12 – Ukuziphatha kakubi ngokwesini

La ngamazwi angcwele kaThixo uSomandla.
Asinamdla kwizinto ezithethwa ngabantu.
Nabani na othanda uThixo . . . Nantsi into uThixo ayithethayo ngaye: Ukuziphatha kakubi ngokwesini.

Iivesi ezi-3 eziPhambili

UMateyu 5:28

Ke mna ndithi kuni, Wonke umntu okhangela umntu oyinkazana, ukuba amkhanuke, uselemkrexezile entliziyweni yakhe.

KumaGalati 5:24

Ke kaloku abo ke bakaKristu, inyama bayibethelele emnqamlezweni, kunye neminqweno neenkanuko zayo.

UMateyu 19:9

Ndithi ke kuni, Othe wamala umfazi wakhe, kungengaluhenyuzo, wazeka omnye, uyakrexeza; nalowo uzeka owaliweyo uyakrexeza.

Zonke iivesi ngokulandelelana kweCanonical - 177 izicatshulwa

Genesis 2:24

Ngenxa yoko indoda yomshiya uyise nonina, inamathele kumkayo, babe nyama-nye ke.

Genesis 18:20-32

Wathi uYehova, Isikhalo saseSodom neGomora sisikhulu nje, nesono sayo sinzima kunene nje, ndiya kukha ndihle, ndikhangele ukuba baphelelisile na ngokwesikhalo sayo esifikileyo kum; ukuba akunjalo, ndazi. Ajika apho amadoda lawo, asinga eSodom; ke yena uAbraham wayesemi phambi koYehova. Wasondela uAbraham, wathi, Ungade ubhebhethe olilungisa kunye nongendawo yini na? Hi, kwakho amashumi amahlanu amalungisa phakathi komzi; ungade uyibhebhethe, ungayixoleli, loo ndawo yini na, ngenxa yamalungisa amashumi mahlanu akuyo? Makube lee kuwe ukwenza ngokwendawo enjalo ukubulala olilungisa kunye nongendawo, ilungisa libe njengongendawo; makube lee kuwe. Umgwebi wehlabathi lonke akayi kwenza okusesikweni yini na? Wathi uYehova, Ukuba ndithe ndafumana eSodom amalungisa amashumi mahlanu phakathi komzi, ndoyixolela yonke loo ndawo ngenxa yawo. Waphendula uAbraham, wathi, Khawubone, sendide ndathetha eNkosini, ndiluthuli nothuthu. Hi ke, kwasweleka isihlanu kumalungisa amashumi mahlanu, wowonakalisa ngenxa yesihlanu yini na wonke umzi? Yathi, Andiyi kuwonakalisa, ukuba ndithe ndafumana khona amashumi omane anesihlanu. Waphinda kanjalo wathetha kuye, wathi, Hi ke, kwafunyanwa khona amashumi omane? Yathi, Andiyi kukwenza ngenxa yamashumi omane. Wathi, Mayingabi namsindo iNkosi, khe ndithethe. Hi ke, kwafunyanwa khona amashumi omathathu? Yathi, Andiyi kukwenza, ukuba ndithe ndafumana khona amashumi omathathu. Wathi, Khawubone, sendide ndathetha eNkosini. Hi ke, kwafunyanwa khona amashumi omabini? Yathi, Andiyi kuwonakalisa ngenxa yamashumi omabini. Wathi, Mayingabi namsindo iNkosi, khendithethe esi sihlandlo sodwa. Hi ke, kwafunyanwa khona ishumi elinye? Yathi, Andiyi kuwonakalisa ngenxa yeshumi elinye.

Genesis 19:1-11

Zafika izithunywa ezo zozibini eSodom ngokuhlwa, uLote ehleli esangweni leSodom. ULote wazibona, wesuka waya kuzikhawulela, waqubuda ngobuso emhlabeni. Wathi, Khanibone, zinkosi zam! Khaniphambukele endlwini yomkhonzi wenu, nilale, nihlambe iinyawo zenu, nivuke kusasa, nihambe indlela yenu. Zathi, Hayi, solala esitratweni. Wazijoka kunene, zaphambukela kuye, zangena endlwini yakhe; wazenzela isidlo, woja nezonka ezingenagwele, zadla. Ke kaloku, zingekalali, amadoda aloo mzi, amadoda aseSodom, ayirhawula indlu, ethabathela kumfana esa kwixhego, bonke abantu bevela nasekupheleni kwawo. Bambiza uLote, bathi kuye, Aphi na amadoda angene kuwe ngobu busuku? Wakhuphele kuthi, siwazi. Waphuma uLote waya kubo emnyango, waluvala ucango emva kwakhe, wathi, Musani ukwenza into embi, bazalwana. Khanibone, ndineentombi ezimbini ezingazani nandoda; mandikhuphele zona kuni, nenze kuzo ngoko kulungileyo emehlweni enu. Ke kula madoda musani ukwenza nto, kuba angene ngenxa yoko emthunzini wophahla lwam. Bathi, Khwelela; batsho bathi, Lo wezayo ngokuphambukela uhlala egweba; ngoku sokuphatha kakubi wena kunawo. Besuka indulumbane phezu kwendoda uLote, basondela, beza kuluqhekeza ucango. Amadoda lawo asolula isandla sawo, amngenisa uLote kuwo endlwini, aluvala ucango. Awabetha ngobumfama amadoda abesemnyango wendlu, ethabathela kwencinane esa kwenkulu, azidinisa ke ukufuna umnyango.

Genesis 19:12-17

Athi amadoda lawo kuLote, Usenabani na apha? Umyeni, noonyana bakho, neentombi zakho, nabo bonke onabo kulo mzi, bakhuphe kule ndawo; ngokuba siya kuyonakalisa le ndawo, ngokuba sikhulu isikhalo sabo ebusweni bukaYehova. UYehova usithume ukuba siyonakalise. Waphuma, uLote, wathetha kubayeni beentombi zakhe, abaya kuzeka iintombi zakhe, wathi, Sukani, niphume kule ndawo; ngokuba uYehova uya kuwonakalisa lo mzi. Usuke waba njengohlekisayo emehlweni abayeni beentombi zakhe. Izithunywa zamngxamisa uLote ngesifingo, zathi, Vuka, thabatha umkakho, neentombi zakho zombini, aba banokufumaneka, hleze ubhebhethwe ngobugwenxa balo mzi. Wazilazila; amadoda abamba isandla sakhe, nesandla somkakhe, nesandla seentombi zakhe zombini; uYehova emvela, amkhupha, amyeka ngaphandle komzi. Akuba emkhuphele phandle, athi, Zisindise ngenxa yomphefumlo wakho. Musa ukubheka emva kwakho, musa ukuma kuwo wonke lo mmandla; zisindise ngokuya entabeni, hleze ubhebhethwe.

Genesis 19:24

Wanisa ke uYehova phezu kweSodom neGomora isulfure nomlilo ophuma kuYehova emazulwini;

Genesis 19:26

Kodwa umkakhe, esemva kwakhe, wakhangela ngasemva, waba yintsika yetyuwa.

Genesis 20:3

Weza uThixo kuAbhimeleki ngephupha ebusuku, wathi kuye, Uyabona, ufile ngenxa yomfazi omthabathileyo; ngumkamntu.

Genesis 34:2

UShekem, unyana kaHamore umHivi, isikhulu selizwe, sambona, samthabatha, salala naye, samona.

Genesis 34:7

Bafika oonyana akaYakobi evela kwalusa. Bakuyiva le nto aba bahlungu amadoda lawo, avutha kunene ngumsindo, ngokuba wenza ubudenge kwaSirayeli ngokulala nentombi kaYakobi, into leyo engeyakwenziwa.

Genesis 34:26-27

Babulala noHamore, noShekem unyana wakhe, ngohlangothi lwekrele, bamthabatha uDina endlwini kaShekem, baphuma. Oonyana bakaYakobi babafikela ababuleweyo, bawuphanga umzi, ngokuba bebemenze inqambi udade wabo.

Genesis 34:31

Bathi bona, udade wethu angaphathwa njengehenyukazi yini na?

Genesis 38:15-26

UYuda wambona, waba ulihenyukazi, kuba ebegqubuthele ubuso. Wathi gu bucala, waya kuye endleleni wathi, Khawuze, ndikungene; kuba ubengazi ukuba ngumolokazana wakhe. Wathi, Wondinika ntoni na, ukuze ndikuvumele ukuba undingene? Wathi, Mna ndothumela ndithabathe itakane lebhokwe elisempahleni emfutshane. Wathi, Ewe, ukuba uthe wandinika isibambiso, ude ulithumele kum. Wathi, Ndikunike sibambiso sini na? Wathi yena, Umsesane wakho, nesidanga sakho, nomsimelelo wakho osesandleni sakho. Wamnika ke, wamngena, wamitha yena ngaye. Wesuka wemka, wasisusa isigqubuthelo sakhe, wambatha iingubo zobuhlolokazi bakhe. UYuda walithumela itakane lebhokhwe ngesandla sesihlobo sakhe saseAdulam, ukuze samkele isibambiso esandleni senkazana leyo; asiyifumananga ke. Sabuza kubantu baloo ndawo, sathi, Liphi na ing’awukazi ebe lise-Enayim ngasendleleni? Bathi, Akubangakho ng’awukazi apha. Sabuyela kuYuda sathi, Andilifumananga; nabo abantu baloo ndawo bathe, Akubangakho ng’awukazi apha. Wathi uYuda, Malizithabathe, hleze sidelwe. Yabona, ndithumele eli takane, ke wena akulifumananga. Kwathi, emva kweenyanga ezintathu, waxelelwa uYuda kwathiwa, UTamare, umolokazana wakho, uhenyuzile; kananjalo, yabona, umithi ngokuhenyuza oko. UYuda wathi, Mkhupheni atshiswe. Akukhutshwa, wathumela yena kuyisezala, wathi, Ndimithiswe yindoda ezizezayo ezi zinto; wathi, Khawufanise ukuba ngokabani na lo msesane, nesi sidanga, nalo msimelelo. Wazifanisa uYuda, wathi, Ulilungisa kunam; wenze kuba ndingamnikanga uShela, unyana wam. Akabanga sabuya amazi.

Genesis 39:7-12

Kwathi emveni kwezi zinto, umfazi wenkosi yakhe waphosa amehlo akhe kuYosefu, wathi, Ndilale. Wamangala, wathi kumka-nkosi yakhe, Yabona, inkosi yam ayikhathalele nto ikum isendlwini, nezinto zonke enazo izinikele esandleni sam. Akukho bani mkhulu kum kule ndlu; ayinqabisanga nento le kum, nguwe wedwa, ngokokuba ungumkayo; ndingathini na ke ukwenza obu bubi bukhulu kangaka, ndone kuThixo? Kwathi, nakuba ebethetha kuYosefu imihla ngemihla, akamphulaphula yena ukuba alale ecaleni lakhe, nokuthi abe naye. Kwathi kuloo mihla, wangena endlwini eya kusebenza umsebenzi wakhe; kwaye kungekho nanye yakumadoda endlu endlwini apho. Wambamba ngengubo wathi, Ndilale. Wayishiya ingubo yakhe esandleni sakhe, wabaleka, waphumela phandle.

Genesis 39:13-20

Kwathi, akubona ukuba uyishiyile ingubo yakhe esandleni sakhe, ubalekele phandle, wabiza amadoda endlu yakhe, wathetha kuwo, esithi, Khangelani, usizisele indoda engumHebhere, ukuba idlale ngathi; izile kum, isiza kundilala, ndakhala ngezwi elikhulu; yathi, yakuva ndiphakamisa izwi, ndikhala, yayishiya ingubo yayo ecaleni lam, yabaleka, yaphumela phandle. Wayibeka phantsi ingubo yayo ecaleni lakhe, yada yafika inkosi yakhe endlwini yayo. Wathetha kuyo ngokwaloo mazwi esithi, Size kum isicaka esingumHebhere, esi usizisele sona, ukuba sidlale ngam; kuthe, ndakuliphakamisa izwi lam, ndikhala, sayishiya ingubo yaso ecaleni lam, sabalekela phandle. Ithe, yakuweva inkosi yakhe amazwi omkayo awawathethayo kuyo, esithi, Senjenje isicaka sakho kum, wavutha umsindo wayo. Inkosi kaYosefu yamthabatha, yamfaka entolongweni, kuloo ndawo apho amakhonkxwa okumkani abekhonkxwa khona, waba sentolongweni apho ke.

Eksodus 20:14

Uze ungakrexezi.

Eksodus 20:17

Uze ungawunqweneli umzi wommelwane wakho. Uze ungamnqweneli umfazi wommelwane wakho, nesicaka sakhe, nesicakakazi sakhe, nenkomo yakhe, ne-esile lakhe, nanye into eyeyommelwane wakho.

Eksodus 22:19

Bonke abathe balala inkomo, mababulawe bafe.

Levitikus 18:6-18

Umntu ngomntu aze angasondeli nakwinye inyama yenyama yakhe, ukuba atyhile ubuze bayo: ndinguYehova. Ubuze bukayihlo, ubuze bonyoko, uze ungabutyhili: ngunyoko lowo; uze ungabutyhili ubuze bakhe. Ubuze bomkayihlo uze ungabutyhili: bubuze bukayihlo obo. Ubuze bodade wenu, intombi kayihlo, nokuba yintombi kanyoko, izalelwe ekhaya, nokuba izalelwe emzini, uze ungabutyhili ubuze bayo. Ubuze bentombi yonyana wakho, nobentombi yentombi yakho, uze ungabutyhili ubuze bayo; ngokuba ibubuze bakho. Ubuze bentombi yomkayihlo ezalwa nguyihlo, ingudade wenu, uze ungabutyhili ubuze bayo. Ubuze bodade boyihlo uze ungabutyhili: yinyama yoyihlo leyo. Ubuze bonyokokazi uze ungabutyhili: kuba yinyama yonyoko leyo. Ubuze boyihlokazi uze ungabutyhili, ungasondeli kumkakhe: ngunyokokazi lowo. Ubuze bomolokazana wakho uze ungabutyhili: ngumka nyana wakho lowo; uze ungabutyhili ubuze bakhe. Ubuze bomfazi womntakayihlo uze ungabutyhili: bubuze bomntakayihlo obo. Ubuze bomfazi nentombi yakhe uze ungabutyhili; intombi yonyana wakhe, nentombi yentombi yakhe, uze ungayizeki, ukuba ubutyhile ubuze bayo: yinyama yakhe leyo; ngamanyala lawo. Umfazi uze ungamzekeli phezu kodade wabo, ukuba ubandezele, ukuba ubutyhile ubuze bakhe phezu kwakhe, ekudleni kwakhe ubomi.

Levitikus 18:19-23

Uze ungasondeli emfazini, esekungcoleni kobunqambi bakhe, ukuba ubutyhile ubuze bakhe. Uze ungamlali umfazi wommelwane, ukuba uzenze inqambi ngaye. Embewini yakho uze unganikeli na mnye, ukuba acandiselwe uMoleki; ungalihlambeli igama loThixo wakho; ndinguYehova. Uze ungayilali into eyindoda njengokuba kulalwa umfazi: ngamasikizi lawo. Uze ungalali nanye into ezitho zine, ukuba uzenze inqambi ngayo; inkazana mayingazimisi phambi kwento ezitho zine, ukuze izekwe yiyo: kukuzingcolisa oko.

Levitikus 19:29

Musa ukuyihlambela intombi yakho, uyenze ihenyu, ukuze ilizwe lingahenyuzi, lingazali ilizwe ngamanyala.

Levitikus 20:10-16

Indoda esukuba ikrexeza umkamntu, ikrexeze umfazi wommelwane wakhe, wobulawa afe umkrexezi lowo, kwanomkrexezikazi. Indoda esukuba imlala umkayise, ityhile ubuze bukayise; mababulawe bafe bobabini, amagazi abo makabe phezu kwabo. Indoda esukuba imlala umolokazana wayo, mababulawe bafe bobabini; bazingcolisile; amagazi abo makabe phezu kwabo. Indoda esukuba iyilala indoda njengokuba kulalwa umfazi, abo benze amasikizi: mababulawa bafe bobabini; amagazi abo makabe phezu kwabo. Indoda esukuba izeka inkazana nonina, ngamanyala lawo; mabatshiswe ngomlilo, kwayona nabo, kungabikho manyala phakathi kwenu. Indoda esukuba ilala into ezitho zine, mayibulawe ife; naloo nto izitho zine niyibulale. Inkazana esukuba isondela entweni ezitho zine, nokuba yiyiphi na, ukuba izekwe yiyo, mayibulawe inkazana leyo; naloo nto izitho zine mayibulawe ife; amagazi azo makabe phezu kwazo.

Levitikus 20:17-21

Indoda esukuba izeka udade wayo, intombi kayise, nokuba yintombi kanina, yabubona ubuze bakhe, wabubona yena ubuze bayo, benze ubugqwirha; bonqanyulwa emehlweni oonyana babantu bakowabo; ityhile ubuze bodade wayo; yobuthwala ubugwenxa bayo. Indoda esukuba imlala umfazi enomzi yabutyhila ubuze bakhe, yalenza laba ze ithende lakhe, naye walityhila ithende lamagazi akhe: bonqanyulwa bobabini, bangabikho phakathi kwabantu bakowabo. Ubuze bonyokokazi nobodada boyihlo uza ungabutyhili, ngokuba uyenza ibe ze inyama yakhe; bobuthwala ubugwenxa babo. Indoda esukuba imlala umkayisekazi, yabutyhila ubuze boyisekazi: bosithwala isono sabo, bafe bengenamntwana. Indoda esukuba izeka umfazi womntakayise, yinto engcolileyo leyo: ityhila ubuze bomntakayise; abayi kuba namntwana.

Levitikus 21:7-9

Makangazeki mfazi ulihenyukazi, nohlanjelwayo; angazeki mfazi waliweyo yindoda yakhe; ngokuba ungcwele kuThixo wakhe. Uze umngcwalise ke; kuba esondeza ukudla koThixo wakho; woba ngcwele kuwe, ngokuba ndingcwele, mna Yehova uningcwalisayo. Intombi yendoda engumbingeleli, xa ithe yazihlambela ngokuhenyuza, ihlambela uyise; yotshiswa ngomlilo.

Levitikus 21:14

Umhlolokazi, nowaliweyo, nohlanjelweyo olihenyukazi, abo makangabazeki; wozeka intombi yodwa yasebantwini bakowabo, ibe ngumfazi;

Numeri 5:12-13

Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi kubo, Indoda ngendoda, xa athe umkayo wanxaxha, wayimenezelela, kwalala enye indoda naye, kwafihlakala emehlweni endoda yakhe, kwasithela, wazenza inqambi yena, akaba nangqina, akabanjwa;

Numeri 5:29

Nguwo lowo umyalelo wobukhwele bokunxaxha komfazi enendoda yakhe, wazenza inqambi;

Numeri 25:6

Kwabonakala ke indoda yakoonyana bakaSirayeli, ifika isondeza kubazalwana bayo umMidiyanekazi emehlweni kaMoses, nasemehlweni ebandla lonke loonyana bakaSirayeli, ababelila emnyango wentente yokuhlangana.

Duteronomi 5:18

Uze ungakrexezi.

Duteronomi 5:21

Uze unganqweneli umfazi wommelwane wakho; uze unganqweneli indlu yommelwane wakho, nentsimi yakhe, nesicaka sakhe, nesicakakazi sakhe, nenkomo yakhe, ne-esile lakhe, nanye into eyeyommelwane wakho.

Duteronomi 22:5

Impahla yendoda ize inganxitywa yinkazana, nendoda ize ingazinxibi iingubo zenkazana; ngokuba bangamasikizi kuYehova uThixo wakho bonke abenza ezo zinto.

Duteronomi 22:20-21

Ke ukuba eli lizwi lithe layinyaniso, azafumaneka iimpawu zobuntombi baloo ntombi, oyikhupha loo ntombi, ayimise ngasemnyango wendlu kayise, ayigibisele ngamatye amadoda omzi wakowayo, ife; ngokuba yenze ubudenge kwaSirayeli, yahenyuza endlwini kayise; ubutshayele ke ububi, bungabikho phakathi kwenu.

Duteronomi 22:22

Xa indoda ithe yafunyanwa imlele umkamntu, bofa bobabini, loo ndoda ilele naloo mfazi, nomfazi lowo; ubutshayele ke ububi, bungabikho kwaSirayeli.

Duteronomi 22:23-24

Xa kuthe kwakho inkazana eyintombi eganelwe indoda, wayifumana umfo phakathi komzi, wayilala: nobakhupha bobabini nibamise ngasesangweni laloo mzi, nibaxulube ngamatye, bafe; inkazana leyo, ngenxa yokuba ingakhalanga iphakathi komzi; umfo lowo, ngenxa yokuba emonile umfazi wommelwane wakhe; ubutshayele ke ububi, bungabikho phakathi kwakho.

Duteronomi 22:25-27

Ukuba umfo uthe wayifumana endle intombi eseliganiwe, wayibamba loo mfo, wayilala, wofa yedwa loo mfo uyileleyo. Uze ungayenzi into intombi leyo; akukho sono silingenwe kukufa entombini; ngokuba njengoko indoda ithi imvunukele ummelwane wayo, imbulale afe, injalo le ndawo. Ngokuba uyifumene endle, yakhala intombi eganiweyo, akwabakho uyisindisayo.

Duteronomi 22:28-29

Xa umfo athe wayifumana intombi eyintombi engaganiweyo, wayibamba, wayilala; kwafumaneka ukuba kunjalo: loo mfo uyileleyo womnika uyise wentombi amashumi omahlanu eeshekele zesilivere, ibe ngumkakhe, ngenxa yokuba eyonile. Akanakuyala yonke imihla yakhe.

Duteronomi 22:30

Indoda mayingamzeki umkayise, ingalityhili isondo lengubo kayise.

Duteronomi 23:2

Makungangeni mgqakhwe ebandleni likaYehova; nesizukulwana sawo seshumi masingangeni ebandleni likaYehova.

Duteronomi 23:17-18

Makungabikho ng’awukazi kwindawo engcwele ezintombini zakwaSirayeli; makungabikho sifebe kwindawo engcwele koonyana bakaSirayeli. Uze ungalungenisi utsheqo lwehenyukazi nomvuzo wenja endlwini kaYehova uThixo wakho, ngenxa yesibhambathiso nokuba sisiphi; ngokuba zingamasikizi kuYehova zombini ezo zinto.

Duteronomi 27:20

Uqalekisiwe olala nomkayise; ngokuba utyhila isondo lengubo kayise; bathi bonke abantu, Amen.

Duteronomi 27:21

Uqalekisiwe olala nantoni ezitho zine; bathi bonke abantu, Amen.

Duteronomi 27:22

Uqalekisiwe olala nodade wabo, nokuba yintombi kayise, nokuba yintombi kanina; bathi bonke abantu, Amen.

Duteronomi 27:23

Uqalekisiwe olala nomkhwekazi wakhe; bathi bonke abantu, Amen.

AbaGwebi 16:1

USamson waya eGaza, wabona khona inkazana elihenyukazi, wayilala.

AbaGwebi 19:1-2

Kwathi ngaloo mihla, kungekho kumkani kwaSirayeli, kwabakho indoda engumLevi ephambukele emathambekeni akwaEfrayim, yazeka umfazi olishweshwe eBhetelehem yakwaYuda. Lahenyuza likuyo ishweshwe layo, lemka kuyo, laya endlwini yoyise walo eBhetelehem yakwaYuda, laba khona imihla eziinyanga ezine.

AbaGwebi 19:22-30

Bakubon’ ukuba bayazichwayithisa iintliziyo zabo, nango amadoda aloo mzi, amadoda angamatshijolo, eyirhawula indlu leyo, emana enkqonkqoza elucangweni; atsho kwindoda enkulu engumninindlu ukuthi, Yikhuphe indoda engene endlwini yakho, siyazi. Yaphuma indoda engumninindlu, yaya kuwo, yathi kuwo, Hayi, bazalwana bam, hayi, musani ukukha nenze into embi. Emveni kokuba le ndoda ingene endlwini yam, musani ukwenza obu budenge. Nantsi intombi yam eyintombi, neshweshwe lale ndoda; makhe ndikhuphe bona, nibone, nenze kubo okulungileyo emehlweni enu; ke kule ndoda ze ningenzi nto yobu budenge. Akavuma loo madoda ukumphulaphula. Yalibamba indoda ishweshwe layo, yalikhuphela phandle kuwo; alazi, afeketha ngalo bonke ubusuku kwada kwasa; alindulula ngesifingo. Yafika inkazana leyo xa kusayo, yawa emnyango wendlu yendoda apho yayikhona inkosi yayo, kwada kwamhlophe. Yavuka inkosi yayo kusasa, yazivula iingcango zendlu, yaphuma ukuba ihambe ngendlela yayo; nantso le nkazana ilishweshwe layo iwile emnyango waloo ndlu, nezandla zayo zisembundwini wawo. Yathi kuyo, Vuka sihambe; ayaphendula. Yayithabatha yayibeka phezu kwe-esile; yesuka loo ndoda, yasinga endaweni yayo. Yafika endlwini yayo, yathabatha isitshetshe, yalibamba ishweshwe layo, yalityatya ngokwamathambo alo laziinyama ezilishumi elinambini, yalithumela kuyo yonke imida yakwaSirayeli; ukuze bonke ababona oko bathi, Okunje akuzanga kubekho; akuzanga kubonwe kususela kumhla abanyuka ngawo oonyana bakaSirayeli ezweni laseYiputa, unanamhla; kubekeleni iintliziyo zenu oku, nicebe, nithethe.

AbaGwebi 20:10-11

sithabathe ishumi lamadoda ekhulwini ezizweni zonke zakwaSirayeli, ikhulu ewakeni, iwaka emawakeni alishumi, ukuya kuthabathela abantu umphako; ukuze ekufikeni kwabo eGibheha yakwaBhenjamin, bohlwaywe njengokobudenge bonke ababenzileyo kwaSirayeli. Ahlanganisana ke onke amadoda akwaSirayeli kuloo mzi, ebandakanyiwe njengandoda-nye.

1 KaSamuweli 2:22

Ke kaloku uEli ubeselemdala kakhulu; wayiva yonke into ababeyenza oonyana bakhe kumaSirayeli onke, kwanokuba babelala nabafazi ababekhonza emnyango wentente yokuhlangana.

2 KaSamuweli 11:2-5

Kwathi ngexesha langokuhlwa, wavuka uDavide esililini sakhe, wahambahamba phezu kophahla lwendlu yokumkani. Wathi, eseluphahleni, wabona umfazi ezihlamba; ke umfazi lowo wayemhle kunene ngembonakalo. Wathumela uDavide, wabuzisa ngaloo mfazi. Kwathiwa, Asinguye na uBhatshebha lowo, intombi kaEliham, umkaUriya umHeti? UDavide wathuma abathunywa, wamthabatha; weza ke yena kuye, walala naye. Akuba ezingcwalisile ebunqambini bakhe, wabuyela endlwini yakhe. Wamitha umfazi lowo; wathumela, waxelela uDavide, wathi, Ndimithi.

2 KaSamuweli 12:9-12

Yini na ukuba ulidele ilizwi likaYehova, wenze ububi emehlweni akhe, umbulale u-Uriya umHeti ngekrele, nomkakhe umzeke abe ngumkakho, umbulale ngekrele loonyana baka-Amon? Ke ngoko, ikrele aliyi kumka endlwini yakho naphakade; ngenxa enokuba undidelile, wamzeka umkaUriya umHeti, wangumkakho. Utsho uYehova ukuthi, Ndikuvelisela ububi obuya kuphuma endlwini yakho: ndibathabathe abafazi bakho emehlweni akho, ndibanike ummelwane wakho, alale nabafazi bakho phambi kwelanga eli. Ekubeni wena ukwenze oku ngasese, ke mna ndiya kuyenza le nto phambi kwamaSirayeli onke, naphambi kwelanga eli.

2 KaSamuweli 13:11-14

Wazisondeza kuye ukuba adle. Wesuka yena, wambamba, wathi kuye, Yiza, ulale nam, dade wethu. Wathi kuye, Musa, mnakwethu, musa ukundidlwengula; ngokuba akwenjiwa nje kwaSirayeli; musa ukulenza eli nyala. Mna ndingaya phi na nehlazo lam? Ke wena ungaba njengowabanobudenge kwaSirayeli. Khawuthethe ke ngoko nokumkani; ngokuba akangemangali nam kuwe. Akavuma yena ukuliphulaphula ilizwi lakhe. Wameyisa, wamdlwengula, walala naye.

1 YooKumkani 11:1-6

Ke kaloku ukumkani uSolomon wathanda abafazi abaninzi bezinye iintlanga, ndawonye nentombi kaFaro: amaMowabhikazi, nama-Amonikazi, namaEdomikazi, namaTsidonikazi, namaHetikazi; ezintlangeni, abethe uYehova koonyana bakaSirayeli, Ize ningangeni kuzo, nazo zingangeni kuni; inene, zozitsalela koothixo bazo iintliziyo zenu. Wanamathela kubo abo uSolomon ngothando. Wayenabafazi abamakhulu asixhenxe, amakhosikazi; namakhulu amathathu amashweshwe; abafazi bakhe bayityekisa ke intliziyo yakhe. Kwathi, ngexesha lobudala bukaSolomon, abafazi bakhe bayityekisela intliziyo yakhe ekulandeleni thixo bambi; intliziyo yakhe ayaphelela kuYehova uThixo wakhe, njengentliziyo kaDavide uyise. USolomon walandela uAshtoreti, uthixo wamaTsidon; walandela uMoleki, izothe lama-Amon. Wenza okubi emehlweni kaYehova; akamlandela uYehova ngokukholisekileyo, njengoDavide uyise.

1 YooKumkani 14:24

Kananjalo bekukho amang’awu elizweni, enza ngokwamasikizi onke eentlanga, awazigqogqayo uYehova phambi koonyana bakaSirayeli.

1 YooKumkani 15:12

Wawakhwelelisa amang’awu, akabakho ezweni, wazisusa zoruke izigodo ezizizithixo, ababezenzile ooyise.

1 YooKumkani 22:46

Amasalela amang’awu, awasalayo ngemihla kayise uAsa, wawatshayela ezweni.

2 YooKumkani 23:7

Wazidiliza izindlu zamang’awu ezibe zisendlwini kaYehova, apho amankazana abemlukela khona uAshera iintente.

UYobhi 31:1

Ndiwamisele amehlo am umnqophiso; Ndingathini na ukuqwalasela entombini?

ImiZekeliso 2:16-17

Ukuze uhlangulwe kumkamntu, Kowolunye uhlanga, ontetho yakhe igudileyo; Lowo ushiya ikholwane lobutsha bakhe, Awulibale umnqophiso woThixo wakhe.

ImiZekeliso 5:3-4

Ngokuba ivuza incindi yobusi imilebe yomlomo womkamntu, Libuthelezi ngaphezu kweoli ikhuhlangubo lakhe; Ke ukuphela kwakhe kukrakra njengomhlonyane, Kubukhali njengekrele elintlangothi mbini.

ImiZekeliso 5:20

Yini na, nyana wam, ukuba uyotywe ngumkamntu, Uwole isifuba sowolunye uhlanga?

ImiZekeliso 6:24-29

Ukuba ugcinwe kumfazi onobubi, Ekugudeni kolwimi lowolunye uhlanga. Musa ukubukhanuka ubunzwakazi bakhe ngentliziyo yakho, Angakubambisi ngeenkophe zakhe; Kuba ngenxa yehenyukazi umntu uda adle kuphela intendana yesonka; Umkamntu uzingela umphefumlo onqabileyo. Umntu unokuwuthabatha na umlilo ase esifubeni sakhe, Zingatshi na iingubo zakhe? Unokuhamba na umntu phezu kwamalahle avuthayo, Zingatyabuki na iinyawo zakhe? Unjalo ongena emfazini wommelwane wakhe; Akukho namnye umchukumisayo, oya kuba msulwa.

ImiZekeliso 6:32

Okrexeza umfazi ke uswele intliziyo; Owenza loo nto ngumonakalisi womphefumlo wakhe.

ImiZekeliso 7:5-10

Ukuze ugcinwe kumkamntu, Kowolunye uhlanga, ontetho igudileyo. Kuba ngefestile yendlu yam, Ndingasemva kwenqwanqwa, ndalunguza; Ndabona phakathi kweziyatha, Ndaqonda phakathi kwamadodana, Umfana oswele intliziyo; Ehambahamba esesitratweni, kufuphi nekhumbi lendlu yomkamntu, Enyathela ngendlela ngasendlwini yakhe; Ngongcwalazi, ukumka komhla, Naphakathi kobusuku esithokothokweni. Nanko umfazi emkhawulela, Enengubo yehenyukazi, enentliziyo enobuqhetseba.

ImiZekeliso 7:21-27

Wamthi gu bucala ngobuninzi bobuciko bakhe, Wamwexula ngokumcenga kwakhe. Wamlandela ke ngesiquphe, Njengenkomo isiya ekuxhelweni, Njengesimathane sisiya kuqinwa ngamakhamandela, Njengentaka ikhawulezela esibatheni; Ingazi ukuba oko kuyingozi kumphefumlo wayo, Lude utolo lusicande isibindi sakhe. Ke ngoko, bonyana, ndiphulaphuleni, Niyibazele indlebe intetho yomlomo wam. Intliziyo yakho mayinganxaxheli ezindleleni zakhe, Ungandwendweli emendweni wakhe. Kuba zininzi iingxwelerha aziwisileyo; Linani elikhulu alibuleleyo. Iziindlela zelabafileyo indlu yakhe, Zihla ziye ezingontsini zokufa.

ImiZekeliso 11:6

Ubulungisa babathe tye buyabahlangula; Amanginingini athiwa hlasi kwayimbimbithelo yawo.

ImiZekeliso 22:14

Sisihogo esinzulu umlomo wabafazi abangengabo; Obhavunyelwa nguYehova weyela khona.

ImiZekeliso 23:27-28

Kuba sisihogo esinzulu ihenyukazi, Liqula elimxinwa umfazi wolunye uhlanga. Ude alale njengesihange, Awandise amanginingini eluntwini.

ImiZekeliso 29:3

Indoda ethanda ubulumko ivuyisa uyise; Olikholwane lamahenyukazi uchitha impahla yakhe.

ImiZekeliso 30:20

Injalo indlela yomfazi okrexezayo: Uyadla, asule umlomo, Athi, Andenzanga bubi.

EcclesiastesImiZekeliso 7:26

Ndayifumana ikrakra ngaphezu kokufa, inkazana eyiyimigibe iphela, ezizibatha intliziyo yayo, ezandla zingamakhamandela olungileyo phambi koThixo uya kusinda kuyo, ke yena umoni uya kubanjiswa yiyo.

UIsaya 1:21

Yoo! Utheni na ukuba lihenyukazi umzi lo, ubunyanisile; ubuzele kokusesikweni; ubulungisa bebulala kuwo; ke ngoku ngabancinithi!

UIsaya 57:3

Ke nina, sondelani apha, nyana betolakazi, mbewu yomkrexezi neyehenyukazi.

UYeremiya 3:1-3

Kuthiwa, Ukuba ithe indoda yamgxotha umkayo, wemka kuyo, waba ngowandoda yimbi, inokumbuyela na? Alingebi lihlanjelwe na elo lizwe? Wena ke uhenyuzile nezithandane ezininzi; unokubuyela na ke kum? utsho uYehova. Phosa amehlo akho eluqayini ubone; kuphi na apho ungalalwanga khona? Wabahlalela ngasezindleleni, njengomArabhi entlango; walihlambela ilizwe ngokuhenyuza kwakho, nangezinto zakho ezimbi. Yathintelwa ke imikhumezelo, ayeza nemvula evuthisayo; usuke wanebunzi lehenyukazi, akwavuma ukuba neentloni.

UYeremiya 3:6-8

Wathi uYehova kum ngemihla yokumkani uYosiya, Ukubonile na elikwenzileyo iphambakazi uSirayeli? Belihamba phezu kweentaba zonke ezinde, naphantsi kwemithi yonke eluhlaza, lihenyuza khona. Ndathi, emveni kokuba likwenzile oko konke, Liya kubuyela kum. Lasuka alabuya; lakubona oko ingininginikazi, udade wabo uYuda. Ndabona ukuba, noko iphambakazi uSirayeli likrexezileyo, ndaligxotha, ndalinika incwadi yokwahlukana nalo, lisuke noko ingininginikazi uYuda, udade walo aloyika; lasuka ke laya kuhenyuza nalo.

UYeremiya 3:20

Inyaniso, njengoko umfazi atshinizayo kuwabo, nitshinizile ngokunjalo kum, nina ndlu kaSirayeli; utsho uYehova.

UYeremiya 5:7-8

Ndothini na ukukuxolela? Oonyana bakho bandishiyile, bafunga abangethixo; ndabafungisa, ke bakrexeza, bathi ngunga endlwini yamahenyukazi. Bayazibela njengeenkunzi zamahashe ezityetyisiweyo, elowo ukhonyela umfazi wommelwane wakhe.

UYeremiya 7:9

Yini? Niyeba, nincinithe, nikrexeze, nifunge ngobuxoki, niqhumisele kuBhahali, nilandele thixo bambi eningabaziyo;

UYeremiya 13:27

Ukukrexeza kwakho nokukhonya kwakho amanyala okuhenyuza kwakho ezindulini ezindle, ndiwabonile amazothe akho. Athi ke wena, Yerusalem! Akuyi kuhlambuluka, ingafanelana. ingumzuzu ongakanani na.

UYeremiya 23:14

Ke kubaprofeti baseYerusalem ndibone into ebanga amanwele: ukukrexeza, nokuhamba ebuxokini, bomeleze izandla zabenzi bobubi, kungabuyi mntu ebubini bakhe. Bonke bephela banjengeSodom kum, nabemi bakhona banjengeGomora.

UYeremiya 29:23

ngenxa yokuba benze ubudenge kwaSirayeli, babakrexeza abafazi babamelwane babo, bathetha amazwi obuxoki egameni lam, endingabawiselanga methetho ngawo. Ndiyazi mna, ndilingqina, utsho uYehova.

IziLilo 5:11

Badlwengule abafazi eZiyon, Iintombi emizini yakwaYuda.

UHezekile 16:15-17

Wesuka wena wakholosa ngobuhle bakho, wahenyuza ngenxa yodumo lwakho; ubuhenyu bakho wabuthululela phezu kwabo bonke abadlulayo, waba ngowabo. Wathabatha ezingutyeni zakho; iziganga wazenzela iintente ezirhwexu, wahenyuza phezu kwazo; into ebe ingafanele kuza, ebe ingafanele kubakho. Wathabatha iimpahla zakho zokuhomba zegolide yam, nezesilivere yam endakunikayo, wazenzela imifanekiso engamadoda, wahenyuza nayo.

UHezekile 16:20-22

Wathabatha oonyana bakho neentombi zakho, owazizalela mna, wabingelela ngazo kuyo ukuba idle. Bebubuncinane na ke ubuhenyu bakho, ukuba nje ubasike oonyana bam, ubanikele ngokubacandisa bona emlilweni ngenxa yayo? Emasikizini akho onke, nasebuhenywini bakho, akuyikhumbulanga imihla yobuncinane bakho, oko ubuze kanye, ugqushagqusha egazini lakho.

UHezekile 16:25-29

Emantloko eendlela zonke wazakhela iindawo zakho eziphakamileyo, wabenza ubuhle bakho balisikizi, wayithi qheke imilenze yakho kubo bonke abadlula ngendlela, wabandisa ubuhenyu bakho. Wahenyuza noonyana bamaYiputa, abamelwane bakho abakhulu ngenyama; wabandisa ke ubuhenyu bakho ukuze undiqumbise. Yabona, ndasolula phezu kwakho isandla sam, ndawunciphisa umamkeliso owumiselweyo, ndakunikela elitheni labakuthiyayo, kweleentombi zamaFilisti, ezibe ziyidanele indlela yakho yamanyala. Wahenyuza noonyana baseAsiriya, ngenxa yokuba unganelanga; wahenyuza ke nabo, akwanela noko. Wabandisela ezweni lamaKanan ubuhenyu bakho kwelamaKaledi, akwanela nayiloo nto.

UHezekile 16:30-34

Hayi, ukuthamba kwentliziyo yakho! itsho iNkosi uYehova; ukuba wenze zonke ezo zinto, imisebenzi yenkazana ehenyuzayo, esileyo. Ekwakheni kwakho amanqugwala emantloko eendlela zonke, nasekwenzeni kwakho iindawo zakho eziphakamileyo ezitratweni zonke, akubanga njengehenyukazi eli, ngokusuka uwucukuceze umvuzo wobuhenyu. Umfazi okrexezayo wamkela abasemzini, noko angumkamntu. Onke amahenyukazi bawanika izipho; ke wena wazinika zonke izithandane zakho izipho zakho, wazicenga ukuze zize kuwe ngeenxa zonke ekuhenyuzeni kwakho. Wena okwakho ukuhenyuza kuthe kwaphambana nokwamankazana, ngokuthi ingabi nguwe olandelwayo ekuhenyuzeni; ngokuthi urhole wena umvuzo wobuhenyu, ungarholelwa umvuzo wobuhenyu; waba ngophambileyo ke.

UHezekile 16:35-38

Ngako oko, henyukazi, live ilizwi likaYehova. Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba iphalele imali yakho, batyhileka ubuze bakho ngokuhenyuza kwakho nezithandane zakho, nangenxa yezigodo zonke zamasikizi akho, nangenxa yamagazi oonyana bakho, owabanikelayo kuzo: ngako oko, yabona, ndiya kuzithabatha zonke izithandane zakho owakholisana nazo, nabo bonke owabathandayo, ndawonye nabo bonke owabathiyayo, ndibahlanganise, ndikuchase ngeenxa zonke, ndibutyhile ubuze bakho kubo, babubone ubuze bakho bonke. Ndokugweba ngokugwetywa kwabakrexezikazi nabaphalazi begazi, ndikwenze wena ube ligazi lobushushu nobukhwele.

UHezekile 16:41-43

bazitshise izindlu zakho ngomlilo, bazenze kuwe izigwebo emehlweni abafazi abaninzi, ndikunqumamise ungabi saba lihenyu, ungabi, sarhola umvuzo wobuhenyu. Ndobupholisela kuwe ubushushu bam, limke ikhwele lam kuwe, ndizole, ndingabi saqumba. Ngenxa enokuba ungayikhumbulanga imihla yobuncinane bakho, wesuka wangqungisana nam kwezi zinto zonke: yabona, nam ndikunika ngokwendlela yakho entlokweni yakho, itsho iNkosi uYehova, ukuze ungenzi manyala angaphezu kwamasikizi akho onke.

UHezekile 22:9-11

Amadoda anentlebendwane abekuwe, ukuze aphalaze igazi; adlela ezintabeni kuwe, enza amanyala esazulwini sakho. Ubuze booyise butyhilelwe kuwe; oyinqambi ngokuba nomzi bamdlwengulela kuwe. Omnye wenza amasikizi nomfazi wommelwane wakhe; omnye umenza inqambi umolokazana wakhe ngobugqwirha; omnye udlwengula udade wabo, intombi kayise, kuwe.

UHezekile 23:1-21

Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi, Nyana womntu, kwakukho abafazi ababini, iintombi zamfazi mnye. Bahenyuza eYiputa, bahenyuza besebancinane; acofelwa khona amabele abo; zaphathwa khona iingono zamabele zobuntombi babo. Amagama abo ke nguNtente-yakhe omkhulu kubo, noNtente-yam-kuye umsakwabo; baba ngabam, bazala oonyana neentombi. Amagama abo nguSamari uNtente-yakhe, yiYerusalem uNtente-yam-kuye. UNtente-yakhe wahenyuza engumkam, watshiswa kukukhanuka izithandane zakhe, ama-Asiriya, umelwane lwakhe: abavethe iingubo ezimsi, amabamba neerhuluneli, amadodana aluluhle onke ephela, abamahashe bekhwele emahasheni. Wakubhekisela kubo ukuhenyuza kwakhe, koonyana baseAsiriya abaluluhle bonke bephela; wathi abo bonke abetshiseka kukubakhanuka, wazenza inqambi ngezigodo zabo. Akakuyeka nokuhenyuza kwakhe kwaseYiputa; ngokuba ebuncinaneni bakhe babelala naye, baziphathe iingono zamabele zobuntombi bakhe bona; bathululele ubufebe babo phezu kwakhe. Ngako oko ndamnikela esandleni sezithandane zakhe, esandleni soonyana baseAsiriya, abo abetshiseka kukubakhanuka. Bona babutyhila ubuze bakhe, bathabatha oonyana bakhe neentombi zakhe, bambulala ngekrele; waba ngundaba-mlonyeni kubafazi, bamgweba. Wakubona oko umsakwabo, uNtente-yam-kuye, waba mandundu kunaye ukutshiseka kwakhe kukukhanuka, kwaba mandundu ukuhenyuza kwakhe kunokuhenyuza kodade wabo. Watshiseka kukubakhanuka oonyana baseAsiriya, amabamba, neerhuluneli, umelwane lwakhe, abavethe ezimbejembeje; abamahashe bekhwele emahasheni, amadodana aluluhle onke ephela. Ndabona ukuba uzenze inqambi, bandlela-nye bobabini. Wongeza ekuhenyuzeni kwakhe; wabona amadoda ezotywe eludongeni, imifanekiso yamaKaledi ezotywe ngeqabo elibomvu, enxibe iinqwemesha ezinqeni, eneenkontsho ezimfakamfele ezintloko, ebonakala engabaphathi-mikhosi onke ephela, efana noonyana baseBhabheli, belamaKaledi, izwe lokuzalwa kwabo. Watshiseka kukuwakhanuka, amehlo akhe akuwabona; wathuma abathunywa kwelamaKaledi. Beza ke kuye oonyana baseBhabheli esililini sokuncokolisa, bamenza inqambi ngobufebe babo; wazenza inqambi ngabo; wancothuka kubo umphefumlo wakhe. Wakutyhila ukuhenyuza kwakhe, wabutyhila ubuze bakhe, wancothuka ke umphefumlo wam kuye, njengoko umphefumlo wam wancothukayo kumsakwabo. Wongeza ke ukuhenyuza kwakhe, ngokukhumbula imihla yobuncinane bakhe, awahenyuza ngayo ezweni leYiputa. Watshiseka kukuwakhanuka amakrexe akhe, anyama ziziinyama zamaesile, amakhanuko awo angamakhanuko amahashe. Wamana ukhumbula amanyala obuncinane bakho, oko amaYiputa abephathe iingono zamabele akho, ngenxa yamabele obuncinane bakho.

UHezekile 23:27-30

Ndowaphelisa amanyala akho nokuhenyuza kwakho kwasezweni laseYiputa, ungabi sawaphakamisela amehlo akho kuwo, ungabi salikhumbula elaseYiputa. Ngokuba itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabona, ndiya kukunikela esandleni sabo ubathiyileyo, esandleni sabo uncothukileyo kubo umphefumlo wakho. Baya kukuphatha ngentiyo, bathabathe konke ukuxelenga kwakho, bakushiye uze kanye, butyhileke ubuze bokuhenyuza kwakho, namanyala akho, nokuhenyuza kwakho. Kuya kwenzeka oko kuwe, ngenxa yokuhenyuza kwakho ekulandeleni iintlanga, ngenxa enokuba uzenze inqambi ngezigodo zazo.

UHezekile 23:35-39

Ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba undilibele, wandiphosa emva komhlana wakho, uya kuwathwala nokuwathwala amanyala akho nokuhenyuza kwakho. Wathi uYehova kum, Nyana womntu, uza kubagweba na ooNtente-yakhe noNtente-yam-kuye? Baxelele ke amasikizi abo. Ngokuba bakrexezile, izandla zabo zinegazi; bakrexezene nezigodo zabo; kananjalo oonyana babo, ababazalela mna, babacandisele kuzo, ukuba batshiswe ngumlilo. Babuye benza noku kum: bayenze inqambi ingcwele yam kwangayo loo mini, bazihlambela iisabatha zam; bakuzisikela izigodo zabo oonyana babo, bangena ke engcweleni yam kwangayo loo mini, ukuze bayihlambele; yabona benjenjalo endlwini yam phakathi.

UHezekile 23:40-45

Phezu koko bathumele kumadoda avela kude, kwathunyelwa kuwo umthunywa; yabona, afika; wona lawo wazihlambayo umzimba ngenxa yawo, waziqaba amehlo ngomsizi, wavathela wona izivatho zakho; wahlala esingqengqelweni esinobuqaqawuli, alungiselwa isithebe phambi kwaso, wabeka ke kuso isiqhumiso sam neoli yam. Izwi lengxokolo latyondyoloza khona. Kumadoda aseluninzini loluntu kwaziswa abaseli basentlango, babafaka izacholo ezihlahleni zabo, nezithsaba zokuhomba ezintlokweni zabo. Ndathi ke kulowo oselehagele ekukrexezeni, Ngokunje uhenyuzo lwakhe luya kukrexeza, lona ngokwalo. Bamngena ke njengoko kungenwa ngako kumfazi olihenyukazi: benjenjalo ukumngena uNtente-yakhe, noNtente-yam-kuye, abo bafazi banamanyala. Ke amadoda angamalungisa, wona ke aya kubagweba ngokwesiko labakrexezikazi, nangokwesiko labaphalazi begazi; ngokuba bengabakrexezikazi, zinegazi izandla zabo.

UHezekile 23:48-49

ndiwaphelise amanyala ezweni, bathethiseke abafazi bonke, bangenzi ngokwamanyala enu. Baya kuwabeka ke amanyala enu phezu kwenu, nizithwale izono zezigodo zenu; nazi ukuba ndiyiNkosi uYehova.

UHoseya 1:2

Ukuqala kokuthetha kukaYehova noHoseya, wathi uYehova kuHoseya, Yiya uzeke umfazi wobuhenyu nabantwana bobuhenyu; ngokuba ilizwe lihenyuze kakhulu, lemka kuYehova.

UHoseya 2:2-5

Nize nitsho asuse ubuhenyu bakhe ebusweni bakhe, nokukrexeza kwakhe phakathi kwamabele akhe; hleze ndimhlube abe ze, ndimmise enjengamini wazalwa, ndimenze abe njengentlango, ndimmise abe njengelizwe elingumqwebedu, ndimbulale ngenxano; ndingasikwa mfesane ngenxa yabantwana bakhe; kuba bengabantwana bobuhenyu bona. Kuba unina uhenyuzile, wenze okuziintloni umzali wabo; ngokuba wathi, Ndiya kulandela izithandane zam, ezindinika isonka sam, namanzi am, uboya bam begusha neflakisi yam, ioli yam nento endiyiselayo.

UHoseya 4:2

Kukushwabula, nokuxoka, nokuncinitha, nokuba, nokukrexeza; bagqobhozile, igazi liphathelele kwigazi.

UHoseya 4:12-14

Abantu bam babuzisa kumthi wabo; nentonga yabo iyabaxelela; ngokuba umoya wobuhenyu ubalahlekisile; bahenyuze bemka phantsi koThixo wabo. Babingelela ezincotsheni zeentaba, baqhumisele ezindulini phantsi kwemioki nemipopulari nemiterebhinti, kuba ulungile umthunzi wayo; ngenxa yoko ziyahenyuza iintombi zenu, bayakrexeza oomolokazana benu. Andiyi kuzivelela iintombi zenu, ngokokuba zihenyuza; noomolokazana benu, ngokokuba bekrexeza. Ngokuba nina ngokwenu nithi gu bucala namahenyukazi nibingelela namang’awukazi; ngoko ke abantu abangaqondiyo baya kukhahleleka phantsi.

UHoseya 5:3-4

Mna ndiyamazi uEfrayim, noSirayeli akagushiwe kum; ngokuba uhenyuzile ngoku, wena Efrayim, uSirayeli uzenze inqambi. Izenzo zabo azivumi ukuba babuyele kuThixo wabo; kuba umoya wobuhenyu ukubo, abamazi uYehova.

UHoseya 9:1

Musa ukuvuya, Sirayeli, ude ugcobe njengezizwe: ngokuba uhenyuzile, wemka kuThixo wakho; uthande utshequ ezandeni zonke zengqolowa.

UYoweli 3:3

Abantu bam zibenzele amaqashiso, zavuza ihenyukazi ngenkwenkwe; zathengisa ngentombi ngewayini, zasela.

UNahum 3:4

ngenxa yobuninzi bezihenyuzo zehenyukazi elihle, elinesoya, umnikazi-kukhafula, othengisa iintlanga ngezihenyuzo zakhe, nemizalwane ngokukhafula kwakhe.

UMalaki 2:14-16

Nithi ke, Ngani na? Ngenxa yokuba uYehova ebelingqina phakathi kwakho nomfazi wobutsha bakho, lowo umnginizeleyo wena; kanti ke lidlelane lakho, ngumfazi womnqophiso wakho. Akubangakho namnye ukwenzayo oku, obenamasalela omoya. Ke wenza ntoni na omnye lowo? Wafuna imbewu yakwaThixo. Wugcineni ngoko umoya wenu, ungamnginizeli umfazi wobutsha bakho; kuba ndikuthiyile ukwala, utsho uYehova, uThixo kaSirayeli; ndimthiyile nogubungela ingubo yakhe ngogonyamelo, utsho uYehova wemikhosi; wugcineni ke umoya wenu, ninganginizi.

UMalaki 3:5

Ndiya kusondela kuni ukuba ndigwebe, ndibe lingqina elikhawulezayo kubakhafuli, nakubakrexezi, nakubafungi bobuxoki; nakwabacudisa umqeshwa ekumvuzeni, nomhlolokazi, nenkedama; nakwabathoba owasemzini, bangandoyiki mna; utsho uYehova wemikhosi.

UMateyu 5:27-28

Nivile ukuba kwathiwa kumanyange, Uze ungakrexezi. Ke mna ndithi kuni, Wonke umntu okhangela umntu oyinkazana, ukuba amkhanuke, uselemkrexezile entliziyweni yakhe.

UMateyu 5:32

Ke mna ndithi kuni, Othe wamala umfazi wakhe ngaphandle kwendawo yombulo, uyamkrexezisa; nothe wazeka owaliweyo, uyakrexeza.

UMateyu 15:19

Kuba kuyo intliziyo kuphuma izicamango ezingendawo, ookubulala, ookukrexeza, oomibulo, oobusela, ookungqina ubuxoki, ookunyelisa.

UMateyu 19:9

Ndithi ke kuni, Othe wamala umfazi wakhe, kungengaluhenyuzo, wazeka omnye, uyakrexeza; nalowo uzeka owaliweyo uyakrexeza.

UMateyu 26:41

Lindani nithandaze, ukuze ningangeni ekuhendweni; umoya wona okunene unentumekelelo, ke yona inyama ithambile.

UMarko 7:21-23

kuba ngaphakathi, kuyo intliziyo yomntu, kuphuma izicamango ezibi, ookukrexeza, oomibulo, ookubulala, oobusela, ookubawa, okungendawo, iinkohliso, uburheletyo, umona, ukunyelisa, ukukratsha, ukuswela kuqonda; zonke ezi zinto zingendawo ziphuma ngaphakathi, zimenze inqambi umntu.

UMarko 10:11-12

Athi kubo, Othe wamala umfazi wakhe, wazeka omnye, uyakrexeza kulowa. Nokuba umfazi uthe wayala indoda yakhe, wendela kwenye, uyakrexeza.

UMarko 10:19

Uyayazi imithetho: Musa ukukrexeza, musa ukubulala, musa ukuba, musa ukungqinela ubuxoki, musa ukulumkisa, beka uyihlo nonyoko.

ULuka 16:18

Wonke umntu omalayo umfazi wakhe, azeke wumbi, uyakrexeza; nomntu wonke ozeka owalene nendoda, uyakrexeza.

ULuka 18:20

Uyayazi imithetho: musa ukukrexeza, musa ukubulala, musa ukuba, musa ukungqina ubuxoki, beka uyihlo nonyoko.

UYohane 8:3-11

Ababhali nabaFarisi bazisa ke kuye umfazi obanjwe ekrexeza; baza, bemmise phakathi, bathi kuye, Mfundisi, lo mfazi wabanjwa ekrexeza, kanye kuloo ntlondi. Ke kaloku, emthethweni uMoses wasimisela ukuthi, abanjalo mabagityiselwe ngamatye; uthini na ke wena? Babesitsho ke bemhenda, ukuze babe nokummangalela; kodwa uYesu, ethobe phantsi, wabhala ngomnwe emhlabeni. Uthe ke bakumana bembuza, waphakama, wathi kubo, Ongenasono kuni makaqale amgibisele ngelitye. Wabuya wathoba phantsi, wabhala emhlabeni. Bathe ke bona bakuva, besohlwaywa naluvalo lwabo, baphuma ngabanye, beqalela kwabakhulu, kwada kwaba kwabokugqibela. Wasala yedwa uYesu, waye umfazi emi phakathi. Ephakamile ke uYesu, akabona mntu kwakuphela ngumfazi lowo; wathi kuye, Mfazindini, baphi na abo bamangaleli bakho? Akukho ukugwebileyo na? Wathi ke yena, Noko amnye, Nkosi. Wathi ke uYesu kuye, Nam andikugwebi; hamba, ungabuye wone.

IZenzo 15:20

kodwa masibabhalele ukuba bazikhwebule kwizingcoliso zezithixo, nombulo, nento ekrwitshiweyo, negazi.

IZenzo 15:29

zokuba nizile izinto ezibingelelwe kwizithixo, negazi, nento ekrwitshiweyo, nombulo; enothi nakuzigcina kuzo, nibe niyalungisa. Hlalani kakuhle.

IZenzo 21:25

Kodwa ngazo iintlanga ezikholiweyo, sabhala sagqiba kwelokuba zingabambi nto injalo; kuphela ibe kukuzigcina entweni ebingelelwe izithixo, nasegazini, nasentweni ekrwitshiweyo, nasembulweni.

Kwabase Roma 1:24-27

Kungoko athe, besezinkanukweni zeentliziyo zabo, uThixo wabanikela nokubanikela ekungcoleni, ukuba bahlazisane ngemizimba, yabo. bona bananisele ubuxoki inyaniso kaThixo, basihlonela basikhonza isidalwa, begqitha kuMdali, ongowokubongwa kuse kuwo amaphakade. Amen. Ngenxa yoko, uThixo wabanikela ekuthabathekeni okulihlazo; kuba namankazana abo umsebenzi wasemvelweni awananisela okunxamnye nemvelo; kwaza kwangokunjalo ke namadoda, ewushiya umsebenzi wenkazana wasemvelweni, avutha ngokukhanukana kwawo, amadoda esenza kumadoda okuziintloni, ezamkelela umbuyekezo wokulahleka kwawo, abemelwe ke nguwo.

Kwabase Roma 1:28-29

Njengokuba ke bekumangele ukuhlala bemazi kakuhle uThixo, uThixo wabanikela engqiqweni engacikidekileyo, ukuba benze izinto ezingafanelekileyo; bezele yiyo yonke intswela-bulungisa, okungendawo, ukubawa, ulunya; bezele ngumona, kukubulala, ziinkani, yinkohliso, bubumenemene;

Kwabase Roma 1:32

bona bathi, besazi kakuhle isimiselo sikaThixo, sokuba abo bazenzayo izinto ezinjalo bafanelwe kukufa, banganeli kukuzenza, basuka bathakazelele nabo bazenzayo.

Kwabase Roma 6:12-13

Ngoko isono masingalawuli emzimbeni wenu onokufa, ukuze nisilulamele ngokwenza iinkanuko zawo. Kanjalo amalungu enu maningawanikeli kuso isono, ukuba abe ziintonga zentswela-bulungisa; manizinikele ngokwenu kuThixo, ngokwabaphile babengabafileyo, niwanikele kuThixo amalungu enu, ukuba abe ziintonga zobulungisa.

Kwabase Roma 6:19

Ndithetha ngokwabantu, ngenxa yobulwelwe benyama yenu; kuba, njengoko nawanikelayo amalungu enu ukuba abe ngabakhonzi bako ukungcola nokuchasa umthetho, ukuba nichase umthetho: ngokunjalo kalokunje, wanikeleni amalungu enu ukuba abe ngabakhonzi kubo ubulungisa, ukuba ningcwaliseke.

Kwabase Roma 7:3-5

Ngoko ke, ukuba uthe waba kuyimbi indoda, yakubon’ ukuba indoda yakhe isadla ubomi, kothiwa ngumkrexezikazi. Ke ukuba ithe yafa indoda yakhe, woba ukhululekile kuwo umthetho, ukuba angabi mkrexezikazi, ethe waba kuyimbi indoda. Ngoko ke, bazalwana bam, nani n’abulawa nafa kuwo umthetho ngawo umzimba kaKristu, ukuba nibe kuwumbi, kulowo ke wavuswa kwabafileyo, ukuze sixakathe isiqhamo kuThixo thina. Kuba oko besikwinyama, ukuthabatheka zizono, okube kuxhokonxwa ngawo umthetho, kwakusebenza emalungwini ethu ekuxakatha isiqhamo esisa ekufeni.

Kwabase Roma 7:23

Kuba ndikholene nomthetho kaThixo ngokomntu ongaphakathi; kodwa ndibona mthetho wumbi, emalungwini am, usilwa nomthetho wengqiqo yam, undithimbela emthethweni wesono, lowo usemalungwini am.

Kwabase Roma 8:1-8

Ngoko ke, ngoku akukho kugwetywa kwabakuKristu Yesu; abangahambiyo ngokwenyama, abahamba ngokoMoya. Kuba umthetho woMoya wobomi, ndakuba kuKristu Yesu, wandikhulula emthethweni wesono nokufa. Kuba ekukhohlweni komthetho, ekubeni uswele amandla ngayo inyama, uthe uThixo, ethume owakhe uNyana, efana nenyama elawulwa sisono, emthume ngenxa yesono, wasigweba isono esenyameni leyo; ukuze ibango lomthetho lizaliseke kuthi, thina singahambiyo ngokwenyama; sihambayo ngokoMoya. Kuba abo bangokwenyama banyamekela izinto zasenyameni; abo ke bangokoMoya banyamekela izinto zaseMoyeni. Kuba ukunyameka kwenyama ikukufa; ukunyameka ke koMoya bubomi noxolo. Ngokokuba ukunyameka kwenyama kububutshaba kuThixo; kuba umthetho kaThixo kungawululameli, kuba kungenako nokuba nako ukwenjenjalo. Abo ke bakwinyama, abanakumkholisa uThixo.

Kwabase Roma 8:12-13

Ngoko ke, bazalwana, singabanetyala; kodwa kungekuyo inyama ukuze siphile ngokwenyama. Kuba xa niphila ngokwenyama, niza kufa; ke ukuba niyazibulala ngoMoya, zife iintlondi zomzimba, nophila.

Kwabase Roma 12:1

Ndiyanivuselela ngoko, bazalwana, ngeemfefe zikaThixo, ukuba niyinikele imizimba yenu ibe lidini eliphilileyo, elingcwele, elikholekileyo kuThixo: inkonzo yenu ke leyo yasengqondweni.

Kwabase Roma 13:9

Kuba oku kuthi, Uze ungakrexezi, uze ungabulali, uze ungebi, uze ungangqini buxoki, uze ungakhanuki, nokuba kukho wumbi umthetho, uhlanganiselwe kweli lizwi lokuthi, Uze umthande ummelwane wakho ngoko uzithanda ngako.

Kwabase Roma 13:13-14

Masihambe sizibekile ngokwasemini; kungabi sezindywaleni nasekunxileni; kungabi sekuphimiseni naseburheletyweni; kungabi sezinkanini nasemoneni. Yambathani ke iNkosi uYesu Kristu; ize ukwazalelela inyama ningakwenzeli ukukhwezelela iinkanuko zayo.

1 Kwabase Korinte 5:1

Kwandile ukuvakala ukuba kukho umbulo phakathi kwenu; ngumbulo ke lowo ongazanga ukhankanywe naphakathi kweentlanga, owokuba uthile abe nomfazi kayise.

1 Kwabase Korinte 5:9-13

Ndanibhalela encwadini apho ukuthi, maningazidibanisi nabenza umbulo; kodwa ningasenizahlula kanye kwabeli hlabathi abenza umbulo, nakumabawa, nabaphangi, nabakhonzi bezithixo; okanye beniya kumelwa kukuphuma ehlabathini. Kungoku ke, ndinibhalela ukuba maningazidibanisi nosukuba enegama lokuba ngumzalwana, ukanti wenza umbulo, nokuba ulibawa, nokuba ungumkhonzi wezithixo, nokuba ungumtshabhisi, nokuba ulinxila, nokuba ungumphangi; ningakhe nidle nokudla nonjalo. Ndinamsebenzi mni na ukuba ndigwebe nabangaphandle? Anigwebi abangaphakathi bodwa, yini na, nina? Ke abangaphandle bagwetywa nguThixo. Ize nimnyothule kuni nina lowo ungendawo.

1 Kwabase Korinte 6:9-11

Anazi na, ukuba abangemalungisa abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo? Musani ukulahlekiswa; abenza umbulo, nabakhonzi bezithixo, nabakrexezi, nezifebe, namadoda alalanayo, namasela, namabawa, namanxila, nabatshabhisi, nabaphangi, abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo. Naye ninjalo ke inxenye yenu; kuloko nahlanjululwayo, kuloko nangcwaliswayo, kuloko nagwetyelwayo egameni leNkosi uYesu, nangoMoya kaThixo wethu.

1 Kwabase Korinte 6:13

izidlo zezesisu, nesisu sesezidlo; kodwa uThixo uya kubhangisa kokubini, sona nazo. Ke wona umzimba asingowombulo, ngoweNkosi; nayo iNkosi yeyomzimba.

1 Kwabase Korinte 6:15-18

Anazi na ukuba imizimba yenu ngamalungu kaKristu? Ndiya kuthi na ke, ndiwathabathe amalungu kaKristu lowo, ndiwenze amalungu ehenyukazi? Nakanye! Anazi na, ukuba onamathele kulo ihenyukazi, umzimba mnye nalo? Kuba kuthiwa, Abo babini boba nyama-nye. Ke onamathele eNkosini, umoya mnye nayo. Wubalekeni umbulo. Zonke izono athe umntu wazenza, zingaphandle komzimba; ke lowo wenza umbulo, wona owakhe umzimba.

1 Kwabase Korinte 7:1-5

Ke kaloku, ngokubhekisele kwiindawo enandibhalela ngazo, ndithi, Kumlungele umntu ukuba angamchukumisi umntu oyinkazana. Kodwa ke, ngenxa yoomibulo, elowo makabe nowakhe umfazi, athi elowo abe neyakhe indoda. Indoda mayimenzele okumfaneleyo umfazi wayo; enjenjalo ke nomfazi endodeni yakhe. Umfazi akanagunya kowakhe umzimba, yindoda enalo; kwangokunjalo ke, nendoda ayinagunya kowayo umzimba, ngumfazi onalo. Musani ukwala ukuhlangana, ningathanga nibe nivumelene okomzuzwana, ukuze ke nibe nethuba lokuzila ukudla nelokuthandaza; nibuye nihlangane ndawonye, ukuze anganihendi uSathana ngenxa yentswela-kuzeyisa kwenu.

1 Kwabase Korinte 7:9

Kodwa ke, ukuba abanakuzeyisa, mabazeke, mabende, kuba kukhona kulungileyo ukuba kuzekwe, kwendiwe, kunokutshiseka.

1 Kwabase Korinte 7:36

Kodwa ke ukuba umntu uba uhlaza intombi yakhe, xa ithe yegqitha entlahleni yayo, emelwe kukwenjenjalo, makenze akuthandayo; akoni; makuzekwe.

1 Kwabase Korinte 10:8

Kanjalo masingenzi mbulo, njengokuba inxenye yabo yenza umbulo, kwawa ngamini-nye amawaka amashumi mabini anamathathu.

1 Kwabase Korinte 10:12-13

Ngoko ke lowo uba umi, makalumke angawi. Anibanjwanga silingo singesesabantu. Uthembekile ke uThixo, ongayi kuvumela ukuba nilingwe ngaphezu kweninako; owothi, kunye nesilingo eso, avelise ithuba lokuphuma kuso, ukuba nibe nako ukuthwala.

2 Kwabase Korinte 5:10

Kuba thina aba sonke simelwe kukuthi sibonakalaliswe phambi kwesihlalo sokugweba sikaKristu, ukuze elowo azuziswe okwenziwe ngomzimba, ngoko akwenzileyo, nokuba kokulungileyo, nokuba kokubi.

2 Kwabase Korinte 7:1

Sinawo nje ngoko la madinga, zintanda, masizihlambulule kuko konke ukudyobheka kwenyama nokomoya sibufeza ubungcwele, sisoyika uThixo.

2 Kwabase Korinte 12:21

hleze ndithi, ndakufika kunjalo, andithobe uThixo wam phakathi kwenu, ndize ndikhedame ngenxa yabaninzi ababesebonile, abaguquka ekungcoleni, nasembulweni, naseburheletyweni ababenzayo.

KumaGalati 5:16-21

Ke kaloku ndithi, Hambani ngokoMoya, naningasayi kuthi ke niyizalise inkanuko yenyama. Kuba inyama ikhanuka ngokuchasene noMoya, uMoya ke ukhanuka ngokuchasene nenyama; ezo zinto ke ziphambene, ukuze ningazenzi izinto enisukuba nizithanda. Ukuba ke nikhokelwa nguMoya, aningaphantsi komthetho. Iyabonakala ke yona imisebenzi yenyama, eyile: ukrexezo, umbulo, ukungcola, uburheletyo, ukubusa kwizithixo, ukukhafula, intiyo, iinkani, amakhwele, imisindo, amayelenqe, iimbambaniso, izahlukano, oomona, ookubulala, ookunxila, iindywala, nezinto ezinjengezo; endinixelelayo ngenxa engaphambili, njengokuba besendinixelele kade, ukuba abazenzayo izinto ezinjalo abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo.

KumaGalati 5:24

Ke kaloku abo ke bakaKristu, inyama bayibethelele emnqamlezweni, kunye neminqweno neenkanuko zayo.

KumaGalati 6:7-8

Musani ukulahlekiswa; uThixo yena asingowokuhlekisa. Kuba into athe wahlwayela yona umntu, wovuna kwayona; ngokuba lowo uhlwayelela eyakhe inyama, wovuna ukonakala ngokwasenyameni; lowo uhlwayelela uMoya ke, wovuna ubomi obungunaphakade ngokwaseMoyeni.

Kwabase Efese 2:3

esasifudula nathi sonke sihleli phakathi kwabo ezinkanukweni zenyama yethu, sisenza ukuthanda kwenyama nokwengcinga, saye ngemvelo sikwangabantwana bengqumbo, njengabanye abo.

Kwabase Efese 4:19

abathe bona, bengasaziva, bazinikela eburheletyweni, ukuze basebenze ukungcola konke, bebawa.

Kwabase Efese 5:3-5

Ke umbulo, nako konke ukungcola, nokubawa, makungakhe kukhankanywe phakathi kwenu, njengoko kubafaneleyo abangcwele; kwanamanyala, nentetho yobuyatha, nobuhiba, izinto ezo ezingafanelekileyo. Makube kokukhona ninemibulelo. Kuba oku nikwazi, ukuba wonke umenzi wombulo, nomntu ongcolileyo, nolibawa, engumkhonzi wezithixo, akanalifa ebukumkanini bukaKristu noThixo.

Kwabase Kolose 3:5

Bhubhisani ngoko amalungu enu asemhlabeni: umbulo, ukungcola, ukuthabatheka okuhlazisayo, inkanuko embi, nokubawa, okuyinkonzo yezithixo kona oko;

1 Kwabase Tesalonika 4:3-5

Kuba oku kukuthanda kukaThixo, ukungcwaliswa kwenu, ukuba nikhumke kulo uhenyuzo; ukuba elowo kuni akwazi ukusizuza asiphathe esakhe isitya enobungcwalisa, enembeko; angathabatheki yinkanuko, njengeentlanga ezingamaziyo uThixo;

1 Kwabase Tesalonika 4:7-8

Kuba uThixo akasibizelanga ekungcoleni; usibizele ebungcwaliseni. Ngako oko ke lowo ugibayo, akagibi mntu, ugiba uThixo, owasinikayo nokusinika uMoya wakhe oyiNgcwele.

1 KuTimoti 1:9-10

ngokwazi oku, ukuba umthetho lo awuwiselwe lungisa, uwiselwe ke abachasene nomthetho, nabangenakululama, abangahloneli Thixo, nabangaboni, abangengcwele, nabahlambeli, ababethiyise nababethi-nina, izigwinta, abenzi bombulo, amadoda alalanayo, amasela abantu, amaxoki, amafunga-buxoki, nokuba kukho nto yimbi ichasene nemfundiso ephilileyo;

2 KuTimoti 2:22

Ke zibaleke iinkanuko zobutsha; phuthuma ke ubulungisa, ukholo, uthando, uxolo nabo bayinqulayo iNkosi ngokwasentliziyweni ehlambulukileyo.

2 KuTimoti 3:2-6

Kuba abantu baya kuba ngabazithandayo, abathandi bemali, abaqhankqalazi, abakratshi, abanyelisi, abangeva bazali, abangabuleliyo, abangengcwele, abangenabubele, abangenatarhu, abatyholi, abangenakuzeyisa, izibhoja, abangenakuthanda kulunga, abancethezi, izityhuthutyhuthu, abathiwe lwale likratshi, abathandi beziyolo kunokuba bathande uThixo; benokumila kokuhlonela uThixo, ukanti bayawakhanyela amandla ako. Kwabo ke khwebuka. Kuba baphuma kwaba, abo banyebelezela ezindlwini, bathimbe abafazazana abazono ziziimfumba, bephethwe ziinkanuko ngeenkanuko,

KuTito 2:12

lusiqeqesha ukuze sithi, sikuncama ukungahloneli Thixo nokukhanuka okukokwehlabathi, sihlale ngokunesidima, nangokubulungisa, nangokuhlonela uThixo, kweli phakade langoku;

KumaHebhere 12:16

kungabikho bani ulihenyu, nokuba ngumhlambeli, njengoEsawu, owathi ngenxa yentwana yokudla wananisa ngobuzibulo bakhe.

KumaHebhere 13:4

Umtshato mawubekeke ngeendlela zonke, nesilili masingadyojwa; ke abenza umbulo nabakrexezi, uThixo uya kubagweba.

EkaYakobi 1:12-15

Inoyolo indoda ekunyamezelayo ukulingwa; ngokuba yothi, yakuba icikidekile, isamkele isithsaba sobomi, ebabeke ngedinga iNkosi abo bayithandayo. Makungabikho namnye utshoyo akuhendwa ukuthi, Ndihendwa kwaThixo; kuba uThixo akanakuhendeka kokubi, akahendi namnye ke yena. Elowo ke uhendwa akutsalwa, abanjiswe, yeyakhe inkanuko. Ithi inkanuko, yakuba ithabathile, izale isono; sithi ke isono, sakuba sikhulelwe, sizale ukufa.

EkaYakobi 4:3-4

Niyacela, ningamkeli noko, ngenxa enokuba nicela kakubi, ukuze oko nikuchithele iziyolo zenu. Bakrexezindini, bakrexezikazindini, anazi na ukuba ubuhlobo balo ihlabathi bubutshaba kuye uThixo? Othe ngoko wanga angaba sisihlobo salo ihlabathi, uzenza utshaba lukaThixo.

1 KaPetros 1:14

ngokwabantwana bolulamo, ningamilisi okweenkanuko zangaphambili ekungazini kwenu;

1 KaPetros 2:11

Zintanda, ndiyanivuselela njengabaphambukeli nabasemzini, ukuba nikhumke ezinkanukweni ezizezenyama, zona ziwuphumele umkhosi umphefumlo.

1 KaPetros 4:1-3

Ekubeni ngoko uKristu eve ubunzima ngenxa yethu esenyameni, xhobani nani kwaloo ngcingane; ngokuba lowo uve ubunzima esenyameni, ukhunyulwe ekoneni; ukuze ixesha eliseleyo enyameni ningabi saliphilela ezinkanukweni zabantu, niliphilele ekuthandeni kukaThixo. Kuba lisanele ixesha elidluleyo lokuphila kwethu, esasisenza ukuthanda kweentlanga, sasihamba nje eburheletyweni, ezinkanukweni, ekutshisweni yiwayini, ezindywaleni, emithayini, nasekukhonzeni izithixo, okungekhona esikweni;

2 KaPetros 2:4-10

Kuba, xa uThixo angaziconganga izithunywa zezulu ezonayo, wesuka wathi, ezikhahlele enzonzobileni, wazinikela emixokelelwaneni yesithokothoko, zigcinelwe umgwebo; naxa angaliconganga ihlabathi lakudala, wesuka walondoloza uNowa, umvakalisi wobulungisa, enabasixhenxe, akuba elihlisele unogumbe ihlabathi labangahloneli Thixo; xa athe nemizi yaseSodom neGomora wayitshisa yaluthuthu, wayigweba ukuba ibhukuqeke, wayenza umzekelo wabaza kuba ngabangahloneli Thixo; wamhlangula uLote olilungisa, owacatshukiswa kukuhamba eburheletyweni kwabangenammiselo; kuba laye, ngokubona nangokuva, ilungisa elo lihleli phakathi kwabo imihla ngemihla, liwuthuthumbisa umphefumlo walo olungisayo, ngemisebenzi yabo echasene nomthetho; iyakwazi iNkosi ukubahlangula ekuhendweni abahlonela uThixo; ke abangemalungisa ibagcinele imini yomgwebo, ukuba babethwe; ngokukodwa ke abo balandela inyama ngokukhanuka ukuzidyobha, abadela ubukhosi. Ngabasileyo, abenza ngokuzithandela, abangoyikiyo ukunyelisa izikhakhamela.

2 KaPetros 2:14

benamehlo azele lukrexezo, angenakuphunyuzwa esonweni, bebambisa imiphefumlo engenakuzimaseka, benentliziyo eqheliswe ukubawa; abantwana bengqalekiso.

2 KaPetros 2:18

Kuba, bevakalisa nje iindumbisa zamazwi angento yanto, babambisa ngeenkanuko zenyama, ngoburheletyo, abo babesindile, kanye kwabo bahambayo ekulahlekisweni.

2 KaPetros 3:3

nikwazi nje oku kuqala, ukuba kuya kuza ngemihla yokugqibela abagxeki, behamba ngokwezabo iinkanuko,

1 UYohane 2:16-17

Ngokuba konke okusehlabathini, inkanuko yenyama, nenkanuko yamehlo, noqhankqalazo lobu bomi, asikokuphuma kuye uYise, kokuphuma ehlabathini. Ihlabathi ke liyadlula, nenkanuko yalo; ke yena owenza ukuthanda kukaThixo uhleli ngonaphakade.

EkaYuda 1:4

Kuba kuthwethwe bantu bathile; abo babebalulelwe ngenxa engaphambili kolo lugwebo, abangahloneli Thixo, belujikela eburheletyweni ubabalo lukaThixo wethu, bemkhanyela okuphela koMnini-nto-zonke, uThixo wethu, iNkosi yethu uYesu Kristu.

EkaYuda 1:6-8

Kananjalo izithunywa zezulu, ezo zazingalugcinanga ulawulo lwazo, zesuka zalishiya ikhaya lazo, izigcinele umgwebo womhla omkhulu ngemixokelelwane engunaphakade, phantsi kwesithokothoko. Njengokuba iSodom neGomora, nayo imizi engakuyo, yenza kakhulu umbulo ngohlobo olufana nolwazo ezo, imka ilandela nyama yimbi, ibekwe ekuhleni ukuba ibe ngumqondiso, iviswa ubetho lomlilo ongunaphakade. Kwangokunjalo nabo aba baphuphayo badyobha inyama, batshitshise ubukhosi, banyelise izikhakhamela.

IsiTyhilelo 2:14

Noko ke ndineendawana ngakuwe: ezi zokuba unabo apho abayibambe bayiqinisa imfundiso kaBhileham, owamfundisayo uBhalaki ukuphosa isikhubekiso phambi koonyana bakaSirayeli, ukuba badle izinto ezibingelelwe izithixo, benze nombulo.

IsiTyhilelo 2:20-22

Noko ke ndineendawana ngakuwe: ezi zokuba umvumela umfazi lowo uIzebhele, othi yena ungumprofetikazi, ukuba abafundise abalahlekise abakhonzi bam, ukuba benze umbulo, badle izinto ezibingelelwe izithixo. Ndamnika ixesha lokuba aguquke kuwo umbulo wakhe, akaguquka. Yabona, mna ndiya kumphosa elukhukweni, nabo bakrexeza kunye naye, embandezelweni enkulu, ukuba abathanga baguquke emisebenzini yabo;

IsiTyhilelo 9:21

akaguqukanga nasekubulaleni kwawo, nasekukhafuleni kwawo, nasembulweni wawo, nasebuseleni bawo.

IsiTyhilelo 14:8

Kwaza kwalandela esinye isithunywa sezulu, sisithi, Iwile, iwile iBhabheli, loo mzi mkhulu! ngokuba iseze zonke iintlanga ngewayini yomsindo wobuhenyu bayo.

IsiTyhilelo 17:1-2

Saza seza esinye sazo izithunywa zezulu zosixhenxe, ezineengqayi zosixhenxe, sathetha nam, sisithi kum, Yiza apha, ndikubonise ukugwetywa kwalo ihenyukazi elikhulu, elihleli phezu kwawo amanzi amaninzi; abahenyuze nalo ookumkani bomhlaba, abo bawumiyo umhlaba, banxiliswa yiwayini yobuhenyu balo.

IsiTyhilelo 18:3

Ngokuba zonke iintlanga zisele kuyo iwayini yomsindo wobuhenyu bayo, Nookumkani bomhlaba bahenyuza nayo, Nabarhwebi bomhlaba baba zizityebi, ngamandla okuxhamla kwabo iziyolo zayo.

IsiTyhilelo 18:9

Ookumkani bomhlaba, abo bahenyuza nayo, baxhamla iziyolo nayo, baya kuyililela, Bayimbambazelele, bakuwubona umsi wokutsha kwayo;

IsiTyhilelo 19:2

Ngokuba iyinyaniso, inobulungisa, imigwebo yayo;

IsiTyhilelo 21:8

Ke wona amagwala, nabangakholwayo, nabangamasikizi, nababulali, nabenzi bombulo, nabakhafuli, nabakhonzi bezithixo, nawo onke amaxoki, isabelo sawo siya kuba sedikeni elivutha umlilo nesulfure. Oko kukufa kwesibini.

Xhosa - Xhosa - XH

XHB - Henry Hare Dugmore Xhosa Bible - 1859

This Bible text is Public Domain.
https://bibles.org/bible/3ce5ffb017c7b41e-01/GEN.1/
Languages are made available to you by www.ipedge.net