28 – Iingelosi

La ngamazwi angcwele kaThixo uSomandla.
Asinamdla kwizinto ezithethwa ngabantu.
Nabani na othanda uThixo . . . Nantsi into uThixo ayithethayo ngaye: Iingelosi.

Iivesi ezi-3 eziPhambili

IiNdumiso 34:7

Isithunywa sikaYehova sibangqinga ngeenxa zonke abamoyikayo, Sibahlangule.

KumaHebhere 1:13-14

Sisiphi na ke isithunywa, awakha wathi kuso, Hlala ngasekunene kwam, Ndide iintshaba zakho ndizenze isihlalo seenyawo zakho? Azingomoya ababusayo zonke na, zithunywe ukuba zilungiselele abo baza kuba ziindlalifa zalo usindiso?

ULuka 15:10

Ngokukwanjalo ndithi kuni, kubakho uvuyo emehlweni ezithunywa zikaThixo ngomoni eba mnye oguqukayo.

Zonke iivesi ngokulandelelana kweCanonical - 183 izicatshulwa

Genesis 3:24

Wamgxotha ke umntu; wamisa ngasempumalanga kuwo umyezo we-Eden iikerubhi, nelangatye lekrele elijikajikayo lokugcina indlela eya emthini wobomi.

Genesis 16:10-12

Sathi isithunywa sikaYehova kuye, Ndiya kuyandisa kakhulu imbewu yakho, ingabalwa ngenxa yobuninzi. Sathi isithunywa sikaYehova kuye, Yabona umithi; uya kuzala unyana, umthiye igama elinguIshmayeli, ngokuba uYehova uzivile iintsizi zakho. Yena uya kuba ngumntu onjenge-esile lasendle ukundweba; isandla sakhe siya kuchasana nabantu bonke, isandla sabantu bonke sichasane naye; ahlale ebusweni babazalwana bakhe bonke.

Genesis 18:1-2

UYehova wabonakala kuye eMiokini kaMamre, ehleli emnyango wentente, ekufudumaleni kwemini. Wawaphakamisa amehlo akhe, wabona, nango amadoda amathathu emi ngakuye. Wabona, wagidima, eya kuwa khawulela, esuka emnyango wentente.

Genesis 19:11-15

Awabetha ngobumfama amadoda abesemnyango wendlu, ethabathela kwencinane esa kwenkulu, azidinisa ke ukufuna umnyango. Athi amadoda lawo kuLote, Usenabani na apha? Umyeni, noonyana bakho, neentombi zakho, nabo bonke onabo kulo mzi, bakhuphe kule ndawo; ngokuba siya kuyonakalisa le ndawo, ngokuba sikhulu isikhalo sabo ebusweni bukaYehova. UYehova usithume ukuba siyonakalise. Waphuma, uLote, wathetha kubayeni beentombi zakhe, abaya kuzeka iintombi zakhe, wathi, Sukani, niphume kule ndawo; ngokuba uYehova uya kuwonakalisa lo mzi. Usuke waba njengohlekisayo emehlweni abayeni beentombi zakhe. Izithunywa zamngxamisa uLote ngesifingo, zathi, Vuka, thabatha umkakho, neentombi zakho zombini, aba banokufumaneka, hleze ubhebhethwe ngobugwenxa balo mzi.

Genesis 22:11-12

Samemeza kuye isithunywa sikaYehova sisemazulwini, sathi, Abraham, Abraham. Wathi, Ndilapha. Sathi, Musa ukusisa isandla sakho kumfana, musa ukumenza nto, kuba ndiyazi ngoku ukuba uyamoyika uThixo; akunqabanga nonyana akho kum, emnye kuwe.

Genesis 22:15-18

Samemeza isithunywa sikaYehova kuAbraham okwesibini sisemazulwini sathi, Ndizifungile, utsho uYehova, ngenxa enokuba uyenzile le nto, akwanqaba nonyana wakho, emnye kuwe: ukuba ndiya kukusikelela ndikusikelele; ndiya kuyandisa ndiyandise imbewu yakho njengeenkwenkwezi zezulu, nanjengentlabathi eselunxwemeni lolwandle; imbewu yakho ilidle ilifa isango leentshaba zayo; zisikelelwe ngembewu yakho zonke untlanga zehlabathi, ngenxa enokuba uliphulaphule ilizwi lam.

Genesis 28:12

Waphupha ebona ileli imisiwe emhlabeni, intloko yayo iye yafika emazulwini; nanzo izithunywa zikaThixo zinyuka, zisihla ngayo;

Genesis 31:11

Sathi isithunywa sikaThixo kum ephupheni, Yakobi; ndathi, Ndilapha.

Genesis 32:1-2

UYakobi wahamba ngendlela yakhe; zaqubisana naye izithunywa zikaThixo. Wathi uYakobi akuzibona, Ngumkhosi kaThixo lo; wathi igama laloo ndawo yiMahanayim.

Eksodus 3:2-3

Kwabonakala isithunywa sikaYehova kuye, siselangatyeni lomlilo, etyholweni phakathi, wakhangela, wabona ityholo lisitsha ngumlilo, noko lingade litshe liphele. Wathi uMoses, Makhe ndityeke, ndiye kubona lo mbono mkhulu; ukuba kutheni na ukuba ityholo lingatshi liphele.

Eksodus 14:19-20

Sesuka isithunywa sikaThixo, esibe sihamba phambi kwemfuduka yamaSirayeli, sahamba emva kwayo. Wesuka umqulu welifu phambi kwayo, wema emva kwayo; wathi zinzi phakathi kwempi yamaYiputa, nemfuduka yamaSirayeli. Kwabakho ilifu nobumnyama kumaYiputa, labukhanyisela ubusuku kumaSirayeli; akasondelana ubusuku bonke.

Eksodus 23:20

Uyabona, ndithuma isithunywa phambi kwakho, ukuba sikugcine endleleni, sikufikise endaweni endiyilungisileyo.

Eksodus 23:23

Kuba isithunywa sam sohamba phambi kwakho, sikufikise kuma-Amori, namaHiti, namaPerizi, namaKanan, namaHivi, namaYebhusi; ndiwabethe athi shwaka.

Eksodus 25:18-22

Uze wenze iikerubhi zibe mbini ngegolide; ukuzenza wozikhanda, zivele eziphelweni zozibini zesihlalo sokucamagusha; wenze ikerubhi ibe nye ivele esiphelweni seli icala, enye ikerubhi ivele esiphelweni seliya, esihlalweni sokucamagusha; wozenza iikerubhi zivele eziphelweni zaso zozibini. Maze iikerubhi ziwolule amaphiko phezulu, zisisithelise ngamaphiko azo isihlalo sokucamagusha, ubuso bazo bukhangelane, bubheke esihlalweni sokucamagusha ubuso beekerubhi ezo. Uze usibeke isihlalo sokucamagusha phezu kwetyeya; ufake etyeyeni isingqino endiya kukunika sona. Ndiya kuhlangana nawe khona, ndithethe nawe ndisesihlalweni sokucamagusha, phakathi kweekerubhi zombini eziphezu kwetyeya yesingqino, ngeento zonke endiya kukuwisela umthetho ngazo koonyana bakaSirayeli.

Eksodus 32:34

Ke ngoko hamba ubalathise abantu, baye kuloo ndawo ndathethayo ngayo kuwe. Yabona, isithunywa sam sohamba phambi kwakho; ke mini ndivelelayo, ndiya kusivelela isono sabo kubo.

Eksodus 33:2

Ndothuma phambi kwakho isithunywa, ndiwagxothe amaKanan, nama-Amori, namaHeti, namaPerizi, namaHivi, namaYebhusi;

Numeri 7:89

Ke ekungeneni kukaMoses ententeni yokuhlangana, ukuba athethe naye, weva izwi lithetha kuye, livela esihlalweni sokucamagusha esiphezu kwetyeya yesingqino, phakathi kweekerubhi zombini; wathetha ke yena kuye.

Numeri 20:16

sakhala kuYehova, waliva ilizwi lethu; wathuma isithunywa, sasikhupha eYiputa. Nanku ke siseKadeshe, umzi osekupheleni komda wakho.

Numeri 22:22-30

Wavutha umsindo kaThixo, ngokuba wahambayo. Sema isithunywa sikaYehova endleleni ukuba simchase. Wayekhwele e-esileni lakhe, enamadodana akwakhe omabini. Iesile lasibona isithunywa sikaYehova simi endleleni, sirhole ikrele laso ngesandla saso, lathi gu bucala iesile endleleni, laya entsimini. UBhileham walibetha iesile, elisongela endleleni. Sema isithunywa sikaYehova engxingweni yezidiliya, iludonga ngapha, iludonga ngapha. Iesile lasibona isithunywa sikaYehova, lagudla udonga, lalugudla unyawo lukaBhileham ngodonga; waphinda walibetha. Saphinda sagqitha isithunywa sikaYehova, sema endaweni exineneyo, apho bekungekho ndlela yakucezela ekunene nasekhohlo. Iesile lasibona isithunywa sikaYehova, lasadalala phantsi koBhileham. Wavutha umsindo kaBhileham, walibetha iesile ngentonga. Wawuvula ke uYehova umlomo we-esile, lathi kuBhileham, Ndikwenze ntoni na, ukuba undibethe lamaxesha mathathu? Wathi uBhileham kwiesile, Kungokuba ufekethe ngam; akwaba bendiphethe ikrele ngesandla sam; inene, ngendikubulele ngoku! Lathi iesile kuBhileham, Andililo iesile lakho na okhwela kulo, kuseloko wabakhoyo unanamhla? Ndiqhelile na ukwenjenje kuwe? Wathi, Hayi.

Numeri 22:31-35

Wawavula uYehova amehlo kaBhileham, wasibona isithunywa sikaYehova simi endleleni, sirhole ikrele lasongesandla saso. Wathoba waqubuda ngobuso bakhe. Sathi kuye isithunywa sikaYehova, Ulibethele ntoni na iesile lakho la maxesha mathathu? Yabona, kuphume mna ukuza kukuchasa; ngokuba ekuboneni kwam le ndlela iseyelisela. Landibona iesile, lacezela phaya kum la maxesha omathathu; koko lacezela phaya ngenxa yam, okanye ngendikubulele ngoku wena, ndalisindisa lona. Wathi uBhileham kwisithunywa sikaYehova, Ndonile, kuba bendingazi ukuba wena uze kundimela endleleni; ngoku, ukuba kubi emehlweni akho, ndobuya. Sathi isithunywa sikaYehova kuBhileham, Hamba namadoda lawo; ke ilizwi endolithetha kuwe, uze uthethe lona lodwa. Wahamba ke uBhileham nabathetheli bakaBhalaki.

UYoshuwa 5:13-15

Kwathi, xa ebeseYeriko, uYoshuwa wawaphakamisa amehlo akhe, wakhangela, wabona kumi indoda malunga naye, ithe rhuthu ikrele layo ngesandla. Waya uYoshuwa kuyo, wathi kuyo, Ungakuthi, ungakwiintshaba zethu, kusini na? Yathi, Hayi, ndingumthetheli womkhosi kaYehova; ndifikile ngoku. Wawa uYoshuwa ngobuso bakhe emhlabeni, waqubuda, wathi kuyo, Ithetha ntoni na ke inkosi yam kumkhonzi wayo? Wathi umthetheli womkhosi kaYehova kuYoshuwa, Khulula iimbadada zakho ezinyaweni zakho; kuba loo ndawo umi kuyo ingcwele. Wenjenjalo uYoshuwa.

AbaGwebi 2:4

Kwathi, sakuwathetha isithunywa sikaYehova la mazwi kubo bonke oonyana bakaSirayeli, basuka abantu baliphakamisa izwi labo, balila.

AbaGwebi 5:20

Zalwa ezulwini, Zalwa iinkwenkwezi emendweni yazo noSisera.

AbaGwebi 6:12

Kwabonakala isithunywa sikaYehova kuye, sathi kuye, UYehova unawe, gorhandini linobukroti.

AbaGwebi 6:21-22

Saza isithunywa sikaYehova sesa incam yentonga esesandleni saso, sachukumisa inyama nezonka ezingenagwele; wenyuka umlilo elityeni, wayidla inyama nezonka ezingenagwele, saza isithunywa sikaYehova semka ke emehlweni akhe. Wabona uGidiyon ukuba sisithunywa sikaYehova; wathi uGidiyon, Yoo! Nkosi Yehova! Nditsho ngokuba ndibonene nesithunywa sikaYehova.

AbaGwebi 13:6

Weza lo mfazi, wathi kwindoda yakhe, Kufike kum umntu kaThixo, imbonakalo yakhe injengembonakalo yesithunywa sikaThixo, isoyikeka kunene; kodwa andimbuzanga apho avela khona, naye akandixelelanga igama lakhe.

AbaGwebi 13:18-20

Sathi kuye isithunywa sikaYehova, Yini na le nto ulibuzayo igama lam, libalulekile nje? Wathabatha uManowa itakane lebhokhwe nomnikelo wokudla, wazinyusa kuYehova eweni; sona sisenza ngokumangalisayo, bebonela uManowa nomkakhe. Kwathi, ekunyukeni kwelangatye esibingelelweni, lisinga ezulwini, senyuka isithunywa sikaYehova ngelangatye lesibingelelo, uManowa nomkakhe bebona. Bawa ngobuso emhlabeni.

2 KaSamuweli 24:15-17

UYehova wathoba ke indyikitya yokufa kwaSirayeli, yathabathela ekuseni yesa kwixa lentlanganiso; kwafa ebantwini, bethabathela kwaDan bese eBher-shebha, amashumi asixhenxe amawaka amadoda. Saza isithunywa sesa isandla saso kwiYerusalem, ukuba siyitshabalalise; wazohlwaya uYehova ngenxa yobubi obo, wathi kwisithunywa eso sitshabalalisa abantu, Kwanele; sithobe kaloku isandla sakho. Ke kaloku isithunywa sikaYehova besisesandeni sika-Aravena umYebhusi. Wathetha uDavide kuYehova akusibona isithunywa eso sibetha ebantwini, wathi, Uyabona, ndonile mna, ndenze ngobugwenxa mna; umhlambi lo wona wenze ntoni na? Isandla sakho masibe phezu kwam nendlu kabawo.

1 YooKumkani 19:5-8

Wangqengqa ke, wozela, walala phantsi konwele. Kwabonakala khona isithunywa sezulu simshukumisa, sathi kuye, Vuka udle. Wakhangela, nanko kukho ngasentlokweni yakhe iqebengwana elosiweyo lesonka, neselwa lamanzi. Wadla ke, wasela, wabuya walala. Sabuya isithunywa sikaYehova okwesibini, samshukumisa, sathi, Vuka udle, ngokuba uhambo lukhulu kuwe. Wavuka ke, wadla wasela, wahamba ngamandla oku kudla iimini ezimashumi mane nobusuku obumashumi mane, wada wafika entabeni kaThixo eHorebhe.

1 YooKumkani 22:19

Wathi yena, Ngako oko, live ilizwi likaYehova: Ndimbonile uYehova ehleli etroneni yakhe, umi wonke umkhosi wasemazulwini ngakuye, ngasekunene kwakhe nangasekhohlo kwakhe;

2 YooKumkani 1:15

Sathi isithunywa sikaYehova kuEliya, Yihla naye; musa ukumoyika. Wesuka ke, wehla, waya naye kukumkani.

2 YooKumkani 2:11-12

Kwathi, besahamba, behamba bethetha, kwabonakala inqwelo yomlilo namahashe omlilo; yabahlula bobabini, wenyuka uEliya ngomoya ovuthuzayo, waya emazulwini. UElisha akukubona oko, wadanduluka, wathi, Bawo, bawo, nqwelo yokulwa yakwaSirayeli, nabamahashe ayo! Akaba sambona. Wazibamba ezakhe iingubo, wazikrazula zaziqwenga zibini;

2 YooKumkani 6:17

Wathandaza uElisha, wathi, Yehova, khawuwavule amehlo akhe, abone. UYehova wawavula amehlo omfana lowo, wabona, nantso intaba izele ngamahashe neenqwelo zokulwa zomlilo, zimjikelezile uElisha.

2 YooKumkani 19:15

Wathandaza uHezekiya phambi koYehova, wathi, Yehova, Thixo wakwaSirayeli, uhleli wena phakathi kweekerubhi, unguye uThixo wena wedwa kwizikumkani zonke zehlabathi; wena uwenzile amazulu nehlabathi.

2 YooKumkani 19:35

Kwathi ngobo busuku, kwaphuma isithunywa sikaYehova, saxabela emkhosini wama-Asiriya ikhulu elinamanci asibhozo anesihlanu lamawaka. Bavuka kusasa, nango, ezizidumbu ezifileyo onke.

1 YeziKronike 21:14-16

UYehova wathoba ke indyikitya yokufa kwaSirayeli; kwawa amashumi asixhenxe amawaka amadoda kwaSirayeli. UThixo wathuma isithunywa eYerusalem, ukuba siyitshabalalise. Sakubona ukuba siyatshabalalisa, wabona uYehova, wazohlwaya ngenxa yobubi obo; wathi kwisithunywa eso sitshabalalisayo, Kwanele, sithobe kaloku isandla sakho. Ke kaloku isithunywa sikaYehova sema esandeni sikaOrnan umYebhusi. UDavide wawaphakamisa amehlo akhe, wabona isithunywa sikaYehova simi phakathi komhlaba nezulu, sithe rhuthu ikrele laso ngesandla, lolulelwe phezu kweYerusalem. UDavide namadoda amakhulu, bezigubungele ngeengubo ezirhwexayo, bawa phantsi ngobuso.

1 YeziKronike 21:29-30

Ke umnquba kaYehova, awa wenzayo uMoses entlango, nesibingelelo sedini elinyukayo, bezisesigangeni eGibheyon ngelo xesha. UDavide ubengenakuya phambi kwawo amquqele uThixo; ngokuba ubesoyika ikrele lesithunywa sikaYehova.

2 YeziKronike 3:10-11

Wenza endlwini yengcwele kangcwele iikerubhi ezimbini; zakrolwa ukusetyenzwa kwazo; wazaleka ngegolide. Amaphiko eekerubhi ubude bawo bebuziikubhite ezimashumi mabini; iphiko elinye beliziikubhite ezintlanu, lada laya kufikelela eludongeni lwendlu; nelinye iphiko beliziikubhite ezintlanu, ukuya kufikelela ephikweni leyesibini ikerubhi.

2 YeziKronike 5:8

ngokuba iikerubhi zaye ziwolule amaphiko phezu kwendawo yetyeya; iikerubhi zayisithelisa ityeya nezibonda zayo ngaphezulu.

2 YeziKronike 32:20-21

Bathandaza ke uHezekiya ukumkani, noIsaya unyana ka-Amotsi, umprofeti, ngenxa yoko; bakhala, basingisa emazulwini. UYehova wathuma isithunywa sezulu, sawenza athi shwaka onke amagorha anobukroti, neenganga, nabathetheli, emkhosini wokumkani waseAsiriya. Wabuya, ubuso bakhe buthe khunubembe, waya ezweni lakhe. Wangena endlwini yothixo wakhe; bathi ababephume ezibilinini zakhe bamwisa khona ngekrele.

UNehemiya 9:6

Wena unguYehova wedwa, wena wenza izulu, izulu lawo amazulu, nomkhosi wawo wonke, umhlaba nento yonke ephezu kwawo, iilwandle neento zonke ezikhona, uzidlisa ubomi zonke ezo zinto; umkhosi wamazulu uqubuda kuwe.

UYobhi 1:6

Kwathi ngamhla uthile, oonyana bakaThixo beza kuzimisa phambi koYehova, weza noSathana phakathi kwabo.

UYobhi 2:1

Kwathi ngamhla uthile, oonyana bakaThixo beza kuzimisa phambi koYehova; weza noSathana phakathi kwabo, ukuba azimise phambi koYehova.

UYobhi 38:7

Ekumemeleleni kunye kwamakhwezi okusa, Beduma bonke oonyana bakaThixo?

IiNdumiso 8:4-5

Uyintoni na umntu lo, le nto umkhumbulelayo? Unyana womntu, le nto umvelelayo? Umsilelise kancinane ebuThixweni, Wamthi jize ngobuqaqawuli nangobungangamela.

IiNdumiso 34:7

Isithunywa sikaYehova sibangqinga ngeenxa zonke abamoyikayo, Sibahlangule.

IiNdumiso 35:5-7

Mababe njengomququ phambi komoya, Sibatyhale isithunywa sikaYehova, bawe. Indlela yabo mayibe mnyama, ibe buthelezi, Sibasukele isithunywa sikaYehova. Ngokuba basigqumele mna isibatha sabo ngelize; Bawumbela isihogo umphefumlo wam ngelize.

IiNdumiso 68:17

Iinqwelo zokulwa zikaThixo zizigidi, ngamawaka-waka; INkosi ikuzo; yiSinayi ebungcweleni,

IiNdumiso 78:24-25

Wabanisela ngemana ukuze badle, Wabanika ingqolowa yasezulwini. Umntu wadla isonka sOnamandla; Wabathumela umphako bada badikwa.

IiNdumiso 78:49

Wathumela kubo ukuvutha komsindo wakhe, Ukuphuphuma kwawo, nokubhavuma, nembandezelo, Ibutho lezithunywa zobubi.

IiNdumiso 91:11-12

Ngokuba izithunywa zakhe uziwisele umthetho ngawe, Ukuba zikugcine ezindleleni zakho zonke. Zokuthwala wena ngezandla zozibini, Hleze ubetheke ngonyawo lwakho etyeni.

IiNdumiso 99:1

UYehova nguKumkani, ziyagungqa izizwe; Ulohlala ekerubhini, liyashukuma ihlabathi.

IiNdumiso 103:20-21

Mbongeni uYehova, nina zithunywa zakhe, Magorha omeleleyo, alenzayo ilizwi lakhe, Ephulaphula isandi selizwi lakhe. Mbongeni uYehova, nonke mikhosi yakhe, Balungiseleli bakhe, benzi bokuthanda kwakhe.

IiNdumiso 104:4

Ulowenza izithunywa zakhe imimoya, Abalungiseleli bakhe umlilo olenyayo.

IiNdumiso 148:2

Mdumiseni, nonke zithunywa zakhe; Mdumiseni, nonke mikhosi yakhe;

UIsaya 6:1-7

Ngomnyaka wokufa kokumkani u-Uziya, ndayibona iNkosi ihleli etroneni ende enyukileyo; amasondo eengubo zayo ezirholayo azalisa itempile. Kumi iiserafi ngaphezu kwayo, iyileyo inamaphiko amathandathu, ngamabini ifihle ubuso bayo, ngamabini ifihle iinyawo zayo, ngamabini iphaphazela. Iyileyo idanduluke kuleyo isithi. Uyingcwele, uyingcwele, uyingcwele uYehova wemikhosi; buzalise ihlabathi lonke ubuqaqawuli bakhe. Yadidizela imigubasi yeminyango lilizwi lowadandulukayo; yaye indlu izele ngumsi. Ndathi, Athi ke mna! Ngokuba ndithe shwaka, ngokuba ndiyindoda emlomo uyinqambi; ndihleli phakathi kwabantu abamilomo iyinqambi; ngokuba amehlo am abone ukumkani, uYehova wemikhosi. Yaphaphazela yeza kum enye yeeserafi, iphethe ilahle elivuthayo, elithabathe ngesithabatho esibingelelweni; yalifikisa emlonyeni wam, yathi, Yabona, eli lahle lifikile nje emlonyeni wakho, bususiwe ubugwenxa bakho, nesono sakho sicanyagushelwe.

UIsaya 37:16

Yehova wemikhosi, Thixo wakwaSirayeli, wena uhleli phakathi kweekerubhi, unguye uThixo wena wedwa kwizikumkani zonke zehlabathi; wena ulenzile izulu nehlabathi.

UIsaya 37:35-36

Ndiya kuwukhusela lo mzi, ndiwusindise ngenxa yam, nangenxa kaDavide, umkhonzi wam. Kwaphuma ke isithunywa sikaYehova, saxabela emkhosini wama-Asiriya ikhulu elinamanci asibhozo anesihlanu amawaka. Bavuka kusasa, nango ezizidumbu ezifileyo onke.

UHezekile 1:4-14

Ndabona ke, nanko kusiza umoya ovuthuzayo, uvela ngasentla, unelifu elikhulu nomlilo obumbeneyo njengembumbulu, nobumhlophe obungeenxa zonke kulo, obuphuma ngaphakathi kwawo, bubonakala ngathi yigolide evuthiweyo emlilweni phakathi. Ngaphakathi kwawo yimfano yezinto eziphilileyo ezine. Nantsi ke imbonakalo yazo: zibe zinemfano yomntu; inye ibinobuso obune, inye kuzo apho ibinamaphiko amane. Imilenze yazo ibiyimilenze ethe nkqo; umphantsi weenyawo ubunjengomphantsi wenqina lethole; zidangazela zibonakala ngathi lubhedu olubengezelisiweyo. Zazinezandla zomntu ngaphantsi kwamaphiko azo emacaleni azo omane; zone ke zinobuso namaphiko; amaphiko azo abehlangene, elaleyo nelaleyo; bezingajiki ekuhambeni kwazo, bezihamba, iyileyo iye kwicala elikhangelene nobuso bayo. Imfano yobuso bazo ibe ibubuso bomntu; zinobuso bengonyama zone ngasekunene; zinobuso benkomo zone ngasekhohlo, zinobuso bokhozi zone; ubuso bazo namaphiko azo abe ahlukene ngaphezulu; iyileyo inamabini ehlangene nawaleyo, namaphiko amabini ke egubungele imizimba yazo. Zahamba ke, iyileyo yaya kwicala elikhangelene nobuso bayo; apho sukuba ubusiya khona umoya, zaya khona; azajika ekuhambeni kwazo. Imfano yezinto eziphilileyo ezo, imbonakalo yazo, ibingathi ngamalahle omlilo abasiweyo; ibingathi yimbonakalo yezikhuni ezitshangazayo; wona wahambahamba phakathi kwezinto eziphilileyo ezo; umhlophe ke umlilo lowo, emlilweni kuphuma imibane. Izinto eziphilileyo bezigidima zibuye, ngokokubonakala kokuphambaphamba kombane.

UHezekile 1:15-21

Ndazibona izinto eziphilileyo; nanko ke, kukho iivili emhlabeni, ecaleni kwezinto eziphilileyo, zinganye iivili kubuso ngobuso bazo obune. Ukubonakala kweevili nokusetyenzwa kwazo kwakunjengembonakalo yekrizolite, zimfani-nye zone; ukubonakala kwazo nokusetyenzwa kwazo kungathi ivili ingaphakathi kwevili. Ekuhambeni kwazo zaphambela kumacala azo omane; azajika ekuhambeni kwazo. Iifeleni zazo beziphakamile, bezisoyikeka; iifeleni zazo bezizele ngamehlo ngeenxa zonke kuzo zone. Zakuhamba izinto eziphilileyo, zahamba nazo iivili ecaleni lazo; zakusuka izinto eziphilileyo emhlabeni, zasuka nazo iivili. Apho sukuba usiya khona umoya, zaya apho sukuba umoya ubusiya khona; zasuka iivili kunye nazo; ngokokuba umoya wezinto eziphilileyo ubukho ezivilini ezo. Zakuhamba, zahamba nazo; zakuma, zema nazo; zakusuka emhlabeni, zasuka iivili kunye nazo; ngokokuba umoya wezinto eziphilileyo ubukho ezivilini ezo.

UHezekile 1:22-25

Naphezu kweentloko zezinto eziphilileyo bekukho into efana nesibhakabhaka, ngathi ngembonakalo yikristale eyoyikekayo, sanekiwe phezu kwentloko yazo ngaphezulu. Ngaphantsi kwesibhakabhaka amaphiko ayethe tye, elo lasinga kwelo; iyileyo inamabini ayigubungeleyo, iyileyo inamabini ayigubungeleyo emzimbeni. Ndeva ke isandi samaphiko azo, sinjengesandi samanzi amaninzi, ngathi lilizwi loSomandla, ekuhambeni kwazo; izwi elinengxolo ngathi sisandi somkhosi; zakuma, zawayeka ehla amaphiko azo. Kwabakho ke izwi liphuma ngaphaya kwesibhakabhaka, esibe siphezu kweentloko zazo; zakuma, zawayeka ehla amaphiko azo.

UHezekile 3:13

Kananjalo ndeva nesandi samaphiko ezinto eziphililileyo, elo lifikelela kwelo, nesandi seevili ngakuzo, nesandi sendudumo enkulu.

UHezekile 10:1-8

Ndabona, nanko, phezu kwesibhakabhaka esibe siphezu kwentloko yeekerubhi, kunjengelitye lesafire, kubonakala ngathi ngumfanekiso wetrone; wabonakala phezu kwazo uYehova. Wathetha kwindoda eyambethe ilinen emhlophe, wathi, Yiya phakathi kweevili ezijikelezayo ngaphantsi kwekerubhi, uzalise izandla zakho ngamalahle omlilo, uwathabathe phakathi kweekerubhi, uwasasaze phezu kwawo umzi. Yangena ndiyibona. Ke iikerubhi bezimi ngasekunene kwendlu, ekungeneni kwendoda leyo; ilifu layizalisa intendelezo ephakathi. Benyuka ubuqaqawuli bukaYehova, besuka ezikerubhini, baya emnyango wendlu. Yazala indlu lilifu, nentendelezo yazala bubumhlophe bobuqaqawuli bukaYehova. Savakala isandi samaphiko eekerubhi, sada saya entendelezweni engaphandle, sinjengezwi loSomandla akuthetha. Kwathi, akuyiwisela umthetho indoda eyambethe ilinen emhlophe, esithi, Thabatha umlilo phakathi kweevili ezijikelezayo, phakathi kweekerubhi, yasuka yangena yema ecaleni kweevili. Ibe isuka ke ikerubhi, isolule isandla sayo phakathi kweekerubhi, isise emlilweni ophakathi kweekerubhi, iwuthabathe, iwunikele esandleni sowambethe ilinen emhlophe; ebewuthabatha ke aphume. Kwabonakala ke ezikerubhini into efana nesandla somntu, phantsi kwamaphiko azo.

UHezekile 10:9-17

Ndabona, nanzo iivili ezine zisecaleni leekerubhi, ivili enye isecaleni lekerubhi enye, ivili enye isecaleni lekerubhi enye, ukubonakala kweevili ngathi yimbonakalo yelitye lekrizolite. Ngokubonakala kwazo zone bezimfani-nye, kwanga kukho ivili ngaphakathi kwevili. Ekuhambeni kwazo zahamba zaya kumacala azo omane; azajikeleza ekuhambeni kwazo; ngokuba apho sukuba leyo iphambili ibe ibheka khona, zibe ziyilandela, zingajikelezi ekuhambeni kwazo. Ke umzimba wazo wonke, nomhlana wazo, nezandla zazo, namaphiko azo, neevili, zibe zizele ngamehlo ngeenxa zonke; zone bezineevili zazo. Iivili ezo zabizwa ezindlebeni zam, kwathiwa, ziivili ezijikelezayo. Inye ibe inobuso obune: ubuso bokuqala ibubuso bekerubhi, ubuso besibini ibubuso bomntu, obesithathu ibubuso bengonyama, obesine ibubuso bokhozi. Zenyuka iikerubhi; yilaa nto iphilileyo, ndayibonayo emlanjeni oyiKebhare. Ekuhambeni kweekerubhi zahamba iivili ecaleni lazo; nasekuwaphakamiseni kweekerubhi amaphiko azo, ukuba zisuke emhlabeni, azijikanga neevili zazo zimke ecaleni lazo. Ekumeni kwazo zema nazo; ekusukeni kwazo ukuba ziphaphazele, zesuka nazo; ngokuba umoya wento ephilileyo ube ukho kuzo.

UHezekile 10:18-22

Baphuma ke ubuqaqawuli bukaYehova, bemka emnyango wendlu, beza kuma phezu kweekerubhi. Iikerubhi zawaphakamisa amaphiko azo, zasuka emhlabeni emehlweni am; ekuphumeni kwazo iivili zazingakuzo. Zema ekungeneni kwesango lendlu kaYehova elisempumalanga, ubuqaqawuli bukaThixo kaSirayeli buphezu kwazo ngaphezulu. Yilaa nto iiphilileyo, ndayibonayo phantsi koThixo kaSirayeli emlanjeni oyiKebhare; ndazi ke ukuba ziziikerubhi. Inye ibe inobuso obune inye ibe inamaphiko amane, imfano yezandla zomntu ingaphantsi kwamaphiko azo. Ke imfano yobuso bazo, ibe ibobaa buso ndabubonayo imlanjeni oyiKebhare, nokubonakala kwazo nazo ngokwazo; zibe zihamba iyileyo iye kwicala elikhangelene nobuso bayo.

UHezekile 11:22

Iikerubhi zawaphakamisa amaphiko azo, kwaneevili ezingakuzo; ubuqaqawuli bukaThixo kaSirayeli baba phezu kwazo ngaphezulu.

UDaniyeli 3:23-28

La madoda omathathu, ooShadraki, noMeshaki, noAbhede-nego, awa phakathi kweziko elivutha umlilo, ebotshiwe. Waza uNebhukadenetsare ukumkani wothuka, wesuka ngobungxamo, wathetha wathi kumaphakathi akhe, Besingajulelanga phakathi komlilo amadoda amathathu yini na, ebotshiwe? Aphendula athi kukumkani, Unyanisile, kumkani. Waphendula wathi, Khangelani, ndibona amadoda amane, ekhululekile, ehamba phakathi komlilo, engenzakele; ukubonakala kweyesine ke kufana nonyana woothixo. Waza uNebhukadenetsare wasondela esangweni leziko elivutha umlilo, waphendula wathi, Shadraki, Meshaki, Abhede-nego, bakhonzi boThixo Osenyangweni, phumani nize. Baza baphuma ooShadraki, noMeshaki, noAbhede-nego, emlilweni. Zahlanganisana iirhuluneli, nabathetheli bomkhosi, namabamba, namaphakathi okumkani; bawakhangela la madoda, ukuba umlilo awubanga namandla emizimbeni yawo, akurhawukanga nalunwele lwentloko yawo; iihempe zawo azibanga zizimbi, nevumba lomlilo alifikanga kuwo. Waphendula uNebhukadenetsare wathi, Makabongwe uThixo kaShadraki, kaMeshaki, ka-Abhede-nego osithumileyo isithunywa sakhe, wabasindisa abakhonzi bakhe, ababekholose ngaye, baligqitha ilizwi lokumkani, bayinikela imizimba yabo, ukuba bangabusi, bangaqubudi, kuthixo nonguwuphi, ongenguye uThixo wabo.

UDaniyeli 4:13

Ndabona emibonweni yentloko yam, ndisesililini sam, nanko kusihla umlindi engongcwele emazulwini.

UDaniyeli 4:17

Umyalezo lo ukho ngengqibo yabalindi, umcimbi lo lilizwi labayingcwele; ngokokuze bazi abahleliyo, ukuba Osenyangweni unegunya ebukumkanini babantu, abunike lowo athanda ukumnika, amise ophantsi ebantwini phezu kwabo.

UDaniyeli 6:22

UThixo wam uthume isithunywa sakhe, sayivingca imilomo yeengonyama, ukuba zingandenzakalisi, ngenxa enokuba phambi kwakhe kufumaneke ukuba ndimsulwa; naphambi kwakho, kumkani, andonanga.

UDaniyeli 7:10

Kwaphuma umlambo womlilo phambi kwakhe, amawaka amawaka ayelungiselela kuye, nezigidi zezigidi bezimisa phambi kwakhe; abagwebi bahlala phantsi, iincwadi zavulwa.

UDaniyeli 8:16-17

Ndeva ilizwi lomntu phakathi kweenxweme zeUlayi, labiza lathi, Gabriyeli, mqondise imbonakalo. Weza kweli cala ndimi kulo. Akuza ndoyika, ndawa ngobuso; wathi kum, Qonda, nyana womntu; ngokuba umbono lo usingise kwixesha lokuphela.

UDaniyeli 9:21-22

ndisathetha ke ngokuthandaza, indoda enguGabriyeli, leyo ndayibonayo embonweni ekuqaleni, ndityhafile nokutyhafa, yasondela kum ngexesha lomnikelo wangokuhlwa. Yandiqondisa, yathetha nam, yathi, Daniyeli, ngoku ndiphumile ukuba ndikufundise, uqonde.

UDaniyeli 10:10-14

Ndeva naso isandla sindichukumisa, sandimisa ngamadolo am nangeentende zezandla zam ezihexayo. Yathi kum, Daniyeli, ndoda inqwenelekayo, waqonde amazwi endiwathetha kuwe, ume endaweni yokuma kwakho; kuba ndithunyiwe ngokunje kuwe. Ithe yakulithetha kum elo lizwi, ndesuka ndema ndithuthumela. Yathi kum, Musa ukoyika, Daniyeli, kubakususela kumhla wokuqala, owayinikelayo intliziyo yakho ekuqondeni nasekuzithobeni phambi koThixo wakho, aviwa amazwi akho, mna ke ndize ngenxa yamazwi akho. Ke umthetheli wobukumkani bamaPersi wamelana nam imihla engamashumi amabini anamnye; uyabona, uMikayeli, omnye wakubathetheli abaziintloko, weza kundinceda; mna ndamoyisa khona, kookumkani bamaPersi. Ndize kukuqondisa ke okuya kubahlela abantu bakowenu ekupheleni kwemihla; kuba umbono lo usengowemihla leyo.

UDaniyeli 10:15-21

Ithe ekuthetheni kwayo nam ngokwala mazwi, ndabubhekisa ubuso bam emhlabeni, ndasisidenge. Nanko ofana noonyana babantu, echukumisa umlomo wam. Ndawuvula umlomo wam, ndathetha, ndathi kulo umi phambi kwam, Nkosi yam, ngenxa yembonakalo indifikele inimba yam, ndaphelelwa ngamandla. Angathini na ke ukuba nako umkhonzi wenkosi yam le, ukuthetha nenkosi yam le? Mna okwam andisenamandla, akusekho mphefumlo kum. Waphinda wandichukumisa onjengomntu, ukubonakala kwakhe, wandomeleza. Wathi, Musa ukoyika, ndoda inqwenelekayo, yiba noxolo; yomelela, yomelela. Uthe ekuthetheni kwakhe nam ndomelezeka, ndathi, Mayithethe inkosi yam, kuba undomelezile. Wathi, Uyazi na into endize ngayo kuwe? Ngoku ke ndiya kubuya ndiye kulwa nomthetheli wamaPersi; ndiphuma nje, nanko umthetheli wakwaYavan esiza. Noko ke ndiya kukuxelela okubhaliweyo esibhalweni senyaniso. Akukho namnye womelezana nam ngakwabo, ngaphandle kukaMikayeli, umthetheli wenu.

UDaniyeli 12:1

Ngelo xesha uya kusuka eme uMikayeli, umthetheli omkhulu, omela oonyana babantu bakowenu. Kuya kubakho ixesha lembandezelo elingazanga libekho elinjalo, kususela koko lwabakhoyo uhlanga, kude kube nangelo xesha. Ngelo xesha baya kusinda abantu bakowenu, bonke abafunyenwe bebhaliwe encwadini.

UYoweli 2:1-11

Vuthelani isigodlo eZiyon, nihlabe umkhosi entabeni yam engcwele. Mabagungqe bonke abemi belizwe, ngokuba isiza imini kaYehova, kuba isondele: imini enobumnyama nesithokothoko, imini enamafu, enamafu amnyama, anjengokuthi qhiphu kokusa phezu kweentaba; abantu abaninzi, abanamandla; akuzanga kube nje naphakade, emva kwabo akusayi kuza kubuye kube nje, kude kuse eminyakeni yezizukulwana ngezizukulwana. Phambi kwabo kutshisa umlilo; nasemva kwabo kurhawula ilangatye. Ilizwe linjengomyezo we-Eden phambi kwabo; emva kwabo linjengentlango enkangala, nento esindileyo ayi kubakho kulo. Injengokubonakala kwamahashe imbonakalo yabo; njengakhwelwayo, benjenjalo ukubaleka. Anjengesithonga seenqwelo zokulwa ezincotsheni zeentaba amagqasi abo; njengesithonga selangatye lomlilo otshisa iindiza; njengabantu abanamandla abakhe uluhlu. Ebusweni babo ziyazibhijabhija izizwe; bonke ubuso buba luthuthu. Bagidima njengamagorha; banyuka udonga njengamadoda okulwa; bahamba elowo ngendlela yakhe, abaphambaphambi emendweni wabo. Abagilani, bahamba elowo ngomendo wakhe; bawa nasezikhalini, bangenzakali. Baphithizela emzini; babaleka eludongeni; banyuka ezindlwini; bangena ngeefestile njengesela. Phambi kwabo uyagungqa umhlaba; liyanyikima izulu. Lisuke laba mnyama ilanga nenyanga, neenkwenkwezi zibufinyezile ubumhlophe bazo. UYehova ukhupha izwi lakhe phambi kwempi yakhe; kuba mkhulu kakhulu umkhosi wakhe; kuba unamandla umenzi welizwi lakhe; kuba inkulu imini kaYehova, yoyikeka kunene; ngubani na onokuyinyamezela?

UZekariya 1:8-14

Ndibone ebusuku, nanko umntu ekhwele ehasheni elibomvu; waye ke emi phakathi kwemimirtile ebisenyobeni, ngasemva kwakhe ingamahashe, abomvu, nangwevu, namhlophe. Ndathi, Ngoobani na aba, nkosi yam? Sathi kum isithunywa ebesithetha nam, Ndokubonisa ukuba ngoobani na aba. Waphendula umntu obemi phakathi kwemimirtile wathi, Aba ngabathunywe nguYehova, ukuba balihambahambe ihlabathi. Basiphendula isithunywa sikaYehova ebesimi phakathi kwemimirtile, bathi, Silihambahambile ihlabathi, nalo lonke ihlabathi lihleli lizolile. Saphendula ke isithunywa sikaYehova, sathi, Yehova wemikhosi, koba nini na ungasikwa yimfesane wena, ngenxa yeYerusalem nemizi yakwaYuda, owayibhavumelayo le minyaka imashumi asixhenxe? UYehova wasiphendula isithunywa esibe sithetha nam, ngamazwi alungileyo, ngamazwi athuthuzelayo. Sathi kum isithunywa esibe sithetha nam, Memeza uthi, Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Ndinekhwele, ikhwele elikhulu, ngeYerusalem nangeZiyon.

UZekariya 2:1-5

Ndaphakamisa amehlo am, ndakhangela, Nanko umntu ephethe ngesandla ulutya lokulinganisa. Ndathi ke, Uya ngaphi na? Wathi kum, Ndiya kulinganisa iYerusalem, ndibone ukuba bungakanani na ububanzi bayo, bungakanani na ubude bayo. Naso ke isithunywa esibe sithetha nam siphuma, kuphuma nesinye isithunywa, sisiya kusikhawulela. Sathi kuso, Gidima, uthethe nalaa ndodana, uthi, IYerusalem iya kuhlala ngokwamaphandle, ngenxa yobuninzi babantu neenkomo eziphakathi kwayo. Ndiya kuba ludonga lomlilo kuyo mna ngeenxa zonke, utsho uYehova; ndibe bubuqaqawuli phakathi kwayo.

UZekariya 3:1-7

Wandibonisa uYoshuwa umbingeleli omkhulu, emi phambi kwesithunywa sikaYehova, uSathana emi ngasekunene kwakhe, ukuze amchase. Wathi uYehova kuSathana, UYehova makakukhalimele, Sathana; akukhalimele uYehova oyinyulileyo iYerusalem; lo akasikhuni esirholwe emlilweni na? UYoshuwa ke ebambethe iingubo ezingcolileyo; wema ke phambi kwesithunywa. Saphendula sathetha nabemiyo phambi kwaso, sathi, Zisuseni iingubo ezingcolileyo kuye. Sathi ke kuye, Yabona, ndibususile ubugwenxa bakho kuwe, ndikwambese ngezinqabileyo. Ndathi ke, Mabambeke unkontsho oluhlambulukileyo entloko. Bambeka ke unkontsho oluhlambulukileyo entlokweni yakhe, bamambesa ngeengubo; saye isithunywa sikaYehova simi. Isithunywa sikaYehova saqononondisa kuYoshuwa, sathi, Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Ukuba uthe wahamba ngeendlela zam, ukuba uthe wasigcina isigxina sam, woyilawula wena indlu yam, wozigcina neentendelezo zam, ndikunike ukuhamba phakathi kwaba bemiyo apha.

UZekariya 6:4-5

Ndaphendula ndathi kwisithunywa esibe sithetha nam, Ziyintoni na ezi zinto, nkosi yam? Saphendula ke isithunywa, sathi kum, Le yimimoya emine esezulwini, ephuma yakuba ibizimisile ngakwiNkosi yehlabathi lonke.

UMateyu 1:20-24

Akubon’ ukuba uyazicinga ezi zinto, naso isithunywa seNkosi sibonakala kuye ephupheni, sisithi, Yosefu, nyana kaDavide, musa ukoyika ukumthabathela kuwe uMariya, umfazi wakho; kuba oko kukhawulweyo phakathi kwakhe kungoMoya oyiNgcwele. Uya kuzala unyana ke, umbize ngegama elinguYesu; kuba yena eya kubasindisa abantu bakhe ezonweni zabo. Ke kaloku oku konke kwenzeke, ukuze kuzaliseke okwathethwayo yiNkosi ngomprofeti, isithi, Yabonani, intombi le iya kumitha izale unyana, Bambize ngegama elinguImanuweli, oko kukuthi ngentetho evakalayo, uThixo unathi. Wathi ke uYosefu, evukile ebuthongweni, wenza ngoko besimmisele ngako isithunywa seNkosi, wamthabathela kuye umfazi wakhe;

UMateyu 2:13

Zithe zakubon’ ukuba zimkile ke zona, naso isithunywa seNkosi sibonakala kuYosefu ephupheni, sisithi, Vuka, umthabathe umntwana nonina, usabele eYiputa, uze ube khona apho ndide ndikuxelele; kuba uHerode uhlalele ukumfuna umntwana lowo, ukuba amtshabalalise.

UMateyu 2:19-20

Akubon’ ukuba ubhubhile ke uHerode, sabonakala isithunywa seNkosi sibonakala ephupheni kuYosefu eYiputa sisithi, Vuka, umthabathe umntwana nonina, uye ezweni lakwaSirayeli; kuba bafile abo babezonda ubomi bomntwana.

UMateyu 4:6

Ukuba unguNyana kaThixo, ziphose ezantsi; kuba kubhaliwe kwathiwa, Uya kuziwisela umthetho ngawe izithunywa zakhe zasemazulwini, Zikufukule ngezandla, Hleze ubetheke ngonyawo lwakho etyeni.

UMateyu 4:11

Andule ke uMtyholi ukumyeka; nanko kufika izithunywa zezulu zimlungiselela.

UMateyu 13:39-42

utshaba ke olwawuhlwayelayo wona nguMtyholi; ukuvuna ke kukupheliswa kwephakade eli; abavuni ke zizithunywa zezulu. Njengokuba ngoko ubuthwa umdiza, utshiswe ngomlilo, kuya kuba njalo ekuphelisweni kweli phakade. UNyana woMntu uya kuthuma izithunywa zakhe, zize zibuthe, zikhuphe ebukumkanini bakhe, zonke izikhubekiso, nabo benza okuchasene nomthetho; zibaphose ezikweni lomlilo; khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo.

UMateyu 13:49-50

Kuya kuba njalo ekuphelisweni kwephakade eli: ziya kuphuma izithunywa zezulu, zibakhethe abangendawo phakathi kwamalungisa, zibaphose ezikweni lomlilo; khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo.

UMateyu 16:27

Kuba uNyana woMntu uza kuza esebuqaqawulini boYise, enezithunywa zakhe, andule ukubavuza bonke ngabanye ngokokwenza kwabo.

UMateyu 18:10

Lumkani, ningadeli namnye waba bancinane; kuba ndithi kuni, Izithunywa zabo emazulwini zihlala zibubona ubuso bukaBawo osemazulwini.

UMateyu 22:30

Kuba eluvukweni abazeki, abendiswa; banjengazo izithunywa zikaThixo emazulwini.

UMateyu 24:31

Wozithuma izithunywa zakhe zasemazulwini, zinexilongo elisandi sikhulu, zihlanganisele ndawonye abanyulwa bakhe, baphume kumacala omane omoya, kuthabathela esiphelweni sezulu, kude kuse kwesinye isiphelo salo.

UMateyu 24:36

Kodwa akukho bani uwaziyo loo mhla nelo lixa; azazi nezithunywa zamazulu, nguBawo yedwa.

UMateyu 25:31

Xa ke athe wafika uNyana woMntu esebuqaqawulini bakhe, enazo zonke izithunywa ezingcwele, ngelo xa uya kuhlala phezu kwetrone yobuqaqawuli bakhe;

UMateyu 26:53

Uba andinako na ngoku ukumbongoza uBawo, andikhuphele imikhosi yezithunywa zezulu engaphezu kweshumi elinamibini?

UMateyu 28:2-7

Kwasuka kwabakho unyikimo olukhulu; kuba kwakuhle isithunywa seNkosi emazulwini, seza saliqengqa ilitye lesuka emnyango, sahlala phezu kwalo. Ukubonakala kwaso ke kwaye kunjengombane, nesambatho saso saye simhlophe njengekhephu. Ngokoyika sona ke bangcangcazela abalindi, baba njengabafileyo. Saphendula ke isithunywa sathi kubafazi abo, Musani ukoyika nina; kuba ndiyazi ukuba nifuna uYesu, lowo ubebethelelwe emnqamlezweni. Akakho apha; kuba uvukile, njengoko watshoyo; yizani niyibone indawo apho ibilele khona iNkosi. Yiyani ngokukhawuleza, nibaxelele abafundi bakhe ukuthi uvukile kwabafileyo; niyabona, uyanandulela ukuya kwelaseGalili; nombona khona apho. Yabonani, ndinixelele.

UMarko 1:13

Waye esentlango apho iintsuku ezimashumi mane, ehendwa nguSathana; waye endawonye namarhamncwa; zaye izithunywa zezulu zimlungiselela.

UMarko 8:38

Kuba othe waneentloni ngam nangamazwi am, kwesi sizukulwana sikrexezayo, sonayo, naye uNyana woMntu woba neentloni ngaye, xa athe weza esebuqaqawulini boYise, enezithunywa ezingcwele.

UMarko 12:25

Kuba, xa bathe babuya bavuka kwabafileyo, abazeki, abendiswa; banjengazo izithunywa ezisemazulwini.

UMarko 13:27

Uya kuzithuma ngelo xesha izithunywa zakhe, abahlanganisele ndawonye abanyulwa bakhe, baphume kumacala omane omoya, kuthabathela esiphelweni sehlabathi kuse esiphelweni sezulu.

UMarko 13:32

Kodwa akukho bani uwaziyo loo mhla nelo lixa, azazi nezithunywa ezisemazulwini, akazi noNyana lo, kuphela nguYise.

UMarko 16:5-7

Bakungena engcwabeni, babona indodana ihleli ngasekunene, izithe wambu ngengubo ende, emhlophe; baqhiphuka umbilini. Ithi ke yona kubo, Musani ukuqhiphuka umbilini; nifuna uYesu waseNazarete, obebethelelwe emnqamlezweni. Uvukile, akakho apha; nantsi indawo ababembeke kuyo. Hambani ke niye, nibaxelele abafundi bakhe noPetros ukuthi, uyanandulela ukuya kwelaseGalili; nombona khona apho, njengokuba wayetshilo kuni.

ULuka 1:11-20

Kwabonakala ke kuye isithunywa seNkosi, simi ngasekunene kwesibingelelo sesiqhumiso. Wakhathazeka uZekariya, akusibona, wangenelwa kukoyika. Sathi ke isithunywa eso kuye, Musa ukoyika, Zekariya, ngokokuba isikhungo sakho siviwe; wothi ke umfazi wakho uElizabhete akuzalele unyana, umthiye igama elinguYohane. Uya kuba nokuvuya nokugcoba, bathi nabaninzi bakuvuyele ukuzalwa kwakhe. Kuba uya kuba mkhulu emehlweni eNkosi, angakhe asele wayini nasiselo sinxilisayo; uya kuzaliswa nguMoya oyiNgcwele kwasekuzalweni kwakhe. Nento eninzi ke yoonyana bakaSirayeli uya kuyibuyisela eNkosini uThixo wabo. Yena uya kuhamba phambi kobuso bayo, enomoya enamandla kaEliya, ukuba azibuyisele iintliziyo zooyise kubantwana, nabangevayo kuko ukuqonda kwamalungisa, alungisele iNkosi abantu abalungisiweyo. Wathi uZekariya kuso isithunywa, Ndiya kukwazi ngani na oko? Kuba mna ndimdala, waye nomfazi wam selekhulile. Saphendula ke isithunywa, sathi kuye, Mna ndinguGabriyeli, oma phambi koThixo. Ndithunyiwe ukuba ndithethe kuwe, ndikushumayeze ezi ndaba zilungileyo. Uyabona, uya kuba sisidenge, ungabi nako ukuthetha, kude kube yimini eziya kuthi zenzeke ngayo ezi zinto, ngenxa enokuba ungakholwanga ngamazwi am; aya kuzalisekiswa wona ngexesha lawo.

ULuka 1:26-38

Ke kaloku ngenyanga yesithandathu, isithunywa esinguGabriyeli sathunyelwa nguThixo emzini welaseGalili, ogama liyiNazarete, kwintombi, eganelwe indoda egama linguYosefu, yendlu kaDavide; laye igama lentombi leyo linguMariya. Sangena isithunywa kuye, sathi, Vuya, wena ubabalweyo! INkosi inawe; usikelelwe wena phakathi kwabafazi. Uthe ke akusibona, wee qhiphu umbilini ngenxa yelizwi laso; wayecamanga ukuba ungaba mbuliso mni na lo. Sathi ke isithunywa kuye, Musa ukoyika, Mariya; kuba ubabalwe nguThixo. Uyabona, uya kuthabatha esizalweni, uzale unyana, umthiye igama elinguYesu. Yena uya kuba mkhulu, abizwe ngokuba nguNyana wOsenyangweni; iNkosi uThixo iya kumnika itrone kaDavide, uyise, abe ngukumkani phezu kwendlu kaYakobi kude kube ngunaphakade, nobukumkani bakhe bungabi nasiphelo. Wathi ke uMariya kuso isithunywa, Kuya kuthini na ukubakho oku, ndingazani nandoda nje? Saphendula isithunywa sathi kuye, UMoya oyiNgcwele uya kuza phezu kwakho, athi namandla Osenyangweni akusibekele; kungoko loo nto ingcwele izalwa nguwe iya kubizwa ngokuba nguNyana kaThixo. Uyabona, uElizabhete, ozalana nawe, naye umithe unyana ebudaleni bakhe; nale yinyanga yesithandathu kuye, lowo bekuthiwa ngongazaliyo; ngokuba akukho nanye into eya kumnqabela yena uThixo. Wathi ke uMariya, Nanko umkhonzazana weNkosi; makwenzeke kum ngokwelizwi lakho. Saza isithunywa semka kuye.

ULuka 2:8-15

Kwaye kukho abalusi kwakwelo lizwe, behlala ezindle, belinda ebusuku imihlambi yabo. Babona ngesithunywa seNkosi simi phezu kwabo, bathi nobuqaqawuli beNkosi bababengezelela ngeenxa zonke; besuka boyika ngokoyika okukhulu. Isithunywa eso sathi kubo, Musani ukoyika; kuba, yabonani, ndinishumayeza iindaba ezilungileyo zovuyo olukhulu, oluya kuba kubo bonke bantu; ngokuba nizalelwe namhlanje emzini kaDavide uMsindisi, onguKristu iNkosi. Nantsi ke into eyoba ngumqondiso kuni: nofumana lusana lusongelweyo eziqhiyeni, lulele emkhumbini wesitali. Kwabakho ngesiquphe, ndawonye nesithunywa eso, inkitha yomkhosi wasemazulwini, idumisa uThixo, isithi, Uzuko kuThixo enyangweni, Uxolo emhlabeni, Inkolelo ebantwini. Kwathi ke, zakumka kubo izithunywa zisiya emazulwini, abantu abo abalusi bathi omnye komnye, Masesihamba sisiya eBhetelehem apho, siyibone le nto ihlileyo, esiyazisiweyo yiNkosi.

ULuka 4:10-11

Kuba kubhaliwe kwathiwa, Uya kuziwisela umthetho ngawe izithunywa zakhe, ukuba zikugcine; kwathiwa, Ziya kukufukula ngezandla, Hleze ubetheke etyeni ngonyawo lwakho.

ULuka 9:26

Kuba othe waneentloni ngam, nangawo amazwi am, uNyana woMntu woba neentloni ngaye lowo, xa athe weza esebuqaqawulini bakhe, nobukaYise, nobezithunywa ezingcwele.

ULuka 12:8-9

Ndithi ke kuni, Wonke umntu othe wandivuma phambi kwabantu, kwanoNyana woMntu uya kumvuma phambi kwezithunywa zikaThixo. Ondikhanyeleyo ke emehlweni abantu, wokhanyelwa emehlweni ezithunywa zikaThixo.

ULuka 15:7

Ndithi kuni, ngokukwanjalo kuya kubakho uvuyo emazulwini ngomoni eba mnye oguqukayo, kunamashumi asithoba anesithoba amalungisa, angaswele nguquko.

ULuka 15:10

Ngokukwanjalo ndithi kuni, kubakho uvuyo emehlweni ezithunywa zikaThixo ngomoni eba mnye oguqukayo.

ULuka 16:22

Ke kaloku lathi lafa ihlwempu elo, lasiwa zizithunywa zezulu esifubeni sika-Abraham; safa ke nesityebi, sangcwatywa.

ULuka 20:36

kuba abasenakubuya bafe; kuba bengangezithunywa zezulu; kanjalo bangoonyana bakaThixo, bengabovuko njalo.

ULuka 22:43

Kwabonakala ke kuye isithunywa, sivela ezulwini, simomeleza.

ULuka 24:4-7

Kwathi, ekukhohlweni kwabo yile nto, kwabonakala amadoda amabini, ebafikela, eneengubo ezibengezelayo. Ke kaloku, bakubon’ ukuba bangenelwe kukoyika, beqondele emhlabeni, athi kubo, Yini na ukuba ophilileyo nimfune phakathi kwabafileyo? Akakho apha, uvukile; khumbulani ukuthetha kwakhe kuni, oko ebesekwelaseGalili, esithi, UNyana woMntu umelwe kukuthi anikelwe ezandleni zabantu abangaboni, abethelelwe emnqamlezweni, athi ngomhla wesithathu abuye avuke.

ULuka 24:23

Bathe bengawufumani umzimba wakhe, beza besithi, babone nombono wezithunywa zezulu, ezithi zona, uhleli.

UYohane 1:51

Athi kuye, Inene, inene, ndithi kuni, Emveni koku niya kulibona izulu livulekile, nezithunywa zikaThixo zinyuka zisihla phezu koNyana woMntu.

UYohane 5:2-4

Ke kaloku kukho eYerusalem apho, ngakwelezimvu isango, ichibi, ekuthiwa ukubizwa yiBhetesda ngesiHebhere, lineevaranda ezintlanu. Kwakulele kuzo inkitha eninzi yemilwelwe: iimfama, iziqhwala, abome umzimba, belinde ukuzanyazanyiswa kwamanzi. Kuba isithunywa sezulu ngaxesha lithile besisihla, singene echibini, siwagxobhagxobhe amanzi; lowo ngoko ubethe angene tanci emva kokugxojwagxojwa kwamanzi, ubephila nakusiphi na isifo abebanjwe siso.

UYohane 20:11-13

Ke kaloku uMariya ebemi ngaphandle ngasengcwabeni, elila; xa ke ebelila, waqondela engcwabeni. Wabona izithunywa zezulu ezibini, zam bethe ezimhlophe, zihleli; esinye ngasentloko, esinye ngasezinyaweni, apho wawulele khona umzimba kaYesu. Zithi zona kuye, Mfazi, ulilelani na? Athi kuzo; Bayisusile iNkosi yam; andazi apho bayibeke khona.

IZenzo 1:9-11

Waza etshilo, bakubon’ ukuba bakhangele, wafukulwa; lathi ilifu lemka naye emehlweni abo. Bakuba beqwalasele ezulwini, akubon’ ukuba uyemka, kwabonakala kumi ngakubo amadoda amabini eneengubo ezimhlophe, awatshoyo ukuthi, Madoda, maGalili, nimeleni na nondele ezulwini? Kwayena lo Yesu unyusiweyo kuni, wasiwa emazulwini, uya kuza ngolu hlobo nimbone esiya ngalo emazulwini.

IZenzo 5:18-20

babesa izandla abapostile, babafaka entolongweni yabantu bonke. Ke kaloku isithunywa seNkosi sazivula iingcango zentolongo ebusuku, sabakhupha, sathi, Hambani, niye kuma nithethe etempileni kubo abantu onke amazwi obu bomi.

IZenzo 7:53

nina nawamkelayo umthetho, niwumiselwa zizithunywa zezulu, anawugcina.

IZenzo 8:26

Ke kaloku kwathetha isithunywa seNkosi kuFilipu, sisithi, Suka usinge ezantsi, ngendlela ehla ivela eYerusalem, eya eGaza, yona iyintlango.

IZenzo 10:3-4

Yabona embonweni kakuhle, malunga nelixa lesithoba lenini, kufika kuyo isithunywa sikaThixo, sisithi kuyo, Hina, Korneli! Eqwalasele ke kuso, wangenelwa kukoyika, wathi, Yintoni na, Nkosi? Sithe ke kuye, Imithandazo yakho namalizo akho anyukile, aba sisikhumbuzo emehlweni kaThixo.

IZenzo 12:5-10

Wagcinwa ngoko okunene uPetros entolongweni; ke kwathandazwa libandla ngenyameko kuThixo ngenxa yakhe. Xa ke uHerode wayeza kumkhupha, uPetros ngobo busuku wayelele phakathi kwamasoldati amabini, ekhonkxiwe ngemixokelelwane emibini; baye nabalindi beyigcinile intolongo phambi kwesango. Yabona, naso isithunywa seNkosi, sisithi gaga phezu kwakhe, kwakhanya nokukhanya kwelo gumbi lentolongo; sambetha ecaleni uPetros, samvusa, sisithi, Phakama msinya. Yawa imixokelelwane yakhe ezandleni. Sathi kanjalo isithunywa eso kuye, Bhinqa, ubophe izixathula zakho. Wenjenjalo ke. Sithi kuye, Yithi wambu ingubo yakho, undilandele. Waphuma, wasilandela; wayengazi ukuba iyinene le nto yenziweyo ngesithunywa eso; ebeba ke ubone umbono. Begqithile ke kwelokuqala nakwelesibini iqela labalindi, bafika esangweni lentsimbi elibhekisa kuwo umzi, elathi lavuleka kubo ngokwalo; bakuphuma, bahamba isitrato sasinye; sathi kwaoko semka isithunywa eso kuye.

IZenzo 12:11-16

Waza uPetros akuziqonda wathi, Kaloku ndiyazi okwenyaniso, ukuba iNkosi ithume isithunywa sayo, yandihlutha esandleni sikaHerode, nakuko konke ukulindela kwabantu bamaYuda. Uthe ke akuyiqonda loo nto, weza endlwini kaMariya, unina kaYohane ogama limbi linguMarko, apho bekuqukene khona into eyaneleyo ithandaza. Akubon’ ukuba ke unkqonkqozile uPetros elucangweni lwesango, kweza kuphulaphula isicakazana esigama linguRoda. Silazile ke izwi likaPetros, asilivulanga isango, ngenxa yokuvuya; sabalekela ke phakathi, saxela ukuba uPetros umi phambi kwesango. Bathe ke bona kuso, Uyageza. Saqinisela ke sathi, Hayi, kunjalo. Babesithi ke bona, Sisithunywa sakhe. Uthe ke uPetros wamana enkqonkqoza; bathi ke bakuvula bambona, bathi nqa.

IZenzo 12:21-23

Ke kaloku uHerode, ngemini emisiweyo, ambethe ingubo yobukumkani, wahlala etroneni yakhe, wawisa ukuthetha kwakhe kubo. Baduma ke abantu, besithi, Lilizwi lothixo elo, asilamntu. Samthi qwaka ke kwalapho isithunywa seNkosi, ngenxa enokuba engamzukisanga uThixo; wadliwa ziimpethu, waphuma umphefumlo.

IZenzo 23:8

kuba okunene abaSadusi babesithi, akukho luvuko, nasithunywa sazulu, namoya; kodwa abaFarisi bazivuma zombini ezo ndawo.

IZenzo 27:23-24

Kuba ngobu busuku bekumi ngakumisithunywa sikaThixo, endingowakhe, endimkhonzayo, sisithi, Musa ukoyika, Pawulos, umelwe kukuma phambi koKesare; uyabona, uThixo ukubabale ngabo bonke abasemkhombeni nawe.

1 Kwabase Korinte 6:3

Anazi na, ukuba siya kugweba izithunywa zezulu? Kobeka phi na ke kwizinto zobu bomi?

1 Kwabase Korinte 11:10

Ngenxa yoko umfazi ufanele ukuba abe nomqondiso wegunya phezu kwentloko, ngenxa yezithunywa zezulu.

1 Kwabase Korinte 13:1

Ndingafanelana ndithetha ngeelwimi zabantu nezezithunywa zezulu; uthando ke ndingenalo, ndisuke ndaba yixina ehlokomayo, necangci elikhenkcezayo.

KumaGalati 1:8

Ke, nokokuba sisuke thina aba, nokokuba sisuke isithunywa sasezulwini sanishumayeza iindaba ezilungileyo ezinxamnye nezo sanishumayezayo, masisingelwe phantsi.

Kwabase Kolose 2:18

Makungabikho namnye unilahlekanisa nomvuzo wenu, ethanda ukwenjenjalo ngokuthobeka kwentliziyo, nangokunqula izithunywa zezulu, engena ezintweni angazibonanga, efumana wakhukhumaliswa yiyo ingqiqo yenyama yakhe,

1 Kwabase Tesalonika 4:16

Ngokuba iNkosi ngokwayo iya kuhla emazulwini inendanduluko, inelizwi lesiphatha-zithunywa, inexilongo likaThixo, baze abafele kuKristu bavuke kuqala;

KumaHebhere 1:5

Kuba sisiphi na isithunywa, awakha wathi kuso, UnguNyana wam wena, Mna ndikuzele namhla? Nokuthi, Mna ndiya kuba nguYise wakhe, Yena abe nguNyana wam?

KumaHebhere 1:6

Nangexa athi amngenise owamazibulo kwelimiweyo, uthi, Maziqubude kuye zonke izithunywa zikaThixo.

KumaHebhere 1:7

Okunene ngazo izithunywa zezulu uthi, Ulozenza izithunywa zakhe oomoya, Nababusi bakhe ilangatye lomlilo;

KumaHebhere 1:13-14

Sisiphi na ke isithunywa, awakha wathi kuso, Hlala ngasekunene kwam, Ndide iintshaba zakho ndizenze isihlalo seenyawo zakho? Azingomoya ababusayo zonke na, zithunywe ukuba zilungiselele abo baza kuba ziindlalifa zalo usindiso?

KumaHebhere 2:5-7

Kuba akalithobelanga phantsi kwezithunywa zezulu elimiweyo eliza kubakho, eli sithetha ngalo. Ke, wakha wangqina ubani, esithi, Uyintoni na umntu, le nto umkhumbulelayo? Unyana womntu, le nto umvelelayo? Wamnciphisa kancina ne kunezithunywa zezulu, Wamthwesa uzuko nembeko. Wammisa phezu kwemisebenzi yezandla zakho;

KumaHebhere 2:16

Kuba ndithi, akathabatheli kuye zithunywa; uthabathela kuye imbewu ka-Abraham.

KumaHebhere 9:5

Ke ngaphezu kwayo kwema iikerubhi zobuqaqawuli, zisibekele isicamagushelo; izinto ezo esingenakuthetha ngazo ngazinye ngoku.

KumaHebhere 12:22-23

Nisuke nina nafika eZiyon, entabeni nasemzini woThixo ophilileyo, kwiYerusalem yasemazulwini, nakumawakawaka ezithunywa zezulu, kwingqungquthela, nakwibandla lamazibulo abhaliweyo emazulwini, nakuThixo, uMgwebi wabo bonke, nakoomoya bamalungisa agqibeleleyo,

KumaHebhere 13:2

Musani ukukulibala ukubuka iindwendwe; kuba ngokwenjenjalo inxenye ibuke izithunywa zezulu, ingazi.

1 KaPetros 1:12

Abatyhilelwayo ukuba abazilungiseleli bona ngokwabo; bazilungiselela thina ke, izinto enizityelweyo ngoku ngabo banishumayezayo iindaba ezilungileyo ngoMoya oyiNgcwele, owathunywa evela emazulwini; izinto ke ezo ezizinqwenelayo izithunywa zezulu ukuqondela kuzo.

1 KaPetros 3:22

osekunene kukaThixo, eye emazulwini, kwakubon’ ukuba kuthotyelwe phantsi kwakhe izithunywa zezulu, noomagunya, namandla.

2 KaPetros 2:11

Ukanti izithunywa zezulu, zingaphezulu nje ngokomelela namandla, azizigwebi ngamgwebo unyelisayo phambi kweNkosi.

1 UYohane 4:1-2

Zintanda, musani ukukholwa ngoomoya bonke, bacikideni oomoya ukuba ngabakaThixo na; ngokuba baninzi abaprofeti ababuxoki, abaphume bangena ehlabathini. Mazini ngale nto uMoya kaThixo: umoya wonke omvumayo uYesu Kristu eze esenyameni, ungokaThixo;

EkaYuda 1:9

Kanti yena uMikayeli, isiphatha-zithunywa zezulu, oko wayebambene naye uMtyholi, bebangisana ngawo umzimba kaMoses, akabanga nabuganga bakumzisela mgwebo wakunyelisa; wesuka wathi, INkosi mayikukhalimele.

IsiTyhilelo 1:20

Imfihlakalo yeenkwenkwezi ezisixhenxe ozibonileyo esandleni sam sokunene, neziphatho zezibane zosixhenxe zegolide, yile: Iinkwenkwezi ezo zisixhenxe zizithunywa zawo amabandla asixhenxe; neziphatho ezo zisixhenxe uzibonileyo ngamabandla osixhenxe.

IsiTyhilelo 3:5

Lowo weyisayo uya kuthiwa wambu ngeengubo ezimhlophe. Andisayi kulicima igama lakhe encwadini yobomi; ndiya kulivuma igama lakhe emehlweni kaBawo, naphambi kwezithunywa zakhe zasemazulwini.

IsiTyhilelo 4:4-5

Kwaye kwenze isangqa etroneni apho iitrone ezimashumi mabini anane; phezu kweetrone ezo ndabona amadoda amakhulu amashumi mabini anamane, ehleli, ethiwe wambu ngeengubo ezimhlophe, enezithsaba zegolide entloko. Nasetroneni apho kuphuma imibane, neendudumo, nezandi; kuvutha izibane zomlilo ezisixhenxe phambi kwetrone, ezingabo ooMoya abasixhenxe bakaThixo.

IsiTyhilelo 4:6-11

Phambi kwetrone kukho ulwandle lwegilasi, lufana nomkhenkce. Esazulwini setrone apho, nasesangqeni setrone, kukho izinto eziphilileyo ezine, zizele ngamehlo ngaphambili nangasemva. Eyokuqala into ephilileyo ifana nengonyama; eyesibini into ephilileyo ifana nethole; eyesithathu into ephilileyo inobuso obungathi bobomntu; eyesine into ephilileyo ifana nokhozi luphaphazela. Zaye zone izinto eziphilileyo ezo, iyileyo naleyo, zinamaphiko ngamathandathu ngeenxa zonke, nangaphakathi zizele ngamehlo; zingaphumli imini nobusuku, zisithi: Ingcwele, ingcwele, ingcwele INkosi uThixo uSomandla, Leyo yayikho, ikhoyo, izayo. Xa zithi izinto eziphilileyo zibe zimnika uzuko nembeko nombulelo lowo uhleli etroneni, lowo udla ubomi kuse emaphakadeni asemaphakadeni, asuka awe amadoda amakhulu, amashumi mabini anamane, phambi kwalowo uhleli etroneni, aqubude kulowo udla ubomi kuse emaphakadeni asemaphakadeni, aphose izithsaba zawo phambi kwetrone, esithi: Ufanele, Nkosi, ukwamkela uzuko, nembeko, namandla; Ngokuba inguwe owadala zonke izinto, Nangenxa yokuthanda kwakho zikho, zadalelwa oko.

IsiTyhilelo 5:2

Ndabona isithunywa sezulu esomeleleyo, sivakalisa ngezwi elikhulu, sisithi, Ngubani na ofanele ukuyivula incwadi, nokuwanqika amatywina ayo?

IsiTyhilelo 5:6-8

Ndabona, nantso, esazulwini setrone nesezinto eziphilileyo zone, nasesazulwini samadoda amakhulu, iMvana engathi ixheliwe, imi ineempondo ezisixhenxe, namehlo asixhenxe angooMoya bosixhenxe bakaThixo, abathunyelwe emhlabeni wonke. Yeza, yayithabatha incwadi esandleni sokunene salowo uhleli etroneni. Yathi yakuyithabatha incwadi, izinto eziphilileyo zone, namadoda amakhulu angamashumi mabini anamane, awa phambi kweMvana, iyileyo inohadi, nengqayi yegolide izele ziziqhumiso, eziyiyo imithandazo yabangcwele.

IsiTyhilelo 5:11-14

Ndabona, ndeva izwi lezithunywa zezulu ezininzi, zenze isangqa etroneni, nezinto eziphilileyo, nawo amadoda amakhulu: laye inani lawo lizizigidi zezigidi; besithi ngezwi elikhulu: Kuyifanele iMvana eyaxhelwayo ukwamkela amandla, Nobutyebi, nobulumko, nokomelela, nembeko, nozuko, nokubongwa. Kananjalo zonke izidalwa ezisezulwini, naphezu komhlaba, naphantsi komhlaba, naphezu kolwandle, neento zonke ezikwezo zinto, ndaziva zisithi: Kulowo uhleli etroneni, nakuyo iMvana, Makubekho ukubongwa, nembeko, nozuko, namandla, Kuse emaphakadeni asemaphakadeni. Izinto eziphilileyo zone zathi, Amen. Aza amadoda amakhulu aqubuda.

IsiTyhilelo 7:1-3

Emva koko ndabona izithunywa zezulu zizine, zimi ezimbombeni zone zomhlaba, zibambe imimoya yomine yomhlaba, ukuze kungavuthuzi moya phezu komhlaba, naphezu kolwandle, naphezu kwemithi yonke. Ndabona esinye isithunywa sezulu, sinyuka sivela empumalanga, sinetywina likaThixo ophilileyo. Sadanduluka ngezwi elikhulu: kuzo izithunywa zezulu zozine, ezanikwa igunya lokuwonakalisa umhlaba nolwandle, sisithi, Musani ukuwona umhlaba, nolwandle, nemithi, side sibatywine abakhonzi boThixo wethu emabunzini abo.

IsiTyhilelo 7:11-12

Zaye zonke izithunywa zezulu zimi, zenze isangqa etroneni, nakuwo amadoda amakhulu, nakuzo izinto eziphilileyo zone, zawa phambi kwetrone ngobuso bazo, zaqubuda kuye uThixo, zisithi: Amen, Ukubongwa, nozuko, nobulumko, Nombulelo, nembeko, namandla, nokomelela, Makube kuye uThixo wethu, Kuse emaphakadeni asemaphakadeni! Amen.

IsiTyhilelo 8:2-6

Ndazibona izithunywa zezulu ezisixhenxe, ezimayo phambi koThixo; zaza zanikwa amaxilongo asixhenxe. Seza esinye isithunywa, sema esibingelelweni, sinesiqhumiselo segolide, sanikwa iziqhumiso zazininzi, ukuze sizinikele, kunye nemithandazo yabangcwele bonke, phezu kwesibingelelo segolide esiphambi kwetrone. Wenyuka ke umsi weziqhumiso, kunye nemithandazo yabangcwele, ephuma esandleni sesithunywa sezulu, waya emehlweni kaThixo. Sathi isithunywa sasithabatha isiqhumiselo eso, sasizalisa ngomlilo wesibingelelo, sawuphosa emhlabeni; kwabakho izandi, neendudumo, nemibane, nenyikima. Zaza izithunywa ezisixhenxe ezinamaxilongo osixhenxe, zazilungiselela ukuba zivuthele amaxilongo.

IsiTyhilelo 8:7-13

Sathi esokuqala isithunywa savuthela ixilongo, kwabakho isichotho nomlilo, ziphithikezwe negazi, zaphoswa emhlabeni; saza isahlulo sesithathu semithi satshiswa, nabo bonke utyani obuluhlaza batshiswa. Sathi esesibini isithunywa savuthela ixilongo, kwanga kuphoswa intaba enkulu, isitsha ngumlilo, elwandle; saza isahlulo sesithathu solwandle saba ligazi; safa isahlulo sesithathu sezidalwa eziphilileyo eziselwandle; nesahlulo sesithathu semikhombe sonakaliswa. Sathi esesithathu isithunywa savuthela ixilongo, kwawa ezulwini inkwenkwezi enkulu, ivutha njengesibane, yawa phezu kwesahlulo sesithathu semilambo, naphezu kwemithombo yamanzi. Igama lenkwenkwezi leyo kuthiwa nguMhlonyane; saza isahlulo sesithathu samanzi saba ngumhlonyane; yathi into eninzi yabantu yafa ngawo amanzi, ngokuba aba krakra. Sathi esesine isithunywa savuthela ixilongo, saza sabethwa isahlulo sesithathu selanga, nesahlulo sesithathu senyanga, nesahlulo sesithathu seenkwenkwezi, ukuze isahlulo sesithathu sazo sibe mnyama, sithi isahlulo sesithathu sayo imini singakhanyi, bube njalo nobusuku. Ndabona, ndeva olunye ukhozi luphaphazela esazulwini samazulu, lusithi ngezwi elikhulu, Yeha! yeha! yeha! abo bemiyo phezu komhlaba, ngawo amazwi aseleyo exilongo lezithunywa ezithathu, ezisaza kuvuthela amaxilongo.

IsiTyhilelo 9:1

Sathi esesihlanu isithunywa savuthela ixilongo; ndabona inkwenkwezi iphuma ezulwini, yawela emhlabeni; sanikwa isitshixo sequla lenzonzobila.

IsiTyhilelo 9:13-16

Sathi esesithandathu isithunywa savuthela ixilongo, ndeva izwi liphuma ezimpondweni zone zesibingelelo segolide esisemehlweni kaThixo, lisithi kwisithunywa sesithandathu esasinexilongo, Zikhulule izithunywa ezine ezikhonkxwe emlanjeni omkhulu ongumEfrati. Zaza zakhululwa izithunywa zozine, ezazilungiselwe ilixa nemini nenyanga nomnyaka, ukuze zibulale isahlulo sesithathu sabantu. Laye inani lemikhosi yamahashe lizizigidi zezigidi eziphindeke kabini; ndaliva inani layo.

IsiTyhilelo 10:1-7

Ndabona esinye isithunywa sezulu esinamandla, sisihla ezulwini, sithiwe wambu ngelifu; kukho umnyama entloko, ubuso baso bungathi lilanga, iinyawo zaso zingathi ziintsika zomlilo. Esandleni saso saye sinencwadana ivulekile. Salumisa unyawo lwaso lokunene phezu kolwandle, ke olokhohlo phezu komhlaba; sadanduluka ngezwi elikhulu, ngathi yingonyama igquma. Sathi sakudanduluka, iindudumo ezisixhenxe zazivakalisa izandi zazo. Xa iindudumo ezisixhenxe zazivakalisayo izandi zazo, ndandiza kubhala; ndaza ndeva izwi liphuma emazulwini, lisithi kum, Zitywine izinto ezizivakalisileyo iindudumo ezisixhenxe, ungazibhali zona. Saza isithunywa sezulu, endasibonayo simi phezu kolwandle na phezu komhlaba, sasiphakamisela ezulwini isandla saso, safunga lowo udla ubomi, ase emaphakadeni asemaphakadeni, owadala izulu nezinto ezikulo, nomhlaba nezinto ezikuwo, nolwandle nezinto ezikulo, ukuthi, Akuyi kuba sabakho xesha. Ke ngemihla yezwi lesesixhenxe isithunywa sezulu, xa sukuba siza kuvuthela ixilongo, iya kuzaliseka imfihlakalo kaThixo, njengoko wazishumayelayo iindaba ezilungileyo kwabangabakhe abakhonzi, abaprofeti.

IsiTyhilelo 10:8-11

Lathi izwi endalivayo liphuma emazulwini, labuya lathetha nam, lisithi, Hamba uye uyithabathe incwadana evulekileyo, esesandleni sesithunywa esimiyo phezu kolwandle naphezu komhlaba. Ndesuka ke ndaya kwisithunywa eso, ndathi kuso, Ndinike incwadana leyo. Sathi kum, Yithabathe, uyidle uyigqibe; yosenza sibe krakra isisu sakho, kodwa emlonyeni wakho yoba nencasa enjengeyobusi. Ndayithabatha ke incwadana esesandleni sesithunywa eso, ndayidla ndayigqiba; yaye emlonyeni wam inencasa enjengeyobusi; xa ndayidlayo, saba krakra isisu sam. Sathi kum, Umele ukuba ubuye uprofete ngabantu, neentlanga, neelwimi, nookumkani, abaninzi.

IsiTyhilelo 11:15-17

Sathi esesixhenxe isithunywa savuthela ixilongo; kwabakho amazwi amakhulu emazulwini, esithi: Izikumkani zehlabathi zithe zaba zezeNkosi yethu nezikaKristu wayo. Wayeya kuba nguKumkani kuse emaphakadeni asemaphakadeni. Aza amadoda amakhulu, angamashumi mabini anamane, ahleli phambi koThixo phezu kweetrone zawo, awa ngobuso bawo, aqubuda kuye uThixo, esithi: Siyabulela kuwe, Nkosi, Thixo, Somandla, Wena ukhoyo, wawukho, uzayo, Kuba uwathabathile amandla akho amakhulu, waba nguKumkani.

IsiTyhilelo 12:7-8

Kwaza kwabakho imfazwe emazulwini, uMikayeli nezithunywa zakhe besilwa nenamba, inamba nezithunywa zayo zisilwa; azaba nakweyisa, kanjalo ayaba safunyanwa indawo yazo emazulwini.

IsiTyhilelo 14:3

Ndeva nezwi lababethi beehadi, bebetha iihadi zabo; bevuma ingoma engathi intsha, phambi kwetrone, naphambi kwezinto eziphilileyo zone, namadoda amakhulu; kwaye kungekho namnye unako ukuyifunda ingoma leyo, lingelilo ikhulu elinamanci mane anesine lamawaka, ababethengiwe emhlabeni.

IsiTyhilelo 14:6-10

Ndabona esinye isithunywa sezulu, siphaphazela esazulwini samazulu, sineendaba ezilungileyo ezingunaphakade, ukuba sizishumayele kwabo bemiyo phezu komhlaba, nakwiintlanga zonke, nezizwe, neelwimi, nabantu; sisithi ngezwi elikhulu, Moyikeni uThixo, nimzukise; ngokuba lifikile ixa lokugweba kwakhe; nimnqule lowo wenza izulu, nomhlaba, nolwandle, nemithombo yamanzi. Kwaza kwalandela esinye isithunywa sezulu, sisithi, Iwile, iwile iBhabheli, loo mzi mkhulu! ngokuba iseze zonke iintlanga ngewayini yomsindo wobuhenyu bayo. Saza esesithathu isithunywa sezulu sazilandela zona, sisithi ngezwi elikhulu, Ukuba umntu uyalinqula irhamncwa nomfanekiselo walo, amkele uphawu lwalo ebunzini lakhe, nokuba kusesandleni sakhe: yena wosela iwayini yomsindo kaThixo, egalelwe ingaphithikeziwe endebeni yengqumbo yakhe, athuthunjiswe ngomlilo nesulfure phambi kwezithunywa ezingcwele, naphambi kweMvana.

IsiTyhilelo 14:15-16

Kwaphuma esinye isithunywa sezulu etempileni, sidanduluka ngezwi elikhulu kulo uhleli efini, sisithi, Lifake irhengqa lakho, uvune; ngokuba lifikile kuwe ilixa lokuvuna; ngokuba ukudla komhlaba kuvuthiwe. Lowo uhleli efini waliphosa irhengqa lakhe emhlabeni; wavunwa ke umhlaba.

IsiTyhilelo 14:17-20

Kwaza kwaphuma esinye isithunywa sezulu etempileni esemazulwini, naso sikwanerhengqa elibukhali. Kwaphuma esinye isithunywa sezulu esibingelelweni, sinegunya kuwo umlilo; sabiza ngonkqangazo olukhulu kweso sinerhengqa elibukhali, sisithi, Lifake irhengqa lakho elibukhali, ubuthe izihloko zomdiliya womhlaba, ngokuba iidiliya zawo zigqibele ukuvuthwa. Isithunywa saliphosa irhengqa laso emhlabeni, sawubutha umdiliya womhlaba, sawuphosa esixovulelweni esikhulu somsindo kaThixo. Isixovulelo eso sanyathelwa ngaphandle komzi lowo; kwaphuma igazi esixovulelweni eso, lada lafika emikhaleni yamahashe, umgama wezitadiya eziliwaka elinamakhulu amathandathu.

IsiTyhilelo 15:1

Ndabona ezulwini omnye umqondiso omkhulu, ongummangaliso; izithunywa zezulu ezisixhenxe zinazo izibetho ezisixhenxe zokugqibela; ngokuba wazaliseka umsindo kaThixo ngazo.

IsiTyhilelo 15:6-8

Zaphuma ke etempileni izithunywa zosixhenxe, zinezibetho ezisixhenxe, zambethe ilinen emhlophe eqaqambileyo, ziyibhinqele ezifubeni imibhinqo yegolide. Yathi enye kuzo izinto eziphilileyo zone, yazinika izithunywa ezisixhenxe iingqayi zegolide ezisixhenxe, zizele ngumsindo kaThixo, odla ubomi kuse emaphakadeni asemaphakadeni. Yazala itempile ngumsi ophuma ebuqaqawulini bukaThixo, nasemandleni akhe; kwaye kungekho namnye unako ukungena etempileni, zada zazaliseka izibetho zosixhenxe zezithunywa zosixhenxe.

IsiTyhilelo 16:1-12

Ndeva izwi elikhulu liphuma etempileni, lisithi kuzo izithunywa zezulu zosixhenxe, Hambani, niye kuziphalaza iingqayi zomsindo kaThixo emhlabeni. Semka ke esokuqala, sayiphalaza ingqayi yaso emhlabeni; kwabakho isilonda esibi esinobuhlungu ebantwini, abo banophawu lwerhamncwa, abo baqubudayo kuwo umfanekiselo walo. Saza esesibini isithunywa sayiphalaza ingqayi yaso elwandle; lwaba ligazi elinjengelofileyo, yaza yonke imiphefumlo edla ubomi yafa elwandle. Saza esesithathu isithunywa sayiphalaza ingqayi yaso emilanjeni nasemithonjeni yamanzi; yaba ligazi. Ndeva isithunywa samanzi, sisithi: Unobulungisa, Nkosi, wena ukhoyo, wawukho, uyingcwele, ngokuba ugwebile wenjenje; Ngokuba baliphalazile igazi labangcwele nelabaprofeti; Wabanika igazi ukuba balisele, ngokuba belifanele. Ndeva esinye siphuma esibingelelweni, sisithi: Ewe, Nkosi, Thixo Somandla, Iyinyaniso, inobulungisa imigwebo yakho. Saza esesine isithunywa sayiphalaza ingqayi yaso elangeni; sanikwa igunya lokutshisa abantu ngomlilo. Batsha abantu bubushushu obukhulu; balinyelisa igama likaThixo, onalo igunya kwezo zibetho; abaguquka bamzukise. Saza esesihlanu isithunywa sayiphalaza ingqayi yaso etroneni yerhamncwa; baba mnyama ubukumkani balo; bamana beziluma iilwimi ngenxa yeentlungu; bamnyelisa uThixo wamazulu ngenxa yeentlungu zabo, nangenxa yezilonda zabo: abaguquka emisebenzini yabo. Saza esesithandathu isithunywa sayiphalaza ingqayi yaso emlanjeni omkhulu ongumEfrati; atsha amanzi awo, ukuze ilungiswe indlela yookumkani abo bavela empumalanga.

IsiTyhilelo 16:17

Saza esesixhenxe isithunywa sayiphalaza ingqayi yaso esibhakabhakeni; kwaphuma izwi elikhulu, livela etempileni yamazulu, livela etroneni, lisithi, Kwenzekile.

IsiTyhilelo 17:1-3

Saza seza esinye sazo izithunywa zezulu zosixhenxe, ezineengqayi zosixhenxe, sathetha nam, sisithi kum, Yiza apha, ndikubonise ukugwetywa kwalo ihenyukazi elikhulu, elihleli phezu kwawo amanzi amaninzi; abahenyuze nalo ookumkani bomhlaba, abo bawumiyo umhlaba, banxiliswa yiwayini yobuhenyu balo. Sandisa entlango ndikuMoya; ndabona inkazana ihleli phezu kwerhamncwa elimfusa, lizele ngamagama onyeliso, lineentloko ezisixhenxe neempondo ezilishumi.

IsiTyhilelo 18:1

Ndaza emva koko ndabona isithunywa sezulu sisihla, siphuma ezulwini, sinegunya elikhulu; umhlaba wakhanyiselwa bubuqaqawuli baso.

IsiTyhilelo 18:21

Saza isithunywa esithile esinamandla safunqula ilitye, langa lilitye lokusila, ukuba likhulu kwalo; saliphosa elwandle, sisithi: Iya kwenjiwa nje ke ukugadlelwa kwayo iBhabheli, umzi omkhulu, ingabi saba safunyanwa.

IsiTyhilelo 19:4

Awa amadoda amakhulu, angamashumi amabini anamane, nezinto eziphilileyo zone, zaqubuda kuye uThixo ohleli phezu kwetrone, zisithi: Amen!

IsiTyhilelo 19:17

Ndabona sithunywa sithile sasezulwini, simi elangeni; sadanduluka ngezwi elikhulu, sisithi kuzo zonke iintaka eziphaphazelayo esazulwini sezulu, Yizani nizihlanganisele esidlweni sikaThixo omkhulu;

IsiTyhilelo 20:1-2

Ndabona isithunywa sezulu, sisihla siphuma emazulwini, sinesitshixo senzonzobila, nomxokelelwane omkhulu esandleni saso. Sayibamba inamba, loo nyoka yakudala enguMtyholi, uSathana ke, sayikhonkxa iminyaka eliwaka.

IsiTyhilelo 21:9-10

Kwaza kweza kum esinye sezithunywa zezulu ezisixhenxe, ezineengqayi ezisixhenxe, ezizele zizibetho zosixhenxe zokugqibela, sathetha nam sisithi, Yiza apha, ndikubonise umtshakazi, umfazi wayo iMvana. Sandisa ndikuMoya entabeni enkulu, ephakamileyo, sandibonisa umzi omkhulu, iYerusalem engcwele, usihla uphuma emazulwini, uvela kuThixo,

IsiTyhilelo 21:17

Walulinganisa nodonga lwawo, ikhulu elinamanci mane anesine leekubhite, ngokomlinganiso womntu, oko kukuthi, wesithunywa sezulu.

IsiTyhilelo 22:8-9

Mna, Yohane, ndingulowo ubezibona ezi zinto, eziva; ndathi ndakuva, ndakubona, ndawa ndaqubuda phambi kweenyawo zesithunywa sezulu esandibonisa ezi zinto. Sithi kum, Lumka, ungenjenjalo; kuba ndingumkhonzi kunye nawe, nabazalwana bakho abaprofeti, nabo bawagcinayo amazwi ale ncwadi; qubuda kuThixo.

IsiTyhilelo 22:16

Mna, Yesu, ndasithuma isithunywa sam sasemazulwini, ukuba ndizingqine kuni ezi zinto ngawo amabandla. Mna ndiyingcambu nenzala kaDavide, ikhwezi eliqaqambileyo lokusa.

Xhosa - Xhosa - XH

XHB - Henry Hare Dugmore Xhosa Bible - 1859

This Bible text is Public Domain.
https://bibles.org/bible/3ce5ffb017c7b41e-01/GEN.1/
Languages are made available to you by www.ipedge.net