27 – Ukubandezeleka

La ngamazwi angcwele kaThixo uSomandla.
Asinamdla kwizinto ezithethwa ngabantu.
Nabani na othanda uThixo . . . Nantsi into uThixo ayithethayo ngaye: Ukubandezeleka.

Iivesi ezi-3 eziPhambili

UYobhi 2:9-10

Wathi umkakhe kuye, Usabambelele na ekugqibeleleni kwakho? Mlahle uThixo, ufe. Wathi yena kuye, Uthetha njengesidengekazi. Siya kwamkela okulungileyo kuThixo, singamkeli nokubi, yini na? Kuko konke oko akonanga uYobhi ngomlomo wakhe.

2 Kwabase Korinte 4:8-12

Siyabandezelwa ngeenxa zonke, singaxineki; siyathingaza, singancami; sitshutshiswa, asiyekelwa; sikhahlelwa phantsi, asitshatyalaliswa; sihlala sikuthwele ngomzimba ukufa kweNkosi uYesu ukuze nobomi bukaYesu bubonakalaliselwe emzimbeni wethu. Kuba thina badla ubomi simana sinikelwa ekufeni ngenxa kaYesu, ukuze nobomi bukaYesu bubonakalaliselwe enyameni yethu enokufa. Ngoko ke kusebenza ukufa kuthi, ke kuni kusebenza ubomi.

2 Kwabase Korinte 4:16-18

Kungoko singethi mandla; kuba nokuba umntu wethu wangaphandle uya esonakala, usuka yena owangaphakathi aye ehlaziyeka imihla ngemihla. Kuba ubukhaphukhaphu bembandezelo yethu eyeyomzuzwana busisebenzela ngokuncamise kwaphela ubuqaqawuli obukhulukazi obungunaphakade sakubon’ ukuba asixuneli ezintweni ezibonwayo, sixunela kwezingabonwayo. Kuba ezibonwayo zezomzuzwana, ke zona ezingabonwayo zezonaphakade.

Zonke iivesi ngokulandelelana kweCanonical - 544 izicatshulwa

Genesis 2:17

ke wona umthi wokwazi okulungileyo nokubi uze ungawudli; kuba mhlana uthe wawudla, uya kufa.

Genesis 3:16-19

Wathi kumfazi, Ndiya kukwandisa kakhulu ukubulaleka kwakho ekumitheni, uzale abantwana unembulaleko; inkanuko yakho ibe sendodeni yakho, ikulawule yona. KuAdam wathi, Ngokuba uphulaphule izwi lomkakho, wadla kuwo umthi endakuwisela umthetho ngawo, ndathi, Uze ungadli kuwo, uqalekisiwe umhlaba ngenxa yakho; uya kudla kuwo ubulaleka, yonke imihla yobomi bakho. Uya kukuntshulela imithana enameva neenkunzane, udle umfuno wasendle. Uya kudla ukudla kokubila kobuso bakho, ude ubuyele emhlabeni kobuso bakho, ude ubuyele emhlabeni, kuba uthatyathwe kuwo; ngokuba uluthuli, uya kubuyela kwaseluthulini.

Eksodus 3:7-9

Wathi uYehova, Ndizibonile okunene iintsizi zabantu bam abaseYiputa, nokukhala kwabo ndikuvile, ngenxa yabo babaqhuba kalukhuni; kuba ndiyawazi umvandedwa wabo. Ndihlile ke; ndize kubahlangula esandleni samaYiputa, ndibanyuse baphume kwelo lizwe, baye ezweni elilungileyo, elibanzi, ezweni elibaleka amasi nobusi, endaweni yamaKanan, namaHiti, nama-Amori, namaPerizi, namaHivi, namaYebhusi. Ngoku ke naku ukukhala koonyana bakaSirayeli, kufikile kum; kananjalo ndikubonile ukuxina abaxine ngako amaYiputa.

Eksodus 14:14

UYehova uya kunilwela, ke nina niya kuthi cwaka.

Eksodus 15:26

Wathi, Ukuba uthe waliphulaphula izwi likaYehova uThixo wakho, wenza okuthe tye phambi kwakhe, wayibekela indlebe imithetho yakhe, wayigcina yonke imimiselo yakhe: andiyi kubeka nasinye isifo phezu kwakho endisibekileyo phezu kwamaYiputa; kuba ndinguYehova, igqirha lakho.

Eksodus 22:23

Ukuba uthe wabacinezela nangayiphi na indlela, bakhala kum, ndokuva ukukhala kwabo;

Eksodus 23:25

Nize nikhonze uYehova uThixo wenu, asisikelele isonka sakho, namanzi akho; ndisisuse isifo phakathi kwakho.

Levitikus 25:35

Xa athe umzalwana wakho wanzonza, isandla sakhe solukela kuwe, somomeleza, aphile nawe engumphambukeli, elundwendwe kuwe.

Levitikus 26:6

Ndoninika uxolo ezweni elo, nilale; kungabikho bani unigubhisayo, ndilisuse irhamncwa ezweni elo, ikrele lingahambi ezweni lenu;

Levitikus 26:15-17

ukuba nithe nayicekisa imimiselo yam; ukuba uthe umphefumlo wenu wadimala ngamasiko am, ukuze ningayenzi imithetho yam yonke, nesuka nawaphula umnqophiso wam: nam ndiya kwenza oku kuni: ndiya kunivelela ngento ekhwankqisayo, ngesifo sephepha, nangecesina ephelisa amehlo, eyethisa umphefumlo; nifumane nihlwayele imbewu yenu, idliwe ziintshaba zenu. Ndonichasa nina, ukuze nibethwe phambi kweentshaba zenu, baninyathele abanithiyayo, nisabe kungekho unisukelayo.

Duteronomi 4:30-31

Ekubandezelekeni kwenu, zakunifumana zonke ezi zinto, ekupheleleni kwemihla, nobuyela kuYehova uThixo wenu, niliphulaphule ilizwi lakhe. Ngokuba nguThixo onemfesane uYehova uThixo wakho; akayi kukuyekela, akayi kukonakalisa, akayi kuwulibala umnqophiso wooyihlo awabafungelayo.

Duteronomi 7:15

UYehova wosusa zonke izifo kuwe; nobulwelwe bonke obubi baseYiputa, obo ubaziyo, akayi kububeka kuwe; uya kububeka kubo bonke abakuthiyayo.

Duteronomi 8:4-6

Ingubo yakho ayonakalanga bubudala ikushiye, nonyawo lwakho aludumbanga, le minyaka imashumi mane. Uze wazi ngentliziyo yakho, ukuba njengoko umntu amqeqeshayo unyana wakhe, uYehova uThixo wakho uyakuqeqesha wena; uyigcine ke imithetho kaYehova uThixo wakho, ukuba uhambe ngeendlela zakhe, umoyike.

Duteronomi 10:18

ogwebela inkedama nomhlolokazi, othanda owasemzini, amnike ukudla, amnike nengubo.

Duteronomi 11:26-28

Yabonani, ndibeka phambi kwenu namhla intsikelelo nesiqalekiso: intsikelelo, ukuba nithe nayiphulaphula imithetho kaYehova uThixo wenu, endiniwiselayo namhla; isiqalekiso, ukuba nithe anayiphulaphula imithetho kaYehova uThixo wenu, nesuka natyeka endleleni leyo ndiniwisele umthetho ngayo namhla, nalandela thixo bambi eningabazanga.

Duteronomi 20:1

Xa uthe waphuma waya kulwa neentshaba zakho, waza wabona amahashe neenqwelo zokulwa, abantu abaninzi kunawe, uze ungaboyiki; ngokuba unawe uYehova uThixo wakho, owakunyusayo ezweni laseYiputa.

Duteronomi 28:1

Kothi, ukuba uthe waliphulaphula ngenkuthalo izwi likaYehova uThixo wakho, ukuba ugcine wenze yonke imithetho yakhe endikuwiselayo namhla, uYehova uThixo wakho akuphakamise ngaphezu kweentlanga zonke zehlabathi;

Duteronomi 30:19-20

Ndingqinisisa amazulu nehlabathi namhla ngani; ndibeke phambi kwenu ubomi nokufa, intsikelelo nesiqalekiso. Nyula ke ubomi, ukuze uphile, wena nembewu yakho; ukuba umthande uYehova uThixo wakho, uliphulaphule ilizwi lakhe, unamathele kuye: ngokuba bubomi bakho, nokolulwa kweemini zakho; ukuze uhlale emhlabeni lowo awafunga uYehova kooyihlo ooAbraham noIsake noYakobi, ukuba wobanika.

Duteronomi 31:6

Yomelelani nikhaliphe: musani ukoyika, musani ukungcangcazela ebusweni bazo. Ngokuba nguYehova uThixo wakho ohamba nawe; akayi kukuyekela, akayi kukushiya.

Duteronomi 31:8

NguYehova ohamba phambi kwakho; yena uya kuba nawe; akayi kukuyekela, akayi kukushiya. Uze ungoyiki, ungaqhiphuki mbilini.

Duteronomi 32:39

Bonani ngoku, ukuba mna ndinguye; Tu thixo unam. Ndiyabulala, ndidlise ubomi; Ndiyaphalusa, ndiphilise mna; Tu uhlangulayo esandleni sam.

UYoshuwa 1:9

Yabona, ndikuwisele umthetho wokuba womelele, ukhaliphe. Musa ukunkwantya, ungaqhiphuki umbilini; ngokuba uYehova uThixo wakho unawe, apho sukuba usiya khona.

UYoshuwa 10:25

Wathi uYoshuwa kubo, Musani ukoyika, musani ukuqhiphuka umbilini: yomelelani, nikhaliphe, ngokuba uYehova uya kwenjenjalo kwiintshaba zenu zonke enilwa nazo.

1 KaSamuweli 2:6-8

UYehova uyabulala, adlise ubomi; Uhlisela kwelabafileyo, abuye anyuse. UYehova uyahlwempuza, atyebise; Uthoba, abuye aphakamise. Uvusa eluthulini abasweleyo, Aphakamise amahlwempu ezaleni, Ukuba awahlalise namanene; Uwabela ilifa elisihlalo sozuko; Ngokuba zezikaYehova iintsika zehlabathi, Walimisa phezu kwazo elimiweyo.

2 KaSamuweli 24:25

Wakhela apho ke uDavide isibingelelo kuYehova, wanyusa amadini anyukayo nemibingelelo yoxolo. Wathandazeka ke uYehova ngenxa yelizwe; sathintelwa isibetho kumaSirayeli.

2 YooKumkani 20:1-6

Ngaloo mihla wayesifa uHezekiya, eza kufa. Waya umprofeti uIsaya, unyana ka-Amotse, wathi kuye, Utsho uYehova ukuthi, Yolela; ngokuba uya kufa wena, akuyi kuphila. Wabubhekisa eludongeni ubuso bakhe, wathandaza kuYehova, esithi, Khawukhumbule, ndiyakukhunga, Yehova, okokuba ndihambe phambi kwakho ngokunyanisa nangentliziyo ephelelisileyo, ndakwenza okulungileyo emehlweni akho. Wasitsho uHezekiya isililo esikhulu. Kwathi, uIsaya engekaphumi kophakathi umzi, lafika ilizwi likaYehova kuye, lisithi, Buya uye kuthi kuHezekiya, inganga yabantu bam, Utsho uYehova, uThixo kaDavide uyihlo, ukuthi, Ndiwuvile umthandazo wakho, ndizibonile iinyembezi zakho; uyabona, ndiya kukuphilisa; ngomhla wesithathu uya kunyuka uye endlwini kaYehova; ndongeze kwimihla yakho ishumi elinesihlanu leminyaka; ndikuhlangule wena nalo mzi esandleni sokumkani waseAsiriya, ndiwukhusele lo mzi ngenxa yam, nangenxa kaDavide umkhonzi wam.

1 YeziKronike 16:10-12

Qhayisani ngegama lakhe elingcwele, Mayivuye intliziyo yabamngxameleyo uYehova. Mfuneni uYehova namandla akhe, Ngxamelani ubuso bakhe ngamaxesha onke. Khumbulani imisebenzi yakhe ebalulekileyo, awayenzayo, Izimanga zakhe nezigwebo zomlomo wakhe,

2 YeziKronike 7:14-15

bathoba ke abantu bam, ababizwa ngegama lam, bathandaza, bafuna ubuso bam, babuya ezindleleni zabo ezimbi: ndiya kuva mna emazulwini, ndibaxolele izono zabo, ndiliphilise ilizwe labo. Kaloku ovuleka amehlo am, iindlebe zam ziwubazele umthandazo wale ndawo.

2 YeziKronike 32:8

Okunaye yingalo yenyama, okunathi nguYehova uThixo wethu, ukuba asincede, alwe amadabi ethu. Abantu bayama emazwini kaHezekiya ukumkani wakwaYuda.

UYobhi 1:14-20

Kweza umthunywa kuYobhi, wathi, Iinkomo bezilima, namaesile ebesidla ecaleni lazo; agaleleka amaShebha, azithimba, ababulala abafana ngohlangothi lwekrele, kwasinda mna ndedwa, ukuza kukuxelela. Esathetha lo, kwafika omnye, wathi, Umlilo kaThixo uwe ezulwini, wayitshisa impahla emfutshane nabafana, wabadla; kwasinda mna ndedwa, ukuza kukuxelela. Esathetha lo, kwafika omnye wathi, AmaKaledi amisa amaqela amathathu azingenela iinkamela, azithimba, ababulala abafana ngohlangothi lwekrele; kwasinda mna ndedwa, ukuza kukuxelela. Esathetha lo, kwafika omnye, wathi, Oonyana bakho neentombi zakho babesidla, besela iwayini endlwini yomkhuluwa wabo omkhulu; nanko kuvela umoya omkhulu ngasentlango, wabetha ezimbombeni zone zendlu, yabawela abafana abo, bafa; kwasinda mna ndedwa, ukuza kukuxelela. Wesuka uYobhi, wayikrazula ingubo yakhe yokwaleka, wayicheba intloko yakhe, wawa emhlabeni, waqubuda.

UYobhi 1:21

Wathi, Ndaphuma ndize esizalweni sikama, ndiya kubuyela khona ndikwaze: uYehova wanika, ikwanguYehova othabathileyo; igama likaYehova malibongwe.

UYobhi 2:4-8

USathana wamphendula uYehova, wathi, Ulusu ngenxa yolusu; konke anako umntu wokunika ngenxa yomphefumlo wakhe. Kodwa ke khawuse isandla sakho ngoku, uchukumise emathanjeni akhe nasenyameni yakhe, ukuba akayi kukulahla na nawe lo, akwenze oko ebusweni bakho. Wathi uYehova kuSathana, Nanko esesandleni sakho; kuphela wogcina umphefumlo wakhe. Waphuma ke uSathana, wemka ebusweni bukaYehova; wambetha uYobhi ngamathumba amabi, wathabathela entendeni yonyawo lwakhe, wesa elukakayini lwakhe. Wathabatha ukhamba ukuba azikhuhle ngalo, ehleli eluthuthwini.

UYobhi 2:9-10

Wathi umkakhe kuye, Usabambelele na ekugqibeleleni kwakho? Mlahle uThixo, ufe. Wathi yena kuye, Uthetha njengesidengekazi. Siya kwamkela okulungileyo kuThixo, singamkeli nokubi, yini na? Kuko konke oko akonanga uYobhi ngomlomo wakhe.

UYobhi 2:11-13

Ke kaloku izihlobo ezithathu zikaYobhi zabuva bonke obo bubi bumfikeleyo, zeza, saeso sivela endaweni yaso: uElifazi wakwaTeman, noBhiledadi wakwaShuwa, noTsofare waseNahama. Banqophisana ukuba beze, bamkhuze, bamthuthuzele. Baphakamisa amehlo abo besekude, abamazi; baphakamisa izwi labo, balila; bakrazula elowo ingubo yakhe yokwaleka, bazigalela ngothuli entloko, beluphosa phezulu ezulwini. Bahlala naye emhlabeni apho iimini zasixhenxe nobusuku bazo; kungekho namnye uthetha naye, kuba babebona ukuba umvandedwa wakhe mkhulu kakhulu.

UYobhi 5:17-18

Yabona, unoyolo mntu owohlwaywa nguThixo! Musa ke ukukucekisa ukuthethisa kukaSomandla! Kuba wenza buhlungu, abophe; Uyaphalusa, ziphilise izandla zakhe.

UYobhi 6:10-11

Ibiya kuhlala ikho intuthuzelo yam; Bendiya kuxhina kwezo ntlungu zingacongiyo; Kuba andiwakhanyelanga amazwi oyiNgcwele. Ayintoni na amandla am, ukuba ndingade ndithembe? Siyintoni na isiphelo sam, ukuba ndingade ndibe nokuzeka kade?

UYobhi 6:14

Akuhlaziswa oqotyiweyo ngummelwane wakhe, Uya kulahla ukumoyika uSomandla.

UYobhi 7:5

Inyama yam yambeswe iimpethu namagada omhlaba; Ulusu lwam lungamaqhula, lubhiqiza.

UYobhi 8:21

Uya kuwuzalisa umlomo wakho ngokuhleka, Nemilebe yomlomo wakho ngokuduma:

UYobhi 10:1

Umphefumlo wam udimele bubomi bam; Ngoko ndiya kuyivulela inkalazo yam phakathi kwam; Ndithethe, ukrakra umphefumlo wam;

UYobhi 11:16-19

Kuba wokulibala ukwaphuka kwakho, Ukukhumbule njengamanzi adluleyo; Ukudla kwakho ubomi kuvuke, kuqaqambe ngaphezu kwemini enkulu; Nakuba kusongelwe emnyameni, kokhanya njengokusa. Wokholosa, ngokuba sekukho ithemba, Uhlole, ulale phantsi enkolosekweni; Ubuthume, kungekho wothusayo, Bakuncekelele abaninzi.

UYobhi 13:4

Kodwa ke nina ningabadyobha ngobuxoki, Ningamagqirha angento nonke niphela.

UYobhi 13:15

Yabona, nokuba uthe wandibulala, ndolindela kuye; Kodwa ndozihlamba iindlela zam ebusweni bakhe.

UYobhi 13:28

Mna lo, uhageleyo njengevithi, Njengengubo edliwe ngamanundu.

UYobhi 14:22

Kuye yedwa ibuhlungu inyama yakhe, Umphefumlo wakhe uyalila ngaphakathi.

UYobhi 19:20

Amathambo am atshele eluswini lwam nasenyameni yam; Ndisinde macebetshu.

UYobhi 19:25-26

Ke mna ndiyazi ukuba umhlawuleli wam uhleli; Engowokuphela, uya kusuka eme phezu kothuli lwehlabathi. Emveni kokuba ulusu lwam ludlavulwe lwanje, Ingasekho inyama yam, ndiya kumbona uThixo,

UYobhi 30:16-17

Kungoku uziphalazela phakathi kwam umphefumlo wam; Indibambile imihla yeentsizi. Ubusuku buphehla amathambo am, aqhiwuke kum; Iintlungu ezindidlayo azipheli.

UYobhi 30:27-30

Amathumbu am abila, akayeka; Yandihlangabeza imihla yeentsizi. Ndahamba ndinezimnyama zokuzila, akwabakho langa; Ndaphakama ebandleni, ndazibika. Ndingumzalwana weempungutye, Nomlingane weenciniba. Ulusu lwam luyadlubhuka kum, lumnyama. Namathambo am atshile kukoma.

UYobhi 33:19-22

Wohlwaywa umntu ngumvandedwa esililini sakhe, Nayimfazwe esimakade emathanjeni akhe; Ubomi bakhe bukwale ukudla, Nomphefumlo wakhe wale ukudla okunqwenelekayo. Iyadleka inyama yakhe, ingabonakali, Avele amathambo akhe abengabonakali. Uyasondela ke esihogweni umphefumlo wakhe, Nobomi bakhe kubabulali.

UYobhi 34:31-32

Ngokuba ubani angatsho na kuThixo ukuthi, Ndiziphakamisile, andisayi kuba sona; Endingakuboniyo, ndiyale ngako; Ukuba ndithe ndenza ngobugqwetha, andiyi kuphinda?

UYobhi 42:10-11

UYehova wakubuyisa ukuthinjwa kukaYobhi, akubon’ ukuba ubathandazele oowabo. Wakongeza uYehova konke awayenako uYobhi, kwada kwaphindwa kabini. Beza kuye bonke abazalwana bakhe, noodade babo bonke, nabo bonke ababesazana naye ngenxa engaphambili, badla naye ukutya endlwini yakhe, bamkhuza, bamthuthuzela ngenxa yobubi bonke, abemfikisele bona uYehova; bamnika elowo ikhulu lemali, elowo ijikazi legolide.

IiNdumiso 2:2-4

Ookumkani behlabathi bazimisile, Izidwangube zabhunga NgoYehova nangoMthanjiswa wakhe; Besithi, Masiziqhawule iimbophelelo zabo, Sizilahle izintya zabo kuthi. Ohleli emazulwini uyahleka, INkosi iyabagculela.

IiNdumiso 3:3-6

Ke wena, Yehova, uyingweletshetshe kum, Uluzuko lwam, umphakamisi wentloko yam. Ndidanduluka kuYehova ngezwi lam, Andiphendule entabeni yakhe engcwele. (Phakamisani.) Ndalala phantsi, ndalala ubuthongo; Ndavuka, ngokuba uYehova endixhasa. Andizoyiki izigidi zabantu Abakhe uluhlu lokulwa ngeenxa zonke kum.

IiNdumiso 4:8

Ndiya kulala phantsi, ndilale ubuthongo kwangoku, ndixolile, Ngokuba wena, Yehova, undihlalisa ndikholosile, noko ndindedwa.

IiNdumiso 6:2-4

Ndibabale, Yehova, ngokuba ndintshwenyile; Ndiphilise, Yehova, ngokuba ekhwankqisiwe amathambo am. Umphefumlo wam ukhwankqiswe kakhulu; Ke wena, Yehova, koda kube nini na? Buya, Yehova, uwuhlangule umphefumlo wam; Ndisindise ngenxa yenceba yakho.

IiNdumiso 9:9-10

UYehova makabe yingxonde kotyunyuziweyo, Ingxonde ngamaxesha engxingongo; Bakholose ngawe abalaziyo igama lakho; Ngokuba akubashiyanga abakuquqelayo wena, Yehova.

IiNdumiso 9:13

Ndibabale, Yehova; Zibone iintsizi zam ezikhoyo ngabandithiyayo, Mphakamisi wam emasangweni okufa;

IiNdumiso 10:14

Ubonile wena; ngokuba uyabubona ububi nenkathazo, ububeke esandleni sakho; Uzinikela kuwe oludwayi; Ungumncedi weenkedama wena.

IiNdumiso 13:2-3

Kunini na ndicebacebisana nomphefumlo wam, Ndinesingqala entliziyweni yam imini le? Kunini na lundiphakamele utshaba lwam? Bheka undiphendule, Yehova, Thixo wam; Khanyisa amehlo am, hleze ndilale ukufa;

IiNdumiso 16:8-11

Ndimmisile uYehova phambi kwam amaxesha onke; Ngokuba esekunene kum nje, andiyi kushukunyiswa. Ngako oko iyavuya intliziyo yam, luyagcoba uzuko lwam: Nenyama yam iya kuhlala ikholosile. Ngokuba akuyi kuwushiya umphefumlo wam kwelabafileyo; Akuyi kumyekela owakho wenceba ukuba abonane nesihogo. Uya kundazisa umendo wobomi; Ebusweni bakho yinzaliseko yemivuyo; Ekunene kwakho yimihlali ngonaphakade.

IiNdumiso 17:8-9

Ndigcine njengeliso, njengokhozo lwalo, Ndisithelise ngesithunzi samaphiko akho, Phambi kwabangendawo abandibhuqayo, Phambi kweentshaba zam ngokwasemphefumlweni ezindingungelayo.

IiNdumiso 18:1-6

Kumongameli. Eyomkhonzi kaYehova. EkaDavide, owawathethayo kuYehova amazwi ale ngoma, mhlenikweni uYehova wamhlangulayo esandleni seentshaba zakhe zonke nasesandleni sikaSawule; wathi: Ndikuthanda ngembilini yam, Yehova, lomelelo lwam. Yehova, ngxondorha yam, mboniselo yam, msindisi wam, Thixo wam, liwa lam endizimela ngalo, Ngweletshetshe yam, luphondo losindiso lwam, ngxonde yam! Ndinqula uYehova ongowokudunyiswa, Ndiyasindiswa ezintshabeni zam. Izintya zokufa zandijikela; Imilambo yobutshijolo yandidandathekisa. Izintya zelabafileyo zandibhijela; Izirhintyelo zokufa zabetha kum. Ekubandezelekeni kwam ndanqula uYehova, Ndazibika kuThixo wam; Waliva etempileni yakhe izwi lam, Ukuzibika kwam kwafika phambi kwakhe ezindlebeni zakhe.

IiNdumiso 22:24

Kuba azidelekanga, azibanga nazothe kuye iintsizi zolusizana; Akabusithelisanga ubuso bakhe kuye; Ekuzibikeni kwakhe kuye waphulaphula.

IiNdumiso 23:1-6

Umhobe kaDavide. UYehova ngumalusi wam, andisweli lutho. Wenza ukuba mandibuthe emakriweni aluhlaza; Undithundezela emanzini angawokuphumla. Uyawubuyisa umphefumlo wam; Undikhaphela ezindleleni zobulungisa ngenxa yegama lakhe. Nokuba ndihamba emfuleni wethunzi lokufa, Andiyi koyika bubi, ngokuba unam wena; Intonga yakho, umsimelelo wakho, uyandithuthuzela. Undilungisela isithebe phambi kwababandezeli bam, Uyithambisa ngeoli intloko yam, Indebe yam iyaphalala. Inene, ndiya kulandelwa kokulungileyo nenceba Yonke imihla yobomi bam, Ndihlale endlwini kaYehova Imihla emide.

IiNdumiso 25:16-18

Ndibheke, undibabale, Ngokuba ndindodwa, ndibandezelekile. Iimbandezelo zentliziyo yam ziphangalalisiwe; Ndikhuphe ekucuthekeni kwam. Khangela ukucinezeleka kwam nokwaphuka kwam, Uxolele zonke izono zam.

IiNdumiso 27:1-5

EkaDavide. NguYehova umkhanyiseli wam nomsindisi wam, ndiya koyika bani na? NguYehova inqaba yobomi bam, ndiya kunkwantya ngabani na? Bakusondela kum abenzi bobubi ukuba badle inyama yam, Bakuza ababandezeli bam neentshaba zam kum, bakhubeka bawa bona. Bendingafanelana ndirhawulwe ngumkhosi isuka ingoyiki intliziyo yam; Bendingafanelana ndiphakanyelwe yimfazwe, ndisuka ndithembe noko. Ndicele nto-nye kuYehova, ndifuna yona: Ukuba ndihlale endlwini kaYehova yonke imihla yobomi bam, Ndibone ubuhle bukaYehova, ndiphicothe etempileni yakhe. Ngokuba undigusha emnqubeni wakhe ngemini yobubi, Undisithelisa esitheni lentente yakhe, Undimisa eweni.

IiNdumiso 27:10

Ngokuba ubawo noma bandishiyile, Wesuka uYehova wandichola.

IiNdumiso 28:7

NguYehova amandla am nengweletshetshe yam; Yakholosa ngaye intliziyo yam, ndancedeka. Iyadlamka ke intliziyo yam, Ndiyamdumisa ngengoma yam.

IiNdumiso 30:2-5

Yehova, Thixo wam, Ndazibika kuwe, wandiphilisa; Yehova, uwunyusile kwelabafileyo umphefumlo wam, Wandidlisa ubomi, ukuba ndingehli ndiye emhadini. Mbetheleni uhadi uYehova, nina bakhe benceba, Nibulele isikhumbuzo sakhe esingcwele, Ngokuba yinto yephanyazo umsindo wakhe, Itarhu lakhe liyinto yobomi; Ngokuhlwa kulalisa ukulila, Kusasa kubakho ukumemelela.

IiNdumiso 30:9-12

Ndathi, Kukho nzuzo yani na egazini lam, ekuhleni kwam ndiye esihogweni? Lokudumisa na uthuli? loyixela na inyaniso yakho? Yiva, Yehova, undibabale; Yehova, yiba ngumncedi wam. Wakuguqula ukulila kwam, kwaba kukuqamba; Wandikhulula ezirhwexayo, wandibhinqisa uvuyo, Ukuze uzuko lwam luvume ngawe, lungathi cwaka. Yehova, Thixo wam, ndiya kubulela kuwe ngonaphakade.

IiNdumiso 31:2-3

Ndithobele indlebe yakho, ungxame undihlangule; Yiba liliwa eliligwiba kum, Indlu yemboniselo yokundisindisa. Ngokuba ingxondorha yam nemboniselo yam nguwe; Ngenxa yegama lakho uya kundikhapha undithundeze.

IiNdumiso 31:9-12

Ndibabale, Yehova, ngokuba ndibandezelekile; Lonakele kukukhathazeka iliso lam, nomphefumlo wam, nesisu sam; Ngokuba buphelile sisingqala ubomi bam, Neminyaka yam kukuncwina; Ayagexa amandla am ngobugwenxa bam, Namathambo am aluphele. Ngenxa yababandezeli bam bonke ndaba sisingcikivo, Ngokukodwa kubamelwane bam; ndaba yinto yokunkwantyisa kwabandaziyo; Abandibonayo ngaphandle baya ndibaleka. Ndilityelwe njengomfi ongasakhunjulwayo; Ndinjengesitya esiza kulahlwa.

IiNdumiso 31:15

Asesandleni sakho amaxesha am; Ndihlangule esandleni seentshaba zam nakwabandisukelayo.

IiNdumiso 32:3-4

Ndithi ndakuthi cwaka, aluphale amathambo am Ngokubhonga kwam imihla yonke. Ngokuba imini nobusuku, besinzima phezu kwam isandla sakho, Baguquka ubumanzi bam, baba kukubalela kwasehlotyeni. (Phakamisani.)

IiNdumiso 33:18-19

Yabona, iliso likaYehova likubo abamoyikayo, Abalindele inceba yakhe, Ukuba awuhlangule ekufeni umphefumlo wabo, Abagcine ngexesha lendlala.

IiNdumiso 34:7

Isithunywa sikaYehova sibangqinga ngeenxa zonke abamoyikayo, Sibahlangule.

IiNdumiso 34:15-20

Amehlo kaYehova akumalungisa, Iindlebe zakhe zisekuzibikeni kwawo. Ubuso bukaYehova bujonge abenzi bokubi, Ukuba akunqumle ehlabathini ukukhunjulwa kwabo. Akhala, weva uYehova; Wawahlangula ezimbandezelweni zawo zonke. Usondele uYehova kwabantliziyo zaphukileyo, Abasindise abamoya utyumkileyo. Buninzi ububi obulihlelayo ilungisa, Ke uYehova ulihlangula kubo bonke. Uyawagcina onke amathambo alo, Akwaphuki nalinye kuwo.

IiNdumiso 35:13-14

Ke mna, xa babesifa, iingubo zam bezizezirhwexayo; Ndawucinezela umphefumlo wam ngokuzila ukudla; Umthandazo wam wabuyela esifubeni sam. Ndaziphatha njengokungathi unguwethu, njengokungathi ungumzalwana kum, ukuhamba-hamba kwam; Ndanga ndingombambazelela unina, ukuthobeka kwam, ndinezimnyama zokuzila.

IiNdumiso 36:7-9

Hayi, ixabiso lenceba yakho, Thixo! Oonyana babantu bazimela ngethunzi lamaphiko akho. Bayahluthiswa kukutyeba kwendlu yakho; Ubaseza emlanjeni weziyolo zakho. Ngokuba likuwe ithende lobomi; Ekukhanyeni kwakho sibona ukukhanya.

IiNdumiso 37:13-15

INkosi iyamhleka, Ngokuba ibona ukuba iyeza imini yakhe. Barhole ikrele abangendawo, bagobe isaphetha sabo, Ukuba bawise usizana nehlwempu, Basike abandlela zithe tye. Ikrele labo liya kungena kwakweyabo intliziyo, Zaphuke izaphetha zabo.

IiNdumiso 37:37

Gcina ogqibeleleyo, ukhangele othe tye; Ngokuba izivela-mva zezomntu woxolo.

IiNdumiso 38:3-10

Akukho ndawo iphilileyo enyameni yam, ngenxa yokubhavuma kwakho; Akukho kuphila emathanjeni am, ngenxa yezono zam. Ngokuba ubugwenxa bam bugqithile entlokweni yam, Bundisinda njengomthwalo onzima. Iyanuka, iyabhiqiza imivumbo yam, Ngenxa yokumatha kwam. Ndiyapenapena, ndisibekeke kakhulu; Yonke imini ndihamba-hamba ngezimnyama zokuzila. Ngokuba kuyatshisa emihlubulweni yam, Akukho ndawo iphilileyo enyameni yam. Ndiqobekile, ndityumkile kakhulu; Ndibhongiswa kukugcuma kwentliziyo yam. Nkosi yam, uphambi kwakho wonke umnqweno wam, Nokuncwina kwam akusithele kuwe. Iphaphu lam liyabetha, ndiphelelwe ngamandla; Ukukhanya kwamehlo am, nako oko, akukho kum.

IiNdumiso 39:10-12

Sisuse kum isibetho sakho; Mna ndiyaphela kukutyundyutha kwesandla sakho. Wakumthethisa umntu ngezohlwayo ngenxa yobugwenxa, Uyasonakalisa njengenundu isoya sakhe; Bangumphunga nje kodwa bonke abantu. (Phakamisani.) Yiva umthandazo wam, Yehova, Kubekele indlebe ukuzibika kwam. Musa ukuthi tu ezinyembezini zam; Ngokuba ndingumphambukeli kuwe, Undwendwe, njengoobawo bonke.

IiNdumiso 40:2-3

Wandirhola emhadini wentshabalalo, naseludakeni lomgxobhozo, Wazimisa eliweni iinyawo zam, wakuqinisa ukunyathela kwam. Wabeka emlonyeni wam ingoma entsha, indumiso kuThixo wethu; Abaninzi bayabona, boyike, Bakholose ngoYehova.

IiNdumiso 40:11

Wena, Yehova, akuyi kuzithintela iimfesane zakho kum; Inceba yakho nenyaniso yakho iya kuhlala indilondoloza.

IiNdumiso 41:3-4

UYehova uya kumxhasa elukhukweni lobulwelwe; Uya kuluguqula ukhuko lwakhe lonke esifeni sakhe. Ndithi mna, Yehova, tarhu; Philisa umphefumlo wam, ngokuba ndonile kuwe.

IiNdumiso 42:5-6

Kungani na ukuba usibekeke, mphefumlo wam; Kungani na ukuba ugule ngaphakathi kwam? Lindela kuThixo, ngokuba ndisaya kubuya ndibulele kuye, Olusindiso lobuso bam, noThixo wam. Thixo wam, umphefumlo wam usibekekile kum; ngenxa yoko ndikhumbula wena Ezweni laseYordan, nakweleHermon, entabeni yeMitsare.

IiNdumiso 43:4-5

Ndoya ke esibingelelweni sikaThixo, KuThixo wovuyo lwam olugcobayo, Ndibulele kuwe ngohadi, Thixo onguThixo wam. Kungani na ukuba usibekeke, mphefumlo wam? Kungani na ukuba ugule ngaphakathi kwam? Lindela kuThixo, ngokuba ndisaya kubuya ndibulele kuye, Olusindiso lobuso bam, noThixo wam.

IiNdumiso 46:1-2

Kumongameli: eyoonyana bakaKora; ngeyeentombi. Ingoma. UThixo ulihlathi, uligwiba kuthi; Ezimbandezelweni ufumaneke eluncedo kunene. Ngenxa yoko asoyiki ekuphendukeni kwehlabathi, Ekudilikeleni kweentaba esazulwini solwandle.

IiNdumiso 46:10-11

Yekani, nazi ukuba ndinguThixo mna. Ndiya kuphakanyiswa ezintlangeni, ndiya kuphakanyiswa ehlabathini. UYehova wemikhosi unathi, Ingxonde yethu nguThixo kaYakobi. (Phakamisani.)

IiNdumiso 48:14

Ukuba lo Thixo nguThixo wethu ngonaphakade kanaphakade, Yena uya kusikhapha kude kuse ekufeni.

IiNdumiso 50:15

Ubize mna ngemini yembandezelo, Ndikuhlangule, undizukise.

IiNdumiso 51:8

Ndivise imihlali nemivuyo, Agcobe amathambo owacolileyo.

IiNdumiso 51:17

Imibingelelo kaThixo ngumoya owaphukileyo, Intliziyo eyaphukileyo, etyumkileyo, Thixo, akuyi kuyidela.

IiNdumiso 52:6-7

Obona amalungisa, oyike, Amhleke, athi, Nanko umfo ongamenzanga igwiba lakhe uThixo, Owakholosa ngobuninzi bobutyebi bakhe, Waba nengcwangu ekweyeliseleni kwakhe.

IiNdumiso 55:18

Uwukhulula umphefumlo wam unoxolo, ukuze bangasondeli kum, Ngokuba baninzi abandichasayo.

IiNdumiso 55:22

Umthwalo wakho wulahlele kuYehova; yena wokuzimasa; Akayi kuliyekela ilungisa lishukunyiswe naphakade.

IiNdumiso 56:3-6

Mhlana ndinxunguphalayo mna, Ndokholosa ngawe. Ndiya kulidumisa ngoThixo ilizwi lakhe, Ndikholose ngoThixo, ndingoyiki; Inokundenza ntoni na inyama? Yonke imini bayawaphambanisa amazwi am; Zingam zonke iingcinga zabo zobubi. Baqukene, babonisele, Bona bagcine izithende zam, Ngokokuba belinde umphefumlo wam.

IiNdumiso 56:8

Ukuphalaphala kwam ukubhalile wena; Yitha iinyembezi zam entsubeni yakho; Azisencwadini yakho na?

IiNdumiso 56:11-13

Ndikholose ngoThixo, ndingoyiki; Unokundenza ntoni na umntu? Ziphezu kwam, Thixo, izibhambathiso zakho; Ndiya kuyizalisa kuwe imibingelelo yombulelo. Ngokuba uwuhlangule ekufeni umphefumlo wam, Iinyawo zam ekukhubekeni, Ukuba ndihambe phambi koThixo Ekukhanyeni kobomi.

IiNdumiso 57:1

Kumongameli; ngethi, Ungonakalisi. EkaDavide. Eliligugu: ekumbalekeni kwakhe uSawule emqolombeni. Ndibabale, Thixo, ndibabale; Ngokuba uzimela ngawe umphefumlo wam; Ndizimela esithunzini samaphiko akho, Kude kudlule inkxwaleko.

IiNdumiso 59:8-9

Wena, Yehova, uyabahleka, Uyazigculela zonke iintlanga. Mandla am, ndiva kulindela kuwe; Ngokuba uThixo uyingxonde yam.

IiNdumiso 59:16-17

Ke mna, ndiya kuvuma ngamandla akho, Ndimemelele kwakusasa ngenceba yakho, Kuba ubuyingxonde kum, Nendawo endisabela kuyo ngemini yokubandezelwa kwam. Mandla am, ndiya kukubethela uhadi; Ngokuba uThixo yingxonde yam, nguThixo wam onenceba.

IiNdumiso 61:1-4

Kumongameli; eyokubethelwa ngezinto ezineentambo. EkaDavide. Kuve, Thixo, ukuhlahlamba kwam; Wubazele indlebe umthandazo wam. Ndidanduluka kuwe ndisesiphelweni sehlabathi, ekutyhafeni kwentliziyo yam; Ndikhaphele eweni elisemalengalengeni kum. Ngokuba ulihlathi lam, Uyinqaba ende eliqele phambi kotshaba. Ndiya kuphambukela ententeni yakho ngonaphakade, Ndiya kuzimela ngesithe lamaphiko akho. (Phakamisani.)

IiNdumiso 62:1-2

Kumongameli. KuYedutun. Umhobe kaDavide. Uthozamele kuThixo kwaphela umphefumlo wam; Kuvela kuye ukusindiswa kwam. Nguye kwaphela iliwa lam, umsindisi wam, Ingxonde yam; andiyi kushukunyiswa kakhulu.

IiNdumiso 62:5-8

Thozamela kuThixo yedwa, mphefumlo wam, Ngokuba livela kuye ithemba lam. Nguye kwaphela iliwa lam, umsindisi wam, Ingxonde yam; andiyi kushukunyiswa. KunoThixo ukusindiswa kwam nozuko lwam; Iliwa lokunqaba kwam nehlathi lam likuThixo. Kholosani ngaye ngamaxesha onke, nina bantu; Phalazani intliziyo yenu phambi kwakhe. UThixo ulihlathi kuthi. (Phakamisani.)

IiNdumiso 63:1-8

Umhobe kaDavide: oko ebesentlango yakwaYuda. Thixo, unguThixo wam, ndiya kukuquqela kwakusasa, Umphefumlo wam unxanele wena; inyama yam iyakulangazelela Ezweni elingumqwebedu, elibharhileyo, eligenamanzi. Ndenjenjalo ukukhangela kuwe engcweleni, Ukuba ndibone amandla akho nobuqaqawuli bakho. Ngokuba inceba yakho ilungile ngaphezu kobomi, Umlomo wam uya kukuncoma. Ndiya kwenjenjalo ukukubonga lo gama ndihleliyo, Ndiphakamise izandla zam egameni lakho. Umphefumlo wam uhluthi umongo namanqatha; Ngemilebe yomlomo wam omemelelayo uya kukudumisa umlomo wam, Ndakukukhumbula emandlalweni wam, Emilindweni yobusuku ndicamanga ngawe. Ngokuba uluncedo kum, Ndinokumemelela esithunzini samaphiko akho. Umphefumlo wam uthene mbende nawe; Isandla sakho sokunene sindibambile.

IiNdumiso 68:5-6

Uyise weenkedama, umthetheleli wabahlolokazi, NguThixo ekhayeni lakhe elingcwele. UThixo nguhlalisa endlwini ababebodwa, Ngukhuphela enywebeni ababanjiweyo; Ngabaziinjubaqa bodwa abahlala kwelibalelelweyo.

IiNdumiso 71:18-23

Thixo, musa ukundishiya kude kuye ebuxhegweni nasezimvini; Ndide ndiyixele ingalo yakho kwisizukulwana esitsha, Nobugorha bakho kubo bonke abaya kuza. Thixo, ubulungisa bakho buye bafika phezulu; Wena uzenzayo izinto ezinkulu, Thixo, ngubani na onjengawe? Wena, usibonisileyo iimbandezelo ezininzi ezinobubi, Uya kubuya usiphilise, Ubuye usirhole ezinzonzobileni zamanzi ehlabathi; Uya kubandisa ubukhulu bam, Ubuye wena undithuthuzele. Ndiya kuyibulela nokuyibulela kuwe ngomrhubhe Inyaniso yakho, Thixo wam; Ndiya kukubethela uhadi, Ngcwele kaSirayeli. Uya kumemelela umlomo wam, ndakukubethela uhadi, Nomphefumlo wam owukhululeyo;

IiNdumiso 73:23-26

Mna ke ndihlala ndinawe; Undibambile ngesandla sam sokunene; Uya kundikhapha ngecebo lakho. Undithabathe emveni koku, ndibe nozuko. Ndinabani na emazulwini? Ukuba wena ungowam, andilinanze nganto ihlabathi. Ingaphela inyama yam nentliziyo yam: Iliwa lentliziyo yam, nesabelo sam, nguThixo ngonaphakade.

IiNdumiso 82:3

Thethani ityala losweleyo nelenkedama, Gwebelani olusizana nolihlwempu.

IiNdumiso 84:2-4

Umphefumlo wam ulangazelela, uyaphela kukuzilangazelela, iintendelezo zikaYehova; Intliziyo yam nenyama yam imemelela kuThixo ophilileyo. Intakana le ifumene ikhaya; Inkonjane izifumanele indlu, Apho izalela khona amathole ayo: Izibingelelo zakho, Yehova wemikhosi, Kumkani wam, Thixo wam. Hayi, uyolo lwabahlala endlwini yakho! Basaya kukudumisa. (Phakamisani.)

IiNdumiso 86:7

Ngemini yokubandezelwa kwam ndinqula wena, Ngokuba uya kundiphendula.

IiNdumiso 86:13

Ngokuba inceba yakho ibe inkulu kum; Wawuhlangula umphefumlo wam kwelingaphantsi labafileyo.

IiNdumiso 89:47-48

Khumbula ukunqamka kwam, into okuyiyo! Ubadaleleni na, baba yinto engento bonke oonyana babantu? Yiyiphi na indoda ehleliyo, engayi kukubona ukufa, Enokuwusindisa umphefumlo wayo esandleni selabafileyo? (Phakamisani.)

IiNdumiso 90:1

Umthandazo kaMoses, umfo wakwaThixo. Nkosi yam, ulikhaya wena kuthi, Isizukulwana ngesizukulwana.

IiNdumiso 91:1-7

Ohleli esitheni lOsenyangweni, Azilalise emthunzini kaSomandla, Uthi kuYehova, Hlathi lam, Mboniselo yam, Thixo wam, endikholose ngaye! Ngokuba ngokwakhe uya kukuhlangula emgibeni womthiyeli, Endyikityeni yokufa eyeyelisayo. Wokugubungela ngeentsiba zakhe, Uzimele phantsi kwamaphiko akhe. Likhaka, yingweletshetshe inyaniso yakhe. Akuyi koyikiswa zizothuso ebusuku, Nalutolo lubaleka emini; Nandyikitya yakufa ihamba esithokothokweni, Nasifo sibhubhisayo, sibhuqa emini enkulu. Kungawa iwaka ecaleni kwakho, Isigidi ngasekunene kwakho, Kodwa kungasondeli nto kuwe.

IiNdumiso 91:9-16

Ngokuba nguwe, Yehova, ihlathi lam. Umenze Osenyangweni ikhaya lakho. Akuyi kuqubisana bubi nawe. Kungafiki sibetho ententeni yakho. Ngokuba izithunywa zakhe uziwisele umthetho ngawe, Ukuba zikugcine ezindleleni zakho zonke. Zokuthwala wena ngezandla zozibini, Hleze ubetheke ngonyawo lwakho etyeni. Wonyathela phezu kwengonyama nephimpi, Uyinyashe ingonyama entsha nenamba ngeenyawo. Ngokuba enamathele kum, ndomsiza; Ndimse engxondeni, ngokuba elazi igama lam. Wondibiza, ndiphendule, Ndoba naye embandezelweni; Ndomhlangula, ndimzukise; Ndimanelise ngemihla emide, Ndimbonise ukusindisa kwam.

IiNdumiso 94:19

Ebuninzini beengcinga-ngcinga zam ngaphakathi kwam, Iintuthuzelo zakho ziyawuyolisa umphefumlo wam.

IiNdumiso 94:22

Kanti ke uYehova uyingxonde kum, UThixo wam liliwa endizimela ngalo.

IiNdumiso 100:1-5

Umhobe wombingelelo wokubulela. Dumani kuYehova, nonke hlabathi. Mkhonzeni uYehova nivuya; Yizani phambi kwakhe nimemelela. Yazini ukuba uYehova nguThixo yena; Wasenza yena, asisithi; Singabantu bakhe nezimvu ezaluswa nguye. Ngenani emasangweni akhe nibulela, Ezintendelezweni zakhe nidumisa; Bulelani kuye, bongani igama lakhe. Ngokuba uYehova ulungile, Inceba yakhe ingunaphakade, Ukunyaniseka kwakhe kukwizizukulwana ngezizukulwana.

IiNdumiso 102:1-5

Umthandazo wolusizana xa atyhafileyo, ephalaza iinkalazo zakhe phambi koYehova. Yehova, wuve umthandazo wam, Kufike kuwe ukuzibika kwam. Musa ukubusithelisa ubuso bakho kum ngemini yokubandezelwa kwam, Ndithobele indlebe yakho; Ngemini endidanduluka ngayo khawuleza undiphendule. Ngokuba iyaphela imihla yam njengomsi; Amathambo am avutha njengeziko. Ibethwe yoma njengomfuno intliziyo yam, Ngokuba ndilibele nokudla ukudla kwam. Ngenxa yezwi lokugcuma kwam Amathambo am atshele enyameni yam.

IiNdumiso 102:11-12

Imihla yam injengokoluka kwamathunzi; Mna ndomile njengomfuno. Ke wena, Yehova, uhleli ngonaphakade, Inkumbuzo yakho ikwizizukulwana ngezizukulwana.

IiNdumiso 103:1-4

EkaDavide. Mbonge uYehova, mphefumlo wam, Ilibonge igama lakhe elingcwele into yonke engaphakathi kwam. Mbonge uYehova, mphefumlo wam, Ungayilibali yonke impatho yakhe entle: Uloxolela bonke ubugwenxa bakho; Ulophilisa zonke izifo zakho; Ulokhulula ubomi bakho esihogweni, Akuthi jize ngenceba nemfesane;

IiNdumiso 103:14-17

Ngokuba uyakwazi yena ukubunjwa kwethu, Ekhumbula ukuba siluthuli. Hayi, umntu! Injengotyani imihla yakhe; Njengentyantyambo yasendle, kunjalo ukutyatyamba kwakhe. Xa uthe umoya wadlula kuyo, ayibikho, Ingabi sazana nayo indawo yayo. Ke yona inceba kaYehova ikwabamoyikayo, kususela kwaphakade kude kuse ephakadeni, Nobulungisa bakhe bukoonyana boonyana;

IiNdumiso 106:43-46

Zibe zininzi izihlandlo ebahlangula; Ke bona bamphikisa ngamaqhinga abo, Bonakala bubugwenxa babo. Noko ke wakunonelela ukubandezelwa kwabo, Akuva ukuhlahlamba kwabo. Wawukhumbula ngenxa yabo umnqophiso wakhe, Wazohlwaya ngenxa yobuninzi beenceba zakhe. Wabafumanisa imfesane Phambi kwabo bonke abaye bebathimbile.

IiNdumiso 107:5-6

Belambile, benxaniwe, Watyhafa phakathi kwabo umphefumlo wabo. Bakhala ke kuYehova embandezelweni yabo, Wabahlangula ekucuthekeni kwabo;

IiNdumiso 107:9-14

Kuba ewuhluthisile umphefumlo otshobayo, Wawuzalisa ngokulungileyo umphefumlo olambileyo. Behleli emnyameni nasethunzini lokufa, Bekhonkxwe yimbandezelo nasisinyithi, Ngokuba bephikise amazwi kaThixo, Belitshitshisa icebo lOsenyangweni: Wayithoba intliziyo yabo ngokubasebenzisa kanzima; Bakhubeka, akwabakho mncedi. Bakhala ke kuYehova embandezelweni yabo; Wabasindisa ekucuthekeni kwabo. Wabakhupha emnyameni nasethunzini lokufa, Waziqhawula iimbophelelo zabo.

IiNdumiso 107:17-20

Abamathileyo, ngenxa yendlela yokukreqa kwabo, Nangenxa yobugwenxa babo, bacinezelwa; Konke ukudla kwaba lisikizi kumphefumlo wabo, Bafika emasangweni okufa. Bakhala ke kuYehova embandezelweni yabo, Wabasindisa ekucuthekeni kwabo. Wathumela ilizwi lakhe, wabaphilisa, Wabasiza ezihogweni zabo.

IiNdumiso 116:7-9

Buyela ekuphumleni kwakho, mphefumlo wam, Ngokuba uYehova ukuphatha kakuhle; Ngokuba ewuhlangule umphefumlo wam ekufeni, Iliso lam ezinyembezini, Unyawo lwam ekungqulekeni. Ndiya kuhamba-hamba phambi koYehova Emazweni abaphilileyo.

IiNdumiso 116:15

Kunqabile emehlweni kaYehova Ukufa kwakhakhe benceba.

IiNdumiso 118:5-6

Ndabiza uYehova ndisengxingongweni; Wandiphendula uYehova, wandibeka endaweni ebanzi. UYehova ungakum, andoyiki; Angandenza ntoni na umntu?

IiNdumiso 118:8-9

Kulungile ukuzimela ngoYehova, Ngaphezu kokukholosa ngomntu. Kulungile ukuzimela ngoYehova Ngaphezu kokukholosa ngamanene.

IiNdumiso 118:17

Andiyi kufa, ndiya kudla ubomi, Ndibalise ngezenzo zikaYehova.

IiNdumiso 118:18

UYehova undithethise kakhulu, Ke akandinikela ekufeni.

IiNdumiso 119:25

Umphefumlo wam unamathele eluthulini: Ndiphilise ngokwelizwi lakho.

IiNdumiso 119:28

Umphefumlo wam uvuza iinyembezi sisingqala, Ndimise ngokwelizwi lakho.

IiNdumiso 119:50

Yiyo le intuthuzelo yam ekucinezelekeni kwam, Yokuba intetho yakho indiphilisile.

IiNdumiso 119:67

Ndingekacinezelwa, ndaye ndilahleka; Kungoku ndiyigcinile intetho yakho.

IiNdumiso 119:71

Kundilungele okokuba ndacinezelwayo, Ukuze ndiyifunde imimiselo yakho.

IiNdumiso 119:75-77

Ndiyazi, Yehova, ukuba zinobulungisa izigwebo zakho; Undicinezele, phofu uthembekile. Ngamana inceba yakho yaba yeyokundithuthuzela, Njengokwentetho yakho kumkhonzi wakho. Mazize kum iimfesane zakho, ndiphile, Ngokuba umyalelo wakho undiyolisa.

IiNdumiso 119:92-93

Koko umyalelo wakho wandiyolisayo, Ndinge ndaphelayo ekucinezelekeni kwam. Andiyi kuzilibala naphakade iziyalezo zakho, Ngokuba undiphilisile ngazo.

IiNdumiso 119:107

Ndide ndacinezeleka kakhulu; Yehova, ndiphilise ngokwelizwi lakho.

IiNdumiso 119:143

Imbandezelo nengcutheko indifumene, Imithetho yakho iyandiyolisa.

IiNdumiso 121:2

Uncedo lwam luvela kuYehova, UMenzi wezulu nehlabathi.

IiNdumiso 121:7-8

UYehova uya kukugcina ebubini bonke, Uya kuwugcina umphefumlo wakho. UYehova uya kukugcina ukuphuma kwakho nokungena kwakho, Kususela ngoku kude kuse ephakadeni.

IiNdumiso 126:5-6

Abahlwayelayo beneenyembezi Baya kuvuna benokumemelela. Ohamba ahambe elila, Ephethe intlwayelelo, Uyabuya eze ememelela, Ethwele izithungu zakhe.

IiNdumiso 130:5-6

Ndithembele kuYehova, uthembile umphefumlo wam; Ndilinde ilizwi lakhe. Umphefumlo wam ulindele eNkosini Ngaphezu kwabalinde ukusa, Ewe, abalinde ukusa.

IiNdumiso 140:1-3

Kumongameli. Umhobe kaDavide. Ndihlangule, Yehova, esintwini esinobubi, Ndilondoloze emntwini ogonyamelayo, Abacinga okubi entliziyweni. Imihla yonke baxhaya imfazwe. Balola ulwimi lwabo njengenyoka; Ubuhlungu berhamba busemlonyeni wabo (Phakamisani.)

IiNdumiso 140:12

Ndiyazi ukuba uYehova uya kulifeza Ityala losizana, ibango lamahlwempu.

IiNdumiso 142:1-7

Eyokuqiqa kaDavide; oko ebesemqolombeni. Umthandazo. Ndikhala kuYehova ngezwi lam, Ndikhunga uYehova ngezwi lam, Ndiphalaza inkalazo yam phambi kwakhe, Ndixela imbandezelo yam phambi kwakhe. Ekutyhafeni komoya phakathi kwam, Uyayazi wena ingqushu yam. Emendweni endihamba ngawo Bandiqhushekela isibatha. Bheka ngasekunene ubone, Akukho undibukayo; Andinandawo ndingasabela kuyo, Akukho uwukhathaleleyo umphefumlo wam. Ndikhala kuwe, Yehova, Ndithi, Nguwe ihlathi lam, Isabelo sam ezweni labahleliyo. Kubazele indlebe ukuhlahlamba kwam, Ngokuba ndiswele kakhulu: Ndihlangule kwabandisukelayo, Ngokuba bomelele kunam. Wukhuphe entolongweni umphefumlo wam, Ndibulele kwigama lakho. Amalungisa aya kuzithi jize ngesithsaba ngenxa yam, Ngokuba undiphethe kakuhle.

IiNdumiso 143:6-7

Ndizolulela kuwe izandla zam, Umphefumlo wam ukungxamele njengelizwe elibharhileyo. (Phakamisani.) Khawuleza undiphendule, Yehova; uyaphela umoya wam. Musa ukubusithelisa kum ubuso bakho, Ndifane nabahla baye emhadini.

IiNdumiso 145:18-21

Usondele uYehova kubo bonke abamnqulayo, Kubo bonke abamnqulayo ngenyaniso. Uyayenza into ekholekileyo kwabamoyikayo, Akuve ukuzibika kwabo, abasindise. UYehova ungumgcini wabo bonke abamthandayo, Abatshabalalise bonke abangendawo. Umlomo wam mawuthethe indumiso kaYehova, Inyama yonke ilibonge igama lakhe elingcwele ngonaphakade kanaphakade.

IiNdumiso 146:7-9

Kogweba ityala labacudiswayo; Kopha abalambileyo ukudla; KuYehova okhulula ababanjwa; KuYehova ovula amehlo eemfama; KuYehova ophakamisa abagobileyo; KuYehova othanda amalungisa; KuYehova ogcina abaphambukeli; Kulophakamisa inkedama nomhlolokazi, Ayiphethule indlela yabangendawo.

IiNdumiso 147:3

Ulophilisa abaphuke intliziyo, Abophe amanxeba abo;

ImiZekeliso 3:5-8

Kholosa ngoYehova ngentliziyo yakho yonke, Ungayami okwakho ukuqonda. Uze umazi yena ezindleleni zakho zonke; Wowulungelelanisa umendo wakho. Musa ukuba sisilumko kwawakho amehlo; Yoyika uYehova usuke entweni embi. Ukuphila kobakho enkabeni yakho, Nokuqina emathanjeni akho.

ImiZekeliso 12:25

Isithukuthezi esisentliziyweni yendoda siyenza igobe; Liyayivuyisa ilizwi elihle.

ImiZekeliso 15:13

Intliziyo evuyileyo iyabuchwayithisa ubuso; Ekubulalekeni kwentliziyo umoya uthi dakumba.

ImiZekeliso 17:22

Intliziyo evuyileyo iyalungisa, ichachise; Umoya odakumbileyo uyawomisa amathambo.

ImiZekeliso 18:10

Yinqaba ende eliqele igama likaYehova; Ilungisa ligidimela kulo, libe sengxondeni.

ImiZekeliso 18:14

Umoya wendoda uyasinyamezela isifo sayo; Ke umoya odakumbileyo, ngubani na ongawuthwalayo?

ImiZekeliso 18:21

Ukufa nokuphila kusemandleni olwimi; Abaluthandayo baya kudla isiqhamo salo.

ImiZekeliso 24:10-11

Uthe waphelelwa ngemini yembandezelo, Oba ebandezelwe amandla akho. Hlangula abasiwa ekufeni; Nabajingxela baye ekubulaweni, khawubanqande.

ImiZekeliso 31:6-8

Isiselo esinxilisayo sinikeni abatshabalalayo, Newayini yinikeni abamphefumlo ukrakra. Mabasele abo, babulibale ubuhlwempu babo, Bangabi sabukhumbula ububi babo. Wuvule umlomo wakho ngenxa yosisidenge, Ngenxa yetyala labo bonke abadlulayo.

EcclesiastesImiZekeliso 3:1-4

Into yonke inexesha elimisiweyo, nomcimbi wonke unexesha lawo phantsi kwezulu: ukuzala kunexesha lako, ukufa kunexesha lako; ukutyala kunexesha lako, ukunyothula okutyelweyo kunexesha lako; ukubulala kunexesha lako, ukuphilisa kunexesha lako; ukuchitha kunexesha lako, ukwakha kunexesha lako; ukulila kunexesha lako; ukuhleka kunexesha lako; kukho ixesha lokulila umbambazelo, kukho nexesha lokudloba;

EcclesiastesImiZekeliso 7:1-4

Igama elilungileyo lingaphezulu nakwioli elungileyo; ulungile umhla wokufa ngaphezu komhla wokuzalwa komntu. Kulungile ukuya endlwini yesijwili kunokuya endlwini yemigidi; kuba oko kukuphela kwabantu bonke, aze ophilileyo akunyamekele ngentliziyo oko. Kulungile ukuba nosizi ngaphezu kokuhleka; ngokuba intliziyo iyalunga bububi bobuso. Intliziyo yezilumko isendlwini yesijwili; ke intliziyo yezidenge isendlwini yovuyo.

EcclesiastesImiZekeliso 7:14

Ngomhla wentsikelelo chwayitha, nangomhla wobubi qonda kakuhle, ukuba nalo, kwanjengalowa, wenziwe nguThixo, ngenxa enokuba umntu engafumani nto emva kwakhe.

UIsaya 1:5-6

Yini na ukuba nimane ukubethwa, nimane ukukwandisa ukutyeka? Yonke intloko iyafa, yonke intliziyo inobulwelwe; kuthabathele enkwalini yonyawo, kwesa entloko, akukho ndawo iphilileyo; ziinduma, nemivumbo, namanxeba amatsha: akacudiswanga, akabotshwanga, akathanjiswanga ngaoli.

UIsaya 14:7

Liphumle, lizolile ihlabathi lonke; bayagqabhuka bamemelele.

UIsaya 19:22

UYehova uya kuwabetha ke amaYiputa, ebetha ephilisa; abuyele kuYehova, yena athandazeke ngawo, awaphilise.

UIsaya 21:3

Ngenxa yoko azele amanqe am kukuzibhijabhija, inimba indifikele njengenimba yozalayo; ndiyapenapena, andiva; ndikhwankqile, andiboni.

UIsaya 24:4-6

Ihlabathi lenza isijwili, libunile; lintshwenyile, libunile elimiweyo; bathe matshamatsha abaphakamileyo ebantwini behlabathi. Ihlabathi lihlanjelwe ngaphantsi kwabemi balo; ngokokuba beyigqithile imiyalelo, badlula emimiselweni, bawaphula umnqophiso ongunaphakade. Ngenxa yoko lidliwe ihlabathi kukuqalekiswa, bathwele ityala abemiyo kulo; ngenxa yoko baphanzile abemi behlabathi, kwasala abantu abambalwa.

UIsaya 25:4

Ngokuba waba ligwiba kwisisweli, igwiba kwihlwempu ekubandezelweni kwalo, ihlathi esiphangweni, umthunzi lakubalela, xa ukufutha kwabangcangcazelisayo kwaba njengesiphango eludongeni.

UIsaya 25:8

Iya kuginya ukufa kuphele, izisule iNkosi uYehova iinyembezi ebusweni bonke, ingcikivo yabantu bayo iyisuse ehlabathini lonke, kuba uYehova ethethile.

UIsaya 26:3-4

Intliziyo ezimasekileyo uyayilondoloza, ixole ixolile; ngokuba ikholose ngawe. Kholosani ngoYehova ngonaphakade; kuba uYa, uYehova, uliliwa elingunaphakade.

UIsaya 26:12

Yehova, uya kusimisela uxolo; ngokuba nezenzo zethu zonke usisebenzele.

UIsaya 30:18-21

Ngako oko uYehova uya kukha alinde, ukuze anibabale; ngako oko uya kukha akhwelele phezulu, ukuze abe nemfesane kuni; ngokuba nguThixo wogwebo uYehova; hayi, uyolo lwabo bonke abalindele kuye! Ngokuba abantu aba baya kuhlala eZiyon, eYerusalem; aniyi kuba sabuya nilile; uya kunibabala ngenene ekuvakaleni kokukhala kwenu; akukuva, uya kusabela. INkosi iya kuninika isonka sobandezelweyo namanzi oxiniweyo, bangabi sazimela abayali bakho, amehlo akho esababona abayali bakho; iindlebe zakho zive ilizwi ngasemva kwakho, lisithi, Nantsi indlela; hambani ngayo, nokuba nisinga ekunene, nokuba nisinga ekhohlo.

UIsaya 35:3-6

Yomelezani izandla eziwileyo, niwaqinise amadolo agexayo. Yithini kwabantliziyo zingxamayo, Yomelelani, ningoyiki. Yabonani, uThixo wenu uyeza enempindezelo, enembuyekezo kaThixo; uya kuza yena anisindise. Aya kuvulwa amehlo eemfama, zivulwe iindlebe zezithulu; size sitsibe njengexhama isiqhwala, lumemelele ulwimi lwesidenge; ngokuba kuya kugqobhoka amanzi entlango, nemilambo enkqantosini;

UIsaya 35:8-10

Kuya kubakho umendo khona, kubekho indlela, kuthiwe ukubizwa kwayo, yindlela engcwele le. Akuyi kudlula nto iyinqambi ngayo; yeyabo yona: abahamba loo ndlela— nabazizihula abayi kulahleka kuyo. Akuyi kubakho ngonyama khona, aliyi kuqabela khona irhamncwa eliqwengayo; aliyi kufunyanwa khona; kuya kuhamba khona abakhululwe ngokuhlawulelwa; abakhululwa bakaYehova babuye beze eZiyon bememelela; benovuyo olungunaphakade phezu kweentloko zabo; baya kufumana imihlali nemivuyo, sisabe isingqala nosizi.

UIsaya 40:1-2

Thuthuzelani, bathuthuzeleni abantu bam, utsho uThixo wenu. Thethani kakuhle neYerusalem, nimemeze kuyo, nithi kuzalisekile ukuphuma kwayo umkhosi; nithi, buhlawulelwe ubugwenxa bayo; nithi, yamkeliswe esandleni sikaYehova okuphindwe kabini kwizono zayo zonke.

UIsaya 40:11

Iya kuwalusa umhlambi wayo njengomalusi; iya kuwabutha ngeengalo zayo amatakane, iwathwale ngesifuba sayo, izithundeze ezanyisayo.

UIsaya 40:28-31

Akwazi na? akuvanga na, ukuba uThixo ongunaphakade nguYehova, tyhafi, akadinwa; ayinakugocwagocwa ingqondo yakhe. Umnika otyhafileyo amandla, ongenakomelela amandisele ukuqina. Namadodana angatyhafa adinwe, nabafana bakhubeke bawe; ke bona abathembele kuYehova baya kuhlaziyeka emandleni; banyuke ngamaphiko njengeenkozi. Baya kugidima bangadinwa, bahambe bangatyhafi.

UIsaya 41:10

musa ukoyika, kuba ndinawe mna; musa ukubhekabheka, kuba ndinguThixo wakho; ndikukhaliphisile, ewe, ndikuncedile, ndikuxhasile ngesandla sam sokunene sobulungisa bam.

UIsaya 41:17

Ke abaziintsizana nabangamahlwempu baya kufuna amanzi, angabikho, ulwimi lwabo lome linxano; mna Yehova ndiya kubaphendula; mna, Thixo kaSirayeli, andiyi kubashiya.

UIsaya 43:1-2

Kaloku ke utsho uYehova, uMdali wakho, Yakobi, uMbumbi wakho, Sirayeli, ukuthi, Musa ukoyika; ngokuba ndikukhulule ngokukuhlawulela; ndikubizile ngegama lakho, ungowam. Xa uthi uwele emanzini, ndoba nawe: nasemilanjeni, ayisayi kukuntywilisela; xa uthi uhambe emlilweni, akuyi kurhawuka, nelangatye lingakutshisi.

UIsaya 45:7

NdinguMenzi wokukhanya, uMdali wobumnyama, uMenzi woxolo, uMdali wobubi: mna Yehova ndinguMenzi wezo zinto zonke.

UIsaya 46:4

kude kuse ebudaleni ikwandim, kude kuse ezimvini ndiya kunityatha emagxeni mna. Ndikwenzile mna; ndiya kunithwala mna, ndiya kunityatha emagxeni mna, ndinisize.

UIsaya 48:10

Uyabona, ndikunyibilikisile, akwaba ngokwesilivere; ndakucikida ezikweni leentsizi.

UIsaya 49:10

Abayi kulamba, abayi kunxanwa, abayikubethwa sisanga nalilanga; ngokuba onemfesane kubo uya kubaqhuba, abathundezele emanzini ampompozayo.

UIsaya 49:13

Memelelani, mazulu; gcoba, hlabathi; gqabhukani nimemelele, zintaba; ngokuba uYehova ubathuthuzele abantu bakhe, unemfesane kwabaziintsizana zakhe.

UIsaya 49:16

Uyabona, ndikuvambile ezintendeni zezandla zam; iindonga zakho zihlala zimi phambi kwam.

UIsaya 51:3

Ngokuba uYehova uyithuthuzele iZiyon, uwathuthuzele onke amanxuwa ayo, wayenza intlango yayo yanjenge-Eden, nenkqantosi yayo yanjengomyezo kaYehova; kufumaneka imihlali nemivuyo kuyo, imibulelo nezwi lohadi.

UIsaya 51:11-12

Ke abakhululwa bakaYehova baya kubuya babuye, beze eZiyon bememelela, benovuyo olungunaphakade phezu kweentloko zabo; baya kufumana imihlali nemivuyo, sisabe isingqala nokuncwina. Mna ndinguye uMthuthuzeli wenu; ungubani na wena, ukuba woyike umfo oza kufa, nonyana womntu owenziwe wanga yingca;

UIsaya 53:1-12

Ngubani na okholiweyo ludaba lwethu, nengalo kaYehova ityhileke kubani na? Kuba yena umkhonzi unyuka njengegatya phambi kwakhe, njengehlumelo eliphuma ezweni elingumqwebedu, engenasithomo nabungangamela; sakukhangela, akwabakho kubonakala ukuba masimnqwenele. Udeliwe, ushiyiwe ngabantu; yindoda enomvandedwa, eqhelene nesifo wanga ngulowo kusitheliswa kuye ubuso, udeliwe, thina ke asambeka. Okwenene, uzithabathele phezu kwakhe izifo zethu, wathwala umvandedwa wethu, ke thina besiba ungobandezelwayo nguThixo, ungocinezelwa nguye. Kanti yena uhlatywe ngenxa yezikreqo zethu, watyunyuzwa ngenxa yezenzo zethu ezigwenxa; ubetho lokuba sibe noxolo thina lube luphezu kwakhe; siphiliswe ngemivumbo yakhe. Thina zonke salahleka njengeegusha, sabheka elowo endleleni yakhe, waza uYehova wamwela ngobugwenxa bethu sonke. Wakhandaniswa, wazithoba, engawuvuli umlomo wakhe, njengemvana esiwa ekuxhelweni; nanjengegusha esisidenge phambi kwabachebi bayo, akawuvula umlomo wakhe. Uthatyathwe ekuxinweni nasematyaleni; esizukulwaneni sakhe ngubani na owathelekelela ukuthi, unqanyulwe ezweni labaphilileyo, ubandezelwe ngenxa yesikreqo sabantu bakowethu? Lamiswa nawaboni ingcwaba lakhe—ke laba nosisityebi, akuba efile; ekubeni engenzanga lugonyamelo, kungabangakho nkohliso emlonyeni wakhe. UYehova ke wathanda ukumtyumza nokumvisa isifo. Xa uthe umphefumlo wakhe wawenza idini letyala, woyibona imbewu yakhe, abe nemihla emide; ukuthanda kukaYehova kube nempumelelo ngesandla sakhe. Ngokwaphuka komphefumlo wakhe wobona, aneliswe; ngokwazi kwakhe, umkhonzi wam olilungisa uya kugwebela abaninzi, athwale yena izenzo zabo ezigwenxa. Ngako oko ndiya kumahlulela isahlulo nabakhulu, alabe nabanegunya ixhoba, ngethuba lokuba ewuminyele ekufeni umphefumlo wakhe, wavuma ukubalelwa kubakreqi, akubon’ ukuba usithabathile phezu kwakhe isono sabaninzi, ebathandazele abakreqi.

UIsaya 54:4

Musa ukoyika, ngokuba akuyi kudana; musa ukudideka lihlazo, ngokuba akuyi kuba nazintloni. Ngokuba ukudana kobuntombi bakho uya kukulibala, ungcikivo lobuhlolokazi bakho ungabi salukhumbula.

UIsaya 54:14

Uya kuzinza ngobulungisa; ungakhe uxhale, ngokuba akuyi kuba nakoyika; ungakhe uqhiphuke umbilini, ngokuba akuyi kusondela kuwe.

UIsaya 54:17

Zonke izixhobo ezikhandelwa ukulwa nawe aziyi kuba nampumelelo; zonke iilwimi ezimelene nawe ematyaleni uya kuzigweba. Lilo eli ilifa labakhonzi bakaYehova, nobulungisa babo obuphuma kum; utsho uYehova.

UIsaya 55:12

Kuba niya kuphuma ninovuyo, nithundezwe ninoxolo. Iintaba neenduli ziya kugqabhuka zimemelele phambi kwenu, imithi yasendle ibethe izandla.

UIsaya 57:2

Lingena eluxolweni; baphumla ezililini zabo ababehambe ngokuthe gca.

UIsaya 57:15

Ngokuba utsho ophezulu, owongamileyo, ohleli ngonaphakade, ogama linguNgcwele, ukuthi, Ndihleli phezulu, engcweleni, ndihleli nakotyumkileyo, omoya uthobekileyo; ukuba ndibuye ndiphilise umoya wabathobekileyo, ndibuye ndiphilise intliziyo yabatyumkileyo.

UIsaya 57:18-19

Iindlela zakhe ndizibonile: ndiya kumphilisa, ndimalathise, ndimbuyekezele intuthuzalo yena, nabakhe ke abenza isijwili. Umdali weziqhamo zomlomo, uYehova, uthi, Uxolo, uxolo malubekho kwabakude nakwabakufuphi, ndibaphilise.

UIsaya 58:5-7

Into enjalo ingaba kukuzila endikunyulileyo na? Ingaba ngumhla wokuba umntu awuthobe umphefumlo wakhe na? Ukuthokombisa intloko yakhe njengomzi andlale ezirhwexayo nothuthu, oko ukubiza ngokuthi kukuzila na? Ngumhla okholekileyo na kuYehova? Ukuzila endikunyulileyo asikoku na: ukucombulula iziqamangelo zokungendawo, ukukhulula izitropu zeedyokhwe, ukundulula abavikivekileyo bekhululekile, naphule zonke iidyokhwe? Asikoku na: ukumqhekezela esonkeni sakho olambileyo, ubangenise endlwini abaziintsizana, abatshutshiswayo? xa uthe wabona ohamba ze, umambese, ungazifihli kwinyama yakho?

UIsaya 58:8-11

Kuya kwandula ke ukukhanya kwakho kuthi qhiphu njengokusa, kuhlume kamsinya ukupholiswa kwakho, buhambe phambi kwakho ubulungisa bakho, buqoshelise emva kwakho ubuqaqawuli bukaYehova. Uya kwandula ubize, asabele uYehova; uzibike, athi, Ndikho! Ukuba uthe wakususa phakathi kwakho ukufaka idyokhwe, nokwalatha ngomnwe, nokuthetha ubudenge; wamvukelisa olambileyo ngento oyidlayo, wawuhluthisa umphefumlo wocinezelweyo: kophumela ke ukukhanya kwakho emnyameni, nesithokothoko sakho sibe njengemini enkulu. Uya kuhlala ekwalathisa uYehova, awuhluthise umphefumlo wakho ekubaleleni kwelanga, omeleze amathambo akho, ube njengomyezo onyakanyiswa yimvula, nanjengendawo ephuma amanzi, emanzi angatshiyo.

UIsaya 61:1-3

UMoya weNkosi uYehova uphezu kwam; ngenxa yokuba uYehova endithambisele ukuba ndishumayeze abalulamileyo iindaba ezilungileyo. Undithume ukubopha abantliziyo zaphukileyo, ukumemeza inkululeko kwabathinjiweyo, ukuvulwa kwamehlo kwabakhonkxiweyo; ukumemeza umnyaka wetarhu likaYehova, nomhla wempindezelo yoThixo wethu: ukuthuthuzela bonke abanesijwili; ukubamisela abanesijwili baseZiyon, ukubanika isihombo sentloko esikhundleni sothuthu, ioli yemihlali esikhundleni sesijwili, ingubo yendumiso esikhundleni somoya odambayo; ukubizwa kwabo kuthiwe yimiterebhinti yobulungisa, isityalo sikaYehova sokuhomba.

UIsaya 63:9

Ekubandezelekeni kwabo konke wabandezeleka, nesithunywa sobuso bakhe sabasindisa; ekubathandeni kwakhe nasekubacongeni kwakhe wayebakhulula ngokumisela yena, wabafunqula; wabathwala yonke imihla yasephakadeni.

UIsaya 65:17-19

Ngokuba, niyabona, ndidala amazulu amatsha nehlabathi elitsha; angakhunjulwa awokuqala, angenyuki athi qatha entliziyweni. Hayi, yibani nemihlali, nigcobe nanini yiloo nto ndiyidalayo; ngokuba, yabonani, ndiyayidala iYerusalem ukuba igcobe, nabantu bayo ukuba babe nemihlali. Ndiya kugcoba ngeYerusalem, ndibe nemihlali ngabantu bam, lingabi savakala khona ilizwi lokulila nelizwi lokukhala.

UIsaya 66:13

Njengomntu othu thuzelwa ngunina, ndiya kwenjenjalo mna ukunithuthuzela, nithuthuzelwe eYerusalem.

UYeremiya 17:7-8

Isikelelwe indoda ekholose ngoYehova, enkoloseko ikuYehova; kuba yoba njengomthi omiliselwe emanzini, unabise iingcambu zawo phezu komlambo, ungoyiki xa kuthe kweza ubushushu; aqhame amagqabi awo, ungakhathali ngomnyaka wokubalela, ungayeki ukuvelisa iziqhamo.

UYeremiya 17:14

Ndiphilise, Yehova, ndiphile; ndisindise, ndisinde; ngokuba indumiso yam nguwe.

UYeremiya 29:11-13

Ngokuba ndiyazazi iingcinga endizicingayo ngani, utsho uYehova: iingcinga zoxolo, ezingezizo ezobubi; ukuba ndininike ikamva nethemba. Niya kundinqula, nize nithandaze kum, ndiniphulaphule. Niya kundifuna, nindifumane, xa nithe nandifuna ngentliziyo yenu yonke;

UYeremiya 30:17

Ngokuba ndiya kukubopha, ndiyipholise imivumbo yakho, utsho uYehova; ngokokuba bathi unguGxothiwe, uyiZiyon engakhathalelwe bani.

UYeremiya 31:25-26

Ngokuba ndiyawuseza uhluthe umphefumlo otyhafileyo; ndowanelisa umphefumlo wonke othe amandla. Kwakubanjalo, ndavuka, ndakhangela; ubuthongo bam bebumnandi kum.

UYeremiya 33:6

ukuthi, Yabona, ndiwubopha ngezinto ezibotshwayo, eziphilisayo, ndibaphilise, ndibatyhilele ukuphuphuma koxolo nenyaniso.

IziLilo 3:19-20

Zikhumbule iintsizi zam, nokutshutshiswa kwam, umhlonyane nenyongo. Umphefumlo wam uyazikhumbula unangoku ezo zinto, usibekekile kum.

IziLilo 3:22-26

Kungeenceba zikaYehova le nto singagqityelwanga, ngokuba azipheli iimfesane zakhe. Zintsha imiso ngemiso; kukhulu ukuthembeka kwakhe. Isabelo sam nguYehova, utsho umphefumlo wam; ngenxa yoko ndilindele kuye. UYehova ulungile kwabathembele kuye, kumphefumlo omquqelayo. Kulungile ukuba umntu alulindele, ethe cwaka, usindiso lukaYehova.

IziLilo 3:32-33

Ngokuba naxa imhlisele usizi, noko yoba nemfesane ngokobuninzi benceba yayo. Ngokuba ayibacinezeli ngokuphuma entliziyweni yayo, ibenze babe nosizi oonyana babantu.

IziLilo 3:57-58

Wasondela ngemini yokukunqula kwam, wathi, Musa ukoyika. Uwathethile amatyala omphefumlo wam, Nkosi yam; ubukhulule ubomi bam ngokubumisela.

IziLilo 5:10

Ulusu lwethu luyavutha njengeziko Ngenxa yolophu lwendlala.

UHezekile 34:14-16

Ndiya kuwalusela ebutyanini obulungileyo, libe sezintabeni ezinde zakwaSirayeli idlelo lawo; edlelweni elilungileyo, uya kubutha khona, udle utyani obutyebileyo ezintabeni zakwaSirayeli. Mna ndiya kuwalusa umhlambi wam, ndiwenze ubuthe mna; itsho iNkosi uYehova. Ezilahlekileyo ndiya kuzifuna, ndibuyise eziziintsali, ndibophe ezaphukileyo, ndizomeleze ezifayo; ke ezityebileyo ndozitshabalalisa, nezomeleleyo ndizaluse ngokusesikweni.

UDaniyeli 3:28

Waphendula uNebhukadenetsare wathi, Makabongwe uThixo kaShadraki, kaMeshaki, ka-Abhede-nego osithumileyo isithunywa sakhe, wabasindisa abakhonzi bakhe, ababekholose ngaye, baligqitha ilizwi lokumkani, bayinikela imizimba yabo, ukuba bangabusi, bangaqubudi, kuthixo nonguwuphi, ongenguye uThixo wabo.

UDaniyeli 6:22-23

UThixo wam uthume isithunywa sakhe, sayivingca imilomo yeengonyama, ukuba zingandenzakalisi, ngenxa enokuba phambi kwakhe kufumaneke ukuba ndimsulwa; naphambi kwakho, kumkani, andonanga. Waza ukumkani wavuya kunene, wathi uDaniyeli makanyuswe emhadini. Wenyuswa ke uDaniyeli. Akwafumaneka nasinye isenzakalo kuye; ngokuba ebekholwe kuThixo wakhe.

UDaniyeli 6:27

esindisa, ehlangula, esenza imiqondiso nezimanga emazulwini nasehlabathini; ngokuba emsindisile uDaniyeli emandleni eengonyama.

UHoseya 6:1-2

Yizani sibuyele kuYehova; kuba eqwengile, wosiphilisa; uxabele, wosibopha. Wosidlisa ubomi, kwakuba ntsuku mbini; wosiphakamisa ngolwesithathu, sidle ubomi phambi kwakhe.

UHoseya 13:14

Ndiya kubakhulula esandleni selabafileyo, ndiya kubahlawulela ndibakhulule ekufeni. Ziphi na iindyikitya zakho, kufa? Iphi na imbubhiso yakho, ngcwaba? Ukuzohlwaya kusithele emehlweni am.

UYoweli 2:25-26

Ndonibuyiselela okweminyaka eyadliwa yinkumbi, nangumkhothululi, nangumqikela, nangumnqunquthi, impi yam enkulu endayithumelayo phakathi kwenu. Niya kudla nidlile, nihluthe, nilidumise igama likaYehova uThixo wenu, oniphethe ngokubalulekileyo; bangadani abantu bam naphakade;

UYona 2:2

Ndazibika ndisesiswini selabafileyo, Waliva wena ilizwi lam.

UZefaniya 3:17

UYehova uThixo wakho uphakathi kwakho, ligorha elisindisayo; unemihlali ngawe, enovuyo; uthe cwaka eluthandweni lwakhe, ugcoba ngawe ememelela.

UMalaki 4:2

Ke kuni, nina baloyikayo igama lam, ilanga lobulungisa liya kuphuma, linophiliso emaphikweni alo. Niya kuphuma nidlobe, njengamankonyana asesitalini, nibaxovule abangendawo;

UMateyu 2:16-18

Ke kaloku uHerode, akubona ukuba izazi zidlale ngaye, waba nomsindo kunene, waza wathumela, wababulala bonke abantwana abaseBhetelehem, nakuyo yonke imida yayo, abaminyaka mibini bezelwe, nangaphantsi, elungelelanisa nexesha abeliqondisise kakuhle kuzo izazi. Kwandula ukuzaliseka okwathethwayo ngoYeremiya umprofeti esithi, Kwavakala izwi eRama, Isimema nesililo nesijwili esikhulu, URakeli elilela abantwana bakhe, Engavumi ukuthuthuzeleka, ngokuba bengasekho.

UMateyu 4:23-24

Waye uYesu elihamba lonke elaseGalili, efundisa ezindlwini zabo zesikhungu, evakalisa iindaba ezilungileyo zobukumkani, ephilisa izifo zonke nezikhuhlane zonke ebantwini. Lwaphuma ke udumo lwakhe lwaya kulo lonke elaseSiriya, babazisa kuye bonke abafayo, bebanjwe zizifo ngezifo naziintuthumbo ngeentuthumbo, nabaphethwe ziidemon, nabanesathuthwane, nabanedumbe, wabaphilisa ke.

UMateyu 5:3-4

Banoyolo abangamahlwempu ngomoya; ngokuba ubukumkani bamazulu bobabo. Banoyolo abakhedamileyo; ngokuba baya konwatyiswa bona.

UMateyu 5:10-12

Banoyolo abatshutshiswa ngenxa yobulungisa; ngokuba ubukumkani bamazulu bobabo. Ninoyolo nina, xa bathe abantu baningcikiva, banitshutshisa, bathetha zonke izinto ezikhohlakeleyo ngani bexoka, ngenxa yam. Vuyani nigcobe kunene; ngokuba umvuzo wenu mkhulu emazulwini; kuba benjenjalo ukubatshutshisa abaprofeti ababekho phambi kwenu.

UMateyu 5:44

Ke mna ndithi kuni, Zithandeni iintshaba zenu, basikeleleni abo baniqalekisayo, benzeleni okulungileyo abo banithiyayo, nibathandazele abo banigxekayo banitshutshise;

UMateyu 6:25-34

Ngenxa yoko ndithi kuni, Musani ukubuxhalela ubomi benu, nisithi nodla ntoni na; nosela ntoni na; kwanomzimba wenu, nisithi niya kwambatha ntoni na. Ubomi abungaphezulu na kuko ukudla, nomzimba awungaphezulu na kwinto yokwambatha? Yondelani ezintakeni zasezulwini; ngokuba azihlwayeli, azivuni, azibutheli koovimba; ukanti ke uYihlo osemazulwini uyazondla. Nina anizidlule kakhulu na? Nguwuphi na ke kuni onokuthi ngokuxhala ongeze ebukhulwini bakhe ikubhite ibe nye? Kanjalo yini na ukuba nixhalele into yokwambatha? Gqalani iinyibiba zasendle, ukuhluma kwazo; azibulaleki, azisonti nokusonta; ke ndithi kuni, noSolomon kubo bonke ubunewunewu bakhe, wayengavathiswanga nanjenganye kuzo ezi. Ukuba ke ingca leyo yasendle, ethi namhla ibekho, ize ngomso iphoswe eziko, wenjenjalo uThixo ukuyambathisa, akayi kunambathisa kakhulu ngakumbi na, bantundini balukholo luncinane? Musani ukuxhala ngoko, nisithi, Sodla ntoni na, sosela ntoni na, siya kwambatha ntoni na? Kuba zonke ezo zinto zingxanyelwe ziintlanga; kuba uYihlo wasemazulwini uyazi ukuba ezo zinto zonke ziyafuneka kuni. Funani ke tanci ubukumkani bukaThixo nobulungisa bakhe, zaye zonke ezo zinto ziya kongezelelwa kuni. Ngoko musani ukuxhalela ingomso; kuba ingomso liya kuxhalela okwalo. Buyanele imini leyo obayo ububi.

UMateyu 7:7-8

Celani, nophiwa; funani, nofumana; nkqonkqozani, novulelwa; kuba wonke umntu ocelayo uyazuza, nalowo ufunayo uyafumana, nalowo unkqonkqozayo uya kuvulelwa.

UMateyu 8:2-3

Nanko kusiza oneqhenqa, waqubuda kuye, esithi, Nkosi, ukuba uyathanda, unako ukundihlambulula. Wasolula isandla uYesu, wamchukumisa, esithi, Ndiyathanda, hlambuluka. Lahlambuluka kwaoko iqhenqa lakhe.

UMateyu 8:5-13

Ke kaloku, akubon’ ukuba uYesu ungene eKapernahum, kweza kuye umthetheli-khulu embongoza, esithi, Nkosi, isicaka sam silele ngendlu, sinedumbe, sithuthunjelwa ngokoyikekayo. Athi uYesu kuye, Ndoza ndisiphilise mna. Waphendula umthetheli-khulu, wathi, Nkosi, andikulingene ukuba ude ungene phantsi kophahla lwam; thetha ilizwi lodwa, sophiliswa isicaka sam. Kuba nam ndingumntu ophantsi kwegunya labanye, ndinamasoldati phantsi kwam; ndithi kweli, Yiya, liye; kweliya, Yiza, lize; kwisicaka sam, Yenza oku, sikwenze. Evile ke uYesu wamangaliswa, wathi kwabalandelayo, Inene ndithi kuni, andifumananga lukholo lungaka nakwaSirayeli. Ndithi ke kuni, Baninzi abaya kufika bevela empumalanga nasentshonalanga, bangqengqe ndawonye noAbraham noIsake noYakobi ebukumkanini bamazulu. Kodwa bona abantwana bobukumkani baya kukhutshelwa emnyameni ongaphandle; khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo. Waza wathi uYesu kumthetheli-khulu, Hamba ke, makwenzeke kuwe ngokokholo lwakho. Saphiliswa kwangalo elo lixa isicaka sakhe.

UMateyu 8:14-15

Ke kaloku uYesu wangena endlwini kaPetros, wabona umkhwekazi wakhe elele, esifa yicesina. Waza wachukumisa isandla sakhe, yamyeka icesina; wavuka ke, wabalungiselela.

UMateyu 8:16-17

Kuthe ke kwakuhlwa, kwaziswa kuye into eninzi yabaphethwe ziidemon; wabakhupha oomoya abo ngelizwi, wathi nabo bonke abafayo wabaphilisa; ukuze kuzaliseke okwathethwayo ngoIsaya umprofeti, esithi, Yena ngokwakhe wabuthabatha ubulwelwe bethu, wazithwala izifo zethu.

UMateyu 8:24-26

Kwasuka kwabakho uqhwithela olukhulu elwandle, ngokokude umkhombe ugutyungelwe ngamaza; waye ke yena elele ubuthongo. Beza abafundi bakhe bamvusa, besithi, Nkosi, sisindise, satshabalala! Athi kubo, Yini na ukuba nibe ngamagwala, bantundini balukholo luncinane? Waza wavuka, wayikhalimela imimoya nolwandle; kwabakho ukuzola okukhulu.

UMateyu 8:28-32

Kuthe akufika ngaphesheya, ezweni lamaGergasi, kwaqubisana naye abantu ababini abaphethwe ziidemon, bephuma emangcwabeni, belugcalagcala, kwada kwayinkohla ukuba kudlule umntu ngaloo ndlela. Basuka bakhala besithi, Yintoni na enathi nawe, Yesu, Nyana kaThixo? Apha uze kusithuthumbisa na phambi kwelona xesha? Bekukho ke mgama kubo ugxuba olukhulu lweehagu lusidla. Zaye ke iidemon zimbongoza, zisithi, Ukuba uyasikhupha, sivumele siye kungena elugxubeni lweehagu oluya. Wathi kuzo, Yiyani. Zaphuma ke, zaya kungena elugxubeni lweehagu; lwasuka lonke ugxuba lweehagu lwaphaphatheka, lwehla eweni, lwela elwandle; zatshabalala emanzini.

UMateyu 9:2-7

Ke kaloku bazisa kuye umntu onedumbe, elele elukhukweni. UYesu, elubona ukholo lwabo, wathi kuye onedumbe, Mntwana wam, yomelela; zixolelwe izono zakho. Besuka ababhali abathile, bathi phakathi kwabo, Lo uyanyelisa. UYesu, ezibona iingcingane zabo, wathi, Yini na ukuba nicinge izinto ezikhohlakeleyo ezintliziyweni zenu? Kuba okukhona kulula kukuphi na, kukho ukuthi, Zixolelwe izono zakho; kukho nokuthi, Vuka uhambe? Kodwa ukuze nazi ukuba unalo igunya emhlabeni uNyana woMntu lokuxolela izono (selesithi konedumbe), Vuka, uthabathe ukhuko lwakho, uye endlwini yakho. Wavuka ke, wemka waya endlwini yakhe.

UMateyu 9:12

Ekuvile ke uYesu oko, wathi kubo, Akufuneki gqirha kwabaphilileyo, lifuneka kwabafayo.

UMateyu 9:20-22

Nanko kusiza ntokazi ithile, eyayinethombo legazi iminyaka elishumi elinamibini; yafika ngasemva yachukumisa umqukumbelo wengubo yakhe; kuba ibisithi ngaphakathi kwayo, Ukuba ndithe ndachukumisa ingubo yakhe nje kodwa, ndophiliswa. Wajika uYesu, wayibona, wathi, Ntombi yam, yomelela, ukholo lwakho lukusindisile. Yasindiswa loo ntokazi kwangelo lixa.

UMateyu 9:23-25

Uthe akufika uYesu endlwini yomphathi, wazibona iingwali nabantu abaninzi bephithizela; athi kubo, Khwelelani; kuba intombazana ayifile, ilele. Basuka bamwa ngentsini. Uthe ke bakukhutshelwa phandle abantu, wangena, wayibamba ngesandla, yaza yavuka intombazana leyo.

UMateyu 9:27-30

Kuthe ke akuba edlula apho uYesu, walandelwa ziimfama ezimbini, zidanduluka, zisithi, Senzele inceba, nyana kaDavide. Zithe, akungena ke endlwini, zeza kufika kuye iimfama; athi kuzo uYesu, Niyakholwa na ukuba ndinako ukukwenza oko? Zithe kuye, Ewe, Nkosi. Wandula ukuwachukumisa amehlo azo, esithi, Ngokokholo lwenu makwenzeke kuni. Avuleka ke amehlo azo. Waza uYesu waziyala kalukhuni, esithi, Lumkani ingaziwa mntu le nto.

UMateyu 9:32-33

Ke kaloku zakubon’ ukuba ziyaphuma, kwabonakala kuziswa kuye umntu osisidenge, ophethwe yidemon. Kwathi, yakukhutshwa idemon, sathetha isidenge; zamangaliswa izihlwele, zisithi, Akuzanga kubonwe okunje kwaSirayeli.

UMateyu 9:35

Waye uYesu eyihamba yonke imizi nemizana, efundisa ezindlwini zabo zesikhungu, evakalisa iindaba ezilungileyo zobukumkani, ephilisa izifo zonke nezikhuhlane zonke ebantwini.

UMateyu 10:1

Waza wababizela kuye abafundi bakhe abalishumi elinababini, wabanika igunya koomoya abangcolileyo, ukuze babakhuphe, nelokuphilisa izifo nezikhuhlane zonke.

UMateyu 10:8

Philisani imilwelwe, hlambululani abaneqhenqa, vusani abafileyo, khuphani iidemon; namkele ngesisa, yiphani ngesisa.

UMateyu 10:28-31

Ningaboyiki abo babulala umzimba, kodwa bengenako ukuwubulala wona umphefumlo; yoyikani ke kanye lowo unako ukutshabalalisa umphefumlo kwanomzimba esihogweni somlilo. Abathengiswa ngepeni na oongqatyana ababini? Kanti akuyi kuwa namnye kubo emhlabeni ngaphandle koYihlo. Nina ke, kwaneenwele ezi zentloko yenu zibaliwe zonke. Musani ukoyika ngoko; nibagqithile oongqatyana abaninzi nina.

UMateyu 10:39

Lowo uwufumeneyo umphefumlo wakhe, wolahlekwa nguwo; nalowo uwulahlileyo umphefumlo wakhe ngenxa yam, uya kuwufumana.

UMateyu 11:5

iimfama zibuya zibone, neziqhwala ziyahamba; abaneqhenqa bayahlanjululwa, nezithulu ziyeva; abafileyo bayavuswa, namahlwempu aya zishunyayezwa iindaba ezilungileyo.

UMateyu 11:28-30

Yizani kum nonke nina nibulalekayo, nisindwayo ngumthwalo, ndoninika ukuphumla. Thabathani idyokhwe yam niyithwale, nifunde kum; ngokuba ndinobulali, ndithobekile ngentliziyo; noyifumanela ukuphumla imiphefumlo yenu. Kuba idyokhwe yam imnandi, nomthwalo wam ulula.

UMateyu 12:10-13

Kwabonakala kukho umntu owome isandla; baza bambuza, besithi, Kuvumelekile na ukuphilisa ngesabatha? ukuze bammangalele. Wathi ke kubo, Kuni apha nguwuphi na umntu ongethi, enemvu inye, yaza yona yeyela emhadini ngesabatha, angayibambi ayirhole? Ubeke phi na ke umntu ukuyigqitha imvu? Ngoko ke kuvumelekile ukwenza okulungileyo ngesabetha. Aze athi kumntu lowo, Solule isandla sakho. Wasolula, sabuya saphila ke, saba kwanjengesinye.

UMateyu 12:15

Uthe ke uYesu, ekwazi oko, wemka, apho; walandelwa ngabantu abaninzi; wabaphilisa bonke.

UMateyu 12:22

Kwaza kwaziswa kuye ophethwe yidemon, eyimfama, esisidenge; wamphilisa, wada lowo uyimfama usisidenge wathetha, wabona nokubona.

UMateyu 13:20-21

Lowo ke uhlwayelwa ezindaweni ezilulwalwa, ngulo ulivayo ilizwi, alamkele kwaoko ngovuyo; abe ke engenangcambu ngaphakathi kwakhe, eme umzuzwana kodwa; uthi ke kwakuhla imbandezelo nokuba yintshutshiso ngenxa yelizwi, akhutyekiswe kwaoko.

UMateyu 14:14

Ephumile ke uYesu, wabona into eninzi yabantu, wasikwa yimfesane ngabo, wayiphilisa imilwelwe yabo.

UMateyu 14:35-36

Emazile amadoda aloo ndawo, athumela kuwo wonke loo mmandla. Bazisa kuye bonke abafayo, bambongoza ukuba bachukumise nje kodwa intshinga yengubo yakhe; baza bonke abayichukumisayo baphiliswa kanye.

UMateyu 15:22-28

Kwathi thu umKananekazi evela kuloo mida, ekhala esithi, Ndenzele inceba, Nkosi, nyana kaDavide; intombi yam iphethwe yidemon kakubi. Akamphendula ke nelizwi eli. Beza abafundi bakhe, bamcela besithi, Mndulule, ngokuba usilandela ekhala. Waphendula ke yena wathi, Ndithunywe kwizimvu ezilahlekileyo zendlu kaSirayeli zodwa. Weza ke waqubuda kuye, esithi, Nkosi, ndisize. Uphendule ke wathi, Asinto intle ukusithabatha isonka sabantwana, siphoswe ezinjaneni. Wathi ke yena, Ewe, Nkosi; kuba neenjana zidla kwiimvuthuluka eziwa etafileni yabaninizo. Waza ke waphendula uYesu wathi kuye, Mfazi, lukhulu ukholo lwakho; makwenzeke kuwe njengokuthanda kwakho. Yaphiliswa intombi yakhe kwangelo lixa.

UMateyu 15:30-31

Kweza kuye izihlwele ezininzi, zinazo iziqhwala, iimfama, izidenge, izilima, nabanye abaninzi, zababeka phantsi ezinyaweni zikaYesu; wabaphilisa; zada zamangaliswa izihlwele ezo, zakubona izidenge zithetha, izilima ziphilile, iziqhwala zihamba, neemfama zibona; zamzukisa uThixo kaSirayeli.

UMateyu 17:14-18

Bakubon’ ukuba bafikile esihlweleni, kweza kuye umntu, esiwa ngamadolo phambi kwakhe, esithi, Nkosi, menzele inceba unyana wam; ngokuba unesathuthwane, esiva ubunzima obukhulu; kuba esiwa futhi emlilweni, nasemanzini futhi. Ndithe ndamzisa kubafundi bakho, ababa nako ukumphilisa. Waphendula ke uYesu wathi, Sizukulwanandini singakholwayo, sigwenxa, koda kube nini na ndinani? Koda kube nini na ndininyamezele? Mziseni kum apha. Waza uYesu wayikhalimela, yaphuma kuye idemon; waphiliswa umntwana kwangelo lixa.

UMateyu 17:20

Wathi ke uYesu kubo, Bekungenxa yokungakholwa kwenu; kuba inene ndithi kuni, Beningathi, ninokholo olunjengokhozo lwemostade, nithi kule ntaba, Suka apha uye phaya, isuke, kungabikho nto iya kuninqabela.

UMateyu 18:8-9

Ukuba ke isandla sakho, nokuba lunyawo lwakho, luya kukhubekisa, lunqamle, ululahle: kukulungele ukuba ungene ebomini usisiqhwala, mhlawumbi usisilima, kunokuba uthi, unezandla ezibini, mhlawumbi uneenyawo ezimbini, uphoswe emlilweni ongunaphakade. Nokuba iliso lakho liya kukhubekisa, lincothule, ulilahle; kukulungele ukuba ungene ebomini unaliso linye, kunokuba uthi, unamehlo amabini, uphoswe esihogweni somlilo.

UMateyu 18:14

Kwangokunjalo asikukuthanda kukaYihlo osemazulwini, ukuba kulahleke namnye waba bancinane.

UMateyu 20:30-34

Nanko kuhleli iimfama zimbini ngasendleleni; zathi, zakuva ukuba kudlula uYesu, zadanduluka, zisithi, Senzele inceba, Nkosi, nyana kaDavide. Ke kaloku indimbane yazikhalimela ukuba zithi tu; kwaba kukhona ke zidandulukayo, zisithi, Senzele inceba, Nkosi, nyana kaDavide. Wema uYesu, wazibiza wathi, Ninga ndinganenzela ntoni na? Zithi kuye, Nkosi, ukuba kuvulwe amehlo ethu. Wasikwa ke yimfesane uYesu, wawachukumisa amehlo azo; zaba nokubona kwaoko ngamehlo azo, zamlandela.

UMateyu 21:14

Kweza kuye iimfama neziqhwala, etempileni apho, waziphilisa.

UMateyu 21:21-22

Waphendula ke uYesu wathi kubo, Inene, ndithi kuni, ukuba nithe nanokholo, anathandabuza, anisayi kwenza le nto yomkhiwane yodwa; kosuka, nokuba nithe kule ntaba, Thabatheka uphoseke elwandle, kwenzeke. Neento zonke enithe nazicela ekuthandazeni nikholwa, nozamkela.

UMateyu 24:9-13

Ngelo xesha baya kuninikela ekubandezelweni, banibulale; niya kuthiywa ziintlanga zonke ngenxa yegama lam. Ngelo xesha baninzi abaya kukhutyekiswa, banikelane, bathiyane. Kwaye kuya kuvela abaprofeti ababuxoki babe baninzi, balahlekise abantu abaninzi. Nangenxa yokwanda kokuchasa umthetho, luya kuphola uthando lwabaninzi. Ke onyamezeleyo kwada kwaba sekupheleni, lowo uya kusindiswa.

UMateyu 24:21-22

Kuba ngelo xesha kuya kubakho imbandezelo enkulu, ekungazanga kubekho injalo kwasekuqalekeni kwehlabathi, kwada kwaba kalokunje, ekungasayi kubuye kubekho injalo. Kanjalo ukuba ibingayi kuthi loo mihla inqanyulelwe, bekungayi kubakho nyama isindayo; ngenxa ke yabanyuliweyo, loo mihla iya kunqanyulelwa.

UMateyu 25:36

ndandize, nandambesa; ndandisifa, nandivelela; ndandisentolongweni, neza kum.

UMateyu 26:35

Athi uPetros kuye, Ndingafanelana ndimelwe kukuba ndife nawe, andingekhe ndikukhanyele. Batsho nabo bonke abafundi.

UMateyu 26:37-39

Wathabatha uPetros noonyana bobabini bakaZebhedi, waqala ukuba buhlungu nokudandatheka kakhulu. Aze athi kubo, Umphefumlo wam ubuhlungu kakhulu, ngokokude ube sekufeni; hlalani apha nilinde nam. Waza, ehambele phambili umganyana, wawa ngobuso bakhe, wathandaza, esithi, Bawo, ukuba kunokwenzeka, mayidlule kum le ndebe; noko makungabi njengokuthanda kwam, makube njengokuthanda kwakho.

UMateyu 27:26

Waza wabakhululela uBharabhas; wathi ke, emtyakatyile uYesu, wamnikela ukuba abethelelwe emnqamlezweni.

UMateyu 27:35

Athi ke, akumbethelela emnqamlezweni, abelana ngeengubo zakhe, esenza amaqashiso, ukuze kuzaliseke okwathethwa ngumprofeti, esithi, Babelana ngeengubo zam, benza amaqashiso ngesambatho sam.

UMateyu 27:46

Ke kaloku, malunga nelixa lesithoba, wadanduluka uYesu ngezwi elikhulu, esithi, Eli! Eli! Lama sabhaktani! Oko kukuthi, Thixo wam! Thixo wam! Undishiye ngani na?

UMarko 1:23-26

Kwaye kukho endlwini yabo yesikhungu umntu onomoya ongcolileyo; wakhala, esithi, Yoo! Yini na enathi nawe, Yesu waseNazarete? Uze kusitshabalalisa na? Ndiyakwazi wena, lowo unguye; ungoyiNgcwele kaThixo. Wawukhalimela uYesu, esithi, Yithi tu, uphume kuye. Uthe umoya ongcolileyo wambetha wee xhwenene; wakhala ngezwi elikhulu, waphuma kuye.

UMarko 1:30-31

Ke kaloku umkhwekazi kaSimon wayelele, esifa yicesina; bamxelela ngaye kwaoko. Weza ke kuye, wamvusa embambe ngesandla; yamyeka kwaoko icesina, wabalungiselela.

UMarko 1:32-34

Ke kaloku, kwakuhlwa, xa litshonayo ilanga, bazisa kuye bonke ababesifa, nababephethwe ziidemon. Waye umzi wonke uhlanganisene ndawonye emnyango apho. Waphilisa babaninzi ababesifa zizifo ngezifo; wakhupha needemon ezininzi; waye engazivumeli iidemon ukuba zithethe, kuba bezimazi.

UMarko 1:39-42

Wayevakalisa ke ezindlwini zabo zesikhungu kulo lonke elaseGalili, ezikhupha needemon. Kweza kuye oneqhenqa, embongoza, esiwa ngamadolo phambi kwakhe, esithi kuye, Ukuba uyathanda, unako ukundihlambulula. UYesu, esikwe yimfesane ke, wasolula isandla, wamchukumisa, wathi kuye, Ndiyathanda; hlambuluka. Akutsho, lemka kwaoko kuye iqhenqa, wahlambuluka.

UMarko 2:3-12

Kuthi kufike kuye abantu bezisa onedumbe, ethwelwe ngabane. Bakuba bengenakusondela kuye ngenxa yendimbane, banqika entungo apho abekhona; bakuba begqobhozile, baluhlisa ukhuko abelele kulo lowo unedumbe. Akulubona ke uYesu ukholo lwabo, wathi konedumbe, Mntwana wam, uzixolelwe izono zakho. Kwaye ke kukho apho ababhali abathile behleli, becamanga ezintliziyweni zabo, besithi, Yini na ukuba lo enjenje ukuthetha izinyeliso? Ngubani na onako ukuxolela izono, mnye kwaphela, nguThixo? Eqiqe kwaoko uYesu ngomoya wakhe, ukuba benjenjalo ukucamanga ngaphakathi kwabo, wathi kubo, Yini na ukuba nicamange ezi zinto ezintliziyweni zenu? Okhona kulula kukuphi na: kukho ukuthi konedumbe, Uzixolelwe izono; kukho nokuthi, Vuka, uthabathe ukhuko lwakho, uhambe? Ke ukuze nazi ukuba unalo igunya uNyana woMntu lokuxolela izono emhlabeni apha (uthi konedumbe), Ndithi kuwe, Vuka, uthabathe ukhuko lwakho, uye endlwini yakho. Wavuka kwaoko, waluthabatha ukhuko, waphuma phambi kwabo bonke, ngokokude bathi nqa bonke, bamzukise uThixo, besithi, Asizanga sikubone okunje.

UMarko 2:17

Ekuvile ke oko uYesu, wathi kubo, Akufuneki gqirha kwabaphili leyo lifuneka kwabafayo. Andize kubiza malungisa, ndize kubiza aboni, ukuba baguquke.

UMarko 3:1-5

Wabuya wangena endlwini yesikhungu. Kwaye kukho apho umntu onesandla esomileyo. Baye bemlalele, ukuba womphilisa na ngesabatha, ukuze bammangalele. Athi kuloo mntu unesandla esomileyo, Phakama uze phakathi. Athi kubo, Okuvumelekileyo ngesabatha kukwenza okulungileyo, kukwenza okubi, kusini na? Kukusindisa, kukubulala, kusini na? Ke bahlala bathi tu. Akuba ebasingasingile ngengqumbo, ebuhlungu ngenxa yokuqaqadeka kwentliziyo yabo, uthi kumntu lowo, Solule isandla sakho. Wasolula, sabuya saphila ke isandla sakhe, saba kwanjengesinye.

UMarko 3:10-11

Kuba waphilisa babaninzi, ngokokude bathi ngunga phezu kwakhe, ukuze bamchukumise bonke ababenezibetho; nabo oomoya abangcolileyo babesithi, xa sukuba bembona, bawe phantsi kuye, bakhale, besithi, Unguye wena uNyana kaThixo.

UMarko 3:14-15

Wadala balishumi elinababini, ukuze babe naye, nokuze abathume baye kuvakalisa ubukumkani bukaThixo, babe negunya lokuziphilisa izifo, nelokuzikhupha iidemon.

UMarko 4:16-17

Ngokunjalo abo bahlwayelwayo ezindaweni ezilulwalwa ngabathi, xa bathe baliva ilizwi, balamkele kwaoko bevuya; babe bengenangcambu ngaphakathi kwabo, beme umzuzwana kodwa; bathi kamva, kwakuhla imbandezelo, nokuba yintshutshiso, ngenxa yelizwi, bakhutyekiswe kwaoko.

UMarko 4:37-40

Kwabakho uqhwithela olukhulu lomoya; aye ke amaza ephoseka emkhombeni, abetha wafuna ukuzala kwangoku. Waye yena esesinqeni somkhombe, elele ubuthongo phezu komqamelo; bamvuse, bathi kuye, Mfundisi, akukhathali na, sitshabalala nje? Wavuka, wawukhalimela umoya, wathi kulo ulwandle, Hlala uthi tu, uthi cwaka! Wadamba umoya, kwabakho ukuzola okukhulu. Wathi kubo, Yini na ukuba nibe nje, ukuba ngamagwala? Kutheni na, le nto ningenalukholo?

UMarko 5:2-13

Akuba ephumile emkhombeni, wahlangatyezwa kwaoko ngumntu onomoya ongcolileyo, ephuma emangcwabeni, obehlala emangcwabeni apho. Kwaye kungekho bani unako ukumbopha nangemixokelelwane; ngenxa yokuba wayebotshwe futhi ngamakhamandela nangemixokelelwane, asuke ayijace yena imixokelelwane, awakroboze namakhamandela; kwaye kungekho bani unamandla okumdambisa. Ube ehlala ubusuku nemini esezintabeni nasemangcwabeni, ekhala, ezijeca ngamatye. Uthe ke akumbona UYesu ekude, wagidima, waya waqubuda kuye, wakhala ngezwi elikhulu, wathi, Yini na enam nawe, Yesu, Nyana kaThixo Osenyangweni? Ndiya kufungisa uThixo ukuba ungandithuthumbisi. Kuba ebethe kuye, Phuma emntwini apho, moyandini ungcolileyo. Wayembuza esithi, Ungubani na wena igama? Waphendula esithi, NguMkhosi igama lam; kuba sibaninzi. Waye ke embongoza kakhulu ukuba angabandululi bemke kwelo zwe. Bekukho ke apho ngasezintabeni ugxuba olukhulu lweehagu lusidla. Zambongoza zonke iidemon, zisithi, Sithumele ezihagwini, ukuze singene kuzo. Wazivumela kwaoko uYesu. Baphuma ke oomoya abangcolileyo, baya kungena ezihagwini; lwaza ugxuba lwaphaphatheka, lwehla eweni, lwela elwandle; zaye ke iihagu ezo ngathi zimawaka mabini; zarhaxwa elwandle apho.

UMarko 5:25-29

Intokazi ethile, eyayinethombo legazi iminyaka elishumi elinamibini, eyayive ubunzima obuninzi kumagqirha amaninzi, eyayidleke konke ebinako, ingasizakali lutho, imana ukuba mandundu: yathi yakuva ngaye uYesu, yeza phakathi kwesihlwele ngasemva, yayichukumisa ingubo yakhe; kuba ibisithi, Ukuba ndithe ndachukumisa neengubo zakhe ezi, ndosindiswa. Watsha kwaoko umthombo wegazi layo; yeva emzimbeni wayo ukuba iphilisiwe kweso sibetho.

UMarko 5:35-42

Kuthi esathetha yena, kufike abakulomphathi wendlu yesikhungu, besithi, Intombi yakho ifile; usamkhathazelani na uMfundisi? Aze kwaoko uYesu, elivile elo zwi lithethwa, athi kumphathi wendlu yesikhungu, Musa ukoyika, kholwa kodwa wena. Akavumela mntu ukuba alandelane naye, kwakuphela nguPetros noYakobi noYohane, umzalwana kaYakobi. Afike endlwini yomphathi wendlu yesikhungu, abone isiphithiphithi, abalilayo nabenza isijwili esikhulu. Akungena uthi kubo, Yini na ukuba niphithizele nilile? Akafile umntwana, ulele. Basuka bamwa ngentsini. Athi akubakhupha bona bonke, amthabathe uyise womntwana nonina, nabo babenaye, angene apho wayelele khona umntwana. Ambambe ngesandla umntwana, athi kuye, Talita, kumi; oko kukuthi, ngentetho evakalayo, Ntombazana, ndithi kuwe, Vuka! Yavuka kwaoko intombazana leyo, yahambahamba; kuba ibiminyaka ilishumi elinamibini izelwe. Bathi nqa ngokuthi nqa okukhulu.

UMarko 6:5

Wayengenako ukwenza na mnye umsebenzi wamandla khona apho, kwakuphela ukubeka izandla phezu kwemilwelwe embalwa, wayiphilisa.

UMarko 6:13

Bakhupha needemon ezininzi, bayithambisa ngeoli imilwelwe emininzi, beyiphilisa.

UMarko 6:55-56

bawubaleka wonke loo mmandla, baqala ukubathwala ngeenkuko abafayo, bebasa apho babemva ukuba ukhona. Nalapho sukuba ebengena khona, nokuba kusemzaneni, nokuba kusemzini, nokuba kusemaphandleni, babesithi, bababeke abafayo ezindaweni zembutho, bambongoze ukuba khe bachukumise intshinga yengubo yakhe. Baye ke besindiswa abasukuba bemchukumisa.

UMarko 7:25-30

Kuba yathi yakumva intokazi entombazana ibinomoya ongcolileyo, yafika yawa ezinyaweni zakhe; yaye ke kaloku intokazi leyo ingumGrikekazi, umSirofenikikazi ngokuzalwa. Yacela kuye ukuba ayikhuphe idemon entombini yayo. Uthe ke uYesu kuyo, Khawuyeke kuhluthe abantwana kuqala; kuba akukuhle ukusithabatha isonka sabantwana, siphoswe ezinjaneni. Yaphendula ke yathi kuye, Ewe, Nkosi; kuba nazo iinjana phantsi kwetafile zidla kwiimvuthuluka zabantwana. Wathi kuyo, Ngenxa yelo zwi, hamba; idemon iphumile entombini yakho. Yesuka yaya endlwini yayo, yafumana iphumile idemon, intombi ilele phezu kwesi ngqengqelo.

UMarko 7:32-37

Bazisa ke isithulu esithintithayo, bambongoza ukuba abeke isandla phezu kwaso. Wasishenxisa esihlweleni sasodwa, wafaka iminwe yakhe ezindlebeni zaso, wathi etshicile, wachukumisa ulwimi lwaso, wakhangela ezulwini, wancwina, wathi kuso, Efata, oko kukuthi, Vuleka. Zavuleka kwaoko iindlebe zaso, zacombuluka iingqambu zolwimi lwaso, sathetha salungisa. Wabayala ukuba mabangaxeleli bani; kodwa okukhona wabayalayo, kwaba kukhona bakuvakalisa ngakumbi. Bakhwankqiswa ngokuncamisileyo kanye, besithi, Uzenze iinto zonke kakuhle; uzenza nezithulu zive, nabangenakuthetha bathethe.

UMarko 8:22-25

Uthi aze kufika eBhetesayida; bazise imfama kuye, bambongoze ukuba ayichukumise. Uthe, eyibambe ngesandla imfama, wayirholela ngaphandle komzi; watshica emehlweni ayo, wabeka izandla phezu kwayo, wayibuza ukuba ibona nto na? Yaza yakhangela phezulu yathi, Ndiyababona abantu; kuba ndibanakana behamba, ngathi yimithi. Wabuya wazibeka izandla phezu kwamehlo ayo, wayikhangelisa phezulu; yabuya yaphila, yababona bonke kakuhle.

UMarko 9:17-27

Waphendula omnye wasesihlweleni wathi, Mfundisi, bendizise unyana wam kuwe, enomoya ongathethiyo; apho uthe wamqubula khona, uyamntlala, aze alephuze amagwebu, atshixize amazinyo akhe, asuke ome; ndithethe kubafundi bakho ukuba bawukhuphe; bakhohlwa. Amphendule ke yena athi, Sizukulwanandini singakholwayo, koda kube nini na ndikuni? Koda kube nini na ndininyamezele? Mziseni kum. Bamzisa kuye. Akumbona, wesuka kwaoko umoya, wambetha wee xhwenene; wawa emhlabeni, wamana eqikaqikeka, elephuza amagwebu. Wabuza kuyise, ukuba kumgama ungakanani na imhlile le nto. Wathi ke yena, Kwaesengumntwana; umphose futhi emlilweni, kwanasemanzini, ukuba umtshabalalise; ukuba unako ukwenza into, sisize, usikwe yimfesane sithi. Wathi ke uYesu kuye, Ewe, ukuba unokukholwa! Zonke izinto zinokwenzeka kuye okholwayo. Wakhala kwaoko uyise womntwana lowo, wathi eneenyembezi, Ndiyakholwa, Nkosi; siza, ususe ukungakholwa kwam. Uthe ke uYesu, ebone ukuba isihlwele sibalekela ndaweni-nye, wawukhalimela umoya ongcolileyo, esithi kuwo, Moyandini ungathethiyo usithulu, mna ndiyakuthethela, phuma kuye, ungabi sangena kuye. Wakhala wona, wambetha wee xhwenene kunene, waphuma; waba njengofileyo, bada abaninzi bathi, Ufile. Uthe ke uYesu wambamba ngesandla, wamvusa; wesuka wema.

UMarko 9:43-48

Nokuba ke isandla sakho sithe sakukhubekisa, sinqamle sona; kukulungele kanye ukuba ungene ebomini usisilima, kunokuba uthi, unezandla zozibini, umke uye esihogweni, emlilweni ongacimekiyo, apho kumpethu ingafiyo, kumlilo ungacinywayo. Nokuba unyawo lwakho luthe lwakukhubekisa, lunqamle lona; kukulungele kanye ukuba ungene ebomini usisiqhwala, kunokuba uthi, uneenyawo zombini, uphoswe esihogweni, emlilweni ongacimekiyo, apho kumpethu ingafiyo, kumlilo ungacinywayo. Nokuba iliso lakho lithe lakukhubekisa, likhuphe lona; kukulungele kanye ukungena ebukumkanini bukaThixo unaliso linye, kunokuba uthi, unamehlo amabini, uphoswe esihogweni somlilo, apho kumpethu ingafiyo, kumlilo ungacinywayo.

UMarko 10:46-52

Baza kufika eYeriko. Ekuphumeni kwakhe eYeriko apho, nabafundi bakhe nendimbane elingeneyo, unyana kaTimeyu, uBhartimeyu, imfama, waye ehleli ngasendleleni engqiba. Wathi akuva ukuba nguYesu waseNazarete, waqala ukudanduluka wathi, Yesu nyana kaDavide, ndenzele inceba. Baye abaninzi bemkhalimela ukuba athi tu; kwaba kokukhona ke wadandulukayo ngakumbi, esithi, Nyana kaDavide, ndenzele inceba. Wema uYesu wathi, Makabizwe. Bayibiza ke imfama, besithi kuyo, Yomelela, suk’ ume; uyakubiza. Ithe ke yona, ilahle ingubo yayo, yesuka yeza kuYesu. Aphendule athi kuyo uYesu, Uthanda ukuba ndikwenzele ntoni na? Yathi ke imfama kuye, Rabhoni, ndithanda ukuba ndibone. Wathi ke uYesu kuyo, Hamba uhambe; ukholo lwakho lukusindisile. Yabona kwaoko, yamlandela uYesu endleleni apho.

UMarko 11:22-24

Uphendule uYesu wathi kubo, Yibani nokukholwa kuThixo. Kuba inene ndithi kuni, Othe kule ntaba, Funquleka, uphoseke elwandle, angathandabuzi entliziyweni yakhe, asuke akholwe ukuba ezo zinto azithethayo zinokwenzeka, wokuzuza oko athe wakuthetha. Ngenxa yoko ndithi kuni izinto enisukuba nizicela, nithandaza, kholwani ukuba ninokuzamkela; noba nazo.

UMarko 13:9-13

Zilumkeleni ke okwenu; kuba baya kuninikela ezintlanganisweni zamatyala, nityatyulwe ezindlwini zesikhungu, nimiswe phambi kwabalawuli nookumkani ngenxa yam, kube bubungqina kubo. Kumele ukuthi ke ukuqala kuvakaliswe iindaba ezilungileyo ezi kuzo zonke iintlanga. Xa sukuba ke benirhola beya kuninikela, musani ukuyixhalela kwangaphambili into eniya kuyithetha, ningacamangi nokucamanga nto. Into enithe nayinikwa ngelo xa, thethani yona; kuba asinini enithethayo, nguMoya oyiNgcwele. Ke kaloku, umzalwana uya kunikela umzalwana ekufeni, aze uyise anikele umntwana, bathi nabantwana bavukelane nabazali, bababulalise; nithiywe ngabantu bonke, ngenxa yegama lam. Ke onyamezelayo kude kube sekupheleni, lowo wosindiswa.

UMarko 14:31

Kwaba kukhona wathetha wancamisa, esithi, Ndingafanelana ndimelwe kukufa nawe, andingekhe ndikukhanyele. Batsho ke bonke.

UMarko 14:33-36

athabathe naye uPetros noYakobi noYohane. Waqala ukuqhiphuka umbilini, nokudandatheka kakhulu. Athi kubo, Umphefumlo wam ubuhlungu kakhulu, ngokokude ube sekufeni; hlalani apha nilinde. Ehambele phambili umganyana, wawa emhlabeni, wathandazela, ukuba kunokwenzeka, lidlule kuye ilixa elo. Wayesithi, Abha, Bawo, zonke izinto zinokwenzeka kuwe; yigqithise kum le ndebe; noko ke makungabi kokuthandwa ndim, makube kokuthandwa nguwe.

UMarko 15:15

Ke kaloku uPilato, ngokunga angasithomalalisa isihlwele, wabakhululela uBharabhas. Emtyakatyile ke uYesu, wamnikela ukuba abethelelwe emnqamlezweni.

UMarko 15:24-25

Athi akumbethelela emnqamlezweni, abelana ngeengubo zakhe, esenza amaqashiso ngazo, ukuze uthile athabathe ethile. Ke kaloku, laye ililixa lesithathu, abambethelela ngalo emnqamlezweni.

UMarko 15:34

Ngalo ilixa lesithoba, wadanduluka uYesu ngezwi elikhulu, esithi, Eloyi! Eloyi! Lama sabhaktani? Oko kukuthi ngentetho evakalayo, Thixo wam! Thixo wam! undishiyeleni na?

UMarko 16:17-18

Imiqondiso ke eya kulandelana nabo bakholiweyo nantsi: egameni lam baya kukhupha iidemon; baya kuthetha ngeelwimi ezintsha; baya kuphatha iinyoka; nokuba bathe basela into ebulalayo, ayikukha ibenzakalise bona; baya kubeka izandla phezu kwemilwelwe, iphile.

ULuka 4:18

UMoya weNkosi uphezu kwam, Ethe ngenxa yoko yandithambisela ukushumayela iindaba ezilungileyo kumahlwempu. Indithume ukuba ndiphilise abantliziyo ityumkileyo, ndivakalise inkululeko kubathinjwa, Nokubuyiselwa kokubona kwabaziimfama, Ndindulule abaqobekileyo bekhululekile,

ULuka 4:33-36

Kwaye kukho endlwini yesikhungu apho umntu onomoya wedemon engcolileyo; wakhala ngezwi elikhulu, esithi, Yoo! yini na enathi nawe, Yesu waseNazarete? Uze kusitshabalalisa na? Ndiyakwazi wena, lowo unguye; ungoyiNgcwele kaThixo. Wawukhalimela uYesu, esithi, Yithi tu, uphume kuye. Yasuka idemon yamjulela esazulwini, yaphuma kuye ingamenzakalisanga. Besuka bathi qhiphu umbilini bonke, baye bethetha bodwa besithi, Lilizwi lini na eli, le nto abathethela ngegunya nangamandla oomoya abangcolileyo aba, baze baphume?

ULuka 4:38-39

Esukile endlwini yesikhungu, wangena endlwini kaSimon. Waye ke umkhwekazi kaSimon ebanjwe yicesina enkulu; bambika kuye. Wema phezu kwakhe, wayikhalimela icesina, yamyeka; evukile ke kwangoko, wamana ebalungiselela.

ULuka 4:40

Kuthe ke bakubon’ ukuba liyatshona ilanga, bonke abo babenabafayo zizifo ngezifo, babazisa kuye; wazibeka izandla phezu kwabo bonke ngabanye, wabaphilisa.

ULuka 5:12-13

Kwathi ekomnye umzi, babona ngendoda ezele liqhenqa; yathi yakumbona uYesu, yawa ngobuso, yamkhunga, isithi, Nkosi, ukuba uyathanda, unako ukundihlambulula. Wasolula isandla, wayichukumisa, esithi, Ndiyathanda, hlambuluka. Lathi kwaoko iqhenqa lemka kuyo.

ULuka 5:15

Kwaba kukhona ke luhlakazekayo udaba ngaye; kwaye kubuthelana izihlwele ezikhulu ukuza kuphulaphula, nokuphiliswa nguye ebulwelweni bazo.

ULuka 5:17-25

Kwathi ke ngamini ithile wafundisa. Kwaye kuhleli abaFarisi nabafundisi-mthetho, ababephume kuyo yonke imizana yelaseGalili, neyelakwaYuda, naseYerusalem; aye ekho amandla eNkosi ukuba abaphilise. Kwabonakala amadoda ethwele ngokhuko umntu onedumbe; ayefuna ukumngenisa, ambeke phambi kwakhe. Athi, akuba engafumani ndawo angamngenisa ngayo ngenxa yesihlwele, akhwela phezu kwendlu, agqobhoza ezifulelweni, amhlisa ndawonye nokhuko, ambeka phakathi, phambi koYesu. Akulubona ke ukholo lwawo, wathi kuye, Mntundini, uzixolelwe izono zakho. Baqala ukucamanga ababhali nabaFarisi, besithi, Ngubani na lo uthetha izinyeliso? Ngubani na onako ukuxolela izono, ingenguye uThixo yedwa? Eziqiqile ke uYesu izicamango zabo, waphendula wathi kubo, Nicamanga ntoni na ezintliziyweni zenu? Okhona kulula kukuphi na: kukho ukuthi, Uzixolelwe izono zakho; kukho nokuthi, Vuka uhambe? Ke ukuze nazi, ukuba unalo igunya uNyana woMntu lokuxolela izono emhlabeni apha (selesithi konedumbe), ndithi kuwe, Vuka, uthabathe ukhuko lwakho, uye endlwini yakho. Usuke wema kwangoko phambi kwabo, wayithabatha loo nto abelele kuyo, wemka waya endlwini yakhe, ezukisa uThixo.

ULuka 5:31-32

Waphendula uYesu wathi kubo, Akufuneki gqirha kwabaphilileyo, lifuneka kwabafayo. Andize kubiza malungisa, ndize kubiza aboni, ukuba baguquke.

ULuka 6:6-10

Kwathi ke kaloku, nangenye isabatha wangena endlwini yesikhungu, wafundisa. Kwaye kukho apho umntu owome isandla sokunene. Baye ke bemlalele ababhali nabaFarisi, ukuba wophilisa na ngesabatha; ukuze bafumane indawo yokummangalela. Kodwa yena ebezazi izicamango zabo, wathi kuloo mntu usandla somileyo, Phakama, umele phakathi. Usukile ke wema. Uthe ngoko uYesu kubo, Ndiya kunibuza into: okuvumelekileyo ngesabatha kukwenza okulungileyo, kukwenza okubi, kusini na? Kukusindisa ubomi, kukubulala, kusini na? Akuba ebasingasingile bonke, wathi kumntu lowo, Solule isandla sakho. Wenjenjalo ke; sabuya saphila ke isandla sakhe, saba kwanjengesinye.

ULuka 6:17-19

Wehla nabo, wema endaweni ethe tyaba, neqela labafundi bakhe, nenkitha enkulu yabantu, bevela kulo lonke elakwaYuda, naseYerusalem, nakulo ilizwe elingaselwandle laseTire neTsidon, ababeza kumva, nokuba baphiliswe kuzo izifo zabo; nabo babekhathazwa ngoomoya abangcolileyo, baye bephiliswa. Zaye izihlwele zonke zifuna ukumchukumisa; ngokuba kube kuphuma amandla kuye, abaphilise bonke.

ULuka 6:21-23

Ninoyolo, nina nilambayo kalokunje; ngokuba niya kuhluthiswa. Ninoyolo, nina nililayo kalokunje; ngokuba niya kuhleka. Ninoyolo nina, xa bathe abantu banithiya, naxa bathe banigxotha kubo, baningcikiva, balilahlela phandle igama lenu ngokungathi likhohlakele, ngenxa yakhe uNyana woMntu. Vuyani ngaloo mini, nisuke imitsi; kuba, niyabona, umvuzo wenu mkhulu emazulwini; babesenjenjalo ooyise kubo abaprofeti.

ULuka 7:2-10

Waye ke umkhonzi womthetheli-khulu othile, owabethandwa nguye, esifa, eza kubhubha. Uthe ke akuva ngaye uYesu, wathuma kuye amadoda amakhulu amaYuda, emcela ukuba eze kumsindisa umkhonzi wakhe. Akufika ke kuYesu, ambongoza enyamekile, esithi, Ukufanele oko lowo ungamenzelayo oko; kuba uyaluthanda uhlanga lwethu, wasakhela nendlu yesikhungu yena. Wahamba ke uYesu nabo. Akubon’ ukuba ke akasekude endlwini, umthetheli-khulu wathuma izihlobo kuye, esithi kuye, Nkosi, ungazikhathazi, kuba andikulingene ukuba ungade ungene phantsi kophahla lwam; kungoko nam ndingakufanelanga ukuda ndize; thetha ngezwi lodwa, wophiliswa umkhonzi wam; kuba nam ndingumntu omiswe phantsi kwegunya labanye, ndinamasoldati aphantsi kwam; ndithi kweli, Yiya, liye; kweliya, Yiza, lize; kumkhonzi wam, Yenza oku, akwenze. Ezivile ke uYesu ezi zinto, wamangaliswa nguye, waguqukela kwindimbane ebimlandela, wathi, Ndithi kuni, andifumananga lukholo lungaka nakwaSirayeli. Abo babethunyiwe babuyela endlwini, bamfumana umkhonzi obengumlwelwe ephilile.

ULuka 7:12-15

Ke kaloku, akusondela esangweni lomzi lowo, kwabonakala kuthwalelwa phandle umntu ofileyo, ekuphela konyana ozalwa ngunina; waye yena engumhlolokazi. Yaye nendimbane elingeneyo yomzi inaye. Ithe ke iNkosi yakumbona, yasikwa yimfesane ngenxa yakhe, yathi kuye, Musa ukulila. Yafika ke yalichukumisa ithala, bema ke ababethwele. Yathi, Ndodana, ndithi kuwe, Vuka. Wavuka wahlala umfi lowo, waza ke wathetha. Yamnikela ke kunina.

ULuka 7:21-22

Ke kaloku, kwangelo lixa, waphilisa abaninzi kuzo izifo, nakuzo izibetho, nakoomoya abakhohlakeleyo, wathi iimfama ezininzi wazibabala ukubona. Waphendula uYesu wathi kuwo, Hambani niye kumbikela uYohane izinto enizibonileyo nenizivileyo; okokuba iimfama zibuya zibone, iziqhwala ziyahamba, abaneqhenqa bayahlanjululwa, izithulu ziyeva, abafileyo bayavuswa, amahlwempu ayazishunyayezwa iindaba ezilungileyo.

ULuka 8:2

Nabafazi abathile ababephiliswe koomoya abangendawo nasebulwelweni, uMariya okuthiwa ngowaseMagadala, ekwakuphume kuye iidemon zosixhenxe,

ULuka 8:23-25

Ke kaloku, bakubon’ ukuba bayahamba ngomkhombe, walala ubuthongo. Kwehla uqhwithela lomoya edikeni apho, waye uzala ngamanzi usengozini. Beza ke bamvusa, besithi, Mongameli, Mongameli, satshabalala. Wavuka ke yena, wawukhalimela umoya nokulatyuza kwamaza; zapheza ezo zinto, kwabakho ukuzola. Wathi ke kubo, Luphi na ukholo lwenu? Bathe, kuba besoyika, bamangaliswa, besitshono ukuthi, Ngubani na ke lo, le nto ayithethela imimoya kwanamanzi, zimlulamele ezo zinto?

ULuka 8:26-33

Bahambela ngomkhombe ezweni laseGadara, elikhangelene nelaseGalili. Ke kaloku, akuphumela emhlabeni, kwaqubisana naye indoda ethile iphuma emzini, esekukade ineedemon. Yayingambathi ngubo, ingahlali ndlwini, isuka ihlale emangcwabeni. Ithe ke yakumbona uYesu, yakhala kunene, yawa phambi kwakhe, yathi ngezwi elikhulu, Yini na enam nawe, Yesu, Nyana kaThixo Osenyangweni? Ndiya kukhunga ukuba ungandithuthumbisi. Kuba ebewuthethele umoya ongcolileyo ukuba uphume emntwini lowo. Kuba bekuba futhi umthi hlasi; wayebotshwa ngemixokelelwane nangamakhamandela, egciniwe; asuke azijace izibophelelo aqhutyelwe yidemon entlango. UYesu wambuza ke esithi, Ungubani na igama lakho? Uthe ke yena, NdinguMkhosi; kuba kwakungene kuye iidemon ezininzi. Wayembongoza ukuba angazithetheli ziye kungena enzonzobileni. Bekukho ke apho ugxuba lweehagu ezininzi, lusidla entabeni; zaye zimbongoza, ukuba azivumele ziye kungena kuzo. Wazivumela ke. Ziphumile ke iidemon emtwini lowo, zangena ezihagwini; lwaza ugxuba olo lwaphaphatheka, lwehla eweni, lwela edikeni, lwarhaxwa.

ULuka 8:43-44

Nentokazi eyayinethombo legazi iminyaka elishumi linamibini, eyayithe yona phezu koko yadleka impahla yayo iphela ngamagqirha, ayaba nako ukuphiliswa bani, yeza ngasemva, yachukumisa umqukumbelo wengubo yakhe, lee qoko kwangoko ithombo legazi layo.

ULuka 8:49-55

Kuthi, esathetha, kufike othile, evela kwamphathi-ndlu yesikhungu, esithi kuye, Ibhubhile intombi yakho; musa ukumkhathaza uMfundisi. Ekuvile ke oko uYesu, umphendule wathi, Musa ukoyika; kholwa wena kuphela, yosindiswa. Ke kaloku, engenile endlwini, akavumelanga mntu ukuba angene naye, kwaba kuphela nguPetros, noYohane, noYakobi, noyise wentombi, nonina. Baye ke bonke belila, beyimbambazelela. Wathi ke yena, Musani ukulila; ayifile, ilele nje kodwa. Basuka bamwa ngeentsini, besazi ukuba ifile. Uthe ke yena, wabakhuphela phandle bonke, wayibamba ngesandla, wabiza esithi, Ntombi, vuka. Wabuya umoya wayo, yesuka yema kwangoko; wamisa ukuthi mayinikwe into, idle.

ULuka 9:1-2

Ke kaloku, ebabizele ndawonye abafundi bakhe abalishumi elinababini, wabanika amandla negunya kuzo zonke iidemon, nokuphilisa izifo. Wabathuma ukuba babuvakalise ubukumkani bukaThixo, bayiphilise imilwelwe.

ULuka 9:6

Bephumile ke, bayihambahamba imizana, bezishumayela iindaba ezilungileyo, bephilisa ezindaweni zonke.

ULuka 9:11

Zithe ke zakwazi izihlwele, zamlandela. Wazamkela ke; wayethetha kuzo ngabo ubukumkani bukaThixo; wayebaphilisa ababeswele impilo.

ULuka 9:38-42

Kwabonakala kuvela indoda esihlweleni apho, yankqangaza isithi, Mfundisi, ndiyakukhunga, mbone unyana wam; kuba ndimzele wamnye. Uyabona, uthatyathwa ngumoya, akhale kwangesiquphe, umbethe athi xhwenene, ade alephuze amagwebu; Uze uthi, umqobile, umke kuye ngenkankulu. Ndabakhunga ke abafundi bakho ukuba bawukhuphe; ababa nako. Waphendula uYesu wathi, Sizukulwanandini singakholwayo, sigwenxa, koda kube nini na ndikuni, ndininyamezele? Mzise apha unyana wakho. Akubon’ ukuba useza ke, isuke idemon yamntlala, yambetha, wathi xhwenene kunene. Wawukhalimela ke uYesu umoya ongcolileyo, waphilisa umntwana, wambuyisela kuyise.

ULuka 10:9

niyiphilise imilwelwe ekhona, nithi kubo, Busondele kuni ubukumkani bukaThixo.

ULuka 10:19

Niyabona, ndininika igunya lokunyathela phezu kweenyoka noonomadudwane, naphezu kwawo onke amandla alo utshaba; kanjalo akukho nto ingakhe inenzakalise.

ULuka 10:30-34

Uphendule ke uYesu, wathi, Umntu othile wayesihla evela eYerusalem, esiya eYeriko. Wagaxeleka ezihangeni, ezambhunyula iingubo, zamngxwelerha, zemka, zimshiya engathi uza kufa. Ke kaloku kwathi, kwehla mbingeleli uthile ngaloo ndlela; akumbona, wacezela phaya. Kwangokunjalo ke nomLevi, akufika kuloo ndawo, weza wambona, wacezela phaya. Uthe ke umSamariya othile, eseluhambeni, waya kuye; wathi, akumbona, wasikwa yimfesane. Wafika, wawabopha amanxeba akhe, egalela ioli newayini, wamkhwelisa eqegwini lakhe, wamsa endlwini yabahambi, wamonga.

ULuka 11:14

Wayekhupha idemon, yaye ke isisidenge. Kwathi ke yakuphuma idemon, sathetha isidenge, zamangaliswa izihlwele.

ULuka 12:6-7

Abathengiswa ngeepeni ezimbini na oongqatyana abahlanu? Ukanti akukho namnye kubo olityelweyo emehlweni kaThixo. Kwaneenwele ezi zentloko yenu zibaliwe zonke; musani ukoyika ngoko, nibagqithile oongqatyana abaninzi nina.

ULuka 12:22-32

Wathi ke kubo abafundi bakhe, Ngenxa yoko ndithi kuni, Musani ukubuxhalela ubomi benu, ngokuthi ningadla ntoni na; kwanomzimba, ngokuthi ningambatha ntoni na. Ubomi bukhulu kunokudla, nomzimba kunento yokwambatha. Qondani ngamahlungulu la, ngokuba akahlwayeli, akavuni; kuwo akukho qonga navimba, kanti noko uThixo uyawondla; nina nibeke phi na ke, ukuzigqitha iintaka! Nguwuphi na ke kuni onokuthi ngokuxhala ongeze ebukhulwini bakhe ikubhite ibe nye? Ukuba ngoko aninako ukwenza neyona nto incinane, yini na ukuba nizixhalele ezinye? Qondani ngeenyibiba, ukuhluma kwazo; azibulaleki, azisonti nokusonta; ndithi ke kuni, Naye uSolomon, kubo bonke ubunewunewu bakhe, wayengavathanga nanjenganye yazo ezi. Ukuba ke ingca, leyo isendle, ethi namhla ibekho, ize ngomso iphoswe eziko, wenjenjalo uThixo ukuyambesa, wobeka phi na ke kuni, bantundini balukholo luncinane? Nani nize ningafuni ukuthi ningadla ntoni na, nisele ntoni na; kanjalo nize ningathingazi; ngokuba zonke ezo nto zingxanyelwe ziintlanga zehlabathi; uYihlo ke uyazi ukuba niziswele ezo zinto. Funani ubukumkani bukaThixo nina, zaye zonke ezo zinto ziya kongezelelwa kuni. Musani ukoyika, mhlambi mncinane; ngokuba kukholekile kuYihlo ukuninika ubukumkani.

ULuka 12:33-34

Thengisani ngeempahla zenu, nilize ngazo; zenzeleni iingxowa zemali ezingagugiyo, ubutyebi obungapheliyo emazulwini, apho kungasondeliyo sela, kungonakalisiyo nanundu; kuba apho bukhona ubutyebi benu, yoba lapho nentliziyo yenu.

ULuka 13:11-13

Kwabonakala kukho ntokazi ibinomoya Wobulwelwe iminyaka elishumi elinesibhozo; yaye igobile, ingenako kanye ukuziphakamisa. Eyibonile ke uYesu, wayibiza wathi kuyo, Ntokazindini, khululeka ebulwelweni bakho. Wayibeka ke izandla; yoluka kwangoko, yazukisa uThixo.

ULuka 13:16

Lo ke, eyintombi ka-Abraham nje, ayibophileyo uSathana, khangela, le minyaka ilishumi elinesibhozo, ubengamele ukukhululwa na kulo mabophe ngomhla wesabatha?

ULuka 13:32

Wathi kubo, Yiyani nithi kuloo mpungutye, Uyabona, ndikhupha iidemon, ndifinyeze iimpiliso, namhla nangomso; ndithi ngowesithathu umhla ndifeze.

ULuka 14:2-4

Kwabonakala kukho phambi kwakhe mntu uthile unegalimoya. Waphendula uYesu wathetha kubo abaqondisi-mthetho nabaFarisi, esithi, Kuvumelekile na ukuphilisa ngesabatha? Bathi quthu ke bona. Wamthabatha, wamphilisa, wamndulula.

ULuka 14:13

Yithi xa sukuba usenza isidlo, umeme amahlwempu, izilima, iziqhwala, iimfama;

ULuka 16:19-31

Ke bekukho umntu othile osisityebi, obevatha ezibomvu nezelinen ecikizekileyo, esenza imihlali yokuzuka kwakhe imihla yonke. Bekukho ke hlwempu lithile, ligama linguLazaro, elalikhahlelwe esangweni lakhe, lizele zizilonda, linqwenela ukuhluthiswa ngeemvuthuluka eziwa etafileni yesityebi eso; zibe zisithi izinja, zize zikhothe izilonda zalo. Ke kaloku lathi lafa ihlwempu elo, lasiwa zizithunywa zezulu esifubeni sika-Abraham; safa ke nesityebi, sangcwatywa. Size, sikwelabafileyo, siphakamise amehlo aso sisentuthumbeni, simbone uAbraham ekude, ulazaro esesifubeni sakhe. Samemeza sona sathi, Bawo, Abraham, ndenzele inceba, uthume uLazaro, ukuba athi nkxu incam yomnwe wakhe emanzini, aphozise ulwimi lwam; ngokuba ndiyathuthunjelwa kweli langatye. Uthe ke uAbraham, Mntwana wam, khumbula ukuba wena wazifincelela ebomini bakho izinto zakho ezilungileyo, noLazaro ngokukwanjalo izinto ezimbi; ngoku ke yena uyathuthuzelwa, wena ke uyathuthunjelwa. Kananjalo ngaphandle kwale nto yonke, phakathi kwethu nani kuthiwe zinzi umsantsa omkhulu, ukuze aba bathanda ukuphumela, besuka apha besiya kuni, bangabi nako; bathi nabalapho, bangabi nakuwelela kuthi. Sathi, Ndiyakucela ngoko, bawo, ukuba umthume endlwini kabawo; kuba ndinabazalwana abahlanu; ukuba abaqononondise, ukuze bangathi nabo beze kule ndawo yentuthumbo. Athi uAbraham kuso, BanoMoses nabaprofeti, mabeve bona. Sithe ke sona, Hayi, bawo Abraham; ukuba kuthe kwaya kubo ovela kwabafileyo, boguquka. Uthe ke kuso, Ukuba uMoses nabaprofeti ababeva, abayi koyiseka, nokuba kuthe kwavuka bani kwabafileyo.

ULuka 17:12-15

Akubon’ ukuba ungena mzini uthile, amhlangabeza amadoda alishumi eneqhenqa, amela mgama. Wona aphakamisa ilizwi, esithi, Yesu, Mongameli, senzele inceba. Ewabonile ke, wathi kuwo, Hambani niye kuzibonakalalisa kubabingeleli. Kwathi ekuyeni kwawo, ahlanjululwa. Ithe ke enye kuwo apho, yakubona ukuba iphilisiwe, yabuya imzukisa uThixo ngezwi elikhulu.

ULuka 17:33

Othe wafuna ukuwusindisa umphefumlo wakhe, wolahlekelwa nguwo; othe wawulahla, uya kuwulondoloza.

ULuka 18:35-43

Kwaye ke kaloku, ekusondeleni kwakhe eYeriko, kuhleli imfama ethile ngasendleleni, ingqiba. Ithe yakuva kudlula isihlwele, yamana ibuza ukuba ingaba yintoni na le. Bayixelela ke ukuba kudlula uYesu waseNazarete. Yabhomboloza isithi, Yesu, nyana kaDavide, ndenzele inceba. Baye abo babehamba ngaphambili beyikhalimela, ukuba ithi tu; kwaba kukhona ke yona ikhalayo ngakumbi, isithi, Nyana kaDavide, ndenzele inceba. Wema ke uYesu, wathi mayiziswe kuye. Yakusondela ke wayibuza, esithi, Ufuna ukuba ndikwenzele ntoni na? Ithe ke yona, Nkosi, ukuba ndibuye ndibone. UYesu wathi kuyo, Buya ubone; ukholo lwakho lukusindisile. Kwangoko yabuya yabona, yamlandela imzukisa uThixo; bathi bonke abantu, bakukubona oko, badumisa uThixo.

ULuka 19:10

kuba uNyana woMntu weza kufuna nokusindisa oko kulahlekileyo.

ULuka 20:36

kuba abasenakubuya bafe; kuba bengangezithunywa zezulu; kanjalo bangoonyana bakaThixo, bengabovuko njalo.

ULuka 21:12-18

Ngaphambili ke kwazo zonke ezo zinto, baya kunisa izandla, banitshutshise, beninikela ezindlwini zesikhungu nasezintolongweni, nisiwe phambi kookumkani neerhuluneli ngenxa yegama lam. Oko ke kuya kuthi kube bubungqina kuni. Kumiseni ngoko ezintliziyweni zenu, ukuba ningakucingi ngaphambili ukuziphendulela. Kuba mna ndiya kuninika umlomo nobulumko, abangayi kuba nako ukubuphikisa nokumelana nabo, bonke abanichasileyo. Ke kaloku niya kunikelwa nangabazali, nangabazalwana, nayimizalwane, nazizihlobo, kubekho nabababulalayo kuni; nithiywe ngabantu bonke ngenxa yegama lam. Akusayi kutshabalala nonwele olu entlokweni yenu.

ULuka 22:28

Nina ke ningabo basoloko behleli nam ekulingweni kwam.

ULuka 22:31-33

Ithe ke iNkosi, Simon, Simon, uyabona, uSathana ubenibanga, ukuba anele njengengqolowa. Ke mna ndikhungile ngawe, ukuba ukholo lwakho lungapheli; nawe ke, xa ubuye wabuya, uze ubazimase abazalwana bakho. Wathi ke yena kuyo, Nkosi, sendikulungele ukuya nawe nasentolongweni, nasekufeni.

ULuka 22:44

Uthe ke, eneminzunzu, kwaba kukhona athandaza enyamekile. Kwathi ke ukubila kwakhe kwanga kungamathontsi amakhulu egazi, esiwa emhlabeni.

ULuka 23:33-34

Bathi ke bakufika kwindawo le kuthiwa luKakayi, bambethelela emnqamlezweni khona apho, kwanabenzi bobubi abo, omnye ngasekunene, nomnye ngasekhohlo. Wathi ke uYesu, Bawo, baxolele; kuba abayazi into abayenzayo. Bathi ke, besabelana ngeengubo zakhe, benza amaqashiso.

ULuka 23:43

UYesu wathi kuye, Inene, ndithi kuwe, Namhlanje uya kuba nam eParadisi.

ULuka 23:46

Wadanduluka ngezwi elikhulu uYesu, wathi, Bawo, ndiyawunikela ezandleni zakho umoya wam. Uthe akuba etshilo, waphuma umphefumlo.

UYohane 3:16

Kuba wenjenje uThixo ukulithanda kwakhe ihlabathi, ude wancama uNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze bonke abakholwayo kuye bangatshabalali, koko babe nobomi obungunaphakade.

UYohane 4:46-53

Wabuya ngoko weza uYesu eKana yelaseGalili, apho amanzi ebewenze iwayini. Kwaye kukho igosa lakomkhulu elithile, elinyana wayesifa eKapernahum. Lithe lakuva lona ukuba uYesu uphumile kwaYuda, wafika kwelaseGalili, laya kuye, lamcela ukuba ehle amphilise unyana walo, kuba ebeza kubhubha. Wathi ngoko uYesu kulo, Ukuba anithanga nibone imiqondiso nemimangaliso, anisayi kukha nikholwe. Lithi kuye igosa lakomkhulu, Nkosi, yihla, engekabhubhi umntwana wam. Athi uYesu kulo, Hamba uhambe; unyana wakho uhleli. Wakholwa umntu lowo lilizwi awalithethayo uYesu kuye, wahamba ke. Ke kaloku, akubon’ ukuba uselesihla, izicaka zakhe zamhlangabeza, zambikela zisithi, Umntwana wakho uhleli. Wabuza ngoko kuzo ilixa aqale ukuchacha ngalo; zathi kuye, Izolo, ngelixa lesixhenxe, yamyeka icesina. Wazi ngoko uyise, ukuba bekukwangelo lixa abethe ngalo uYesu kuye, Unyana wakho uhleli; wakholwa, yena nendlu yakhe iphela.

UYohane 5:3-9

Kwakulele kuzo inkitha eninzi yemilwelwe: iimfama, iziqhwala, abome umzimba, belinde ukuzanyazanyiswa kwamanzi. Kuba isithunywa sezulu ngaxesha lithile besisihla, singene echibini, siwagxobhagxobhe amanzi; lowo ngoko ubethe angene tanci emva kokugxojwagxojwa kwamanzi, ubephila nakusiphi na isifo abebanjwe siso. Ke kaloku, bekukho mntu uthile apho, ubeminyaka imashumi mathathu anesibhozo engumlwelwe. UYesu embona lowo elele, esazi ukuba uselenexesha elikhulu enjalo, uthi kuye, Uyafuna na ukuba uphile? Waphendula umlwelwe wathi, Nkosi, andinamntu wokuthi, xa athe agxojwagxojwa amanzi, andiphose echibini. Kuthi ke, ndakubon’ ukuba mna ndiyaya, ndiphangelwe ngomnye ukuhla. Athi uYesu kuye, Vuka, uthabathe ukhuko lwakho, uhambe. Usuke kwaoko waphila umntu, waluthabatha ukhuko lwakhe, wahamba. Ke kaloku kwakuyisabatha loo mini.

UYohane 5:14

Emveni kwezi zinto, uYesu umfumana etempileni, athi kuye, Uyabona, uphilile; musa ukuba sona, ukuze ungahlelwa yinto embi kunaleyo.

UYohane 6:2

Wayelandelwa ke sisihlwele esikhulu, ngokuba babebona imiqondiso yakhe, abeyenza kwababesifa.

UYohane 6:35-37

Wathi ke uYesu kubo, Isonka sobomi esi ndim; lowo uzayo kum, akasayi kulamba; lowo ukholwayo kum, akasayi kunxanwa naphakade. Senditshilo kuni ukuthi, Nindibonile nokundibona, anikholwa noko. Konke andinikayo uBawo, kuya kuza kum; nozayo kum, andisayi kukha ndimlahlele phandle;

UYohane 8:12

Wabuya ngoko uYesu wathetha kubo, esithi, Ndim ukhanyiselo lwehlabathi; lowo undilandelayo akasayi kuhamba ebumnyameni; yena uya kuba nalo ukhanyiso lobomi.

UYohane 9:1-7

Uthe ke edlula, wabona umntu obe eyimfama kwasekuzalweni kwakhe. Bambuza ke abafundi bakhe, besithi, Rabhi, ngubani na owonayo, ngulo, ngabazali bakhe, sini na, ukuze azalwe eyimfama nje? Waphendula uYesu wathi, Akone lo, akone bazali bakhe; uzelwe eyimfama ukuze ibonakalaliselwe kuye imisebenzi kaThixo. Ndimelwe kukuyisebenza imisebenzi yowandithumayo, kusesemini; kuza ubusuku, xa kungekho namnye unako ukusebenza. Xa ndisesehlabathini, ndilukhanyiselo lwehlabathi. Akuba etshilo, watshica emhlabeni, wenza udaka ngamathe, wawaqaba amehlo emfama ngodaka olo. Wathi kuyo, Yiya kuhlamba echibini leSilowa (oko kukuthi ngentetho evakalayo, Thunyiwe). Yemka ngoko, yaya yahlamba, yeza ibona.

UYohane 9:32

Kwasephakadeni akuzanga kuviwe ukuba umntu wakha wavula amehlo ozelwe eyimfama.

UYohane 10:10-11

Isela alizi lingazele ukuze libe, lixhele, litshabalalise. Mna ndizele ukuze babe nobomi, babe nabo ke ngokugqithiseleyo. Ndim umalusi olungileyo; umalusi olungileyo, ubomi bakhe ubuncamela izimvu.

UYohane 10:28-29

mna ndizinika ubomi obungunaphakade; azisayi kutshabalala naphakade; akukho namnye uya kuzihlutha esandleni sam. UBawo, ondinike zona, ungaphezu kwabo bonke; akukho bani unako ukuzihlutha esandleni sikaBawo.

UYohane 11:25-26

Wathi uYesu kuye, Ndim uvuko, ndim ubomi; lowo ukholwayo kum, nokuba ubethe wafa, wodla ubomi. Bonke abadla ubomi bekholwa kum, abasayi kufa naphakade; uyakholwa na koko?

UYohane 11:32-36

UMariya ngoko, akufika apho uYesu ebekhona, akumbona, wawa ezinyaweni zakhe, esithi kuye, Nkosi, ukuba ubulapha, ange engafanga umnakwethu. Uthe ngoko uYesu, akumbona elila, namaYuda abeze naye elila, wafutheka, wakhathazeka. Wathi, Nimbeke phi na? Bathi kuye, Nkosi, yiza ubone. UYesu walila. Ayesithi ngoko amaYuda, Yabonani ke ukumthanda kwakhe!

UYohane 11:39-44

Athi uYesu, Lisuseni ilitye. Athi kuye uMarta, udade wofileyo, Nkosi, uselenuka, kuba untsuku-ne efile. Athi uYesu kuye, Anditshongo na kuwe ukuthi, Ukuba uthe wakholwa, wolubona uzuko lukaThixo? Balisusa ngoko ilitye apho abelele khona ofileyo. Wawaphakamisa ke amehlo uYesu, wakhangela phezulu, wathi, Bawo, ndiyabulela kuwe kuba undivile. Mna ke bendisazi ukuba uhleli undiva; ke nditsho ngenxa yesihlwele esixhonteleyo, ukuze bakholwe ukuba wena wandithuma. Etshilo ke, wadanduluka ngezwi elikhulu, wathi, Lazaro, phuma. Waphuma ofileyo, ebotshiwe iinyawo nezandla ngezithandelo, nobuso bakhe bujikelwe ngeqhiya. Athi kubo uYesu, Mkhululeni, nimyeke ahambe.

UYohane 14:1-2

Intliziyo yenu mayingakhathazeki; kholwani kuThixo, nikholwe nakum. Endlwini kaBawo zininzi iindawo zokuhlala; ukuba bekungenjalo, ngendanixelelayo. Ndiyemka, ndiya kunilungisela indawo;

UYohane 14:13-14

Nento enithe nayicela egameni lam, ndoyenza yona, ukuze uYise azukiswe ngoNyana. Ukuba nithe nacela into ngegama lam, ndoyenza mna.

UYohane 14:27

Ndishiya uxolo kuni; ndininika uxolo lwam; andininiki njengokunika kwehlabathi. Mayingakhathazeki intliziyo yenu, mayingabi nabugwala.

UYohane 15:7-8

Ukuba nithe nahlala kum, namazwi am ahlala kuni, nocela into enisukuba niyithanda, niyenzelwe.. Uzukiswa uBawo ngale nto, yokuba nithwale isiqhamo esininzi; niya kuba ngabam abafundi ke.

UYohane 15:11

Ezi zinto ndizithethile kuni, ukuze uvuyo lwam luhlale kuni, luthi novuyo lwenu luzaliseke.

UYohane 16:22-24

Nani ke ngoko nixhalabile ngokunje; kodwa ndobuya ndinibone; yaye iya kuvuya intliziyo yenu, novuyo lwenu akukho namnye uya kuluhlutha kuni. Nangaloo mini aniyi kundibuza nto. Inene, inene, ndithi kuni, Zonke izinto enithe nazicela kuBawo egameni lam, woninika. Kude kwaba ngokunje, anikaceli nto egameni lam; celani, niya kwamkela, ukuze uvuyo lwenu luzaliseke.

UYohane 16:33

Ezi zinto ndizithethile kuni, ukuze nibe noxolo kum. Ehlabathini niya kuba nembandezelo; yomelelani, mna ndiloyisile ihlabathi.

UYohane 19:1

Waza ngoko uPilato wamthabatha uYesu, wamtyakatya.

UYohane 19:16-18

Wandula ngoko ukumnikela kubo, ukuze abethelelwe emnqamlezweni. Bamthabatha ke uYesu, bemka naye. Ethwele umnqamlezo wakhe, waphuma waya endaweni ekuthiwa, yeyokakayi, ekuthiwa ngesiHebhere yiGologota, apho bambethelela khona emnqamlezweni, nabanye naye abangabambi bebabini, ngeenxa zombini, uYesu ke ephakathi.

UYohane 19:30

Xa ngoko uYesu wabeyamkele iviniga, wathi, Kugqityiwe! Wathoba intloko, wawunikela umoya wakhe.

UYohane 19:37

Kanjalo nesinye isibhalo sithi, Baya kukhangela kulowo bamhlabileyo.

IZenzo 2:21

Baya kuthi bonke abasukuba belinqula igama leNkosi basindiswe.

IZenzo 2:26-28

Ngenxa yoko intliziyo yam yaba nemihlali, lwagcoba ulwimi lwam; Ngaphezu koko ke nenyama yam iya kuphumla inethemba; Ngokuba akuyi kuwushiya umphefumlo wam kwelabafileyo. Kananjalo akuyi kumnikela oyiNgcwele wakho ekuboneni ukubola. Wandazisa iindlela zobomi; Uya kundizalisa ngemihlali ngokubona ubuso bakho.

IZenzo 3:6-9

Wathi ke uPetros, Isilivere negolide andinayo, kodwa endinako ndikunika khona: egameni likaYesu Kristu umNazarete, vuka uhambe. Wayibamba ngesandla sokunene, wayivusa; zomelezeka ke kwalapho iinyawo zayo namaqatha ayo. Yesuka umtsi, yema, yahambahamba, yangena nabo etempileni, ihambahamba itsiba, imdumisa uThixo. Baza bonke abantu bayibona ihambahamba, idumisa uThixo;

IZenzo 5:15-16

bada bayithwalela phandle imilwelwe ezitratweni, bayibeka ezingqengqelweni nasezinkukweni, ukuze kuthi, akubon’ ukuba uPetros uyeza, kubekho kuyo ethi isityekelwe sisithunzi sakhe. Yaye ke ibuthelana eYerusalem nenkitha yabemizi ejikelezileyo, ithwele imilwelwe nabakhathazwa ngoomoya abangcolileyo, ababesithi bona baphiliswe bonke.

IZenzo 5:17-20

Ke kaloku wesuka umbingeleli omkhulu, nabo bonke ababenaye (abangabehlelo labaSadusi), bazala ngumsindo; babesa izandla abapostile, babafaka entolongweni yabantu bonke. Ke kaloku isithunywa seNkosi sazivula iingcango zentolongo ebusuku, sabakhupha, sathi, Hambani, niye kuma nithethe etempileni kubo abantu onke amazwi obu bomi.

IZenzo 5:41

Bemka ke ngoko bona ebusweni bentlanganiso yamatyala, bevuya, ngokuba kuthiwe bakufanele ukuhlaziswa ngenxa yegama lakhe.

IZenzo 8:3-4

Waye ke uSawule elidlavula ibandla, engena kwizindlu ngezindlu, erhola amadoda kwanabafazi, ebafaka entolongweni. Bona ke ngoko ababeziintsali batyhutyha ilizwe, beshumayela iindaba ezilungileyo zelizwi.

IZenzo 8:6-8

Zaye kanjalo izihlwele zizinyamekela ngamxhelo mnye izinto ezibe zithethwa nguFilipu, ekuyiveni nasekuyiboneni kwazo imiqondiso abeyenza. Kuba oomoya abangcolileyo babephuma kwinto eninzi ebinabo, bebhomboloza ngezwi elikhulu; yathi ke into eninzi enedumbe neziziqhwala yaphiliswa. Kwabakho uvuyo olukhulu kuloo mzi.

IZenzo 10:38

okokuba uThixo wamthambisa ngoMoya oyiNgcwele nangamandla uYesu waseNazarete, owagqiba ilizwe esiza, ephilisa bonke abaxinzelelweyo nguye uMtyholi; ngokuba uThixo ubenaye.

IZenzo 12:4-10

Akuba ke embambile, wamfaka entolongweni, wamnikela kumaqela amane amasoldati angamane, ukuba amgcine; engxamele ukuze emveni kwepasika amkhuphe, amse ebantwini. Wagcinwa ngoko okunene uPetros entolongweni; ke kwathandazwa libandla ngenyameko kuThixo ngenxa yakhe. Xa ke uHerode wayeza kumkhupha, uPetros ngobo busuku wayelele phakathi kwamasoldati amabini, ekhonkxiwe ngemixokelelwane emibini; baye nabalindi beyigcinile intolongo phambi kwesango. Yabona, naso isithunywa seNkosi, sisithi gaga phezu kwakhe, kwakhanya nokukhanya kwelo gumbi lentolongo; sambetha ecaleni uPetros, samvusa, sisithi, Phakama msinya. Yawa imixokelelwane yakhe ezandleni. Sathi kanjalo isithunywa eso kuye, Bhinqa, ubophe izixathula zakho. Wenjenjalo ke. Sithi kuye, Yithi wambu ingubo yakho, undilandele. Waphuma, wasilandela; wayengazi ukuba iyinene le nto yenziweyo ngesithunywa eso; ebeba ke ubone umbono. Begqithile ke kwelokuqala nakwelesibini iqela labalindi, bafika esangweni lentsimbi elibhekisa kuwo umzi, elathi lavuleka kubo ngokwalo; bakuphuma, bahamba isitrato sasinye; sathi kwaoko semka isithunywa eso kuye.

IZenzo 14:22

besomeleza imiphefumlo yabafundi, bebavuselela ukuba bahlale behleli elukholweni; besithi, Simelwe kukuphumela ezimbandezelweni ezininzi, ukungena ebukumkanini bukaThixo.

IZenzo 16:22-23

Isihlwele sabahlanganyela; nabathetheli bazithi qwengeqwenge iingubo zabo, bathi mababethwe ngeentswazi. Bathi, bakuba bebabethe imivumbo emininzi, babaphosa entolongweni, bamthethela umgcini wababanjwa ukuba abagcine ngokunqabileyo;

IZenzo 16:24-30

owathi, amkele umyalelo onjalo, wabaphosa kwengaphakathi intolongo, waziqinisa iinyawo zabo emithini. Ke kaloku, malunga phakathi kobusuku, ooPawulos noSilas babethandaza, bevuma elokudumisa uThixo; babephulaphula ke ababanjwa. Kwabakho ke ngequbuliso unyikimo olukhulu lomhlaba, ngokokude zizanyazanyiswe iziseko zentolongo; zavuleka kwaoko iingcango zonke, athukululeka amakhamandela abo bonke. Ethe tyithi ke ebuthongweni umgcini wababanjwa, ebona iingcango zentolongo zivulekile, warhola ikrele, eza kuzibulala, eba ababanjwa babalekile. UPawulos wabiza ke ngezwi elikhulu wathi, Ungazenzakalisi; kuba sikho sonke apha. Ebize ke izibane, watsiba phakathi, waza egubha, wawa phantsi phambi koPawulos noSilas. Wabazisa phandle, wathi, Zinkosi, ndimelwe kukuthini na, ukuze ndisindiswe?

IZenzo 19:11-12

Waye noThixo esenze ngezandla zikaPawulos imisebenzi yamandla engahlali isihla; ngokokude kusiwe nakwimilwelwe iiqhiya nemibhinqo, ivela emzimbeni wakhe, zisuke kubo izifo, bathi noomoya abakhohlakeleyo baphume kubo.

IZenzo 20:19

ndikhonza eNkosini, ndinako konke ukuthobeka kwentliziyo, neenyembezi ezininzi, nokulingwa okwandihlelayo ngamayelenqe amaYuda:

IZenzo 20:22-24

Nangoku, yabonani, ndiya mna eYerusalem, ndibotshiwe nguMoya, ndingazazi izinto eziya kundihlela khona; ndanele ukwazi ukuba uMoya oyiNgcwele uqononondisa kwimizi ngemizi, esithi ndilindwe ngamakhamandela naziimbandezelo. Andikhathalele nanye yezi zinto; kanjalo nobomi bam obu andinqabe nabo, ukuze ndilufeze uhambo lwam ngovuyo, nolungiselelo endalwamkelayo eNkosini uYesu, lokuqononondisa iindaba ezilungileyo zobabalo lukaThixo.

IZenzo 20:35

Ndanibonisa zonke izinto, ukuba ngokwenjenjalo ukubulaleka nimelwe kukuthi niyisize imilwelwe, nikhumbule namazwi eNkosi uYesu; ngokuba yena wathi, Ukupha kunoyolo ngaphezu kokuphiwa.

IZenzo 21:13-14

Waphendula ke uPawulos, wathi, Nenzani na ukulila niyityumze intliziyo yam? kuba mna ndingalungele kubotshwa kodwa; ndilungele nokufa eYerusalem, ngenxa yegama leNkosi uYesu. Akuba ke engoyiseki, sathi cwaka, sisithi, Makwenzeke ukuthanda kweNkosi.

IZenzo 28:8-9

Kwathi ke, uyise kaPubliyo walala phantsi, ebanjwe yicesina nokuxaxaza igazi; awathi uPawulos, engene kuye, wathandaza; wabeka izandla phezu kwakhe, wamphilisa. Kuthe ke kwakwenzeka oko, bathi nabanye ababenezifo esiqithini apho, beza baphiliswa; bathi bona basenzela iimbeko ezininzi;

Kwabase Roma 5:3-5

Asikukuphela ke oko; sizingca nangeembandezelo ezi, sisazi ukuba imbandezelo isebenza unyamezelo; unyamezelo ke lusebenza ukucikideka; ukucikideka ke kusebenza ithemba; ithemba ke alidanisi, ngokuba uthando lukaThixo luthululelwe ezintliziyweni zethu ngoMoya oyiNgcwele, esamnikwayo.

Kwabase Roma 5:8-11

ke yena uThixo uqondakalisa okwakhe ukusithanda ngokuthi, sakubon’ ukuba sisengaboni, uKristu asifele. Kokukhona sigwetyelwe nje ngegazi lakhe, siya kusindiswa ngaye kuyo ingqumbo. Kuba xa sithe, besiziintshaba nje, saxolelaniswa noThixo ngako ukufa koNyana wakhe: kokhona, sixolelanisiwe nje, siya kusindiswa ngobomi bakhe. Asikukuphela ke oko; singabazingca nokuzingca nangaye uThixo, ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu, esamkele ngayo kalokunje uxolelaniso olo.

Kwabase Roma 5:12

Ngenxa yoko, njengokuba isono sangena ngamntu mnye ehlabathini, kwangena ke ukufa ngaso isono; kwaza ngokunjalo ukufa kwabatyhutyha abantu bonke, ekubeni bonke bonayo;

Kwabase Roma 6:3-7

Anazi na ukuba thina sonke, sabhaptizelwayo kuKristu Yesu, sabhaptizelwa ekufeni kwakhe? Ngoko ke sangcwatywa naye ngokubhaptizelwa ekufeni; ukuze, njengokuba uKristu wavuswayo kwabafileyo ngalo uzuko loYise, sithi ngokunjalo nathi sihambe sinobomi obutsha. Kuba xa similiselwe kuye ngentsobi yokufa kwakhe, somiliselwa kuye nangeyokuvuka kwakhe; sikwazi nje oku, ukuba umntu wethu omdala wabethelelwa emnqamlezweni kunye naye, ukuze umzimba wesono uphuthiswe, size singabi sasikhonza isono; kuba owafayo ugwetyelwe, wakhululwa kuso isono.

Kwabase Roma 6:8-13

Ukuba ke safa kunye noKristu, siyakholwa ukuba sodla ubomi kwakunye naye; sisazi ukuba uKristu, evusiwe nje kwabafileyo, akabi safa; ukufa akusamphathi ngabukhosi. Kuba ukufa awakufayo, wakufa kwisono kwaba kanye; ubomi ke abudlayo, ubudlela kuThixo. Ngokunjalo nani zibaleleni ekuthini, ningabafileyo okunene kwisono; kodwa ningabadla ubomi kuThixo, nikuKristu Yesu, iNkosi yethu. Ngoko isono masingalawuli emzimbeni wenu onokufa, ukuze nisilulamele ngokwenza iinkanuko zawo. Kanjalo amalungu enu maningawanikeli kuso isono, ukuba abe ziintonga zentswela-bulungisa; manizinikele ngokwenu kuThixo, ngokwabaphile babengabafileyo, niwanikele kuThixo amalungu enu, ukuba abe ziintonga zobulungisa.

Kwabase Roma 6:21-22

Naye ninasiqhamo sini na ke ngelo xesha, ngezi zinto nineentloni ngazo ngoku? Kuba isiphelo sazo kukufa. Kaloku ke, nikhululwe nje kuso isono, naza nakhonziswa kuThixo, ninaso isiqhamo senu sokuba ningcwaliseke; isiphelo ke sibe bubomi obungunaphakade.

Kwabase Roma 6:23

Kuba umvuzo wesono kukufa; ke sona isibabalo sikaThixo bubomi obungunaphakade, kuKristu Yesu iNkosi yethu.

Kwabase Roma 7:24

Athi ke mna, mntu uludwayi! Azi, ngubani na oya kundihlangula kulo mzimba woku kufa?

Kwabase Roma 8:1-8

Ngoko ke, ngoku akukho kugwetywa kwabakuKristu Yesu; abangahambiyo ngokwenyama, abahamba ngokoMoya. Kuba umthetho woMoya wobomi, ndakuba kuKristu Yesu, wandikhulula emthethweni wesono nokufa. Kuba ekukhohlweni komthetho, ekubeni uswele amandla ngayo inyama, uthe uThixo, ethume owakhe uNyana, efana nenyama elawulwa sisono, emthume ngenxa yesono, wasigweba isono esenyameni leyo; ukuze ibango lomthetho lizaliseke kuthi, thina singahambiyo ngokwenyama; sihambayo ngokoMoya. Kuba abo bangokwenyama banyamekela izinto zasenyameni; abo ke bangokoMoya banyamekela izinto zaseMoyeni. Kuba ukunyameka kwenyama ikukufa; ukunyameka ke koMoya bubomi noxolo. Ngokokuba ukunyameka kwenyama kububutshaba kuThixo; kuba umthetho kaThixo kungawululameli, kuba kungenako nokuba nako ukwenjenjalo. Abo ke bakwinyama, abanakumkholisa uThixo.

Kwabase Roma 8:9-11

Ke nina anikwinyama; nikuMoya, ukuba kumi okunene uMoya kaThixo ngaphakathi kwenu. Ukuba ke umntu akanaye uMoya kaKristu, akangowakhe lowo. Ukuba ke uKristu ungaphakathi kwenu, umzimba okunene ufile ngenxa yesono; kodwa uMoya ububomi ngenxa yobulungisa. Ukuba ke uMoya walowo wamvusayo uYesu kwabafileyo, umi ngaphakathi kwenu, yena owamvusayo uKristu kwabafileyo uya kuyenza iphile nemizimba yenu enokufa, ngaye uMoya wakhe omiyo ngaphakathi kwenu.

Kwabase Roma 8:12-17

Ngoko ke, bazalwana, singabanetyala; kodwa kungekuyo inyama ukuze siphile ngokwenyama. Kuba xa niphila ngokwenyama, niza kufa; ke ukuba niyazibulala ngoMoya, zife iintlondi zomzimba, nophila. Kuba bonke abakhokelwa nguMoya kaThixo, bangoonyana bakaThixo abo. Kuba anamkelanga moya wabukhoboka, ukuba nibuye noyike; namkele umoya wokwenziwa oonyana, esidanduluka ngawo sithi, Abha, Bawo. UMoya ngokwakhe ungqinelana nomoya wethu, ukuba singabantwana bakaThixo. Ukuba ke singabantwana, sikwaziindlalifa; iindlalifa zikaThixo, iindlalifa ke kunye noKristu; ukuba okunene siva ubunzima kunye naye, ukuze sizukiswe nokuzukiswa kunye naye.

Kwabase Roma 8:18-25

Kuba ndigqiba kwelithi, iintlungu zeli xesha lakalokunje azinakulinganiswa nobuqaqawuli obu buza kutyhilwa kuthi. Kuba ukulangazelela kwendalo kulinde ukutyhileka koonyana bakaThixo. Kuba indalo yalulanyiselwa kokungelutho, kungengakuvuma kwayo, kungenxa yowayilulamisayo, inethemba lokuba nendalo ngokwayo iya kukhululwa ebukhobokeni bokonakala, isingiswe enkululekweni yozuko lwabantwana bakaThixo. Kuba siyazi ukuba yonke indalo iyancwina, inenimba kunye, unangoku. Asiyiyo ke yodwa; sisuka nathi, banayo intlahlela yoMoya, thina aba ke ngokwethu, sincwine ngaphakathi kwethu, silinde ukwenziwa oonyana; inkululeko yomzimba wethu ke leyo. Kuba sasindiselwa ethembeni; ke ithemba elise libonwa asithemba; kuba oko akubonayo umntu, angaba usakuthembeleni na? Ukuba ke sithembe ukuzuza oko singakuboniyo, sikulinda kakhulu, sinomonde.

Kwabase Roma 8:26-27

Ngokukwanjalo ke noMoya uncedisana nokuswela kwethu amandla; kuba esingakuthandazelayo ngokoko simelwe kukuthandaza ngako, asikwazi; uthi ke uMoya ngokwakhe asithethelele ngezincwino ezingathethekiyo. Ke oziphengululayo iintliziyo uyakwazi into okuyiyo ukunyameka koMoya; ngokuba ubathethelela abangcwele ngokukaThixo.

Kwabase Roma 8:28-30

Siyazi ke ukuba zonke izinto zisebenziselana okulungileyo kwabo bamthandayo uThixo, kwababiziweyo ngokwengqibo yakhe. Ngokuba abo wabaziyo ngenxa engaphambili, wabamisela ngenxa engaphambili ukuba bafane nomfanekiselo woNyana wakhe, ukuze abe ngowamazibulo kubazalwana abaninzi. Abo ke wabamisayo ngenxa engaphambili, wabuya wababiza bona; waza abo wababizayo, wabuya wabagwebela bona; abo ke wabagwebelayo, wabuya wabazukisa nokubazukisa bona.

Kwabase Roma 8:31-34

Sithini na ke ngoko kwezi zinto? Ukuba uThixo ungakuthi, ngubani na ongasichasayo? Lowo, gxebe, ungamconganga owakhe uNyana, wesuka wamnikela ngenxa yethu sonke, angathini na ukuba angasibabali ngazo zonke ezo zinto, ndawonye naye? Ngubani na oya kumangalela abanyulwa bakaThixo, inguThixo nje obagwebelayo? Ngubani na ogwebayo, inguKristu nje owafayo? ngaphezu koko ke, wabuya wavuka; ongasekunene kukaThixo, osithethelelayo?

Kwabase Roma 8:35-36

Ngubani na oya kusahlula eluthandweni lukaKristu? Yimbandezelo na, luxinaniso na, yintshutshiso na, yindlala na, bubuze na, yingozi na, likrele na? Njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Ngenxa yakho sibulawa imini yonke; Sibalelwe ekuthini sizizimvu zokuxhelwa.

Kwabase Roma 8:37-39

Kanti ke kwezo zinto zonke, sisuka soyise sigqithisele, ngaye owasithandayo. Kuba ndeyisekile kukuba nakufa, nabomi, nazithunywa zezulu, nazilawuli, naziphathamandla, nanto zikhoyo, nanto zizayo, nabuphakamo, nabunzulu, nasinye isidalwa esisimbi, asiyi kuba nako ukusahlula thina eluthandweni lukaThixo, olukuye uKristu Yesu, iNkosi yethu.

Kwabase Roma 9:1-3

Ndithetha inyaniso ndikuKristu, andixoki, sibe nesazela sam sindingqinela ndiseMoyeni oyiNgcwele, ukuba ndineentlungu kakhulu, nentuthumbo enkulu engapheliyo, entliziyweni yam. Kuba bendingade ndinqwenele ukusingelwa phantsi mna ngokwam, ndahlukaniswe naye uKristu, ngenxa yabazalwana bam, abayimizalwane yam ngokwenyama,

Kwabase Roma 9:33

njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Yabona, ndibeka eZiyon ilitye lokubetheka, Iliwa lesikhubekiso; bonke abakholwayo kuye abayi kudaniswa.

Kwabase Roma 10:11-13

Kuba isibhalo sithi, Bonke abakholwayo kuye abayi kudaniswa. Kuba akukho kwahluka kwamYuda namGrike; kuba ikwayiloo Nkosi eyiNkosi yabo bonke, ibubutyebi kubo bonke abayinqulayo. Kuba bonke abasukuba belinqula igama leNkosi bosindiswa.

Kwabase Roma 12:1

Ndiyanivuselela ngoko, bazalwana, ngeemfefe zikaThixo, ukuba niyinikele imizimba yenu ibe lidini eliphilileyo, elingcwele, elikholekileyo kuThixo: inkonzo yenu ke leyo yasengqondweni.

Kwabase Roma 12:12-15

mayela neNkosi le, khonzani; mayela nethemba, vuyani; mayela nembandezelo, nyamezelani; mayela nomthandazo, zingisani; mayela neentswelo zabangcwele, yibani nobudlelane; ukubuka iindwendwe kusukeleni. Basikeleleni abanitshutshisayo; sikelelani, ningaqalekisi. Vuyani nabavuyayo, nilile nabalilayo.

Kwabase Roma 14:8-9

Kuba nokuba sithi sidle ubomi, sibudlela iNkosi; nokuba sithi sife, sifela iNkosi. Ngoko ke, nokuba sithi sidle ubomi, nokuba sithi sife, singabeNkosi. Kuba uKristu wafa, wabuya wavuka, wabuya wadla ubomi, ngenxa yoku, ukuze aphathe ubukhosi kwabafileyo, kwanakwabaphilileyo.

Kwabase Roma 15:13

Wanga ke uThixo wethemba elo anganizalisa ngalo lonke uvuyo noxolo ekukholweni, ukuze niphuphume ithemba ngamandla oMoya oyiNgcwele.

1 Kwabase Korinte 9:22

kwabo bangenamandla, ndaba njengongenamandla, ukuze ndibazuze abangenamandla; kubo bonke ndesuka ndaba ziinto zonke, ukuze ngeendlela zonke ndisindise inxenye.

1 Kwabase Korinte 11:32

Sigwetywa nje ke, siyaqeqeshwa yiNkosi, ukuze singasingelwa phantsi ndawonye nehlabathi.

1 Kwabase Korinte 12:25-26

ukuze kungabikho kwahlukahlukana emzimbeni, kubekho ukunyamekelana kwamalungu ngakunye; kuthi, nokuba lilungu elinye eliva ubunzima, avelane amalungu onke; nokuba lilungu elinye elizukiswayo, avuyisane amalungu onke.

1 Kwabase Korinte 14:33

kuba uThixo akangowesiphithiphithi, ngowoxolo; njengokuba kunjalo kuwo onke amabandla abangcwele.

1 Kwabase Korinte 15:22

Kuba, njengokuba kuye uAdam bafa bonke, ngokunjalo nakuye uKristu baya kudliswa ubomi bonke:

1 Kwabase Korinte 15:26

Olokugqibela utshaba oluya kubhangiswa kukufa;

1 Kwabase Korinte 15:53-55

Kuba kumele oku konakalayo ukwambatha ukungonakali, noku kufayo ukwambatha ukungafi. Xa ke oku konakalayo kuthe kwambatha ukungonakali, noku kufayo kuthe kwambatha ukungafi, liya kwandula ukwenzeka ilizwi elibhaliweyo lokuthi, Ukufa kufincelwe eloyisweni. Luphi na, kufa, ulwamvila lwakho? Luphi na, Hadesi, uloyiso lwakho?

2 Kwabase Korinte 1:3-7

Makabongwe uThixo, uYise weNkosi yethu uYesu Kristu, uSozimfefe, uThixo onako konke ukuthuthuzela, osithuthuzelayo kuyo yonke imbandezelo yethu, ukuze sibe nako ukubathuthuzela abakwinto yonke eyimbandezelo, ngayo intuthuzelo esithuthuzelwa ngayo nathi nguye uThixo. Ngokuba, njengokuba iintlungu zikaKristu ziphuphumela kuthi, ngokunjalo ithi nentuthuzelo yethu iphuphume ngoKristu. Nokuba na ke siyabandezelwa, oko kwenzelwa ukuthuthuzela nokusindisa nina, ukusindisa ke okusebenzayo ngokunyamezela kwenu kwa-ezo ntlungu sizivayo nathi; nokuba na ke siyathuthuzelwa, oko kwenzelwa ukuthuthuzela nokusindisa nina. Kanjalo ithemba lethu ngani liqinisekile; sisazi ukuba, njengokuba ningamadlelane nathi ngazo iintlungu, ngokunjalo niyakuba ngawo nangentuthuzelo.

2 Kwabase Korinte 1:8-10

Kuba asithandi ukuba ningayazi, bazalwana, imbandezelo yethu eyasihlelayo kwelaseAsiya: ukuba saxineka ngokuncamisileyo, ngaphezu kwamandla ethu, ngokokude sibuncame kanye nobomi. Sasuka ngokwethu saba nesigwebo sokufa ngaphakathi kwethu, ukuze singabi ngabasazithembayo, sithembele kuThixo lo ubavusayo abafileyo; owasihlangulayo ekufeni okungako, osihlangulayo nangoku; esithembele kuye ukuba usaya kusihlangula:

2 Kwabase Korinte 4:7-12

Ke kaloku obu butyebi sibuphethe ngezitya zodongwe, ukuze incamisa yamandla ibe yekaThixo, ingaphumi kuthi. Siyabandezelwa ngeenxa zonke, singaxineki; siyathingaza, singancami; sitshutshiswa, asiyekelwa; sikhahlelwa phantsi, asitshatyalaliswa; sihlala sikuthwele ngomzimba ukufa kweNkosi uYesu ukuze nobomi bukaYesu bubonakalaliselwe emzimbeni wethu. Kuba thina badla ubomi simana sinikelwa ekufeni ngenxa kaYesu, ukuze nobomi bukaYesu bubonakalaliselwe enyameni yethu enokufa. Ngoko ke kusebenza ukufa kuthi, ke kuni kusebenza ubomi.

2 Kwabase Korinte 4:16-18

Kungoko singethi mandla; kuba nokuba umntu wethu wangaphandle uya esonakala, usuka yena owangaphakathi aye ehlaziyeka imihla ngemihla. Kuba ubukhaphukhaphu bembandezelo yethu eyeyomzuzwana busisebenzela ngokuncamise kwaphela ubuqaqawuli obukhulukazi obungunaphakade sakubon’ ukuba asixuneli ezintweni ezibonwayo, sixunela kwezingabonwayo. Kuba ezibonwayo zezomzuzwana, ke zona ezingabonwayo zezonaphakade.

2 Kwabase Korinte 5:1-2

Kuba siyazi ukuba, xa ithe yachithwa indlu yethu esemhlabeni, engulo mnquba, sinesakhiwo esiphuma kuThixo, indlu yona emazulwini, engenakwenziwa ngazandla, engunaphakade. Kuba kulo siyancwina, silangazelela ukwambatha, saleke indlu yethu yasemazulwini;

2 Kwabase Korinte 5:6-8

Ngoko ke sihlala somelele, sisazi ukuba, sikowethu nje emzimbeni, sikude kowethu eNkosini (kuba sihamba ngokholo, asihambi ngakubona); somelele ke, sikholisiwe nokukholiswa kanye kukuba kude nekhaya lethu elisemzimbeni, sibekho kwikhaya lethu eliseNkosini.

2 Kwabase Korinte 5:14-16

Kuba lusifingile nje uthando lukaKristu, sigqibe kwelokuthi, ukuba ufele bonke emnye, ngoko bafile bonke abo; wabafela ke bonke, ukuze abo badla ubomi bangabi sazidlela ubomi, babudlele owafayo wavuka ngenxa yabo. Ngoko ke thina, sisusela kweli xesha, asisazi namnye ngokwenyama; nokuba ke besimazi uKristu ngokwenyama, kungoku asisamazi ngokwenyama.

2 Kwabase Korinte 5:17

Ngoko ke, ukuba ubani ukuKristu, usisidalwa esitsha; izinto ezindala zidlule; bonani ke, zisuke zaba ntsha izinto zonke zakhe.

2 Kwabase Korinte 6:4-6

sisuka sithi emicimbini yonke siziqondakalise ngokwabalungiseleli bakaThixo, ngokunyamezela okukhulu, sisezimbandezelweni, sisezingxakekweni, sisezingxinanweni, sinemivumbo, sisezintolongweni, siseziphithiphithini, sibulaleka, singalali, sizila ukudla, sinobunyulu, sinokwazi, sinokuzeka kade umsindo, sinobubele, sinoMoya oyiNgcwele, sinothando olungahanahanisiyo,

2 Kwabase Korinte 6:9-10

ngathi singabalahlekisi, ukanti singabenyaniso; ngathi singabangaziwayo, ukanti singabaziwayo; ngathi singabafileyo, nanku Sisidla ubomi; ngathi singababethwayo, singabulawa noko; ngathi sibuhlungu, ukanti singabahlala bevuya; ngathi singamahlwempu, ukanti singabatyebisa abaninzi ke; ngathi singabangenanto, ukanti singabahlala benezinto zonke.

2 Kwabase Korinte 7:3-4

Anditsho ngakunigweba; kuba sendithe ngaphambili, nisezintliziyweni zethu ukuba sife nani, sidle ubomi nani. Ndinokungafihlisi okukhulu kuni, ndizingca kakhulu ngani; ndizele yintuthuzelo, ndiphuphuma uvuyo kakhulu kuyo yonke imbandezelo yethu.

2 Kwabase Korinte 7:5-6

Kuba sithe sakufika kwelaseMakedoni, ayaba nakuphumla nakanye inyama yethu; sabandezelwa ngeenxa zonke, ngaphandle ikukulwa, ngaphakathi ikukoyika. Ke lowo ubathuthuzelayo abathobekileyo, uThixo ke, wasithuthuzela ngokufika kukaTito;

2 Kwabase Korinte 7:10-11

Kuba ubuhlungu obungokukaThixo busebenza inguquko esingisa elusindisweni, ekungekho kuzohlwaya ngayo; ke kona okwehlabathi ukuba buhlungu kusebenza ukufa. Kuba, yabonani, kwaoko kwenziwa kwenu buhlungu ngokukaThixo, kwanisebenzela ukunyameka okungakanana; nasuka naziphendulela, nasuka nacaphuka, nasuka noyika, nasuka nalangazelela, nasuka nazondelela, nasuka naphindezela! Ngeendawo zonke niziqondakalisile, ukuba kulo mcimbi nimsulwa nina okwenu.

2 Kwabase Korinte 8:2

okokuba ekucikidweni kwawo okukhulu yimbandezelo, kuthe ukuphuphuma kovuyo lwawo, nobuhlwempu bawo obendeleyo, kwaphuphumela ekutyebiseni ukunyanisa kwawo.

2 Kwabase Korinte 9:8-11

Unako ke uThixo ukuphuphumisela kuni ubabalo lonke, ukuze nithi, nihlala ninako nje ukwanela konke ngeendawo zonke, niphuphumele emsebenzini wonke olungileyo; njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Wasasaza, wapha abasweleyo; Ubulungisa bakhe buhleli ngonaphakade. Wanga ke angathi, ompha imbewu umhlwayeli, nesonka sokudliwa, aniphe ayandise imbewu yenu, ahlumise isiqhamo sobulungisa benu; nithi ngeendawo zonke nityetyiselwe ekunyaniseni konke, kona kusebenzayo ngathi umbulelo kuThixo.

2 Kwabase Korinte 11:23-30

Bangabalungiseleli bakaKristu na? (Ndithetha nxamnye nengqondo.) Ndithi ndingongaphezulu mna, ngokubulaleka okugqithiseleyo, ngemivumbo egqithe emgceni, ngokuba sezintolongweni ngokugqithiseleyo, ngokuba sekufeni futhi. KumaYuda ndazuza kahlanu imivumbo emashumi mane kwaphuke mnye. Kukathathu ndibethwa ngeentswazi, okunye ndaxulutywa ngamatye, ndaphukelwa ngumkhombe kathathu, ndenze ubusuku nemini enzulwini; ndithi ndingongaphezulu ngokuhamba okufuthi, ngeengozi zemilambo, ngeengozi zezihange, ngeengozi zamakowethu, ngeengozi zeentlanga, ngeengozi phakathi komzi, ngeengozi entlango, ngeengozi elwandle, ngeengozi phakathi kwabazalwana ababuxoki; ngokubulaleka nangemigu, ngokungabi nakulala okufuthi, ngokulamba nokunxanwa, ngokuzila ukudla okufuthi, ngengqele nobuze. Ndingasazibali zona izinto ezingaphandle kwezo, ndingungelwe imihla ngemihla kukuwaxhalela onke amabandla kaThixo. Ngubani na okha aswele amandla, ndingasweli mandla nam? Ngubani na okha akhutyekiswe, ndingatshiseki mna? Ukuba ndimelwe kukuqhayisa, ndoqhayisa ngezinto zokuswela amandla kwam.

2 Kwabase Korinte 12:5

Onjalo ke ndiya kuqhayisa ngaye, kodwa andiyi kuqhayisa ngokwam nganto ikum; ingaba kungokuswela kwam amandla kodwa.

2 Kwabase Korinte 12:7-10

Kwathi, ukuze ndingaziphakamisi ngokungaphezulu ngenxa yezityhilelo eziyincamisa, ndanikwa uviko enyameni, isithunywa sikaSathana, ukuze sindintlithe, ukuze ndingaziphakamisi ngokungaphezulu. Ndayibongoza kathathu iNkosi ngaso isithunywa eso, ukuba sisuke kum. Ithe yona kum, Ubabalo lwam lukwanele; kuba amandla am azalisekiswa ekuswelekeni kwamandla. Ngoko kokukhona sendiya kuqhayisa kamnandi kakhulu ngokuswela kwam amandla, ukuze ahlale phezu kwam amandla kaKristu. Kungoko ndikholisiweyo kukuswela amandla, kukuphathwa kakubi, ziingxakeko, ziintshutshiso, ziingxinano, ngenxa kaKristu; kuba xa sukuba ndiswele amandla, kuxa ndinamandla.

KumaGalati 3:28-29

Akusekho mYuda namGrike; akusekho khoboka nakhululekileyo; akusekho ndoda nankazana; kuba nina nonke nimntu mnye, nikuKristu Yesu. Ukuba ke nina ningabakaKristu, niyimbewu ka-Abraham ngoko, neendlalifa ngokwedinga.

KumaGalati 5:22

Ke sona esoMoya isiqhamo luthando, uvuyo, uxolo, ukuzeka kade umsindo, ububele, ukulunga, intembeko, ubulali, ukuzeyisa;

KumaGalati 6:2

Thwalisanani ubunzima, ize ngokunjalo niwuzalise umthetho kaKristu;

Kwabase Efese 2:6

wasivusa naye, wasihlalisa naye kwezasemazulwini iindawo, sikuKristu Yesu;

Kwabase Efese 3:1

Ngenxa yoko, mna Pawulos, mbanjwa kaKristu Yesu ngenxa yenu zintlanga—

Kwabase Efese 4:1-2

Ndiyanivuselela ngoko, mna mbanjwa waseNkosini, ukuba nihambe ngokulufaneleyo ubizo enabizwa ngalo, ninako konke ukuthobeka kwentliziyo nobulali, ninokuzeka kade umsindo, ninyamezelana, nisenziwa luthando,

Kwabase Efese 6:12-13

Ngokuba umzamo wethu asingowokuzamana negazi nenyama; ngowokuzamana nazo izilawuli, nawo amagunya, nazo iziphatha-hlabathi zobumnyama balo eli phakade, nayo imikhosi yomoya abakhohlakeleyo kwezasezulwini iindawo. Ngenxa yoko, qubulani sonke isikrweqe sikaThixo; ukuze nibe nako ukuchasa ngomhla ombi, nithi nikufezile konke, nime nimi.

Kwabase Efese 6:18-20

ngako konke ukuthandaza nokukhunga, nithandaza amaxesha onke nikuye uMoya; niyiphaphamele loo nto ngako konke ukuzingisa nokukhunga, ngenxa yabo bonke abangcwele; nangenxa yam, ukuba ndiphiwe ilizwi ekuwuvuleni umlomo wam, ndize ndazise ngokungafihlisiyo imfihlelo yeendaba ezi zilungileyo, ekungenxa yazo endisisigidimi esisezintanjeni; ukuze ndingafihlisi ukuthetha kuzo, njengoko ndimelwe kukuthetha ngako.

Kwabase Filipi 1:21-23

Kuba kum mna, ukudla ubomi kunguKristu, ukufa kuyinzuzo. Ke ukuba ukudla ubomi ndisenyameni kusisiqhamo somsebenzi kum oko, into ke endonyula yona andiyazi. Kuba ndixinekile phakathi kwezinto ezimbini; ndinawo umnqweno wokunga ndinganduluka, ndiye kuba noKristu; kuba kokona kulungileyo kakhulu oko;

Kwabase Filipi 1:29

Ngokuba nababalwa ukuthi, ngenxa kaKristu, ninganeli kukholwa kuye; nababalwa nokuva ubunzima ngenxa yakhe,

Kwabase Filipi 2:27

Kuba okunene wayesifa, ephantse ukufa. Ke uThixo wamenzela inceba; akenzela yena yedwa, wenzela nam lo, ukuze ndingabi buhlungu, ndibuhlungu kade.

Kwabase Filipi 3:3

Kuba abolwaluko sithi, thina bakhonza uThixo ngomoya, siqhayise ngoKristu Yesu, singakholosi ngenyama;

Kwabase Filipi 3:10

ukuba ndimazi, kwanamandla ovuko lwakhe, nokuba ndibe nobudlelane naye ngeentlungu zakhe, ndifaniswe noko kufa kwakhe;

Kwabase Filipi 3:20-21

Kuba thina ikowethu lisemazulwini, apho kananjalo silinde khona kwauMsindisi, iNkosi uYesu Kristu; eya kuwenza kumila kumbi umzimba wokuthobeka kwethu, ukuze wona wenziwe ufane nawo umzimba wozuko lwakhe, ngokokusebenza kwalowo unako ukuzithobela phantsi kwakhe zonke izinto.

Kwabase Filipi 4:4-7

Vuyani eNkosini amaxesha onke; ndiyaphinda ndithi, Vuyani. Ukuthantamisa kwenu makwazeke kubantu bonke. INkosi ikufuphi. Ningaxhaleli nto; mazithi iingcelo zenu ezintweni zonke, ngako ukuthandaza nokukhunga, ndawonye nokubulela, zaziswe kuye uThixo. Lwaye uxolo lukaThixo, olugqithisele kuko konke ukuqonda, luya kuzigcina iintliziyo zenu neengqiqo zenu kuKristu Yesu.

Kwabase Filipi 4:12-14

Ndiyazana nobuhlwempu, ndiyazana nobutyebi; kuko konke, nasezintweni zonke, ndiqhelanisiwe nokuhlutha kwanokulamba, nokutyeba kwanokuswela. Ndinokuzenza izinto zonke, ndikulowo undomelezayo, uKristu. Noko ke natyapha ukuba nobudlelane nam ngembandezelo.

Kwabase Filipi 4:19

Ke uThixo wam wokwenzelelela konke ukuswela kwenu ngokobutyebi bakhe, ngokozuko olukuKristu Yesu.

Kwabase Kolose 1:11-13

nisomelezwa ngokomelela konke, ngokokuqina kozuko lwakhe, nide nise kuko konke ukunyamezela, nokuzeka kade umsindo, kunye novuyo; nibulela kuye uYise, owasenza sakulingana ukwahlulelwa ilifa labangcwele ekukhanyeni; owasihlangulayo egunyeni lobumnyama, wasifudusela ebukumkanini boNyana wothando lwakhe,

Kwabase Kolose 1:24

Ngoku ndiyavuya ezintlungwini zam ngenxa yenu, ndikuzalisa kanye okusileleyo kwiimbandezelo zikaKristu, enyameni yam, ngenxa yomzimba wakhe olilo ibandla;

Kwabase Kolose 3:1-4

Ukuba ngoko navuswa kunye noKristu, funani izinto zaphezulu, apho akhona uKristu, ehleli ngasekunene kukaThixo. Nyamekelani izinto zaphezulu, zingabi zezasemhlabeni. Kuba nafayo, baye ubomi benu bufihlakele ndawonye noKristu kuye uThixo. Xa athe wabonakalaliswa uKristu, obubomi bethu, ngelo xesha niya kubonakalaliswa nani, ninaye ebuqaqawulini.

Kwabase Kolose 3:15

Uxolo lukaThixo, enabizelwa kwakulo mzimbeni mnye, malulawule ezintliziyweni zenu, nibe nokubulela.

1 Kwabase Tesalonika 2:2

sesuka, nakuba besive ubunzima ngenxa engaphambili, siphethwe kakubi eFilipi, njengoko naziyo, asafihlisa, sikuye uThixo wethu, ukuzithetha kuni iindaba ezilungileyo zikaThixo, sinomzamo omkhulu.

1 Kwabase Tesalonika 3:3-5

kungabikho namnye ushukunyiswayo zezi mbandezelo; kuba nisazi ngokwenu ukuba simiselwe zona. Kuba xenikweni besikuni, sanixelela ngenxa engaphambili ukuba siza kubandezelwa; njengokuba kwaba njalo, nani niyazi. Ngenxa yoko nam ndithe, ndingasenakuzibamba, ndathumela ukuba ndilwazi ukholo lwenu, hleze abe unihendile uMhendi, saba sifuma ne sabulaleka.

1 Kwabase Tesalonika 4:13-15

Ke kaloku andithandi ukuba ningazi, bazalwana, mayela nabalele ukufa, ukuze ningabi buhlungu njengabanye abangenathemba bona. Kuba xa sikholwa ukuba uYesu wafa, wabuya wavuka, kwangokunjalo naye uThixo woza nabo abalele ukufa ngaye uYesu, kunye naye. Kuba oku siyakutsho kuni ngelizwi leNkosi ukuthi, thina babudlayo ubomi, baya kuba besekho ekufikeni kweNkosi, asisayi kubaphangela abalele ukufa.

1 Kwabase Tesalonika 5:16-18

Hlalani nivuya. Thandazani ningayeki. Ezintweni zonke bulelani; kuba oko kukuthanda kukaThixo kuKristu Yesu ngani.

1 Kwabase Tesalonika 5:23-24

Wanga ke uThixo woxolo ngokwakhe anganingcwalisa niphelelisekile; uthi, ugqibelele owenu umoya nomphefumlo nomzimba, ugcinwe ngokungenakusoleka ekufikeni kweNkosi yethu uYesu Kristu. Uthembekile onibizayo, oya kukwenza nokukwenza oko.

2 Kwabase Tesalonika 1:4-7

ngokokude thina ngokwethu siqhayise ngani emabandleni kaThixo, ngenxa yonyamezelo lwenu, nokholo lwenu, ezintshutshisweni zenu zonke, nasezimbandezelweni enizinyamezelayo; umbonakaliso ke lowo womgwebo onobulungisa kaThixo, ukuze nibalelwe ekuthini nibufanele ubukumkani bukaThixo, enithi ngenxa yabo nive nokuva ubunzima; ukuba kanti yinto ebubulungisa kuThixo ukubabuyekeza ngembandezelo abanibandezelayo; athi, nina babandezelwayo, anibuyekeze ngokuniphumza kunye nathi, ekutyhilekeni kweNkosi uYesu, ivela emazulwini inezithunywa zamandla ayo;

2 Kwabase Tesalonika 2:16-17

Ke kaloku, iNkosi yethu uYesu Kristu ngokwayo, noThixo uBawo wethu owasithandayo, wasinika intuthuzelo engunaphakade, nethemba elilungileyo ngobabalo, wanga angazithuthuzela iintliziyo zenu, anizimase kuwo onke amazwi nemisebenzi elungileyo.

2 Kwabase Tesalonika 3:16

Yanga ke iNkosi yoxolo ngokwayo inganinika uxolo ngamaxa onke, ngeendlela zonke. INkosi mayibe nani nonke.

1 KuTimoti 5:23

Musa ukuba sasela manzi; sela intwana yewayini, ngenxa yesisu sakho, nobulwelwe bakho obufuthi.

1 KuTimoti 6:7-8

Kuba sibe singangenanga nanto ehlabathini; kuyabonakala kananjalo ukuba asinakuphuma nanto. Sinento ke edliwayo neyambathwayo, masanele zezo zinto.

2 KuTimoti 1:7

Kuba uThixo akasinikanga moya wabugwala; wasinika owamandla, nowothando, nowesidima.

2 KuTimoti 1:8-12

Ngoko ke musa ukuba nazintloni ngabo ubungqina beNkosi yethu, nangam, mna mbanjwa wayo; suka uve ububi kunye nam ngenxa yeendaba ezilungileyo, ngokwamandla kaThixo; owasisindisayo, wasibiza ngobizo olungcwele, engenzi ngokwemisebenzi yethu, esenza ngokweyakhe ingqibo, nobabalo, esababalwa ngalo ngoKristu Yesu phambi kwamaxesha aphakade; lwabonakaliswa ke ngoku ngako ukubonakala koMsindisi wethu uYesu Kristu, owakubhangisayo okunene ukufa, kodwa wabukhanyisa ubomi nokungonakali, ngazo iindaba ezilungileyo ezi; endamiselwa zona mna, ndaba ngumvakalisi nompostile nomfundisi weentlanga; endithi kananjalo ngenxa yeli thuba ndive obu bunzima. Noko ke andinazintloni; kuba ndiyamazi endikholiweyo nguye; kanjalo ndithi, ndeyisekile ukuba unako ukuyigcina into endimphathisileyo, ese kuloo mini.

2 KuTimoti 2:9-12

endiva ububi ngenxa yazo, kude kuse ezintanjeni, njengomenzi wobubi; ke lona ilizwi likaThixo alibotshiwe. Ngenxa yoko izinto zonke ndiyazinyamezela ngenxa yabo abanyulwa, ukuze nabo bamkele usindiso olukuKristu Yesu, ndawonye nozuko olungunaphakade. Lithembekile ilizwi eli: Kuba xa safa naye, sodla ubomi kwandawonye naye; ukuba siyanyamezela, solawula kwandawonye naye; ukuba siyamkhanyela, naye wosikhanyela;

2 KuTimoti 3:10-12

Ke wena uyilandile eyam imfundiso, ihambo, ingqibo, ukholo, ukuzeka kade umsindo, uthando, unyamezelo, iintshutshiso, iintlungu ezinjengezo zandihlelayo kwa-Antiyokwe, eIkoniyo, eListra; ukutshutshiswa okunjengoko ndakuthwalayo, yaza iNkosi yandihlangula kuko konke. Nabo bonke ke abathanda ukuhlala ngokuhlonela uThixo kuKristu Yesu baya kutshutshiswa.

2 KuTimoti 4:5

Ke wena yiba yingcathu ezintweni zonke, nyamezela ububi, umsebenzi womshumayeli weendaba ezilungileyo wenze, buzalise ubulungiseleli bakho.

2 KuTimoti 4:6-8

Kuba mna sendithululwa ngokomnikelo; nalo ixesha lokunduluka kwam likufuphi. Umzamo omhle ndiwuzamile, ugqatso ndilufezile, ukholo ndilugcinile. Okokugqibela ndibekelwe isithsaba sobulungisa, eya kundibuyisela ngaso ngaloo mini iNkosi, umgwebi olilungisa; ingabi ndim ndedwa ke, ibe ngabo bonke abakuthandayo ukubonakala kwayo.

2 KuTimoti 4:16-18

Kokokuqala ukuziphendulela kwam, akubangakho namnye unam, basuka bonke bandishiya; kwanga akungebalelwe kubo oko. Noko ke iNkosi yandinceda, yandomeleza; ukuze ngam uvakaliso lweendaba ezilungileyo luzaliseke, neentlanga zonke zive; ndaza ndahlangulwa emlonyeni wengonyama. Isaya kundihlangula yona iNkosi kuwo wonke umsebenzi ongendawo, indisindisele ebukumkanini bayo obusemazulwini; kuyo makubekho uzuko, kuse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen.

KuTito 1:2

ngethemba lobomi obungunaphakade, awathi uThixo, ongenakuxoka, wabubeka idinga ngaphambi kwamaxesha angunaphakade,

KuFilemon 1:1

UPawulos, umbanjwa kaKristu Yesu, noTimoti umzalwana, babhalela uFilemon oyintanda, osebenzisana nathi,

KuFilemon 1:9

noko ngenxa yothando ndisuka kanye ndikubongoze, ndingonjengoPawulos ixhego, ngoku ke ndikwangumbanjwa kaYesu Kristu.

KumaHebhere 2:14-15

Ekubeni ngoko abantwana abo bengamadlelane naye ngenyama negazi, wathi naye ngokwakhe ngokukwanjalo wabelana nabo ngezo zinto, ukuze ngako ukufa ambhangise lowo unamandla okufa, oko kukuthi, uMtyholi lo; abakhulule ebukhobokeni bonke abo babethe ngalo lonke ixesha lokudla kwabo ubomi bazizisulu zokoyika ukufa.

KumaHebhere 2:18

Kuba ekubeni eve ubunzima, ehendiwe naye ngokwakhe, unako ukubasiza abahendwayo.

KumaHebhere 4:1-9

Masoyike ngoko, hleze kuthi ekubeni kusasele idinga lokungena ekuphumleni kwakhe, kubekho bani kuni ungathi asilele. Kuba sizishunyayeziwe iindaba ezilungileyo kwanjengabo; lathi kodwa ilizwi lodaba, lingadibananga nje nokholo kwabo balivayo, alabanceda nto. Kuba thina sakholwayo, siyangena ekuphumleni, ngokoko athe, Njengoko ndafungayo, ndinengqumbo, Ndathi, Unakanye ukuba bokha bangene ekuphumleni kwam! nakubeni imisebenzi yenziwayo kususela ekusekweni kwehlabathi. Kuba wakha wathetha ngawo umhla wesixhenxe, ukuthi, Waza waphumla uThixo ngawo umhla wesixhenxe kuyo yonke imisebenzi yakhe; athi kule kananjalo, Unakanye ukuba bokha bangene ekuphumleni kwam. Ekubeni ngoko kusalindele ke ukuthi kubekho bathile bangenayo kuko, baye abo, bashunyayezwayo iindaba ezilungileyo kuqala, bengangenanga ngenxa yokungeva: ubuya amise mini ithile, esithi ngoDavide, Namhlanje, emveni kwexesha elingakanana; njengokuba kuthiwe, Namhla, ukuba nithe naliva ilizwi lakhe, Musani ukuzenza lukhuni iintliziyo zenu. Kuba uYoshuwa, ukuba ubebaphumzile, ange engabuyanga athethe ngawo omnye umhla. Ngoko ke abantu bakaThixo balindwe luphumlo olunjengolwesabatha.

KumaHebhere 4:15-16

Kuba asinambingeleli mkhulu ungenako ukuvelana nezilwelwe zethu; ke, sinowahendwayo ngeento zonke, ngokokufana nathi, engenasono. Masisondlele ke ngoko sinokungafihlisi kuyo itrone yobabalo, ukuze samkeliswe inceba, sifumane ubabalo lokusiza ngexesha elililo.

KumaHebhere 5:7-8

Owathi ngemihla yenyama yakhe, xa wayesondeze izikhungo kwanezibongozo kulowo unako ukumsindisa ekufeni, kunye nodanduluko olunamandla, neenyembezi, waviwa ngenxa yokumhlonela kwakhe uThixo. Nakuba ebenguNyana, wafunda ukululama ngobunzima awabuvayo;

KumaHebhere 10:32-38

Zikhumbuzeni ke imihla yangaphambili, enakhanyiselwa ngayo, nanyamezela umzamo omkhulu weentlungu; enaphatha ukuthi nenziwe isibonelo ngeengcikivo kwaneembandezelo, naphatha ukuthi nibe ngamadlelana nabo bahamba ngokunjalo. Kuba navelana nam ndisezintanjeni; kananjalo nakwamkela ngovuyo ukuphangwa kweempahla zenu, nisazi ukuba ninayo kuni ngokwenu emazulwini eyona mpahla ilungileyo, ihlala ihleli. Musani ukukulahla ngoko ukungafihlisi kwenu, kona kunokwamkela umvuzo omkhulu. Kuba kufuneka ukuba nibe nomonde, ukuze nithi, nakuba nikwenzile ukuthanda kukaThixo, nizuzane nalo idinga. Kuba kusaya kuba mzuzwana mncinanana, Athi lowo uzayo afike, angalibali. Ke lowo ulilungisa uya kudla ubomi obuphuma elukholweni; Ukuba ke uthe wahlehla, awuyi kukholiswa nguye umphefumlo wam.

KumaHebhere 11:12

Kungoko kwazalwayo ngamnye, engofileyo ke lowo, into engangeenkwenkwezi zezulu ukuba yintabalala, nanjengentlabathi eselunxwemeni lolwandle, engenakubalwa.

KumaHebhere 11:13

Aba bonke bafa ngokokholo, bengawafumananga amadinga; besuka bawabona kude, bakholosa, bathakazela, bavuma ukuba bangabasemzini, balundwendwe emhla beni.

KumaHebhere 11:24-27

Ngokholo uMoses uthe, akuba mkhulu, akavuma ukubizwa ngokuthi ungunyana wentombi kaFaro; enyula kanye ukuba aphathwe kakubi, ndawonye nabantu bakaThixo, kunokuba axhamle izono okomzuzwana; ekubalele ukungcikivwa kukaKristu kububutyebi obungaphezu kobutyebi baseYiputa, kuba wayekhangele ukwamkela umvuzo. Ngokholo wayishiya iYiputa, akawoyika umsindo wokumkani; kuba wakrota, wanga uyambona lowo ungenakubonwa.

KumaHebhere 11:32-40

Ndisathetha ntoni na? Kuba ndingaphelelwa lixesha ndibalisa ngoGidiyon, kwanoBharaki, noSamson, noYifeta, kwanoDavide, noSamuweli, nangabo abaprofeti; abathe ngokholo beyisa izikumkani, basebenza ubulungisa, bazuzana namadinga, bavingca imilomo yeengonyama, bacima amandla omlilo, basinda kwiintlangothi zekrele, bomelela ekubeni bebeswele amandla, baba ngamagorha emfazweni, bagxotha imikhosi yabasemzini. Abafazi babazuza abafileyo babo bevukile; abanye ke batyakatywa, bengalwamkelanga ukhululo, ukuze bazuzane nolona luvuko lululo. Bambi ke benziwa intlekisa, batyakatywa; phezu koko ke baviswa imixokelelwane nentolongo; baxulutywa ngamatye; basarhwa; bahendwa; bafa kukubulawa ngekrele; bahamba ngeengubo zeegusha nangeengaga zeebhokhwe, beswele, bebandezelwe, bephathwa kakubi (elalingabafanele ihlabathi), bedinga koozintlango, noozintaba, noomiqolomba, nakwimingxuma yomhlaba. Aba ke bonke bathi, nakuba babengqinelwe ngalo ukholo, abazuzana nalo idinga, uThixo esazalelele thina ngeyona nto ilungileyo, ukuze bangenziwa bagqibelele ngaphandle kwethu.

KumaHebhere 12:1-3

Ngako oko ke, sinelifu elingakanana nje elisingqongileyo lamangqina, masithi nathi, siwubekile nxamnye wonke umthwalo, naso isono esinokusirhawula ngokusisulu, silubaleke ngomonde ugqatso olubekwe phambi kwethu; sise amehlo kuyo iMbangi noMgqibelelisi wokholo lwethu, uYesu, owathi, ngenxa yovuyo olwalubekwe phambi kwakhe, wawunyamezela umnqamlezo, elidelile ihlazo, waza wahlala phantsi ngasekunene kwetrone kaThixo. Ewe, mqondeni lowo ukunyamezeleyo ukumphikisa okungaka kwaboni, ukuze ningadinwa, ingatyhafi imiphefumlo yenu.

KumaHebhere 12:4-11

Anikachasi kude kube segazini, nizamana naso isono. Kananjalo senilulibele uvuselelo olu, luthetha kuni ngathi kukoonyana, lusithi, Nyana wam, musa ukukucekisa ukuqeqesha kweNkosi, Kananjalo ungatyhafi wakohlwaywa yiyo; Kuba lowo imthandayo iNkosi iyamqeqesha, Ibatyakatye ke bonke oonyana ebamkelayo. Ukuba ninyamezela uqeqesho, uThixo woba uniphethe njengoonyana; kuba nguwuphi na unyana ongaqeqeshwayo nguyise? Ukuba ke aniqeqeshwa, abathe baba ngamadlelane ngalo bonke, noba nina niyimigqakhwe ngoko, aningoonyana. Kananjalo sibe sinabo oobawo benyama okunene besiqeqesha, sabahlonela; asiyi kuthi ngakumbi na sithobele uYise woomoya bonke, sidle ubomi? Kuba bona okunene basiqeqesha imihla embalwa, ngokokuzithandela kwabo, kodwa yena usiqeqeshela okusilungeleyo, ukuze sahlulelane ngobungcwele bakhe. Lonke ke uqeqesho okunene ngokwakalokunje alubonakali luluvuyo, lubonakala luyintlungu; kodwa kamva lubanika isiqhamo esiluxolo, oko kukuthi sobulungisa, abo baqhelisiweyo lulo.

KumaHebhere 12:12-13

Kungoko endithi, Zimiseni izandla eziwileyo, namadolo anedumbe; iinyawo zenu nizenzele imizila ethe tye, ukuze into eqhwalelayo ingaphambuki endleleni, kanye ke iphiliswe.

KumaHebhere 13:3

Bakhumbuleleni abakhonkxiweyo, ninge nikhonkxiwe nani; nabo ke baphathwa kakubi, njengokuba nisemzimbeni nani.

KumaHebhere 13:5-6

Isimilo senu masibe sesingathandi mali, yanelani zizinto eninazo; kuba etshilo yena ukuthi, Andiyi kukha ndikuyekele; wabuya wathi, Andiyi kukha ndikushiye; ngokokude somelele sithi, INkosi ilusizo lwam, andiyi koyika; Wondenza ntoni na umntu?

KumaHebhere 13:12-14

Kungoko athe noYesu, ukuze abangcwalise abantu ngelilelakhe igazi, weva ubunzima ngaphandle kwesango. Masiphume ke ngoko siye kuye ngaphandle kweminquba, sithwele ingcikivo yakhe. Kuba apha asinamzi uhleliyo, singxamele lowo uza kuza.

KumaHebhere 13:15-16

Ngoko masithi ngaye sinyuse ngamaxesha onke kuye uThixo umbingelelo wendumiso, oko kukuthi, isiqhamo somlomo olivumayo igama lakhe. Ke ukwenza okuhle nobudlelane, musani ukukulibala; kuba imibingelelo enjalo uyakholiswa kakuhle yiyo uThixo.

EkaYakobi 1:2-4

Kubaleleni ekuthini kuluvuyo olukhulu, bazalwana bam, xa nithe nagaxeleka ezilingweni ngezilingo, nisazi nje ukuba ucikido lokholo lwenu lusebenza umonde. Umonde ke mawube nomsebenzi ozalisekileyo, ukuze nibe ngabazalisekileyo, abagqibeleleyo, ningaswele nto.

EkaYakobi 1:12

Inoyolo indoda ekunyamezelayo ukulingwa; ngokuba yothi, yakuba icikidekile, isamkele isithsaba sobomi, ebabeke ngedinga iNkosi abo bayithandayo.

EkaYakobi 5:10-11

Bathabatheni, bazalwana bam, abaprofeti ababethetha egameni leNkosi, babe ngumzekelo wokuva ubunzima, nowokunyamezela. Yabonani, sithi, banoyolo abo banyamezelayo. Unyamezelo lukaYobhi naluva, nesigqibo seNkosi nasibona, ngokuba iNkosi inemfesane enkulu, inenceba.

EkaYakobi 5:13-16

Kukho mntu na phakathi kwenu uva ububi? Makathandaze. Kukho mntu na unomxhelo owonwabileyo? Makenze indumiso. Kukho mntu na ufayo phakathi kwenu? Makabizele kuye amadoda amakhulu alo ibandla, athandaze wona phezu kwakhe, akuba emthambisile ngeoli, egameni leNkosi; wothi umthandazo wokholo umsindise lowo uleleyo, iNkosi imvuse; nokuba ubethe wenza izono, wozixolelwa. Xelelanani iziphoso, nithandazelane, ukuze niphiliswe. Sinamandla kakhulu isikhungo selungisa, siyeyisa.

1 KaPetros 1:6-7

Enigcoba ngalo, nokuba nithe naba buhlungu umzuzwana ngoku, ukuba nimelwe kuko, phakathi kwezilingo ngezilingo; ukuze ukucikideka kokholo lwenu kufunyanwe kunqabile kakhulu, ngaphezu kwegolide le itshabalalayo, noko icikidwa ngomlilo; kuse kuyo indumiso nembeko nozuko ekutyhilekeni kukaYesu Kristu.

1 KaPetros 2:19-24

Kuba oku kuyabuleleka, ukuba umntu uthwala iintsizi, ngenxa yokumazi uThixo, eve ubunzima esoniwa. Kuba kuya kuba ludumo luni na, ukuba ninyamezele nakuntlithwa nisona? Ke ukuba nithi, nisenza okulungileyo, nive ubunzima, nize ninyamezele, oko kuyabuleleka kuThixo. Kuba nabizelwa oko; ngokuba noKristu weva ubunzima ngenxa yethu, esishiya nomzekelo, ukuze silandele emkhondweni wakhe: ongenzanga sono, ekungafunyanwanga nkohliso emlonyeni wakhe; obesithi, etshabhiswa, angaphindezeli atshabhise, athi esiva ubunzima, angaphindezeli asongele; ke ubeyekele kulowo ugwebayo ngokobulungisa; owathi ngokwakhe, izono zethu wazithwala ngomzimba wakhe emthini, ukuze sithi, sifile ngakwizono, siphilele ebulungiseni; omivumbo yakhe naphiliswa ngayo.

1 KaPetros 3:14

Nokuba nithe neva ubunzima ngenxa yobulungisa, ninoyolo; musani ukoyika ngokoyikisa kwabo, ningakhathazeki nokukhathazeka.

1 KaPetros 3:17-18

Ukuba ke kungaba kukuthanda kukaThixo ukuba nive ubunzima, okona kunilungeleyo kukubuva nisenza okulungileyo, kunokubuva nisenza okubi. Ngokuba noKristu wabuva kwakanye ubunzima ngenxa yezono, ilungisa lisiva ubunzima ngenxa yabangemalungisa, ukuze asisondeze kuye uThixo; ebulewe okunene esenyameni, kodwa edliswe ubomi ekuwo umoya.

1 KaPetros 4:1

Ekubeni ngoko uKristu eve ubunzima ngenxa yethu esenyameni, xhobani nani kwaloo ngcingane; ngokuba lowo uve ubunzima esenyameni, ukhunyulwe ekoneni;

1 KaPetros 4:12-16

Zintanda, musani ukuwuthela nqa umlilo okhoyo phakathi kwenu wokunilinga, ngathi nihlelwa yinto yokuthelwa nqa. Yithini, njengoko ningamadlelane ngeentlungu zikaKristu, nivuye; ukuze, nasekutyhilekeni kobuqaqawuli bakhe, nivuye nigcoba. Ukuba niyangcikivwa ngenxa yegama likaKristu, ninoyolo; ngokuba uMoya wozuko nokaThixo uphumle phezu kwenu; ngokukokwabo okunene uyanyeliswa, kodwa ngokukokwenu uyazukiswa. Makungabikho ke bani kuni uva ubunzima ngokombulali, nangokwesela, nangokomenzi wobubi, nangokovelela izinto angatheni nazo. Ukuba ke ubani uva ubunzima ngokuba engumKristu, makangadani; makamzukise ke uThixo ngaloo ndawo.

1 KaPetros 4:19

Ngoko ke abo babuvayo ubunzima ngokokuthanda kukaThixo, mabayiyaleze kuye imiphefumlo yabo, enguMdali othembekileyo ekwenzeni okulungileyo.

1 KaPetros 5:1

Amadoda amakhulu la aphakathi kwenu ndiyawavuselela, ndikwayindoda enkulu kunye nawo, nengqina leentlungu zikaKristu, nedlelane nawo ngobuqaqawuli obuza kutyhileka.

1 KaPetros 5:6-10

Zithobeni ngoko ngaphantsi kwesandla esinamandla sikaThixo, ukuze aniphakamise ngexesha elifanelekileyo. Lonke ixhala lenu liphoseni phezu kwakhe, ngokuba yena enikhathalele. Yibani nobungcathu, phaphani; ngokuba ummangaleli wenu, uMtyholi, uhamba njengengonyama egqumayo, efuna ubani angamginyayo; mchaseni lowo, nizimasekile elukholweni, nisazi ukuba kwaezo ntlungu ziyenzeka kubo abazalwana benu abasehlabathini. Ke kaloku uThixo walo lonke ubabalo, owasibizelayo eluzukweni lwakhe olungunaphakade, sikuKristu Yesu, wanga angathi ngokwakhe, nakuba nive ubunzima umzuzwana, anilungise nigqibelele, anizimase, anomeleze, anisekele.

2 KaPetros 1:3

Nibona nje, ukuba amandla akhe obuThixo asiphile zonke izinto ezisingise ebomini nasekuhloneleni uThixo, ngako ukumazi lowo wasibizayo ngozuko nesidima.

2 KaPetros 2:9

iyakwazi iNkosi ukubahlangula ekuhendweni abahlonela uThixo; ke abangemalungisa ibagcinele imini yomgwebo, ukuba babethwe;

2 KaPetros 3:8-9

Le nto ke inye mayingafihlakali kuni, zintanda, ukuba phambi kweNkosi imini enye injengeminyaka eliwaka, neminyaka eliwaka injengemini enye. INkosi ayilibali dinga, njengoko abathile baba iyalibala; isuka izeke kade umsindo kuthi, ingangi kungatshabalala nabani; inga bonke bangasinga enguqukweni.

1 UYohane 4:4

Nina ningabakaThixo, bantwanana, nibeyisile bona; ngokuba lowo ukuni nguyena mkhulu kunalowo usehlabathini.

1 UYohane 4:16-18

Sikwazile thina, sakholwa kukusithanda kukaThixo. UThixo uluthando; lowo uhleli eluthandweni uhleli kuye uThixo, noThixo uhleli kuye. Lugqibelele ngale nto uthando olukuthi, ukuze sibe nokungafihlisi ngomhla womgwebo; ngokuba, njengoko anjalo yena, sinjalo nathi kweli hlabathi. Akukho loyiko eluthandweni; lusuka uthando olugqibeleleyo luluphose phandle uloyiko; ngokuba uloyiko lunexhala; lowo ke woyikayo akagqibelele eluthandweni.

1 UYohane 5:4-5

Ngokuba konke okuzelweyo nguThixo kuyaleyisa ihlabathi; lulo ke olu uloyiso oluleyisayo ihlabathi, ukholo lwethu. Ngubani na lowo uleyisayo ihlabathi, ingenguye okholwayo ukuba uYesu unguye uNyana kaThixo?

1 UYohane 5:14-15

Kuko oku ukungafihlisi esinako kuye: ukuba sithi sicele into ngokokuthanda kwakhe, uyasiva. Ukuba siyazi okokuba uyasiva esisukuba sikucela, siyazi ukuba sinazo izinto ezicelwayo, esizicelileyo kuye.

3 UYohane 1:2

Ntanda, ndinga ungathi ngezinto zonke usikeleleke uphile, njengokuba usikelelekile umphefumlo wakho.

IsiTyhilelo 1:18

ndaye ndifile; yabona, ndingobudlayo ubomi kuse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen. Ndinazo nezitshixo zelabafileyo nezokufa.

IsiTyhilelo 2:7

Lowo unendlebe, makayive into ayithethayo uMoya kuwo amabandla. Lowo weyisayo ndiya kumnika ukuthi adle kumthi wobomi, ophakathi kweParadisi kaThixo.

IsiTyhilelo 2:8-10

Isithunywa sebandla eliseSmirna, sibhalele uthi: Utsho lowo ungowokuqala, ungowokugqibela, owayefile, waza wabuya wadla ubomi, ukuthi: Ndiyayazi imisebenzi yakho, nembandezelo, nobuhlwempu (noko usisityebi), nonyeliso lwabo bathi bangamaYuda bona, bengengawo, besisikhungu sikaSathana. Musa ukoyika nabunye ubunzima oza kubuva. Yabona, uMtyholi uza kuyiphosa inxenye yenu entolongweni, ukuze nilingwe: niya kuba nembandezelo imihla elishumi; thembeka kude kube sekufeni, ndokunika isithsaba sobomi.

IsiTyhilelo 2:11

Lowo unendlebe, makayive into ayithethayo uMoya kuwo amabandla. Lowo weyisayo akayi kukha oniwe kukufa kwesibini.

IsiTyhilelo 2:17

Lowo unendlebe makayive into ayithethayo uMoya kuwo amabandla. Lowo weyisayo ndiya kumnika ukuba adle kuyo imana efihlakeleyo, ndimnike ilitye elimhlophe; elityeni apho ke igama elitsha libhaliwe, lingaziwa bani ingenguye olamkelayo.

IsiTyhilelo 2:26-29

Lowo weyisayo, lowo uyigcinayo imisebenzi yam, ade ase ekupheleni, ndomnika igunya phezu kwazo iintlanga. Uya kuzalusa ngentonga yentsimbi, njengokuba izitya zomdongwe zityunyuzwa, njengokuba nam ndamkele kuye uBawo; ndiya kumnika ikhwezi lokusa. Lowo unendlebe, makayive into ayithethayo uMoya kuwo amabandla.

IsiTyhilelo 3:5-6

Lowo weyisayo uya kuthiwa wambu ngeengubo ezimhlophe. Andisayi kulicima igama lakhe encwadini yobomi; ndiya kulivuma igama lakhe emehlweni kaBawo, naphambi kwezithunywa zakhe zasemazulwini. Lowo unendlebe, makayive into ayithethayo uMoya kuwo amabandla.

IsiTyhilelo 3:12-13

Lowo weyisayo ndiya kumenza intsika etempileni yoThixo wam. Akayi kuba saphuma phandle; ndaye ndiya kulibhalela phezu kwakhe igama loThixo wam, negama lomzi woThixo wam, iYerusalem entsha, ehla emazulwini ivela kuThixo wam, negama lam elitsha. Lowo unendlebe, makayive into ayithethayo uMoya kuwo amabandla.

IsiTyhilelo 3:21-22

Lowo weyisayo, ndiya kumvumela ukuba ahlale nam etroneni yam, njengokuba nam ndeyisayo, ndaza ndahlala phantsi noBawo etroneni yakhe. Lowo unendlebe, makayive into ayithethayo uMoya kuwo amabandla.

IsiTyhilelo 7:14-17

Ndithi kuyo, Nkosi, nguwe owaziyo. Yathi kum, Aba ngabaphumayo embandezelweni enkulu, bazihlamba iingubo zabo ezinde, bazenza mhlophe egazini leMvana. Ngenxa yoko baphambi kwetrone kaThixo, bemkhonza imini nobusuku etempileni yakhe; nalowo uhleli phezu kwetrone uya kuba ngumnquba phezu kwabo. Abayi kuba salamba, abayi kuba sanxanwa; aliyi kubawela nelanga, nabunye ubushushu; ngokuba iMvana esesazulwini setrone iya kubalusa, ibakhokelele emithonjeni ephilileyo yamanzi; waye uThixo eya kuzisula iinyembezi zonke emehlweni abo.

IsiTyhilelo 12:11

Bameyisile bona ngenxa yegazi leMvana, nangenxa yelizwi lobungqina babo; abawuthandanga umphefumlo wabo, kwada kwasekufeni.

IsiTyhilelo 14:12-13

Nalu unyamezelo lwabangcwele; naba abayigcinayo imithetho kaThixo nokukholwa kuYesu. Ndeva izwi liphuma emazulwini, lisithi kum, Bhala, uthi, Banoyolo abafi, abo bafela eNkosini, kuthabathela apha; ewe, utsho uMoya, ukuba baphumle ekubulalekeni kwabo; imisebenzi yabo ke ilandelana nabo.

IsiTyhilelo 18:24

Kuwo kwafunyanwa igazi labaprofeti, nelabangcwele, Nelabo bonke abasikiweyo emhlabeni.

IsiTyhilelo 20:4

Ndabona iitrone, nabahleli phezu kwazo, banikwa ugwebo. Ndayibona imiphefumlo yababenqunyulwe iintloko ngezembe, ngenxa yobungqina bukaYesu, nangenxa yelizwi likaThixo, abasukuba bengalinqulanga irhamncwa nomfanekiselo walo, abangalwamkelanga uphawu lwalo ebunzini nasesandleni sabo; badla ubomi, baba ngookumkani kunye noKristu iminyaka eliwaka.

IsiTyhilelo 21:4-7

Azisule uThixo zonke iinyembezi emehlweni abo, Kungabi sabakho kufa, Kungabi sabakho nasijwili, nakukhala, nantlungu; Ngokuba izinto zokuqala zigqithile. Waza lowo uhleli phezu kwetrone wathi, Uyabona, izinto zonke ndizenza ntsha. Athi kum, Bhala; ngokuba lawo ngamazwi ayinyaniso, athembekileyo. Wathi kum, Kwenzekile; mna ndinguAlfa no-Omega, isiqalo nesiphelo; mna ndomnika lowo unxaniweyo emthonjeni wamanzi obomi, ngesisa. Lowo weyisayo uya kuzidla ilifa izinto zonke; ndiya kuba nguThixo wakhe, yena abe ngunyana wam.

Xhosa - Xhosa - XH

XHB - Henry Hare Dugmore Xhosa Bible - 1859

This Bible text is Public Domain.
https://bibles.org/bible/3ce5ffb017c7b41e-01/GEN.1/
Languages are made available to you by www.ipedge.net