Ookumkani bomhlaba, abo bahenyuza nayo, baxhamla iziyolo nayo, baya kuyililela, Bayimbambazelele, bakuwubona umsi wokutsha kwayo; Bemi kude, ngenxa yokoyika intuthumbo yayo, Besithi, Yeha, yeha, mzi mkhulu Bhabheli, mzi unamandla! Ngokuba kufike ngaxa linye ukugwetywa kwakho. Nabarhwebi bomhlaba baya kulila, benze isijwili ngenxa yayo, Ngokuba ingasathengwa bani impahla yabo yomkhombe: Impahla yegolide, neyesilivere, neyelitye elinqabileyo, neyeeperile, Neyelinen ecikizekileyo, neyeengubo ezibomvu, neyesilika, neyeengubo ezimfusa, Nomthi wonke ongumsedare, Nezitya zonke zeempondo zeendlovu, Nezitya zonke zomthi onqabileyo kakhulu, Nezobhedu, nezentsimbi, nezemarmore, Nesinamon, neziqhumiso, namafutha aqholiweyo, nentlaka emhlophe, Newayini, neoli, nomgubo ocoliweyo, nengqolowa, Namaqegu, nezimvu, namahashe, neenqwelo, Nemizimba nemiphefumlo yabantu. Neziqhamo ezikhanukwa ngumphefumlo wakho zimkile kuwe, Nazo zonke izinto ezityebileyo neziqaqambileyo zimkile kuwe; Akusayi kuba sazifumana zona. Abarhwebi bezo zinto, abo batyeba ngayo, Baya kuma kude, ngenxa yokoyika intuthumbo yayo, Belila, besenza isijwili, besithi, Yeha, yeha, mzi mkhulu Owawuthiwe wambu ngelinen ecikizekileyo, nengubo ebomvu, nengubo emfusa, Uhonjiswe ngegolide, namatye anqabileyo, neeperile! Ngokuba buphanziswe ngalixa linye ubutyebi obungaka. Bonke abaqhubi-mikhombe, nayo yonke indibandiba esezinqanaweni, Noomateloshe, nabo bonke abasebenza elwandle, Bema kude, bamana bedanduluka, bakuwubona umsi wokutsha kwayo, Besithi, Nguwuphi na ofana nalo mzi mkhulu? Bagalela uthuli entloko, Bamana bedanduluka, belila, besenza isijwili, Besithi, Yeha, yeha, mzimkhulu, Apho baba nobutyebi khona bonke aba baneenqanawa elwandle, ngeento ezinqabileyo zawo! Ngokuba ngalixa linye uphanzisiwe. Wenzele imihlali, nina mazulu, Nani bapostile bangcwele, nani baprofeti; Ngokuba uThixo eniphindezelele kuwo. Saza isithunywa esithile esinamandla safunqula ilitye, langa lilitye lokusila, ukuba likhulu kwalo; saliphosa elwandle, sisithi: Iya kwenjiwa nje ke ukugadlelwa kwayo iBhabheli, umzi omkhulu, ingabi saba safunyanwa. Isandi sababethi beehadi, neseemvumi, nesabagwali, nesabavutheli-maxilongo, asisayi kuba saviwa kuwe; Neengcibi zonke zobungcibi bonke azisayi kuba safunyanwa kuwe; Nesandi selitye lokusila asisayi kuba saviwa kuwe;