ ukuba ulibele umyeni, zozela zonke zalala. Phakathi kobusuku ke kwabakho umemezo oluthi, Nanko umyeni esiza; phumani niye kumkhawulela. Zaza zavuka zonke ezo ntombi, zalungisa izibane zazo. Zathi ke eziziziyatha kweziziingqondi, Sipheni kwioli yenu leyo, ngokuba izibane zethu zicima. Zaphendula ke eziziingqondi, zathi, Hayi, hleze inganeli kuthi nakuni; yiyani kanye kwabathengisayo, nizithengele. Kuthe ke, zisaya kuthenga, wafika umyeni; zaza ezo bezisezilungile zangena naye emsithweni, lwavalwa ke ucango. Zithi ke kamva zifike nezinye iintombi ezo, zisithi, Nkosi, nkosi, sivulele. Yaphendula ke yona yathi, Inene ndithi kuni, andinazi nina.

UMateyu 25:21

Yathi ke kuye inkosi yakhe, Hee ke, mkhonzi ulungileyo, uthembekileyo! Ubuthembekile kwiinto ezimbalwa; ndiya kukumisa phezu kweento ezininzi, ngena eluvuyweni lwenkosi yakho.

UMateyu 25:31-46

Xa ke athe wafika uNyana woMntu esebuqaqawulini bakhe, enazo zonke izithunywa ezingcwele, ngelo xa uya kuhlala phezu kwetrone yobuqaqawuli bakhe; zihlanganiswe phambi kwakhe zonke iintlanga, abahlule abanye kwabanye, njengokuba umalusi ezahlula izimvu ezibhokhweni; athi zona izimvu azimise ngasekunene kwakhe, athi kodwa zona iibhokhwe azimise ngasekhohlo. Uya kuthi ke ukumkani kwabangasekunene kwakhe, Yizani, nina nisikelelweyo nguBawo, nibudle ilifa ubukumkani obalungiselwa nina kwasekusekweni kwehlabathi; kuba ndalamba, nandipha ukudla; ndanxanwa, nandiseza; ndandingowasemzini, nandingenisa endlwini; ndandize, nandambesa; ndandisifa, nandivelela; ndandisentolongweni, neza kum. Oza amphendule ke amalungisa, esithi, Nkosi, sakubona nini na ulambile, sakonga; unxaniwe, sakuseza? Sakubona nini na ke ungowasemzini, sakungenisa endlwini, uze, sakwambesa? Sakubona nini na ke usifa, okanye usentolongweni, seza kuwe? Aze aphendule ukumkani athi kuwo, Inene ndithi kuni, Ekubeni nenjenjalo nakumnye waba bazalwana bam bangabona bancinane, nenjenjalo nakum. Uya kuthi nakwabangasekhohlo, Mkani kum, nina baqalekiswa, niye emlilweni ongunaphakade, owalungiselwa uMtyholi nezithunywa zakhe. Kuba ndalamba, anandipha kudla; ndanxanwa, anandiseza; ndandingowasemzini, anandingenisa ndlwini; ndandize, anandambesa; ndandisifa, ndandisentolongweni, anandivelela. Boza ke bamphendule nabo, besithi, Nkosi, sakubona nini na ulambile, okanye unxaniwe, okanye ungowasemzini, okanye uze, okanye usifa, okanye usentolongweni, asakulungiselela? Aze abaphendule, esithi, Inene ndithi kuni, Ekubeni ningenjanga njalo nakumnye waba bangabona bancinane, anenjanga njalo nakum. Baya kumka aba baye elubethweni olungunaphakade; ke wona amalungisa aya kuya ebomini obungunaphakade.

UMarko 3:29

ke yena othe wanyelisa uMoya oyiNgcwele, akanako ukuxolelwa naphakade; unetyala lokugwetywa okungunaphakade.

UMarko 6:11

Abo sukuba benganamkeli, benganiva nokuniva, nakuphuma kuloo ndawo, vuthululani uthuli oluphantsi kweenyawo zenu, kube bubungqina oko kubo. Inene ndithi kuni, Koba nokunyamezeleka okweSodom nokweGomora ngomhla womgwebo, kunokwaloo mzi.

UMarko 7:21-22

kuba ngaphakathi, kuyo intliziyo yomntu, kuphuma izicamango ezibi, ookukrexeza, oomibulo, ookubulala, oobusela, ookubawa, okungendawo, iinkohliso, uburheletyo, umona, ukunyelisa, ukukratsha, ukuswela kuqonda;

UMarko 9:42-48

Nothe wakhubekisa noko amnye wabancinane abakholwayo kum, ngekumlungele kanye ukuba ubegangxwe ilitye lokusila entanyeni yakhe, waphoswa elwandle. Nokuba ke isandla sakho sithe sakukhubekisa, sinqamle sona; kukulungele kanye ukuba ungene ebomini usisilima, kunokuba uthi, unezandla zozibini, umke uye esihogweni, emlilweni ongacimekiyo, apho kumpethu ingafiyo, kumlilo ungacinywayo. Nokuba unyawo lwakho luthe lwakukhubekisa, lunqamle lona; kukulungele kanye ukuba ungene ebomini usisiqhwala, kunokuba uthi, uneenyawo zombini, uphoswe esihogweni, emlilweni ongacimekiyo, apho kumpethu ingafiyo, kumlilo ungacinywayo. Nokuba iliso lakho lithe lakukhubekisa, likhuphe lona; kukulungele kanye ukungena ebukumkanini bukaThixo unaliso linye, kunokuba uthi, unamehlo amabini, uphoswe esihogweni somlilo, apho kumpethu ingafiyo, kumlilo ungacinywayo.

UMarko 16:16

Lowo ukholiweyo wabhaptizwa, wosindiswa; ke yena ongakholwanga, wogwetywa.

ULuka 3:17

omnyazi wokwela usesandleni sakhe. Uya kusicokisa kuthi tu isanda sakhe, ayibuthele kuvimba wakhe ingqolowa; ke wona umququ uya kuwutshisa ngomlilo ongacimekiyo.

ULuka 12:2-5

Akukho nto ke igqunyiweyo, engasayi kutyhilwa; nefihlakeleyo, engasayi kwaziwa. Ngenxa enokuba konke enikuthethe emnyameni, kuya kuviwa emhlotsheni; nenikuthethe endlebeni emagumbini, kuya kumenyezwa phezu kwezindlu. Ndithi ke kuni, zihlobo zam, Musani ukuboyika abo babulala umzimba, baze emva koko bangabi nanto yimbi bangayenzayo. Ndiya kunibonisa ke enomoyika; yoyikani lowo uthi emva kokubulala, abe negunya lokuphosa esihogweni. Ewe, ndithi kuni, Yoyikani yena lowo.

ULuka 13:3

Ndithi kuni, Hayi; nothi xa sukuba ningaguquki, nitshabalale kwangokunjalo nonke.

ULuka 13:23-28

Ke kaloku wathi othile kuye, Nkosi, bambalwa na abo basindiswayo? Uthe ke yena kubo, Zamani ukungena ngesango elimxinwa; ngokuba ndithi kuni, baninzi abaya kufuna ukungena, bakhohlwe. Xa selethe wavuka umninindlu, waluvala ucango, naza naqala ukuma ngaphandle, nokunkqonkqoza elucangweni, nisithi, Nkosi, nkosi, sivulele: uya kuza aphendule athi kuni, Andinazi apho nivela khona. Niya kwandula niqale ukuthi, Sadla, sasela, emehlweni akho; nawe wafundisa ezitratweni zethu. Athi, Ndithi kuni, andinazi apho nivela khona; mkani kum, nina nonke basebenzi bokungalungileyo. Khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo, xa nithe nabona uAbraham, noIsake, noYakobi, nabo bonke abaprofeti, ebukumkanini bukaThixo; nibe ke nina nikhutshelwe phandle.

ULuka 14:13-14

Yithi xa sukuba usenza isidlo, umeme amahlwempu, izilima, iziqhwala, iimfama; woba nentsikelelo; ngokuba abanako ukubuyekeza kuwe; kuba uya kubuyekezwa wena eluvukweni lwamalungisa.

ULuka 23:39-43

Ke kaloku, omnye wabenzi bobubi ababexhonyiwe wayemnyelisa, esithi, Ukuba wena unguye uKristu, zisindise, nathi usisindise. Waphendula ke omnye wamkhalimela, esithi, Akumoyiki na wena uThixo, ukwakoku kugwetywa nje? Thina ke okunene sigwetywe ngobulungisa, kuba samkela okufanele esakwenzayo; kodwa yena lo akenzanga nto ingendawo. Wathi kuYesu, Uze undikhumbule, Nkosi, xa uthe weza usebukumkanini bakho. UYesu wathi kuye, Inene, ndithi kuwe, Namhlanje uya kuba nam eParadisi.

UYohane 3:5

Waphendula uYesu wathi, Inene, inene, ndithi kuwe, Ukuba umntu akathanga azalwe ngamanzi nanguMoya, akanakungena ebukumkanini bukaThixo.

UYohane 3:16-21

Kuba wenjenje uThixo ukulithanda kwakhe ihlabathi, ude wancama uNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze bonke abakholwayo kuye bangatshabalali, koko babe nobomi obungunaphakade. Kuba uThixo akamthumanga uNyana wakhe ehlabathini, ukuze aligwebe ihlabathi; wamthuma ukuze ihlabathi lisindiswe ngaye. Lowo ukholwayo kuye, akagwetywa; ke lowo ungakholwayo, uselegwetyiwe, ngokuba engakholwanga kwigana loNyana okuphela kwamzeleyo uThixo. Ke kaloku, umgwebo nguwo lo, ukuba ukhanyiso lufikile ehlabathini, baza abantu bathanda ubumnyama ngaphezu kokhanyiso; kuba imisebenzi yabo ingendawo. Kuba bonke abenza okubi, bayaluthiya ukhanyiso, bangezi elukhanyisweni, ukuze imisebenzi yabo ingohlwaywa. Ke lowo uyenzayo inyaniso uyeza elukhanyisweni, ukuze imisebenzi yakhe ibonakalaliswe; ngokuba isetyenzelwe kuThixo.

UYohane 3:36

Lowo ukholwayo kuNyana, unobomi obungunaphakade; ke lowo ungamviyo uNyana, akayi kubona bomi; ingqumbo kaThixo ihleli phezu kwakhe.

UYohane 5:24-29

Inene, inene, ndithi kuni, Lowo ulivayo ilizwi lam, akholwe ngulowo wandithumayo, unobomi obungunaphakade; akezi ekugwetyweni; uphume ekufeni, wangena ebomini. Inene, inene, ndithi kuni, Kuza ilixa, nangoku liselikho, xa abafileyo baya kuliva izwi loNyana kaThixo, bathi abalivileyo badle ubomi. Kuba njengokuba uYise enabo ubomi kuye ngokwakhe, ngokunjalo wamnika noNyana ukuba abe nobomi kuye ngokwakhe. Wamnika negunya lokugweba; ngokuba enguNyana woMntu. Musani ukumangaliswa kuko oko; ngokuba kuza ilixa abaya kuthi ngalo bonke abasemangcwabeni balive ilizwi lakhe; baphume ke: abo benza izinto ezilungileyo beze eluvukweni lobomi; nabo ke benza izinto ezimbi, beze eluvukweni lokugwetywa.

UYohane 6:40

Kuko ke oku ukuthanda kowandithumayo, ukuthi babe nobomi obungunaphakade bonke abambonayo uNyana, bakholwe kuye; ndandiya kubavusa mna ngomhla wokugqibela.

UYohane 6:44

Akukho namnye unako ukuza kum, engathanga uBawo owandithumayo amtsale; ndaye mna ndiya kumvusa ngomhla wokugqibela.

UYohane 6:47

Inene, inene, ndithi kuni, Lowo ukholwayo kum unobomi obungunaphakade.

UYohane 6:54

Lowo uyidlayo eyam inyama, alisele elam igazi, unobomi obungunaphakade; ndaye mna ndiya kumvusa ngomhla wokugqibela.

UYohane 8:21

Wabuya ngoko uYesu wathi kubo, Ndiyemka mna; niya kundifuna, nifele esonweni senu; apho ndiya khona mna, aninako ukufika nina.

UYohane 11:24-25

Athi uMarta kuye, Ndiyazi ukuba uya kubuya avuke eluvukweni, ngomhla wokugqibela. Wathi uYesu kuye, Ndim uvuko, ndim ubomi; lowo ukholwayo kum, nokuba ubethe wafa, wodla ubomi.

UYohane 12:31

Kungoku ukugwetywa kwalo eli hlabathi; kungoku umphathi walo eli hlabathi aya kukhutshelwa phandle.

UYohane 12:48

Lowo undigibayo, angawamkeli amazwi am, unaye omgwebayo; ilizwi endilithethileyo, lilo eliya kumgweba ngomhla wokugqibela.

UYohane 15:6

Ukuba umntu uthe akahlala kum, ulahlelwa phandle njengesebe, ome; baze abantu bawabuthe, bawaphose emlilweni, atshiswe.

IZenzo 10:42

Wasithethela ngelithi, masivakalise ebantwini, siqononondise ukuba yena nguye omisiweyo nguThixo, ukuba abe ngumgwebi wabaphilileyo nabafileyo.

IZenzo 17:30-32

Loo maxesha ke ngoko okungazi, uThixo wawayeka ngabomi; kungoku uyala abantu bonke ezindaweni zonke ukuba baguquke; ngokokuba emise umhla, aza kuligweba ngawo elimiweyo ngobulungisa, ngendoda awayimisayo, ebanike bonke ukholo ngokuyivusa kwabafileyo. Ke kaloku, bakuva ngokuvuka kwabafileyo, inxenye yayihlekisa ngaloo nto, abanye bathi, Sobuya sikuve wena ngale nto.

IZenzo 24:15-16

ndinethemba kuThixo, into ke abayilindileyo nabo ngokwabo, ukuba kuza kubakho uvuko lwabafileyo, lwamalungisa kwanolwabangemalungisa. Ke kaloku, kule nto nam ngokwam ndiyazama, ukuba ngamaxesha onke ndingabi nasazela sikhubekisa nganto ngakuThixo nangakubantu.

Kwabase Roma 1:28-32

Njengokuba ke bekumangele ukuhlala bemazi kakuhle uThixo, uThixo wabanikela engqiqweni engacikidekileyo, ukuba benze izinto ezingafanelekileyo; bezele yiyo yonke intswela-bulungisa, okungendawo, ukubawa, ulunya; bezele ngumona, kukubulala, ziinkani, yinkohliso, bubumenemene; abasebezi, abahlebi, abathiyekileyo kuThixo, abasileyo, abanekratshi, abaqhankqalazi, abacebi bezinto ezimbi, abangabevayo abazali, abangenakuqonda, abaphuli beminqophiso, abangenabubele, abangenatarhu, abangenanceba; bona bathi, besazi kakuhle isimiselo sikaThixo, sokuba abo bazenzayo izinto ezinjalo bafanelwe kukufa, banganeli kukuzenza, basuka bathakazelele nabo bazenzayo.

Kwabase Roma 2:1-11

Kungoko ndithi, Akunakuziphendulela, mntundini ugwebayo, nokuba ungubani; kuba ngokugweba omnye, uzigweba kwawena; kuba wena ugwebayo wenza kwaezo zinto. Siyazi ke ukuba isigwebo sikaThixo siwa ngokwenyaniso phezu kwabo bazenzayo izinto ezinjalo. Ucinga na ke, mntundini ugweba abo bazenzayo izinto ezinjalo, ube usenza kwazona nawe, ukuthi, uya kusisaba na wena isigwebo sikaThixo? Okanye uyabudela na ubutyebi bobubele bakhe, nonyamezelo, nokuzeka kade umsindo; ungazi ukuba ububele bukaThixo bukusa enguqukweni? Ke uthi, ngokuba lukhuni kwakho, nentliziyo yakho engenanguquko, uziqwebele ingqumbo, ngemini yengqumbo nokutyhilwa komgwebo onobulungisa kaThixo; oya kuvuza ulowo nalowo ngokwemisebenzi yakhe: abo bathi ngokomonde emsebenzini olungileyo bafune uzuko nembeko nokungonakali, abavuze ngobomi obungunaphakade; ke kwabo beyelenqe, bangayithambeliyo inyaniso, basuke bathambele intswela-bulungisa, kuya kubakho umsindo nengqumbo, imbandezelo noxinaniso emphefumlweni wabantu bonke abasebenza okubi, kowomYuda ukuqala, kwanakowomGrike; kubekho uzuko ke, nembeko, noxolo, kubantu bonke abasebenza okulungileyo, kumYuda ukuqala, kwanakumGrike. Kuba kuThixo akukho kukhetha buso.

Kwabase Roma 2:12-16

Kuba bonke abonileyo bengenamthetho, baya kutshabalala ngokunjalo bengenamthetho; nabo bonke abonileyo benomthetho, baya kugwetywa ngomthetho; kuba asingabanela ukuba ngabaphulaphuli bawo umthetho, abangamalungisa kuThixo; ngabenzi bawo umthetho abaya kugwetyelwa. Kuba xa abeentlanga bathi, bengenamthetho, benze ngemvelo okomthetho, abo, bengenamthetho nje, bangumthetho kubo ngokwabo: bona bawubonakalalisayo umsebenzi womthetho, ubhalwe ezintliziyweni zabo, sibe isazela sabo singqinelana nawo, zibe izicamango zabo zimangalelana, ziphathe kuziphendulela. Kuya kuba njalo mhlenikweni uThixo aya kuzigweba izinto ezifihlakeleyo zabantu, ngokweendaba zam ezilungileyo ngoYesu Kristu.

Kwabase Roma 3:19

Siyazi ke ukuba izinto zonke ozithethayo umthetho, uzithetha kwabaphantsi komthetho; ukuze imilomo yonke ivingcwe, nehlabathi lonke libe netyala kuThixo.

Kwabase Roma 4:24-25

kwabhalwa nangenxa yethu, thina kwakuza kubalelwa kuthi, thina bakholwayo kulowo wamvusayo uYesu iNkosi yethu kwabafileyo; owanikelwa ngenxa yeziphoso zethu, waza wabuya wavuswa ngenxa yokugwetyelwa kwethu.

Kwabase Roma 6:4-5

Ngoko ke sangcwatywa naye ngokubhaptizelwa ekufeni; ukuze, njengokuba uKristu wavuswayo kwabafileyo ngalo uzuko loYise, sithi ngokunjalo nathi sihambe sinobomi obutsha. Kuba xa similiselwe kuye ngentsobi yokufa kwakhe, somiliselwa kuye nangeyokuvuka kwakhe;

Kwabase Roma 6:22-23

Kaloku ke, nikhululwe nje kuso isono, naza nakhonziswa kuThixo, ninaso isiqhamo senu sokuba ningcwaliseke; isiphelo ke sibe bubomi obungunaphakade. Kuba umvuzo wesono kukufa; ke sona isibabalo sikaThixo bubomi obungunaphakade, kuKristu Yesu iNkosi yethu.

Kwabase Roma 8:1-2

Ngoko ke, ngoku akukho kugwetywa kwabakuKristu Yesu; abangahambiyo ngokwenyama, abahamba ngokoMoya. Kuba umthetho woMoya wobomi, ndakuba kuKristu Yesu, wandikhulula emthethweni wesono nokufa.

Kwabase Roma 12:19

Musani ukuziphindezelela, zint’anda; yikhweleleni ingqumbo; kuba kubhaliwe kwathiwa, Impindezelo yeyam, kuya kubuyekeza mna, itsho iNkosi.

Kwabase Roma 14:10-12

Ke wena, yini na ukuba umgwebe umzalwana wakho? Hi wena, yini na ukuba umenze into engeyakonto umzalwana wakho? Kuba thina siya kuma sonke phambi kwesihlalo sokugweba sikaKristu. Kuba kubhaliwe kwathiwa, Ndihleli nje mna, itsho iNkosi, aya kugoba kum onke amadolo, Zidumise uThixo zonke iilwimi. Ngoko ke elowo kuthi uya kuziphendulela kuThixo.

1 Kwabase Korinte 1:8

oya kuniqinisa nokuniqinisa ase ekupheleni, ukuze ningabi nakumangaleleka ngemini yeNkosi yethu uYesu Kristu.

1 Kwabase Korinte 3:11-15

Kuba akukho namnye unako ukubeka litye limbi lesiseko, nxamnye nelo libekwe kade, linguYesu onguKristu. Ukuba ke umntu ukhe wakha phezu kweli litye lesiseko igolide, isilivere, amatye anqabileyo, imithi, ingca, iindiza, umsebenzi walowo nalowo wobonakalaliswa; kuba loo mini iya kuwazisa, ngokuba iya kuvela inomlilo; nomsebenzi walowo nalowo, umlilo uya kuwucikida ubunjani bawo. Ukuba umsebenzi awawakhayo umntu phezu kwalo, uthe wahlala uhleli, wowamkela umvuzo. Ukuba umsebenzi womntu uthe watshiswa, wolahlekelwa ngumvuzo wakhe; ke yena okwakhe wosindiswa, kodwa ke ange ucande emlilweni.

1 Kwabase Korinte 4:5

Ngoko ke, musani ukugweba nto phambi kwelona xesha, ide ifike iNkosi, eya kuthi izikhanyise nokuzikhanyisa izinto ezifihlakeleyo zobumnyama, iwabonakalalise amacebo entliziyo; andule ke ulowo nalowo abe nodumo oluvela kuThixo.

1 Kwabase Korinte 6:9-11

Anazi na, ukuba abangemalungisa abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo? Musani ukulahlekiswa; abenza umbulo, nabakhonzi bezithixo, nabakrexezi, nezifebe, namadoda alalanayo, namasela, namabawa, namanxila, nabatshabhisi, nabaphangi, abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo. Naye ninjalo ke inxenye yenu; kuloko nahlanjululwayo, kuloko nangcwaliswayo, kuloko nagwetyelwayo egameni leNkosi uYesu, nangoMoya kaThixo wethu.

1 Kwabase Korinte 11:31

Kuba xa besizicalula, ngesiba asigwetywa.

1 Kwabase Korinte 15:20-28

UKristu yena kunje uvukile kwabafileyo, waba yintlahlela yabalele ukufa. Kuba ekubeni kaloku kungomntu ukufa, kukwangomntu ukuvuka kwabafileyo. Kuba, njengokuba kuye uAdam bafa bonke, ngokunjalo nakuye uKristu baya kudliswa ubomi bonke: elowo ke kolwakhe uluhlu; intlahlela inguKristu, kamva abakaKristu ekufikeni kwakhe; kwandule ke ukubakho isiphelo, xa athe wabunikela ubukumkani kuye uThixo uYise, xa athe wabubhangisa bonke ubulawuli, nalo lonke igunya, namandla. Kuba umelwe yena kukuthi alawule, ade azibeke phantsi kweenyawo zakhe zonke iintshaba. Olokugqibela utshaba oluya kubhangiswa kukufa; kuba izinto zonke wazithobela phantsi kweenyawo zakhe. Ke xa athi, Izinto zonke zithotyiwe, kuyabonakala ukuba akabalwa lowo wazithobela phantsi kwakhe zonke izinto. Xa ke zithe zathotyelwa phantsi kwakhe zonke izinto, uya kwandula noNyana ngokwakhe athotyelwe phantsi kwalowo wazithobela phantsi kwakhe zonke izinto, ukuze uThixo abe zizinto zonke kubo bonke.

1 Kwabase Korinte 15:42-49

Lunjalo ke kanye novuko lwabafileyo. Umzimba uhlwayelwa unokonakala, uvuka ungenakonakala. Uhlwayelwa uswele imbeko, uvuka unobuqaqawuli; uhlwayelwa uswele amandla, uvuka unamandla; kuhlwayelwa umzimba ongowemvelo, kuvuka umzimba ongowomoya. Kukho umzimba ongowemvelo, kukho nomzimba ongowomoya. Ngokunjalo kubhaliwe kwathiwa, Owokuqala umntu uAdam waba ngumphefumlo odla ubomi; owokugqibela uAdam waba ngumoya odlisa ubomi. Ke akuqali okomoya; kuqala okwemvelo, kwandule ukuza okomoya. Owokuqala umntu uphume emhlabeni, ungowomhlaba; owesibini umntu, iNkosi, uphume emazulwini. Into ayiyo owomhlaba, bakwayiyo abomhlaba; kanjalo nento ayiyo osemazulwini, bakwayiyo abasemazulwini; njengokuba sawambathayo umfanekiselo wowomhlaba, siya kuwambatha nomfanekiselo wosemazulwini.

1 Kwabase Korinte 15:50-54

Ke, bazalwana, nditsho ukuthi, inyama negazi azinako ukubudla ilifa ubukumkani bukaThixo; nokonakala akunakukudla ilifa ukungonakali. Yabonani, ndinixelela imfihlelo: Okunene asiyi kulala ukufa sonke; kodwa siya kwenziwa ngakumbi sonke, ngesiquphe, ngephanyazo, ngexilongo lokugqibela. Kuba liya kulila ixilongo, bavuke abafileyo bengenakonakala, senziwe ngakumbi ke thina. Kuba kumele oku konakalayo ukwambatha ukungonakali, noku kufayo ukwambatha ukungafi. Xa ke oku konakalayo kuthe kwambatha ukungonakali, noku kufayo kuthe kwambatha ukungafi, liya kwandula ukwenzeka ilizwi elibhaliweyo lokuthi, Ukufa kufincelwe eloyisweni.

2 Kwabase Korinte 5:10-11

Kuba thina aba sonke simelwe kukuthi sibonakalaliswe phambi kwesihlalo sokugweba sikaKristu, ukuze elowo azuziswe okwenziwe ngomzimba, ngoko akwenzileyo, nokuba kokulungileyo, nokuba kokubi. Sikwazi njalo ke ukoyikeka kweNkosi, sizamela ukuba beyiseke abantu; sibonakalalisiwe ke kuThixo, ndiyathemba ke ukuba nakuzo izazela zenu sibonakalalisiwe.

2 Kwabase Korinte 12:20-21

Kuba ndiyoyika, hleze ndithi ndakufika, ndinifumane ningenjengendikuthandayo, nam ndifunyanwe nini ndingenjengenikuthandayo; hleze kubekho iinkani, amakhwele, imisindo, amayelenqe, iintlebendwane, iintsebezo, iinkukhumalo, iziphithiphithi; hleze ndithi, ndakufika kunjalo, andithobe uThixo wam phakathi kwenu, ndize ndikhedame ngenxa yabaninzi ababesebonile, abaguquka ekungcoleni, nasembulweni, naseburheletyweni ababenzayo.

KumaGalati 5:19-21

Iyabonakala ke yona imisebenzi yenyama, eyile: ukrexezo, umbulo, ukungcola, uburheletyo, ukubusa kwizithixo, ukukhafula, intiyo, iinkani, amakhwele, imisindo, amayelenqe, iimbambaniso, izahlukano, oomona, ookubulala, ookunxila, iindywala, nezinto ezinjengezo; endinixelelayo ngenxa engaphambili, njengokuba besendinixelele kade, ukuba abazenzayo izinto ezinjalo abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo.

KumaGalati 6:7-8

Musani ukulahlekiswa; uThixo yena asingowokuhlekisa. Kuba into athe wahlwayela yona umntu, wovuna kwayona; ngokuba lowo uhlwayelela eyakhe inyama, wovuna ukonakala ngokwasenyameni; lowo uhlwayelela uMoya ke, wovuna ubomi obungunaphakade ngokwaseMoyeni.

Kwabase Efese 1:7

esinayo sikuye inkululeko ngokuhlawulelwa ngegazi lakhe, ukuxolelwa ke kweziphoso zethu, ngokobutyebi bobabalo lwakhe;

Kwabase Efese 5:3-6

Ke umbulo, nako konke ukungcola, nokubawa, makungakhe kukhankanywe phakathi kwenu, njengoko kubafaneleyo abangcwele; kwanamanyala, nentetho yobuyatha, nobuhiba, izinto ezo ezingafanelekileyo. Makube kokukhona ninemibulelo. Kuba oku nikwazi, ukuba wonke umenzi wombulo, nomntu ongcolileyo, nolibawa, engumkhonzi wezithixo, akanalifa ebukumkanini bukaKristu noThixo. Makungabikho namnye unilukuhlayo ngamazwi alambathayo; kuba iza ngenxa yezo zinto ingqumbo kaThixo phezu kwabangevayo.

Kwabase Filipi 3:10-11

ukuba ndimazi, kwanamandla ovuko lwakhe, nokuba ndibe nobudlelane naye ngeentlungu zakhe, ndifaniswe noko kufa kwakhe; ukuba ndingade ndifikelele ekuvukeni kwabafileyo.

Kwabase Filipi 3:20-21

Kuba thina ikowethu lisemazulwini, apho kananjalo silinde khona kwauMsindisi, iNkosi uYesu Kristu; eya kuwenza kumila kumbi umzimba wokuthobeka kwethu, ukuze wona wenziwe ufane nawo umzimba wozuko lwakhe, ngokokusebenza kwalowo unako ukuzithobela phantsi kwakhe zonke izinto.

Kwabase Kolose 1:13-14

owasihlangulayo egunyeni lobumnyama, wasifudusela ebukumkanini boNyana wothando lwakhe, esinayo kuye inkululeko ngokuhlawulelwa ngegazi lakhe, ukuxolelwa kwezono ke oko.

Kwabase Kolose 1:22-23

ukuze animise ningcwele, ningenakubekwa bala, ningenakumangalelwa phambi kwakhe; ukuba kaloku nihlala nihleli elukholweni, nisekelwe niqinile, ningashukunyiswa nimke ethembeni leendaba ezilungileyo ezi nazivayo, zona zashunyayelwayo kwindalo yonke ephantsi kwezulu; endaba ngumlungiseleli wazo, mna Pawulos.

Kwabase Kolose 3:5-9

Bhubhisani ngoko amalungu enu asemhlabeni: umbulo, ukungcola, ukuthabatheka okuhlazisayo, inkanuko embi, nokubawa, okuyinkonzo yezithixo kona oko; eza ngenxa yezo zinto ingqumbo kaThixo phezu kwabangevayo; enanifudula nihamba phakathi kwazo nani, okuya nibe nisidla ubomi nikuzo. Ke ngoku, nani aba, kulahleni oku konke: ingqumbo, umsindo, ulunya, ukunyelisa; ukuthetha amanyala kungabikho emlonyeni wenu. Musani ukuxokisana, nizihlubile nje umntu omdala, kunye nezenzo zakhe,

Kwabase Kolose 3:25

Lowo umonayo omnye uya kukuthwala oko kona one ngako; kanjalo akukho kukhetha buso bamntu.

1 Kwabase Tesalonika 3:13

ukuze izizimase iintliziyo zenu, zingabi nakusoleka, zibe ngcwele phambi koThixo uBawo wethu, ekufikeni kweNkosi yethu uYesu Kristu nabo bonke abangcwele bayo.

1 Kwabase Tesalonika 5:23

Wanga ke uThixo woxolo ngokwakhe anganingcwalisa niphelelisekile; uthi, ugqibelele owenu umoya nomphefumlo nomzimba, ugcinwe ngokungenakusoleka ekufikeni kweNkosi yethu uYesu Kristu.

2 Kwabase Tesalonika 1:5-10

umbonakaliso ke lowo womgwebo onobulungisa kaThixo, ukuze nibalelwe ekuthini nibufanele ubukumkani bukaThixo, enithi ngenxa yabo nive nokuva ubunzima; ukuba kanti yinto ebubulungisa kuThixo ukubabuyekeza ngembandezelo abanibandezelayo; athi, nina babandezelwayo, anibuyekeze ngokuniphumza kunye nathi, ekutyhilekeni kweNkosi uYesu, ivela emazulwini inezithunywa zamandla ayo; inomlilo odangazelayo, ibaphindezela abangamaziyo uThixo, nabangazilulameliyo iindaba ezilungileyo zeNkosi yethu uYesu Kristu; bona abo baya kuva ukubethwa, intshabalalo engunaphakade ke leyo, bemke ebusweni beNkosi, nasebuqaqawulini bokomelela kwayo; xa ithe yeza kuzukiswa kubangcwele bayo, imangaliseke kubo bonke abakholwayo (ngokuba nakholwa bubungqina bethu kuni), ngaloo mini.

1 KuTimoti 1:8-11

Siyazi ke ukuba umthetho mhle, ukuba umntu uthi awuphathe ngokomthetho; ngokwazi oku, ukuba umthetho lo awuwiselwe lungisa, uwiselwe ke abachasene nomthetho, nabangenakululama, abangahloneli Thixo, nabangaboni, abangengcwele, nabahlambeli, ababethiyise nababethi-nina, izigwinta, abenzi bombulo, amadoda alalanayo, amasela abantu, amaxoki, amafunga-buxoki, nokuba kukho nto yimbi ichasene nemfundiso ephilileyo; ngokweendaba ezilungileyo zozuko lukaThixo osikelelekileyo, endaphathiswa zona mna.

1 KuTimoti 5:7

Bathethele ezi zinto, ukuze bangabi nakukhalazeleka.

1 KuTimoti 6:7

Kuba sibe singangenanga nanto ehlabathini; kuyabonakala kananjalo ukuba asinakuphuma nanto.

1 KuTimoti 6:14

ukuba uwugcine umthetho lo, ungabi nabala, ungabi nakukhalazelwa, kude kufike ukubonakala kweNkosi yethu uYesu Kristu,

2 KuTimoti 2:11-12

Lithembekile ilizwi eli: Kuba xa safa naye, sodla ubomi kwandawonye naye; ukuba siyanyamezela, solawula kwandawonye naye; ukuba siyamkhanyela, naye wosikhanyela;

2 KuTimoti 4:1

Ndiyaqononondisa mna ngoko emehlweni kaThixo, neNkosi yethu uYesu Kristu, oza kugweba abaphilileyo nabafileyo, kwanangokubonakala kwakhe nobukumkani bakhe:

2 KuTimoti 4:6-8

Kuba mna sendithululwa ngokomnikelo; nalo ixesha lokunduluka kwam likufuphi. Umzamo omhle ndiwuzamile, ugqatso ndilufezile, ukholo ndilugcinile. Okokugqibela ndibekelwe isithsaba sobulungisa, eya kundibuyisela ngaso ngaloo mini iNkosi, umgwebi olilungisa; ingabi ndim ndedwa ke, ibe ngabo bonke abakuthandayo ukubonakala kwayo.

KumaHebhere 2:1-3

Ngenxa yoko, simelwe kukuzinyamekela ngokugqithiseleyo izinto esazivayo, hleze sikhukuliswe simke kuzo. Kuba, ukuba ilizwi elathethwa ngezithunywa zezulu laqina, kwathi konke ukugqitha nokungeva kwamkela umvuzo oyeleleyo; sothini na thina ukusinda, sakuba siluhilizele usindiso olungakanana, lona lwaqalwa ukuthethwa yiyo iNkosi, lwaza lwaqiniselwa kuthi ngabo baluvayo;

KumaHebhere 9:27

Ke kwanjengokuba ke abantu bemiselwe ukuba bafe kube kanye, ize ke emveni koko ibe ngumgwebo:

KumaHebhere 10:7

Ndaza ndathi, Yabona, ndiyeza (Encwadini esongwayo kubhalwe ngam), Ndiza kwenza ukuthanda kwakho, Thixo.

KumaHebhere 10:24-27

Kanjalo masinyamekelane, ukuba silolane eluthandweni nasemisebenzini emihle; singakuhilizeli ukuhlanganisana kwethu, njengesiko labanye. Masivuselelane kube kokukhona, niyibona nje ukuba imini leyo iyasondela. Kuba, xa sithi sone ngabomi, emveni kokuba sakwamkelayo ukwazi inyaniso, akusasele dini ngenxa yezono; sekusele ke ukulinda okoyikekayo kakhulu, umgwebo nomsindo womlilo, oza kudla abo bachasileyo.

KumaHebhere 10:30-31

Kuba siyamazi lowo watshoyo ukuthi, Impindezelo yeyam, kuya kubuyekeza mna, itsho iNkosi. Kananjalo wathi, INkosi iya kubagweba abantu bayo. Kuyoyikeka ke ukweyela ezandleni zoThixo ophilileyo.

KumaHebhere 12:22-23

Nisuke nina nafika eZiyon, entabeni nasemzini woThixo ophilileyo, kwiYerusalem yasemazulwini, nakumawakawaka ezithunywa zezulu, kwingqungquthela, nakwibandla lamazibulo abhaliweyo emazulwini, nakuThixo, uMgwebi wabo bonke, nakoomoya bamalungisa agqibeleleyo,

KumaHebhere 13:4

Umtshato mawubekeke ngeendlela zonke, nesilili masingadyojwa; ke abenza umbulo nabakrexezi, uThixo uya kubagweba.

1 KaPetros 4:3

Kuba lisanele ixesha elidluleyo lokuphila kwethu, esasisenza ukuthanda kweentlanga, sasihamba nje eburheletyweni, ezinkanukweni, ekutshisweni yiwayini, ezindywaleni, emithayini, nasekukhonzeni izithixo, okungekhona esikweni;

1 KaPetros 4:5-7

abaya kuphendula kulowo ulungele ukugweba abaphilileyo nabafileyo. Kuba ngenxa yoku zashunyayelwa iindaba ezilungileyo nakwabafileyo, ukuze bagwetywe okunene ngokwabantu besenyameni, kodwa badle ubomi ngokukaThixo, bekuwo umoya. Ke kaloku ukuphela kwezinto zonke kusondele. Yibani nesidima ngoko, nibe nobungcathu, ukuba nithandaze.

1 KaPetros 4:17

Ngokuba lixesha lokuba ugwebo luqale ngendlu kaThixo. Ukuba ke luqala ngathi, koba yintoni na ukuphela kwabo bangazivayo iindaba ezilungileyo zikaThixo?

2 KaPetros 2:4

Kuba, xa uThixo angaziconganga izithunywa zezulu ezonayo, wesuka wathi, ezikhahlele enzonzobileni, wazinikela emixokelelwaneni yesithokothoko, zigcinelwe umgwebo;

2 KaPetros 2:9-17

iyakwazi iNkosi ukubahlangula ekuhendweni abahlonela uThixo; ke abangemalungisa ibagcinele imini yomgwebo, ukuba babethwe; ngokukodwa ke abo balandela inyama ngokukhanuka ukuzidyobha, abadela ubukhosi. Ngabasileyo, abenza ngokuzithandela, abangoyikiyo ukunyelisa izikhakhamela. Ukanti izithunywa zezulu, zingaphezulu nje ngokomelela namandla, azizigwebi ngamgwebo unyelisayo phambi kweNkosi. Ke aba, njengezinto eziphilileyo, ezingenangqondo, ezizezemvelo, ezizalelwe ukubanjwa nokonakala, benyelisa izinto abangazaziyo, baya konakala kanye ekonakaleni kwabo, bazuzane nomvuzo wokungalungisi; njengababa bubuyolo ukudla ubuncwane okwemini enye; bengamabala neziphako, bexhamla ubuncwane ngokulukuhla kwabo, bezingxala ukudla ezidlweni nani; benamehlo azele lukrexezo, angenakuphunyuzwa esonweni, bebambisa imiphefumlo engenakuzimaseka, benentliziyo eqheliswe ukubawa; abantwana bengqalekiso. Beyishiyile indlela ethe tye, balahleka, belandela indlela kaBhileham okaBhehore, owathanda umvuzo wokungalungisi; wohlwaywa ke ngokugqitha kwakhe umthetho; lathi iesile, lingenakuthetha nje, lathetha ngezwi lomntu, lamalela umprofeti lowo, ukuba angabi nxamnye nengqondo. Aba bayimithombo engenamanzi, amafu aqhutywa luqhwithela, besigcinelwe bona isithokothoko sobumnyama ngonaphakade.

2 KaPetros 3:7-9

Ke lona izulu langoku, nawo umhlaba lo, kwangelo lizwi ezo zinto ziqwetyelwe, zigcinelwe, umlilo, kuse kwimini yomgwebo nentshabalalo yabantu abangahloneli Thixo. Le nto ke inye mayingafihlakali kuni, zintanda, ukuba phambi kweNkosi imini enye injengeminyaka eliwaka, neminyaka eliwaka injengemini enye. INkosi ayilibali dinga, njengoko abathile baba iyalibala; isuka izeke kade umsindo kuthi, ingangi kungatshabalala nabani; inga bonke bangasinga enguqukweni.

2 KaPetros 3:10-13

Iya kufika ke imini yeNkosi njengesela ebusuku, eliya kuthi ngayo izulu lidlule liqhuqhumba, zithi ke iziqalelo zitshe, zichithakale, nomhlaba nayo imisebenzi ekuwo itshiswe kuthi tu. Ezo zinto zonke ngoku zichithakala nje, nimele ukuba ngabanjani na ngeehambo ezingcwele nokuhlonela uThixo; nikulindela, nikukhawulezela, ukufika kwayo imini kaThixo, eliya kuthi ngenxa yayo izulu lifakwe isikhuni, lichithakale, zithi neziqalelo zitshe zinyibilike? Thina ke ngokwedinga lakhe silinde elitsha izulu, nomtsha umhlaba, apho kumi ubulungisa.

2 KaPetros 3:14

Kungoko, zintanda, nilindele ezo zinto nje, khuthalelani ukuba nifunyanwe kuye niseluxolweni, ningenabala, ningenasiphako.

1 UYohane 3:1-2

Bonani uthando olungaka asenzele lona uYise, olu lokuba sibizwe ngokuba singabantwana bakaThixo. Ngenxa yoko ihlabathi alisazi thina, ngokuba lingamazanga yena. Zintanda, ngoku singabantwana bakaThixo. Akukabonakali ke into esiya kuba yiyo; ke siyazi ukuba, xa athe wabonakala, sofana naye; ngokuba siya kumbona njengoko anjalo.

1 UYohane 3:14-15

Thina siyazi ukuba sidlule ekufeni, sangena ebomini, ngokuba sibathanda abazalwana. Lowo ungamthandiyo umzalwana uhleli ekufeni. Lowo umthiyileyo umzalwana wakhe usisibulala-mntu; niyazi ukuba akukho sibulala-mntu sinobomi bungunaphakade buhleliyo kuso.

1 UYohane 4:17

Lugqibelele ngale nto uthando olukuthi, ukuze sibe nokungafihlisi ngomhla womgwebo; ngokuba, njengoko anjalo yena, sinjalo nathi kweli hlabathi.

1 UYohane 5:11-12

Bubo obu ke ubungqina: ukuba uThixo usinike ubomi obungunaphakade; baye obo bomi bukuye uNyana wakhe. Lowo unaye uNyana, unabo ubomi; lowo ungenaye uNyana kaThixo, akanabo ubomi.

EkaYuda 1:6-7

Kananjalo izithunywa zezulu, ezo zazingalugcinanga ulawulo lwazo, zesuka zalishiya ikhaya lazo, izigcinele umgwebo womhla omkhulu ngemixokelelwane engunaphakade, phantsi kwesithokothoko. Njengokuba iSodom neGomora, nayo imizi engakuyo, yenza kakhulu umbulo ngohlobo olufana nolwazo ezo, imka ilandela nyama yimbi, ibekwe ekuhleni ukuba ibe ngumqondiso, iviswa ubetho lomlilo ongunaphakade.

EkaYuda 1:13

bangamaza alwayo olwandle, elephuza awawo amahlazo; baziinkwenkwezi eziphalaphalayo, begcinelwe isithokothoko sobumnyama ngonaphakade.

EkaYuda 1:15

ukuba ibagwebe bonke, ibohlwaye bonke abangahloneli Thixo kubo, ngenxa yemisebenzi yabo yonke yokungahloneli Thixo, abayenze bengahloneli Thixo, nangenxa yazo zonke izinto ezilukhuni, ababezithethile ngayo aboni abangahloneli Thixo.

EkaYuda 1:22-24

Inxenye okunene yenzeleni inceba, nicalula; kodwa inxenye yisindiseni nizoyikela, nibaphanga emlilweni, niyithiya nengubo edyojiweyo yinyama. Kulowo ke unako ukunilondoloza ningabi nakukhubeka, nokunimisa phambi kobuqaqawuli bakhe ningenabala, nigcoba:

IsiTyhilelo 1:17-18

Ndithe ndakumbona, ndasuka ndawa ezinyaweni zakhe, ndaba njengofileyo. Waza wabeka isandla sakhe sokunene phezu kwam, esithi kum, Musa ukoyika; mna ndingowokuqala nowokugqibela, ndinguye odla ubomi; ndaye ndifile; yabona, ndingobudlayo ubomi kuse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen. Ndinazo nezitshixo zelabafileyo nezokufa.

IsiTyhilelo 2:7

Lowo unendlebe, makayive into ayithethayo uMoya kuwo amabandla. Lowo weyisayo ndiya kumnika ukuthi adle kumthi wobomi, ophakathi kweParadisi kaThixo.

IsiTyhilelo 2:11

Lowo unendlebe, makayive into ayithethayo uMoya kuwo amabandla. Lowo weyisayo akayi kukha oniwe kukufa kwesibini.

IsiTyhilelo 3:5

Lowo weyisayo uya kuthiwa wambu ngeengubo ezimhlophe. Andisayi kulicima igama lakhe encwadini yobomi; ndiya kulivuma igama lakhe emehlweni kaBawo, naphambi kwezithunywa zakhe zasemazulwini.

IsiTyhilelo 3:21

Lowo weyisayo, ndiya kumvumela ukuba ahlale nam etroneni yam, njengokuba nam ndeyisayo, ndaza ndahlala phantsi noBawo etroneni yakhe.

IsiTyhilelo 6:10

Baye bedanduluka ngezwi elikhulu, besithi, Koda kube nini na, Mnini-nto-zonke oyingcwele, oyinyaniso, ungagwebi, ungaliphindezeleli igazi lethu kubo abemiyo phezu komhlaba?

IsiTyhilelo 11:15

Sathi esesixhenxe isithunywa savuthela ixilongo; kwabakho amazwi amakhulu emazulwini, esithi: Izikumkani zehlabathi zithe zaba zezeNkosi yethu nezikaKristu wayo. Wayeya kuba nguKumkani kuse emaphakadeni asemaphakadeni.

IsiTyhilelo 11:18-19

Iintlanga zaqumba, Yeza ingqumbo yakho, Leza nexesha labo bafileyo ukuba bagwetywe, Nelokubanika umvuzo wabo abakhonzi bakho abaprofeti, nabo bangcwele, Nabo baloyikayo igama lakho, abancinane nabakhulu, Nelokonakalisa abo bawonakalisayo umhlaba. Yavulwa itempile kaThixo emazulwini, yabonakala ityeya yomnqophiso wakhe etempileni yakhe; kwabakho imibane, nezandi, neendudumo, nonyikimo lomhlaba, nesichotho esikhulu.

IsiTyhilelo 14:5

Emlonyeni wabo akufunyanwanga nkohliso, kuba bengenakubekwa bala.

IsiTyhilelo 14:7

sisithi ngezwi elikhulu, Moyikeni uThixo, nimzukise; ngokuba lifikile ixa lokugweba kwakhe; nimnqule lowo wenza izulu, nomhlaba, nolwandle, nemithombo yamanzi.

IsiTyhilelo 14:10-11

yena wosela iwayini yomsindo kaThixo, egalelwe ingaphithikeziwe endebeni yengqumbo yakhe, athuthunjiswe ngomlilo nesulfure phambi kwezithunywa ezingcwele, naphambi kweMvana. Umsi wokuthuthunjelwa kwabo unyuka use emaphakadeni asemaphakadeni; abanakuphumla imini nobusuku abo banqula irhamncwa nomfanekiselo walo, nomntu ukuba uthi alwamkele uphawu lwegama lalo.

IsiTyhilelo 16:5-7

Ndeva isithunywa samanzi, sisithi: Unobulungisa, Nkosi, wena ukhoyo, wawukho, uyingcwele, ngokuba ugwebile wenjenje; Ngokuba baliphalazile igazi labangcwele nelabaprofeti; Wabanika igazi ukuba balisele, ngokuba belifanele. Ndeva esinye siphuma esibingelelweni, sisithi: Ewe, Nkosi, Thixo Somandla, Iyinyaniso, inobulungisa imigwebo yakho.

IsiTyhilelo 19:1-3

Ndaza emva koko ndeva sanga sisandi esikhulu sesihlwele esikhulu emazulwini, sisithi: Haleluya! Usindiso, nozuko, nembeko, namandla NgaweNkosi uThixo wethu! Ngokuba iyinyaniso, inobulungisa, imigwebo yayo; Ngokuba ihenyukazi elikhulu, elo laliwonakalisa umhlaba ngobuhenyu balo, iligwebile, Igazi labakhonzi bayo yaliphindezelela esandleni salo. Bathi okwesibini: Haleluya! Umsi walo unyuka use emaphakadeni asemaphakadeni.

IsiTyhilelo 19:9

Sithi kum, Bhala, uthi, Banoyolo abo bamenyelwe esidlweni somsitho weMvana. Sithi kum, Lawo ngamazwi ayinyaniso kaThixo.

IsiTyhilelo 19:11

Ndalibona izulu livulekile, nalo ihashe elimhlophe; lowo uhleli phezu kwalo kusithiwa, nguThembekile, nguNyaniso; ugweba, enze imfazwe, ngobulungisa.

IsiTyhilelo 20:4-5

Ndabona iitrone, nabahleli phezu kwazo, banikwa ugwebo. Ndayibona imiphefumlo yababenqunyulwe iintloko ngezembe, ngenxa yobungqina bukaYesu, nangenxa yelizwi likaThixo, abasukuba bengalinqulanga irhamncwa nomfanekiselo walo, abangalwamkelanga uphawu lwalo ebunzini nasesandleni sabo; badla ubomi, baba ngookumkani kunye noKristu iminyaka eliwaka. Ke abafileyo abaseleyo ababuyanga badle bomi, yada yazaliseka iminyaka eliwaka. Olo luvuko lokuqala.

IsiTyhilelo 20:11-15

Ndabona itrone emhlophe enkulu, nalowo uhleli phezu kwayo, owathi umhlaba nezulu wasaba ebusweni bakhe, azafunyanelwa ndawo ezo zinto. Ndababona abafileyo, abancinane nabakhulu, bemi phambi koThixo. Zavulwa iincwadi; kwavulwa nenye incwadi, eyeyobomi; bagwetywa abafileyo ngokubhaliweyo ezincwadini ezo, ngokwemisebenzi yabo. Lwathi ulwandle lwabakhupha abafileyo abakulo, kwathi ukufa nelabafileyo kwabakhupha abafileyo abakhona; bagwetywa elowo ngokwemisebenzi yakhe. Kwaza ukufa nelabafileyo kwaphoswa edikeni lomlilo. Oko kukufa kwesibini. Wathi ongafunyanwanga ebhaliwe encwadini yobomi, waphoswa edikeni lomlilo.

IsiTyhilelo 21:1-4

Ndabona izulu elitsha, nomhlaba omtsha; kuba elokuqala izulu nowokuqala umhlaba udlule, nolwandle alusekho. Ndaza mna, Yohane, ndawubona umzi ongcwele, iYerusalem entsha, usihla uvela kuThixo, uphuma emazulwini, ulungisiwe njengomtshakazi ehonjiselwe indoda yakhe. Ndeva izwi elikhulu liphuma emazulwini, lisithi: Yabona, umnquba lo kaThixo unabantu; Uya kuhlala nabo emnqubeni, Bona babe ngabantu bakhe, Yena uThixo abe nabo, enguThixo wabo; Azisule uThixo zonke iinyembezi emehlweni abo, Kungabi sabakho kufa, Kungabi sabakho nasijwili, nakukhala, nantlungu; Ngokuba izinto zokuqala zigqithile.

IsiTyhilelo 21:5-8

Waza lowo uhleli phezu kwetrone wathi, Uyabona, izinto zonke ndizenza ntsha. Athi kum, Bhala; ngokuba lawo ngamazwi ayinyaniso, athembekileyo. Wathi kum, Kwenzekile; mna ndinguAlfa no-Omega, isiqalo nesiphelo; mna ndomnika lowo unxaniweyo emthonjeni wamanzi obomi, ngesisa. Lowo weyisayo uya kuzidla ilifa izinto zonke; ndiya kuba nguThixo wakhe, yena abe ngunyana wam. Ke wona amagwala, nabangakholwayo, nabangamasikizi, nababulali, nabenzi bombulo, nabakhafuli, nabakhonzi bezithixo, nawo onke amaxoki, isabelo sawo siya kuba sedikeni elivutha umlilo nesulfure. Oko kukufa kwesibini.

IsiTyhilelo 21:27

Akusayi kungena kuwo nanye into eyenza inqambi, eyenza isikizi, nobuxoki; abaya kungena ngabo bodwa babhalwe encwadini yobomi yeMvana.

IsiTyhilelo 22:11-12

Lowo ungalungisiyo, makaselehlala engalungisi; lowo uyinyhukunyhuku, makaselehlala eyinyhukunyhuku; nolilungisa makaselehlala elungisa; nongcwele makaselehlala ezingcwalisile. Yabona, ndiyeza kamsinya; umvuzo wam unam, ukuba ndivuze elowo njengoko umsebenzi wakhe uya kuba njalo.

Xhosa - Xhosa - XH

XHB - Henry Hare Dugmore Xhosa Bible - 1859

This Bible text is Public Domain.
https://bibles.org/bible/3ce5ffb017c7b41e-01/GEN.1/
Languages are made available to you by www.ipedge.net