32 – Ukufela ukholo

La ngamazwi angcwele kaThixo uSomandla.
Asinamdla kwizinto ezithethwa ngabantu.
Nabani na othanda uThixo . . . Nantsi into uThixo ayithethayo ngaye: Ukufela ukholo.

Iivesi ezi-3 eziPhambili

UYohane 12:24-26

Inene, inene, ndithi kuni, Ukuba ukhozo lwengqolowa oluwe emhlabeni aluthanga lufe, lona luhlala lungabi nto; ke ukuba luthe lwafa, luthwala isiqhamo esininzi. Lowo uwuthandayo umphefumlo wakhe, wolahlekelwa nguwo; lowo uwuthiyayo umphefumlo wakhe kweli hlabathi, wowulondolozela ubomi obungunaphakade. Ukuba ubani uthi andikhonze, makandilandele; apho ndikhona mna, woba khona apho nondikhonzayo; ukuba umntu uthi andikhonze, uBawo wombeka.

UYohane 16:2-4

Baya kunigxotha esikhungwini; ewe, kuza ilixa lokuba bonke abanibulalayo, babe bona bakhonza uThixo. Ezo zinto baya kuzenza kuni, ngokuba bengamazanga uBawo kwanam. Ezi zinto ndizithethile kuni, ukuze, xa lithe lafika ilixa, nizikhumbule ukuba mna ndandinixelele. Ezi zinto ke andinixelelanga kwasekuqaleni, ngokuba bendinani.

IsiTyhilelo 6:9-11

Xa yalivulayo elesihlanu itywina, ndayibona ngaphantsi kwesibingelelo imiphefumlo yabo babesikwe ngenxa yelizwi likaThixo, nangenxa yobungqina ababenabo. Baye bedanduluka ngezwi elikhulu, besithi, Koda kube nini na, Mnini-nto-zonke oyingcwele, oyinyaniso, ungagwebi, ungaliphindezeleli igazi lethu kubo abemiyo phezu komhlaba? Banikwa bonke ngabanye iingubo ezinde ezimhlophe; kwathiwa kubo, basaya kuphumla ixesha elincinane, bade bazaliseke nabangabakhonzi nabo, nabazalwana babo, abaza kubulawa kwanjengabo.

Zonke iivesi ngokulandelelana kweCanonical - 322 izicatshulwa

Genesis 4:3-10

Kwathi ekupheleni kwamihla ithile, uKayin wathabatha eziqhameni zomhlaba, wazisa umnikelo kuYehova. UAbheli wazisa naye, ethabathe kumazibulo ezimvu zakhe, kwezinamanqatha. Waza uYehova wambheka uAbheli nomnikelo wakhe. Akambheka uKayin nomnikelo wakhe. Waqumba kunene uKayin, basangana ubuso bakhe. Wathi uYehova kuKayin, Yini na ukuba uqumbe, yini na ukuba busangane ubuso bakhe? Ukuba uthe walungisa, abuyi kuswabuluka ubuso yini na? Ukuba uthe akwalungisa, isono sibuthumile ngasesangweni, singxamele wena; ke wena, silawule. Wathetha uKayin noAbheli umninawa wakhe, kwathi besendle, wesuka uKayin wamvunukela uAbheli umninawa wakhe, wambulala. Wathi uYehova kuKayin, Uphi na uAbheli, umninawa wakho? Wathi yena, Andazi; ndingumgcini womninawa wam, yini na? Wathi, Wenze ntoni na? Izwi legazi lomninawa wakho liyakhala emhlabeni kum.

Genesis 22:1-13

Kwathi emveni kwezo nto, uThixo wamvavanya uAbraham, wathi kuye, Abraham; wathi yena, Ndilapha. Wathi, Khawuthabathe unyana wakho, emnye kuwe, omthandayo, uIsake, uhambe uye ezweni laseMoriya, umnyuse khona abe lidini elinyukayo phezu kwentaba endokuxelela yona. Wavuka uAbraham kusasa, walibopha iesile lakhe, wathabatha amabini kumadodana akhe, noIsake unyana wakhe, wacanda iinkuni zedini elinyukayo, wesuka waya endaweni abemxelele yona uThixo. Ngomhla wesithathu uAbraham wawaphakamisa amehlo akhe, wayibona loo ndawo ikude. Wathi uAbraham kumadodana akhe, Hlalani nina apha ne-esile; mna nomfana lo soya phaya, sinqule, sibuye size kuni. Wazithabatha uAbraham iinkuni zedini elinyukayo, wazibeka phezu koIsake unyana wakhe, waphatha umlilo ngesandla, nesitshetshe, bahamba bobabini ndawonye. Watsho uIsake kuAbraham uyise ukuthi, Bawo. Wathi yena, Ndilapha, nyana wam. Wathi, Nangu umlilo neenkuni; iphi na ke imvu yedini elinyukayo? Wathi uAbraham, UThixo wozibonela imvu yedini elinyukayo, nyana wam. Bahamba bobabini ndawonye. Bafika endaweni abemxelele yona uThixo, wakha khona uAbraham isibingelelo, wazicwangcisa iinkuni, wambopha uIsake unyana wakhe, wambeka esibingelelweni phezu kweenkuni. Wasolula uAbraham isandla sakhe, wathabatha isitshetshe, ukuba amsike unyana wakhe. Samemeza kuye isithunywa sikaYehova sisemazulwini, sathi, Abraham, Abraham. Wathi, Ndilapha. Sathi, Musa ukusisa isandla sakho kumfana, musa ukumenza nto, kuba ndiyazi ngoku ukuba uyamoyika uThixo; akunqabanga nonyana akho kum, emnye kuwe. UAbraham waphakamisa amehlo akhe, wakhangela, nantso inkunzi yegusha ngasemva, ibambeke ngeempondo etyholweni; waya uAbraham, wayithabatha inkunzi yegusha, wayinyusa ukuba ibe lidini elinyukayo esikhundleni sonyana wakhe.

Eksodus 12:5

Ixhwane lenu malibe liduna eligqibeleleyo, elimnyaka mnye; nolithabatha ezigusheni nokuba kusezibhokhweni.

Eksodus 20:13

Uze ungabulali.

UYoshuwa 1:9

Yabona, ndikuwisele umthetho wokuba womelele, ukhaliphe. Musa ukunkwantya, ungaqhiphuki umbilini; ngokuba uYehova uThixo wakho unawe, apho sukuba usiya khona.

1 KaSamuweli 22:17-19

Wathi ukumkani kwizigidimi zakhe ezibe zimi ngakuye, Jikani, nibabulale ababingeleli bakaYehova; kuba nesabo isandla sinoDavide, nangokuba babesazi oko wabalekayo yena, abayityhilela indlebe yam. Abavuma abakhonzi bokumkani ukusa isandla sabo, baxabele kubabingeleli bakaYehova. Wathi ukumkani kuDowegi, Jika wena, uxabele kubabingeleli. Wajika ke uDowegi umEdom, waxabela yena kubabingeleli, wabulala ngaloo mini amashumi asibhozo anamahlanu amadoda enxibe iefodi yelinen emhlophe. NeNobhi, umzi wababingeleli, wayitshabalalisa ngohlangothi lwekrele, ethabathela kwindoda ase kumfazi, ethabathela kwiintsapho ase kwiintsana, neenkomo, namaesile, neegusha, ngohlangothi lwekrele.

1 YooKumkani 18:4

wayethe yena ekubanqamleni kukaIzebhele abaprofeti bakaYehova, uObhadiya wathabatha ikhulu labaprofeti, wabazimeza ngamashumi ngamahlanu, ngamashumi ngamahlanu, emqolombeni, wabondla ngesonka namanzi).

1 YooKumkani 19:10

Wathi yena, Ndenziwe likhwele ngenxa kaYehova, uThixo wemikhosi; ngokuba bawushiyile umnqophiso wakho oonyana bakaSirayeli, izibingelelo zakho bazigungxula, abaprofeti bakho bababulala ngekrele; ndasala ndedwa; bafuna umphefumlo wam ke, ukuba bawukhuphe.

1 YeziKronike 16:11

Mfuneni uYehova namandla akhe, Ngxamelani ubuso bakhe ngamaxesha onke.

2 YeziKronike 24:20-21

UMoya kaThixo wamthi gqubuthu uZekariya, unyana kaYehoyada umbingeleli, wema phezu kwabantu, wathi kubo, Utsho uThixo ukuthi, Yini na ukuba niyigqithe imithetho kaYehova, nize ningabi nampumelelo? Ngokuba nimshiyile uYehova, wonishiya nani. Bamceba bamxuluba ngamatye, ngokomthetho wokumkani entendelezweni yendlu kaYehova.

UNehemiya 9:26

Besuka baphika, bagwilika kuwe, umyalelo wakho bawuphosela emva komhlana wabo, bababulala abaprofeti bakho ababengqina kubo, ukuba bababuvisele kuwe; bakugiba kakhulu.

UYobhi 1:20-21

Wesuka uYobhi, wayikrazula ingubo yakhe yokwaleka, wayicheba intloko yakhe, wawa emhlabeni, waqubuda. Wathi, Ndaphuma ndize esizalweni sikama, ndiya kubuyela khona ndikwaze: uYehova wanika, ikwanguYehova othabathileyo; igama likaYehova malibongwe.

UYobhi 13:15

Yabona, nokuba uthe wandibulala, ndolindela kuye; Kodwa ndozihlamba iindlela zam ebusweni bakhe.

UYobhi 19:25-27

Ke mna ndiyazi ukuba umhlawuleli wam uhleli; Engowokuphela, uya kusuka eme phezu kothuli lwehlabathi. Emveni kokuba ulusu lwam ludlavulwe lwanje, Ingasekho inyama yam, ndiya kumbona uThixo, Endiya kuzibonela mna ngokwam; Amehlo am ambone, ingabi wumbi. Ziyaphelelwa izintso zam ngaphakathi kwam.

UYobhi 23:10-11

Kuba uyayazi indlela enam; Endicikidile, bendiya kuphuma njengegolide. Unyawo lwam lubambe umkhondo wakhe, Ndayigcina indlela yakhe, andathi gu bucala.

IiNdumiso 2:1-4

Yini na ukuba iintlanga zenze imbuthumbuthu, Izizwe zicamange into engeyakonto? Ookumkani behlabathi bazimisile, Izidwangube zabhunga NgoYehova nangoMthanjiswa wakhe; Besithi, Masiziqhawule iimbophelelo zabo, Sizilahle izintya zabo kuthi. Ohleli emazulwini uyahleka, INkosi iyabagculela.

IiNdumiso 5:11

Mabavuye bonke abazimela ngawe, Bamemelele ngonaphakade, ubakhusele; Badlamke ngawe abalithandayo igama lakho.

IiNdumiso 16:8-11

Ndimmisile uYehova phambi kwam amaxesha onke; Ngokuba esekunene kum nje, andiyi kushukunyiswa. Ngako oko iyavuya intliziyo yam, luyagcoba uzuko lwam: Nenyama yam iya kuhlala ikholosile. Ngokuba akuyi kuwushiya umphefumlo wam kwelabafileyo; Akuyi kumyekela owakho wenceba ukuba abonane nesihogo. Uya kundazisa umendo wobomi; Ebusweni bakho yinzaliseko yemivuyo; Ekunene kwakho yimihlali ngonaphakade.

IiNdumiso 17:15

Mna ndiya kububona ubuso bakho ndisebulungiseni; Ndiya kwaneliswa sisithomo sakho ekuvukeni kwam.

IiNdumiso 23:3-4

Uyawubuyisa umphefumlo wam; Undikhaphela ezindleleni zobulungisa ngenxa yegama lakhe. Nokuba ndihamba emfuleni wethunzi lokufa, Andiyi koyika bubi, ngokuba unam wena; Intonga yakho, umsimelelo wakho, uyandithuthuzela.

IiNdumiso 27:1-5

EkaDavide. NguYehova umkhanyiseli wam nomsindisi wam, ndiya koyika bani na? NguYehova inqaba yobomi bam, ndiya kunkwantya ngabani na? Bakusondela kum abenzi bobubi ukuba badle inyama yam, Bakuza ababandezeli bam neentshaba zam kum, bakhubeka bawa bona. Bendingafanelana ndirhawulwe ngumkhosi isuka ingoyiki intliziyo yam; Bendingafanelana ndiphakanyelwe yimfazwe, ndisuka ndithembe noko. Ndicele nto-nye kuYehova, ndifuna yona: Ukuba ndihlale endlwini kaYehova yonke imihla yobomi bam, Ndibone ubuhle bukaYehova, ndiphicothe etempileni yakhe. Ngokuba undigusha emnqubeni wakhe ngemini yobubi, Undisithelisa esitheni lentente yakhe, Undimisa eweni.

IiNdumiso 32:11

Vuyani kuYehova, nigcobe, nina malungisa, Nimemelele, nina nonke bantliziyo zithe tye.

IiNdumiso 37:12-15

Ongendawo ulenzela amayelenqe ilungisa, Ulitshixizela amazinyo akhe. INkosi iyamhleka, Ngokuba ibona ukuba iyeza imini yakhe. Barhole ikrele abangendawo, bagobe isaphetha sabo, Ukuba bawise usizana nehlwempu, Basike abandlela zithe tye. Ikrele labo liya kungena kwakweyabo intliziyo, Zaphuke izaphetha zabo.

IiNdumiso 44:22

Hayi, Ngenxa yakho sibulawa imihla yonke; Kuthiwa siziigusha zokuxhelwa.

IiNdumiso 46:1-2

Kumongameli: eyoonyana bakaKora; ngeyeentombi. Ingoma. UThixo ulihlathi, uligwiba kuthi; Ezimbandezelweni ufumaneke eluncedo kunene. Ngenxa yoko asoyiki ekuphendukeni kwehlabathi, Ekudilikeleni kweentaba esazulwini solwandle.

IiNdumiso 48:14

Ukuba lo Thixo nguThixo wethu ngonaphakade kanaphakade, Yena uya kusikhapha kude kuse ekufeni.

IiNdumiso 55:22

Umthwalo wakho wulahlele kuYehova; yena wokuzimasa; Akayi kuliyekela ilungisa lishukunyiswe naphakade.

IiNdumiso 59:8-10

Wena, Yehova, uyabahleka, Uyazigculela zonke iintlanga. Mandla am, ndiva kulindela kuwe; Ngokuba uThixo uyingxonde yam. UThixo wam uya kundikhawulela ngenceba yakhe; UThixo uya kundibonisa abandilaleleyo.

IiNdumiso 63:6-9

Ndakukukhumbula emandlalweni wam, Emilindweni yobusuku ndicamanga ngawe. Ngokuba uluncedo kum, Ndinokumemelela esithunzini samaphiko akho. Umphefumlo wam uthene mbende nawe; Isandla sakho sokunene sindibambile. Ke bona bafuna umphefumlo wam ukuze batshabalale, Baya kutshona kwezisezantsi iindawo zehlabathi.

IiNdumiso 68:3-4

Ke wona amalungisa makavuye, adlamke phambi koThixo, Abe nemihlali, enemivuyo. Vumani kuThixo, libetheleni uhadi igama lakhe; Menzeleni umendo ophakamileyo, ulokhwela ecanda ezinkqantosini, Ogama lakhe linguYehova; nidlamke phambi kwakhe.

IiNdumiso 73:23-26

Mna ke ndihlala ndinawe; Undibambile ngesandla sam sokunene; Uya kundikhapha ngecebo lakho. Undithabathe emveni koku, ndibe nozuko. Ndinabani na emazulwini? Ukuba wena ungowam, andilinanze nganto ihlabathi. Ingaphela inyama yam nentliziyo yam: Iliwa lentliziyo yam, nesabelo sam, nguThixo ngonaphakade.

IiNdumiso 89:15-16

Hayi, uyolo lwabantu abakwaziyo ukuduma! Baya kuhamba ekukhanyeni kobuso bakho, Yehova. Baya kugcoba egameni lakho imini yonke, Baphakame ngobulungisa bakho.

IiNdumiso 91:1

Ohleli esitheni lOsenyangweni, Azilalise emthunzini kaSomandla,

IiNdumiso 108:5

Ziphakamise ngaphezu kwezulu, Thixo, Bube phezu kwehlabathi lonke ubuqaqawuli bakho.

IiNdumiso 116:6-9

Ngumgcini wabazizidenge uYehova; Ndandiswele, wandisindisa. Buyela ekuphumleni kwakho, mphefumlo wam, Ngokuba uYehova ukuphatha kakuhle; Ngokuba ewuhlangule umphefumlo wam ekufeni, Iliso lam ezinyembezini, Unyawo lwam ekungqulekeni. Ndiya kuhamba-hamba phambi koYehova Emazweni abaphilileyo.

IiNdumiso 116:15

Kunqabile emehlweni kaYehova Ukufa kwakhakhe benceba.

IiNdumiso 149:5

Mabadlamke benozuko abenceba, Mabamemelele besezililini zabo.

ImiZekeliso 3:5

Kholosa ngoYehova ngentliziyo yakho yonke, Ungayami okwakho ukuqonda.

EcclesiastesImiZekeliso 7:1

Igama elilungileyo lingaphezulu nakwioli elungileyo; ulungile umhla wokufa ngaphezu komhla wokuzalwa komntu.

UIsaya 25:8

Iya kuginya ukufa kuphele, izisule iNkosi uYehova iinyembezi ebusweni bonke, ingcikivo yabantu bayo iyisuse ehlabathini lonke, kuba uYehova ethethile.

UIsaya 26:19

Abafileyo bakho baya kuphila; izidumbu zakowethu ziya kuvuka. Vukani, nimemelele, nina bahleli eluthulini; kuba ngumbethe wezikhanyiso umbethe wakho, nehlabathi liya kubakhupha abangasekhoyo.

UIsaya 35:10

abakhululwa bakaYehova babuye beze eZiyon bememelela; benovuyo olungunaphakade phezu kweentloko zabo; baya kufumana imihlali nemivuyo, sisabe isingqala nosizi.

UIsaya 49:13

Memelelani, mazulu; gcoba, hlabathi; gqabhukani nimemelele, zintaba; ngokuba uYehova ubathuthuzele abantu bakhe, unemfesane kwabaziintsizana zakhe.

UIsaya 50:6-7

Ndawunikela umhlana wam kubabethi, nezidlele zam kubadlathuli beendevu; andibusithelisanga ubuso bam ehlazweni nasekutshicelweni. Ke iNkosi uYehova iya kundinceda; ngenxa yoko andihlazekanga; ngenxa yoko ndabenza ubuso bam banjengeqhwitha; ndiyazi ukuba andiyi kudana.

UIsaya 51:11

Ke abakhululwa bakaYehova baya kubuya babuye, beze eZiyon bememelela, benovuyo olungunaphakade phezu kweentloko zabo; baya kufumana imihlali nemivuyo, sisabe isingqala nokuncwina.

UIsaya 53:3-12

Udeliwe, ushiyiwe ngabantu; yindoda enomvandedwa, eqhelene nesifo wanga ngulowo kusitheliswa kuye ubuso, udeliwe, thina ke asambeka. Okwenene, uzithabathele phezu kwakhe izifo zethu, wathwala umvandedwa wethu, ke thina besiba ungobandezelwayo nguThixo, ungocinezelwa nguye. Kanti yena uhlatywe ngenxa yezikreqo zethu, watyunyuzwa ngenxa yezenzo zethu ezigwenxa; ubetho lokuba sibe noxolo thina lube luphezu kwakhe; siphiliswe ngemivumbo yakhe. Thina zonke salahleka njengeegusha, sabheka elowo endleleni yakhe, waza uYehova wamwela ngobugwenxa bethu sonke. Wakhandaniswa, wazithoba, engawuvuli umlomo wakhe, njengemvana esiwa ekuxhelweni; nanjengegusha esisidenge phambi kwabachebi bayo, akawuvula umlomo wakhe. Uthatyathwe ekuxinweni nasematyaleni; esizukulwaneni sakhe ngubani na owathelekelela ukuthi, unqanyulwe ezweni labaphilileyo, ubandezelwe ngenxa yesikreqo sabantu bakowethu? Lamiswa nawaboni ingcwaba lakhe—ke laba nosisityebi, akuba efile; ekubeni engenzanga lugonyamelo, kungabangakho nkohliso emlonyeni wakhe. UYehova ke wathanda ukumtyumza nokumvisa isifo. Xa uthe umphefumlo wakhe wawenza idini letyala, woyibona imbewu yakhe, abe nemihla emide; ukuthanda kukaYehova kube nempumelelo ngesandla sakhe. Ngokwaphuka komphefumlo wakhe wobona, aneliswe; ngokwazi kwakhe, umkhonzi wam olilungisa uya kugwebela abaninzi, athwale yena izenzo zabo ezigwenxa. Ngako oko ndiya kumahlulela isahlulo nabakhulu, alabe nabanegunya ixhoba, ngethuba lokuba ewuminyele ekufeni umphefumlo wakhe, wavuma ukubalelwa kubakreqi, akubon’ ukuba usithabathile phezu kwakhe isono sabaninzi, ebathandazele abakreqi.

UIsaya 55:12

Kuba niya kuphuma ninovuyo, nithundezwe ninoxolo. Iintaba neenduli ziya kugqabhuka zimemelele phambi kwenu, imithi yasendle ibethe izandla.

UIsaya 57:1-2

Ilungisa liyatshabalala; akukho mntu ke ukunyamekelayo oko ngentliziyo; amadoda anobubele ayemka, akukho mntu ke uqondayo ukuba ilungisa limka phambi kokuba kubekho ububi. Lingena eluxolweni; baphumla ezililini zabo ababehambe ngokuthe gca.

UIsaya 61:3

ukubamisela abanesijwili baseZiyon, ukubanika isihombo sentloko esikhundleni sothuthu, ioli yemihlali esikhundleni sesijwili, ingubo yendumiso esikhundleni somoya odambayo; ukubizwa kwabo kuthiwe yimiterebhinti yobulungisa, isityalo sikaYehova sokuhomba.

UIsaya 61:10

Ndinemihlali ndanemihlali ngoYehova, umphefumlo wam uya kugcoba ngoThixo wam; kuba endinxibe iingubo zosindiso, endithe wambu ngengubo yokwaleka yobulungisa, njengomyeni ononkontsho ngokombingeleli, nanjengomtshakazi evethe iimpahla zakhe.

UIsaya 63:9

Ekubandezelekeni kwabo konke wabandezeleka, nesithunywa sobuso bakhe sabasindisa; ekubathandeni kwakhe nasekubacongeni kwakhe wayebakhulula ngokumisela yena, wabafunqula; wabathwala yonke imihla yasephakadeni.

UDaniyeli 3:12-15

Kukho amadoda angamaYuda, owamise enkonzweni yokuphatha ilizwe laseBhabheli, uShadraki, noMeshaki, noAbhede-nego; la madoda akakhathali nguwe, kumkani; akababusi oothixo bakho, akaqubudi kumfanekiso wegolide owumisileyo. Waza wathi uNebhukadenetsare, equmbile, eshushu, mabaziswe ooShadraki, noMeshaki, noAbhede-nego. Aziswa ke la madoda phambi kokumkani. Waphendula uNebhukadenetsare, wathi kubo, Nenza ngabomi na, Shadraki, Meshaki, Abhede-nego, ukuthi ningambusi uthixo wam, ningaqubudi kumfanekiso wegolide endiwumisileyo? Ke ukuba nithe ngoku nalungela ukuthi, ngexesha lokuva kwenu izwi lesigodlo, nelembande, nelekitare, nelomrhubhe, nelohadi, nelogwali, nelezinye iintlobo zonke ezibethwayo, niwe phantsi, niqubude kumfanekiso endiwenzileyo, kolunga; kodwa ukuba anithanga niqubude, nojulelwa kwaoko ezikweni elivutha umlilo. Ngubani na ke uthixo oya kunisindisa esandleni sam?

UDaniyeli 3:16-18

Baphendula ooShadraki, noMeshaki noAbhede-nego, bathi kukumkani, Nebhukadenetsare, akufuneki kuthi ukuba sikuphendule ngale ndawo. Ukuba uThixo wethu esimbusayo unako, wosisindisa ezikweni elivutha umlilo, nasesandleni sakho, kumkani. Ke, ukuba akunjalo, makwazeke kuwe, kumkani, ukuba asiyi kubabusa othixo bakho, asiyi kuqubuda kumfanekiso wegolide owumisileyo.

UDaniyeli 3:19-23

Wesuka uNebhukadenetsare wazala bubushushu, nokumila kobuso bakhe baba bubi kuShadraki, noMeshaki, noAbhede-nego; waphendula wathi, iziko malenziwe libe shushu ngokuphindwe kasixhenxe, kunoko fudula lisenziwa shushu ngako. Wathi kumadoda, kumadoda anobukroti empini yakhe, makababophe ooShadraki, noMeshaki, noAbhede-nego, abajulele ezikweni elivutha umlilo. Aza la madoda abotshwa eneehempe zawo, neengubo zawo zangaphantsi, nezokwaleka, nezinye iingubo zawo, ajulelwa ezikweni elivutha umlilo. Kwathi, ngenxa enokuba ilizwi lokumkani belibukhali, neziko belenziwe lashushu ngokuncamisileyo, ngenxa yoko ilangatye lomlilo lawabulala loo madoda abafunqulayo ooShadraki, noMeshaki, noAbhede-nego. La madoda omathathu, ooShadraki, noMeshaki, noAbhede-nego, awa phakathi kweziko elivutha umlilo, ebotshiwe.

UDaniyeli 3:24-28

Waza uNebhukadenetsare ukumkani wothuka, wesuka ngobungxamo, wathetha wathi kumaphakathi akhe, Besingajulelanga phakathi komlilo amadoda amathathu yini na, ebotshiwe? Aphendula athi kukumkani, Unyanisile, kumkani. Waphendula wathi, Khangelani, ndibona amadoda amane, ekhululekile, ehamba phakathi komlilo, engenzakele; ukubonakala kweyesine ke kufana nonyana woothixo. Waza uNebhukadenetsare wasondela esangweni leziko elivutha umlilo, waphendula wathi, Shadraki, Meshaki, Abhede-nego, bakhonzi boThixo Osenyangweni, phumani nize. Baza baphuma ooShadraki, noMeshaki, noAbhede-nego, emlilweni. Zahlanganisana iirhuluneli, nabathetheli bomkhosi, namabamba, namaphakathi okumkani; bawakhangela la madoda, ukuba umlilo awubanga namandla emizimbeni yawo, akurhawukanga nalunwele lwentloko yawo; iihempe zawo azibanga zizimbi, nevumba lomlilo alifikanga kuwo. Waphendula uNebhukadenetsare wathi, Makabongwe uThixo kaShadraki, kaMeshaki, ka-Abhede-nego osithumileyo isithunywa sakhe, wabasindisa abakhonzi bakhe, ababekholose ngaye, baligqitha ilizwi lokumkani, bayinikela imizimba yabo, ukuba bangabusi, bangaqubudi, kuthixo nonguwuphi, ongenguye uThixo wabo.

UDaniyeli 6:10-15

Ke kaloku uDaniyeli, akwazi ukuba umbhalo lowo ubhaliwe, wangena endlwini yakhe; ibe neefestile zivulekile egumbini lakhe eliphezulu, elikhangele eYerusalem. Waguqa ngamadolo akhe izihlandlo ezithathu ngemini, wathandaza, wabulela phambi koThixo wakhe, ngenxa enokuba ebesenjenjalo kakade. Aza adlongoza la madoda, amfumana uDaniyeli ethandaza, etarhuzisa phambi koThixo wakhe. Ezo asondela, athetha phambi kokumkani ngesalelo sokumkani, athi, Akusibhalanga na isalelo sokuthi: Bonke abathandaza nakongubani, uthixo nomntu, ongenguwe, kumkani, ngeentsuku ezimashumi mathathu, mabajulelwe emhadini weengonyama? Waphendula ukumkani wathi, Loo nto iqinisekile ngokomthetho wamaMedi namaPersi, ongenakutshitshiswa bani wona. Aza aphendula athi phambi kokumkani, UDaniyeli, ongowakoonyana abathinjiweyo bakwaYuda, akakhathali nguwe, kumkani, nasesi salelo usibhalileyo; ke uthandaza umthandazo wakhe kathathu ngemini. Waza ukumkani, akuweva loo mazwi, weva kakubi kakhulu ngayo loo nto. Wamnyamekela uDaniyeli ukuba amsindise, wazama ukuba amhlangule, lada latshona ilanga. Aza la madoda eza edlongozela kukumkani, athi kukumkani, Yazi, kumkani, ukuba amaMedi namaPersi anomthetho wokuba singabi nakuguqulwa sonke isalelo nommiselo, abewumisile ukumkani.

UDaniyeli 6:16-23

Watsho ke ukumkani; bamzisa uDaniyeli, bamjulela emhadini weengonyama. Waphendula ukumkani wathi kuDaniyeli, Wanga uThixo wakho, ombusa ngamaxesha onke, angakusindisa. Kwaziswa ilitye, labekwa phezu komlomo womhadi; ukumkani walitywina ngomsesane wakhe wokutywina, nangomsesane wokutywina wezikhulu zakhe, ukuze kungaguqulwa nto mayela noDaniyeli. Waza ukumkani waya ebhotweni lakhe, wabugqiba ubusuku ezila ukudla; akwaziswa zintombi zingqungqayo phambi kwakhe, waphelelwa bubuthongo. Waza ukumkani wavuka ngesifingo kwakusasa, waya emhadini weengonyama ngobungxamo. Akusondela emhadini, wadanduluka kuDaniyeli ngezwi elibuhlungu. Wasusela ukumkani, wathi kuDaniyeli, Daniyeli, mkhonzi woThixo ophilileyo, uThixo wakho, obuhlala umbusa, ube nako na ukukusindisa ezingonyameni? Waza uDaniyeli wathi kukumkani, Kumkani, phila ngonaphakade! UThixo wam uthume isithunywa sakhe, sayivingca imilomo yeengonyama, ukuba zingandenzakalisi, ngenxa enokuba phambi kwakhe kufumaneke ukuba ndimsulwa; naphambi kwakho, kumkani, andonanga. Waza ukumkani wavuya kunene, wathi uDaniyeli makanyuswe emhadini. Wenyuswa ke uDaniyeli. Akwafumaneka nasinye isenzakalo kuye; ngokuba ebekholwe kuThixo wakhe.

UDaniyeli 7:25

athethe amazwi okuchasana nOsenyangweni, abonakalise abangcwele bOsenyangweni, acamange ngokuwenza wambi amathuba nomthetho, banikelwe esandleni sakhe ixesha namaxesha nesiqingatha sexesha.

UDaniyeli 12:1-3

Ngelo xesha uya kusuka eme uMikayeli, umthetheli omkhulu, omela oonyana babantu bakowenu. Kuya kubakho ixesha lembandezelo elingazanga libekho elinjalo, kususela koko lwabakhoyo uhlanga, kude kube nangelo xesha. Ngelo xesha baya kusinda abantu bakowenu, bonke abafunyenwe bebhaliwe encwadini. Kuya kuvuka abaninzi kwabaleleyo eluthulini lomhlaba, aba baye ebomini obungunaphakade, naba baye kwingcikivo nakwinyumnyezi engunaphakade. Abo ke banengqiqo baya kukhazimla njengokukhazimla kwesibhakabhaka; nababajikela abaninzi ebulungiseni bakhazimle njengeenkwenkwezi ngonaphakade kanaphakade.

UNahum 1:7

UYehova ulungile, uligwiba ngemini yembandezelo; uyabazi abazimela ngaye.

UHabhakuki 3:18

Mna ke ndiya kudlamka ndikuYehova, Ndigcobe ndikuThixo umsindisi wam.

UMateyu 5:10-12

Banoyolo abatshutshiswa ngenxa yobulungisa; ngokuba ubukumkani bamazulu bobabo. Ninoyolo nina, xa bathe abantu baningcikiva, banitshutshisa, bathetha zonke izinto ezikhohlakeleyo ngani bexoka, ngenxa yam. Vuyani nigcobe kunene; ngokuba umvuzo wenu mkhulu emazulwini; kuba benjenjalo ukubatshutshisa abaprofeti ababekho phambi kwenu.

UMateyu 5:44

Ke mna ndithi kuni, Zithandeni iintshaba zenu, basikeleleni abo baniqalekisayo, benzeleni okulungileyo abo banithiyayo, nibathandazele abo banigxekayo banitshutshise;

UMateyu 6:19-20

Ningaziqwebeli ubutyebi emhlabeni, apho konakalisa inundu nomhlwa, nalapho amasela agqobhozayo ebe; ziqwebeleni ke ubutyebi emazulwini, apho kungonakalisi nundu namhlwa, nalapho amasela angagqobhoziyo ebe;

UMateyu 10:17-20

Balumkeleni ke abantu; kuba baya kuninikela ezintlanganisweni zamatyala, banityakatye ezindlwini zabo zesikhungu; naye ke niya kusiwa phambi kwabalawuli nookumkani ngenxa yam, ze kube bubungqina kubo, nakuzo iintlanga. Xa sukuba ke beninikela, ize ningaxhaleli ukuba nothetha ngakuphi na, nokuba nothetha ntoni na; kuba niya kunikwa ngelo lixa oko nothetha khona. Kuba asinini abathethayo, nguMoya kaYihlo othethayo ngaphakathi kwenu.

UMateyu 10:21-23

Ke kaloku umzalwana uya kunikela umzalwana ekufeni, aze uyise anikele umntwana; bathi nabantwana basuke phezu kwabazali bababulalisise; niya kuthiywa ngabantu bonke ngenxa yegama lam; ke onyamezelayo kwada kwaba kwasekupheleni, uya kusindiswa yena. Xa sukuba ke benitshutshisa kuloo mzi, sabelani kuwumbi; kuba inene ndithi kuni, Aniyi kukha niyigqibe imizi yakwaSirayeli, engekafiki uNyana woMntu.

UMateyu 10:28

Ningaboyiki abo babulala umzimba, kodwa bengenako ukuwubulala wona umphefumlo; yoyikani ke kanye lowo unako ukutshabalalisa umphefumlo kwanomzimba esihogweni somlilo.

UMateyu 10:38-39

Nongawuthabathiyo umnqamlezo wakhe, alandele emva kwam, akandifanele mna. Lowo uwufumeneyo umphefumlo wakhe, wolahlekwa nguwo; nalowo uwulahlileyo umphefumlo wakhe ngenxa yam, uya kuwufumana.

UMateyu 11:28-30

Yizani kum nonke nina nibulalekayo, nisindwayo ngumthwalo, ndoninika ukuphumla. Thabathani idyokhwe yam niyithwale, nifunde kum; ngokuba ndinobulali, ndithobekile ngentliziyo; noyifumanela ukuphumla imiphefumlo yenu. Kuba idyokhwe yam imnandi, nomthwalo wam ulula.

UMateyu 12:14

Bathi ke abaFarisi babhunga ngaye bakuphuma, ukuze bamtshabalalise.

UMateyu 13:20-21

Lowo ke uhlwayelwa ezindaweni ezilulwalwa, ngulo ulivayo ilizwi, alamkele kwaoko ngovuyo; abe ke engenangcambu ngaphakathi kwakhe, eme umzuzwana kodwa; uthi ke kwakuhla imbandezelo nokuba yintshutshiso ngenxa yelizwi, akhutyekiswe kwaoko.

UMateyu 13:44-46

Kanjalo ubukumkani bamazulu bufana nobutyebi obufihlwe entsimini, athe umntu akubufumana wabufihla; aze ngenxa yovuyo lwakhe aye athengise ngeento zonke anazo, ayithenge loo ntsimi. Kanjalo ubukumkani bamazulu bufana nomrhwebi, efuna iiperile ezintle; owathi ke akuyifumana iperile inye, exabiso likhulu, wemka waya wananisa ngeento zonke abenazo, wayithenga.

UMateyu 14:2-12

wathi kubakhonzi bakhe, Lo nguYohane umbhaptizi. Yena uvukile kwabafileyo; ngenxa yoko le misebenzi yamandla iyasebenza kuye. Kuba uHerode wambamba uYohane, wambopha, wamfaka entolongweni ngenxa kaHerodiya, umfazi kaFilipu, umninawa wakhe. Kuba wayethe uYohane kuye, Akuvumelekile ukuba ube naye. Wathi efuna ukumbulala, woyika abantu; ngokuba babebambe ukuthi ungumprofeti. Ke kaloku, kwakubon’ ukuba kwenziwa isikhumbuzo sokuzalwa kukaHerode, yathi intombi kaHerodiya yangqungqa esazulwini, yamkholisa uHerode. Ekuthe ke koko wayithembisa ngesifungo ukuba woyinika oko ingakucelayo. Ke yona, iqhutywe ngunina, yathi, Ndinike apha ngesitya intloko kaYohane umbhaptizi. Wesuka ukumkani waba buhlungu; ke, ngenxa yezifungo ezo nangenxa yabo babehleli ngasesithebeni naye, watsho ukuthi mayiyinikwe. Wasusa umntu, wamnqumla uYohane intloko entolongweni apho. Yaziswa intloko yakhe ngesitya, yanikwa intombazana leyo, yathi yona yayisa kunina. Bafika abafundi bakhe, basithabatha isidumbu, basingcwaba; baya babikela uYesu.

UMateyu 16:21

Waqalela kwelo xa uYesu ukubabonisa abafundi bakhe, okokuba umelwe kukuba aye eYerusalem, eve ubunzima obukhulu kuwo amadoda amakhulu nababingeleli abakhulu, nababhali, abulawe, athi ngomhla wesithathu avuke.

UMateyu 16:24-25

Wandula wathi uYesu kubafundi bakhe, Ukuba kukho othanda ukundilandela, makazincame ngokwakhe, awuthwale umnqamlezo wakhe, andilandele. Kuba othe wathanda ukuwusindisa umphefumlo wakhe, wolahlekelwa nguwo; ke othe wawulahla umphefumlo wakhe ngenxa yam, wowufumana.

UMateyu 19:27

Waphendula uPetros wathi kuye, Uyabona, thina sishiye iinto zonke sakulandela; siya kuba nantoni na ke?

UMateyu 20:18-19

Niyabona, siyenyuka siya eYerusalem, waye uNyana woMntu eya kunikelwa kubo ababingeleli abakhulu nababhali. Baya kumgweba ukuba afe, bamnikele kuzo iintlanga ukuba zidlale ngaye, zimtyakatye, zimbethelele emnqamlezweni, athi ngomhla wesithathu abuye avuke.

UMateyu 21:33-39

Yivani omnye umzekeliso. Bekukho umninindlu othile owatyala isidiliya, wasibiyela ngothango, wemba kuso isixovulelo seediliya, wakha inyango, waqeshisa ngaso kubalimi, wahambela kwelinye. Kuthe ke lakusondela ixesha leziqhamo, wathuma abakhonzi bakhe kubalimi abo, ukuya kwamkela iziqhamo zaso. Besuka abalimi babathabatha abakhonzi bakhe, bathi omnye bamtyabula, omnye bambulala, nomnye bamgibisela ngamatye. Wabuya wathuma abanye abakhonzi, bebaninzi kunabokuqala, benjenjalo nakubo. Uthe ke kamva wathuma kubo unyana wakhe, esithi, Baya kumhlonela yena unyana wam. Bathe ke bakumbona unyana abalimi, batshono ukuthi, Lo yindlalifa; yizani simbulale, sihlale nelifa lakhe. Bamthabatha, bamkhuphela ngaphandle kwesidiliya, bambulala.

UMateyu 23:34-35

Ngenxa yoko, niyabona, mna ndinithumela abaprofeti nezilumko nababhali; niya kuthi inxenye kubo niyibulale, niyibethelele eminqamlezweni, nithi inxenye kubo niyityakatye ezindlwini zenu zesikhungu, niyitshutshise kwimizi ngemizi; ukuze linifikele lonke igazi elinobulungisa, elaphalazwayo emhlabeni apha, lithabathela egazini lika-Abheli ilungisa, lizise egazini likaZekariya, unyana kaBherekiya, enambulalela phakathi kwendawo engcwele nesibingelelo.

UMateyu 24:9-10

Ngelo xesha baya kuninikela ekubandezelweni, banibulale; niya kuthiywa ziintlanga zonke ngenxa yegama lam. Ngelo xesha baninzi abaya kukhutyekiswa, banikelane, bathiyane.

UMateyu 24:13

Ke onyamezeleyo kwada kwaba sekupheleni, lowo uya kusindiswa.

UMateyu 24:21-22

Kuba ngelo xesha kuya kubakho imbandezelo enkulu, ekungazanga kubekho injalo kwasekuqalekeni kwehlabathi, kwada kwaba kalokunje, ekungasayi kubuye kubekho injalo. Kanjalo ukuba ibingayi kuthi loo mihla inqanyulelwe, bekungayi kubakho nyama isindayo; ngenxa ke yabanyuliweyo, loo mihla iya kunqanyulelwa.

UMateyu 26:4

babhunga ukuba bambambe uYesu ngenkohliso, bambulale.

UMateyu 26:35

Athi uPetros kuye, Ndingafanelana ndimelwe kukuba ndife nawe, andingekhe ndikukhanyele. Batsho nabo bonke abafundi.

UMateyu 26:59

Ke kaloku, baye ababingeleli abakhulu, namadoda amakhulu, nentlanganiso yamatyala iphelele, befuna ubungqina obubuxoki ngoYesu, ukuze bambulale; ababufumananga;

UMateyu 26:67

Baza bamtshicela ebusweni, bamntlitha, abanye bammonxoza,

UMateyu 27:1-2

Kuthe ke kwakusa, babhunga bonke ababingeleli abakhulu namadoda amakhulu abantu ngaye uYesu, ukuba bambulale. Bathi bakumbopha, bamrhola, bamnikela kuPontiyo Pilato, irhuluneli.

UMateyu 27:26

Waza wabakhululela uBharabhas; wathi ke, emtyakatyile uYesu, wamnikela ukuba abethelelwe emnqamlezweni.

UMateyu 27:30-31

Amtshicela, ayithabatha ingcongolo, ambetha entloko. Athi, akuba edlale ngaye, amhluba ingubo leyo, amambathisa kwaezakhe iingubo; amrhola, aya kumbethelela emnqamlezweni.

UMateyu 27:35

Athi ke, akumbethelela emnqamlezweni, abelana ngeengubo zakhe, esenza amaqashiso, ukuze kuzaliseke okwathethwa ngumprofeti, esithi, Babelana ngeengubo zam, benza amaqashiso ngesambatho sam.

UMarko 4:16-17

Ngokunjalo abo bahlwayelwayo ezindaweni ezilulwalwa ngabathi, xa bathe baliva ilizwi, balamkele kwaoko bevuya; babe bengenangcambu ngaphakathi kwabo, beme umzuzwana kodwa; bathi kamva, kwakuhla imbandezelo, nokuba yintshutshiso, ngenxa yelizwi, bakhutyekiswe kwaoko.

UMarko 6:14-29

Ke kaloku wakuva oko ukumkani uHerode (kuba igama lakhe lalithe laduma); wayesithi, Uvukile kwabafileyo uYohane umbhaptizi; ngenxa yoko le misebenzi yamandla iyenzeka ngaye. Baye abanye besithi, NguEliya; baye ke abanye besithi, Ngumprofeti, nokuba ufana nomnye wakubaprofeti. Ekuvile ke oko uHerode, wathi, Lo nguYohane, lowa ndamnqamla intloko mna; uvukile kwabafileyo. Kuba uHerode ngokwakhe wabethe wathuma, wambamba uYohane, wambopha entolongweni, ngenxa kaHerodiya, umfazi kaFilipu umzalwana wakhe; kuba ebemzekile. Kuba wayesithi uYohane kuHerode, Akuvumelekile ukuba ube nomfazi womzalwana wakho. Ke kaloku uHerodiya waba nenqala ngakuye, wafuna ukumbulala; kodwa akabanga nako; kuba uHerode wayemoyika uYohane, emazi ukuba uyindoda elilungisa, engcwele, wayemgcinile; wayesithi ke akumva, enze iindawo ezininzi, amve kamnandi. Kwathi, kwakufika umhla owamlungelayo uHerodiya, xeshikweni uHerode ngemini yokuzalwa kwakhe wayezenzela isidlo izidwangube zakhe, nabathetheli-waka, namanene elaseGalili, yakubon’ ukuba ingene intombi kaHerodiya lowo, yangqungqa, yamkholisa uHerode nabo babehleli ndawonye naye. Wathi ukumkani kwintombazana leyo, Ndicele into osukuba uyithanda; ndokupha. Wayifungela ngelithi, Into othe wayicela kum ndokupha, kude kube kwisiqingatha sobukumkani bam. Iphumile ke yathi kunina, Ndicele ntoni na? Wathi ke yena, Intloko kaYohane umbhaptizi. Yeza kungena kwaoko ngokungxama kuye ukumkani, yacela, isithi, Ndithanda ukuba undinike kalokunje ngesitya intloko kaYohane umbhaptizi. Waba buhlungu kakhulu ukumkani; noko, ngenxa yezifungo zakhe, nangenxa yabo babehleli ndawonye naye, akathandanga kuyilandulela. Uthe kwaoko ukumkani wasusa umsiki, wamthethela ngelithi, mayiziswe intloko yakhe. Wesuka waya ke lowo, wamnqumla intloko entolongweni. Wayizisa intloko yakhe ngesitya, wayinika intombazana leyo; yaza intombazana yayinika unina. Bekuvile oko abafundi bakhe, beza basithabatha isidumbu sakhe, basibeka engcwabeni.

UMarko 8:31

Waqala ukubafundisa, okokuba uNyana woMntu umelwe kukuba eve ubunzima obukhulu, alahlwe ngawo amadoda amakhulu nababingeleli abakhulu nababhali, abulawe, athi emveni kweentsuku ezintathu abuye avuke.

UMarko 8:34-35

Esibizele kuye isihlwele, kwanabafundi bakhe, wathi kubo, Osukuba ethanda ukundilandela, makazincame, awuthwale umnqamlezo wakhe, andilandele ke. Kuba othe wathanda ukuwusindisa umphefumlo wakhe, wolahlekelwa nguwo; ke yena othe wawulahla umphefumlo wakhe ngenxa yam, nangenxa yeendaba ezilungileyo ezi, wowusindisa.

UMarko 9:31

kuba wayebafundisa abafundi bakhe, esithi kubo, UNyana woMntu unikelwa ezandleni zabantu; baya kumbulala; uya kuthi ebulewe, abuye avuke ngomhla wesithathu.

UMarko 10:33-34

Niyabona, siyenyuka siya eYerusalem; waye uNyana woMntu eya kunikelwa kubabingeleli abakhulu, nakubabhali; baya kumgweba ukuba afe, bamnikele kuzo iintlanga. Ziya kudlala ngaye, zimtyakatye, zimtshicele, zimbulale; aze athi ngomhla wesithathu abuye avuke.

UMarko 12:1-8

Waqala ukuthi kubo ngemizekeliso, Umntu watyala isidiliya, wasibiyela ngothango, wemba isixovulelo seediliya, wakha inyango, waqeshisa ngaso kubalimi, wahambela kwelinye. Wathi ngelona xesha, wathuma umkhonzi kubalimi abo, ukuba amkele kubalimi esiqhameni sesidiliya eso. Basuka bona bambamba, bamtyabula, bamndulula elambatha. Wabuya wathuma kubo omnye umkhonzi; lowo bamgibisela ngamatye, bamngxwelerha entloko, bamndulula bemhlazisile. Wabuya wathuma omnye; lowo bambulala. Wathuma nabanye babaninzi, inxenye beyityabula, inxenye beyibulala. Uthe ngoko, esenaye unyana emnye, intanda yakhe, wamthuma naye kubo ukugqibela, esithi, Baya kumhlonela yena unyana wam. Ke bona abo balimi bathi phakathi kwabo, Yindlalifa lo; yizani simbulale, ilifa libe lelethu. Bamthabatha ke, bambulala, bamphosa ngaphandle kwesidiliya.

UMarko 13:9-13

Zilumkeleni ke okwenu; kuba baya kuninikela ezintlanganisweni zamatyala, nityatyulwe ezindlwini zesikhungu, nimiswe phambi kwabalawuli nookumkani ngenxa yam, kube bubungqina kubo. Kumele ukuthi ke ukuqala kuvakaliswe iindaba ezilungileyo ezi kuzo zonke iintlanga. Xa sukuba ke benirhola beya kuninikela, musani ukuyixhalela kwangaphambili into eniya kuyithetha, ningacamangi nokucamanga nto. Into enithe nayinikwa ngelo xa, thethani yona; kuba asinini enithethayo, nguMoya oyiNgcwele. Ke kaloku, umzalwana uya kunikela umzalwana ekufeni, aze uyise anikele umntwana, bathi nabantwana bavukelane nabazali, bababulalise; nithiywe ngabantu bonke, ngenxa yegama lam. Ke onyamezelayo kude kube sekupheleni, lowo wosindiswa.

UMarko 14:1

Ke kaloku bekuza kubakho ipasika, izonka ezingenagwele, emveni kweentsuku ezimbini; baye ke ababingeleli abakhulu nababhali befuna ukuba bangathini na ukumbamba ngenkohliso, bambulale.

UMarko 14:31

Kwaba kukhona wathetha wancamisa, esithi, Ndingafanelana ndimelwe kukufa nawe, andingekhe ndikukhanyele. Batsho ke bonke.

UMarko 14:55

Baye ke ababingeleli abakhulu, nayo intlanganiso yamatyala iphelele, befuna ubungqina ngaye uYesu bokuze bambulalise; bengabufumani.

UMarko 14:64-65

Nikuvile ukunyelisa; kunjani kuni nina? Bamgweba ke bonke ukuba unetyala lokuba afe. Yaqala inxenye ukumtshicela, nokumgqubuthela ubuso, nokumntlitha, nokuthi kuye, Profeta; aye amadindala emtywakraza.

UMarko 15:13-15

Babuya ke bankqangaza bathi, Mbethelele emnqamlezweni! Wathi ke uPilato kubo, Kuba enze bubi buni na? Kwaba kukhona ke bancamisayo ukunkqangaza, besithi, Mbethelele emnqamlezweni! Ke kaloku uPilato, ngokunga angasithomalalisa isihlwele, wabakhululela uBharabhas. Emtyakatyile ke uYesu, wamnikela ukuba abethelelwe emnqamlezweni.

UMarko 15:20

Athi akuba edlale ngaye, amhluba ebomvu, amambathisa kwaezakhe iingubo; amrholela phandle, ukuze ambethelele emnqamlezweni.

UMarko 15:24-25

Athi akumbethelela emnqamlezweni, abelana ngeengubo zakhe, esenza amaqashiso ngazo, ukuze uthile athabathe ethile. Ke kaloku, laye ililixa lesithathu, abambethelela ngalo emnqamlezweni.

UMarko 15:37

Wathi ke uYesu, ekhuphe izwi elikhulu, waphuma umphefumlo.

ULuka 1:47

Nomoya wam ugcobile ngoThixo uMsindisi wam;

ULuka 6:22-23

Ninoyolo nina, xa bathe abantu banithiya, naxa bathe banigxotha kubo, baningcikiva, balilahlela phandle igama lenu ngokungathi likhohlakele, ngenxa yakhe uNyana woMntu. Vuyani ngaloo mini, nisuke imitsi; kuba, niyabona, umvuzo wenu mkhulu emazulwini; babesenjenjalo ooyise kubo abaprofeti.

ULuka 6:27-28

Kodwa ke mna ndithi kuni nivayo, Zithandeni iintshaba zenu; yenzani okulungileyo kwabo banithiyayo. Basikeleleni abo baniqalekisayo, nibathandazele abo banigxekayo.

ULuka 6:35

Ke nina, zithandeni iintshaba zenu, nenze okulungileyo; niboleke ningathembe lutho. Woba mkhulu ke umvuzo wenu, nize nibe ngoonyana bOsenyangweni; ngokuba yena enobubele kwabangabuleliyo nabangendawo.

ULuka 9:7-9

Ke kaloku uHerode, umphathi wesahlulo sesine selizwe, waziva zonke izinto ezenziwayo nguye; wesuka wathingaza, ngenxa yokuba bekusithiwa ngabanye, Kuvuke uYohane kwabafileyo; kuthiwe ke ngabanye, Kubonakale uEliya; kuthiwe ngabanye, Kubuye kwavuka umprofeti wakuwo amanyange. Wathi uHerode, UYohane mna ndamnqamla intloko; lo ke ngubani na, ndiva kuthethwa izinto ezinje ngaye. Wayefuna ke ukumbona.

ULuka 9:22

UNyana woMntu umelwe kukuthi eve ubunzima obukhulu, alahlwe ngawo amadoda amakhulu nababingeleli abakhulu nababhali, abulawe, athi ngomhla wesithathu, avuke.

ULuka 9:23-24

Wayesithi ke kubo bonke, Ukuba ubani uthanda ukundilandela, makazincame, awuthwale umnqamlezo wakhe imihla ngemihla, andilandele ke. Ngokuba osukuba ethanda ukuwusindisa umphefumlo wakhe, wolahlekelwa nguwo; ke othe wawulahla umphefumlo wakhe ngenxa yam, wowusindisa lowo.

ULuka 11:47-51

Yeha, nina! Ngokuba niyawakha amangcwaba abaprofeti, babe ke ooyihlo bebabulele. Kambe niyayingqinela niyithakazela imisebenzi yooyihlo; ngokuba bona okunene bababulala, niyawakha ke nina amangcwaba abo. Ngenxa yoko nobulumko bukaThixo bathi, Ndiya kubathumela abaprofeti nabapostile; kubo abo ke baya kuyibulala inxenye, bayitshutshise inxenye; ukuze limenywe kwesi sizukulwana igazi labo bonke abaprofeti elaphalazwayo, kuseloko lasekwayo ihlabathi; lithabathela egazini lika-Abheli, lide lizise egazini likaZekariya, owatshabalalela phakathi kwesibingelelo nendawo eyingcwele. Ewe, ndithi kuni, liya kumenywa kwesi sizukulwana.

ULuka 12:4-5

Ndithi ke kuni, zihlobo zam, Musani ukuboyika abo babulala umzimba, baze emva koko bangabi nanto yimbi bangayenzayo. Ndiya kunibonisa ke enomoyika; yoyikani lowo uthi emva kokubulala, abe negunya lokuphosa esihogweni. Ewe, ndithi kuni, Yoyikani yena lowo.

ULuka 12:32-33

Musani ukoyika, mhlambi mncinane; ngokuba kukholekile kuYihlo ukuninika ubukumkani. Thengisani ngeempahla zenu, nilize ngazo; zenzeleni iingxowa zemali ezingagugiyo, ubutyebi obungapheliyo emazulwini, apho kungasondeliyo sela, kungonakalisiyo nanundu;

ULuka 14:26-27

Ukuba ubani uza kum, angamthiyi uyise, nonina, nomfazi, nabantwana, nabazalwana, nodade, ewe, nobakhe ubomi, akanakuba ngumfundi wam. Nosukuba engawuthwali umnqamlezo wakhe, andilandele, akanakuba ngumfundi wam.

ULuka 14:33

Ngokukwanjalo ngoko, wonke umntu kuni ongazishiyiyo zonke iimpahla zakhe, akanakuba ngumfundi wam.

ULuka 17:33

Othe wafuna ukuwusindisa umphefumlo wakhe, wolahlekelwa nguwo; othe wawulahla, uya kuwulondoloza.

ULuka 18:32-33

Kuba uya kunikelwa kuzo iintlanga, kudlalwe ngaye, aphathwe kakubi, atshicelwe; zimtyakatye, zimbulale; athi ngomhla wesithathu abuye avuke.

ULuka 20:9-15

Ke kaloku waqala wathetha ebantwini lo mzekeliso: Umntu othile watyala isidiliya, waqeshisa ngaso kubalimi, wahambela kwelinye ilizwe umzuzu owaneleyo. Wathi ngalo ixesha elifanelekileyo, wathuma umkhonzi kubalimi, ukuba bamnike esiqhameni sesidiliya. Basuka ke bona abalimi bamtyabula, bamndulula elambatha. Waphinda wathuma omnye umkhonzi. Bamtyabula ke nalowo, bamhlazisa, bamndulula elambatha. Waphinda wathuma nowesithathu. Bathi ke bona bamngxwelerha nalowo, bamkhupha. Uthe ke umninisidiliya, Ndiya kuthini na? Ndiya kuthuma unyana wam oyintanda; mhlawumbi, bakumbona, bangamhlonela yena. Bathe ke abalimi, bakumbona, bacamanga bodwa, besithi, Yindlalifa le; yizani siyibulale, ukuze ilifa libe lelethu. Bamkhuphela ngaphandle kwesidiliya, bambulala. Uya kuthini na ke ngoko kubo umninisidiliya?

ULuka 20:35-36

ke bona abo kuthiwe bafanele ukufika kwelo phakade, nakukuvuka kwabafileyo, abazeki, abendiswa; kuba abasenakubuya bafe; kuba bengangezithunywa zezulu; kanjalo bangoonyana bakaThixo, bengabovuko njalo.

ULuka 21:12-17

Ngaphambili ke kwazo zonke ezo zinto, baya kunisa izandla, banitshutshise, beninikela ezindlwini zesikhungu nasezintolongweni, nisiwe phambi kookumkani neerhuluneli ngenxa yegama lam. Oko ke kuya kuthi kube bubungqina kuni. Kumiseni ngoko ezintliziyweni zenu, ukuba ningakucingi ngaphambili ukuziphendulela. Kuba mna ndiya kuninika umlomo nobulumko, abangayi kuba nako ukubuphikisa nokumelana nabo, bonke abanichasileyo. Ke kaloku niya kunikelwa nangabazali, nangabazalwana, nayimizalwane, nazizihlobo, kubekho nabababulalayo kuni; nithiywe ngabantu bonke ngenxa yegama lam.

ULuka 21:19

Ekunyamezeleni kwenu, noyizuza imiphefumlo yenu.

ULuka 22:2

Baye ababingeleli abakhulu nababhali befuna ukuba bangathini na ukumbulala, kuba bebesoyika abantu.

ULuka 22:28

Nina ke ningabo basoloko behleli nam ekulingweni kwam.

ULuka 22:33

Wathi ke yena kuyo, Nkosi, sendikulungele ukuya nawe nasentolongweni, nasekufeni.

ULuka 22:63-64

Aye amadoda ambambileyo uYesu edlala ngaye, emtyakatya. Athe akuba emgqubuthele, ambetha ebusweni, ambuza esithi, Profeta; ngubani na lo ukubethileyo?

ULuka 23:21-23

Ke bona bamana benkqangaza, besithi, Bethelela emnqamlezweni; mbethelele emnqamlezweni. Uthe ke yena okwesithathu kubo, Kuba enze bubi buni na lo? Andifumananga tyala lakufa kuye; ndothi ngoko, ndakumbetha, ndimkhulule. Bamxina ke bona ngezandi ezikhulu zamazwi, becela ukuba abethelelwe emnqamlezweni; aza ke eyisa amazwi abo, nawababingeleli abakhulu.

ULuka 23:33-34

Bathi ke bakufika kwindawo le kuthiwa luKakayi, bambethelela emnqamlezweni khona apho, kwanabenzi bobubi abo, omnye ngasekunene, nomnye ngasekhohlo. Wathi ke uYesu, Bawo, baxolele; kuba abayazi into abayenzayo. Bathi ke, besabelana ngeengubo zakhe, benza amaqashiso.

ULuka 23:43

UYesu wathi kuye, Inene, ndithi kuwe, Namhlanje uya kuba nam eParadisi.

ULuka 23:46

Wadanduluka ngezwi elikhulu uYesu, wathi, Bawo, ndiyawunikela ezandleni zakho umoya wam. Uthe akuba etshilo, waphuma umphefumlo.

ULuka 24:20

ukuba bathini na ababingeleli abakhulu nabaphathi bethu ukumnikela ukuba agwetywe afe, bambethelela nasemnqamlezweni.

UYohane 5:24-25

Inene, inene, ndithi kuni, Lowo ulivayo ilizwi lam, akholwe ngulowo wandithumayo, unobomi obungunaphakade; akezi ekugwetyweni; uphume ekufeni, wangena ebomini. Inene, inene, ndithi kuni, Kuza ilixa, nangoku liselikho, xa abafileyo baya kuliva izwi loNyana kaThixo, bathi abalivileyo badle ubomi.

UYohane 5:28-29

Musani ukumangaliswa kuko oko; ngokuba kuza ilixa abaya kuthi ngalo bonke abasemangcwabeni balive ilizwi lakhe; baphume ke: abo benza izinto ezilungileyo beze eluvukweni lobomi; nabo ke benza izinto ezimbi, beze eluvukweni lokugwetywa.

UYohane 6:50-51

Isonka sona esihla emazulwini sesi, athi ubani akusidla, angafi. Ndim isonka esiphilileyo, esi sehlayo emazulwini. Ukuba ubani uthe wasidla esi sonka, wodla ubomi ngonaphakade; ke isonka endiya kumnika sona mna, siyinyama yam, endiya kuyinikela ubomi behlabathi.

UYohane 7:19

Umthetho aniwunikelwanga na nguMoses? Kanti ke akukho namnye kuni uwugcinayo umthetho; yini na ukuba nifune ukundibulala?

UYohane 8:51

Inene, inene, ndithi kuni, Ukuba umntu uthe waligcina ilizwi lam, akasayi kuza abone kufa naphakade.

UYohane 10:11

Ndim umalusi olungileyo; umalusi olungileyo, ubomi bakhe ubuncamela izimvu.

UYohane 10:15-18

Njengokuba endazi uBawo, nam ndiyamazi uBawo, nobomi bam ndibuncamela izimvu. Ndinazo nezinye izimvu, ezingezizo ezobu buhlanti; nazo ezo ndimelwe kukuza nazo; zaye ziya kuliva izwi lam, zibe mhlambi mnye, nomalusi abe mnye. Ngenxa yoku uBawo uyandithanda; ngokuba mna ndibuncama ubomi bam, ukuze ndibuye ndibuthabathe. Akukho namnye ubuhluthayo kum, ndiyabuncama mna ngokwam; ndinegunya lokubuncama, ndinegunya lokubuya ndibuthabathe; lo mthetho ndawamkela kuBawo.

UYohane 11:25-26

Wathi uYesu kuye, Ndim uvuko, ndim ubomi; lowo ukholwayo kum, nokuba ubethe wafa, wodla ubomi. Bonke abadla ubomi bekholwa kum, abasayi kufa naphakade; uyakholwa na koko?

UYohane 11:53

Kususela kuloo mini ngoko babhunga ukuba bambulale.

UYohane 12:10

Ke kaloku ababingeleli abakhulu babhunga ukuze bambulale noLazaro;

UYohane 12:24-26

Inene, inene, ndithi kuni, Ukuba ukhozo lwengqolowa oluwe emhlabeni aluthanga lufe, lona luhlala lungabi nto; ke ukuba luthe lwafa, luthwala isiqhamo esininzi. Lowo uwuthandayo umphefumlo wakhe, wolahlekelwa nguwo; lowo uwuthiyayo umphefumlo wakhe kweli hlabathi, wowulondolozela ubomi obungunaphakade. Ukuba ubani uthi andikhonze, makandilandele; apho ndikhona mna, woba khona apho nondikhonzayo; ukuba umntu uthi andikhonze, uBawo wombeka.

UYohane 13:37

Uthi uPetros kuye, Nkosi, kungani na ukuba ndingabi nako ukukulandela ngoku? Ndiya kuwuncamela wena umphefumlo wam.

UYohane 15:13

Akukho namnye unalo uthando olungaphezu kolu, lokuba ubomi bakhe abuncamele izihlobo zakhe.

UYohane 15:18-21

Ukuba ihlabathi linithiyile, yazini ukuba lindithiye kuqala kunani. Ukuba beningabehlabathi, ihlabathi linge likuthanda okwalo; ke ngokuba ningengabehlabathi, ndaninyulayo mna kulo ihlabathi, ngenxa yoko linithiyile ihlabathi. Likhumbuleni ilizwi endalithethayo mna kuni, elithi, Akukho mkhonzi umkhulu kunenkosi yakhe. Ukuba banditshutshisa mna, bonitshutshisa nani; ukuba ilizwi lam baligcina, nelenu boligcina. Ke ezi zinto zonke baya kuzenza kuni ngenxa yegama lam, ngokuba bengamazi owandithumayo.

UYohane 16:2-4

Baya kunigxotha esikhungwini; ewe, kuza ilixa lokuba bonke abanibulalayo, babe bona bakhonza uThixo. Ezo zinto baya kuzenza kuni, ngokuba bengamazanga uBawo kwanam. Ezi zinto ndizithethile kuni, ukuze, xa lithe lafika ilixa, nizikhumbule ukuba mna ndandinixelele. Ezi zinto ke andinixelelanga kwasekuqaleni, ngokuba bendinani.

UYohane 16:22

Nani ke ngoko nixhalabile ngokunje; kodwa ndobuya ndinibone; yaye iya kuvuya intliziyo yenu, novuyo lwenu akukho namnye uya kuluhlutha kuni.

UYohane 16:33

Ezi zinto ndizithethile kuni, ukuze nibe noxolo kum. Ehlabathini niya kuba nembandezelo; yomelelani, mna ndiloyisile ihlabathi.

UYohane 17:14

Mna ndibanike ilizwi lakho; laza ihlabathi labathiya, ngokuba bengengabo abehlabathi, njengokuba nam ndingenguye owehlabathi.

UYohane 19:1-3

Waza ngoko uPilato wamthabatha uYesu, wamtyakatya. Amasoldati, eluke isithsaba ngameva, asibeka phezu kwentloko yakhe, amthi wambu ngengubo ebomvu, amana esithi, Aa! Kumkani wamaYuda! ammonxoza.

UYohane 19:6

Bathe ngoko, bakumbona ababingeleli abakhulu namadindala, bankqangaza, besithi, Mbethelele emnqamlezweni! Mbethelele emnqamlezweni! Athi kubo uPilato, Mthabatheni nina, nimbethelele emnqamlezweni; kuba mna andifumani tyala kuye.

UYohane 19:11

Uphendule uYesu wathi, Unge ungenagunya nakanye kum, ukuba ubungalinikwanga livela phezulu; ngenxa yoko, ondinikeleyo kuwe unesono esikhulu ngakumbi.

UYohane 19:15-18

Ke wona ankqangaza esithi, Susa, susa, mbethelele emnqamlezweni! Athi uPilato kuwo, Ndimbethelele emnqamlezweni na uKumkani wenu? Baphendula ababingeleli abakhulu bathi, Thina asinakumkani ungenguye uKesare. Wandula ngoko ukumnikela kubo, ukuze abethelelwe emnqamlezweni. Bamthabatha ke uYesu, bemka naye. Ethwele umnqamlezo wakhe, waphuma waya endaweni ekuthiwa, yeyokakayi, ekuthiwa ngesiHebhere yiGologota, apho bambethelela khona emnqamlezweni, nabanye naye abangabambi bebabini, ngeenxa zombini, uYesu ke ephakathi.

UYohane 19:30

Xa ngoko uYesu wabeyamkele iviniga, wathi, Kugqityiwe! Wathoba intloko, wawunikela umoya wakhe.

UYohane 21:18-19

Inene, inene, ndithi kuwe, Oko ubusemtsha ubuzibhinqisa ngokwakho, uhambe apho uthanda khona; kodwa xa uthe waluphala, uya kuzolula izandla zakho, ubhinqiswe ngomnye, akuse apho ungathandiyo. Wakutsho ke oku, eqondisa ukuba kukufa kuni na abeya kuzukisa uThixo ngako. Akutsho wathi kuye, Ndilandele.

UYohane 21:22-23

Athi uYesu kuye, Ukuba ndithi ndithande ukuba yena ahlale ndide ndifike, iyini na loo nto kuwe? Landela mna wena. Laphuma ngoko eli lizwi, laya kubazalwana, ukuba loo mfundi akayi kufa. Waye uYesu engatshongo kuye ukuthi, Akayi kufa; wathi, Ukuba ndithi ndithande ukuba yena ahlale ndide ndifike, iyini na loo nto kuwe?

IZenzo 2:23-24

yena lowo, ekhutshwe ngecebo elimisiweyo likaThixo nangokwazi kwakhe kwenxa engaphambili, namthabatha ngezandla zabachasene nomthetho, nambethelela emnqamlezweni, namsika; athe uThixo wamvusa, eyikhulule inimba yokufa; ngokokuba ebengenako ukubanjwa kuko.

IZenzo 5:18

babesa izandla abapostile, babafaka entolongweni yabantu bonke.

IZenzo 5:33

Bathe ke bona bakukuva oko, bahlabeka entliziyweni, babhunga ukuba babasike.

IZenzo 5:40-41

Bamthambela ke; bebabizile abapostile, babatyabula, babathethela ngelithi, mabangathethi ngegama likaYesu; babandulula ke. Bemka ke ngoko bona ebusweni bentlanganiso yamatyala, bevuya, ngokuba kuthiwe bakufanele ukuhlaziswa ngenxa yegama lakhe.

IZenzo 7:51-56

Nina bantamo zilukhuni, bangalukileyo ngentliziyo, nangendlebe, nihleli nibambene noMoya oyiNgcwele; njengabo ooyihlo, nani ninjalo. Kubo abaprofeti nguwuphi na ongatshutshiswanga ngooyihlo? Bababulala ababexela ngenxa engaphambili ukuza koliLungisa; enithe kalokunje naba ngabanikeli nababulali, bakhe. nina nawamkelayo umthetho, niwumiselwa zizithunywa zezulu, anawugcina. Ke kaloku, bathi bakuziva ezi zinto, bahlabeka ezintliziyweni zabo, bamtshixizela amazinyo. Ke yena, ezele nguMoya oyiNgcwele, waqwalasela ezulwini, wabona ubuqaqawuli bukaThixo, noYesu emi ngasekunene kukaThixo. Wathi, Yabonani, ndiwabona amazulu evulekile, ndimbona uNyana woMntu emi ngasekunene kukaThixo.

IZenzo 7:57-60

Badanduluka ke ngezwi elikhulu, bazivingca iindlebe zabo, besuka indulumbane phezu kwakhe ngamxhelo mnye, bamkhuphela ngaphandle komzi, bamgibisela ngamatye. Amangqina azibeka iingubo zawo ezinyaweni zendodana ekuthiwa nguSawule. Ayemgibisela ngamatye uStefano, yena ebiza esithi, Nkosi Yesu, wamkele umoya wam. Uguqile ke ngamadolo, wadanduluka ngezwi elikhulu, wathi, Nkosi, ungabamiseli esi sono. Akutsho, walala ubuthongo.

IZenzo 8:1-3

Waye ke uSawule ekuthakazela ukusikwa kwakhe. Ke kaloku kwehla ngaloo mhla intshutshiso enkulu phezu kwalo ibandla eliseYerusalem; kanjalo bonke baba ziintsali emazweni akwaYuda naseSamariya, kwasala abapostile bodwa. Amthwala ke uStefano amadoda amoyikayo uThixo, aya kumngcwaba, amenzela isililo esikhulu. Waye ke uSawule elidlavula ibandla, engena kwizindlu ngezindlu, erhola amadoda kwanabafazi, ebafaka entolongweni.

IZenzo 8:32-33

Ke kaloku indawo yesibhalo eyayilesa yona ibiyile ithi, Njengemvu esiwa ekuxhelweni, Njengemvana esisimumu phambi komchebi wayo, Wenjenjalo yena ukungawuvuli umlomo wakhe. Ekuthobekeni kwakhe umgwebo wakhe wasuswa; Ngubani na ke owosicacisa ukusixela isizukulwana sakhe? Ngokuba buyasuswa ubomi bakhe emhlabeni.

IZenzo 9:1-5

Ke kaloku uSawule, esabafuthela ngeentsongelo neembulalo abafundi beNkosi, waya kumbingeleli omkhulu; wacela kuye iincwadi zokuya eDamasko ezindlwini zesikhungu, ukuze athi, ethe wafumana abathile bale Ndlela, amadoda kwanabafazi, abazise bekhonkxiwe eYerusalem. Kuthe ke ekuhambeni kwakhe, wasondela eDamasko; waza ngesiquphe wabanekelwa ngeenxa zonke lukhanyiso oluvela ezulwini; wawa emhlabeni, weva izwi lisithi kuye, Sawule, Sawule, unditshutshiselani na? Wathi ke yena, Ungubani na, Nkosi? Ithe ke iNkosi, Mna ndinguye uYesu omtshutshisayo wena; wenzakala, ukhaba iimviko nje.

IZenzo 9:23-24

Laziwa ke nguSawule iyelenqe lawo elo. Awagcina ke namasango imini nobusuku, ukuba amsike.

IZenzo 9:29

Wamana ethetha ephikisana namaYuda esiGrike; ayezamela ke wona ukumsika.

IZenzo 12:1-4

Ke kaloku, ngelo xesha uHerode ukumkani wabesa izandla abathile balo ibandla, ukuba abaphathe kakubi; wambulala ke uYakobi, umzalwana kaYohane, ngekrele. Wathi, akubona ukuba oko kuwakholisile amaYuda, waqokela ngokubamba noPetros (yaye ke iyimihla yezonka ezingenagwele leyo). Akuba ke embambile, wamfaka entolongweni, wamnikela kumaqela amane amasoldati angamane, ukuba amgcine; engxamele ukuze emveni kwepasika amkhuphe, amse ebantwini.

IZenzo 14:5-6

Bathe ke, bakubon’ ukuba abeentlanga nabangamaYuda, kunye nabaphathi bawo, bangxamele ukubaphatha kakubi, babagibisele ngamatye: bakuqiqa oko bona, basabela emizini yelaseLikawoni, iListra neDerbhe, nakuloo mimandla;

IZenzo 14:22

besomeleza imiphefumlo yabafundi, bebavuselela ukuba bahlale behleli elukholweni; besithi, Simelwe kukuphumela ezimbandezelweni ezininzi, ukungena ebukumkanini bukaThixo.

IZenzo 15:26

abantu ababuncamileyo ubomi babo ngenxa yegama leNkosi yethu uYesu Kristu.

IZenzo 16:22-24

Isihlwele sabahlanganyela; nabathetheli bazithi qwengeqwenge iingubo zabo, bathi mababethwe ngeentswazi. Bathi, bakuba bebabethe imivumbo emininzi, babaphosa entolongweni, bamthethela umgcini wababanjwa ukuba abagcine ngokunqabileyo; owathi, amkele umyalelo onjalo, wabaphosa kwengaphakathi intolongo, waziqinisa iinyawo zabo emithini.

IZenzo 17:26-28

Kanjalo wazenza ngagazi-nye zonke iintlanga zabantu, ukuba zime phezu kwawo wonke umhlaba, emisa amaxesha abekwe ngenxa engaphambili, nemida yokuma kwazo; ukuze bayifune iNkosi, ukuba kambe bangaphuthaphutha bayifumane, nakuba ingekude kuthi sonke ngabanye. Kuba kuyo sihleli, siyashukuma, sikho; njengokuba neembongi ezithile zenu zitshilo ukuthi, Kuba nathi siyinzala yakhe.

IZenzo 20:22-24

Nangoku, yabonani, ndiya mna eYerusalem, ndibotshiwe nguMoya, ndingazazi izinto eziya kundihlela khona; ndanele ukwazi ukuba uMoya oyiNgcwele uqononondisa kwimizi ngemizi, esithi ndilindwe ngamakhamandela naziimbandezelo. Andikhathalele nanye yezi zinto; kanjalo nobomi bam obu andinqabe nabo, ukuze ndilufeze uhambo lwam ngovuyo, nolungiselelo endalwamkelayo eNkosini uYesu, lokuqononondisa iindaba ezilungileyo zobabalo lukaThixo.

IZenzo 21:13-14

Waphendula ke uPawulos, wathi, Nenzani na ukulila niyityumze intliziyo yam? kuba mna ndingalungele kubotshwa kodwa; ndilungele nokufa eYerusalem, ngenxa yegama leNkosi uYesu. Akuba ke engoyiseki, sathi cwaka, sisithi, Makwenzeke ukuthanda kweNkosi.

IZenzo 21:31

Ke kaloku, xa babeza kumbulala, lwafika udaba kumthetheli-waka webutho, lokuba iYerusalem iphela idubadubekile;

IZenzo 22:4-5

Ndingowayitshutshisayo yona le Ndlela, ndada ndesa ekufeni, ndibopha, ndifaka ezintolongweni amadoda kwanabafazi; njengokuba nombingeleli omkhulu endingqinela, nayo yonke intlanganiso yamadoda amakhulu; endamkela kubo iincwadi zokuya kubazalwana, ndahambela eDamasko, ndiya kuzisa nababekhona bebotshiwe eYerusalem, ukuze babethwe.

IZenzo 22:19-20

Ndathi mna, Nkosi, bayazi kakuhle bona ukuba mna ndandibafaka entolongweni, ndibatyabula kuzo zonke izindlu zesikhungu abo bakholwayo kuwe; naxeshikweni laphalazwayo igazi likaStefano, ingqina lakho, ndaye ndimi kufuphi nam, ndikuthakazela ukusikwa kwakhe, ndizigcinile iingubo zabo babemsika.

IZenzo 23:12-15

Ke kaloku kwakusa, abathile kumaYuda bathuthelana bazibopha ngesiqalekiso, besithi abayi kudla, abayi kusela nokusela, bade bambulale uPawulos. Baye ke bengaphezu kwamashumi omane ababefungele ukuyenza loo nto; abathi bona beza kubabingeleli abakhulu nakumadoda amakhulu, bathi, Sizibophile ngesiqalekiso esikhulu, ukuba singafaki nto emlonyeni, side simbulale uPawulos; ke ngoku nina bhekisani kumthetheli-waka kunye nentlanganiso yamatyala, ukuba amhlise, eze naye kuni ngomso, ngokungathi niza kuziqiqa ngokukhona kucokisekileyo iindawo ezithethwa ngaye; sibe ke thina, engekasondeli, sesilungiselele ukumbulala.

IZenzo 26:9-11

Mna okunene ke bendiba ngelam, ndimelwe kukwenza izinto ezininzi ezichasene negama likaYesu waseNazarete. Endakwenzayo ke oko eYerusalem; nento eninzi yabangcwele ndayitshixela ezintolongweni, ndakuba ndamkele igunya kubabingeleli abakhulu; ndaza, bakuba besikwa, ndavuma. Nakuzo zonke izindlu zesikhungu ndibe ndibohlwaya futhi, ndibanyanzela ukuba banyelise; ndathi, ndibagezela ngokuncamisileyo, ndabatshutshisa, ndada ndesa kwimizi engaphandle.

IZenzo 26:21

Ngenxa yezi zinto amaYuda andibamba etempileni, azamela ukundibulala.

Kwabase Roma 2:7

abo bathi ngokomonde emsebenzini olungileyo bafune uzuko nembeko nokungonakali, abavuze ngobomi obungunaphakade;

Kwabase Roma 5:3

Asikukuphela ke oko; sizingca nangeembandezelo ezi, sisazi ukuba imbandezelo isebenza unyamezelo;

Kwabase Roma 5:6-10

Kuba uKristu uthe, sakubon’ ukuba sisengama-athalala, wabafela ngexesha elimisiweyo abangahloneli Thixo. Kuba kungangenkankulu ukuthi ubani afele ilungisa; kuba uthi mhlawumbi ubani abe nobuganga bokumfela olungileyo; ke yena uThixo uqondakalisa okwakhe ukusithanda ngokuthi, sakubon’ ukuba sisengaboni, uKristu asifele. Kokukhona sigwetyelwe nje ngegazi lakhe, siya kusindiswa ngaye kuyo ingqumbo. Kuba xa sithe, besiziintshaba nje, saxolelaniswa noThixo ngako ukufa koNyana wakhe: kokhona, sixolelanisiwe nje, siya kusindiswa ngobomi bakhe.

Kwabase Roma 6:3-7

Anazi na ukuba thina sonke, sabhaptizelwayo kuKristu Yesu, sabhaptizelwa ekufeni kwakhe? Ngoko ke sangcwatywa naye ngokubhaptizelwa ekufeni; ukuze, njengokuba uKristu wavuswayo kwabafileyo ngalo uzuko loYise, sithi ngokunjalo nathi sihambe sinobomi obutsha. Kuba xa similiselwe kuye ngentsobi yokufa kwakhe, somiliselwa kuye nangeyokuvuka kwakhe; sikwazi nje oku, ukuba umntu wethu omdala wabethelelwa emnqamlezweni kunye naye, ukuze umzimba wesono uphuthiswe, size singabi sasikhonza isono; kuba owafayo ugwetyelwe, wakhululwa kuso isono.

Kwabase Roma 6:8-11

Ukuba ke safa kunye noKristu, siyakholwa ukuba sodla ubomi kwakunye naye; sisazi ukuba uKristu, evusiwe nje kwabafileyo, akabi safa; ukufa akusamphathi ngabukhosi. Kuba ukufa awakufayo, wakufa kwisono kwaba kanye; ubomi ke abudlayo, ubudlela kuThixo. Ngokunjalo nani zibaleleni ekuthini, ningabafileyo okunene kwisono; kodwa ningabadla ubomi kuThixo, nikuKristu Yesu, iNkosi yethu.

Kwabase Roma 8:13-14

Kuba xa niphila ngokwenyama, niza kufa; ke ukuba niyazibulala ngoMoya, zife iintlondi zomzimba, nophila. Kuba bonke abakhokelwa nguMoya kaThixo, bangoonyana bakaThixo abo.

Kwabase Roma 8:17-18

Ukuba ke singabantwana, sikwaziindlalifa; iindlalifa zikaThixo, iindlalifa ke kunye noKristu; ukuba okunene siva ubunzima kunye naye, ukuze sizukiswe nokuzukiswa kunye naye. Kuba ndigqiba kwelithi, iintlungu zeli xesha lakalokunje azinakulinganiswa nobuqaqawuli obu buza kutyhilwa kuthi.

Kwabase Roma 8:22-23

Kuba siyazi ukuba yonke indalo iyancwina, inenimba kunye, unangoku. Asiyiyo ke yodwa; sisuka nathi, banayo intlahlela yoMoya, thina aba ke ngokwethu, sincwine ngaphakathi kwethu, silinde ukwenziwa oonyana; inkululeko yomzimba wethu ke leyo.

Kwabase Roma 8:28-30

Siyazi ke ukuba zonke izinto zisebenziselana okulungileyo kwabo bamthandayo uThixo, kwababiziweyo ngokwengqibo yakhe. Ngokuba abo wabaziyo ngenxa engaphambili, wabamisela ngenxa engaphambili ukuba bafane nomfanekiselo woNyana wakhe, ukuze abe ngowamazibulo kubazalwana abaninzi. Abo ke wabamisayo ngenxa engaphambili, wabuya wababiza bona; waza abo wababizayo, wabuya wabagwebela bona; abo ke wabagwebelayo, wabuya wabazukisa nokubazukisa bona.

Kwabase Roma 8:31-32

Sithini na ke ngoko kwezi zinto? Ukuba uThixo ungakuthi, ngubani na ongasichasayo? Lowo, gxebe, ungamconganga owakhe uNyana, wesuka wamnikela ngenxa yethu sonke, angathini na ukuba angasibabali ngazo zonke ezo zinto, ndawonye naye?

Kwabase Roma 8:35-39

Ngubani na oya kusahlula eluthandweni lukaKristu? Yimbandezelo na, luxinaniso na, yintshutshiso na, yindlala na, bubuze na, yingozi na, likrele na? Njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Ngenxa yakho sibulawa imini yonke; Sibalelwe ekuthini sizizimvu zokuxhelwa. Kanti ke kwezo zinto zonke, sisuka soyise sigqithisele, ngaye owasithandayo. Kuba ndeyisekile kukuba nakufa, nabomi, nazithunywa zezulu, nazilawuli, naziphathamandla, nanto zikhoyo, nanto zizayo, nabuphakamo, nabunzulu, nasinye isidalwa esisimbi, asiyi kuba nako ukusahlula thina eluthandweni lukaThixo, olukuye uKristu Yesu, iNkosi yethu.

Kwabase Roma 11:3-5

Nkosi, abaprofeti bakho ababulele, nezibingelelo zakho azichithile; mna ndisele ndedwa; afuna ke ubomi bam? Sisuka esikaThixo isihlabo sithini na kuye? Sithi, Ndizishiyele amadoda angamawaka asixhenxe, angagobanga dolo kuBhahali wona. Ngokunjalo ke ngoko, nakweli xesha lakalokunje, kukho amasalela ngokonyulo lobabalo.

Kwabase Roma 12:1-2

Ndiyanivuselela ngoko, bazalwana, ngeemfefe zikaThixo, ukuba niyinikele imizimba yenu ibe lidini eliphilileyo, elingcwele, elikholekileyo kuThixo: inkonzo yenu ke leyo yasengqondweni. Kanjalo ningamilisi okweli phakade; manibe kumila kumbi ngokuhlaziyeka kwengqiqo yenu, ukuze nikucikide into okuyiyo ukuthanda kukaThixo okulungileyo, okukholekileyo, okuzalisekileyo.

Kwabase Roma 12:12-14

mayela neNkosi le, khonzani; mayela nethemba, vuyani; mayela nembandezelo, nyamezelani; mayela nomthandazo, zingisani; mayela neentswelo zabangcwele, yibani nobudlelane; ukubuka iindwendwe kusukeleni. Basikeleleni abanitshutshisayo; sikelelani, ningaqalekisi.

Kwabase Roma 12:18-20

Ukuba kunokwenzeka, okukokwenu nina, hlalani ninoxolo nabantu bonke. Musani ukuziphindezelela, zint’anda; yikhweleleni ingqumbo; kuba kubhaliwe kwathiwa, Impindezelo yeyam, kuya kubuyekeza mna, itsho iNkosi. Ngoko ke, ukuba utshaba lwakho lulambile, luphe ludle; ukuba lunxaniwe, luseze; kuba ngokwenjenjalo ke, woba ufumba amalahle omlilo phezu kwentloko yalo.

Kwabase Roma 13:1-4

Yonke imiphefumlo mayiwalulamele amagunya awongamileyo. Kuba akukho gunya lingelilo elivela kuThixo; amagunya ke akhoyo amiswe nguThixo. Ngoko ke olichasayo igunya, umelene nommiselo kaThixo; abo ke bameleneyo nawo, baya kuziguqulela ukugwetywa. Kuba abaphathi aba asingabokoyikwa kwimisebenzi elungileyo, ngabokoyikwa kwemibi. Unga akungeloyiki na ke igunya? Yenza okulungileyo, wodunyiswa kwalilo; kuba lingumlungiseleli kaThixo, wokuba kulungele wena. Ke, ukuba usuka wenze okubi, yoyika; kuba alifumane laliphatha ikrele, kuba lingumlungiseleli kaThixo, umphindezeli ngengqumbo kowenza okubi.

Kwabase Roma 14:8-9

Kuba nokuba sithi sidle ubomi, sibudlela iNkosi; nokuba sithi sife, sifela iNkosi. Ngoko ke, nokuba sithi sidle ubomi, nokuba sithi sife, singabeNkosi. Kuba uKristu wafa, wabuya wavuka, wabuya wadla ubomi, ngenxa yoku, ukuze aphathe ubukhosi kwabafileyo, kwanakwabaphilileyo.

1 Kwabase Korinte 2:7-9

Sithetha ubulumko bukaThixo obusemfihlekweni, obo ke bufihlakeleyo, awathi uThixo ngenxa engaphambili, kwangaphambi kwawo amaphakade, wabumisela uzuko lwethu; ekungabangakho namnye wabaphathi beli phakade ubaziyo (kuba, ukuba babebazi, ngebengayibethelelanga emnqamlezweni iNkosi yozuko), njengoko ke kubhaliweyo, kwathiwa, Izinto ezingabonwanga liso, nezingaviwanga ndlebe, Nezingathanga qatha entliziyweni yomntu, Zizo uThixo awazilungisela abo bamthandayo.

1 Kwabase Korinte 3:16

Anazi na ukuba niyitempile kaThixo? Anazi na ukuba uMoya kaThixo umi ngaphakathi kwenu?

1 Kwabase Korinte 4:9

Kuba ngathi mna, uThixo thina bapostile usivelise mva, sanga singabamiselwe ukufa; kuba sanekwe senziwa intlekisa kulo ihlabathi, nakwizithunywa zezulu, nakubantu.

1 Kwabase Korinte 4:11-13

Kude kwaleli lixa langoku silamba, sinxanwa, sihamba ze, sintlithwa, singenasikhundla, sibulaleka, sisebenza ngezethu izandla; sithi, sitshabhiswa, sibe sisikelela; sithi sitshutshiwa, sibe sinyamezela; sithi sinyeliswa, sibe siyala; sixeliswa inkunkuma yehlabathi, inkuthu yezinto zonke, kude kube ngoku.

1 Kwabase Korinte 6:19-20

Anazi na, ukuba umzimba wenu uyitempile yoMoya oyiNgcwele ongaphakathi kwenu, eninaye evela kuThixo; nokuba ke aningabenu? Kuba nathengwa ngexabiso. Mzukiseni ke uThixo ngomzimba wenu nangomoya wenu, izinto ezizezikaThixo ezo.

1 Kwabase Korinte 11:26

Kuba ngamaxesha onke enisukuba nisidla eso sonka, niyisele loo ndebe, niyakwazisa ukufa kweNkosi, ide ifike.

1 Kwabase Korinte 13:3-7

Ndingafanelana ndisamkelisa amahlwempu ngempahla yam yonke, nokuba ndithe umzimba wam ndawunikela ukuba utshiswe, uthando ke ndingenalo, akundincedi lutho. Uthando luzeka kade umsindo, lunobubele; uthando alunamona; uthando alugwagwisi; alukhukhumali; alwenzi okuziintloni; alufuni okukokwalo kodwa; alucaphuki; alunanzondo; aluvuyeli kungalungisi; luvuyisana nenyaniso. Luthwala iinto zonke; lukholwa ziinto zonke; luthemba iinto zonke; lunyamezela iinto zonke.

1 Kwabase Korinte 15:20

UKristu yena kunje uvukile kwabafileyo, waba yintlahlela yabalele ukufa.

1 Kwabase Korinte 15:26

Olokugqibela utshaba oluya kubhangiswa kukufa;

1 Kwabase Korinte 15:31

Ndisekufeni imihla ngemihla; qondani ngokuzingca kwam ngani, endinako ndikuKristu Yesu, iNkosi yethu.

1 Kwabase Korinte 15:36

Msweli-kuqonda wena, into oyihlwayelayo ayenziwa iphile, ukuba ayikhanga ife.

1 Kwabase Korinte 15:42-44

Lunjalo ke kanye novuko lwabafileyo. Umzimba uhlwayelwa unokonakala, uvuka ungenakonakala. Uhlwayelwa uswele imbeko, uvuka unobuqaqawuli; uhlwayelwa uswele amandla, uvuka unamandla; kuhlwayelwa umzimba ongowemvelo, kuvuka umzimba ongowomoya. Kukho umzimba ongowemvelo, kukho nomzimba ongowomoya.

1 Kwabase Korinte 15:53-55

Kuba kumele oku konakalayo ukwambatha ukungonakali, noku kufayo ukwambatha ukungafi. Xa ke oku konakalayo kuthe kwambatha ukungonakali, noku kufayo kuthe kwambatha ukungafi, liya kwandula ukwenzeka ilizwi elibhaliweyo lokuthi, Ukufa kufincelwe eloyisweni. Luphi na, kufa, ulwamvila lwakho? Luphi na, Hadesi, uloyiso lwakho?

2 Kwabase Korinte 1:3-7

Makabongwe uThixo, uYise weNkosi yethu uYesu Kristu, uSozimfefe, uThixo onako konke ukuthuthuzela, osithuthuzelayo kuyo yonke imbandezelo yethu, ukuze sibe nako ukubathuthuzela abakwinto yonke eyimbandezelo, ngayo intuthuzelo esithuthuzelwa ngayo nathi nguye uThixo. Ngokuba, njengokuba iintlungu zikaKristu ziphuphumela kuthi, ngokunjalo ithi nentuthuzelo yethu iphuphume ngoKristu. Nokuba na ke siyabandezelwa, oko kwenzelwa ukuthuthuzela nokusindisa nina, ukusindisa ke okusebenzayo ngokunyamezela kwenu kwa-ezo ntlungu sizivayo nathi; nokuba na ke siyathuthuzelwa, oko kwenzelwa ukuthuthuzela nokusindisa nina. Kanjalo ithemba lethu ngani liqinisekile; sisazi ukuba, njengokuba ningamadlelane nathi ngazo iintlungu, ngokunjalo niyakuba ngawo nangentuthuzelo.

2 Kwabase Korinte 1:8-10

Kuba asithandi ukuba ningayazi, bazalwana, imbandezelo yethu eyasihlelayo kwelaseAsiya: ukuba saxineka ngokuncamisileyo, ngaphezu kwamandla ethu, ngokokude sibuncame kanye nobomi. Sasuka ngokwethu saba nesigwebo sokufa ngaphakathi kwethu, ukuze singabi ngabasazithembayo, sithembele kuThixo lo ubavusayo abafileyo; owasihlangulayo ekufeni okungako, osihlangulayo nangoku; esithembele kuye ukuba usaya kusihlangula:

2 Kwabase Korinte 4:7-12

Ke kaloku obu butyebi sibuphethe ngezitya zodongwe, ukuze incamisa yamandla ibe yekaThixo, ingaphumi kuthi. Siyabandezelwa ngeenxa zonke, singaxineki; siyathingaza, singancami; sitshutshiswa, asiyekelwa; sikhahlelwa phantsi, asitshatyalaliswa; sihlala sikuthwele ngomzimba ukufa kweNkosi uYesu ukuze nobomi bukaYesu bubonakalaliselwe emzimbeni wethu. Kuba thina badla ubomi simana sinikelwa ekufeni ngenxa kaYesu, ukuze nobomi bukaYesu bubonakalaliselwe enyameni yethu enokufa. Ngoko ke kusebenza ukufa kuthi, ke kuni kusebenza ubomi.

2 Kwabase Korinte 4:16-18

Kungoko singethi mandla; kuba nokuba umntu wethu wangaphandle uya esonakala, usuka yena owangaphakathi aye ehlaziyeka imihla ngemihla. Kuba ubukhaphukhaphu bembandezelo yethu eyeyomzuzwana busisebenzela ngokuncamise kwaphela ubuqaqawuli obukhulukazi obungunaphakade sakubon’ ukuba asixuneli ezintweni ezibonwayo, sixunela kwezingabonwayo. Kuba ezibonwayo zezomzuzwana, ke zona ezingabonwayo zezonaphakade.

2 Kwabase Korinte 5:1-5

Kuba siyazi ukuba, xa ithe yachithwa indlu yethu esemhlabeni, engulo mnquba, sinesakhiwo esiphuma kuThixo, indlu yona emazulwini, engenakwenziwa ngazandla, engunaphakade. Kuba kulo siyancwina, silangazelela ukwambatha, saleke indlu yethu yasemazulwini; ukuba siya kufunyanwa sambethe okunene, singeze. Kuba kwathina aba bakulo mnquba siyancwina sisindwa, kungengakuba sithanda ukuhlutywa; kungokuba sithanda ukwambathiswa saleke, ukuze okunokufa kufincwe bubomi. Ke kaloku lo usisebenzele kwaloo nto nguThixo, osinike nokusinika isinyaniso sakhe uMoya.

2 Kwabase Korinte 5:6-9

Ngoko ke sihlala somelele, sisazi ukuba, sikowethu nje emzimbeni, sikude kowethu eNkosini (kuba sihamba ngokholo, asihambi ngakubona); somelele ke, sikholisiwe nokukholiswa kanye kukuba kude nekhaya lethu elisemzimbeni, sibekho kwikhaya lethu eliseNkosini. Kungoko sizondelela ukuthi, nokuba sisekhaya, nokuba sikude nekhaya, sibe ngabakholekileyo kuyo.

2 Kwabase Korinte 5:14-15

Kuba lusifingile nje uthando lukaKristu, sigqibe kwelokuthi, ukuba ufele bonke emnye, ngoko bafile bonke abo; wabafela ke bonke, ukuze abo badla ubomi bangabi sazidlela ubomi, babudlele owafayo wavuka ngenxa yabo.

2 Kwabase Korinte 5:16-17

Ngoko ke thina, sisusela kweli xesha, asisazi namnye ngokwenyama; nokuba ke besimazi uKristu ngokwenyama, kungoku asisamazi ngokwenyama. Ngoko ke, ukuba ubani ukuKristu, usisidalwa esitsha; izinto ezindala zidlule; bonani ke, zisuke zaba ntsha izinto zonke zakhe.

2 Kwabase Korinte 6:3-10

kungabikho namnye esimmisela isikhubekiso, nokuba kukuwuphi na umcimbi, ukuze ulungiselelo lwethu lungabi nakubekwa bala; sisuka sithi emicimbini yonke siziqondakalise ngokwabalungiseleli bakaThixo, ngokunyamezela okukhulu, sisezimbandezelweni, sisezingxakekweni, sisezingxinanweni, sinemivumbo, sisezintolongweni, siseziphithiphithini, sibulaleka, singalali, sizila ukudla, sinobunyulu, sinokwazi, sinokuzeka kade umsindo, sinobubele, sinoMoya oyiNgcwele, sinothando olungahanahanisiyo, sinelizwi lenyaniso, sinamandla kaThixo, sineentonga zobulungisa zasekunene nezasekhohlo, sikuzuko nakwintswela-mbeko, sikudumo olubi nakudumo oluhle; ngathi singabalahlekisi, ukanti singabenyaniso; ngathi singabangaziwayo, ukanti singabaziwayo; ngathi singabafileyo, nanku Sisidla ubomi; ngathi singababethwayo, singabulawa noko; ngathi sibuhlungu, ukanti singabahlala bevuya; ngathi singamahlwempu, ukanti singabatyebisa abaninzi ke; ngathi singabangenanto, ukanti singabahlala benezinto zonke.

2 Kwabase Korinte 7:3-4

Anditsho ngakunigweba; kuba sendithe ngaphambili, nisezintliziyweni zethu ukuba sife nani, sidle ubomi nani. Ndinokungafihlisi okukhulu kuni, ndizingca kakhulu ngani; ndizele yintuthuzelo, ndiphuphuma uvuyo kakhulu kuyo yonke imbandezelo yethu.

2 Kwabase Korinte 8:2

okokuba ekucikidweni kwawo okukhulu yimbandezelo, kuthe ukuphuphuma kovuyo lwawo, nobuhlwempu bawo obendeleyo, kwaphuphumela ekutyebiseni ukunyanisa kwawo.

2 Kwabase Korinte 11:23-28

Bangabalungiseleli bakaKristu na? (Ndithetha nxamnye nengqondo.) Ndithi ndingongaphezulu mna, ngokubulaleka okugqithiseleyo, ngemivumbo egqithe emgceni, ngokuba sezintolongweni ngokugqithiseleyo, ngokuba sekufeni futhi. KumaYuda ndazuza kahlanu imivumbo emashumi mane kwaphuke mnye. Kukathathu ndibethwa ngeentswazi, okunye ndaxulutywa ngamatye, ndaphukelwa ngumkhombe kathathu, ndenze ubusuku nemini enzulwini; ndithi ndingongaphezulu ngokuhamba okufuthi, ngeengozi zemilambo, ngeengozi zezihange, ngeengozi zamakowethu, ngeengozi zeentlanga, ngeengozi phakathi komzi, ngeengozi entlango, ngeengozi elwandle, ngeengozi phakathi kwabazalwana ababuxoki; ngokubulaleka nangemigu, ngokungabi nakulala okufuthi, ngokulamba nokunxanwa, ngokuzila ukudla okufuthi, ngengqele nobuze. Ndingasazibali zona izinto ezingaphandle kwezo, ndingungelwe imihla ngemihla kukuwaxhalela onke amabandla kaThixo.

2 Kwabase Korinte 12:7-10

Kwathi, ukuze ndingaziphakamisi ngokungaphezulu ngenxa yezityhilelo eziyincamisa, ndanikwa uviko enyameni, isithunywa sikaSathana, ukuze sindintlithe, ukuze ndingaziphakamisi ngokungaphezulu. Ndayibongoza kathathu iNkosi ngaso isithunywa eso, ukuba sisuke kum. Ithe yona kum, Ubabalo lwam lukwanele; kuba amandla am azalisekiswa ekuswelekeni kwamandla. Ngoko kokukhona sendiya kuqhayisa kamnandi kakhulu ngokuswela kwam amandla, ukuze ahlale phezu kwam amandla kaKristu. Kungoko ndikholisiweyo kukuswela amandla, kukuphathwa kakubi, ziingxakeko, ziintshutshiso, ziingxinano, ngenxa kaKristu; kuba xa sukuba ndiswele amandla, kuxa ndinamandla.

KumaGalati 1:13

Kuba nayiva eyam ihambo eyayifudula isebuYudeni, ukuba ndaye ndilitshutshisa ndilibhuqa ibandla likaThixo ngokuncamisileyo;

KumaGalati 2:20

Ndibethelelwe emnqamlezweni noKristu; ayisendim ke odla ubomi, nguKristu ke oselesidla ubomi kum. Ubomi ke endibudlayo ngoku, ndisenyameni, ndibudlela ekukholweni kuNyana kaThixo, owandithandayo, wazinikela ngenxa yam.

KumaGalati 4:29

Kusuke, kwanjengokuba wayesithi oko owazalwa ngokwenyama amtshutshise owazalwa ngokoMoya, kwaba njalo nakaloku.

KumaGalati 5:24

Ke kaloku abo ke bakaKristu, inyama bayibethelele emnqamlezweni, kunye neminqweno neenkanuko zayo.

KumaGalati 6:8

ngokuba lowo uhlwayelela eyakhe inyama, wovuna ukonakala ngokwasenyameni; lowo uhlwayelela uMoya ke, wovuna ubomi obungunaphakade ngokwaseMoyeni.

KumaGalati 6:14

Mna ke mandingakhe ndiqhayise nganto, ingenguwo umnqamlezo weNkosi yethu uYesu Kristu, ekuthe ngaye ihlabathi kum labethelelwa emnqamlezweni, ndathi nam kwihlabathi ndabethelelwa emnqamlezweni.

Kwabase Efese 3:1

Ngenxa yoko, mna Pawulos, mbanjwa kaKristu Yesu ngenxa yenu zintlanga—

Kwabase Efese 3:13-14

Kungoko ndicelayo ukuba ningethi amandla ziimbandezelo zam, ezingenxa yenu, zona ezi ziluzuko lwenu. Ngenxa yoko ndiyawagoba amadolo am kuye uYise weNkosi yethu uYesu Kristu,

Kwabase Efese 4:1-2

Ndiyanivuselela ngoko, mna mbanjwa waseNkosini, ukuba nihambe ngokulufaneleyo ubizo enabizwa ngalo, ninako konke ukuthobeka kwentliziyo nobulali, ninokuzeka kade umsindo, ninyamezelana, nisenziwa luthando,

Kwabase Efese 5:2

nihambe eluthandweni, kwanjengokuba naye uKristu wasithandayo, wazinikela ngenxa yethu, ukuba abe ngumnikelo nedini kuye uThixo, ukuba abe livumba elimnandi.

Kwabase Filipi 1:12-14

Ke kaloku ndinga ningazi, bazalwana, ukuba izinto ezindihleleyo, zibethe kwakukhona zihambayo iindaba ezilungileyo; ngokokude iintambo zam ezi zibonakale kuyo yonke indlu yomkhosi nakwabanye bonke, ukuba zikuKristu; baze abona bazalwana baninzi bathi, beseNkosini, bekholose ngeentambo zam ezi, babe kukhona benobuganga bokulithetha ilizwi, bengenakoyika.

Kwabase Filipi 1:20

kuye ngokulangazelela nangokuthemba kwam, ukuba andiyi kudaniswa nganto; uya kusuka ngako konke ukungafihlisi, njengokwamaxesha onke, athi nangoku enziwe mkhulu uKristu emzimbeni wam, nokuba na kungobomi, nokuba kungokufa.

Kwabase Filipi 1:21-23

Kuba kum mna, ukudla ubomi kunguKristu, ukufa kuyinzuzo. Ke ukuba ukudla ubomi ndisenyameni kusisiqhamo somsebenzi kum oko, into ke endonyula yona andiyazi. Kuba ndixinekile phakathi kwezinto ezimbini; ndinawo umnqweno wokunga ndinganduluka, ndiye kuba noKristu; kuba kokona kulungileyo kakhulu oko;

Kwabase Filipi 1:28-29

ningothuswa nantweni-nye ngabo bachasayo; into ke leyo engumbonakalaliso wentshabalalo okunene kubo, kodwa ingumbonakalaliso wosindiso kuni, kube ke oko kuvela kuThixo. Ngokuba nababalwa ukuthi, ngenxa kaKristu, ninganeli kukholwa kuye; nababalwa nokuva ubunzima ngenxa yakhe,

Kwabase Filipi 2:8

wathi ngemo efunyenwe enjengomntu, wazithoba, waba ngolulamileyo, wada wesa ekufeni, ukufa ke kwasemnqamlezweni.

Kwabase Filipi 2:17

Ewe, nokuba ndiyathululwa ngokomnikelo phezu kombingelelo nombuso wokholo lwenu, ndiyavuya, ndivuyisana nani nonke.

Kwabase Filipi 2:30

ngokuba, ngenxa yomsebenzi kaKristu, wada waphantsa ukufa, ebenza isichenge ubomi bakhe, ukuze enzelelele ukusilela kwenu ekundilungiseleleni.

Kwabase Filipi 3:3

Kuba abolwaluko sithi, thina bakhonza uThixo ngomoya, siqhayise ngoKristu Yesu, singakholosi ngenyama;

Kwabase Filipi 3:7-11

Ndisuke, zona ezo zinto zabe ziyinzuzo kum, zona ezo ndazibalela ekuthini ziyinkxwaleko ngenxa kaKristu. Ewe, okunene, ndisuka izinto zonke ndizibalele ekuthini ziyinkxwaleko, ngenxa yokongama kokumazi uKristu Yesu iNkosi yam; endithe ngenxa yakhe ndonakalelwa zezi zinto zonke, ndizibalela ekuthini ziyinkunkuma, ukuze ndimzuze uKristu, ndifunyanwe ndikuye, ndingenabo obam ubulungisa, obo basemthethweni; ndinobo bungokukholwa kuKristu, ubulungisa ke obuphuma kuThixo ngalo ukholo; ukuba ndimazi, kwanamandla ovuko lwakhe, nokuba ndibe nobudlelane naye ngeentlungu zakhe, ndifaniswe noko kufa kwakhe; ukuba ndingade ndifikelele ekuvukeni kwabafileyo.

Kwabase Filipi 3:20-21

Kuba thina ikowethu lisemazulwini, apho kananjalo silinde khona kwauMsindisi, iNkosi uYesu Kristu; eya kuwenza kumila kumbi umzimba wokuthobeka kwethu, ukuze wona wenziwe ufane nawo umzimba wozuko lwakhe, ngokokusebenza kwalowo unako ukuzithobela phantsi kwakhe zonke izinto.

Kwabase Filipi 4:4

Vuyani eNkosini amaxesha onke; ndiyaphinda ndithi, Vuyani.

Kwabase Filipi 4:6-7

Ningaxhaleli nto; mazithi iingcelo zenu ezintweni zonke, ngako ukuthandaza nokukhunga, ndawonye nokubulela, zaziswe kuye uThixo. Lwaye uxolo lukaThixo, olugqithisele kuko konke ukuqonda, luya kuzigcina iintliziyo zenu neengqiqo zenu kuKristu Yesu.

Kwabase Kolose 1:24

Ngoku ndiyavuya ezintlungwini zam ngenxa yenu, ndikuzalisa kanye okusileleyo kwiimbandezelo zikaKristu, enyameni yam, ngenxa yomzimba wakhe olilo ibandla;

Kwabase Kolose 3:1-5

Ukuba ngoko navuswa kunye noKristu, funani izinto zaphezulu, apho akhona uKristu, ehleli ngasekunene kukaThixo. Nyamekelani izinto zaphezulu, zingabi zezasemhlabeni. Kuba nafayo, baye ubomi benu bufihlakele ndawonye noKristu kuye uThixo. Xa athe wabonakalaliswa uKristu, obubomi bethu, ngelo xesha niya kubonakalaliswa nani, ninaye ebuqaqawulini. Bhubhisani ngoko amalungu enu asemhlabeni: umbulo, ukungcola, ukuthabatheka okuhlazisayo, inkanuko embi, nokubawa, okuyinkonzo yezithixo kona oko;

Kwabase Kolose 3:24

nisazi nje ukuba niya kuyamkela eNkosini imbuyekezo yelifa; kuba nikhonza iNkosi uKristu.

1 Kwabase Tesalonika 1:6

Nani naba ngabaxelisa thina nayo iNkosi, nalamkelayo nje ilizwi nisembandezelweni eninzi, ninovuyo loMoya oyiNgcwele;

1 Kwabase Tesalonika 2:15

wona ayibulalayo iNkosi uYesu kwanabawo abaprofeti, asitshutshisa nathi, engamkholosi uThixo, echasene nabantu bonke;

1 Kwabase Tesalonika 3:3-4

kungabikho namnye ushukunyiswayo zezi mbandezelo; kuba nisazi ngokwenu ukuba simiselwe zona. Kuba xenikweni besikuni, sanixelela ngenxa engaphambili ukuba siza kubandezelwa; njengokuba kwaba njalo, nani niyazi.

1 Kwabase Tesalonika 4:13-15

Ke kaloku andithandi ukuba ningazi, bazalwana, mayela nabalele ukufa, ukuze ningabi buhlungu njengabanye abangenathemba bona. Kuba xa sikholwa ukuba uYesu wafa, wabuya wavuka, kwangokunjalo naye uThixo woza nabo abalele ukufa ngaye uYesu, kunye naye. Kuba oku siyakutsho kuni ngelizwi leNkosi ukuthi, thina babudlayo ubomi, baya kuba besekho ekufikeni kweNkosi, asisayi kubaphangela abalele ukufa.

1 Kwabase Tesalonika 5:10

owasifelayo, ukuze nokuba sihleli, nokuba silele, sidle ubomi kwakunye naye.

1 Kwabase Tesalonika 5:16-18

Hlalani nivuya. Thandazani ningayeki. Ezintweni zonke bulelani; kuba oko kukuthanda kukaThixo kuKristu Yesu ngani.

2 Kwabase Tesalonika 1:4-10

ngokokude thina ngokwethu siqhayise ngani emabandleni kaThixo, ngenxa yonyamezelo lwenu, nokholo lwenu, ezintshutshisweni zenu zonke, nasezimbandezelweni enizinyamezelayo; umbonakaliso ke lowo womgwebo onobulungisa kaThixo, ukuze nibalelwe ekuthini nibufanele ubukumkani bukaThixo, enithi ngenxa yabo nive nokuva ubunzima; ukuba kanti yinto ebubulungisa kuThixo ukubabuyekeza ngembandezelo abanibandezelayo; athi, nina babandezelwayo, anibuyekeze ngokuniphumza kunye nathi, ekutyhilekeni kweNkosi uYesu, ivela emazulwini inezithunywa zamandla ayo; inomlilo odangazelayo, ibaphindezela abangamaziyo uThixo, nabangazilulameliyo iindaba ezilungileyo zeNkosi yethu uYesu Kristu; bona abo baya kuva ukubethwa, intshabalalo engunaphakade ke leyo, bemke ebusweni beNkosi, nasebuqaqawulini bokomelela kwayo; xa ithe yeza kuzukiswa kubangcwele bayo, imangaliseke kubo bonke abakholwayo (ngokuba nakholwa bubungqina bethu kuni), ngaloo mini.

1 KuTimoti 6:19

baziqwebele isiseko esihle, base exesheni eliza kuza, ukuze babubambe ubomi obungunaphakade.

2 KuTimoti 1:7-10

Kuba uThixo akasinikanga moya wabugwala; wasinika owamandla, nowothando, nowesidima. Ngoko ke musa ukuba nazintloni ngabo ubungqina beNkosi yethu, nangam, mna mbanjwa wayo; suka uve ububi kunye nam ngenxa yeendaba ezilungileyo, ngokwamandla kaThixo; owasisindisayo, wasibiza ngobizo olungcwele, engenzi ngokwemisebenzi yethu, esenza ngokweyakhe ingqibo, nobabalo, esababalwa ngalo ngoKristu Yesu phambi kwamaxesha aphakade; lwabonakaliswa ke ngoku ngako ukubonakala koMsindisi wethu uYesu Kristu, owakubhangisayo okunene ukufa, kodwa wabukhanyisa ubomi nokungonakali, ngazo iindaba ezilungileyo ezi;

2 KuTimoti 1:12

endithi kananjalo ngenxa yeli thuba ndive obu bunzima. Noko ke andinazintloni; kuba ndiyamazi endikholiweyo nguye; kanjalo ndithi, ndeyisekile ukuba unako ukuyigcina into endimphathisileyo, ese kuloo mini.

2 KuTimoti 2:3-4

Wena ngoko bunyamezele ububi, njengomphumi-mkhosi olungileyo kaKristu Yesu. Akukho namnye uthi, ephuma umkhosi, azibhijele ngemicimbi yobu bomi; ukuze amkholise lowo umnyulele ukuphuma umkhosi.

2 KuTimoti 2:8-12

Mkhumbule uYesu Kristu, engovukileyo kwabafileyo, engowembewu kaDavide, ngokweendaba zam ezilungileyo; endiva ububi ngenxa yazo, kude kuse ezintanjeni, njengomenzi wobubi; ke lona ilizwi likaThixo alibotshiwe. Ngenxa yoko izinto zonke ndiyazinyamezela ngenxa yabo abanyulwa, ukuze nabo bamkele usindiso olukuKristu Yesu, ndawonye nozuko olungunaphakade. Lithembekile ilizwi eli: Kuba xa safa naye, sodla ubomi kwandawonye naye; ukuba siyanyamezela, solawula kwandawonye naye; ukuba siyamkhanyela, naye wosikhanyela;

2 KuTimoti 3:10-12

Ke wena uyilandile eyam imfundiso, ihambo, ingqibo, ukholo, ukuzeka kade umsindo, uthando, unyamezelo, iintshutshiso, iintlungu ezinjengezo zandihlelayo kwa-Antiyokwe, eIkoniyo, eListra; ukutshutshiswa okunjengoko ndakuthwalayo, yaza iNkosi yandihlangula kuko konke. Nabo bonke ke abathanda ukuhlala ngokuhlonela uThixo kuKristu Yesu baya kutshutshiswa.

2 KuTimoti 4:5-8

Ke wena yiba yingcathu ezintweni zonke, nyamezela ububi, umsebenzi womshumayeli weendaba ezilungileyo wenze, buzalise ubulungiseleli bakho. Kuba mna sendithululwa ngokomnikelo; nalo ixesha lokunduluka kwam likufuphi. Umzamo omhle ndiwuzamile, ugqatso ndilufezile, ukholo ndilugcinile. Okokugqibela ndibekelwe isithsaba sobulungisa, eya kundibuyisela ngaso ngaloo mini iNkosi, umgwebi olilungisa; ingabi ndim ndedwa ke, ibe ngabo bonke abakuthandayo ukubonakala kwayo.

KuFilemon 1:1

UPawulos, umbanjwa kaKristu Yesu, noTimoti umzalwana, babhalela uFilemon oyintanda, osebenzisana nathi,

KuFilemon 1:9

noko ngenxa yothando ndisuka kanye ndikubongoze, ndingonjengoPawulos ixhego, ngoku ke ndikwangumbanjwa kaYesu Kristu.

KumaHebhere 2:9-10

Ke sibona lo uncitshiswe kancinane kunezithunywa zezulu, uYesu ke, ethe ngenxa yeentlungu zokufa wathweswa uzuko nembeko, ukuze ngobabalo lukaThixo eve ukufa ngenxa yabo bonke. Kuba bekumfanele lowo, ezingenxa yakhe zonke izinto ezo, nezingaye zonke izinto ezo, ekubeni ezise oonyana abaninzi eluzukweni, ukuthi ayenze ngeentlungu igqibelele imbangi yosindiso lwabo.

KumaHebhere 2:14-15

Ekubeni ngoko abantwana abo bengamadlelane naye ngenyama negazi, wathi naye ngokwakhe ngokukwanjalo wabelana nabo ngezo zinto, ukuze ngako ukufa ambhangise lowo unamandla okufa, oko kukuthi, uMtyholi lo; abakhulule ebukhobokeni bonke abo babethe ngalo lonke ixesha lokudla kwabo ubomi bazizisulu zokoyika ukufa.

KumaHebhere 4:9-11

Ngoko ke abantu bakaThixo balindwe luphumlo olunjengolwesabatha. Kuba lowo ungeneyo ekuphumleni kwakhe, naye ngokwakhe uphumle kuyo imisebenzi yakhe, njengoThixo kweyeyakhe. Masikhuthalele ngoko ukungena koko kuphumla, ukuze kungabikho namnye ubuya eyele kwakuloo mzekelo wokungeva.

KumaHebhere 5:7-9

Owathi ngemihla yenyama yakhe, xa wayesondeze izikhungo kwanezibongozo kulowo unako ukumsindisa ekufeni, kunye nodanduluko olunamandla, neenyembezi, waviwa ngenxa yokumhlonela kwakhe uThixo. Nakuba ebenguNyana, wafunda ukululama ngobunzima awabuvayo; waza, egqibelele, waba yimbangi yosindiso olungunaphakade kubo bonke abamlulamelayo,

KumaHebhere 10:32-35

Zikhumbuzeni ke imihla yangaphambili, enakhanyiselwa ngayo, nanyamezela umzamo omkhulu weentlungu; enaphatha ukuthi nenziwe isibonelo ngeengcikivo kwaneembandezelo, naphatha ukuthi nibe ngamadlelana nabo bahamba ngokunjalo. Kuba navelana nam ndisezintanjeni; kananjalo nakwamkela ngovuyo ukuphangwa kweempahla zenu, nisazi ukuba ninayo kuni ngokwenu emazulwini eyona mpahla ilungileyo, ihlala ihleli. Musani ukukulahla ngoko ukungafihlisi kwenu, kona kunokwamkela umvuzo omkhulu.

KumaHebhere 11:13-16

Aba bonke bafa ngokokholo, bengawafumananga amadinga; besuka bawabona kude, bakholosa, bathakazela, bavuma ukuba bangabasemzini, balundwendwe emhla beni. Kuba abo bathetha izinto ezinjalo, babonakalalisa ukuba bangxamele ikowabo. Ke, ukuba okunene babekhumbula elo babephuma kulo, ngebaba nethuba lokubuyela kulo. Kodwa ngoku bazolulela kwelona lilungileyo, oko kukuthi, kwelasemazulwini. Kungoko uThixo angenazintloni ngabo, ukuba kuthiwe unguThixo wabo, kuba ebalungisele umzi.

KumaHebhere 11:25-27

enyula kanye ukuba aphathwe kakubi, ndawonye nabantu bakaThixo, kunokuba axhamle izono okomzuzwana; ekubalele ukungcikivwa kukaKristu kububutyebi obungaphezu kobutyebi baseYiputa, kuba wayekhangele ukwamkela umvuzo. Ngokholo wayishiya iYiputa, akawoyika umsindo wokumkani; kuba wakrota, wanga uyambona lowo ungenakubonwa.

KumaHebhere 11:32-38

Ndisathetha ntoni na? Kuba ndingaphelelwa lixesha ndibalisa ngoGidiyon, kwanoBharaki, noSamson, noYifeta, kwanoDavide, noSamuweli, nangabo abaprofeti; abathe ngokholo beyisa izikumkani, basebenza ubulungisa, bazuzana namadinga, bavingca imilomo yeengonyama, bacima amandla omlilo, basinda kwiintlangothi zekrele, bomelela ekubeni bebeswele amandla, baba ngamagorha emfazweni, bagxotha imikhosi yabasemzini. Abafazi babazuza abafileyo babo bevukile; abanye ke batyakatywa, bengalwamkelanga ukhululo, ukuze bazuzane nolona luvuko lululo. Bambi ke benziwa intlekisa, batyakatywa; phezu koko ke baviswa imixokelelwane nentolongo; baxulutywa ngamatye; basarhwa; bahendwa; bafa kukubulawa ngekrele; bahamba ngeengubo zeegusha nangeengaga zeebhokhwe, beswele, bebandezelwe, bephathwa kakubi (elalingabafanele ihlabathi), bedinga koozintlango, noozintaba, noomiqolomba, nakwimingxuma yomhlaba.

KumaHebhere 12:1

Ngako oko ke, sinelifu elingakanana nje elisingqongileyo lamangqina, masithi nathi, siwubekile nxamnye wonke umthwalo, naso isono esinokusirhawula ngokusisulu, silubaleke ngomonde ugqatso olubekwe phambi kwethu;

KumaHebhere 12:2-4

sise amehlo kuyo iMbangi noMgqibelelisi wokholo lwethu, uYesu, owathi, ngenxa yovuyo olwalubekwe phambi kwakhe, wawunyamezela umnqamlezo, elidelile ihlazo, waza wahlala phantsi ngasekunene kwetrone kaThixo. Ewe, mqondeni lowo ukunyamezeleyo ukumphikisa okungaka kwaboni, ukuze ningadinwa, ingatyhafi imiphefumlo yenu. Anikachasi kude kube segazini, nizamana naso isono.

KumaHebhere 13:12-14

Kungoko athe noYesu, ukuze abangcwalise abantu ngelilelakhe igazi, weva ubunzima ngaphandle kwesango. Masiphume ke ngoko siye kuye ngaphandle kweminquba, sithwele ingcikivo yakhe. Kuba apha asinamzi uhleliyo, singxamele lowo uza kuza.

EkaYakobi 1:2-4

Kubaleleni ekuthini kuluvuyo olukhulu, bazalwana bam, xa nithe nagaxeleka ezilingweni ngezilingo, nisazi nje ukuba ucikido lokholo lwenu lusebenza umonde. Umonde ke mawube nomsebenzi ozalisekileyo, ukuze nibe ngabazalisekileyo, abagqibeleleyo, ningaswele nto.

EkaYakobi 1:12

Inoyolo indoda ekunyamezelayo ukulingwa; ngokuba yothi, yakuba icikidekile, isamkele isithsaba sobomi, ebabeke ngedinga iNkosi abo bayithandayo.

EkaYakobi 5:10-11

Bathabatheni, bazalwana bam, abaprofeti ababethetha egameni leNkosi, babe ngumzekelo wokuva ubunzima, nowokunyamezela. Yabonani, sithi, banoyolo abo banyamezelayo. Unyamezelo lukaYobhi naluva, nesigqibo seNkosi nasibona, ngokuba iNkosi inemfesane enkulu, inenceba.

1 KaPetros 1:4-5

sibe nelifa elingenakonakala, elingenakudyobheka, elingenakuguga, eniligcinelweyo emazulwini, nina bathe ngamandla kaThixo ngokholo balondolozelwa elusindisweni, olulungiselwe ukutyhilwa ngexesha lokugqibela.

1 KaPetros 2:4-5

Nisiza nje kuyo, ililitye eliphilileyo, licekisiwe okunene ngabantu, kodwa linyuliwe nguThixo, linqabile: nani ngokwenu, njengamatye aphilileyo, yakhekani nibe yindlu eyiyeyomoya, isibingeleli esingcwele sokunyusa imibingelelo eyiyeyomoya, eyamkeleka kakuhle kuye uThixo ngoYesu Kristu.

1 KaPetros 2:21-23

Kuba nabizelwa oko; ngokuba noKristu weva ubunzima ngenxa yethu, esishiya nomzekelo, ukuze silandele emkhondweni wakhe: ongenzanga sono, ekungafunyanwanga nkohliso emlonyeni wakhe; obesithi, etshabhiswa, angaphindezeli atshabhise, athi esiva ubunzima, angaphindezeli asongele; ke ubeyekele kulowo ugwebayo ngokobulungisa;

1 KaPetros 3:14

Nokuba nithe neva ubunzima ngenxa yobulungisa, ninoyolo; musani ukoyika ngokoyikisa kwabo, ningakhathazeki nokukhathazeka.

1 KaPetros 3:18

Ngokuba noKristu wabuva kwakanye ubunzima ngenxa yezono, ilungisa lisiva ubunzima ngenxa yabangemalungisa, ukuze asisondeze kuye uThixo; ebulewe okunene esenyameni, kodwa edliswe ubomi ekuwo umoya.

1 KaPetros 4:12-14

Zintanda, musani ukuwuthela nqa umlilo okhoyo phakathi kwenu wokunilinga, ngathi nihlelwa yinto yokuthelwa nqa. Yithini, njengoko ningamadlelane ngeentlungu zikaKristu, nivuye; ukuze, nasekutyhilekeni kobuqaqawuli bakhe, nivuye nigcoba. Ukuba niyangcikivwa ngenxa yegama likaKristu, ninoyolo; ngokuba uMoya wozuko nokaThixo uphumle phezu kwenu; ngokukokwabo okunene uyanyeliswa, kodwa ngokukokwenu uyazukiswa.

1 KaPetros 4:16

Ukuba ke ubani uva ubunzima ngokuba engumKristu, makangadani; makamzukise ke uThixo ngaloo ndawo.

1 KaPetros 4:19

Ngoko ke abo babuvayo ubunzima ngokokuthanda kukaThixo, mabayiyaleze kuye imiphefumlo yabo, enguMdali othembekileyo ekwenzeni okulungileyo.

1 KaPetros 5:4

Nothi, akubonakala uMalusi oyintloko, nisifumane isithsaba salo uzuko esingabuniyo.

1 KaPetros 5:6-10

Zithobeni ngoko ngaphantsi kwesandla esinamandla sikaThixo, ukuze aniphakamise ngexesha elifanelekileyo. Lonke ixhala lenu liphoseni phezu kwakhe, ngokuba yena enikhathalele. Yibani nobungcathu, phaphani; ngokuba ummangaleli wenu, uMtyholi, uhamba njengengonyama egqumayo, efuna ubani angamginyayo; mchaseni lowo, nizimasekile elukholweni, nisazi ukuba kwaezo ntlungu ziyenzeka kubo abazalwana benu abasehlabathini. Ke kaloku uThixo walo lonke ubabalo, owasibizelayo eluzukweni lwakhe olungunaphakade, sikuKristu Yesu, wanga angathi ngokwakhe, nakuba nive ubunzima umzuzwana, anilungise nigqibelele, anizimase, anomeleze, anisekele.

1 UYohane 3:12

singabi njengoKayin, obengowongendawo, wambulala umninawa wakhe. Wambulalelani na? Ngokuba imisebenzi yakhe ibingendawo, ke yona eyomninawa wakhe ibinobulungisa.

1 UYohane 3:13-16

Musani ukumangaliswa, bazalwana bam, ukuba ihlabathi linithiyile. Thina siyazi ukuba sidlule ekufeni, sangena ebomini, ngokuba sibathanda abazalwana. Lowo ungamthandiyo umzalwana uhleli ekufeni. Lowo umthiyileyo umzalwana wakhe usisibulala-mntu; niyazi ukuba akukho sibulala-mntu sinobomi bungunaphakade buhleliyo kuso. Ngale nto silwazile uthando, kuba yena wasincamela ubomi bakhe; nathi ke sifanele ukubancamela abazalwana ubomi bethu.

1 UYohane 4:4

Nina ningabakaThixo, bantwanana, nibeyisile bona; ngokuba lowo ukuni nguyena mkhulu kunalowo usehlabathini.

1 UYohane 5:4-5

Ngokuba konke okuzelweyo nguThixo kuyaleyisa ihlabathi; lulo ke olu uloyiso oluleyisayo ihlabathi, ukholo lwethu. Ngubani na lowo uleyisayo ihlabathi, ingenguye okholwayo ukuba uYesu unguye uNyana kaThixo?

IsiTyhilelo 1:7-8

Yabonani, uza namafu; aye eya kumbona amehlo onke, kwanabo bamhlabayo; zaye ziya kummbambazelela zonke izizwe zomhlaba. Ewe, amen. Mna ndinguAlfa no-Omega, isiqalo nesiphelo; itsho iNkosi, leyo ikhoyo, yayikho, izayo, uSomandla.

IsiTyhilelo 1:18

ndaye ndifile; yabona, ndingobudlayo ubomi kuse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen. Ndinazo nezitshixo zelabafileyo nezokufa.

IsiTyhilelo 2:7

Lowo unendlebe, makayive into ayithethayo uMoya kuwo amabandla. Lowo weyisayo ndiya kumnika ukuthi adle kumthi wobomi, ophakathi kweParadisi kaThixo.

IsiTyhilelo 2:8-10

Isithunywa sebandla eliseSmirna, sibhalele uthi: Utsho lowo ungowokuqala, ungowokugqibela, owayefile, waza wabuya wadla ubomi, ukuthi: Ndiyayazi imisebenzi yakho, nembandezelo, nobuhlwempu (noko usisityebi), nonyeliso lwabo bathi bangamaYuda bona, bengengawo, besisikhungu sikaSathana. Musa ukoyika nabunye ubunzima oza kubuva. Yabona, uMtyholi uza kuyiphosa inxenye yenu entolongweni, ukuze nilingwe: niya kuba nembandezelo imihla elishumi; thembeka kude kube sekufeni, ndokunika isithsaba sobomi.

IsiTyhilelo 2:11

Lowo unendlebe, makayive into ayithethayo uMoya kuwo amabandla. Lowo weyisayo akayi kukha oniwe kukufa kwesibini.

IsiTyhilelo 2:13

Ndiyayazi imisebenzi yakho, nalapho uhleli khona, apho ikhona itrone kaSathana; nokuba ulibambe waliqinisa igama lam, akwakukhanyela ukukholwa kum, nasemihleni uAntipasi, owabulawelwa kuni, apho ahleli khona uSathana, wayelingqina lam elithembekileyo.

IsiTyhilelo 2:17

Lowo unendlebe makayive into ayithethayo uMoya kuwo amabandla. Lowo weyisayo ndiya kumnika ukuba adle kuyo imana efihlakeleyo, ndimnike ilitye elimhlophe; elityeni apho ke igama elitsha libhaliwe, lingaziwa bani ingenguye olamkelayo.

IsiTyhilelo 2:26-29

Lowo weyisayo, lowo uyigcinayo imisebenzi yam, ade ase ekupheleni, ndomnika igunya phezu kwazo iintlanga. Uya kuzalusa ngentonga yentsimbi, njengokuba izitya zomdongwe zityunyuzwa, njengokuba nam ndamkele kuye uBawo; ndiya kumnika ikhwezi lokusa. Lowo unendlebe, makayive into ayithethayo uMoya kuwo amabandla.

IsiTyhilelo 3:5-6

Lowo weyisayo uya kuthiwa wambu ngeengubo ezimhlophe. Andisayi kulicima igama lakhe encwadini yobomi; ndiya kulivuma igama lakhe emehlweni kaBawo, naphambi kwezithunywa zakhe zasemazulwini. Lowo unendlebe, makayive into ayithethayo uMoya kuwo amabandla.

IsiTyhilelo 3:12-13

Lowo weyisayo ndiya kumenza intsika etempileni yoThixo wam. Akayi kuba saphuma phandle; ndaye ndiya kulibhalela phezu kwakhe igama loThixo wam, negama lomzi woThixo wam, iYerusalem entsha, ehla emazulwini ivela kuThixo wam, negama lam elitsha. Lowo unendlebe, makayive into ayithethayo uMoya kuwo amabandla.

IsiTyhilelo 3:21-22

Lowo weyisayo, ndiya kumvumela ukuba ahlale nam etroneni yam, njengokuba nam ndeyisayo, ndaza ndahlala phantsi noBawo etroneni yakhe. Lowo unendlebe, makayive into ayithethayo uMoya kuwo amabandla.

IsiTyhilelo 6:9-11

Xa yalivulayo elesihlanu itywina, ndayibona ngaphantsi kwesibingelelo imiphefumlo yabo babesikwe ngenxa yelizwi likaThixo, nangenxa yobungqina ababenabo. Baye bedanduluka ngezwi elikhulu, besithi, Koda kube nini na, Mnini-nto-zonke oyingcwele, oyinyaniso, ungagwebi, ungaliphindezeleli igazi lethu kubo abemiyo phezu komhlaba? Banikwa bonke ngabanye iingubo ezinde ezimhlophe; kwathiwa kubo, basaya kuphumla ixesha elincinane, bade bazaliseke nabangabakhonzi nabo, nabazalwana babo, abaza kubulawa kwanjengabo.

IsiTyhilelo 7:9

Emva koko ndabona, naso isihlwele esikhulu, ebekungekho namnye unako ukusibala, siphuma kuzo zonke iintlanga, nezizwe, nabantu, neelwimi, simi phambi kwetrone naphambi kweMvana, bethiwe wambu ngeengubo ezinde ezimhlophe, benamasundu ezandleni zabo,

IsiTyhilelo 7:13-17

Yaphendula enye indoda enkulu, isithi kum, Aba bathiwe wambu ngeengubo ezinde ezimhlophe bangoobani na? bevela phi na? Ndithi kuyo, Nkosi, nguwe owaziyo. Yathi kum, Aba ngabaphumayo embandezelweni enkulu, bazihlamba iingubo zabo ezinde, bazenza mhlophe egazini leMvana. Ngenxa yoko baphambi kwetrone kaThixo, bemkhonza imini nobusuku etempileni yakhe; nalowo uhleli phezu kwetrone uya kuba ngumnquba phezu kwabo. Abayi kuba salamba, abayi kuba sanxanwa; aliyi kubawela nelanga, nabunye ubushushu; ngokuba iMvana esesazulwini setrone iya kubalusa, ibakhokelele emithonjeni ephilileyo yamanzi; waye uThixo eya kuzisula iinyembezi zonke emehlweni abo.

IsiTyhilelo 11:18

Iintlanga zaqumba, Yeza ingqumbo yakho, Leza nexesha labo bafileyo ukuba bagwetywe, Nelokubanika umvuzo wabo abakhonzi bakho abaprofeti, nabo bangcwele, Nabo baloyikayo igama lakho, abancinane nabakhulu, Nelokonakalisa abo bawonakalisayo umhlaba.

IsiTyhilelo 12:11

Bameyisile bona ngenxa yegazi leMvana, nangenxa yelizwi lobungqina babo; abawuthandanga umphefumlo wabo, kwada kwasekufeni.

IsiTyhilelo 12:17

Yamqumbela umfazi inamba, yemka yaya kulwa nabaseleyo bembewu yakhe, abo bayigcinayo imithetho kaThixo, abanobungqina bukaYesu Kristu.

IsiTyhilelo 13:7

Lanikwa igunya lokulwa nabangcwele, libeyise; lanikwa igunya kuzo zonke izizwe, neelwimi, neentlanga.

IsiTyhilelo 13:15-18

Lanikwa igunya lokuwunika umfanekiselo werhamncwa umoya, ukuze umfanekiselo werhamncwa elo uthethe nokuthetha, wenze ukuba babulawe abasukuba bengaqubudi kuwo umfanekiselo werhamncwa. Lenza bonke, abancinane nabakhulu, abazizityebi nabangamahlwempu, abakhululekileyo nabangamakhoboka, ukuba baphawulwe lilo esandleni sabo sokunene, nokuba kusemabunzini, abo. nokuze kungabikho mntu unako ukuthenga nokuthengisa, ingenguye lowo unophawu, nokuba ligama lerhamncwa, nokuba linani legama lalo. Nabu ubulumko. Lowo unengqiqo makalibale inani lerhamncwa; kuba linani lomntu; inani lalo ke lingamakhulu omathandathu anamanci mathandathu anesithandathu.

IsiTyhilelo 14:12-13

Nalu unyamezelo lwabangcwele; naba abayigcinayo imithetho kaThixo nokukholwa kuYesu. Ndeva izwi liphuma emazulwini, lisithi kum, Bhala, uthi, Banoyolo abafi, abo bafela eNkosini, kuthabathela apha; ewe, utsho uMoya, ukuba baphumle ekubulalekeni kwabo; imisebenzi yabo ke ilandelana nabo.

IsiTyhilelo 17:6

Ndayibona inkazana leyo inxila ligazi labangcwele, naligazi lamangqina kaYesu. Ndamangaliswa ngokumangaliswa okukhulu ndakuyibona.

IsiTyhilelo 18:23-24

Nokukhanya kwesibane akusayi kuba sakhanya kuwe; Nezwi lomyeni nelomtshakazi alisayi kuba saviwa kuwe; Ngokuba abarhwebi bakho bebengamanene omhlaba; Ngokuba zonke iintlanga zalahlekiswa kukukhafula kwakho. Kuwo kwafunyanwa igazi labaprofeti, nelabangcwele, Nelabo bonke abasikiweyo emhlabeni.

IsiTyhilelo 19:13-14

Yena wayethiwe wambu ngengubo ethiwe nkxu egazini; igama lakhe kuthiwa nguLizwi likaThixo. Yaye imikhosi esemazulwini imlandela, ikumahashe amhlophe, bambethe ilinen ecikizekileyo, eqaqambileyo, emhlophe.

IsiTyhilelo 20:4-6

Ndabona iitrone, nabahleli phezu kwazo, banikwa ugwebo. Ndayibona imiphefumlo yababenqunyulwe iintloko ngezembe, ngenxa yobungqina bukaYesu, nangenxa yelizwi likaThixo, abasukuba bengalinqulanga irhamncwa nomfanekiselo walo, abangalwamkelanga uphawu lwalo ebunzini nasesandleni sabo; badla ubomi, baba ngookumkani kunye noKristu iminyaka eliwaka. Ke abafileyo abaseleyo ababuyanga badle bomi, yada yazaliseka iminyaka eliwaka. Olo luvuko lokuqala. Unoyolo, ungcwele, lowo unesabelo eluvukweni lokuqala; ukufa kwesibini akunagunya kubo abanjalo; baya kusuka babe ngababingeleli bakaThixo nabakaKristu, babe ngookumkani kunye naye iminyaka eliwaka.

IsiTyhilelo 21:4-6

Azisule uThixo zonke iinyembezi emehlweni abo, Kungabi sabakho kufa, Kungabi sabakho nasijwili, nakukhala, nantlungu; Ngokuba izinto zokuqala zigqithile. Waza lowo uhleli phezu kwetrone wathi, Uyabona, izinto zonke ndizenza ntsha. Athi kum, Bhala; ngokuba lawo ngamazwi ayinyaniso, athembekileyo. Wathi kum, Kwenzekile; mna ndinguAlfa no-Omega, isiqalo nesiphelo; mna ndomnika lowo unxaniweyo emthonjeni wamanzi obomi, ngesisa.

IsiTyhilelo 21:7

Lowo weyisayo uya kuzidla ilifa izinto zonke; ndiya kuba nguThixo wakhe, yena abe ngunyana wam.

IsiTyhilelo 22:12-13

Yabona, ndiyeza kamsinya; umvuzo wam unam, ukuba ndivuze elowo njengoko umsebenzi wakhe uya kuba njalo. Mna ndinguAlfa no-Omega, isiqalo nesiphelo, owokuqala nowokugqibela.

Xhosa - Xhosa - XH

XHB - Henry Hare Dugmore Xhosa Bible - 1859

This Bible text is Public Domain.
https://bibles.org/bible/3ce5ffb017c7b41e-01/GEN.1/
Languages are made available to you by www.ipedge.net