18 – Ootitshala Bobuxoki

La ngamazwi angcwele kaThixo uSomandla.
Asinamdla kwizinto ezithethwa ngabantu.
Nabani na othanda uThixo . . . Nantsi into uThixo ayithethayo ngaye: Ootitshala Bobuxoki.

Iivesi ezi-3 eziPhambili

2 KaPetros 2:1-3

Ke kaloku, kwakukho nabaprofeti ababuxoki phakathi kwabantu; njengokuba naphakathi kwenu kuya kubakho abafundisi ababuxoki, bona baya kungenisa bucala amahlelo entshabalalo, bemkhanyela uMnini-nto-zonke owabathengayo, bezizisela intshabalalo emsinya. Baninzi abaya kulandela intshabalalo yabo; eya kunyeliswa ngenxa yabo indlela yenyaniso. Bathi benokubawa, banibonelele ngamazwi alalanisayo; abakugwetywa kungaphumliyo kwakudala, nayo intshabalalo yabo ayozeli.

2 KaPetros 3:16

njengokuba, nasezincwadini zakhe zonke, ethetha kuzo ngezo ndawo; ekukhoyo kuzo zithile ziqiqeka nzima, abathi abangafundileyo, nabangazimasekileyo, bazigqwethele kokwabo ukutshabalala, njengokuba bezenjenjalo nezinye izibhalo.

Duteronomi 18:20

Kodwa umprofeti yena othe wakhukhumala, wathetha ilizwi egameni lam, endingamwiselanga mthetho ukuba alithethe, nothe wathetha egameni lathixo bambi: loo mprofeti makafe.

Zonke iivesi ngokulandelelana kweCanonical - 328 izicatshulwa

Genesis 3:1-5

Ke kaloku inyoka yaye inobuqhophololo ngaphezu kwazo zonke izinto eziphilileyo zasendle, abezenzile uYehova uThixo. Yathi kumfazi Utshilo na okunene uThixo ukuthi, Ze ningadli kuyo yonke imithi yomyezo? Wathi umfazi kwinyoka, Eziqhameni zemithi yomyezo singadla; ke eziqhameni zomthi osemyezweni phakathi, uthe uThixo, Ze ningadli kuzo; ze ningazichukumisi, hleze nife. Yathi inyoka kumfazi, Anisayi kufa: kuba esazi uThixo ukuba, mhlana nithe nadla kuzo, oqabuka amehlo enu, nibe njengoThixo, nazi okulungileyo nokubi.

Genesis 3:13-15

Wathi uYehova uThixo kumfazi, Yintoni na le nto uyenzileyo? Wathi umfazi, Inyoka indilukuhlile, ndadla ke. Wathi uYehova uThixo kwinyoka, Ngokuba uyenzile le nto, uqalekisiwe wena ngaphezu kwezinto zonke ezizitho zine, neento zonke eziphilileyo zasendle; uya kuhamba ngesisu, udle uthuli, yonke imihla yobomi bakho. Ndiya kumisa ubutshaba phakathi kwakho nomfazi, naphakathi kwembewu yakho nembewu yakhe; yona iya kukutyumza intloko, wena uya kuyityumza isithende.

Eksodus 20:5-6

Uze ungaqubudi kwezo nto, ungazikhonzi: kuba mna, Yehova Thixo wakho, ndinguThixo onekhwele, ndibuvelela ubugwenxa booyise koonyana, kwesesithathu nakwesesine isizukulwana sabandithiyileyo; ndiwenzela inceba amawaka abandithandayo, abayigcinayo imithetho yam.

Eksodus 23:1-2

Uze ungathuthi ludaba lukhohlakeleyo: uze ungancedisani nongendawo, ukuba ube lingqina logonyamelo. Uze ungalandeli isininzi ukuya kwenza izinto ezimbi; ungathi ukungqina kwimbambano ekhoyo, ujike ulandele isininzi, uyijike inyaniso.

Levitikus 19:11

Ize ningebi; ize ningakhanyeli into niyazi; ize ningaxokisani.

Levitikus 19:16-17

Uze ungahambi uyintlebi phakathi kwabantu bakowenu; uze ungalizondi igazi lommelwane wakho: ndinguYehova. Uze ungamthiyi umzalwana wakho entliziyweni yakho; kanye womohlwaya ummelwane wakho, ungazithwalisi sono ngenxa yakhe.

Numeri 23:19

UThixo akamntu ukuba athethe amanga, Akanyana waluntu ukuba azohlwaye. Etshilo nje yena, akayi kwenza na? Ethethile nje, akayi kufeza na?

Duteronomi 4:3

Amehlo enu akubonile oko wakwenzayo uYehova kuBhahali-pehore; ngokuba bonke abo babemlandela uBhahali-pehore, uYehova uThixo wakho ubatshabalalisile phakathi kwakho.

Duteronomi 5:32

Nize nizigcine ukuba nenze njengoko uYehova uThixo wenu waniwisela umthetho, ningatyekeli ekunene nasekhohlo.

Duteronomi 8:2-3

Uze uyikhumbule yonke indlela akuhambise ngayo uYehova uThixo wakho, le minyaka imashumi mane entlango, ukuze akuthobe, akulinge, akwazi okusentliziyweni yakho, ukuba woyigcina imithetho yakhe, akuyi kuyigcina, kusini na. Wakuthoba, wakulambisa, wakudlisa imana, into obungayazi, ababengayazi nooyihlo; ukuze akwazise ukuba akaphili ngasonka sodwa umntu; umntu lo yena uphila ngento yonke ephuma emlonyeni kaYehova.

Duteronomi 8:5-6

Uze wazi ngentliziyo yakho, ukuba njengoko umntu amqeqeshayo unyana wakhe, uYehova uThixo wakho uyakuqeqesha wena; uyigcine ke imithetho kaYehova uThixo wakho, ukuba uhambe ngeendlela zakhe, umoyike.

Duteronomi 11:16

Zigcineni, hleze ikhohliseke intliziyo yenu, nityeke, nikhonze thixo bambi, nibanqule,

Duteronomi 12:32

Into yonke endisukuba ndiniwisele umthetho ngayo, ize nigcine ukuyenza; uze ungongezi kuyo unganciphisi nto.

Duteronomi 13:1-3

Xa kuthe kwavela phakathi kwakho umprofeti nomphuphi wamaphupha, wakunika imiqondiso nezimanga, yabakho ke imiqondiso nezimanga azithethileyo kuwe, esithi, Masilandele thixo bambi ongabaziyo, sibakhonze: uze ungawaphulaphuli amazwi aloo mprofeti naloo mphuphi wamaphupha; ngokuba kusukuba enilinga uYehova uThixo wenu, ukuze azi ukuba niyamthanda na uYehova uThixo wenu ngentliziyo yenu yonke, nangomphefumlo wenu wonke.

Duteronomi 18:20

Kodwa umprofeti yena othe wakhukhumala, wathetha ilizwi egameni lam, endingamwiselanga mthetho ukuba alithethe, nothe wathetha egameni lathixo bambi: loo mprofeti makafe.

Duteronomi 18:21-22

Xa ke uthe entliziyweni yakho, Sothini na ukulazi ilizwi angalithethanga uYehova? ilizwi, athe walithetha umprofeti egameni likaYehova, alabakho, alehla: lelo ilizwi angalithethanga uYehova. Uthethe ngokukhukhumala umprofeti lowo; uze unganxunguphaliswa nguye.

1 KaSamuweli 15:23

Ngokuba ukuba neenkani kusisono esinjengokuvumisa, ubungqola bunjengenkonzo yezithixo nemilondekhaya. Ngenxa yokuba ulicekisile ilizwi likaYehova, naye ukucekisile ukuba ungabi kumkani.

1 YooKumkani 22:21-23

Waphuma ke umoya, wema phambi koYehova, wathi, Ndomlukuhla mna. Wathi uYehova kuwo, Ngantoni na? Wathi wona, Ndophuma ndiye, ndibe ngumoya wobuxoki emlonyeni wabaprofeti bakhe bonke. Wathi yena, Uya kumlukuhla, ufeze; phuma uye, wenjenjalo. Uyabona kaloku, uYehova ungenise umoya wobuxoki emlonyeni wabo baprofeti bakho bonke; uYehova uthethe okubi ngawe.

2 YeziKronike 18:20-22

Waphuma ke umoya, wema phambi koYehova, wathi, Ndomlukuhla mna. Wathi uYehova kuwo, Ngantoni na? Wathi wona, Ndophuma ndiye, ndibe ngumoya wobuxoki emlonyeni wabaprofeti bakhe bonke. Wathi yena, Mlukuhle ufeze; phuma uye, wenjenjalo. Uyabona kaloku uYehova ungenise umoya wobuxoki emlonyeni wabo baprofeti bakho; uYehova uthethe okubi ngawe.

2 YeziKronike 36:15-16

UYehova, uThixo wooyise, wathumela kubo ngabathunywa bakhe, wanyameka ukuthumela; ngokuba wayenemfesane ngabantu bakhe, nekhaya lakhe. Baye bebagculela abathunywa bakaThixo, bewadela amazwi akhe, bebagxeka abaprofeti bakhe, bada benyuka ubushushu bukaYehova, beza kubantu bakhe, kwada akwabakho mpilo.

UYobhi 13:4

Kodwa ke nina ningabadyobha ngobuxoki, Ningamagqirha angento nonke niphela.

IiNdumiso 2:1-4

Yini na ukuba iintlanga zenze imbuthumbuthu, Izizwe zicamange into engeyakonto? Ookumkani behlabathi bazimisile, Izidwangube zabhunga NgoYehova nangoMthanjiswa wakhe; Besithi, Masiziqhawule iimbophelelo zabo, Sizilahle izintya zabo kuthi. Ohleli emazulwini uyahleka, INkosi iyabagculela.

IiNdumiso 5:6

Uyabatshabalalisa abathetha amanga; Indoda enegazi nenkohliso ilisikizi kuYehova.

IiNdumiso 5:9

Ngokuba emlonyeni wabo akukho nto imiyo, Umbilini wabo ngumeyeliselo; Lingcwaba elivuliweyo umqala wabo; Bathetha okugudileyo ngolwimi lwabo.

IiNdumiso 14:1-3

Kumongameli. EkaDavide. Sithi isidenge entliziyweni yaso, Akukho Thixo. Bonakalisile, balisikizi ngeentlondi zabo; Akukho wenza okulungileyo. UYehova esemazulwini uqondele koonyana babantu, Ukubona ukuba ukho na oqiqayo, Oquqela kuThixo. Bonke batyekile, bayimbozisa bephelele; Akukho wenza okulungileyo, Akukho nokuba abe mnye.

IiNdumiso 31:18

Mawubotshwe umlomo wobuxoki, Othetha ngelungisa ngokusa, Unekratshi, udela.

IiNdumiso 34:13

Gcina ulwimi lwakho ebubini, Umlomo wakho ungathethi nkohliso.

IiNdumiso 50:16-17

Ke kongendawo uthi uThixo, Useke phi na wena ukuxela ummiselo wam, Uwuphathe ngomlomo wakho umnqophiso wam, Uyithiyile nje intethiso wena, Uwaphose nje amazwi am emva kwakho?

IiNdumiso 52:2-5

Ulwimi lwakho lucinga ukweyelisela, Njengesitshetshe sokuguya iindevu esiloliweyo, wena mkhohlisi. Uthanda okubi kunokulungileyo; Ubuxoki, kunokuthetha ubulungisa. (Phakamisani.) Uthanda onke amazwi aginyayo, Lulwimindini lukhohlisayo. Naye uThixo uya kukudiliza kuphele; Uva kukuxwila, akuncothule ententeni, Akudonyule ezweni labaphilileyo. (Phakamisani.)

IiNdumiso 55:21

Ubuthelezi njengamasi umlomo wabo, Ke yimfazwe intliziyo yabo. Athambile amazwi abongaphezu kweoli, Kanti aziintlangothi zekrele.

IiNdumiso 59:12

Isono somlomo wabo lilizwi lemilebe yomlomo wabo; Mababanjiswe likratshi labo, Nangenxa yokushwabula nokuhanahanisa abakuthethayo.

IiNdumiso 101:7

Akayi kuhlala phakathi kwendlu yam Owenza inkohliso; Othetha ubuxoki akayi kuqina Phambi kwamehlo am.

IiNdumiso 119:118

Ubacukucezile bonke abalahlekana nemimiselo yakho, Ngokuba inkohliso yabo ibubuxoki.

IiNdumiso 119:163

Ndikuthiyile ukuxoka, lisikizi kum; Ndiyawuthanda umyalelo wakho.

ImiZekeliso 1:7

Ukoyika uYehova kukuqala kokwazi; Ubulumko noqeqesho izimathane ziludelile.

ImiZekeliso 1:22-23

Kunini na, ziyathandini, nithanda ubuyatha, Abagxeki befuna ukugxeka, Izinyabi zithiya ukwazi? Nithe nabuyela ekohlwayeni kwam, Niyabona, ndowumpompozisela kuni umoya wam, Ndonazisa amazwi am.

ImiZekeliso 3:5-7

Kholosa ngoYehova ngentliziyo yakho yonke, Ungayami okwakho ukuqonda. Uze umazi yena ezindleleni zakho zonke; Wowulungelelanisa umendo wakho. Musa ukuba sisilumko kwawakho amehlo; Yoyika uYehova usuke entweni embi.

ImiZekeliso 4:24

Kususe kuwe ukujibiliza komlomo, Nokuthi gu bucala komlomo kudedise kuwe.

ImiZekeliso 4:25-27

Amehlo akho makakhangele athi gca, Neenkophe zakho zithi nzo kokuphambi kwakho. Lungelelanisa umkhondo wonyawo lwakho, Zonke iindlela zakho zizimaseke. Musa ukuthi gu bucala ngasekunene nangasekhohlo; Susa unyawo lwakho entweni embi.

ImiZekeliso 6:16-19

Izinto ezintandathu uzithiyile uYehova, Ezisixhenxe zingamasikizi emphefumlweni wakhe: Ngamehlo aqwayingayo; lulwimi oluxokayo; Zizandla eziphalaza igazi elimsulwa; Yintliziyo eyila iingcinga zobutshinga; Ziinyawo ezikhawulezayo ukugidimela ebubini; Lingqina elixokayo, elifutha amanga; Nongenisa ingxabano phakathi kwabangabazalwana.

ImiZekeliso 9:7-9

Othethisa umgxeki uzizekela ucukucezo; Owohlwaya ongendawo uzizekela isiphako. Musa ukumohlwaya umgxeki, hleze akuthiye; Yohlwaya isilumko, sokuthanda. Siluleke isilumko, solumka okunye; Lazise ilungisa, lokongeza ukufunda.

ImiZekeliso 9:10

Yingqalo yokulumka ukoyika uYehova; Ukumazi oyiNgcwele kwaphela yingqondo.

ImiZekeliso 12:19

Umlomo wenyaniso uzimasekile kwaphela; Ke lona ulwimi oluxokayo lolwephanyazo.

ImiZekeliso 12:22

Ungamasikizi kuYehova umlomo oxokayo; Abenza inyaniso ukholisiwe ngabo.

ImiZekeliso 14:5-7

Ingqina elinyanisileyo aliwathethi amanga; Ke lifutha amanga ingqina elixokayo. Umgxeki ufuna ubulumko, angabuzuzi; Ukwazi kulula konengqondo. Suka ebusweni bendoda esisinyabi; Akuyi kuza wafumana mlomo wokwazi kuyo.

ImiZekeliso 14:25

Ingqina lenyaniso lihlangula imiphefumlo; Ke elifutha amanga liyinkohliso.

ImiZekeliso 15:12

Umgxeki akakuthandi ukohlwaywa kwakhe, Akayi kwizilumko.

ImiZekeliso 17:4

Onobubi uwubazela indlebe umlomo onenkohliso, Uphulaphula ubuxoki obuselulwimini olweyeliselayo.

ImiZekeliso 19:5

Ingqina elixokayo alibi msulwa; Ofutha amanga akasindi.

ImiZekeliso 19:9

Ingqina elixokayo alibi msulwa; Ofutha amanga uyatshabalala.

ImiZekeliso 22:10

Gxotha umgxeki, iphume ingxabano, Kuthi bembe amaphike nokucukuceza.

ImiZekeliso 24:28

Musa ukuba lingqina ngommelwane wakho ngaphandle kwesizathu; Ungasuka uthomalalise na nangomlomo wakho?

ImiZekeliso 27:5-6

Kulungile ukohlwaywa ekuhleni Ngaphezu kothando olusitheleyo. Akholekile amanxeba omhlobo; Kodwa yingxungxu ukwanga kotshaba.

ImiZekeliso 29:12

Umlawuli olibazela indlebe ilizwi lobuxoki, Bonke abalungiseleli bakhe bangabangendawo.

ImiZekeliso 30:5-6

Yonke intetho kaThixo inyibilikisiwe. Uyingweletshetshe kwabazimela ngaye. Musa ukongeza emazwini akhe, Hleze akohlwaye, ube ngothetha amanga.

EcclesiastesImiZekeliso 7:1

Igama elilungileyo lingaphezulu nakwioli elungileyo; ulungile umhla wokufa ngaphezu komhla wokuzalwa komntu.

UIsaya 1:2-5

Yivani, mazulu; bekani indlebe, hlabathi, ngokuba kuthetha uYehova. Uthi, Ndikhulise abantwana ndabondla, besuka bakreqa kum. Inkomo iyamazi umniniyo, ne-esile liyawazi umkhombe wesitali senkosi yalo; ke yena uSirayeli akazi, abantu bam abaqiqi. Hayi, luhlanga lonayo, bantu banobugwenxa, mbewu yabenza ububi, nyana bonakalisayo! Bamshiyile uYehova, bamgibile oyiNgcwele kaSirayeli, babuyela emva. Yini na ukuba nimane ukubethwa, nimane ukukwandisa ukutyeka? Yonke intloko iyafa, yonke intliziyo inobulwelwe;

UIsaya 1:28

ukwaphulwa kwabakreqi naboni kube kunye, bapheliswe abamshiyayo uYehova.

UIsaya 5:20-21

Yeha, abathi okubi kulungile, okulungileyo kubi; abamisa ubumnyama endaweni yokukhanya, ukukhanya endaweni yobumnyama; abamisa ubukrakra endaweni yobumnandi, ubumnandi endaweni yobukrakra! Yeha, abalumkileyo kwawabo amehlo, abanengqondo kokwabo ukubona!

UIsaya 8:13-14

UYehova wemikhosi, ngcwalisani yena nina, abe nguye enimoyikayo, abe nguye oningcangcazelisayo. Woba yingcwele kuni; ke yena uya kuba lilitye lokubetheka, neliwa lokukhubeka, kuzo zombini izindlu zakwaSirayeli, abe sisibatha nomgibe kubemi baseYerusalem.

UIsaya 8:20

Bhekani esiyalweni, esingqinweni! Ukuba bathe abathetha ngokwelo lizwi, boba abanasifingo.

UIsaya 14:12-16

Utheni na ukuwa emazulwini, Khwezi, nyana wesifingo! ukunqunyulwa uwe emhlabeni, mngquli weentlanga! Wena ke wathi entliziyweni yakho, Ndiyakunyukela emazulwini, ndiyinyuse itrone yam ibe ngaphezu kweenkwenkwezi zikaThixo; ndihlale entabeni yentlanganiso, engontsini yasentla. Ndiya kunyuka ngaphezu kweziganga zamafu, ndizifanise nOsenyangweni; kanti uya kuhliselwa kwelabafileyo, engontsini yomhadi. Abakubonayo baya kukuthi nzo ngamehlo, bakugqale, bathi, Yiyo na le indoda ebiligungqisa ihlabathi, ebizinyikimisa izikumkani?

UIsaya 19:3

Wothiwa qongqololo umoya wamaYiputa phakathi kwawo; ndiliginye icebo lawo, aquqele kwizithixo ezingento, nakwabadumze layo, nakwabaneshologu, nakoosiyazi;

UIsaya 28:7

Kwanaba ke bayotywe yiwayini, bayahexa sisiselo esinxilisayo; umbingeleli nomprofeti bayotywe sisiselo esinxilisayo, baginywe yiwayini, bayahexa sisiselo esinxilisayo; bayotyiwe bebona imibono, bayagexa begweba ityala.

UIsaya 29:13

Yathi iNkosi, Ngenxa enokuba aba bantu besondela kum ngomlomo wabo, bendizukisa ngemilebe yomlomo wabo, intliziyo yabo beyikhwelelisele kude kum, nokundoyika kwabo kungumthetho wabantu abawufunda nje kodwa:

UIsaya 29:16

Hayi, ukuphenduka kwenu! Kuya kuthiwa umbumbi unjengodongwe na? into eyenziweyo ithi na kumenzi wayo, Akandenzanga? into ebunjiweyo ithi na kumbumbi wayo, Akaqondi?

UIsaya 29:24

Baya kukwazi ukuqonda abamoya undwendwayo, bayamkele imfundo abakrokrayo.

UIsaya 30:9

Ngokuba ngabantu abaneenkani, ngoonyana abaxokayo, ngoonyana abangavumiyo ukusiva isiyalo sikaYehova;

UIsaya 30:10-13

abathi kwiimboni, Ze ningaboni; nakwiinkangeli, Ze ningasikhangeleli izinto ezithe gca; sithetheleni izinto ezigudileyo; khangelani izinto eziyinkohliso; tyekani endleleni, yithini gu bucala emendweni; menzeni aphele ebusweni bethu oyiNgcwele kaSirayeli. Ngako oko utsho oyiNgcwele kaSirayeli ukuthi, Ngokokuba nilicekisile elo lizwi, nakholosa ngokucudisa nangobugwenxa, nayama khona: ngako oko, obo bugwenxa kuni buya kuba njengendawo ekrazukileyo, ewayo, ezimkayo eludongeni olude, ekuqhekeka kwayo kuza ngesiquphe nangephanyazo;

UIsaya 44:25

uMtshitshisi wemiqondiso yabaphololoza into engeyiyo; uMgezisi wabavumisayo; uMbuyisi wezilumko umva; uMzulisi wokwazi kwazo;

UIsaya 56:10-11

Ababoniseli bakhe baziimfama, bonke bephela abanakwazi, bonke bephela bazizinja ezizizidenge, ezingenakukhonkotha; zibhuda, zilala, zithanda ubuthongo. Ewe, bazizinja ezithanda ukudla, ezingahluthiyo nokuhlutha; banjalo ke abalusi, abakwazi ukuqonda; bonke bephela babheke kwezabo iindlela, elowo kweyakhe inzuzo, kowakhe ummandla.

UIsaya 57:4

Nivuyelela bani na? Nisinekela bani na, ning’ong’oza nje? Aningabantwana bokreqo, imbewu yobuxoki, yini na,

UYeremiya 5:11-13

Ngokuba itshinizile kakhulu kum indlu kaSirayeli nendlu kaYuda, utsho uYehova. Bayamkhanyela uYehova; bathi, Asinguye, abuyi kusifikela ububi, asiyi kubona krele nandlala; abaprofeti baya kuba ngumoya; othethayo akakho kubo; makwenjiwe njalo kubo.

UYeremiya 5:30-31

Kwenziwa into emangalisayo, ebanga amanwele ezweni: abaprofeti baprofeta ngobuxoki, nababingeleli banobukhosi ngezandla zabo; abantu bam ke bathanda ukuba kube njalo. Niya kuthini na ke ekupheleni kwako oko?

UYeremiya 6:13-14

Kuthabathela kwabancinane kwesa kwabakhulu, bonke bephela babawa bebawile; kuthabathela kumprofeti kwesa kumbingeleli, bonke bephela benza ngobuxoki. Bakuphilisa kalula ukwaphuka kwentombi yabantu bam, besithi, Luxolo, luxolo; kungekho luxolo.

UYeremiya 9:5-6

Elowo uyamkhohlisa ummelwane wakhe, abathethi nyaniso; bafundisa ulwimi lwabo ukuthetha ubuxoki, bazidinise ngokwenza okugwenxa. Ukuhlala kwakho kuphakathi kwenkohliso; ngenkohliso abavumi ukundazi; utsho uYehova.

UYeremiya 9:8

Lutolo olubulalayo ulwimi lwabo; bathetha inkohliso; omnye uthetha uxolo ngomlomo wakhe kummelwane wakhe, ukanti embilinini wakhe umlalele.

UYeremiya 14:14-15

Wathi uYehova kum, Abaprofeti baprofeta ubuxoki egameni lam; andibathumanga, andibawiselanga mthetho, andithethanga kubo; bona baniprofetela umbono wobuxoki, nokuvumisa, nento engento, nenkohliso yentliziyo yabo. Ngako oko uthi uYehova, ngokusingisele kubaprofeti abaprofeta egameni lam, ndingabathumanga mna, abathi, Akuyi kubakho krele nandlala kweli lizwe; uthi, Baya kufa likrele nayindlala bona abo baprofeti.

UYeremiya 17:5

Utsho uYehova ukuthi, Iqalekisiwe indoda ekholose ngomntu, eyenza inyama ingalo yayo, intliziyo yayo imke nje kuYehova;

UYeremiya 17:9-10

Intliziyo inenkohliso ngaphezu kweento zonke, isisifo esibi; ngubani na onokuyazi? Mna, Yehova, ndiyayigocagoca intliziyo, ndiyazicikida izintso, ukuze ndinike ulowo nalowo ngokwendlela yakhe, ngokwesiqhamo seentlondi zakhe.

UYeremiya 23:9

Ngokusingisele kubaprofeti: Yaphukile intliziyo yam phakathi kwam, athe fehlefehle onke amathambo am. Ndisuke ndaba njengendoda enxilayo, njengomfo oweyiswe yiwayini; ngenxa kaYehova, nangenxa yamazwi akhe angcwele.

UYeremiya 23:11-12

Ngokuba umprofeti kwanombingeleli ngabenzi bobubi; ndizifumene nasendlwini yam izinto zabo ezimbi; utsho uYehova. Ngako oko indlela yabo kubo iya kuba njengeendawo ezibuthelezi esithokothokweni; baya kuqhutywa, bawe khona; ngokuba ndibazisela ububi, umnyaka wokuvelelwa kwabo; utsho uYehova.

UYeremiya 23:14-15

Ke kubaprofeti baseYerusalem ndibone into ebanga amanwele: ukukrexeza, nokuhamba ebuxokini, bomeleze izandla zabenzi bobubi, kungabuyi mntu ebubini bakhe. Bonke bephela banjengeSodom kum, nabemi bakhona banjengeGomora. Ngako oko utsho uYehova wemikhosi, ngokusingisele kubaprofeti, ukuthi, Yabonani, ndobadlisa umhlonyane, ndibaseze inyongo; ngokuba kubaprofeti baseYerusalem kuphuma okungendawo, kuye kulo lonke ilizwe.

UYeremiya 23:16-17

Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Musani ukuwaphulaphula amazwi abaprofeti abaniprofetelayo; banenzela into engento, bathetha umbono wentliziyo yabo, ongaphumiyo emlonyeni kaYehova. Bamana ukuthi kwabandigibayo, UYehova uthethile, niya kuba noxolo; nakubo bonke abahambayo ngobungqola beentliziyo zabo bathi, Aniyi kuhlelwa bubi.

UYeremiya 23:20-21

Awuyi kubuya umsindo kaYehova, ade awenze, ade ayimise iminkqangiyelo yentliziyo yakhe; ekupheleni kwemihla nokugqala nikuqonde oko. Andibathumanga abaprofeti abo, kugidime bona; andithethanga kubo, kanti kuprofete bona.

UYeremiya 23:25-29

Ndikuvile abakuthethayo abaprofeti, abaprofeta ubuxoki egameni lam, besithi, Ndiphuphile, ndiphuphile. Koda kube nini na kuyile nto entliziyweni yabaprofeti abaprofeta ubuxoki, abaprofeti benkohliso yentliziyo yabo? Bacinga ngokubalibazisa na abantu bam, balilibale igama lam ngamaphupha abo, abawalawulayo elowo kummelwane wakhe, njengoko ooyise balilibalayo igama lam ngoBhahali? Umprofeti onephupha makalawule iphupha; onelizwi lam makathethe ilizwi lam enyanisile. Yintoni na enomququ nengqolowa? utsho uYehova. Alinjengomlilo na ilizwi lam? utsho uYehova; nanjengesando esihlekeza ingxondorha?

UYeremiya 23:31-32

Yabonani, ndichasene nabaprofeti, utsho uYehova, abathabatha ulwimi lwabo, bathi, Utsho. Yabonani, ndichasene nabaprofeti abaprofeta amaphupha abuxoki, utsho uYehova, bawalawule, babalahlekise abantu bam ngobuxoki babo, nangokugasa kwabo, endingabawiselanga methetho, abangabancediyo nokubanceda aba bantu: utsho uYehova.

UYeremiya 23:34-36

Umprofeti, nombingeleli, nabantu, abaya kuthi, Isihlabo sikaYehova: ndiya kumvelela loo mntu nendlu yakhe. Yitshoni elowo kummelwane wakhe, elowo kumzalwana wakhe, ukuthi, Utheni na ukuphendula uYehova? utheni na ukuthetha uYehova? Ke sona isihlabo sikaYehova ze ningabi sasikhankanya; ngokuba liya kuba sisihlabo kwindoda ilizwi layo, niwajikile nje amazwi kaThixo ophilileyo, uYehova wemikhosi, uThixo wethu.

UYeremiya 23:38-40

Ke ukuba nithi, Isihlabo sikaYehova: ngako oko utsho uYehova ukuthi, Ngenxa yokuthetha kwenu elo lizwi lokuthi, Isihlabo sikaYehova, kanti ndithumele kuni ukuthi, Ize ningatsho ukuthi, Isihlabo sikaYehova: ngako oko, yabonani, ndiya kunilibala mpela, ndinilahle ebusweni bam nina, nalo mzi ndaninikayo, nina nooyihlo; ndibeke phezu kwenu isingcikivo esingunaphakade, ihlazo elingunaphakade, elingenakulityalwa.

UYeremiya 27:9-10

Musani ke nina ukubaphulaphula abaprofeti benu, nabavumisi benu, namaphupha enu, namatola enu, nabakhafuli benu; bona abo bathi kuni, Aniyi kumkhonza ukumkani waseBhabheli. Ngokuba baniprofetela ubuxoki, ukuze ndinikhwelelise kude nomhlaba wenu, ndinigxothe, nitshabalale.

UYeremiya 27:14-16

Musani ukuwaphulaphula amazwi abaprofeti abathetha kuni, besithi, Aniyi kumkhonza ukumkani waseBhabheli; ngokuba baniprofetela ubuxoki. Ngokuba andibathumanga, utsho uYehova; bona baprofeta ubuxoki egameni lam, ukuze ndinigxothe, nitshabalale, ninanabaprofeti abo baniprofetelayo. Ndathetha kubabingeleli nakwaba bantu bonke, ndisithi, Utshilo uYehova ukuthi, Musani ukuwaphulaphula amazwi abaprofeti benu abaniprofetelayo, besithi, Yabona, impahla yendlu kaYehova iya kubehle ibuyiswe eBhabheli; ngokuba baniprofetela ubuxoki.

UYeremiya 29:8-9

Ngokuba utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Mabanganilukuhli abaprofeti benu abaphakathi kwenu, kwanabavumisi benu, ningawaphulaphuli amaphupha enu eniwaphuphayo. Ngokuba baniprofetela ubuxoki egameni lam; andibathumanga; utsho uYehova.

UYeremiya 50:6

Abantu bam baba ngumhlambi weegusha ezilahlekileyo; abalusi babo babandwendwisela ezintabeni eziphambanisayo, behamba besuka entabeni, baye endulini, bayilibale indawo yabo yokubutha kwabo.

UHezekile 3:18-21

Xa ndithi kongendawo, Inene, uya kufa; usuke wena ungamvuseleli, ungathethi ukuze umvuselele ongendawo, ukuze aphume endleleni yakhe engendawo, aphile; wofa ongendawo lowo ngobugwenxa bakhe, kodwa lona igazi lakhe ndolibiza esandleni sakho. Wena ke, xa uthe wamvuselela ongendawo, akabuya endleleni yakhe, endleleni yakhe engendawo: wofa ngobugwenxa bakhe, kodwa wena uwuhlangule umphefumlo wakho. Ke, lakubuya ebulungiseni balo ilungisa, lenze ngobugqwetha, ndibeke isikhubekiso phambi kwalo; lofa lona; xa uthe akwalivuselela, lofa ngenxa yesono salo, bungakhunjulwa ubulungisa balo elabenzayo; kodwa lona igazi lalo ndolibiza esandleni sakho. Wena ke, xa uthe walivuselela ilungisa, ukuba lingoni ilungisa, alona ke: lophila ngokuba livuselelwe, ke wena uwuhlangule umphefumlo wakho.

UHezekile 12:24

Ngokuba akuyi kuba sabakho namnye umbono okhohlakeleyo, nokuvumisa okucengacengayo, phakathi kwendlu kaSirayeli.

UHezekile 13:1-3

Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi, Nyana womntu, profeta uchase abaprofeti bakwaSirayeli abaprofetayo, uthi kwabaprofeta okwentliziyo yabo, Liveni ilizwi likaYehova. Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yeha ke, abaprofeti abanobudenge, abalandela owabo umoya, nento abangayibonanga!

UHezekile 13:4-7

Baba njengeempungutye emanxuweni abaprofeti bakho, Sirayeli. Aninyukanga niye emathutyeni, niyibiyele ngodonga indlu kaSirayeli, ukuze nakhe uluhlu lokulwa ngomhla kaYehova. Babona into ekhohlakeleyo nokuvumisa okungamanga, abo bathi, Utsho uYehova; uYehova engabathumanga, ukanti balinda ukuqiniswa kwelo lizwi. Anibonanga mbono wankohlakalo na, nakuvumisa okungamanga na, nisithi nje, Utsho uYehova; ndingathethanga mna?

UHezekile 13:8

Ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa yokuba nithethe into ekhohlakeleyo, nibona amanga, ngako oko, yabonani, ndinichasile; itsho iNkosi uYehova.

UHezekile 13:9-16

Isandla sam sichasa abaprofeti ababona into ekhohlakeleyo, bavumise amanga. Abayi kubakho ekucweyweni kwabantu bam, bangabhalwa encwadini yomlibo wendlu kaSirayeli, bangangeni emhlabeni wakwaSirayeli; nazi ukuba ndiyiNkosi uYehova. Ngenxa yokuba, ewe, ngenxa yokuba bebandwendwisile abantu bam, besithi, Luxolo, kungekho luxolo; bathi, bakwakha udonga bona, yabona, abaya balutyabeka ngodaka oluhlephukayo: yithi kwabatyabeka ngodaka oluhlephukayo, Luya kuwa; kuza isiphango esikhukulayo; nina ke, matye esichotho, yiwani; wena moya usisaqhwithi, ovuthuvuthuzayo, qhutha. Xa ke luthe lwawa udonga, akuyi kuthiwa na kuni, Kuphi na ukutyabeka enatyabeka ngako? Ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ndiya kuqhuthisa umoya ovuthuvuthuzayo ngobushushu bam; kuze nesiphango esikhukulayo ngomsindo wam, namatye ezichotho ngobushushu, ukuze kugqityelwe kuphele. Ndiya kulugungxula udonga enalutyabeka ngodaka oluhlephukayo, ndiluwise emhlabeni, sityhilekile isiseko salo, luwe, niphelele kweso sithuba salo; nazi ukuba ndinguYehova. Ndobuphelelisela eludongeni ubushushu bam, nakwabatyabeka ngodaka oluhlephukayo, ndithi kuni, Alusekho udonga, abasekho abatyabeki balo, abaprofeti bakwaSirayeli ababeprofeta ngeYerusalem, ababebona umbono woxolo, kungekho luxolo; itsho iNkosi uYehova.

UHezekile 13:17

Wena ke, nyana womntu, bhekisa ubuso bakho kwiintombi zabantu bakowenu, eziprofeta okweentliziyo zazo.

UHezekile 13:22-23

Ngenxa enokuba niyenze buhlungu ngobuxoki intliziyo yelungisa, endingalenzanga buhlungu mna; nazomeleza izandla zongendawo, ukuze angabuyi endleleni yakhe embi, asindiswe: ngako oko aniyi kuyibona into ekhohlakeleyo ningabi savumisa nokuvumisa; ngokuba ndiya kubahlangula abantu bam esandleni senu; nazi ukuba ndinguYehova.

UHezekile 22:28

Abaprofeti babatyabeka ngodaka olulephukayo, bebona imibono yenkohlakalo, bebahlabela izihlabo ezingamanga, besithi, Itsho iNkosi uYehova; kanti uYehova akathethanga.

UHezekile 28:6-7

Ngako oko, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba wayenza intliziyo yakho yanjengentliziyo yoThixo, ngako oko, uyabona, ndiya kukuzisela abasemzini, abangcangcazelisi basezintlangeni; baburholele ubuhle bobulumko bakho amakrele abo, bakuhlambele ukubengezela kwakho.

UHezekile 33:3-6

yabona ikrele lilifikela ilizwe elo, yavuthela isigodlo, yabavusa abantu; ke umntu othe waliva izwi lesigodlo, akavuswa, lafika ikrele elo, lamthabatha: loba sentlokweni yakhe igazi lakhe. Izwi lesigodlo ulivile, akavuswa, igazi lakhe loba phezu kwakhe; evusiwe, ange ewusizile umphefumlo wakhe. Umboniseli lowo, xa athe walibona ikrele lisiza, akavuthela isigodlo, akabavusa abantu; lafika ikrele, lathabatha kubo umphefumlo: lowo uthatyathwe ngobugwenxa bakhe, ke igazi lakhe ndolibiza esandleni somboniseli lowo.

UHezekile 33:7-9

Wena ke, nyana womntu, ndikwenze waba ngumboniseli kwindlu kaSirayeli; woliva emlonyeni wam ilizwi, ubavuselele ngokuphuma kum. Ndakuthi kongendawo, Wena ungendawo, uya kufa, inene; usuke ungathethi wena, ukuba umvuselele ongendawo, emke endleleni yakhe: wofa yena ongendawo ngobugwenxa bakhe, ke igazi lakhe ndolifuna esandleni sakho. Wena ke, xa uthe wamvuselela ongendawo endleleni yakhe, ukuba abuye kuyo, akabuya endleleni yakhe: wofa yena ngobugwenxa bakhe, ke wena uwuhlangule umphefumlo wakho.

UHezekile 33:14-15

Ndakuthi kongendawo, Inene, uya kufa; abuye ekoneni kwakhe, enze ngokusesikweni nangobulungisa; ongendawo asibuyise isibambiso, ayimisele into ehluthwe nguye, ahambe ngemimiselo yobomi, angenzi ngobugqwetha: inene, wophila, akayi kufa.

UHezekile 33:17-20

Bathi ke oonyana bakowenu, Indlela kaYehova ayilungelelene; kanti ngabo, abandlela ingalungeleleneyo. Lakubuya ilungisa ebulungiseni balo, lenze ngobugqwetha, lofa ngabo. Akubuya ongendawo kokungendawo kwakhe, enze ngokusesikweni nangobulungisa, inene, wophila ngenxa yoko. Nithi ke, Indlela yeNkosi ayilungelelene. Ndiya kunigweba, elowo ngokweendlela zakhe, ndlu kaSirayeli.

UHezekile 34:2-6

Nyana womntu, profeta ngabalusi bakwaSirayeli; profeta, uthi kubo, ngabalusi abo, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yeha ke abalusi bakwaSirayeli, abaye bezalusa ngokwabo! Abalusi babengafanele ukwalusa umhlambi wabo, yini na? Amanqatha niyawadla, uboya nizambathise ngabo; ezityetyisiweyo izimvu niyazixhela, umhlambi aniwalusi. Ezityhafileyo anizomelezi, ezifayo aniziphilisi, ezaphukileyo anizibophi, eziziintsali anizibuyisi, ezidakileyo anizifuni; nizinyathela ngamandla kalukhuni. Zaba lusali ngokungabi namalusi; zaba kukudla kwamarhamncwa onke asendle, zaba lusali. Umhlambi wam wadungudela ezintabeni zonke, nasezindulini zonke ezinde, waba lusali umhlambi wam ebusweni bonke belizwe. Akubangakho namnye uwukhathalelayo, akwabakho namnye uwufunayo.

UHezekile 34:8-10

Ndihleli nje, itsho iNkosi uYehova, inyaniso, ngenxa enokuba umhlambi wam ulixhoba, umhlambi wam udliwa ngamarhamncwa onke asendle, ngokungabi namalusi; abalusi bam bengawukhathaleli umhlambi wam, abalusi bezalusa ngokwabo, bengawalusi umhlambi wam: ngako oko, balusindini, liveni ilizwi likaYehova, lisithi, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabonani, ndibachasile ibalusi. Ndiya kuwubiza umhlambi wam ezandleni zabo, ndibanqumamise ekwaluseni umhlambi wam, bangabi sazalusa ngokwabo abalusi; ndiwuhlangule umhlambi wam emlonyeni wabo, ungabi saba kukudla kubo.

UHezekile 34:17

Nina ke, mhlambi wam, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabonani, ndiya kugweba phakathi kweegusha neegusha, naphakathi kweenkunzi zeegusha neenkunzi zeebhokhwe.

UHezekile 34:20-22

Ngako oko itsho iNkosi uYehova kuzo ukuthi, Yabonani, mna ndiya kugweba phakathi kweegusha ezityebileyo neegusha ezinqinileyo. Ngenxa enokuba nityhala ngehleza nangegxalaba, nizihlabe ngeempondo zenu ezityhafileyo zonke, nide nizenze zibe lusali, zigqibe ilizwe: ndowusindisa umhlambi wam, ungabi saba lixhoba, ndigwebe phakathi kweegusha neegusha.

UHezekile 35:13

Nizikhulisele ngam ngemilomo yenu, nawafumba phezu kwam amazwi enu; ndivile ke mna.

UHoseya 4:6

Bayatshabalala abantu bam kukuswela ukwazi; kuba wena ukucekisile ukwazi, ndiya kukucekisa, ukuba ungabi ngumbingeleli kum. Wawulibala umyalelo kaThixo wakho; ndobalibala abantwana bakho nam.

UHoseya 4:12

Abantu bam babuzisa kumthi wabo; nentonga yabo iyabaxelela; ngokuba umoya wobuhenyu ubalahlekisile; bahenyuze bemka phantsi koThixo wabo.

UMika 3:5-7

Utsho uYehova ngokusingisele kubaprofeti ababandwendwisayo abantu bakowethu; abathi, xa banokuhlafunwayo, baze bamemeze uxolo: bathi, osukuba engafaki nto emlonyeni wabo, bamngcwalisele imfazwe, ukuthi: Ngako oko niya kuba nobusuku, iphuthe imibono; nibe nobumnyama, kuphuthe ukuvumisa; litshone ilanga kubaprofeti, ibe mnyama imini kubo. Ziya kudana iimboni, babe neentloni abavumisi, bazigqubuthele iindevu bonke bephela; ngokuba kungekho mpendulo kaThixo.

UMika 3:11

Iintloko zayo zigweba ngenxa yesicengo, nababingeleli bayo bayayala ngenxa yomvuzo, nabaprofeti bayo bavumisa ngenxa yemali; baze bayame ngoYehova, besithi, UYehova akaphakathi kwethu, yini na? asiyi kuzelwa bubi.

UZekariya 8:16-17

Nanzi iindawo enothi nizenze zona: Thethani inyaniso elowo kummelwane wakhe; gwebani ngenyaniso nangesigwebo soxolo emasangweni enu. Musani ukucinga okubi, elowo ngommelwane wakhe entliziyweni yakhe; ningathandi ukufunga ngobuxoki; ngokuba konke oko; koko ndikuthiyileyo; utsho uYehova.

UZekariya 10:2

Ngokuba imilonde-khaya ithethe into ebubutshinga, nabavumisi babone ubuxoki, balawula amaphupha enkohlakalo, bathuthuzela kwangamampunge; ngenxa yoko bakhokile njengomhlambi, bacinezeleka, kuba kungekho malusi.

UZekariya 11:17

Yeha, umalusi ongento, owulahlayo umhlambi! Ikrele malibe phezu kwengalo yakhe, neliso lakhe lasekunene! Ingalo yakhe iya koma kanye, neliso lakhe lasekunene licime okukanye.

UZekariya 13:2-5

Kothi ngaloo mini, utsho uYehova wemikhosi, ndiwanqumle amagama ezithixo elizweni, zingabi sakhunjulwa; nabaprofeti nomoya wobunqambi ndibagqithise, bangabikho ezweni apha. Kothi xa athe wabuya waprofeta ubani, bathi kuye uyise nonina abamzalayo. Akuyi kuphila, kuba uthethe ubuxoki egameni likaYehova. Uyise nonina abamzalayo bomhlaba amahlanza ngenxa yokuprofeta kwakhe. Kothi ngaloo mini, badane abaprofeti, elowo ngumbono wakhe, ekuprofeteni kwakhe, bangambathi ngubo ixhonti yokuze bakhohlise. Wothi, Andimprofeti, ndingumntu olima umhlaba; kuba wandithenga umntu ndisemncinane.

UMalaki 2:7-9

Kuba umlomo wombingeleli ngowokugcina ukwazi, umyalelo bawufune emlonyeni wakhe; ngokuba ungumthunywa kaYehova wemikhosi. Ke nina nimkile endleleni, nabakhubekisa abaninzi kuwo umyalelo, nawonakalisa umnqophiso kaLevi; utsho uYehova wemikhosi. Nam ndinenza abadelekileyo nabathobekileyo ebantwini bonke, ngokokuba ningazigcinanga iindlela zam, nesuka nanonelela umntu emyalelweni.

UMateyu 5:10-12

Banoyolo abatshutshiswa ngenxa yobulungisa; ngokuba ubukumkani bamazulu bobabo. Ninoyolo nina, xa bathe abantu baningcikiva, banitshutshisa, bathetha zonke izinto ezikhohlakeleyo ngani bexoka, ngenxa yam. Vuyani nigcobe kunene; ngokuba umvuzo wenu mkhulu emazulwini; kuba benjenjalo ukubatshutshisa abaprofeti ababekho phambi kwenu.

UMateyu 5:17-19

Ningabi ndize kuchitha umthetho, nokuba ngabaprofeti; andize kuchitha, ndize kuzalisekisa. Kuba inene ndithi kuni, Koda kudlule izulu nehlabathi, kungakhanga kudlule nalinye iganyana nokuba lisuntswana emthethweni, kude kwenzeke konke. Othe ngoko wachitha noko umnye kule mithetho mincinanana, wabafundisa abantu ngokunjalo, kothiwa ungomncinanana ebukumkanini bamazulu; othe wenza wafundisa ngayo, kothiwa ngomkhulu ebukumkanini bamazulu.

UMateyu 7:3-6

Yini na ke ukuba usibone isibi esisesweni lomzalwana wakho, kanti akuwuqiqi wona umqadi okwelakho iliso? Okanye ungathini na ukuthi kumzalwana wakho, Yeka ndisikhuphe isibi eso esweni lakho, kanti nango umqadi kwelakho iliso? Mhanahanisindini, wukhuphe kuqala umqadi lowo esweni lakho, wandule ukubona kakuhle ukusikhupha isibi esisesweni lomzalwana wakho. Musani ukukunika izinja okungcwele, kanjalo ningaziphosi iiperile zenu phambi kweehagu, hleze zizinyathele ngamanqina azo, zijike ziniqwenge.

UMateyu 7:13-14

Ngenani ngesango elimxinwa; ngokuba libanzi isango, iphangalele nendlela, esa entshabalalweni; baninzi ke abangena ngalo. Ngokuba limxinwa isango, icuthene nendlela, esa ebomini; bambalwa ke abalifumanayo.

UMateyu 7:15

Ke kaloku balumkeleni abaprofeti ababuxoki, abeza kuni ngezambatho zeegusha, ngaphakathi ke beziingcuka eziqwengayo.

UMateyu 7:19-20

Wonke umthi ongavelisi ziqhamo zihle uyagawulwa, uphoswe emlilweni. Ngoko ke nobaqonda ngeziqhamo zabo.

UMateyu 7:21-23

Asingabo bonke abathi kum, Nkosi, Nkosi, abaya kungena ebukumkanini bamazulu; ngokwenzayo ukuthanda kukaBawo osemazulwini. Baninzi abaya kuthi kum ngaloo mini, Nkosi, Nkosi, sasingathe na egameni lakho saprofeta, sathi egameni lakho sakhupha iidemon, sathi egameni lakho senza imisebenzi yamandla emininzi? Ndandule ndibaxelele, ndithi, Andizanga ndinazi; mkani kum, nina nenza okuchasene nomthetho.

UMateyu 12:32

Nothe wathetha ilizwi elichasene noNyana woMntu uya kuxolelwa; kodwa othe wathetha elichasene noMoya oyiNgcwele, akasayi kuxolelwa yena, nakweli phakade, nakwelo lizayo.

UMateyu 13:13-14

Ngenxa yoko ndithetha nabo ngemizekeliso; ngokuba bebona nje bengaboni, besiva nje bengeva, bengaqondi nokuqonda. Sizalisekele kubo ke isiprofeto sikaIsaya esithi, Ukuva niya kuva, ningakhe niqonde; Nithi nibona nje nibone, ningakhe niqiqe;

UMateyu 13:18-23

Nina ngoko wuveni umzekeliso womhlwayeli: akubon’ ukuba ubani uyaliva ilizwi lobukumkani, engaliqondi, uyafika ongendawo, akuhluthe okuhlwayelwe entliziyweni yakhe; lo nguye lowo wahlwayelwa ngasendleleni. Lowo ke uhlwayelwa ezindaweni ezilulwalwa, ngulo ulivayo ilizwi, alamkele kwaoko ngovuyo; abe ke engenangcambu ngaphakathi kwakhe, eme umzuzwana kodwa; uthi ke kwakuhla imbandezelo nokuba yintshutshiso ngenxa yelizwi, akhutyekiswe kwaoko. Lowo ke uhlwayelwe emithaneni enameva, ngulo ulivayo ilizwi, lithi ke ixhala leli phakade, nokulukuhla kobutyebi, kuliminxe ilizwi, lisuke lingabi nasiqhamo. Lowo ke uhlwayelwe kuwo umhlaba omhle, ngulo ulivayo ilizwi aliqonde; othi yena okunene axakathe iziqhamo; omnye ke enze ikhulu, omnye amashumi amathandathu, nomnye amashumi amathathu.

UMateyu 15:3

Waphendula ke yena wathi kubo, Nani, kungani na ukuba niwugqithe umthetho kaThixo ngenxa yesithethe senu?

UMateyu 15:8-9

Aba bantu basondela kum ngomlomo wabo, Bandibeke ngemilebe yomlomo wabo; Kanti intliziyo yabo ikude lee kum; Bafumana ke bendihlonela, Befundisa iimfundiso eziyimithetho yabantu.

UMateyu 15:13-14

Waphendula ke wathi, Zonke izityalo ezingatyalwanga nguBawo wasemazulwini ziya kuncothulwa. Bayekeni; ngabakhokeli beemfama abakwaziimfama; ke kaloku, xa sukuba imfama ikhokela imfama, zombini ziya kweyela emhadini.

UMateyu 16:11-12

Yini na le nto ningaqiqiyo, ukuba bendingatsho ngasonka, ukuthi kuni, manililumkele igwele labaFarisi nabaSadusi? Bandula ukuqonda, ukuba ubengatsho ukuthi mabalumkele igwele lesonka; ubesithi mabalumkele imfundiso yabaFarisi nabaSadusi.

UMateyu 16:23

Wajika ke wathi kuPetros, Suka uye emva kwam, Sathana, usisikhubekiso kum; ngokuba ungazinyamekeli ezikaThixo izinto, unyamekela ezabantu.

UMateyu 18:15-17

Ukuba ke umzalwana wakho uthe wakona, yiya umohlwaye inguwe naye ninedwa; ukuba uthe wakuva, woba umzuzile umzalwana wakho. Ke ukuba uthe akeva buya uthabathe nawe abe mnye nokuba babini, ukuze onke amazwi amiswe ngomlomo wamangqina amabini, nokuba ngamathathu. Ukuba ke uthe akabeva, xelela ibandla; ukuba ke uthe akaliva nebandla, kuwe makabe njengoweentlanga nombuthi werhafu.

UMateyu 22:18

Ke kaloku, eyazi uYesu inkohlakalo yabo, wathi, Nindilingelani na, bahanahanisindini?

UMateyu 23:1-5

Waza uYesu wathetha kwisihlwele nakubafundi bakhe, esithi, Ababhali nabaFarisi bahleli esihlalweni sikaMoses. Konke ngoko abasukuba besithi kuni kugcineni, ze nikugcine nikwenze; kodwa ze ningenzi ngokwemisebenzi yabo; kuba bathetha baze bangenzi. Kuba babopha imithwalo enzima, esindayo, bayibeke emagxeni abantu, babe ke bona bengathandi kuyishukumisa nangomnwe lo wabo. Yonke imisebenzi yabo ke bayenza ngokunga bangabonwa ngabantu; bawenze banzi amaqhaga abo ezikhumbuzo, bayandise imiqukumbelo yeengubo zabo.

UMateyu 23:6-12

Kananjalo bathanda izilili zobukhulu ezidlweni, kwanezihlalo zobukhulu ezindlwini zesikhungu, nemibuliso ezindaweni zembutho, nokubizwa ngabantu kuthiwe, Rabhi, Rabhi. Ke nina maningabizwa kuthiwe Rabhi; kuba mnye uMkhokeli wenu, uKristu; nina ke nonke ningabazalwana. Ningabizi mntu ngokuba nguyihlo emhlabeni apha; kuba mnye uYihlo wenu, lowo usemazulwini. Kananjalo maningabizwa ngokuba ningabakhokeli; kuba mnye uMkhokeli wenu, uKristu. Omkhulu ke kuni makabe ngumlungiseleli wenu. Osukuba ke eziphakamisa uya kuthotywa; nosukuba ezithoba uya kuphakanyiswa.

UMateyu 23:13-15

Yeha, nina babhali, baFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba nibuvala ubukumkani bamazulu phambi kwabantu; kuba aningeni nina, nabangenayo anibavumeli ukuba bangene. Yeha, nina babhali, baFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba nisidla izindlu zabahlolokazi, nize ngokunyhwalaza nithandaze uzungu; ngenxa yoko niya kwamkela ugwebo olugqithiseleyo. Yeha, nina babhali, baFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba nijikajika ulwandle nomhlaba ukuze nenze nokuba mnye ongena ebuYudeni; nithi, xa athe wazuzeka, nimenze abe ngumntwana wesihogo ngokuphindiweyo kunani.

UMateyu 23:23-28

Yeha, nina babhali, baFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba ninikela izishumi zetyeleba nedile nekumin, kanti nizishiyile ezona ndawo zinzima zomthetho, umgwebo nenceba nokholo; ezi benimelwe kukuba nizenze, nithi neziya ningazishiyi. Bakhokelindini baziimfama, abahluza imbuzane, ke baginye inkamela. Yeha, nina babhali, baFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba nihlambulula umphandle wendebe nesitya, kanti ke ngaphakathi kuzele kukuphanga nokungazeyisi. MFarisindini uyimfama, hlambulula tanci okungaphakathi kwendebe nesitya, ukuze kuthi okungaphandle kwazo kuhlambuluke nako. Yeha, nina babhali, baFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba nifana namangcwaba aqatywe ifutha, athi abonakale emahle okunene ngaphandle, kanti ngaphakathi azele ngamathambo abafileyo nokungcola konke. Ngokukwanjalo nani ngaphandle okunene nibonakala kubantu ningamalungisa, kanti ngaphakathi nizele luhanahaniso nokuchasene nomthetho.

UMateyu 23:29-35

Yeha, nina babhali, baFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba niwakha amangcwaba abaprofeti, nivathise amangcwaba amalungisa, nithi, Ukuba sasikho thina ngemihla yoobawo, singe singabanga nabudlelane nabo ngegazi labaprofeti. Ngoko niyangqina kwanina, ukuba ningoonyana babo babulala abaprofeti. Wuzaliseni kambe nani umlinganisela wooyihlo. Zinyokandini, nzalandini yamarhamba, ningathini na ukuwusaba umgwebo wesihogo? Ngenxa yoko, niyabona, mna ndinithumela abaprofeti nezilumko nababhali; niya kuthi inxenye kubo niyibulale, niyibethelele eminqamlezweni, nithi inxenye kubo niyityakatye ezindlwini zenu zesikhungu, niyitshutshise kwimizi ngemizi; ukuze linifikele lonke igazi elinobulungisa, elaphalazwayo emhlabeni apha, lithabathela egazini lika-Abheli ilungisa, lizise egazini likaZekariya, unyana kaBherekiya, enambulalela phakathi kwendawo engcwele nesibingelelo.

UMateyu 24:4-5

Waphendula uYesu wathi kubo, Lumkani ningalahlekiswa mntu. Kuba baninzi abaya kuza egameni lam, besithi banguKristu, balahlekise into eninzi.

UMateyu 24:10-12

Ngelo xesha baninzi abaya kukhutyekiswa, banikelane, bathiyane. Kwaye kuya kuvela abaprofeti ababuxoki babe baninzi, balahlekise abantu abaninzi. Nangenxa yokwanda kokuchasa umthetho, luya kuphola uthando lwabaninzi.

UMateyu 24:24-25

Kuba kuya kuvela ooKristu ababuxoki, nabaprofeti ababuxoki, benze imiqondiso emikhulu nezimanga, ngokokude bathi, ukuba bekunokwenzeka, balahlekise nabanyuliweyo. Yabonani, ndinixelele ngenxa engaphambili.

UMateyu 24:35

Liya kudlula izulu nomhlaba, ke wona amazwi am akasayi kudlula.

UMateyu 28:18-20

Weza uYesu wathetha kubo, esithi, Linikwe mna lonke igunya emazulwini nasehlabathini. Hambani ngoko niye kuzenza abafundi zonke iintlanga, nibabhaptizela egameni loYise, loNyana, loMoya oyiNgcwele; nibafundisa ukuba bazigcine zonke izinto endiniwisele umthetho ngazo. Niyabona, mna ndinani yonke imihla, kude kube sekuphelisweni kwephakade eli. Amen.

UMarko 4:14-20

Umhlwayeli lo uhlwayela ilizwi. Abo ke bangasendleni, apho ilizwi lihlwayelwa khona, ngaba kuthi, xa bathe beva, afike kwaoko uSathana, alithabathe ilizwi elihlwayelweyo ezintliziyweni zabo. Ngokunjalo abo bahlwayelwayo ezindaweni ezilulwalwa ngabathi, xa bathe baliva ilizwi, balamkele kwaoko bevuya; babe bengenangcambu ngaphakathi kwabo, beme umzuzwana kodwa; bathi kamva, kwakuhla imbandezelo, nokuba yintshutshiso, ngenxa yelizwi, bakhutyekiswe kwaoko. Abo bahlwayelwayo emithaneni enameva ngaba, bathi balive ilizwi; aze amaxhala eli phakade, nokulukuhla kobutyebi, neenkanuko zezinye izinto, zingene ziliminxe ilizwi, lisuke lingabi nasiqhamo. Abo bahlwayelweyo kuwo umhlaba omhle ngaba, basakuthi balive ilizwi, balamkele, baxakathe isiqhamo, omnye amashumi amathathu, omnye amashumi amathandathu, nomnye ikhulu.

UMarko 7:6-7

Waphendula ke wathi kubo, Watyapha uIsaya ukuprofeta ngani, bahanahanisi, njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Aba bantu bandibeka ngomlomo, Kanti yona intliziyo yabo ikude lee kum. Bafumana ke bendihlonela, Befundisa iimfundiso eziyimithetho yabantu.

UMarko 7:8-9

Kuba nithi, niwuyeka okaThixo umthetho, nibambe isithethe sabantu esinjengeentlambo zeebhekile neendebe; naye nizenza nezinye izinto ezininzi ezinjengezo. Wayesithi kubo, Natyapha kambe niwutshitshise umthetho kaThixo, ukuze nisigcine isithethe senu.

UMarko 13:22-23

kuba kuya kuvela ooKristu ababuxoki, nabaprofeti ababuxoki, benze imiqondiso nemimangaliso yokulahlekisa nabanyuliweyo, ukuba bekunokwenzeka. Lumkani ke nina; yabonani, ndinixelele izinto zonke ngenxa engaphambili.

UMarko 13:31

Liya kudlula izulu nehlabathi, ke wona amazwi am akasayi kudlula.

ULuka 4:4

UYesu wamphendula esithi, Kubhaliwe kwathiwa, Akungasonka sodwa aya kuphila umntu; kungamazwi onke kaThixo.

ULuka 6:26

Yeha nina, xa bathe bathetha kakuhle ngani bonke abantu! kuba ooyise babo babesenjenjalo kubaprofeti ababuxoki.

ULuka 6:39-40

Ke kaloku wathetha umzekeliso kubo, esithi, ingakhe ibe nako na imfama ukukhokela imfama? Aziyi kuthi na zombini zeyele emhadini? Akukho mfundi mkhulu kunomfundisi wakhe; ke wonke olungiswe kwaphela, uya kuba njengomfundisi wakhe.

ULuka 8:11-15

Ke kaloku umzekeliso nguwo lo: Imbewu le lilizwi likaThixo. Abo ke bangasendleleni ngabo bevayo, andule afike uMtyholi, alisuse ilizwi entliziyweni yabo, ukuze bangakholwa basindiswe. Abo ke baselulwalweni ngabasakuthi, bakuliva, balamkele ngovuyo ilizwi; aba ke abanangcambu; bona bakholwa umzuzwana, ze bathi ngexa lokuhendwa balahle. Leyo ke yawayo emithaneni enameva, ngabo bathi, belivile, bahambe benamaxhala nobutyebi neziyolo zobu bomi, baminxwe, baze bangavelisi siqhamo. Ke leyo isemhlabeni omhle, ngabo bona bathi ngentliziyo entle, elungileyo, bakuliva ilizwi, balibambe, bavelise iziqhamo benomonde.

ULuka 8:17-18

Kuba akukho nto ifihlakeleyo ingayi kubonakala; kanjalo akukho ifihlakeleyo ingayi kwazeka, ize ekuhleni. Lumkani ngoko ukuva eniva ngako., kuba osukuba enako, uya kunikwa; nosukuba engenako, uya kuhluthwa noko ngathi unako.

ULuka 16:17

Ke kulula ukuba lidlule izulu nomhlaba, kunokuba kuwe nalinye isuntswana lomthetho.

ULuka 21:8

Wathi ke yena, Lumkani ningalahlekiswa; kuba baninzi abaya kuza egameni lam, besithi, banguye uKristu; ewe, ixesha lisondele; ngoko musani ukubalandela.

ULuka 21:33

Liya kudlula izulu nehlabathi; ke wona amazwi am akasayi kudlula.

UYohane 2:24-25

Ke yena uYesu akaziyekelanga kubo, ngenxa yokuba ebazi bonke; nangokuba bekungafuneki kuye, ukuba kungqine bani ngaye umntu, kuba ubekwazi yena okungaphakathi komntu.

UYohane 3:18-20

Lowo ukholwayo kuye, akagwetywa; ke lowo ungakholwayo, uselegwetyiwe, ngokuba engakholwanga kwigana loNyana okuphela kwamzeleyo uThixo. Ke kaloku, umgwebo nguwo lo, ukuba ukhanyiso lufikile ehlabathini, baza abantu bathanda ubumnyama ngaphezu kokhanyiso; kuba imisebenzi yabo ingendawo. Kuba bonke abenza okubi, bayaluthiya ukhanyiso, bangezi elukhanyisweni, ukuze imisebenzi yabo ingohlwaywa.

UYohane 4:23-24

Kodwa kuza ilixa, nangoku selikho, xa abanquli abayinyaniso baya kumnqula uBawo ngoMoya nangenyaniso; kuba uBawo ufuna abanjalo ukumnqula. UThixo unguMoya; abo ke bamnqulayo bamelwe kukumnqula ngoMoya nangenyaniso.

UYohane 7:16-17

Waphendula uYesu, wathi, Eyam imfundiso asiyam, yeyalowo wandithumayo. Ukuba kukho othi afune ukukwenza ukuthanda kwakhe, woyazi imfundiso le: ukuba iphuma kuThixo, nokuba mna ndithetha okukokwam, kusini na.

UYohane 7:19-20

Umthetho aniwunikelwanga na nguMoses? Kanti ke akukho namnye kuni uwugcinayo umthetho; yini na ukuba nifune ukundibulala? Saphendula isihlwele sathi, Unedemon; ngubani na ofuna ukukubulala?

UYohane 7:24

Musani ukugweba ngokwembonakalo; gwebani ngomgwebo olungisayo.

UYohane 8:12

Wabuya ngoko uYesu wathetha kubo, esithi, Ndim ukhanyiselo lwehlabathi; lowo undilandelayo akasayi kuhamba ebumnyameni; yena uya kuba nalo ukhanyiso lobomi.

UYohane 8:31-32

Ubesithi ngoko uYesu kuloo maYuda akholiweyo kuye, Ukuba nina nithe nahlala elizwini lam, noba ningabafundi bam, inyaniso. Naniya kuyazi inyaniso, yaye inyaniso iya kunikhulula.

UYohane 8:43-44

Kungani na ukuba ningayiqondi intetho yam? Kungokuba ningenakuliva ilizwi lam. Nina ningaboyihlo uMtyholi, neenkanuko zoyihlo niyathanda ukuzenza. Yena waye esisibulala-mntu kwasekuqaleni; akemi enyanisweni, ngokuba akukho nyaniso kuye. Xa sukuba ethetha ubuxoki, uthetha okukokwakhe; ngokuba ulixoki, noyise wawo.

UYohane 8:47

Lowo ungokaThixo, uyaweva amazwi kaThixo; ngenxa yoko aniweva nina, ngokuba ningengabakaThixo.

UYohane 9:39-41

Wathi uYesu, Mna ndizele ugwebo kweli hlabathi, ukuze abangaboniyo babone, bathi ababonayo babe ziimfama. Baziva ezo nto abakubaFarisi ababenaye, bathi kuye, Singaba siziimfama nathi na? Uthe ke kubo uYesu, Ukuba beniziimfama, ngeningenasono; kungoku nithi, Siyabona; ke ngoko isono senu sihleli.

UYohane 10:1-5

Inene, inene, ndithi kuni, Ongangeniyo ngalo isango ebuhlantini bezimvu, osuka akhwele ngandawo yimbi, lowo ulisela nesihange. Ke yena ongena ngalo isango ngumalusi wezimvu. Umgcini-sango uyamvulela lowo; zithi nezimvu zilive izwi lakhe azibize ezakhe izimvu ngamagama, azikhokelele phandle zona. Xa athe wazikhupha ezakhe izimvu, uhamba phambi kwazo, zithi nezimvu zimlandele; ngokuba zilazi izwi lakhe. Ke owasemzini azingemlandeli; zosuka zimbaleke, ngokuba zingalazi izwi labasemzini.

UYohane 10:12-13

Ke yena ongumqeshwa, engengumalusi, ezingezizo ezakhe izimvu, uyibona ingcuka isiza, azishiye izimvu, abaleke, ize ingcuka izibambe, izichithachithe izimvu. Umqeshwa lo ke ubaleka ngokuba engumqeshwa, engazikhathalele izimvu.

UYohane 12:37-40

Ke kaloku, nakuba wayenze imiqondiso engaka phambi kwabo, abakholwanga kuye; ukuze ilizwi likaIsaya umprofeti lizaliseke, awalithethayo esithi, Nkosi, ngubani na okholiweyo ludaba lwethu? Nengalo yeNkosi ityhileke kubani na? Ngenxa yoku babengenako ukukholwa, ngokuba uIsaya ubuya athi, Uwamfamekisile amehlo abo, Uyiqaqadekisile nentliziyo yabo, Hleze babone ngamehlo, baqiqe ngentliziyo, Bajike, Ndibaphilise.

UYohane 12:48

Lowo undigibayo, angawamkeli amazwi am, unaye omgwebayo; ilizwi endilithethileyo, lilo eliya kumgweba ngomhla wokugqibela.

UYohane 14:6

Uthi uYesu kuye, Ndim indlela, ndim inyaniso, ndim ubomi; akukho namnye uzayo kuBawo, engezi ngam.

UYohane 14:15

Ukuba niyandithanda, yigcineni imithetho yam.

UYohane 14:17

uMoya wenyaniso, lowo lingenako ihlabathi ukumamkela, ngokuba lingamboni, lingamazi nokumazi. Nina ke niyamazi; ngokuba uhleli nani, kanjalo uya kuba kuni.

UYohane 14:26

Ke uMthetheleli, uMoya oyiNgcwele, aya kumthuma uBawo egameni lam, yena uya kunifundisa zonke izinto, anikhumbuze zonke izinto endizithethe kuni.

UYohane 15:26

Kodwa xa athe wafika uMthetheleli, endiya kumthuma mna kuni evela kuBawo, uMoya wenyaniso ophuma kuBawo, yena wongqina ngam.

UYohane 16:13

Xa ke athe wafika yena uMoya wenyaniso, uya kunikhokelela kuyo yonke inyaniso; kuba engayi kuthetha okuphuma kuye, uya kuthetha izinto athe waziva, anibikele izinto ezizayo.

UYohane 17:17

Bangcwalise ngayo inyaniso yakho; ilizwi lakho liyinyaniso.

IZenzo 5:3-4

Wathi ke uPetros, Hananiya, kungani na ukuba uSathana azalise intliziyo yakho, ukuba umxokise uMoya oyiNgcwele, ushinte kulo ixabiso lomhlaba? Oko ube uhleli, ubungahleli kuwe na? Kanjalo uthengisiwe, ubungekhona na egunyeni lakho? Yini na ukuba uyibeke le nto entliziyweni yakho? Akuxoke kubantu, uxoke kuThixo.

IZenzo 7:51

Nina bantamo zilukhuni, bangalukileyo ngentliziyo, nangendlebe, nihleli nibambene noMoya oyiNgcwele; njengabo ooyihlo, nani ninjalo.

IZenzo 20:28

Zilumkeleni ngoko, nawo wonke umhlambi, athe uMoya oyiNgcwele wanimisa ukuba ngabaveleli bawo, ukuba nilaluse ibandla likaThixo, awazizuzelayo ngelilelakhe igazi.

IZenzo 20:29-31

Kuba mna ndiyakwazi oku, ukuba emva kokumka kwam, kuya kungena phakathi kwenu iingcuka ezibawayo, zingawucongi umhlambi. Nakuni ngokwenu kuya kuvela amadoda athetha izinto ezigwenxa, ukuba abarhole abafundi emva kwawo. Kungoko ndithi, Phaphani, nikhumbula ukuba iminyaka emithathu, ubusuku nemini, andiyekanga ukululeka bonke ngabanye, ndineenyembezi.

IZenzo 26:18

ukuba uvule amehlo abo, ukuze babuye ebumnyameni, beze ebumhlotsheni; babuye egunyeni likaSathana, beze kuThixo; ukuze bamkele uxolelo lwezono, nelifa phakathi kwabangcwalisiweyo, ngokukholwa kum.

Kwabase Roma 1:18

Kuba ityhilekile ingqumbo kaThixo ivela emazulwini, ichase konke ukungahloneli Thixo, nentswela-bulungisa yabantu, abayithintelayo inyaniso ngokuswela ukulungisa.

Kwabase Roma 1:20-21

Kuba kwasekudalweni kwehlabathi, iindawo zakhe ezibe zingenakubonwa zibonwa kakuhle, ziqondeke, ngezinto ezenziweyo, kwa-amandla akhe angunaphakade, nobuThixo bakhe, ukuze bangabi nakuziphendulela. Ngokokuba bathe, bemazi uThixo, abamzukisa ngokoThixo, ababulela kuye; basuka bazizinto ezingento ezicamangweni zabo, yaza intliziyo yabo engenakuqonda yenziwa yamnyama;

Kwabase Roma 1:22

bathi besiba bazizilumko, besuka baba ziziyatha;

Kwabase Roma 1:25

bona bananisele ubuxoki inyaniso kaThixo, basihlonela basikhonza isidalwa, begqitha kuMdali, ongowokubongwa kuse kuwo amaphakade. Amen.

Kwabase Roma 2:13

kuba asingabanela ukuba ngabaphulaphuli bawo umthetho, abangamalungisa kuThixo; ngabenzi bawo umthetho abaya kugwetyelwa.

Kwabase Roma 3:4

Nakanye! UThixo yena makabe nenyaniso, bonke abantu ke babe ngamaxoki; njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Ukuze ube nokugwetyelwa emazwini akho, Weyise ekumangalelweni kwakho.

Kwabase Roma 3:11-13

Akukho uqondayo; Akukho umfunisisayo uThixo! Bonke baphambukile; bephelele, abancedi lutho; Akukho wenza okulungileyo; akukho nokude abe mnye. Lingcwaba elivulekileyo umqala wabo, Ngeelwimi zabo bamana ukukhohlisa. Ubuhlungu bamaphimpi buphantsi kwemilebe yomlomo wabo.

Kwabase Roma 7:12

Ngoko ke umyalelo okunene ungcwele; nomthetho ungcwele, unobulungisa, ulungile.

Kwabase Roma 9:1

Ndithetha inyaniso ndikuKristu, andixoki, sibe nesazela sam sindingqinela ndiseMoyeni oyiNgcwele,

Kwabase Roma 10:2-4

Kuba ndiyabangqinela ukuba banokumzondelela uThixo, koko bengamzondeleli ngokokwazi okukuko. Kuba bathe, bengabazi ubulungisa bukaThixo, befuna nokumisa obabo ubulungisa, ababululamela ubulungisa bukaThixo. Kuba intsingiselo yomthetho nguKristu, ukuze abe bubulungisa kubo bonke abakholwayo.

Kwabase Roma 10:17

Ngoko ke ukholo luphuma eludabeni, udaba ke lukho ngelizwi likaThixo.

Kwabase Roma 11:8

njengokuba kubhaliwe kwathiwa, UThixo ubanike umoya wokuqoba, amehlo okuba bangaboni, neendlebe zokuba bangeva, kwada kwaba yimini yanamhla.

Kwabase Roma 14:1

Lowo ke uswele amandla elukholweni, mamkeleni, kodwa ke kungabi ngokucalula zicamango.

Kwabase Roma 16:17-18

Ke kaloku ndiyaniyala, bazalwana, balumkeleni abo benza iimbambaniso nezikhubekiso, ezinxamnye nemfundiso enayifundayo nina, niphambuke kubo. Kuba abanjalo abakhonzi yona iNkosi yethu uKristu, bakhonza esabo isisu; baze, ngamazwi anencasa nalalanisayo, balukuhle iintliziyo zabangazani nabubi.

1 Kwabase Korinte 1:21-25

Ekubeni ke kuthe, ebulumkweni bukaThixo, ihlabathi alamazi uThixo ngobulumko balo, kwakholeka kuThixo ukusindisa abo bakholwayo, ngabo ubudenge bokuvakalisa iindaba ezilungileyo. Ekubeni ke amaYuda ecela umqondiso, amaGrike efuna ubulumko, thina okwethu sivakalisa uKristu, ebethelelwe emnqamlezweni; isikhubekiso ke eso kumaYuda, ubudenge kumaGrike; ke kwabo babiziweyo, amaYuda kwanamaGrike, sivakalisa uKristu ongamandla kaThixo, nobulumko bukaThixo. Ngokuba into kaThixo ebubudenge ilumkile kunabantu, nento kaThixo engenamandla yomelele kunabantu.

1 Kwabase Korinte 2:1-5

Mna ke, ndakuba ndizile kuni, bazalwana, andizanga ngabugcisa bakuthetha nabulumko, ndinazisa ubungqina bukaThixo. Kuba ndagqiba kwelokuba ndingazi nto phakathi kwenu, ingenguYesu Kristu, naye ke ebethelelwe emnqamlezweni. Mna kuni ndafika ndaba ngothambileyo, onokoyika, onokugubha okukhulu. Nokuthetha kwam, nokuvakalisa kwam uKristu kube kungengamazwi oyisa ngabulumko babantu; bekungokuqondakalisa koMoya nokwamandla, ukuze ukholo lwenu lungabi sebulumkweni babantu, lube semandleni kaThixo.

1 Kwabase Korinte 2:6-8

Ke sithetha ubulumko phakathi kwabagqibeleleyo, ubulumko ke obungebubo obeli phakade, nobabaphathi beli phakade ababhangayo. Sithetha ubulumko bukaThixo obusemfihlekweni, obo ke bufihlakeleyo, awathi uThixo ngenxa engaphambili, kwangaphambi kwawo amaphakade, wabumisela uzuko lwethu; ekungabangakho namnye wabaphathi beli phakade ubaziyo (kuba, ukuba babebazi, ngebengayibethelelanga emnqamlezweni iNkosi yozuko),

1 Kwabase Korinte 2:11-13

Kuba nguwuphi na kubantu ozaziyo izinto zomntu, ingenguwo umoya womntu okuye? Ngokunjalo nezinto zikaThixo akukho namnye uzaziyo, ingenguye uMoya kaThixo. Ke thina asamkelanga moya wehlabathi; samkele uMoya ophuma kuye uThixo, ukuze sizazi izinto esazibabalwa nguThixo; esizithethayo nokuzithetha, kungengamazwi anokufundiswa bubulumko babantu, kungawo anokufundiswa nguMoya oyiNgcwele: izinto ezizezomoya sizilungelelanisa namazwi la angawomoya.

1 Kwabase Korinte 2:14-16

Owemvelo ke umntu akazamkeli izinto zoMoya kaThixo; kuba zibubudenge kuye; kanjalo akanakuzazi, ngokuba ziphicothwa ngokoMoya. Ke ongowoMoya okunene uphicotha zonke izinto, kodwa yena ngokwakhe akaphicothwa mntu. Kuba ngubani na oyaziyo ingqiqo yeNkosi, oya kuthi ayifundise? Thina ke sinengqiqo kaKristu.

1 Kwabase Korinte 3:11

Kuba akukho namnye unako ukubeka litye limbi lesiseko, nxamnye nelo libekwe kade, linguYesu onguKristu.

1 Kwabase Korinte 3:18-20

Makungabikho namnye uzikhohlisayo. Ukuba umntu uba usisilumko phakathi kwenu kweli phakade, makabe sisidenge, ukuze abe sisilumko. Kuba ubulumko beli hlabathi bubudenge kuye uThixo; kuba kubhaliwe kwathiwa, Yena uyazibambisa izilumko kubuqhetseba bazo; kwathiwa kananjalo, INkosi iyazazi izicamango zezilumko, ukuba azinto.

1 Kwabase Korinte 9:18

Uyintoni na ke ngoko umvuzo wam? Ukukuthi, ndakuzishumayela iindaba ezilungileyo, ndizenze zingabi nandleko iindaba ezilungileyo zikaKristu, ukuba ndingalisebenzisi igunya lam ezindabeni ezilungileyo ezi.

1 Kwabase Korinte 10:9

Kanjalo masingamhendi uKristu, njengokuba inxenye yabo yahendayo, yaza yatshabalala ziinyoka.

1 Kwabase Korinte 11:16

Ke ukuba ubani ubonakala ethanda ukuphika, thina asinasiko linjalo, kwanawo amabandla kaThixo.

1 Kwabase Korinte 11:18-19

Kuba kuqalake, nakuhlangana ebandleni, ndiyeva ukuba kubakho izahlukahlukano phakathi kwenu; ndithi ke kufanele ukuba zikho. Kuba kumele ukuba kubekho nezahlukano phakathi kwenu, ukuze abacikidekileyo babonakale phakathi kwenu.

1 Kwabase Korinte 11:27-32

Ngoko ke, osukuba esidla eso sonka, ayisele indebe yeNkosi, ngokungafanelekileyo, woba netyala lomzimba negazi leNkosi. Makazicikide ke ngokwakhe umntu, aze ngokunjalo adle kwisonka eso, asele kwindebe leyo; kuba lowo udlayo, uselayo, ngokungafanelekileyo, uzidlela aziselele ukugwetywa, engawucaluli nje umzimba weNkosi. Ngenxa yoku baninzi phakathi kwenu abaswele amandla, nabayimilwelwe, banele nabalele ukufa. Kuba xa besizicalula, ngesiba asigwetywa. Sigwetywa nje ke, siyaqeqeshwa yiNkosi, ukuze singasingelwa phantsi ndawonye nehlabathi.

1 Kwabase Korinte 14:19-21

kodwa ke ebandleni ndithanda ukuthetha amazwi abe mahlanu ngayo ingqiqo yam, ukuze ndibafundise nabanye, kunokuba ndithethe amazwi angamawaka alishumi, ngalulwimi lumbi. Bazalwana, musani ukuba ngabantwana engqondweni; ebubini yibani ziintsana, engqondweni ke yibani ngabantu abakhulu. Emthethweni kubhaliwe kwathiwa, Ndiya kuthetha kwaba bantu ngalwimi zimbi nangamlomo wumbi; noko ndiya kwenjenjalo, abayi kundiva, itsho iNkosi.

1 Kwabase Korinte 14:33-38

kuba uThixo akangowesiphithiphithi, ngowoxolo; njengokuba kunjalo kuwo onke amabandla abangcwele. Abafazi benu mabathi tu emabandleni; kuba abavunyelwa bona ukuba bathethe. Kuthiwa mabalulame, njengokuba usitsho nomthetho. Ukuba ke banga bangaqonda into, mabayibuze ekhaya kwawabo amadoda; kuba lihlazo kubafazi ukuthetha ebandleni. Kanene ilizwi likaThixo laphuma livela kuni na? lafika kuni nedwa, kusini na? Ukuba umntu uba ungumprofeti, nokuba uba ungowoMoya, makazazi kakuhle izinto endinibhalela zona, ukuba yimithetho yeNkosi. Ke ukuba umntu akazi, makangazi.

1 Kwabase Korinte 15:1-2

Ke kaloku, bazalwana, ndiyanazisa iindaba ezilungileyo, ezo ndazishumayela kuni, nazamkelayo nokuzamkela, nimiyo nokuma kuzo, nisindiswayo nokusindiswa ngazo, ukuba nizibambile ngelizwi endazishumayela ngalo kuni; ukuba anithe nafumana nakholwa.

1 Kwabase Korinte 15:33-34

Musani ukulahlekiswa. Incoko embi yonakalisa izimilo ezilungileyo. Qabukani kakuhle, ningoni; kuba inxenye inentswela-kumazi uThixo; nditsho kuni ukuba nidane.

2 Kwabase Korinte 2:11

ukuze singabonelelwa nguye uSathana; kuba amaqhinga akhe siyawazi.

2 Kwabase Korinte 2:14-17

Makubulelwe ke kuThixo, ohlala eduma ngathi sikuKristu, elibonakalalisa ngathi ivumba lokwaziwa kwakhe ezindaweni zonke. Ngokuba kuye uThixo silivumba elimnandi likaKristu, phakathi kwabasindiswayo naphakathi kwabatshabalalayo. Kwabanye silivumba lokufa elisa ekufeni; kwabanye silivumba lobomi elisa ebomini. Ngubani na ke ozilingeneyo ezo zinto? Kuba asithi, njengabaninzi abo, silingxengelele ilizwi likaThixo; sisuka ngokwabokungcwengeka, sisuka ngokwabakwaThixo, sithethe phambi kwamehlo kaThixo, sikuKristu.

2 Kwabase Korinte 3:6

osenze nokusenza sakulingana ukuba ngabalungiseleli bomnqophiso omtsha; singabi ngabobhalo nje kodwa, sibe singabomoya; kuba ubhalo luyabulala, umoya ke udlisa ubomi.

2 Kwabase Korinte 3:14-16

Zesuka noko zaqaqadekiswa iingqiqo zabo; kuba nanamhla sisahleli kwaeso sigqubuthelo ekulesweni kwawo umnqophiso omdala, singabhenqwanga, nto leyo ke ibhangayo kuKristu. Kusuke kwada kwaba namhlanje, kusithi, xenikweni kuleswa uMoses, kusuke kubekho isigqubuthelo entliziyweni yabo. Ke xenikweni ithe ke yona yabuyela eNkosini sosuswa kuphele isigqubuthelo eso.

2 Kwabase Korinte 4:2-4

sisuke sazilahla izinto ezifihlakeleyo eziziintloni, singahambi ngobuqhetseba, singalikhohlakalisi ilizwi likaThixo; sisuka ngokuyibonakalalisa inyaniso siziyaleze kuso sonke isazela sabantu emehlweni kaThixo. Ukuba ke zigqutyuthelwe iindaba ezilungileyo zethu, zigqutyuthelwe kwabo batshabalalayo; athe uthixo weli phakade wazimfamekisa ngaphakathi kwabo iingqiqo zabangakholwayo, ukuze singabengezeli kubo isikhanyiso seendaba ezilungileyo zobuqaqawuli bukaKristu, ongumfanekiselo kaThixo.

2 Kwabase Korinte 10:4-6

kuba zona iintonga esiphuma ngazo umkhosi, azizezenyama; kuye uThixo zinamandla okuwisa iinqaba; siwisa ngazo nje amabhongo, nayo yonke into ephakamileyo, eziphakamisayo ngokuchasa ukwazi uThixo; iingqiqo zonke sizithimbela ekumlulameleni uKristu; sizilungisele ukuphindezela konke ukungamlulameli, xa kuthe kwazaliseka okwenu ukumlulamela.

2 Kwabase Korinte 11:3-4

Ndiyoyika ke, hleze kuthi, njengokuba inyoka yamlukuhlayo uEva ngobuqhetseba bayo, zonakaliswe ngokunjalo nani iingqiqo zenu, zimke ekunyaniseni kuye uKristu. Kuba kaloku, xa lowo uzayo avakalisa omnye uYesu, esingamvakalisanga thina, nokuba namkela moya wumbi enaningamkelanga wona, nokuba ziindaba ezilungileyo ezizimbi enaningamkelanga zona, beningaba kambe niyatyapha ukumnyamezela.

2 Kwabase Korinte 11:13-15

Kuba abo banjalo ngabapostile ababuxoki, ngabasebenzi abakhohlisayo, bezimilisa okwabapostile bakaKristu. Ke akummangaliso oko, kuba noSathana ngokwakhe uzimilisa okwesithunywa sokukhanya. Akunto inkulu ke ngoko, ukuba abalungiseleli bakhe bazimilise okwabalungiseleli bobulungisa; abasiphelo siya kuba ngokwemisebenzi yabo.

2 Kwabase Korinte 13:5

Zilingeni, ukuba niselukholweni olu na; zicikideni ngokwenu. Okanye anizazi na ukuba uYesu Kristu ungaphakathi kwenu? ukuba okunene aningabo abo bangenakucikideka.

KumaGalati 1:6-7

Ndimangalisiwe kukuba niphambuke kamsinya kangaka kulowo wanibizayo ngobabalo lukaKristu, niye kwiindaba ezilungileyo ezizimbi; ezingezizo nokuba zizo ezinye; koko kukho bathile banikhathazayo, bathandayo ukuzigqwetha iindaba ezilungileyo zikaKristu.

KumaGalati 1:8-9

Ke, nokokuba sisuke thina aba, nokokuba sisuke isithunywa sasezulwini sanishumayeza iindaba ezilungileyo ezinxamnye nezo sanishumayezayo, masisingelwe phantsi. Njengokuba besesitshilo, ndiyaphinda, ndithi nangoku, Ukuba ubani unishumayeza iindaba ezilungileyo ezinxamnye nezo nazamkelayo, makasingelwe phantsi.

KumaGalati 1:10-12

Kuba ngoku ndithomalalisa abantu, ndithomalalisa uThixo, kusini na? Ndifuna ukukholisa abantu na? Ukuba ndingaba ndisakholisa abantu, ndingaba andingumkhonzi kaKristu. Ke kaloku, ndiyanazisa, bazalwana, ukuba azingokomntu iindaba ezilungileyo ezi, zashunyayelwayo ndim; kuba nam lo andizamkelanga mntwini, andizifundiswanga nokuzifundiswa; ndazamkela ngokutyhilelwa nguYesu Kristu.

KumaGalati 2:4-5

ngenxa ke yabazalwana ababuxoki, abangeniswayo bucala, bona bangena ngokunyebeleza, besiza kuhlola inkululeko yethu esinayo kuKristu Yesu, ukuze basithobele ebukhobokeni. Esathi abo asabavumela ngolulamo nokwexa elinye, ukuze inyaniso yeendaba ezilungileyo ihlale ihleli kuni.

KumaGalati 2:11-14

Ke kaloku, xenikweni uPetros wafikayo kwa-Antiyokwe, ndamelana naye ngokusekuhleni, ngokuba ube engogwetyiweyo. Kuba phambi kokuba kufike abathile bevela kuYakobi, wadla ndawonye nabeentlanga; ke wathi bakufika, wesuka wanqwanqwa, wazahlula kubo, esoyika abo bolwaluko. Ke ahanahanisa njengaye namanye amaYuda; wada noBharnabhas wakhukuliswa luhanahaniso lwawo. Xenikweni ke ndabonayo ukuba abathe ngqo ukuhamba enyanisweni yeendaba ezilungileyo, ndathi kuPetros phambi kwabo bonke, Ukuba wena, ungumYuda nje, uhleli ngokwabeentlanga, ungahlali ngokobuYuda, yini na ukuba ubanyanzele abeentlanga ukuba bahlale ngokobuYuda?

KumaGalati 3:1

Ehlani, maGalati aswele ukuqonda! Ngubani na oninyangileyo, ukuba ningayithambeli nje inyaniso, ebethe nje phambi kwamehlo enu uYesu Kristu wabhalwa, wabhegezwa phakathi kwenu, ebethelelwe emnqamlezweni?

KumaGalati 6:1-3

Bazalwana, ukuba umntu uthe waqutyulwa nokuqutyulwa sisiphoso esithile, nina bangaboMoya, mlulekeni onjalo ninomoya wobulali; uzilumkela ukuba ungahendwa nawe. Thwalisanani ubunzima, ize ngokunjalo niwuzalise umthetho kaKristu; kuba umntu, ukuba uba uyinto, engento, uyazikhohlisa.

KumaGalati 6:6-8

Makathi ke lowo ufundiswayo ilizwi, abelane nalowo ufundisayo ngeento zonke ezilungileyo. Musani ukulahlekiswa; uThixo yena asingowokuhlekisa. Kuba into athe wahlwayela yona umntu, wovuna kwayona; ngokuba lowo uhlwayelela eyakhe inyama, wovuna ukonakala ngokwasenyameni; lowo uhlwayelela uMoya ke, wovuna ubomi obungunaphakade ngokwaseMoyeni.

Kwabase Efese 4:14-15

ukuze singabi saba ziintsana, silatyuzwa, siphetshethwa ngumoya wonke wemfundiso, ngokunyanga kwabantu, ngobuqhetseba obusemaqhingeni olahlekiso; sithi ke, sinyanisekile eluthandweni, sikhulele, ngeendawo zonke, kuye lo uyintloko, uKristu;

Kwabase Efese 4:17-18

Ke ngoko, oku ndiyakuthetha ndikungqine ndiseNkosini, ukuthi, maningabi sahamba njengoko zihamba ngako nezinye iintlanga, ngamampunge engqiqo yazo, zenziwe mnyama iingqondo, zingazani nobomi bukaThixo ngenxa yokungazi okukuzo, ngenxa yokuqaqadeka kwentliziyo yazo;

Kwabase Efese 4:25

Kungoko ke ndithi, lahlani ubuxoki, thethani inyaniso elowo nommelwane wakhe; ngokuba singamalungu, omnye elelomnye.

Kwabase Efese 4:29

Makungaphumi nanye intetho ebolileyo emlonyeni wenu; mayibe yesukuba ilungele ukuxuma oko kuluncedo, ukuze ibabale abevayo.

Kwabase Efese 5:6

Makungabikho namnye unilukuhlayo ngamazwi alambathayo; kuba iza ngenxa yezo zinto ingqumbo kaThixo phezu kwabangevayo.

Kwabase Efese 5:8-10

Kuba nina naye nifudula nibubumnyama, ke ngoku nikukukhanya, niseNkosini nje; hambani ke ngokwabantwana bokukhanya. Kuba sona isiqhamo soMoya sikuko konke ukulunga, nobulungisa, nenyaniso; nicikida ukuba yintoni na ekholekileyo kakuhle kwiNkosi.

Kwabase Efese 5:11

Kanjalo musani ukuba nabudlelane ngemisebenzi yobumnyama engenasiqhamo; makube kukhona niyohlwayayo.

Kwabase Efese 6:12

Ngokuba umzamo wethu asingowokuzamana negazi nenyama; ngowokuzamana nazo izilawuli, nawo amagunya, nazo iziphatha-hlabathi zobumnyama balo eli phakade, nayo imikhosi yomoya abakhohlakeleyo kwezasezulwini iindawo.

Kwabase Efese 6:14-17

Misani ke ngoko, nibhinqe inyaniso esinqeni senu, ninxibe isigcina-sifuba sobulungisa, nibophe ezinyaweni zenu ulungiselelo lweendaba ezilungileyo zoxolo. Ngaphezu kwezo zinto zonke, qubulani ikhaka lokholo, lona nothi ngalo nibe nako ukuzicima zonke iintolo ezinomlilo zakhe ongendawo. Yamkelani isigcina-ntloko sosindiso, nalo ikrele loMoya, elililizwi likaThixo;

Kwabase Filipi 1:9-10

Nako oku ndiya kuthandazela, ukuba uthando lwenu lube kukhona luphuphuma ngokuphuphuma ukwazi okukhulu, nako konke ukuqonda, ukuze nizicikide izinto eziziincamisa, ukuze nibe nokusulungeka, ningabi nasiwo, nide nise kwimini kaKristu;

Kwabase Kolose 2:4

Nditsho ke, ukuze kungabikho bani unilukuhlayo ngentetho egudileyo.

Kwabase Kolose 2:8

Lumkani, kungabikho bani unithimbayo ngayo intanda-bulumko, nangokulukuhla okungento yanto, ngokwesithethe sabantu, ngokweziqalelo zehlabathi, kungengokukaKristu.

Kwabase Kolose 2:18

Makungabikho namnye unilahlekanisa nomvuzo wenu, ethanda ukwenjenjalo ngokuthobeka kwentliziyo, nangokunqula izithunywa zezulu, engena ezintweni angazibonanga, efumana wakhukhumaliswa yiyo ingqiqo yenyama yakhe,

Kwabase Kolose 2:20-23

Ukuba ngoko nafa noKristu, nakhululeka kuzo iziqalelo zehlabathi, yini na ukuba ninge nisadla ubomi ngokwabehlabathi, nimiselwe imimiselo (eyokuthi, Musa ukuphatha, musa ukungcamla, musa ukuchukumisa, kanti zonke ezi zinto zezonakaliswa kukudliwa), nenze ngokwemithetho neemfundiso zabantu? Okunene zizinto ezo ezidunyelwe bubulumko ngokunqula okuzithandelayo, nangokuthobeka kwentliziyo, nangokubandezela umzimba, kodwa kungengambeko yanelisa inyama.

Kwabase Kolose 3:9-10

Musani ukuxokisana, nizihlubile nje umntu omdala, kunye nezenzo zakhe, nambatha lowo umtsha, uhlaziyelwa ekwazini okuhle, ngokomfanekiselo walowo wamdalayo;

1 Kwabase Tesalonika 5:21

Izinto zonke zicikideni, nibambe leyo intle.

2 Kwabase Tesalonika 2:3

Makungabikho bani unilukuhlayo nangalunye uhlobo; ngokuba ayinakufika yona, lungakhanga lufike ulahlo kuqala, atyhileke umntu wesono, unyana wotshabalalo;

2 Kwabase Tesalonika 2:9-12

kwalowo, ukufika kungokokusebenza kukaSathana, ngayo imisebenzi yonke yamandla, nemiqondiso, nezimanga zobuxoki, nangako ukulukuhla konke kokungalungisi kwabo batshabalalayo; ngenxa enokuba bengakwamkelanga ukuyithanda inyaniso, ukuze basindiswe. Nangenxa yoko, uThixo uya kubathumela ulahlekiso olusebenza ngamandla, ukuze bakholwe bubuxoki; ukuze bagwetywe bonke abangakholwanga yiyo inyaniso, basuka bakholiswa kuko ukungalungisi.

2 Kwabase Tesalonika 2:15

Ngoko ke, bazalwana, yimani, nizibambe izithethe enazifundiswayo, nokuba kungelizwi, nokuba kungencwadi yethu.

2 Kwabase Tesalonika 3:6

Ke kaloku siyanithethela, bazalwana, egameni leNkosi yethu uYesu Kristu, ukuba nikhwebuke kubo bonke abazalwana abahamba ngokunxaxha, bengahambi ngokwesithethe abasamkelayo kuthi.

1 KuTimoti 1:3-7

Njengoko ndakuyalayo ukuba uhlale e-Efese, ndakuba mna ndisiya kwelaseMakedoni, ndenjenjalo ukukuyala nangoku, ukuze ubathethele abanye, bangafundisi mfundiso yimbi; kananjalo banganyamekeli zintsomi namilibo yakuzalwa engaphele ndawo, izinto ezo ezibanga iimbuzwano, zingahambisi lona ulwakho lukaThixo olungokholo. Ke intsingiselo yoyalo iluthando oluphuma entliziyweni ehlambulukileyo, nasesazeleni esilungileyo, naselukholweni olungahanahanisiyo; abathe abathile, beziphosile ezo nto, baphambukela ekuthetheni okungento yanto; bethanda ukuba ngabafundisi bomthetho, phofu bengaziqiqi izinto abazithethayo, kwanezo bazingqinayo.

1 KuTimoti 2:4-7

onga yena bangasindiswa bonke abantu, bafikelele ekuyazini inyaniso. Kuba mnye uThixo; mnye nomlamli phakathi koThixo nabantu, umntu uKristu Yesu, lowo wazinikelayo ukuba abe yintlawulelo yokukhulula abantu bonke; ubungqina ke obo bokungqinwa ngamaxesha angawabo; endithe ndamiselwa bona mna, ukuba ndibe ngumshumayeli nompostile (ndithetha inyaniso ndikuKristu, andixoki), umfundisi weentlanga elukholweni nasenyanisweni.

1 KuTimoti 2:11-14

Umfazi, ezolile, makafunde ethobele konke. Umfazi ke andimvumeli ukuba afundise, nokuba ayilawule indoda; makazole. Kuba kwabunjwa uAdam kuqala, kwandula ke ukubunjwa uEva. Kanjalo akulukuhlwanga Adam; kulukuhlwe umfazi, waba sekugqitheni.

1 KuTimoti 4:1-2

Ke kaloku uMoya uthi ngokucacileyo inxenye iya kumka elukholweni, ngamaxesha asemva, inyamekele oomoya abalahlekisayo, neemfundiso zeedemon; imka nohanahaniso lwabathetha ubuxoki, betshiswe isazela sabo ngentsimbi;

1 KuTimoti 4:6-7

Ukuba uthe ezi zinto wazibeka phambi kwabazalwana, woba ngumlungiseleli omhle kaYesu Kristu, wondliwe ngamazwi okholo, nawemfundiso entle oyilandelayo. Ke zona iintsomi ezihlambelayo zamaxhegokazi zimangale. Ziqhelise ukuhlonela uThixo.

1 KuTimoti 4:11-16

Bathethele ezi zinto, ufundise zona. Makungabikho namnye ubudelayo ubuncinane bakho; suka ube ngumzekelo wabakholwayo ngentetho, ngehambo, ngothando, ngokholo, ngobunyulu. Nyamekela imfundo, uvuselelo, imfundiso, ndide ndifike. Ungasihilizeli isipho esingokubabalwa, esikuwe; owasinikwayo ngesiprofeto, kunye nokubekwa izandla yintlanganiso yamadoda amakhulu. Zinyamekele ezo zinto, hlala kwezo zinto, ukuze ukuhambela kwakho phambili kubonakale kwinto yonke. Zilumkele wena nemfundiso yakho; hlala uhleli kwezo zinto; kuba ngokwenza oko, wozisindisa wena, ubasindise nabo bakuvayo.

1 KuTimoti 5:17-18

Amadoda amakhulu, awongamela kakuhle, makabalelwe ekuthini afanelwe yimbeko ephindwe kabini, ngokukodwa lawo abulalekayo elizwini nasemfundisweni. Kuba sitsho isibhalo ukuthi, Uze ungayibophi umlomo inkomo ibhula; nokuthi, Umsebenzi uwufanele umvuzo wakhe.

1 KuTimoti 5:19-22

Ukumangalelwa kwendoda enkulu musa ukukwamkela, kungabangakho mangqina mabini nokuba mathathu. Abo bonayo, bohlwaye emehlweni abantu bonke, ukuze nabanye aba babe nokoyika. Ndiyakuqononondisa emehlweni kaThixo, neNkosi yethu uYesu Kristu, nezithunywa zezulu ezinyuliweyo, ukuba uzigcine ezi zinto ungaqali ugwebe, ungenzi nto ngokwayama bani. Ungangxami ubeke izandla phezu kukabani, kanjalo ungadlelani nabanye ngezono zabo; zigcine nyulu.

1 KuTimoti 6:3-5

Ukuba umntu ufundisa mfundiso yimbi, angavumani namazwi aphilileyo angaweNkosi yethu uYesu Kristu, nemfundiso engokokuhlonela uThixo: uthiwe lwale likratshi, engazi lutho kakuhle; ufa kukukhanuka iimbuzwano namaphike amazwi, ekuthi kwezo nto kuphume umona, iinkani, izinyeliso, izirhano ezingendawo, iimpikiswano zochuku lwabantu abonakele iingqiqo, abahluthwe inyaniso, beba ukuhlonela uThixo kukusekeleza inzuzo.

1 KuTimoti 6:20-21

Wa, Timoti, loo nto uyiphathisiweyo yigcine, uphambuke ezintethweni ezingezizo, ezihlambelayo, nakwiinkcaso zokwazi, okubizwa njalo kuxokwa; abasuke abathile, bethe banako oku kwazi, baluphosa ukholo. Ubabalo malube nawe. Amen.

2 KuTimoti 2:14

Bakhumbuze ezo zinto, uqononondise emehlweni eNkosi, ukuba kungenziwa mfazwe yamazwi angancedi lutho, kuze kubhukuqeke abaphulaphuli.

2 KuTimoti 2:15-16

Kukhuthalele ukuzimisa phambi koThixo ucikidekile, ungumsebenzi ongenazintloni, ulungisa ukulahlula ilizwi lenyaniso. Ke zona iintetho ezingento, ezihlambelayo, zinxweme; kuba ziya kuhambela phambili kokukhona kungahloneli Thixo.

2 KuTimoti 2:17-19

Nelizwi labo liya kudla njengesilonda esiqhenqethayo; abanoHimenayo noFileto, abathe bona bayiphosa inyaniso, besithi uvuko seluthe lwakho, kananjalo belubhukuqa ukholo lwenxenye. Noko ke limi, lithe nkqi, ilitye lesiseko likaThixo, linambhalo uthi, INkosi iyabazi abangabayo; nothi, Mabasuke kuko ukungalungisi, bonke abalibizayo igama likaKristu.

2 KuTimoti 2:23-26

Yinxweme imibuzwana yobudenge engenangqeqesho, usazi ukuba izala imfazwe. Ke umkhonzi weNkosi akamele kulwa; umele ukuba nokuthantamisa kubantu bonke, enokufundisa, enyamezela ububi, ebaqeqesha ngobulali abo baphikayo; ukuba akangethi na kanti uThixo abaphe inguquko esa ekuyazini inyaniso, babuye baqabuke, baphume esibatheni sakhe uMtyholi, ababanjiselwe ukuthanda kwakhe nguye.

2 KuTimoti 3:2-5

Kuba abantu baya kuba ngabazithandayo, abathandi bemali, abaqhankqalazi, abakratshi, abanyelisi, abangeva bazali, abangabuleliyo, abangengcwele, abangenabubele, abangenatarhu, abatyholi, abangenakuzeyisa, izibhoja, abangenakuthanda kulunga, abancethezi, izityhuthutyhuthu, abathiwe lwale likratshi, abathandi beziyolo kunokuba bathande uThixo; benokumila kokuhlonela uThixo, ukanti bayawakhanyela amandla ako. Kwabo ke khwebuka.

2 KuTimoti 3:6-7

Kuba baphuma kwaba, abo banyebelezela ezindlwini, bathimbe abafazazana abazono ziziimfumba, bephethwe ziinkanuko ngeenkanuko, behlala befunda, bangaze phofu babe nako ukufika ekuyazini inyaniso.

2 KuTimoti 3:8-9

Kwangolo hlobo ke, bathi ooYanes noYambres bamchasa uMoses, ngokunjalo nabo aba bayayichasa inyaniso. Bangabantu abonakele iingqiqo, abangenakucikideka ngakulo ukholo. Abayi kuhambela phambili ngakumbi; kuba ukungabi nangqiqo kwabo kuya kubonakala kubantu bonke, njengokuba kwaba njalo okwabaya.

2 KuTimoti 3:12-13

Nabo bonke ke abathanda ukuhlala ngokuhlonela uThixo kuKristu Yesu baya kutshutshiswa. Ke bona abantu abangendawo noosiyazi, kukhona baya kuhambela phambili ebubini, belahlekisa, belahlekiswa.

2 KuTimoti 3:14-17

Ke wena yima ezintweni owazifundayo, waqiniselwa kuzo, umazi owazifunda kuye; nokuba uzaze kwasebuntwaneni izibhalo ezingcwele, ezinako ukukulumkisela elusindisweni ngokukholwa kuKristu Yesu. Sonke isibhalo, siphefumlelwe nguThixo nje, sikwancedela ukufundisa, ukohlwaya, ukululeka, ukuqeqesha okusebulungiseni, ukuze umntu kaThixo afaneleke, exhobele wonke umsebenzi olungileyo.

2 KuTimoti 4:2-4

livakalise ilizwi; zingisa ukwenjenjalo ngamathuba alungileyo naxakileyo; yohlwaya, khalimela, vuselela, unako konke ukuzeka kade umsindo, nokufundisa. Kuba kuya kubakho ixesha abangayi kuyinyamezela imfundiso ephilileyo; baya kusuka ngokweenkanuko zabo bazifumbele abafundisi, bebaba iindlebe; babeya kuzisonga zimke iindlebe kuyo inyaniso, baphambukele ke kuzo iintsomi.

KuTito 1:9-16

ebambelele ezwini elithembekileyo ngokwemfundiso, ukuze abe nako ukuvuselela ngayo imfundiso ephilileyo, nokubohlwaya badane abaphikayo. Kuba baninzi abathethi bezinto ezingento nabakhohlisi, abaswele intobeko, ngokukodwa abo bolwaluko, abamelwe kukuvingcwa imilomo; abathi izindlu ziphela bazibhukuqe, befundisa izinto ezingafanelekileyo ngenxa yenzuzo embi. Wathi omnye wabo, kwaumprofeti wakowabo, AmaKrete ahlala engamaxoki, amarhamncwa amabi, amadla-kudla angasebenziyo. Obo bungqina buyinene. Ngenxa yeli thuba bohlwaye kabukhali, badane, ukuze baphile elukholweni; banganyamekeli zintsomi zabuYuda, namithetho yabantu abayinikela umva inyaniso. Izinto zonke zihlambulukile kwabahlambulukileyo; kwabadyobhekileyo nabangakholwayo, akukho nto ihlambulukileyo; kusuke kwadyobheka nengqiqo nesazela sabo. Bayavuma ukuba bayamazi uThixo; kanti ngayo imisebenzi bayamkhanyela, bengamasikizi, bengabangevayo, nakumsebenzi wonke olungileyo bengenakucikideka.

KuTito 2:1-2

Ke wena, thetha izinto eziyifaneleyo imfundiso ephilileyo; ukuba amadoda amakhulu abe ziingcathu, andileke, abe nesidima, aphile elukholweni, eluthandweni, elunyamezelweni;

KuTito 2:3-5

ukuba abafazi abakhulu kwangokunjalo babe nesimilo esibafaneleyo, bangabi ngabatyholi; bangazilahleli kwiwayini eninzi; bafundise okuhle; ukuze bayale abafazana ukuba babe nesidima, bawathande amadoda abo, babathande abantwana babo, babe nesidima, babe nyulu, basebenze ezindlwini zabo, babe nokulunga, bawathobele awabo amadoda, ukuze ilizwi likaThixo linganyeliswa.

KuTito 2:6-8

Kwangokunjalo amadoda amatsha wayale ukuba abe nesidima. Ezintweni zonke zenze umzekelo wemisebenzi emihle; emfundisweni ube ngomsulwa, ngondilekileyo, ngolizwi liphilileyo, lingenakugwetywa; ukuze ochasayo abe neentloni, engenanto imbi yakuthetha ngani.

KuTito 2:9-10

Amakhoboka wathethele ukuba azithobele iinkosi zawo, abe ngakholekileyo kakuhle ezintweni zonke, engaphiki; angashinti; asuke abonakalalise konke ukuthembeka okulungileyo, ukuze ayivathise imfundiso yoMsindisi wethu uThixo ezintweni zonke.

KuTito 3:9-11

Ke yona imibuzo yobudenge, nemilibo yokuzalwa, neenkani, nokulwa ngawo umthetho, zinxweme, kuba azincedi lutho, asinto zanto. Umntu ongumahlukanisi, akuba elulekwe kanye nokuba kukabini, mmangale; usazi ukuba onjalo ugwenxeke kwaphela; uyona, ezigwebile ngokwakhe.

KumaHebhere 2:1-3

Ngenxa yoko, simelwe kukuzinyamekela ngokugqithiseleyo izinto esazivayo, hleze sikhukuliswe simke kuzo. Kuba, ukuba ilizwi elathethwa ngezithunywa zezulu laqina, kwathi konke ukugqitha nokungeva kwamkela umvuzo oyeleleyo; sothini na thina ukusinda, sakuba siluhilizele usindiso olungakanana, lona lwaqalwa ukuthethwa yiyo iNkosi, lwaza lwaqiniselwa kuthi ngabo baluvayo;

KumaHebhere 3:12

Lumkani, bazalwana, hleze kubekho kubani wenu intliziyo engendawo, engakholwayo, enokumka kuThixo ophilileyo;

KumaHebhere 3:18-19

Wafungela oobani na ke, ukuba abayi kungena ekuphumleni kwakhe, ingengabo abo bangevanga? Siyabona ke, ukuba babengenakungena, ngenxa yokungakholwa.

KumaHebhere 4:12-13

Kuba ilizwi likaThixo liphilile, lisebenza, libukhali ngaphezu kwamakrele onke antlangothi mbini; lihlaba liphumele, lide lahlule umphefumlo kwanomoya, amalungu kwanomongo; linokugweba iingcingane nezicamango zentliziyo. Kanjalo akukho sidalwa singabonakaliyo emehlweni akhe; izinto zonke ke zize, zityhilekile, emehlweni alowo esinokuthana ni naye.

KumaHebhere 6:4-6

Kuba abo bakha bakhanyiselwa, basiva isipho sasemazulwini, baba ngamadlelana ngoMoya oyiNgcwele, bayiva incasa yelizwi elihle likaThixo, kwanamandla ephakade eliza kubakho, baza babuya bakreqa: akunakwenzeka ukuba babuye bahlaziyelwe enguqukweni; ekubeni bephinda ukuzibethelelela emnqamlezweni uNyana kaThixo, bamhlaze ekuhleni.

KumaHebhere 10:26-29

Kuba, xa sithi sone ngabomi, emveni kokuba sakwamkelayo ukwazi inyaniso, akusasele dini ngenxa yezono; sekusele ke ukulinda okoyikekayo kakhulu, umgwebo nomsindo womlilo, oza kudla abo bachasileyo. Umntu obegiba okaMoses umthetho, ubebulawa kungekho tarhu, ngezwi lamangqina amabini, nokuba mathathu. Niba wobeka phi na ke ukufanelwa kukubethwa okubi ngakumbi, lo umnyathelele phantsi uNyana kaThixo, walibalela ekuthini liyinqambi igazi lomnqophiso athe wangcwaliswa ngalo, wamgxeka uMoya wobabalo?

KumaHebhere 12:15-17

nivelela, ukuze kungabikho bani usilelayo elubabalweni lukaThixo, kungabikho ngcambu yabukrakra, ithi ivele ihlume, inikhathaze, bathi abaninzi badyojwe yiyo; kungabikho bani ulihenyu, nokuba ngumhlambeli, njengoEsawu, owathi ngenxa yentwana yokudla wananisa ngobuzibulo bakhe. Kuba niyazi ukuba wathi kamva, ethanda ukuyidla ilifa intsikelelo, walahlwa; kuba akafumananga thuba languquko, noko wayingxamelayo ngeenyembezi.

KumaHebhere 13:9

Musani ukuphetshethwa ziimfundiso ngeemfundiso nezingezizo; kuba kuhle ukuba intliziyo iqine lubabalo; kungabi ngeento ezidliwayo, abangancedekanga zizo abo bahamba kuzo.

EkaYakobi 1:3-5

nisazi nje ukuba ucikido lokholo lwenu lusebenza umonde. Umonde ke mawube nomsebenzi ozalisekileyo, ukuze nibe ngabazalisekileyo, abagqibeleleyo, ningaswele nto. Ukuba ke ubani kuni uswele ubulumko, makacele kuThixo, onika bonke engenakumbi, engangcikivi; wobunikwa.

EkaYakobi 1:22-24

Yibani ke ngabenzi belizwi, ningabi ngabaphulaphuli kodwa, nizidephisela. Ngokuba umntu, ukuba ungumphulaphuli nje welizwi, engemenzi walo, lowo ufana nendoda eqiqa ubuso bayo bobuntu esipilini; kuba iyaziqiqa, imke, ilibale kwaoko ukuba ibinjani na.

EkaYakobi 3:1-2

Musani ukuba ngabafundisi abaninzi, bazalwana bam, nisazi nje ukuba siya kwamkela olona lukhulu ugwebo. Kuba siyakhubeka kaninzi sonke. Ukuba umntu akakhubeki zwini, lowo uyindoda egqibeleleyo, enako ukuwubamba ngomkhala nawo umzimba uphela.

EkaYakobi 3:5-6

Ngokunjalo nalo ulwimi, lulilungu elincinanana nje, luyagwagwisa kakhulu. Yabona ke, umlilo omncinane utshisa ihlathi elikhulu. Nolwimi olu ngumlilo, lihlabathi elizele kukungalungisi; lunjalo ulwimi ukuhlala phakathi kwamalungu ethu. Lona luyawudyobha umzimba uphela, luvuthisa intenda yobomi; lona ke luvuthiswa sisihogo somlilo.

1 KaPetros 2:7-8

Kuni ngoko bakholwayo, liyimbeko; ke kwabangevayo, Ilitye abalicekisayo abakhi, Lelona laba yintloko yembombo, Ilitye ke lokuwisa, iliwa ke lokukhubekisa, kwabo bakhubekayo, bengaliva ilizwi; into ke leyo abamiselwe nokumiselwa yona.

1 KaPetros 3:10

Kuba Lowo unga angathanda ubomi, Ayibone imihla elungileyo, Makaluphezise ulwimi lwakhe ebubini, Nomlomo wakhe ungathethi inkohliso;

1 KaPetros 3:15-16

INkosi ke uThixo yingcwaliseni ezintliziyweni zenu, nihlale ke nikulungele ukuziphendulela kumntu wonke obuzayo kuni ilizwi, ngalo ithemba elingaphakathi kwenu, ninobulali noloyiko; ninesazela esilungileyo, ukuze kuloo nto banithethela okubi, ngathi ningabenzi bokubi, badane abo bayigxekayo ihambo yenu elungileyo kuKristu.

1 KaPetros 5:8-9

Yibani nobungcathu, phaphani; ngokuba ummangaleli wenu, uMtyholi, uhamba njengengonyama egqumayo, efuna ubani angamginyayo; mchaseni lowo, nizimasekile elukholweni, nisazi ukuba kwaezo ntlungu ziyenzeka kubo abazalwana benu abasehlabathini.

2 KaPetros 1:20-21

nisazi oku kuqala, ukuba sonke isiprofeto sesibhalo asibikho ngokuzicombululela. Kuba akukhanga kubekho siprofeto ngokuthanda komntu; bathi abantu abangcwele bakaThixo bathetha beqhutywa nguMoya oyiNgcwele.

2 KaPetros 2:1-3

Ke kaloku, kwakukho nabaprofeti ababuxoki phakathi kwabantu; njengokuba naphakathi kwenu kuya kubakho abafundisi ababuxoki, bona baya kungenisa bucala amahlelo entshabalalo, bemkhanyela uMnini-nto-zonke owabathengayo, bezizisela intshabalalo emsinya. Baninzi abaya kulandela intshabalalo yabo; eya kunyeliswa ngenxa yabo indlela yenyaniso. Bathi benokubawa, banibonelele ngamazwi alalanisayo; abakugwetywa kungaphumliyo kwakudala, nayo intshabalalo yabo ayozeli.

2 KaPetros 2:20-21

Kuba xa bathi, besindile nje kuzo izidyobho zehlabathi ngokuyazi iNkosi, uMsindisi uYesu Kristu, babuye ke bazibhijele ngazo, boyiswe zizo, zisuke iziphelo zabo zaba mandundu kuneziqalo zabo. Kuba ngekubalungele kanye, ukuba bebengayazanga indlela yobulungisa, kunokuba bathi beyazile, babuye umva, baphume kuwo umthetho ongcwele abawuwiselwayo.

2 KaPetros 3:16

njengokuba, nasezincwadini zakhe zonke, ethetha kuzo ngezo ndawo; ekukhoyo kuzo zithile ziqiqeka nzima, abathi abangafundileyo, nabangazimasekileyo, bazigqwethele kokwabo ukutshabalala, njengokuba bezenjenjalo nezinye izibhalo.

2 KaPetros 3:17-18

Nina ngoko, zintanda, nizazi nje ngenxa engaphambili ezo zinto, zigcineni okwenu, ukuze ningathi, nikhukuliswe lulahlekiso lwabangenammiselo, niphalale kokukokwenu ukuqina. Khulani ke elubabalweni na sekuyazini iNkosi yethu, uMsindisi uYesu Kristu. Kuye malubekho uzuko nangoku, kuse nakwimini engunaphakade. Amen.

1 UYohane 1:5-6

Lulo olu ke udaba esiluvileyo kuye, esinityela lona, lokuba uThixo ukukukhanya, akukho bumnyama kuye nakanye. Ukuba sithi sinobudlelane naye, sibe sihamba ebumnyameni, soba siyaxoka, asiyenzi inyaniso;

1 UYohane 2:3-6

Sazi ngale nto ukuba siyamazi, ngokuthi siyigcine imithetho yakhe. Lowo uthi, Ndimazile, abe engayigcini imithetho yakhe, ulixoki, kulowo ayikho inyaniso. Ke othi aligcine ilizwi lakhe, okwenyaniso uthando lukaThixo lugqibelele kulowo; sazi ngaloo nto ukuba sikuye. Lowo uthi uhleli kuye, ufanele ukuthi, njengoko wahambayo yena, enjenjalo ukuhamba naye.

1 UYohane 2:26-27

Ezo zinto ndinibhalele ngabo banilahlekisayo. Nina intambiso enayamkelayo kuye ihleli kuni, aniswele kwakuba nifundiswe ngubani; kunjengokuba kwaloo ntambiso inifundisa ngeento zonke, iyinene, ingebuxoki; njengokuba ke yanifundisayo, hlalani kuye.

1 UYohane 4:1-3

Zintanda, musani ukukholwa ngoomoya bonke, bacikideni oomoya ukuba ngabakaThixo na; ngokuba baninzi abaprofeti ababuxoki, abaphume bangena ehlabathini. Mazini ngale nto uMoya kaThixo: umoya wonke omvumayo uYesu Kristu eze esenyameni, ungokaThixo; nomoya wonke ongamvumiyo uYesu Kristu eze esenyameni, asingokaThixo; lo ngokamchasi-Kristu, lowo niwuvileyo ukuba uyeza; nangoku uselukho ehlabathini.

1 UYohane 4:5-6

Bona ngabehlabathi; ngenxa yoko bathetha okwehlabathi, ihlabathi liyabeva ke. Thina singabakaThixo, lowo umaziyo uThixo uyasiva thina; ongengokaThixo akasiva. Siwazi ngaloo nto umoya wayo inyaniso, nomoya walo ulahlekiso.

2 UYohane 1:6

Lulo ke olu uthando, ukuba sihambe ngokwemithetho yakhe. Nguwo lo umthetho, njengokuba nevayo kwasekuqalekeni, ukuba nihambe kuwo.

2 UYohane 1:7-8

Ngokuba kungene abalahlekisi abaninzi ehlabathini, abangamvumiyo uYesu Kristu esiza esenyameni. Lowo ngumkhohlisi nomchasi-Kristu. Zilumkeleni, ukuba singalahlekani nezinto esizisebenzileyo; masamkele umvuzo ozalisekileyo.

2 UYohane 1:9-11

Bonke abagqithayo, abangahlaliyo emfundisweni kaKristu, abanaThixo; ohleliyo emfundisweni kaKristu, lowo unaye uYise noNyana. Ukuba umntu uza kuni, engazisi yona le mfundiso, musani ukumamkela endlwini yenu, ningambulisi nokumbulisa; kuba lowo umbulisayo unobudlelane naye ngemisebenzi yakhe engendawo.

3 UYohane 1:9-10

Ndalibhalela ibandla; ke usuke lowo uthanda ukuzenza mkhulu kubo, uDiyotrefe, angasamkeli. Ngenxa yoko, ukuba ndithe ndafika, ndomkhumbuza imisebenzi yakhe ayenzayo, ephololoza ngathi ngamazwi angendawo; enganeli koko, usuka angabamkeli abazalwana ngokwakhe, abalele abanga bangenjenjalo, abakhuphe ebandleni.

EkaYuda 1:3-4

Zintanda, ndikukhuthalele ngenyameko yonke nje ukunibhalela ngalo usindiso esidlelana ngalo, kwafuneka ukuba ndinibhalele, ndinivuselele, ukuba niluzamele ukholo abalunikelwayo kwakanye abangcwele. Kuba kuthwethwe bantu bathile; abo babebalulelwe ngenxa engaphambili kolo lugwebo, abangahloneli Thixo, belujikela eburheletyweni ubabalo lukaThixo wethu, bemkhanyela okuphela koMnini-nto-zonke, uThixo wethu, iNkosi yethu uYesu Kristu.

IsiTyhilelo 2:2

Ndiyayazi imisebenzi yakho, nokubulaleka kwakho, nomonde wakho, nokuba ungenako ukubathwala abanobubi; nokuba wabalinga abathi bangabapostile, bengengabo, wabafumana bengamaxoki.

IsiTyhilelo 2:9

Ndiyayazi imisebenzi yakho, nembandezelo, nobuhlwempu (noko usisityebi), nonyeliso lwabo bathi bangamaYuda bona, bengengawo, besisikhungu sikaSathana.

IsiTyhilelo 2:14-16

Noko ke ndineendawana ngakuwe: ezi zokuba unabo apho abayibambe bayiqinisa imfundiso kaBhileham, owamfundisayo uBhalaki ukuphosa isikhubekiso phambi koonyana bakaSirayeli, ukuba badle izinto ezibingelelwe izithixo, benze nombulo. Ngokunjalo nawe unabayibambe bayiqinisa imfundiso yamaNikolawo, into leyo endiyithiyileyo. Guquka, okanye ndoza kuwe kamsinya, ndenze imfazwe nabo ngalo ikrele lomlomo wam.

IsiTyhilelo 2:20

Noko ke ndineendawana ngakuwe: ezi zokuba umvumela umfazi lowo uIzebhele, othi yena ungumprofetikazi, ukuba abafundise abalahlekise abakhonzi bam, ukuba benze umbulo, badle izinto ezibingelelwe izithixo.

IsiTyhilelo 3:15-17

Ndiyayazi imisebenzi yakho, ukuba akubandi, akushushu; akwaba ububanda, akwaba ubushushu. Ngenxa enokuba ke udikidiki, ungabandi, ungeshushu, ndiza kukuhlanza uphume emlonyeni wam. Ngokuba uthi, Ndisisityebi, ndizityebisile, andiswele nto; ube ungazi ukuba uludwayinge, ulusizana, ulihlwempu, uyimfama, uhamba ze;

IsiTyhilelo 3:19

Mna, bonke endibathandayo ndiyabohlwaya, ndibaqeqeshe; zondelela ngoko uguquke.

IsiTyhilelo 12:9-11

Yaphoswa phantsi inamba enkulu, inyoka yakudala, leyo kuthiwa nguMtyholi, uSathana ke, lowo ulilahlekisayo elimiweyo liphela; yaphoswa emhlabeni, nezithunywa zayo zaphoswa kunye nayo. Ndaza ndeva izwi elikhulu emazulwini lisithi, Ngoku luthe usindiso, namandla, nobukumkani, lwaba lolukaThixo wethu, negunya laba lelikaKristu wakhe; ngokuba ukhahlelwe phantsi ummangaleli wabazalwana bethu, lowo ubamangalelayo emehlweni kaThixo wethu imini nobusuku. Bameyisile bona ngenxa yegazi leMvana, nangenxa yelizwi lobungqina babo; abawuthandanga umphefumlo wabo, kwada kwasekufeni.

IsiTyhilelo 18:4

Ndeva elinye izwi liphuma emazulwini lisithi: Phumani kuyo, bantu bam, Ukuze ningadlelani nayo ngezono zayo, Nokuze ningamkeliswa kwizibetho zayo.

IsiTyhilelo 18:23

Nokukhanya kwesibane akusayi kuba sakhanya kuwe; Nezwi lomyeni nelomtshakazi alisayi kuba saviwa kuwe; Ngokuba abarhwebi bakho bebengamanene omhlaba; Ngokuba zonke iintlanga zalahlekiswa kukukhafula kwakho.

IsiTyhilelo 19:20

Labanjwa ke irhamncwa; kunye nalo kwabanjwa umprofeti obuxoki, lowo wayenzayo imiqondiso emehlweni alo, wabalahlekisa ngayo abo balwamkelayo uphawu lwerhamncwa, nabo baqubuda kuwo umfanekiselo walo; baphoswa behleli abo bobabini edikeni lomlilo elivutha isulfure.

IsiTyhilelo 20:2-3

Sayibamba inamba, loo nyoka yakudala enguMtyholi, uSathana ke, sayikhonkxa iminyaka eliwaka. Sayiphosa enzonzobileni, sayivalela, satywina ngaphezu kwayo, ukuze ingabi sazilahlekisa iintlanga, ide izaliseke iminyaka eliwaka; emva koko imelwe kukukhululwa ixeshana elincinane.

IsiTyhilelo 20:10

UMtyholi lowo ubalahlekisayo waphoswa edikeni lomlilo nesulfure, apho likhona irhamncwa nomprofeti obuxoki; baya kuthuthunjelwa imini nobusuku, kuse emaphakadeni asemaphakadeni.

IsiTyhilelo 21:8

Ke wona amagwala, nabangakholwayo, nabangamasikizi, nababulali, nabenzi bombulo, nabakhafuli, nabakhonzi bezithixo, nawo onke amaxoki, isabelo sawo siya kuba sedikeni elivutha umlilo nesulfure. Oko kukufa kwesibini.

IsiTyhilelo 21:27

Akusayi kungena kuwo nanye into eyenza inqambi, eyenza isikizi, nobuxoki; abaya kungena ngabo bodwa babhalwe encwadini yobomi yeMvana.

IsiTyhilelo 22:15

Ngaphandle ke zizinja, nabakhafuli, nabenzi bombulo, nababulali, nabakhonzi bezithixo, nabo bonke ababuthandayo, ababenzayo ubuxoki.

IsiTyhilelo 22:18-19

Kuba ndiyangqina kubantu bonke abawevayo amazwi esiprofeto sale ncwadi, ukuba, Xa athe umntu wongeza kwezo zinto, uThixo uya kongeza kuye izibetho ezibhaliweyo kule ncwadi; ukuba ke uthe umntu wasusa kuwo amazwi encwadi yesi siprofeto, uThixo uya kusisusa isabelo sakhe encwadini yobomi, nakuwo umzi ongcwele, nakuzo izinto ezibhaliweyo kule ncwadi.

Xhosa - Xhosa - XH

XHB - Henry Hare Dugmore Xhosa Bible - 1859

This Bible text is Public Domain.
https://bibles.org/bible/3ce5ffb017c7b41e-01/GEN.1/
Languages are made available to you by www.ipedge.net