17 – Iinkonzo Zobuxoki
La ngamazwi angcwele kaThixo uSomandla.
Asinamdla kwizinto ezithethwa ngabantu.
Nabani na othanda uThixo . . . Nantsi into uThixo ayithethayo ngaye: Iinkonzo Zobuxoki.
La ngamazwi angcwele kaThixo uSomandla.
Asinamdla kwizinto ezithethwa ngabantu.
Nabani na othanda uThixo . . . Nantsi into uThixo ayithethayo ngaye: Iinkonzo Zobuxoki.
Izithixo zazo yisilivere negolide, Zizenzo zezandla zabantu. Zinomlomo nje, azithethi; Zinamehlo nje aziboni; Zineendlebe nje, aziva; Zineempumlo nje, azisezeli. Izandla zazo aziphathi, Iinyawo zazo azihambi; Azidumzeli ngomqala wazo. Boba njengazo abenzi bazo, Bonke abasukuba bekholose ngazo.
”Uze ungabi nathixo bambi ngaphandle kwam. Uze ungazenzeli umfanekiso oqingqiweyo, nokuba ngowayiphi na into emilise esezulwini phezulu, nesemhlabeni phantsi, nesemanzini aphantsi komhlaba. Uze ungaqubudi kwezo nto, ungazikhonzi: kuba mna, Yehova Thixo wakho, ndinguThixo onekhwele, ndibuvelela ubugwenxa booyise koonyana, kwesesithathu nakwesesine isizukulwana sabandithiyileyo;
”Indoda nenkazana xa bathe baneshologu, baba ngoosiyazi, mababulawe bafe. Boxulutywa ngamatye, amagazi abo abe phezu kwabo.
”Ke kaloku inyoka yaye inobuqhophololo ngaphezu kwazo zonke izinto eziphilileyo zasendle, abezenzile uYehova uThixo. Yathi kumfazi Utshilo na okunene uThixo ukuthi, Ze ningadli kuyo yonke imithi yomyezo?
”Bathi, Yizani, sizakhele umzi, nepoma lenqaba elincopho isemazulwini; sizenzele igama, hleze sichithakalele ehlabathini lonke. UYehova wehla, eza kukhangela umzi lowo, nenqaba leyo inde, bayakhayo oonyana boluntu. Wathi uYehova, Yabona, abantu banye, bantetho-nye bonke bephela; yingqalo ke le yokwenza kwabo; kaloku abayi kunqatyelwa nto bayinkqangiyeleyo ukuyenza. Yizani, sihle, sidube khona apho intetho yabo, ngokokuze bangevani ngentetho. UYehova wabachithachitha kwalapho ehlabathini lonke; bayeka ukuwakha loo mzi. Ngenxa yoko kwathiwa igama lawo yiBhabheli; ngokuba uYehova wayiduba khona apho intetho yehlabathi lonke, wabachithachitha kwalapho uYehova ehlabathini lonke.
”Sathi isithunywa sikaYehova kuye, Yabona umithi; uya kuzala unyana, umthiye igama elinguIshmayeli, ngokuba uYehova uzivile iintsizi zakho. Yena uya kuba ngumntu onjenge-esile lasendle ukundweba; isandla sakhe siya kuchasana nabantu bonke, isandla sabantu bonke sichasane naye; ahlale ebusweni babazalwana bakhe bonke.
”Wathi uAbraham kuThixo, Wanga uIshmayeli angadla ubomi phambi kwakho! Wathi uThixo, Ewe, uSara umkakho uya kukuzalela unyana, umbize ngegama lokuba nguIsake; ndiwumise umnqophiso wam naye, ube ngumnqophiso ongunaphakade kwimbewu yakhe emva kwakhe. Ngokusingisele kuIshmayeli ndikuvile; uyabona, ndimsikelele, ndimqhamisile, ndimandisile kakhulu kunene. Uya kuzala izikhulu ezilishumi elinazibini, ndimenze uhlanga olukhulu. Umnqophiso wam wona ndowumisa noIsake, oya kumzalelwa nguSara ngeli xesha nyakenye.
”UAbraham wamthabatha uIshmayeli unyana wakhe, nabo bonke abazalelwe endlwini yakhe, nabo bonke abazuzwe ngemali yakhe, yonke into eyindoda phakathi kwabantu bendlu ka-Abraham, wayalusa inyama yokwaluswa kwangaloo mini, njengoko abethethile uThixo kuye.
”Wangena uMoses noAron kuFaro; benza njengoko uYehova wabawisela umthetho, uAron wayiphosa intonga yakhe phambi koFaro, naphambi kwabakhonzi bakhe, yaba yinyoka. Naye uFaro wazibiza izilumko nabakhafuli; zenjenjalo nezazi ezo zaseYiputa, ngobugqi bazo. Elowo waphosa phantsi intonga yakhe, yaba yinyoka; yasuka intonga ka-Aron yaziginya iintonga zabo. Yaba lukhuni intliziyo kaFaro; akabaphulaphula, njengoko wayetshilo uYehova.
”Zenjenjalo ke nezazi zaseYiputa ngobugqi bazo, Yaba lukhuni intliziyo kaFaro, akabaphulaphula, njengoko wayetshilo uYehova.
”Wasolula ke uAron isandla sakhe phezu kwamanzi aseYiputa; enyuka amasele, aligubungela ilizwe laseYiputa. Zenjenjalo nezazi ngobugqi bazo, zawanyusa amasele phezu kwelizwe laseYiputa.
”Benjenjalo. Wasolula uAron isandla sakhe eso sinentonga yakhe, walubetha uthuli lwelizwe, lwaba ziingcongconi ebantwini nasezinkomeni. Lonke uthuli lwelizwe lwaba ziingcongconi ezweni lonke laseYiputa. Zenjenjalo nezazi ngobugqi bazo, ukuba zivelise iingcongconi, azaba nako. Kwakho iingcongconi ebantwini nasezinkomeni. Zathi izazi kuFaro, Ngumnwe kaThixo. Yaba lukhuni intliziyo kaFaro, akabaphulaphula, njengoko watshoyo uYehova.
”Azaba nako izazi ukuma phambi koMoses ngenxa yamathumba; kuba amathumba abakho kwizazi nakumaYiputa onke.
”Uze ungabi nathixo bambi ngaphandle kwam. Uze ungazenzeli umfanekiso oqingqiweyo, nokuba ngowayiphi na into emilise esezulwini phezulu, nesemhlabeni phantsi, nesemanzini aphantsi komhlaba. Uze ungaqubudi kwezo nto, ungazikhonzi: kuba mna, Yehova Thixo wakho, ndinguThixo onekhwele, ndibuvelela ubugwenxa booyise koonyana, kwesesithathu nakwesesine isizukulwana sabandithiyileyo;
”Ize ningenzi oothixo bokunxulumana nam, ningazenzeli oothixo besilivere, noothixo begolide.
”Umkhafulikazi uze ungamyeki adle ubomi.
”Obingelela kuthixo ongenguye uYehova yedwa, makasingelwe phantsi.
”Zonke izinto endizithethileyo kuni, zigcineni; igama lathixo bambi uze ungalikhankanyi, lingaviwa emlonyeni wakho.
”Ke babona abantu ukuba uMoses ulibele, akehli entabeni; bababizela ndawonye abantu kuAron, bathi kuye, Sukume, usenzele uthixo oya kuhamba phambi kwethu; kuba lo Moses, le ndoda yasinyusayo ezweni laseYiputa, asazi ukuba uhlelwe yintoni na. Wathi uAron kubo, Qhawulani amajikazi egolide, asezindlebeni zabafazi benu, noonyana benu, neentombi zenu, niwazise kum. Bawaqhawula ke abantu bonke amajikazi egolide abesezindlebeni zabo, bawazisa kuAron. Wawathabatha ezandleni zabo, wayikrola igolide ngentlabo, wayenza ithole elityhidiweyo. Bathi, Nanko uthixo wakho, Sirayeli, okunyusileyo ezweni laseYiputa!
”batyeke msinya endleleni endabawisela umthetho ngayo; bazenzele ithole elityhidiweyo, balinqula, babingelela kulo, bathi, Nanko uthixo wakho, Sirayeli, okunyusileyo ezweni laseYiputa. Wathi uYehova kuMoses, Ndibakhangele aba bantu; uyabona, ngabantu abantamo ilukhuni. Kaloku ndiyeke, uvuthe umsindo wam kubo, ndibadle, ndenze wena uhlanga olukhulu.
”UMoses wabuya waya kuYehova, wathi, Yoo! Aba bantu bonile, benza isono esikhulu, bazenzela uthixo ngegolide.
”Nozidiliza izibingelelo zabo, niziqhekeze izimiso zabo zamatye, nibagawule ooAshera babo. Kuba akusayi kungqula thixo wumbi; kuba uYehova nguKhwele, igama lakhe, nguThixo onekhwele; hleze wenze umnqophiso nabemi belo zwe, baze bahenyuze ngokulandela oothixo babo, babingelele koothixo babo, bakubize udle umbingelelo wabo; uzekele oonyana bakho ezintombini zabo, zize iintombi zabo zihenyuze ngokulandela oothixo babo, zibenyuzise noonyana bakho, ngokubalandelisa oothixo babo. Uze ungazenzeli oothixo abatyhidiweyo.
”Mabangabi sayibingelela imibingelelo yabo kwizithixo ezimaxhonti, abahenyuza ngokuzilandela. Lowo woba ngummiselo ongunaphakade kubo ezizukulwaneni zabo.
”Musani ukubheka kwiinto ezingeni; ningazenzeli izithixo ezityhidiweyo: ndinguYehova, uThixo wenu.
”Ize ningadli nto inegazi. Ize ningahlabi sihlabo; ize ningabi ngamatola.
”Ize ningazicenti inyama yenu ngenxa yomfi, ningenzi mbhalo wamvambo kuni: ndinguYehova.
”Musani ukubheka kwabanemishologu; musani ukubafuna oosiyazi, ukuze nenziwe inqambi ngabo: ndinguYehova uThixo wenu.
”Yithi koonyana bakaSirayeli: Umntu ngomntu, koonyana bakaSirayeli, nakubaphambukeli abaphambukele kwaSirayeli, othe wayinika uMoleki imbewu yakhe, wobulawa afe; abantu belizwe eli ize bamxulube ngamatye. Ke mna ndiya kumchasa loo mntu, ndimnqamle, angabikho phakathi kwabantu bakowabo; ngokuba uyinike uMoleki imbewu yakhe, ukuze ayenze inqambi ingcwele yam, alihlambele igama lam elingcwele.
”Loo mphefumlo uthe wabheka kwabanemishologu, nakoosiyazi, uhenyuza ngokubalandela; ndowuchasa loo mphefumlo, ndiwunqamla, ungabikho phakathi kwabantu bakowawo.
”Indoda nenkazana xa bathe baneshologu, baba ngoosiyazi, mababulawe bafe. Boxulutywa ngamatye, amagazi abo abe phezu kwabo.
”Ize ningazenzeli izinto ezingeni, nomfanekiso oqingqiweyo, ningaziphakamiseli isimiso samatye, ningagxumeki ilitye elingumfanekiso ezweni lenu, ukuba niqubude kulo; ngokuba ndinguYehova, uThixo wenu.
”Ndozitshabalalisa iziganga zenu, ndizigawule iintsika zenu zelanga, ndiziphose izidumbu zenu phezu kwezidumbu zezigodo ezizizithixo zenu; umphefumlo wam udimale nini.
”nobagqogqa bonke abemi belo zwe phambi kwenu, niwachithe onke amatye angumfanekiso, nemifanekiso yabo yonke etyhidiweyo niyichithe, nazo zonke iziganga zabo nizitshabalalise;
”Zigcineni kunene ngenxa yemiphefumlo yenu, ngokuba anibonanga mbonakalo yanto, mini wathetha uYehova kuni eHorebhe phakathi komlilo; hleze nizonakalise, nizenzele umfanekiso oqingqiweyo, imbonakalo yento efana nokuba yiyiphi: into emilise okwendoda nokwenkazana, into emilise okwento yonke ezitho zine esemhlabeni, into emilise okwentaka yonke enamaphiko, ephaphazela esibhakabhakeni, into emilise okwesinambuzane sonke esisemhlabeni, into emilise okweentlanzi zonke ezisemanzini phantsi komhlaba; hleze uwaphakamisele ezulwini amehlo akho, ubone ilanga nenyanga neenkwenkwezi, wonke umkhosi wasezulwini, uwexulwe, uzinqule, uzikhonze, ezo uYehova uThixo wakho azabele izizwe zonke phantsi kwezulu lonke.
”Ngokuba uYehova uThixo wakho ungumlilo odlayo, unguThixo onekhwele.
”Uze ungabi nathixo bambi ngaphandle kwam. Uze ungazenzeli umfanekiso oqingqiweyo, nokuba ngowayiphi na into emilise esezulwini phezulu, nesemhlabeni phantsi, nesemanzini aphantsi komhlaba. Uze ungazinquli ezo nto, uze ungazikhonzi; kuba mna Yehova, Thixo wakho, ndinguThixo onekhwele, ndibuvelela ubugwenxa booyise koonyana nakwesesithathu nakwesesine isizukulwana sabandithiyileyo;
”Nize ningalandeli thixo bambi koothixo bezizwe eziningqongileyo; ngokuba nguThixo onekhwele, uYehova uThixo wakho phakathi kwakho; hleze umsindo kaYehova uThixo wakho uvuthe ngakuwe, ukutshabalalise, ungabikho ehlabathini.
”Uze ungendiselani nazo, intombi yakho ungayiniki unyana wakhe, intombi yakhe ungayizekeli unyana wakho; kuba yomtyekisa unyana wakho angandilandeli, bakhonze thixo bambi, uvuthe umsindo kaYehova kuni, akutshabalalise kamsinya. Ke yenjani nje kuzo: zidilizeni izibingelelo zazo, nizichithe izimiso zazo, nibaxakaxe ooAshera bazo, niyitshise ngomlilo imifanekiso yazo eqingqiweyo.
”Zichitheni kuphele zonke iindawo, apho iintlanga enizigqogqayo zabakhonzela khona oothixo bazo, ezintabeni eziphakamileyo, nasezindulini, naphantsi kwemithi yonke eluhlaza; nizidilize izibingelelo zazo, niziqhekeze izimiso zazo zamatye, nibatshise ngomlilo ooAshera bazo, niyixakaxe imifanekiso eqingqiweyo yoothixo bazo, nilicime igama lazo kule ndawo. Ize ke ningenjenjalo kuYehova uThixo wenu.
”zigcine, hleze uthiyelwe uzilandele, emveni kokutshatyalaliswa kwazo phambi kwakho; hleze uquqele koothixo bazo, uthi, Zibe zisithini na ezi ntlanga ukubakhonza oothixo bazo? Ndiya kwenjenjalo nam. Uze ungenjenjalo kuYehova uThixo wakho; kuba yonke into elisikizi kuYehova, ayithiyileyo, ziyenzile koothixo bazo; ngokuba kwanoonyana bazo neentombi zazo zizitshise emlilweni koothixo bazo.
”Xa kuthe kwavela phakathi kwakho umprofeti nomphuphi wamaphupha, wakunika imiqondiso nezimanga, yabakho ke imiqondiso nezimanga azithethileyo kuwe, esithi, Masilandele thixo bambi ongabaziyo, sibakhonze: uze ungawaphulaphuli amazwi aloo mprofeti naloo mphuphi wamaphupha; ngokuba kusukuba enilinga uYehova uThixo wenu, ukuze azi ukuba niyamthanda na uYehova uThixo wenu ngentliziyo yenu yonke, nangomphefumlo wenu wonke.
”Xa athe umzalwana wakho, umntakanyoko, nonyana wakho, nentombi yakho, nomfazi wesifuba sakho, nommelwane wakho onjengomphefumlo wakho kuwe, wakuhenda ngasese, esithi, Masiye kukhonza thixo bambi ongabazanga, wena nooyihlo; koothixo bezizwe eziningqongileyo, ezikufuphi kuwe, nokuba zezikude nawe, ezithabathele esiphelweni sehlabathi, zada zesa esiphelweni sehlabathi: uze ungavumelani naye, ungamphulaphuli; lingabi nanceba iliso lakho kuye, ungamcongi, ungamfihli; uze umbulale afe.
”yaya, yakhonza thixo bambi, yazinqula, ilanga, nenyanga, nomkhosi wonke wasezulwini, into endingawisanga mthetho ngayo; waxelelwa ke, weva, wabuza wacokisa, wafumana iyinyaniso, iqinisekile le nto, lenzekile eli sikizi kwaSirayeli: woyikhupha loo ndoda, nokuba yiloo nkazana, iyenzileyo loo nto imbi, emasangweni akho, loo ndoda nokuba yiloo nkazana uyixulube ngamatye, ife.
”Maze kungafunyanwa namnye kuwe ucandisa unyana wakhe nentombi yakhe emlilweni, novumisayo, nolitola, nohlaba izihlabo, nokhafulayo, nobopha ngomabophe, nobuza koneshologu, nosiyazi, noquqela kwabafileyo. Kuba balisikizi kuYehova bonke abenza ezo zinto; kungenxa yaloo masikizi, le nto uYehova uThixo wakho azigqogqayo zingabikho ebusweni bakho.
”Kodwa umprofeti yena othe wakhukhumala, wathetha ilizwi egameni lam, endingamwiselanga mthetho ukuba alithethe, nothe wathetha egameni lathixo bambi: loo mprofeti makafe.
”Uqalekisiwe umntu owenza umfanekiso oqingqiweyo notyhidiweyo, into elisikizi kuYehova, into engumsebenzi wezandla zomkroli, ayibeke endaweni esitheleyo; bavume bonke abantu, bathi, Amen.
”Bamkhweletisa ngoothixo basemzini, Bamqumbisa ngamasikizi. Babingelela kwiidemon ezingeThixo, Koothixo abangabaziyo, Kwabatsha abasandula ukufika, Ababengabahlonele ooyihlo.
”Bona bandikhweletisa ngongeThixo, Bandiqumbisa ngamampunge abo. Nam ndiya kubakhweletisa ngabangebantu, Ndibaqumbise ngohlanga olunobudenge.
”Akabaphulaphula nabagwebi bawo, asuka ahenyuza ngokulandela thixo bambi, abanqula, atyeka kamsinya endleleni ababehamba ngayo ooyise, yokuphulaphula imithetho kaYehova. Akenjanga njalo ke wona.
”Kwathi, akufa umgwebi lowo, abuya onakalisa ngaphezu kooyise, alandela thixo bambi ngokubakhonza nangokubanqula; akaziyeka iintlondi zawo nendlela yokuba lukhuni kwawo.
”Baphinda oonyana bakaSirayeli benza ububi emehlweni kaYehova bakhonza ooBhahali, nooAshtaroti, noothixo bakwa-Aram, noothixo baseTsidon, noothixo bakwaMowabhi, noothixo boonyana baka-Amon, noothixo bamaFilisti. Bamlahla uYehova, abamkhonza. Wavutha umsindo kaYehova kumaSirayeli, wathengisa ngawo, wawanikela esandleni samaFilisti, nasesandleni soonyana baka-Amon.
”Bakhala oonyana bakaSirayeli kuYehova, bathi, Sikonile, ngokuba simlahlile uThixo wethu, sakhonza ooBhahali.
”Nindilahlile nina, nakhonza thixo bambi; ngako oko andiyi kuphinda ndinisindise. Hambani niye kukhala koothixo enibanyulileyo; mabanisindise bona ngexesha lokubandezelwa kwenu. Bathi oonyana bakaSirayeli kuYehova, Sonile; yenza wena kuthi ngokubona kwakho; kodwa khawusihlangule okwanamhla. Babasusa oothixo bolunye uhlanga phakathi kwabo, bakhonza uYehova. Wakhathazeka umphefumlo wakhe ngokwaphuka kwamaSirayeli.
”Ayithabatha amaFilisti ityeya kaThixo, aya nayo endlwini kaDagon, ayimisa ecaleni koDagon. Bavuka kusasa ngengomso abaseAshdode, nanko uDagon ewile ngobuso emhlabeni phambi kwetyeya kaYehova. Bamthabatha uDagon, babuya bammisa endaweni yakhe. Bavuka kusasa ngengomso, nanko uDagon ewile ngobuso emhlabeni phambi kwetyeya kaYehova, intloko kaDagon nezandla zakhe zozibini zinqumkile, zisembundwini womnyango, kusele isikhondo sodwa. Ngenxa yoko ababingeleli bakaDagon, nabo bonke abangenayo endlwini kaDagon, abanyatheli embundwini womnyango wendlu kaDagon eAshdode unanamhla. Saba nzima isandla sikaYehova phezu kwabaseAshdode, sabaphanzisa, sababetha ngamathumba, iAshdode ke nemida yayo. Akubona amadoda aseAshdode ukuba kunjalo, athi, Ityeya yoThixo kaSirayeli mayingahlali kuthi; ngokuba isandla sakhe sinzima phezu kwethu, naphezu koDagon uthixo wethu.
”Ngokuba ukuba neenkani kusisono esinjengokuvumisa, ubungqola bunjengenkonzo yezithixo nemilondekhaya. Ngenxa yokuba ulicekisile ilizwi likaYehova, naye ukucekisile ukuba ungabi kumkani.
”Ke kaloku uSamuweli ubeselefile; abemmbambazelele onke amaSirayeli; abemngcwabele eRama, emzini wakhe. USawule ebebagxothile ezweni abaneshologu noosiyazi.
”Wathi uSawule kubakhonzi bakhe, Ndifuneleni inkazana eneshologu, ndiye kuyo, ndibuze kuyo. Bathi kuye abakhonzi bakhe, Nantsiya inkazana eneshologu e-Endore. USawule wazenza mntu wumbi, wambatha ngubo zimbi, waya enamadoda amabini. Baya bafika kwinkazana leyo ebusuku. Wathi, Khawundivumisele ngeshologu lakho, undinyusele lowo ndiya kuthetha yena kuwe. Yathi inkazana leyo kuye, Yabona uyakwazi nawe akwenzileyo uSawule, ukuba ubanqamle ezweni abaneshologu noosiyazi; yini na ukuba uwuthiyele umphefumlo wam, ukuze ndibulawe.
”Kwathi, ngexesha lobudala bukaSolomon, abafazi bakhe bayityekisela intliziyo yakhe ekulandeleni thixo bambi; intliziyo yakhe ayaphelela kuYehova uThixo wakhe, njengentliziyo kaDavide uyise. USolomon walandela uAshtoreti, uthixo wamaTsidon; walandela uMoleki, izothe lama-Amon. Wenza okubi emehlweni kaYehova; akamlandela uYehova ngokukholisekileyo, njengoDavide uyise. Waza uSolomon wamakhela isiganga uKemoshe, izothe lamaMowabhi, entabeni ekhangelene neYerusalem, noMoleki, izothe loonyana baka-Amon. Wabenjela njalo bonke abafazi bakhe bezinye iintlanga, ababeqhumisela bebingelela koothixo babo.
”Ndibukrazula ngenxa enokuba bendishiyile mna, baqubuda kuAshtoreti, uthixo wamaMowabhi, nakuMilikom, uthixo woonyana baka-Amon; abahamba ngeendlela zam, ukuba benze okuthe tye ngeendlela zam, ukuba benze okuthe tye emehlweni am, nemimiselo yam, namasiko am, njengoDavide uyise.
”Waceba ke ukumkani, wenza amathole egolide amabini; wathi kubo, Niyaxhamleka kukunyuka niye eYerusalem. Nanku uThixo wakho, Sirayeli, owakukhuphayo ezweni laseYiputa!
”Azakhela nazo izinganga, nezimiso zamatye, nooAshera, ezindulini zonke eziphakamileyo, naphantsi kwemithi yonke eluhlaza. Kananjalo bekukho amangawu elizweni, enza ngokwamasikizi onke eentlanga, awazigqogqayo uYehova phambi koonyana bakaSirayeli.
”Wafika uEliya ebantwini abo bonke, wathi, Koda kube nini na nimbaxa? Ukuba uYehova nguThixo, landelani yena; ke ukuba nguBhahali uThixo, landelani yena. Abamphendula nezwi abantu. Wathi uEliya ebantwini, Kusele mna ndodwa umprofeti kaYehova; ke abakaBhahali abaprofeti ngamakhulu amane anamanci amahlanu amadoda. Masinikwe iinkunzi ezintsha zibe mbini, bazinyulele ke enye inkunzi entsha, bayityatye, bayibeke phezu kweenkuni, bangafaki mlilo; nam ndiyilungise enye inkunzi entsha, ndiyibeke phezu kweenkuni, ndingafaki mlilo. Nize ninqule igama lothixo wenu, mna ndinqule igama likaYehova; athi, uThixo othe waphendula ngomlilo, abe nguye uThixo. Baphendula bonke abantu bathi, Lihle elo lizwi.
”Wathi ke uEliya kubaprofeti bakaBhahali, Zinyuleleni inkunzi entsha ibe nye, nizenzele kuqala; ngokuba nibaninzi nina; ninqule igama lothixo wenu, ningafaki mlilo. Bayithabatha ke inkunzi entsha ababeyinikiwe, bayilungisa, banqula igama likaBhahali, beqale kusasa kwada kwaba semini enkulu, besithi, Bhahali, siphendule. Akwabakho zwi, akwabakho uphendulayo. Baxhentsa ngasesibingelelweni esasenziwe. Kwathi emini enkulu, uEliya wadlala ngabo, esithi, Nqulani ngezwi elikhulu, ngokuba enguthixo; ingabi usacinga, ingabi uthe gu bucala, ingabi useluhambeni; ingabi mhlawumbi ulele, unokuba avuswe. Banqula ngezwi elikhulu ke, bazicenta ngokwesiko labo ngamakrele nangezikhali, lada latsaza igazi kubo. Kwathi emveni kwemini enkulu, baprofeta kwada kwesa ekunyusweni komnikelo wokudla wangokuhlwa; akwabakho lizwi, akwabakho uphendulayo, akwabakho ubeke indlebe.
”Wathi uEliya ebantwini bonke, Sondelani kum apha. Basondela ke abantu bonke kuye. Wabuya wasakha isibingelelo sikaYehova esibe sidiliziwe. UEliya wathabatha amatye alishumi elinamabini, ngokwenani lezizwe zoonyana bakaYakobi, eleza kuye ilizwi likaYehova lisithi, Liya kuba nguSirayeli igama lakho. Wakha ngamatye lawo isibingelelo egameni likaYehova, wenza umsele olingene iiseha ezimbini zembewu, ngeenxa zonke esibingelelweni. Wazilungisa iinkuni, wayityatya inkunzi entsha, wayibeka phezu kweenkuni. Wathi, Zalisani imiphanda ibe mine ngamanzi, niwagalele phezu kwedini elinyukayo, naphezu kweenkuni; wathi, Phindani okwesibini; baphinda okwesibini. Wathi, Phindani okwesithathu; baphinda okwesithathu. Ahamba amanzi ngeenxa zonke esibingelelweni; wawuzalisa nomsele ngamanzi.
”Kwathi ekunyusweni komnikelo wokudla wangokuhlwa, wasondela uEliya umprofeti, wathi, Yehova, Thixo ka-Abraham, kaIsake, kaSirayeli, namhla makwaziwe ukuba nguwe uThixo kwaSirayeli; ukuba ndingumkhonzi wakho mna; ukuba ndizenze zonke ezi zinto ngelizwi lakho. Ndiphendule, Yehova, ndiphendule, bazi aba bantu ukuba wena Yehova unguThixo, ukuba uyiguqulele kuwe intliziyo yabo. Wawa ke umlilo kaYehova, walidla idini elinyukayo, kwaneenkuni, kwanamatye, kwanomhlaba; namanzi abe esemseleni wawakhotha. Babona bonke abantu, bawa ngobuso, bathi, UYehova nguye uThixo, uYehova nguye uThixo. Wathi uEliya kubo, Babambeni abaprofeti bakaBhahali; makungasindi namnye kubo. Bababamba ke; uEliya wabahlisela emlanjaneni oyiKishon, wababulalela khona.
”Wenza ngokwamasikizi kunene, ngokulandela izithixo ezizizigodo, njengoko enza ngako ama-Amori, awawagqogqayo uYehova phambi koonyana bakaSirayeli.)
”Kwathi uYoram, akumbona uYehu, wathi, Luxolo na, Yehu? Wathi yena, Luxolo lwani na, xa ukuhenyuza kukaIzebhele unyoko, nokukhafula kwakhe okuninzi, kusahleliyo nje?
”zazikhupha iintsika zendlu kaBhahali, zazitshisa; zazidiliza izimiso zamatye zikaBhahali, zayidiliza indlu kaBhahali, zayenza indawo ekuyiwa kuyo endle unanamhla.
”baqhumisela khona ezigangeni zonke, njengeentlanga awazifudusayo uYehova ebusweni babo. Benza izinto ezimbi zokumqumbisa uYehova; bakhonza izigodo ezizizithixo, wathi uYehova kubo, Ize ningazenzi ezo nto.
”Abeva, bazenza lukhuni iintamo zabo, njengeentamo zooyise abangakholwanga nguYehova uThixo wabo. Bayicekisa imimiselo yakhe, nomnqophiso wakhe awawenzayo nooyise babo, nezingqino zakhe awazingqinayo kubo; balandela izinto ezingento, baba ziinto ezingento, balandelana neentlanga ezibangqongileyo, awayebawisele umthetho uYehova ngazo, ukuba bangenzi njengazo. Bayishiya yonke imithetho kaYehova uThixo wabo, bazenzela umfanekiso otyhidiweyo, amathole amabini, benza uAshera, baqubuda kumkhosi wonke wezulu, bakhonza uBhahali. Bacandisa oonyana babo neentombi zabo emlilweni, bavumisa, bahlaba izihlabo, bazithengisela ukwenza okubi emehlweni kaYehova, ukuba bamqumbise. UYehova waba nomsindo omkhulu kunene kumaSirayeli, wawasusa ebusweni bakhe, yaba sisizwe sakwaYuda sodwa esasalayo.
”Lwaye uhlanga ngohlanga lusenza oothixo balo, lubamisa ezindlwini zeziganga awazenzayo amaSamari, uhlanga ngohlanga emizini yalo, apho beluhlala khona.
”UYehova ayemoyika, oothixo bawo ebakhonza ngokwesiko leentlanga ababefuduswe kuzo. Unanamhla enza ngokwamasiko amhlamnene; akamoyiki uYehova, engenzi ngeyawo imimiselo nangelawo isiko, nangokomyalelo nomthetho, awabawiselayo uYehova oonyana bakaYakobi, awamnika igama elinguSirayeli. Wenza umnqophiso nabo uYehova, wabawisela umthetho, wathi, Ize ningoyiki thixo bambi, ningabanquli, ningabakhonzi, ningabingeleli kubo;
”Wazisusa iziganga, waziqhekeza izimiso zamatye, wamgawula uAshera, wayiqoba inyoka yobhedu awayenzayo uMoses; ngokuba kwada kwayiloo mini oonyana bakaSirayeli beqhumisela kuyo, kwathiwa loo nto lubhedu nje kodwa.
”Okunene, Yehova, ookumkani baseAsiriya bazichithile iintlanga namazwe azo, babanikela oothixo bazo emlilweni, kuba babengethixo, babengumsebenzi wezandla zomntu, umthi nelitye; babatshababalisa ke.
”Wamcandisa unyana wakhe emlilweni, waba litola, wahlaba izihlabo, wamisa abaneshologu noosiyazi, waphikela ukwenza okubi emehlweni kaYehova, ukuba amqumbise.
”Ngenxa enokuba uManase, ukumkani wakwaYuda, ewenzile loo masikizi, wenza okubi okungaphezulu kwako konke awakwenzayo ama-Amori, abengaphambi kwakhe, wawonisa namaYuda ngezigodo zakhe ezizizithixo: ngako oko utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yabona, ndiyizisela iYerusalem neYuda ububi, eziya kuthi nzwi iindlebe zombini zabo bonke ababuvayo.
”Wahamba ngendlela yonke awahamba ngayo uyise; wazikhonza izigodo ezizizithixo awazikhonzayo uyise, waqubuda kuzo.
”Wabaphelisa ababingeleli abangengabo, ababethe ookumkani bakwaYuda babamisela ukuqhumisela ezigangeni, emizini yakwaYuda, nangeenxa zonke eYerusalem; nabaqhumisela kuBhahali, nakwilanga, nakwinyanga, nakwiinkwenkwezi, nakumkhosi wonke wezulu. Wamkhupha uAshera endlwini kaYehova, wamsa ngaphandle kweYerusalem, emlanjaneni oyiKidron, wamtshisela emlanjaneni oyiKidron; bamcola waluthuli; waluphosa uthuli lwakhe phezu kwamangcwaba oonyana babantu. Wazidiliza izindlu zamangawu ezibe zisendlwini kaYehova, apho amankazana abemlukela khona uAshera iintente. Wabathabatha bonke ababingeleli emizini yakwaYuda, wazenza inqambi iziganga, apho babeqhumisela khona ababingeleli, ethabathela eGebha ase eBher-shebha, wazidiliza iziganga zamasango, ezisekungeneni kwesango likaYoshuwa, umphathi womzi, nezisekhohlo komntu ongena esangweni lomzi.
”Kananjalo ke abaneshologu, noosiyazi, nemilonde-khaya, nezigodo ezizizithixo, neento zonke ezinezothe, ezibe zibonwa ezweni lakwaYuda naseYerusalem, wazitshayela uYosiya, ukuze amise amazwi omyalelo abhaliweyo encwadini abeyifumene uHilekiya umbingeleli endlwini kaYehova.
”Wafa ke uSawule ngokumeneza kwakhe, awameneza ngako kuYehova, ezwini likaYehova angaligcinanga; kwanangokubuzisa kwakhe koneshologu, ngokuquqela kuye,
”Ngokuba bonke oothixo bezizwe abanto zanto; UYehova yena wenza amazulu.
”wazimisela ababingeleli beziganga, nabamaxhonti, nabamathole awawenzayo.
”Wazisusa izibingelelo neziganga zezithixo zolunye uhlanga; waziqhekeza izimiso zamatye, wabagawula ooAshera.
”Bayishiya indlu kaYehova, uThixo wooyise, bakhonza ooAshera nezithixo. Afikelwa buburhalarhume amaYuda neYerusalem ngenxa yelo tyala lawo.
”Wabingelela kwizithixo zaseDamasko ezazimeyisile, wathi, Izithixo zookumkani bama-Aram ezawancedayo, ndobingelela kuzo; zondinceda nam. Ke zona zaba sisikhubekiso kuye nakumaSirayeli onke. UAhazi wazihlanganisa iimpahla zendlu kaThixo, wazinqunqa iimpahla zendlu kaThixo, wazivala iingcango zendlu kaYehova. Wazenzela izibingelelo ezimbombeni zonke zaseYerusalem, wenza iziganga emizini yonke ngaminye yakwaYuda, zokuqhumisela thixweni bambi; wamqumbisa uYehova uThixo wooyise.
”Wenza okubi emehlweni kaYehova, ngokwamasikizi eentlanga awazigqogqayo uYehova phambi koonyana bakaSirayeli. Wabuya wazakha iziganga, awazidilizayo uHezekiya uyise; wabamisela ooBhahali izibingelelo, wenza ooAshera, wawunqula umkhosi wonke wezulu, wawukhonza.
”Yena wabacandisa oonyana bakhe emlilweni, emfuleni wakwaBhen-hinom, waba litola, wahlaba izihlabo, wakhafula, wamisa abaneshologu noosiyazi, wakwandisa ukwenza okubi emehlweni kaYehova, ukuba amqumbise. Wawumisa umfanekiso oqingqiweyo abewenzile, endlwini kaThixo, awathi uThixo kuDavide nakuSolomon unyana wakhe, Kuyo le ndlu naseYerusalem, endiyinyulileyo ezizweni zonke zakwaSirayeli, ndiya kulibeka khona igama lam ngonaphakade,
”Ziya kwanda iimbulaleko zabo bamananisa ngathixo wumbi uYehova. Andiyi kuyithulula iminikelo yabo ethululwayo yegazi; Andiyi kuwaphatha amagama abo ngomlomo wam.
”Bamqumbisa ngeziganga zabo, Bamkhweletisa ngemifanekiso yabo eqingqiweyo. Weva uThixo, waphuphuma umsindo, Wawacekisa kakhulu amaSirayeli;
”Ngokuba bonke oothixo bezizwe abanto zanto; UYehova yena wenza amazulu.
”Badanile bonke abakhonza umfanekiso oqingqiweyo, Abaqhayisa ngeento ezingento; Bayamnqula bonke oothixo.
”Bakhonza izithixo zazo, Yaba sisirhintyelo kubo. Babingelela ngoonyana babo nangeentombi zabo kwiidemon; Baphalaza igazi elimsulwa, Igazi loonyana babo neleentombi zabo, Ababingelela ngabo kwizithixo zakwaKanan; Lahlanjelwa ilizwe ngamagazi.
”Izithixo zazo yisilivere negolide, Zizenzo zezandla zabantu. Zinomlomo nje, azithethi; Zinamehlo nje aziboni; Zineendlebe nje, aziva; Zineempumlo nje, azisezeli. Izandla zazo aziphathi, Iinyawo zazo azihambi; Azidumzeli ngomqala wazo. Boba njengazo abenzi bazo, Bonke abasukuba bekholose ngazo.
”Izithixo zeentlanga yisilivere negolide, Umsebenzi wezandla zabantu. Zinomlomo nje, azithethi; Zinamehlo nje, aziboni; Zineendlebe nje, aziva; Akukho nento engumoya emlonyeni wazo. Baya kuba njengazo abenzi bazo, Bonke abasukuba bekholose ngazo.
”Kuba ubalahlile abantu bakho, indlu kaYakobi; ngokuba bezele zizinto zasempumalanga, bengamatola njengamaFilisti, bebambene ngezandla nabantwana bezinye iintlanga.
”Ilizwe labo lizele zizithixo ezingeni; baqubuda kumsebenzi wezandla zabo, kwinto eyenziwe yiminwe yabo.
”Ngaloo mini umntu uya kuziphosa ezintukwini nasemalulwaneni izithixo zakhe ezingeni zesilivere, nezithixo zakhe ezingeni zegolide, abamenzelayo ukuze aqubude kuzo;
”Xa bathe kuni, Quqelani kwabaneshologu nakoosiyazi, abalozayo, abadumzelayo, yithini, Abantu mabangaquqeli kuThixo wabo, yini na? Ngenxa yabaphilileyo mabaquqele kwabafileyo na? Bhekani esiyalweni, esingqinweni! Ukuba bathe abathetha ngokwelo lizwi, boba abanasifingo.
”Utheni na ukuwa emazulwini, Khwezi, nyana wesifingo! ukunqunyulwa uwe emhlabeni, mngquli weentlanga! Wena ke wathi entliziyweni yakho, Ndiyakunyukela emazulwini, ndiyinyuse itrone yam ibe ngaphezu kweenkwenkwezi zikaThixo; ndihlale entabeni yentlanganiso, engontsini yasentla. Ndiya kunyuka ngaphezu kweziganga zamafu, ndizifanise nOsenyangweni; kanti uya kuhliselwa kwelabafileyo, engontsini yomhadi.
”Wothiwa qongqololo umoya wamaYiputa phakathi kwawo; ndiliginye icebo lawo, aquqele kwizithixo ezingento, nakwabadumze layo, nakwabaneshologu, nakoosiyazi;
”Nowenza inqambi umaleko wemifanekiso yenu eqingqiweyo yesilivere, nesingxobo semifanekiso yenu etyhidiweyo yegolide; niya kuyichithachitha njengesishuba; uya kuthi kuyo, Khwelela umke apha.
”Ngokuba ngaloo mini baya kucekisa elowo izithixo zakhe zesilivere ezingeni, nezegolide ezingeni, ezinenzele zona izandla zenu, ukuba none ngazo.
”NdinguYehova, lilo elo igama lam; andiluniki omnye uzuko lwam, nendumiso yam andiyiniki imifanekiso eqingqiweyo.
”Baya kubuya umva, badane bedanile, abakholosa ngemifanekiso eqingqiweyo, abathi kwetyhidiweyo, Ningoothixo bethu.
”Ningamangqina am, utsho uYehova, nina ningumkhonzi wam endimnyulileyo; ukuze nazi, nikholwe ndim, niqonde ukuba ndim; phambi kwam akubunjwanga thixo, nasemva kwam akuyi kubakho namnye.
”Utsho uYehova, uKumkani wakwaSirayeli, uMkhululi wakhe, uYehova wemikhosi, ukuthi, Ndingowokuqala, ndingowokugqibela; akukho Thixo ingendim.
”Abayili bemifanekiso eqingqiweyo bonke bephela baluchuku, neento zabo ezinqwenelekayo azincedi nto; bona bangamangqina azo; ababoni, abazi, ukuze badane. Ngubani na oyile uthixo, watyhida umfanekiso ongenakunceda nto? Yabona, onke amadlelane awo aya kudana, neengcibi ezo zezasebantwini; mababuthelane bonke bephela, beme, bankwantye, badane kunye. Ingcibi yesinyithi ilola inkxola, isebenza ngamalahle avuthayo, isiyila isithixo ngezando, isibenza ngengalo yayo enamandla; kanjalo iyalamba, ingabi namandla; ayiseli manzi, ityhafe. Ingcibi yemithi yolula ulutya lokulinganisa, isibabula isiqu saso ngechitywa; isilungisa ngezinto zokuchwela; isibabula isiqu saso ngekompas, isenze ngemfano yendoda, ngokobuhle bomntu, ukuba sihlale endlwini. Ugawula imisedare, uthabatha umholem nomoki, akhethe emithini yehlathi; utyala umpayine, imvula iwukhulise. Woba ke yinto yokuba umntu aphembe umlilo; athabathe kuwo, othe; uphatha kuthi abase umlilo, ose isonka; uphatha kuthi enze uthixo, aqubude kuye, enze umfanekiso oqingqiweyo, asibekeke kuwo.
”Oseleyo kuwo uwenza uthixo, umfanekiso wakhe oqingqiweyo, asibekeke kuwo, aqubude kuwo, athandaze kuwo, athi, Ndihlangule; ngokuba, unguthixo wam. Ahazi, abaqondi; ngokuba avingciwe amehlo abo ukuba angaboni, ukuba iintliziyo zabo zingaqiqi;
”NdinguYehova; akukho wumbi, akukho Thixo ingendim.
”Buthani nize, sondelani kunye, nina basindileyo basezintlangeni: abanakwazi abathwali bomthi womfanekiso wabo oqinqiweyo, abathandazi bothixo ongasindisiyo.
”Bona bawohloza igolide engxoweni, balinganise isilivere ngesikali; baqesha umnyibilikisi, ayenze isithixo; basibekeke, ewe, baqubude. Bayasithwala, basityathe emagxeni, basibeke phantsi endaweni yaso, sime; asibuyi sisuke kuloo ndawo yaso; ewe, bayakhala kuso, singaphenduli; asisindisi bani embandezelweni yakhe.
”Khawumise ngomabophe bakho, nangokukhafula kwakho okuninzi, ozixhamle ngako kwasebuncinaneni bakho; mhlawumbi ungaba nokunceda, mhlawumbi ungaba nokweyisa. Udiniwe bubuninzi bamaqhinga akho; mabamise kaloku, bakusindise oonocanda bezulu, oojongiinkwenkwezi, abakwazisayo ekuthwaseni kwenyanga ngenyanga izinto ezikuzelayo. Yabona, basuke baba njengeendiza; umlilo ubatshisile; abanakuwuhlangula umphefumlo wabo emandleni elangatye; akukho lahle lakuzifudumeza, akukho mlilo kungahlalwa phambi kwawo. Boba njalo kuwe abo uzixhamle ngabo, ababerhwebelana nawe kwasebuncinaneni bakho; elowo uya kundwendwela ecaleni lakhe, kungabikho ukusindisayo.
”Yini? Niyeba, nincinithe, nikrexeze, nifunge ngobuxoki, niqhumisele kuBhahali, nilandele thixo bambi eningabaziyo; nize ke nime phambi kwam kule ndlu, ibizwa ngegama lam, nithi, Sihlangulwe; ukuze nenze la masikizi onke? Yaba ngumqolomba wezihange na emehlweni enu le ndlu ibizwa ngegama lam? Yabonani, mna lo ndibonile; utsho uYehova.
”Oonyana batheza iinkuni, ooyise baphemba umlilo, abafazi baxovula intlama, ukuba enzelwe izonkana ukumkanikazi wezulu; bathululele thixo bambi umnikelo othululwayo, ukuze bandiqumbise.
”anekwe elangeni, nasenyangeni, nasemkhosini wonke wezulu, izinto ezo ababezithanda, ababezikhonza, ababezilandela, ababequqela kuzo, ababequbuda kuzo; akayi kuhlanganiswa, akayi kungcwatywa, aya kuba ngumgquba phezu kobuso bomhlaba.
”Ngokuba imimiselo yezizwe ayinto yanto. Kuba izithixo zingumthi ogawulwe ehlathini, sisenzo sezandla zengcibi ngezembe. Izivathisa ngesilivere nangegolide; baziqinisa ngezikhonkwane nangezando, ukuba zingagexagexi. Zinjengentsika echweliweyo, azithethi; zimele ukuthwalwa, ngokuba zingenakuhamba. Musani ukuzoyika; kuba azinakwenza bubi; kwanokulungisa azinako.
”Notsho kubo ukuthi, Bona oothixo abangalenzanga izulu nehlabathi, baya kudaka ehlabathini, naphantsi kwezulu.
”Uba sisityhakala wonke umntu, engenakwazi; udaniswa wonke umnyibilikisi wegolide ngumfanekiso oqingqiweyo, ngokuba umfanekiso wakhe otyhidiweyo bubuxoki, awunamoya. Zingamampunge ezo zinto, zizenzo zokugxekwa; ngexesha lokuvelelwa kwazo ziyadaka.
”Aba bantu banobubi, bangavumiyo ukuva amazwi am, bahambayo ngobungqola bentliziyo yabo, balandela thixo bambi, ukuze babakhonze, baqubude kubo: baya kuba njengaloo mbhinqo ungasenamsebenzi.
”Umntu uya kuzenzela oothixo yini na, bengengabo oothixo?
”ngenxa enokuba bendishiyile mna, bayenza eyasemzini le ndawo baqhumisela thixweni bambi abangabaziyo, bona, nooyise, nookumkani bakwaYuda, bayizalisa le ndawo ngegazi labamsulwa. Bamakhela uBhahali iziganga, ukuze babatshise oonyana babo ngomlilo, babe ngamadini anyukayo kuBhahali, into endingabawiselanga mthetho ngayo, endingayithethanga, engathanga qatha entliziyweni yam. Ngako oko uyabona, iyeza imihla, utsho uYehova, engasayi kuba sabizwa le ndawo ngokuthi yiTofete, nomfula wakwaBhen-hinom; kuya kuthiwa nguMfula wokuBulala.
”Izindlu zeYerusalem nezindlu zookumkani bakwaYuda zoba yinqambi, njengendawo yeTofete: zonke izindlu, abaqhumisela phezu kophahla lwazo kuwo wonke umkhosi wasezulwini, bathululele thixo bambi iminikelo ethululwayo kubo.
”ningalandeli thixo bambi, ningabakhonzi, ningaqubudi kubo, ningandiqumbisi ngezenzo zezandla zenu, ukuze ndingenzi nto imbi kuni.
”Musani ke nina ukubaphulaphula abaprofeti benu, nabavumisi benu, namaphupha enu, namatola enu, nabakhafuli benu; bona abo bathi kuni, Aniyi kumkhonza ukumkani waseBhabheli. Ngokuba baniprofetela ubuxoki, ukuze ndinikhwelelise kude nomhlaba wenu, ndinigxothe, nitshabalale.
”Babeka izinto zabo ezinezothe endlwini ebizwa ngegama lam, ukuze bayenze inqambi; bamakhela uBhahali iziganga ezisemfuleni wakwaBhen-hinom, ukuze babacandisele uMoleki oonyana babo neentombi zabo, into endingabawiselanga mthetho ngayo, engathanga qatha entliziyweni yam, ukuba bawenze loo masikizi, ukuze bawenze one amaYuda.
”Uba sisityhakala wonke umntu engenakwazi, udaniswa wonke umnyibilikisi wegolide, ngenxa yomfanekiso oqingqiweyo; ngokuba umfanekiso wakhe otyhidiweyo bubuxoki, awunamoya. Zingamampunge ezo zinto, sisenzo sokugxekwa; ngexesha lokuvelelwa kwazo ziya kutshabalala.
”Uze uprofete ngazo, uthi, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yeha ke, abo bathunga izibophelelo ezihlahleni zezandla zonke, benze izigubungelo ezilingene iintloko zonke, ukuze bathiyele imiphefumlo! Nithiyele imiphefumlo yabantu bam, nasindisa eyenu imiphefumlo.
”Ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabonani, ndizichasile izibophelelo zenu, enithiyela ngazo imiphefumlo njengeentaka. Ndiya kuziqhawula ezingalweni zenu, ndiyindulule imiphefumlo, kwaimiphefumlo eniyithiyeleyo njengeentaka.
”Nyana womntu, la madoda anyuse izigogo zawo ezintliziyweni zawo, amisa isikhubekiso sokuba abe gwenxa phambi kobuso bawo; ndingaquqelwa ndiquqelwe ngawo na? Ngako oko thetha nawo, uthi kuwo, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Elowo nalowo wasendlwini kaSirayeli, othe wanyusa izigodo zakhe entliziyweni yakhe, wamisa isikhubekiso sokuba abe gwenxa phambi kobuso bakhe, weza kubaprofeti: mna Yehova ndoba ngomphendulayo ngokwam, ngokobuninzi bezigodo zakhe; ukuze ndiyixhakamfule indlu kaSirayeli ngentliziyo yabo, ekubeni beshenxile kum bonke bephela ngezigodo zabo.
”Ngako oko yithi kwindlu kaSirayeli, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Buyani nizibuyise ezigodweni zenu, nibubuyise ubuso benu kumasikizi enu onke. Ngokuba elowo nalowo wasendlwini kaSirayeli, nowasemzini ophambukele kwaSirayeli, othe wazahlula ekundilandeleni kwakhe, wanyusa izigodo zakhe entliziyweni yakhe, wamisa isikhubekiso sokuba abe gwenxa phambi kobuso bakhe, weza kumprofeti ukuze aquqele kum ngenxa yakhe: mna Yehova ndomphendula ngokwam.
”Kuba ukumkani waseBhabheli umise ekwahlukaneni kweendlela, emantloko eendlela zombini, ukuze ahlabe isihlabo; uhlukuhla iintolo, ubuza kwimilondekhaya, ukhangela esibindini.
”Waphendula uDaniyeli phambi kokumkani, wathi, Imfihlakalo ayibuzayo ukumkani, azinako ukumxelela ukumkani izilumko, nabakhwitsi, nezazi, namatola. Kodwa ke kukho uThixo emazulwini, ozityhilayo iimfihlakalo, onokumazisa ukumkani uNebhukadenetsare okuya kubakho ekupheleni kwemihla. Iphupha lakho, nemibono yentloko yakho esililini sakho, nantsi:
”Zaza zeza izazi, nabakhwitsi, namaKaledi, namatola; ndabalawulela iphupha; ke abandazisanga ukutyhilwa kwalo.
”Ke umthetheli wobukumkani bamaPersi wamelana nam imihla engamashumi amabini anamnye; uyabona, uMikayeli, omnye wakubathetheli abaziintloko, weza kundinceda; mna ndamoyisa khona, kookumkani bamaPersi.
”Abagcine amampunge angento yanto Bashiya inceba yabo
”ndibanqamle abakhafuli, bangabikho esandleni sakho; amatola angabikho kuwe. Ndiya kuyinqumla imifanekiso yakho eqingqiweyo, nezimiso zakho zamatye, zingabikho phakathi kwakho; ungabi saqubuda kumsebenzi wezandla zakho. Ndobanyothula ooAshera bakho, bangabikho phakathi kwakho; ndiyitshabalalise imizi yakho.
”Unceda ntoni na umfanekiso oqingqiweyo, ukuba awuqingqe nje umenzi wawo? Unceda ntoni na otyhidiweyo, nomyali wobuxoki, ukuba umyili wento ayiyilileyo akholose nje ngayo, ukuze enze izinto ezingento, ezizidenge? Uha, kothi emthini, Vuka! athi kwilitye elithe cwaka, Suk ume! Lingayala na? Nalo, lifakwe egolideni nasesilivereni; akukho nto ingumoya phakathi kwalo.
”Ndiya kusolula isandla sam phezu koYuda, naphezu kwabemi bonke baseYerusalem, ndinqamle kuyo le ndawo amasalela akwaBhahali, negama lababingeleli abangengabo, kunye nababingeleli; nabaqubuda kumkhosi wezulu phezu kwezindlu, nabaqubudi abazinikela kuYehova ngesifungo, bafunge ukumkani wabo;
”Ngokuba imilonde-khaya ithethe into ebubutshinga, nabavumisi babone ubuxoki, balawula amaphupha enkohlakalo, bathuthuzela kwangamampunge; ngenxa yoko bakhokile njengomhlambi, bacinezeleka, kuba kungekho malusi.
”Unginizile uYuda, kwenzeka amasikizi kwaSirayeli naseYerusalem; ngokuba uYuda uyihlambele ingcwele kaYehova ayithandayo, wazeka intombi yothixo wolunye uhlanga. Akwaba uYehova angamnqamla, kwindoda ekwenzayo oko, lowo ulindayo nalo usabelayo ezintenteni zakwaYakobi, nozisa iminikelo kuYehova wemikhosi.
”Ningabizi mntu ngokuba nguyihlo emhlabeni apha; kuba mnye uYihlo wenu, lowo usemazulwini.
”Waphendula uYesu wathi kuye, Inene, inene, ndithi kuwe, Ukuba akathanga umntu azalwe ngokutsha, akanakububona ubukumkani bukaThixo. Uthi uNikodemo kuye, Angathini na umntu ukuzalwa emdala? Angaba nako yini na ukungena okwesibini esizalweni sonina azalwe? Waphendula uYesu wathi, Inene, inene, ndithi kuwe, Ukuba umntu akathanga azalwe ngamanzi nanguMoya, akanakungena ebukumkanini bukaThixo. Okuzelwe yinyama kuyinyama, nokuzelwe nguMoya kungumoya. Musa ukumangaliswa kukuba ndithe kuwe, Nimelwe kukuthi nizalwe ngokutsha. Umoya uphepheza apho uthanda khona, uze usive isandi sawo, kodwa ungawazi apho uvela khona, nalapho usinga khona: bakwanjalo bonke abazelwe nguMoya.
”Kuba wenjenje uThixo ukulithanda kwakhe ihlabathi, ude wancama uNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze bonke abakholwayo kuye bangatshabalali, koko babe nobomi obungunaphakade. Kuba uThixo akamthumanga uNyana wakhe ehlabathini, ukuze aligwebe ihlabathi; wamthuma ukuze ihlabathi lisindiswe ngaye. Lowo ukholwayo kuye, akagwetywa; ke lowo ungakholwayo, uselegwetyiwe, ngokuba engakholwanga kwigana loNyana okuphela kwamzeleyo uThixo.
”Inene, inene, ndithi kuni, Ongangeniyo ngalo isango ebuhlantini bezimvu, osuka akhwele ngandawo yimbi, lowo ulisela nesihange.
”Uthi uYesu kuye, Ndim indlela, ndim inyaniso, ndim ubomi; akukho namnye uzayo kuBawo, engezi ngam.
”Xa ke athe wafika yena uMoya wenyaniso, uya kunikhokelela kuyo yonke inyaniso; kuba engayi kuthetha okuphuma kuye, uya kuthetha izinto athe waziva, anibikele izinto ezizayo.
”Kananjalo usindiso alukho kuwumbi; kuba akukho gama limbi phantsi kwezulu, linikiweyo phakathi kwabantu, esimele ukusindiswa ngalo.
”Ke kaloku bekukho ndoda ithile, igama linguSimon, kwangaphambili kuloo mzi, ebinyanga, ibethe luthi nqa uhlanga lwaseSamariya, isithi yona ngokwayo inguthile omkhulu; ababeyiphulaphula bonke, bethabathela komncinane base komkhulu, besithi, Lo ungamandla kaThixo amakhulu. Baye ke bemphulaphula, ngenxa yokuba ixesha elide wabetha bee nqa ngobunyangi bakhe. Xenikweni ke bakholwayo nguFilipu, eshumayela iindaba ezilungileyo zezinto zobukumkani bukaThixo, nezegama likaYesu Kristu, babhaptizwa amadoda kwanabafazi. Wakholwa ke kwanaye uSimon; wathi akubhaptizwa, wazingisa ukuhlala noFilipu, ebona imiqondiso kwanemisebenzi emikhulu yamandla isenzeka, wathi nqa.
”Besigqibile ke isiqhithi ngokuhamba, bada bafika ePafo; bafumana siyazi uthile, ungumprofeti wobuxoki, umYuda ogama linguBhar-yesu, owayehlala kwibamba uSergiyo Pawulos, indoda enokuqonda; eyababizela kuyo ooBharnabhas noSawule, yangxamela ukuliva ilizwi likaThixo. Wamelana nabo ke uElima, usiyazi lowo (kuba litsho igama lakhe lakuthethwa ngentetho evakalayo), efuna ukulijika ibamba elo elukholweni. Ke kaloku uSawule, okwanguPawulos, ezele nguMoya oyiNgcwele, wamjonga, wathi, Wena uzeleyo yiyo yonke inkohliso, nabubo bonke ubutshijolo, nyanandini woMtyholi, lutshabandini lobulungisa bonke, akuyi kupheza na ukuzijika iindlela ezithe tye zeNkosi? Uyabona, nangoku isandla seNkosi siphezu kwakho; uya kuba yimfama, kube mzuzu ungaliboni ilanga. Kwalapho ke wawelwa lurhatyazo nobumnyama; wayephamzela, efuna abangamrhola ngesandla. Lithe ke ibamba, lakukubona oko kwenzekileyo, lakholwa, likhwankqisiwe yiyo imfundiso yeNkosi.
”Kanjalo zazimbiza uBharnabhas ngokuthi nguZeyus, noPawulos ngokuthi nguHermes, ekubeni ke ibinguye obesisithethi. Kuthe ke umbingeleli kaZeyus, obephambi komzi wabo, wazisa iinkunzi zeenkomo nezidanga zeentyantyambo emasangweni, wafuna ukubingelela, kunye neendimbane. Bekuvile ke oko abapostile, ooBharnabhas noPawulos, bazikrazula iingubo zabo, batsiba phakathi kwendimbane, bedanduluka, besithi, Madoda, yini na ukuba nenjenje? Nathi singabantu abeva enikuvayo nina; sinishumayeza iindaba ezilungileyo zokuba nibuye kwaba thixo bangento, nibuyele kuThixo ophilileyo, owenza izulu nomhlaba nolwandle, neento zonke ezikwezo zinto;
”Ke kaloku kwathi, kwakubon ukuba siyaya endaweni yokuthandaza, sahlangatyezwa sisicakazana esithile, sinomoya wemilozi; sona besizizuzisa iinkosi zaso inzuzo enkulu ngokuvumisa. Sona eso sithene mbende noPawulos nathi, samana sidanduluka sisithi, Aba bantu bangabakhonzi bakaThixo Osenyangweni, bona basazisayo indlela yosindiso. Oko ke sakwenza sona imihla emininzi. Ebindekile ke uPawulos, wathi guququ, wathi kuwo umoya, Ndiyakuthethela egameni likaYesu Kristu ukuba uphume kuso. Waphuma ke kwangelo lixa.
”Wema ke uPawulos esazulwini seAreyopago, wathi: Madoda aseAtene, ndiyabona ukuba ezintweni zonke nincamisile ukuhlonela izithixo. Kuba ndithe, ndihamba ndisingasinga izinto enizihlonelayo, ndafumana nesibingelelo ekubhalwe kuso, kwathiwa, kongaziwayo uThixo. Lowo ngoko nimhlonelayo ningamazi, ndinazisa yena mna. UThixo yena, owenza ihlabathi neento zonke ezikulo, lowo, eyiNkosi nje yezulu nomhlaba, akahlali zitempileni zenziwe ngazandla. Kananjalo akaphiliswa zizandla zabantu, ngokoswele into, inguye nje obanika bonke ubomi, nomphefumlo, nazo zonke izinto. Kanjalo wazenza ngagazi-nye zonke iintlanga zabantu, ukuba zime phezu kwawo wonke umhlaba, emisa amaxesha abekwe ngenxa engaphambili, nemida yokuma kwazo; ukuze bayifune iNkosi, ukuba kambe bangaphuthaphutha bayifumane, nakuba ingekude kuthi sonke ngabanye. Kuba kuyo sihleli, siyashukuma, sikho; njengokuba neembongi ezithile zenu zitshilo ukuthi, Kuba nathi siyinzala yakhe. Siyinzala kaThixo nje ke, akusifanele ukuba sibe ubuthixo obu bufana negolide nesilivere nelitye, into eqingqwe ngobungcibi nangengcinga yomntu. Loo maxesha ke ngoko okungazi, uThixo wawayeka ngabomi; kungoku uyala abantu bonke ezindaweni zonke ukuba baguquke;
”Yathi ke nento eyaneleyo yabasebenza izenzo zobugqi, yazizisa ndaweni-nye iincwadi zayo, bawayazitshisa phambi kwabo bonke; bawabala amaxabiso azo, bafumana engamawaka amashumi mahlanu esilivere.
”bathi besiba bazizilumko, besuka baba ziziyatha; baza ubuqaqawuli bukaThixo ongenakonakala babananisela intsobi yomfanekiselo womntu onokonakala, noweentaka, nowezinto ezizitho zine, nowezinambuzane.
”bona bananisele ubuxoki inyaniso kaThixo, basihlonela basikhonza isidalwa, begqitha kuMdali, ongowokubongwa kuse kuwo amaphakade. Amen.
”Ngako ke ukudliwa kwamadini enziwa kwizithixo, siyazi ukuba akukho nto isisithixo ehlabathini; siyazi ukuba mnye kwaphela uThixo, akukho wumbi. Kuba kambe, nokuba kukho ekuthiwa bangoothixo, nokuba kusezulwini, nokuba kuphezu komhlaba (kwanjengokuba kukho oothixo abaninzi, neenkosi ezininzi),
”Kungoko ndithi, zintanda zam, kubalekeni ukubusa izithixo.
”Ndithini na ke ngoko? Ndithi, isithixo siyinto na? Ndithi, amadini enzelwa izithixo ayinto na? Anditsho! Ndithi, Amadini eziwenzayo iintlanga, ziwenzela iidemon, aziwenzeli uThixo. Andithandi ke ukuba nibe ngamadlelane needemon nina. Aninako ukusela indebe yeNkosi nendebe yeedemon; aninako ukwabelana ngesithebe seNkosi nesithebe seedemon. Siyayikhweletisa na iNkosi? Sinamandla kunayo, yini na?
”Niyazi ukuba nibe ningabeentlanga, nikhukuliselwe ezithixweni ezingenakuthetha, njengoko nisakuthi nikhokelwe ngako. Kungoko ndinazisayo, okokuba akukho namnye, ethetha ekuMoya kaThixo, unokuthi ungosingelwe phantsi uYesu; kanjalo akukho namnye unako ukuthi uyiNkosi uYesu, engekuye uMoya oyiNgcwele.
”Unakuvumelana kuni na ke uKristu noBheliyali? Unasahlulelwano sini na okholwayo nongakholwayo? Inakudibana kuni na ke itempile kaThixo nezithixo? Kuba nina niyitempile kaThixo ophilileyo; njengokuba watshoyo uThixo ukuthi, Ndiya kuhlala phakathi kwabo, ndihambe phakathi kwabo; ndibe nguThixo wabo, babe ngabantu bam bona.
”Kuba abo banjalo ngabapostile ababuxoki, ngabasebenzi abakhohlisayo, bezimilisa okwabapostile bakaKristu. Ke akummangaliso oko, kuba noSathana ngokwakhe uzimilisa okwesithunywa sokukhanya.
”Ndimangalisiwe kukuba niphambuke kamsinya kangaka kulowo wanibizayo ngobabalo lukaKristu, niye kwiindaba ezilungileyo ezizimbi; ezingezizo nokuba zizo ezinye; koko kukho bathile banikhathazayo, bathandayo ukuzigqwetha iindaba ezilungileyo zikaKristu. Ke, nokokuba sisuke thina aba, nokokuba sisuke isithunywa sasezulwini sanishumayeza iindaba ezilungileyo ezinxamnye nezo sanishumayezayo, masisingelwe phantsi. Njengokuba besesitshilo, ndiyaphinda, ndithi nangoku, Ukuba ubani unishumayeza iindaba ezilungileyo ezinxamnye nezo nazamkelayo, makasingelwe phantsi.
”Kuba mnye uThixo; mnye nomlamli phakathi koThixo nabantu, umntu uKristu Yesu,
”Ke kaloku uMoya uthi ngokucacileyo inxenye iya kumka elukholweni, ngamaxesha asemva, inyamekele oomoya abalahlekisayo, neemfundiso zeedemon;
”Ke kwanjengokuba ke abantu bemiselwe ukuba bafe kube kanye, ize ke emveni koko ibe ngumgwebo:
”Wena uyakholwa ukuba uThixo mnye; uyatyapha; nazo iidemon ziyakholwa, zibe namanwele.
”Ngubani na ixoki, ingenguye okhanyelayo ukuba uYesu unguye uKristu? Lowo ungumchasi-Kristu, omkhanyelayo uYise noNyana. Bonke abamkhanyelayo uNyana, abanaye noYise.
”Zintanda, musani ukukholwa ngoomoya bonke, bacikideni oomoya ukuba ngabakaThixo na; ngokuba baninzi abaprofeti ababuxoki, abaphume bangena ehlabathini. Mazini ngale nto uMoya kaThixo: umoya wonke omvumayo uYesu Kristu eze esenyameni, ungokaThixo; nomoya wonke ongamvumiyo uYesu Kristu eze esenyameni, asingokaThixo; lo ngokamchasi-Kristu, lowo niwuvileyo ukuba uyeza; nangoku uselukho ehlabathini.
”Thina singabakaThixo, lowo umaziyo uThixo uyasiva thina; ongengokaThixo akasiva. Siwazi ngaloo nto umoya wayo inyaniso, nomoya walo ulahlekiso.
”Bantwanana, zigcineni kuzo izithixo. Amen.
”Bonke abagqithayo, abangahlaliyo emfundisweni kaKristu, abanaThixo; ohleliyo emfundisweni kaKristu, lowo unaye uYise noNyana. Ukuba umntu uza kuni, engazisi yona le mfundiso, musani ukumamkela endlwini yenu, ningambulisi nokumbulisa; kuba lowo umbulisayo unobudlelane naye ngemisebenzi yakhe engendawo.
”Amasalela abantu, abangabulawanga ngazo ezo zibetho, akaguqukanga emisebenzini yezandla zawo, ukuze angaqubudi kuzo iidemon, nezithixo zegolide, nezesilivere, nezobhedu, nezamatye, nezemithi, ezingenako nokubona, nokuva, nokuhamba; akaguqukanga nasekubulaleni kwawo, nasekukhafuleni kwawo, nasembulweni wawo, nasebuseleni bawo.
”Yaphoswa phantsi inamba enkulu, inyoka yakudala, leyo kuthiwa nguMtyholi, uSathana ke, lowo ulilahlekisayo elimiweyo liphela; yaphoswa emhlabeni, nezithunywa zayo zaphoswa kunye nayo.
”Bayinqula inamba eyalinika igunya irhamncwa, balinqula irhamncwa, besithi, Ngubani na ofana nerhamncwa elo? ngubani na onako ukulwa nalo?
”Lanikwa igunya lokuwunika umfanekiselo werhamncwa umoya, ukuze umfanekiselo werhamncwa elo uthethe nokuthetha, wenze ukuba babulawe abasukuba bengaqubudi kuwo umfanekiselo werhamncwa. Lenza bonke, abancinane nabakhulu, abazizityebi nabangamahlwempu, abakhululekileyo nabangamakhoboka, ukuba baphawulwe lilo esandleni sabo sokunene, nokuba kusemabunzini, abo. nokuze kungabikho mntu unako ukuthenga nokuthengisa, ingenguye lowo unophawu, nokuba ligama lerhamncwa, nokuba linani legama lalo. Nabu ubulumko. Lowo unengqiqo makalibale inani lerhamncwa; kuba linani lomntu; inani lalo ke lingamakhulu omathandathu anamanci mathandathu anesithandathu.
”Saza esesithathu isithunywa sezulu sazilandela zona, sisithi ngezwi elikhulu, Ukuba umntu uyalinqula irhamncwa nomfanekiselo walo, amkele uphawu lwalo ebunzini lakhe, nokuba kusesandleni sakhe: yena wosela iwayini yomsindo kaThixo, egalelwe ingaphithikeziwe endebeni yengqumbo yakhe, athuthunjiswe ngomlilo nesulfure phambi kwezithunywa ezingcwele, naphambi kweMvana. Umsi wokuthuthunjelwa kwabo unyuka use emaphakadeni asemaphakadeni; abanakuphumla imini nobusuku abo banqula irhamncwa nomfanekiselo walo, nomntu ukuba uthi alwamkele uphawu lwegama lalo.
”Yaye inkazana leyo ithiwe wambu ngengubo ebomvu nemfusa, ihonjiswe ngegolide, nelitye elinqabileyo, neeperile, inendebe yegolide esandleni sayo, izele ngamasikizi nezingcoliso zobuhenyu bayo. Ebunzi kubhalwe igama elithi, imfihlelo, iBhabheli enkulu, unina wamahenyukazi nowamasikizi omhlaba. Ndayibona inkazana leyo inxila ligazi labangcwele, naligazi lamangqina kaYesu. Ndamangaliswa ngokumangaliswa okukhulu ndakuyibona.
”Nokukhanya kwesibane akusayi kuba sakhanya kuwe; Nezwi lomyeni nelomtshakazi alisayi kuba saviwa kuwe; Ngokuba abarhwebi bakho bebengamanene omhlaba; Ngokuba zonke iintlanga zalahlekiswa kukukhafula kwakho.
”Ke wona amagwala, nabangakholwayo, nabangamasikizi, nababulali, nabenzi bombulo, nabakhafuli, nabakhonzi bezithixo, nawo onke amaxoki, isabelo sawo siya kuba sedikeni elivutha umlilo nesulfure. Oko kukufa kwesibini.
”