01 – IBhayibhile Engcwele

La ngamazwi angcwele kaThixo uSomandla.
Asinamdla kwizinto ezithethwa ngabantu.
Nabani na othanda uThixo . . . Nantsi into uThixo ayithethayo ngaye: IBhayibhile Engcwele.

Iivesi ezi-3 eziPhambili

2 KuTimoti 3:16

Sonke isibhalo, siphefumlelwe nguThixo nje, sikwancedela ukufundisa, ukohlwaya, ukululeka, ukuqeqesha okusebulungiseni,

UMateyu 5:18

Kuba inene ndithi kuni, Koda kudlule izulu nehlabathi, kungakhanga kudlule nalinye iganyana nokuba lisuntswana emthethweni, kude kwenzeke konke.

UYohane 12:48

Lowo undigibayo, angawamkeli amazwi am, unaye omgwebayo; ilizwi endilithethileyo, lilo eliya kumgweba ngomhla wokugqibela.

Zonke iivesi ngokulandelelana kweCanonical - 343 izicatshulwa

Genesis 1:4

Wakubona ke uThixo ukukhanya ukuba kulungile, wahlula uThixo phakathi kokukhanya nobumnyama.

Genesis 3:1

Ke kaloku inyoka yaye inobuqhophololo ngaphezu kwazo zonke izinto eziphilileyo zasendle, abezenzile uYehova uThixo. Yathi kumfazi Utshilo na okunene uThixo ukuthi, Ze ningadli kuyo yonke imithi yomyezo?

Genesis 6:5

Wabona uThixo ukuba ububi babantu bandile ehlabathini, konke ukuyila kweengcinga zentliziyo yabo kubububi bodwa imihla yonke.

Eksodus 15:3

UYehova yindoda elwayo, UYehova ligama lakhe.

Eksodus 24:3-4

Waya uMoses, wabaxelela abantu onke amazwi kaYehova, namasiko onke. Baphendula bonke abantu ngazwi-nye, bathi, Onke amazwi awathethileyo uYehova sowenza. Wawabhala uMoses onke amazwi kaYehova, wavuka kusasa, wakha isibingelelo emazantsi entaba, nezimiso zamatye zalishumi elinazibini, ngokwezizwe ezilishumi elinazibini zakwaSirayeli.

Numeri 23:19

UThixo akamntu ukuba athethe amanga, Akanyana waluntu ukuba azohlwaye. Etshilo nje yena, akayi kwenza na? Ethethile nje, akayi kufeza na?

Duteronomi 4:2

Ize ningongezi ezwini endiniwisela umthetho ngalo, ize ninganciphisi nto kulo, ukuze niyigcine imithetho kaYehova uThixo wenu, endiniwisela yona.

Duteronomi 4:5-6

Yabonani, ndinifundise imimiselo namasiko, njengoko ndawiselwa umthetho nguYehova uThixo wam, ukuze nenze ngokunjalo phakathi kwelizwe eningena kulo, ukuba nilime. Yigcineni ke niyenze; ngokuba oku bubulumko benu, nengqondo yenu, emehlweni abantu abaya kuyiva yonke le mimiselo; bathi, Olu hlanga lukhulu ngabantu abalumkileyo, abanengqondo bodwa.

Duteronomi 4:10

ngokukodwa umhla owema ngawo phambi koYehova uThixo wakho eHorebhe, akuthi uYehova kum, babizele ndawonye kum abantu, ndibavise amazwi am, ukuze bafunde ukundoyika yonke imihla abaphila ngayo emhlabeni, bafundise noonyana babo.

Duteronomi 4:24

Ngokuba uYehova uThixo wakho ungumlilo odlayo, unguThixo onekhwele.

Duteronomi 5:32

Nize nizigcine ukuba nenze njengoko uYehova uThixo wenu waniwisela umthetho, ningatyekeli ekunene nasekhohlo.

Duteronomi 6:5-9

Uze umthande uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho yonke, nangomphefumlo wakho wonke, nangamandla akho onke. La mazwi ndikuwisela umthetho ngawo namhlanje, aze abe sentliziyweni yakho. Uze uwatsolise koonyana bakho, uthethe ngawo ekuhlaleni kwakho endlwini yakho, nasekuhambeni kwakho ngendlela, nasekulaleni kwakho, nasekuvukeni kwakho; uwabophe esandleni sakho abe ngumqondiso, abe zizikhumbuzo phakathi kwamehlo akho; uwabhale emigubasini yendlu yakho, nasemasangweni akho.

Duteronomi 8:3

Wakuthoba, wakulambisa, wakudlisa imana, into obungayazi, ababengayazi nooyihlo; ukuze akwazise ukuba akaphili ngasonka sodwa umntu; umntu lo yena uphila ngento yonke ephuma emlonyeni kaYehova.

Duteronomi 8:6

uyigcine ke imithetho kaYehova uThixo wakho, ukuba uhambe ngeendlela zakhe, umoyike.

Duteronomi 9:13

Wathi uYehova kum, Ndibabonile aba bantu; yabona, ngabantu abantamo ilukhuni;

Duteronomi 10:12-13

Kaloku ke, Sirayeli, uYehova uThixo wakho ubiza ntoni na kuwe, kungekuko ukumoyika uYehova uThixo wakho, uhambe ngeendlela zakhe zonke, umthande, umkhonze uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho yonke, nangomphefumlo wakho wonke; ugcine imithetho kaYehova, nemimiselo yakhe, endikumiselayo namhla ukuba kulunge kuwe?

Duteronomi 11:1

Ngoko ke uze umthande uYehova uThixo wakho, ugcine isigxina sakhe, nemimiselo yakhe, namasiko akhe, nemithetho yakhe, imihla yonke.

Duteronomi 11:18-20

La mazwi am nize niwabekele intliziyo yenu nomphefumlo wenu niwabophe esandleni senu, abe ngumqondiso, abe zizikhumbuzo phakathi kwamehlo enu; niwafundise oonyana benu, uthethe ngawo ekuhlaleni kwakho endlwini yakho, nasekuhambeni kwakho ngendlela, nasekulaleni kwakho, nasekuvukeni kwakho; uwabhale emigubasini yendlu yakho, nasemasangweni akho:

Duteronomi 11:26-28

Yabonani, ndibeka phambi kwenu namhla intsikelelo nesiqalekiso: intsikelelo, ukuba nithe nayiphulaphula imithetho kaYehova uThixo wenu, endiniwiselayo namhla; isiqalekiso, ukuba nithe anayiphulaphula imithetho kaYehova uThixo wenu, nesuka natyeka endleleni leyo ndiniwisele umthetho ngayo namhla, nalandela thixo bambi eningabazanga.

Duteronomi 12:32

Into yonke endisukuba ndiniwisele umthetho ngayo, ize nigcine ukuyenza; uze ungongezi kuyo unganciphisi nto.

Duteronomi 13:1-4

Xa kuthe kwavela phakathi kwakho umprofeti nomphuphi wamaphupha, wakunika imiqondiso nezimanga, yabakho ke imiqondiso nezimanga azithethileyo kuwe, esithi, Masilandele thixo bambi ongabaziyo, sibakhonze: uze ungawaphulaphuli amazwi aloo mprofeti naloo mphuphi wamaphupha; ngokuba kusukuba enilinga uYehova uThixo wenu, ukuze azi ukuba niyamthanda na uYehova uThixo wenu ngentliziyo yenu yonke, nangomphefumlo wenu wonke. Nize nilandele uYehova uThixo wenu, noyike yena, nigcine imithetho yakhe, niphulaphule ilizwi lakhe, nikhonze yena, ninamathele kuye.

Duteronomi 17:19

Yoba ngakuye alese kuyo imihla yonke yobomi bakhe, ukuze afunde ukumoyika uYehova uThixo wakho, nokuwagcina onke amazwi alo myalelo nale mimiselo, ukuba awenze;

Duteronomi 26:16

Namhlanje uYehova uThixo wakho ukuwisele umthetho, ukuba uyenze le mimiselo nala masiko; uwagcine ke, uwenze ngentliziyo yakho yonke, nangomphefumlo wakho wonke.

Duteronomi 27:26

Uqalekisiwe ongawamisiyo amazwi alo myalelo ukuba awenze; bathi bonke abantu, Amen.

Duteronomi 28:1

Kothi, ukuba uthe waliphulaphula ngenkuthalo izwi likaYehova uThixo wakho, ukuba ugcine wenze yonke imithetho yakhe endikuwiselayo namhla, uYehova uThixo wakho akuphakamise ngaphezu kweentlanga zonke zehlabathi;

Duteronomi 28:15

Ke Kothi, ukuba uyigcine uyenze imithetho yakhe nemimiselo yakhe endikuwiselayo namhla, zize phezu kwakho ezi ziqalekiso zonke zikufumane:

Duteronomi 29:29

Izinto ezisitheleyo zezikaYehova uThixo wethu; izinto ezityhilekileyo zezethu, nezoonyana bethu kude kuse ephakadeni, ukuze siwenze onke amazwi alo myalelo.

Duteronomi 30:10

xa uthe waliphulaphula izwi likaYehova uThixo wakho, ukuba uyigcine imithetho yakhe nemimiselo yakhe, ebhaliweyo encwadini yalo myalelo; xa uthe wabuyela kuYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho yonke, nangomphefumlo wakho wonke.

Duteronomi 30:19

Ndingqinisisa amazulu nehlabathi namhla ngani; ndibeke phambi kwenu ubomi nokufa, intsikelelo nesiqalekiso. Nyula ke ubomi, ukuze uphile, wena nembewu yakho;

Duteronomi 31:12

Bobizelwa ndawonye abantu, amadoda, nabafazi, nabantwana, nomphambukeli wakho osemasangweni akho, ukuze beve, nokuze bafunde, bamoyike uYehova uThixo wenu, bagcine ukuwenza onke amazwi alo myalelo;

Duteronomi 31:26-27

Yithabatheni incwadi yalo myalelo, niyibeke ecaleni letyeya yomnqophiso kaYehova uThixo wenu, ibe lingqina khona kuni. Ngokuba ndiyazazi iinkani zakho, nentamo yakho elukhuni. Yabonani, ndisadla ubomi nje, ndisenani, namana niphikisana noYehova; kobeka phi na emva kokufa kwam?

UYoshuwa 1:8

Ize ingesuki incwadi yalo myalelo emlonyeni wakho; uze ucinge ngayo imini nobusuku, ukuze ugcine, ukwenze konke okubhaliweyo kuyo; ngokuba woba nokuphumelela ngendlela yakho oko, ukwenze ngengqiqo oko.

1 KaSamuweli 12:24

Kodwa moyikeni uYehova, nimkhonze ngenyaniso, ngentliziyo yenu yonke; ngokuba kuboneni okukhulu anenzele khona.

1 KaSamuweli 15:22-24

Wathi uSamuweli, UYehova unonelele amadini anyukayo nemibingelelo, ngangokuba enonelele ukuphulaphulwa kwezwi likaYehova, yini na? Yabona, ukuphulaphula kulungile ngaphezu kombingelelo, nokubaza iindlebe kulungile ngaphezu kwamanqatha eenkunzi zeegusha. Ngokuba ukuba neenkani kusisono esinjengokuvumisa, ubungqola bunjengenkonzo yezithixo nemilondekhaya. Ngenxa yokuba ulicekisile ilizwi likaYehova, naye ukucekisile ukuba ungabi kumkani. Wathi uSawule kuSamuweli, Ndonile; ngokuba ndigqithile emthethweni kaYehova naselizwini lakho; kuba bendisoyika abantu, ndaphulaphula izwi labo.

2 KaSamuweli 22:22-23

Ngokuba ndazigcina iindlela zikaYehova, Andemka ngokungendawo kuThixo wam. Ngokuba onke amasiko akhe aphambi kwam; Nemimiselo yakhe, andityekanga kuyo.

2 YooKumkani 17:14

Abeva, bazenza lukhuni iintamo zabo, njengeentamo zooyise abangakholwanga nguYehova uThixo wabo.

2 YeziKronike 34:21

Yiyani nibuzise kuYehova ngenxa yam, nangenxa yamasalela akwaSirayeli nakwaYuda, malunga namazwi ale ncwadi ifunyenweyo; ngokuba bukhulu ubushushu bukaYehova, obuphalazelwe phezu kwethu, ngenxa enokuba oobawo bengaligcinanga ilizwi likaYehova, ukuba benze njengoko konke kubhaliweyo kule ncwadi.

2 YeziKronike 36:16

Baye bebagculela abathunywa bakaThixo, bewadela amazwi akhe, bebagxeka abaprofeti bakhe, bada benyuka ubushushu bukaYehova, beza kubantu bakhe, kwada akwabakho mpilo.

UEzra 7:10

ngokuba uEzra intliziyo yakhe wayeyibhekise ekuwufuneni umyalelo kaYehova, awenze, afundise ummiselo nesiko kwaSirayeli.

UEzra 9:4

Ndahlanganisela kum bonke abagubha ngamazwi kaThixo kaSirayeli ngenxa yobumenemene babafuduswayo; ndahlala phantsi ndimangalisiwe, kwada kwalilixa lomnikelo wokudla wangokuhlwa.

UYobhi 21:14

Bathi kuThixo, Suka kuthi, Asikunanzile ukuzazi iindlela zakho.

UYobhi 23:12

Emthethweni wemilebe yomlomo wakhe andisukanga; Ndiwabekile amazwi omlomo wakhe kunowam ummiselo.

UYobhi 38:1-4

Waza uYehova wamphendula uYobhi, esemoyeni ovuthuzayo, wathi, Ngubani na lo usitha icebo Ngokuthetha okungenakwazi? Khawuwabhinqise njengomfo amanqe akho, Ndikubuze, undazise. Ubuphi na wena ukuseka kwam ihlabathi? Xela, ukuba uyazi, uyaqonda.

IiNdumiso 1:2

Yena unonelela umyalelo kaYehova; Ucamanga ngomyalelo wakhe imini nobusuku:

IiNdumiso 12:6-7

Amazwi kaYehova ngamazwi acocekileyo, Yisilivere enyibilikiselwe eziko, yela emhlabeni, Ehluzwe kasixhenxe. Wena, Yehova, uya kubagcina, Uya kubalondoloza kwesi sizukulwana ngonaphakade.

IiNdumiso 18:21

Ngokuba ndizigcina iindlela zikaYehova, Andemka ngokungendawo kuThixo wam.

IiNdumiso 18:30

UThixo yena, igqibelele indlela yakhe; Ilizwi likaYehova linyibilikisiwe, Uyingweletshetshe kubo bonke abazimela ngaye.

IiNdumiso 19:7-11

Umyalelo kaYehova ugqibelele, ubuyisa umphefumlo; Isingqino sikaYehova sinyanisekile, sinika isiyatha ubulumko. Izimiselo zikaYehova zithe tye, zivuyisa intliziyo; Umthetho kaYehova unyulu, ukhanyisela amehlo. Ukoyika uYehova kucocekile, kumi ngonaphakade; Izigwebo zikaYehova ziyinyaniso, zibubulungisa kwaphela. Zinokunqweneleka kunegolide zona, nakunengcwengiweyo eninzi; Zimnandi kunobusi, kunencindi yobusi. Zikwamkhanyisela umkhonzi wakho; Ekuzigcineni mkhulu umvuzo.

IiNdumiso 26:3

Ngokuba inceba yakho iphambi kwamehlo am, Ndihamba enyanisweni yakho.

IiNdumiso 29:4

Izwi likaYehova linamandla, Izwi likaYehova linobungangamela;

IiNdumiso 31:5

Ndiwuyaleza umoya wam esandleni sakho; Uyandikhulula, Yehova, Thixo wenyaniso.

IiNdumiso 32:8-9

Ndiya kukuqiqisa ndikuyalele indlela owohamba ngayo: Ndiya kukucebisa, iliso lam likuwe. Musani ukuba njengamahashe, njengoondlebende, ukungabi nangqondo; Abazivatho zingumkhala, neentambo zokubabopha umlomo; Bengenazo abasayi kusondela kuwe.

IiNdumiso 33:8

Malimoyike uYehova lonke ihlabathi, Bamhlonele bonke abemi belimiweyo;

IiNdumiso 33:11

Icebo likaYehova limi ngonaphakade, Iingcinga zentliziyo yakhe kwizizukulwana ngezizukulwana.

IiNdumiso 34:11

Yizani, bonyana, phulaphulani kum; Ndonifundisa ukoyika uYehova.

IiNdumiso 40:7-10

Ndaza ndathi, Yabona, Ndiyeza; encwadini esongwayo kubhaliwe ngam. Ukwenza okulikholo kuwe, Thixo wam, ndikunanzile; Nomyalelo wakho usezibilinini zam ngaphakathi. Ndashumayela iindaba ezilungileyo zobulungisa ebandleni elikhulu; Yabona, andiwuthintelanga umlomo wam; Yehova, wena uyazi. Ubulungisa bakho andibugqumanga phakathi kwentliziyo yam; Ndakukhankanya ukuthembeka kwakho nosindiso lwakho; Andiyikhanyelanga inceba yakho nenyaniso yakho ebandleni elikhulu.

IiNdumiso 50:16-17

Ke kongendawo uthi uThixo, Useke phi na wena ukuxela ummiselo wam, Uwuphathe ngomlomo wakho umnqophiso wam, Uyithiyile nje intethiso wena, Uwaphose nje amazwi am emva kwakho?

IiNdumiso 51:10

Dala phakathi kwam, Thixo, intliziyo ehlambulukileyo, Uhlaziye umoya oqinisekileyo phakathi kwam.

IiNdumiso 68:11

INkosi iya kukhupha izwi elinamandla, Ube mkhulu umkhosi weentokazi ezishumayela iindaba ezilungileyo.

IiNdumiso 78:10

Abawugcinanga umnqophiso kaThixo, Abavumanga ukuhamba ngomyalelo wakhe;

IiNdumiso 81:11-15

Ke abantu bam abaliva izwi lam, USirayeli akandivumanga. Ndabanikela ebungqoleni beentliziyo zabo; Bahamba ngawabo amaqhinga. Akwaba abantu bam bebendiva, Akwaba uSirayeli ubehamba ngendlela yam! Bendiya kuzithoba kamsinya iintshaba zabo, Ndisibuyisele phezu kwababandezeli babo isandla sam. Abamthiyayo uYehova bebeya kuhanahanisa kuye, Libe ngunaphakade ixesha labo.

IiNdumiso 86:11

Ndiyalele, Yehova, indlela yakho, Ndihambe ngenyaniso yakho; Yibandakanye intliziyo yam ukuba ndiloyike igama lakho.

IiNdumiso 89:7

UThixo ongowokungcangcazelelwa ebhungeni elikhulu labangcwele, Ongofanelwe kukoyikwa ngaphezu kwabo bonke abamngqongileyo?

IiNdumiso 105:28

Wathumela ubumnyama, kwaba mnyama; Ababa nakuwaphikisa amazwi akhe.

IiNdumiso 107:11-12

Ngokuba bephikise amazwi kaThixo, Belitshitshisa icebo lOsenyangweni: Wayithoba intliziyo yabo ngokubasebenzisa kanzima; Bakhubeka, akwabakho mncedi.

IiNdumiso 107:20

Wathumela ilizwi lakhe, wabaphilisa, Wabasiza ezihogweni zabo.

IiNdumiso 111:7-8

Izenzo zezandla zakhe ziyinyaniso nesiko; Zithembekile zonke iziyalezo zakhe. Zizimasekile nanini nangonaphakade; Zenziwe ngenyaniso, zithe tye.

IiNdumiso 111:10

Ingqalo yobulumko kukoyika uYehova, Banengqiqo elungileyo bonke abenza ngako; Indumiso yakhe ihlala imi.

IiNdumiso 112:1

Haleluya! Hayi, uyolo lomntu omoyikayo uYehova, Oyinoneleleyo kunene imithetho yakhe!

IiNdumiso 118:8-9

Kulungile ukuzimela ngoYehova, Ngaphezu kokukholosa ngomntu. Kulungile ukuzimela ngoYehova Ngaphezu kokukholosa ngamanene.

IiNdumiso 119:1

Hayi, uyolo lwabandlela igqibeleleyo, Bona bahambayo ngomyalelo kaYehova!

IiNdumiso 119:6

Bendingayi kudana ke Ekubhekeni kwam kwimithetho yakho yonke.

IiNdumiso 119:9

Umfana uya kuwuqaqambisa ngantoni na umendo wakhe? Ngokuzigcina ngokwelizwi lakho.

IiNdumiso 119:10

Ndiya kuquqela kuwe ngentliziyo yam yonke; Musa ukundilahlekanisa nemithetho yakho.

IiNdumiso 119:11

Ndiyibeke intetho yakho entliziyweni yam, Ukuze ndingoni kuwe.

IiNdumiso 119:13

Ndiyawabalisa ngemilebe yomlomo wam Onke amasiko omlomo wakho.

IiNdumiso 119:18

Vula amehlo am, ukuba ndiyibone Imisebenzi ebalulekileyo yasemyalelweni wakho.

IiNdumiso 119:20

Umphefumlo wam ucumkile ngokulangazelela Amasiko akho ngamaxesha onke.

IiNdumiso 119:21

Ubakhalimele abakhukhumali, Abaqalekiswa abo, balahlekeneyo nemithetho yakho.

IiNdumiso 119:29

Indlela yobuxoki yisuse kum; Ndibabale umyalelo wakho.

IiNdumiso 119:30

Ndiyinyule indlela yokuthembeka; Amasiko akho ndijolise kuwo.

IiNdumiso 119:34

Ndiqondise, ndibambe umyalelo wakho, Ndiwugcine ngentliziyo yonke.

IiNdumiso 119:44

Ndowugcina umyalelo wakho ngamaxesha onke, Ngonaphakade kanaphakade;

IiNdumiso 119:47

Ndoziyolisa ngemithetho yakho Endiyithandayo;

IiNdumiso 119:53

Ndingenwe ngumsindo oshushu, Ndisenziwa ngabangendawo abalahla umyalelo wakho.

IiNdumiso 119:60

Ndikhawulezile andazila-zila Ukugcina imithetho yakho.

IiNdumiso 119:71

Kundilungele okokuba ndacinezelwayo, Ukuze ndiyifunde imimiselo yakho.

IiNdumiso 119:72

Ulungile kum umyalelo womlomo wakho, Ngaphezu kwamawaka egolide nesilivere.

IiNdumiso 119:89

Lingunaphakade, Yehova, Limi emazulwini ilizwi lakho.

IiNdumiso 119:97

Hayi, ukuwuthanda kwam umyalelo wakho! Imini le yonke ndiyacamngca ngawo.

IiNdumiso 119:103

Hayi, ukuba mnandi kwentetho yakho ekhuhlangubeni lam! Igqithe nobusi emlonyeni wam.

IiNdumiso 119:104

Ngeziyalezo zakho ndinokuqonda, Ngenxa yoko ndiwuthiyile wonke umendo wobuxoki.

IiNdumiso 119:105

Lisisibane seenyawo zam ilizwi lakho, Likukukhanya emendweni wam.

IiNdumiso 119:112

Intliziyo yam ndiyithobele ekwenzeni imimiselo yakho Ngonaphakade, kuphele.

IiNdumiso 119:115

Sukani kum, nina benzi beento ezimbi, Ndibambe imithetho yoThixo wam.

IiNdumiso 119:118

Ubacukucezile bonke abalahlekana nemimiselo yakho, Ngokuba inkohliso yabo ibubuxoki.

IiNdumiso 119:126

Lilixa lokuba uYehova enze, Kuba bawaphule umyalelo wakho.

IiNdumiso 119:136

Ahla imijelo yamanzi amehlo am, Ngenxa yokuba bengawugcini umyalelo wakho.

IiNdumiso 119:139

Ikhwele lam lindibhangisile, Ngokuba abandibandezelayo bewalibele amazwi akho.

IiNdumiso 119:141

Ndimncinane, ndideliwe, Noko andizilibali iziyalezo zakho.

IiNdumiso 119:142

Ubulungisa bakho bubulungisa obungunaphakade, Umyalelo wakho uyinyaniso.

IiNdumiso 119:148

Amehlo am aphengela imilindo yasebusuku, Ukuze ndicamngce ngentetho yakho.

IiNdumiso 119:160

Isimbuku selizwi lakho siyinyaniso iphela, Zingunaphakade zonke izigwebo zobulungisa bakho.

IiNdumiso 119:161

Abathetheli bandisukela ngelize, Intliziyo yam iyankwantyiswa ngamazwi akho.

IiNdumiso 119:162

Ndinemihlali ngentetho yakho, Njengofumene ixhoba elininzi.

IiNdumiso 119:174

Ndilangazelela usindiso lwakho, Yehova; Umyalelo wakho uyandiyolisa.

IiNdumiso 138:2

Ndiya kuqubuda ndibhekise etempileni yakho engcwele, Ndibulele kwigama lakho, ngenxa yenceba yakho, nangenxa yenyaniso yakho; Kuba ulikhulisile ilizwi lakho ngaphezu kwegama lakho lonke.

ImiZekeliso 1:7

Ukoyika uYehova kukuqala kokwazi; Ubulumko noqeqesho izimathane ziludelile.

ImiZekeliso 1:22

Kunini na, ziyathandini, nithanda ubuyatha, Abagxeki befuna ukugxeka, Izinyabi zithiya ukwazi?

ImiZekeliso 1:29-31

Ngethuba lokuba bakuthiyile ukwazi, Abakunyula ukoyika uYehova; Abalivuma icebo lam, Basigiba sonke isohlwayo sam: Baya kudla ke isiqhamo sendlela yabo, Bahluthe ngamacebo abo.

ImiZekeliso 2:2-5

Ukuze uyibazele ubulumko indlebe yakho, Uyithobele ukuqonda intliziyo yakho; Ewe, ukuba uthe wayibiza ingqondo, Walisa ekuqondeni ilizwi lakho; Ukuba uthe wabufuna njengesilivere, Wabumba njengobutyebi obuselelweyo: Uya kwandula ukukuqonda ukoyika uYehova, Ukufumane ukumazi uThixo,

ImiZekeliso 3:3

Inceba nenyaniso mayingakushiyi; Zinxibe kuwe emqaleni; Zibhale elucwecweni lwentliziyo yakho,

ImiZekeliso 3:5

Kholosa ngoYehova ngentliziyo yakho yonke, Ungayami okwakho ukuqonda.

ImiZekeliso 4:5-6

Rhweba ubulumko, rhweba ingqondo; Musa ukulibala, ungathi gu bucala entethweni yomlomo wam. Musa ukubushiya, bokugcina; Buthande, bokulondoloza.

ImiZekeliso 4:20-21

Nyana wam, wabazele indlebe amazwi am; Intetho yam yithobele indlebe yakho. Mayingemki emehlweni akho; Yigcine entliziyweni yakho ngaphakathi.

ImiZekeliso 4:25-27

Amehlo akho makakhangele athi gca, Neenkophe zakho zithi nzo kokuphambi kwakho. Lungelelanisa umkhondo wonyawo lwakho, Zonke iindlela zakho zizimaseke. Musa ukuthi gu bucala ngasekunene nangasekhohlo; Susa unyawo lwakho entweni embi.

ImiZekeliso 6:23

Ngokuba usisibane umthetho, silukhanyiso isiyalo; Zinyindlela yobomi izohlwayo eziqeqeshayo;

ImiZekeliso 8:13

Ukoyika uYehova kukuthiya into embi: Ikratshi nokukratsha, nendlela embi, Nomlomo onempenduka, ndiwuthiyile.

ImiZekeliso 9:8

Musa ukumohlwaya umgxeki, hleze akuthiye; Yohlwaya isilumko, sokuthanda.

ImiZekeliso 9:10

Yingqalo yokulumka ukoyika uYehova; Ukumazi oyiNgcwele kwaphela yingqondo.

ImiZekeliso 14:27

Ukoyika uYehova lithende lobomi, Ukuze kusukwe ezirhintyelweni zokufa.

ImiZekeliso 16:16

Ukurhweba ubulumko kungakanani na ukulunga kwako, ngaphezu kwegolide embiweyo! Nokurhweba ingqondo kungakanani na ukunyuleka kwako, ngaphezu kwesilivere!

ImiZekeliso 23:9

Musa ukuthetha ezindlebeni zesinyabi; Ngokuba siya kuyidela ingqiqo yokukhuluma kwakho.

ImiZekeliso 28:9

Osusa indlebe yakhe ekusiphulaphuleni isiyalo, Kwanomthandazo wakhe ulisikizi.

ImiZekeliso 30:5-6

Yonke intetho kaThixo inyibilikisiwe. Uyingweletshetshe kwabazimela ngaye. Musa ukongeza emazwini akhe, Hleze akohlwaye, ube ngothetha amanga.

EcclesiastesImiZekeliso 12:13

Ukuhlanganiswa kwentetho, yakuba ivakele into yonke, nanku: Yoyika uThixo, ugcine imithetho yakhe; ngokuba indawo leyo yimfanelo yoluntu lonke.

UIsaya 5:24

Ngako oko, njengokuba ulwimi lomlilo luzidla iindiza, nesikhotha esomileyo sibohla edangatyeni: kwangokunjalo ingcambu yabo iya kuba njengento evundileyo, nentyantyambo yabo inyuke njengothuli; kuba besilahlile isiyalo sikaYehova wemikhosi, bayigiba intetho yoyiNgcwele kaSirayeli.

UIsaya 6:9

Ndathi, Ndikho, thuma mna. Yathi, Yiya, uthi kubo aba bantu, Yivani, ukuva oku niya kuva, ningaqondi; qiqani, ukubona oku niya kubona, ningaqiqi.

UIsaya 8:20

Bhekani esiyalweni, esingqinweni! Ukuba bathe abathetha ngokwelo lizwi, boba abanasifingo.

UIsaya 30:8-13

Yiya ngoku, ukrole oko elucwecweni unabo, ukubhale encwadini, kube yinto yemihla ezayo, yanini, yaphakade. Ngokuba ngabantu abaneenkani, ngoonyana abaxokayo, ngoonyana abangavumiyo ukusiva isiyalo sikaYehova; abathi kwiimboni, Ze ningaboni; nakwiinkangeli, Ze ningasikhangeleli izinto ezithe gca; sithetheleni izinto ezigudileyo; khangelani izinto eziyinkohliso; tyekani endleleni, yithini gu bucala emendweni; menzeni aphele ebusweni bethu oyiNgcwele kaSirayeli. Ngako oko utsho oyiNgcwele kaSirayeli ukuthi, Ngokokuba nilicekisile elo lizwi, nakholosa ngokucudisa nangobugwenxa, nayama khona: ngako oko, obo bugwenxa kuni buya kuba njengendawo ekrazukileyo, ewayo, ezimkayo eludongeni olude, ekuqhekeka kwayo kuza ngesiquphe nangephanyazo;

UIsaya 40:8

Buyoma utyani, iyabuna intyantyambo; ke lona ilizwi likaThixo wethu liya kuma ngonaphakade.

UIsaya 53:1

Ngubani na okholiweyo ludaba lwethu, nengalo kaYehova ityhileke kubani na?

UIsaya 55:8-9

Kuba iingcinga zam asizizo iingcinga zenu, neendlela zenu asizizo iindlela zam, utsho uYehova. Inene, njengokuba izulu liwuphakamele umhlaba, ngokunjalo iindlela zam ziziphakamele iindlela zenu, neengcinga zam ziziphakamele iingcinga zenu.

UIsaya 55:11

liya kuba njalo ilizwi lam eliphuma emlonyeni wam; aliyi kubuyela kum lilambatha, lingakwenzanga endikuthandayo, lingakuphumelelisanga oko ndilithumela kuko.

UIsaya 57:13

Ekukhaleni kwakho mazikuhlangule iimfumba zezithixo zakho; zonke ziphela zimka nomoya, zithatyathwa ngumphunga. Ke yena okholosa ngam uya kulidla ilifa ilizwe, ayime intaba yam engcwele.

UIsaya 59:21

Mna ke nguwo lo umnqophiso wam nabo, utsho uYehova; uMoya wam ophezu kwakho, nelizwi lam endilibeke emlonyeni wakho, aliyi kusuka emlonyeni wakho, nasemlonyeni wembewu yakho, nasemlonyeni wembewu yembewu yakho, utsho uYehova, kuthabathele kweli xesha kude kuse ephakadeni.

UIsaya 66:2

Zonke ezo zinto sazenza isandla sam, zabakho ke zonke ezo zinto; utsho uYehova; ndibheka kulo, kolusizana, komoya waphukileyo, kogubhayo ngelizwi lam.

UIsaya 66:4-5

nam ke ndiya kunyula iimfeketho zokufeketha ngabo, ndibazisele izinto ezibanxunguphalisayo; ngenxa enokuba ndabizayo, akwabakho usabelayo; ndathetha, abeva; besuka benza ububi emehlweni am, banyula nento endingayinanzileyo. Liveni ilizwi likaYehova, nina nigubhayo ngelizwi lakhe; uthi, Abazalwana benu abanithiyayo, abanigxothayo kubo ngenxa yegama lam, bathi, Makazizukise uYehova, sibone imivuyo yenu; baya kudana ke bona.

UYeremiya 5:3-4

Yehova, amehlo akho akajonge ekunyaniseni, yini na? Uyababetha, abevi ntlungu; uyabagqibela kuphele, abavumi ukuthethiswa; babenza ngwanyalala ubuso babo ngaphezu kwengxondorha, abavumi ukubuya. Ndathi mna, Zizisweli zodwa zona, zimathile; ngokuba abayazi indlela kaYehova, nesiko loThixo wabo.

UYeremiya 6:19

Yiva, hlabathi; yabona, aba bantu ndibazisela ububi, isiqhamo seengcinga zabo; ngokuba amazwi am abawabazelanga ndlebe, nomyalelo wam bawucekisile.

UYeremiya 7:23-24

ke ndabamisela eli lizwi lokuthi, Phulaphulani ilizwi lam: ndoba nguThixo wenu, nibe ngabantu bam, nihambe ngendlela yonke endinimiselayo, ukuze kulunge kuni. Ke abaphulaphulanga, abayithobanga indlebe yabo; bahamba ngamaqhinga, ngobungqola bentliziyo yabo embi, bandinikela umhlana, ayaba bubuso.

UYeremiya 8:9

Zidanile izilumko, ziqhiphuke umbilini, zibanjisiwe; yabona, ziyalicekisa ilizwi likaYehova; zinobulumko bukabani na ke?

UYeremiya 13:17

Ukuba anithanga nikuve oko, wolila umphefumlo wam entsithelweni ngenxa yoqhankqalazo lwenu; lityityizele lityityizela, lihle iinyembezi, iliso lam; ngokuba umhlambi kaYehova uthinjiwe.

UYeremiya 15:16

Afumaneka amazwi akho, ndawadla; amazwi akho kum aba yimihlali nemivuyo yentliziyo yam, ngokuba ndabizwa ngegama lakho, Yehova, Thixo wemikhosi.

UYeremiya 17:5

Utsho uYehova ukuthi, Iqalekisiwe indoda ekholose ngomntu, eyenza inyama ingalo yayo, intliziyo yayo imke nje kuYehova;

UYeremiya 17:23

Ke abevanga, abazithobanga iindlebe zabo, bayenza lukhuni intamo yabo, ukuze bangevi, ukuze bangavumi ntethiso.

UYeremiya 19:15

Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yabonani, ndiwuzisela lo mzi, nemizi yawo yonke, bonke ububi endibuthethileyo ngawo; ngokuba beyenze lukhuni intamo yabo, ukuze bangawevi amazwi am.

UYeremiya 23:16

Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Musani ukuwaphulaphula amazwi abaprofeti abaniprofetelayo; banenzela into engento, bathetha umbono wentliziyo yabo, ongaphumiyo emlonyeni kaYehova.

UYeremiya 23:29

Alinjengomlilo na ilizwi lam? utsho uYehova; nanjengesando esihlekeza ingxondorha?

UYeremiya 25:4

UYehova wathumela kuni bonke abakhonzi bakhe abaprofeti, ebathuma evuka kwakusasa; aniphulaphulanga noko, anizithobanga iindlebe zenu ukuba nive.

UYeremiya 26:4-6

Uze uthi kubo, Utsho uYehova ukuthi, Ukuba nithe anandiphulaphula, nihambe ngomyalelo wam, endiwubeke phambi kwenu, anawaphulaphula amazwi abakhonzi bam abaprofeti, endibathumela kuni, ndibathuma ndivuka kusasa, anaweva: ndoyenza le ndlu ibe njengeShilo, ndiwenze lo mzi ube yinto yokutshabhiswa ezintlangeni zonke zehlabathi.

UYeremiya 26:13

Kaloku ke, lungisani iindlela zenu neentlondi zenu, niliphulaphule ilizwi likaYehova uThixo wenu; wozohlwaya uYehova ngenxa yobubi abuthethileyo ngani.

UYeremiya 29:8-9

Ngokuba utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Mabanganilukuhli abaprofeti benu abaphakathi kwenu, kwanabavumisi benu, ningawaphulaphuli amaphupha enu eniwaphuphayo. Ngokuba baniprofetela ubuxoki egameni lam; andibathumanga; utsho uYehova.

UYeremiya 31:31-34

Yabona, kuza imihla, utsho uYehova, endiya kwenza umnqophiso omtsha nendlu kaSirayeli nendlu kaYuda; ungabi njengomnqophiso endawenza noyise ngomhla endababambayo ngesandla, ukuba ndibakhuphe ezweni leYiputa; umnqophiso wam abasuka bawaphula bona, nangani bendiyindoda yabo; utsho uYehova. Nguwo ke lo umnqophiso, endiya kuwenza nendlu kaSirayeli emva kwaloo mihla, utsho uYehova: ndiya kuwubeka umyalelo wam embilinini yabo, ndiwubhale ezintliziyweni zabo, ndibe nguThixo wabo, babe ngabantu bam; bangabi safundisa elowo ummelwane wakhe, elowo umzalwana wakhe, besithi, Mazini uYehova; ngokuba bonke bephela baya kundazi, kuthabathela kwabancinane kuse kwabakhulu, utsho uYehova; ngokuba ndiya kubuxolela ubugwenxa babo, ndingabi sasikhumbula isono sabo.

UHezekile 18:25

Ukanti nithi ke, Indlela yeNkosi ayilungelelene. Khanive, ndlu kaSirayeli; indlela yam ayilungelelene, yini na? Asizezenu na iindlela ezingalungeleleneyo?

UHezekile 44:23

Bobayala abantu bam, ukuba bahlule okungcwele kokuhlambeleyo, babazise okuyinqambi nokuhlambulukileyo.

UHoseya 4:6

Bayatshabalala abantu bam kukuswela ukwazi; kuba wena ukucekisile ukwazi, ndiya kukucekisa, ukuba ungabi ngumbingeleli kum. Wawulibala umyalelo kaThixo wakho; ndobalibala abantwana bakho nam.

UHoseya 7:13

Yeha ke bona! kuba babalekile kum. Yimbubho kubo! kuba bakreqile kum. Mna ngendibakhulule, basuka bona bathetha amanga ngam.

UAmos 8:11

Yabonani, kuza imihla, itsho iNkosi uYehova, endiya kuthumela ukulamba kulo ilizwe, kungabi kuko ukulambela isonka, kungabi kuko ukunxanela amanzi; kube kukulambela ukuva amazwi kaYehova.

UZekariya 7:11-13

Abavumanga ke ukubaza indlebe; balirhola igxalaba elinjubaqa, bazithi nkqi iindlebe zabo, abeva. Intliziyo yabo bayenza idayiman, ukuba bangawuvi umyalelo namazwi, abewathumela uYehova wemikhosi ngomoya wakhe, ngabaprofeti bamandulo; kwabakho ke uburhalarhume obukhulu obuvela kuYehova wemikhosi. Kuya kuthi ke, njengoko ebememeza bengeva, benjenjalo ukumemeza, utsho uYehova wemikhosi, ndingevi.

UMateyu 4:4

Waphendula ke yena wathi, Kubhaliwe kwathiwa, Akaphili ngasonka sodwa umntu, uphila ngamazwi onke aphuma emlonyeni kaThixo.

UMateyu 5:17-19

Ningabi ndize kuchitha umthetho, nokuba ngabaprofeti; andize kuchitha, ndize kuzalisekisa. Kuba inene ndithi kuni, Koda kudlule izulu nehlabathi, kungakhanga kudlule nalinye iganyana nokuba lisuntswana emthethweni, kude kwenzeke konke. Othe ngoko wachitha noko umnye kule mithetho mincinanana, wabafundisa abantu ngokunjalo, kothiwa ungomncinanana ebukumkanini bamazulu; othe wenza wafundisa ngayo, kothiwa ngomkhulu ebukumkanini bamazulu.

UMateyu 6:24

Akukho mntu unako ukukhonza nkosi mbini; kuba eya kuyithiya le ayithande leya, athi mhlawumbi abambelele kule ayidele leya. Aninako ukukhonza uThixo nobutyebi.

UMateyu 7:13-14

Ngenani ngesango elimxinwa; ngokuba libanzi isango, iphangalele nendlela, esa entshabalalweni; baninzi ke abangena ngalo. Ngokuba limxinwa isango, icuthene nendlela, esa ebomini; bambalwa ke abalifumanayo.

UMateyu 7:21-23

Asingabo bonke abathi kum, Nkosi, Nkosi, abaya kungena ebukumkanini bamazulu; ngokwenzayo ukuthanda kukaBawo osemazulwini. Baninzi abaya kuthi kum ngaloo mini, Nkosi, Nkosi, sasingathe na egameni lakho saprofeta, sathi egameni lakho sakhupha iidemon, sathi egameni lakho senza imisebenzi yamandla emininzi? Ndandule ndibaxelele, ndithi, Andizanga ndinazi; mkani kum, nina nenza okuchasene nomthetho.

UMateyu 7:24-27

Wonke umntu osukuba ngoko eweva la mazwi am, awenze, ndomfanekisa nendoda eyingqondi, yona yayakhelayo elulwalweni indlu yayo. Yehla imvula, yeza imilambo, yavuthuza imimoya, yagaleleka kuloo ndlu; ayawa, kuba ibisekelwe elulwalweni. Nomntu wonke owevayo la mazwi am, angawenzi, wofanekiswa nendoda esisiyatha, yona yayakhelayo entlabathini indlu yayo. Yehla imvula, yeza imilambo, yavuthuza imimoya, yabetha kuloo ndlu; yawa; saba sikhulu ke isiwo sayo.

UMateyu 10:14-15

Nothe akawamkela, akaweva amazwi enu, nakuphuma kuloo ndlu nakuloo mzi, vuthululani uthuli lweenyawo zenu. Inene ndithi kuni, Koba nokunyamezeleka okomhlaba waseSodom nowaseGomora ngomhla womgwebo, kunokwaloo mzi.

UMateyu 10:32-33

Wonke umntu ngoko oya kundivuma phambi kwabantu, ndiya kumvuma nam phambi koBawo osemazulwini. Osukuba ke eya kundikhanyela phambi kwabantu, ndiya kumkhanyela nam phambi koBawo osemazulwini.

UMateyu 10:37-40

Lowo uthanda uyise nokuba ngunina kunam, akandifanele mna; nalowo uthanda unyana wakhe nokuba yintombi yakhe kunam, akandifanele mna. Nongawuthabathiyo umnqamlezo wakhe, alandele emva kwam, akandifanele mna. Lowo uwufumeneyo umphefumlo wakhe, wolahlekwa nguwo; nalowo uwulahlileyo umphefumlo wakhe ngenxa yam, uya kuwufumana. Lowo wamkela nina, wamkela mna; nalowo wamkela mna, wamkela owandithumayo.

UMateyu 13:11

Waphendula ke wathi kubo, Kungokuba nikuphiwe nina ukuzazi iimfihlelo zobukumkani bamazulu, babe ke bona bengakuphiwanga.

UMateyu 13:13-23

Ngenxa yoko ndithetha nabo ngemizekeliso; ngokuba bebona nje bengaboni, besiva nje bengeva, bengaqondi nokuqonda. Sizalisekele kubo ke isiprofeto sikaIsaya esithi, Ukuva niya kuva, ningakhe niqonde; Nithi nibona nje nibone, ningakhe niqiqe; Kuba intliziyo yaba bantu ithe fithi kukutyeba, Beva ngeendlebe ezithe nkqi, Bayawacima namehlo abo; Hleze babone ngamehlo, Beve ngeendlebe, Baqonde ngentliziyo, Bajike, Ndibaphilise. Kodwa nina, anethamsanqa amehlo enu, ngokuba ebona; neendlebe zenu, ngokuba zisiva. Kuba ndithi kuni, Inene, baninzi abaprofeti nabantu abangamalungisa, abanqwenelayo ukuzibona izinto enizibonayo abazibona; nokuziva izinto enizivayo, abaziva. Nina ngoko wuveni umzekeliso womhlwayeli: akubon’ ukuba ubani uyaliva ilizwi lobukumkani, engaliqondi, uyafika ongendawo, akuhluthe okuhlwayelwe entliziyweni yakhe; lo nguye lowo wahlwayelwa ngasendleleni. Lowo ke uhlwayelwa ezindaweni ezilulwalwa, ngulo ulivayo ilizwi, alamkele kwaoko ngovuyo; abe ke engenangcambu ngaphakathi kwakhe, eme umzuzwana kodwa; uthi ke kwakuhla imbandezelo nokuba yintshutshiso ngenxa yelizwi, akhutyekiswe kwaoko. Lowo ke uhlwayelwe emithaneni enameva, ngulo ulivayo ilizwi, lithi ke ixhala leli phakade, nokulukuhla kobutyebi, kuliminxe ilizwi, lisuke lingabi nasiqhamo. Lowo ke uhlwayelwe kuwo umhlaba omhle, ngulo ulivayo ilizwi aliqonde; othi yena okunene axakathe iziqhamo; omnye ke enze ikhulu, omnye amashumi amathandathu, nomnye amashumi amathathu.

UMateyu 15:13

Waphendula ke wathi, Zonke izityalo ezingatyalwanga nguBawo wasemazulwini ziya kuncothulwa.

UMateyu 22:29

Waphendula ke uYesu wathi kubo, Niyalahleka, kuba ningazazi izibhalo kwanamandla kaThixo.

UMateyu 22:37-40

Wathi ke uYesu kuye, Uze uyithande iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangengqondo yakho iphela. Nguwo lowo owokuqala nomkhulu umthetho. Owesibini ke ufana nawo: Uze umthande ummelwane wakho ngoko uzithanda ngako. Kule mithetho yomibini kuxhomekeke umyalelo uphela nabaprofeti.

UMateyu 24:14

Zaye ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kuvakaliswa kulo elimiweyo liphela, zibe bubungqina kuzo zonke iintlanga; kwandule ke ukufika ukuphela.

UMateyu 24:35

Liya kudlula izulu nomhlaba, ke wona amazwi am akasayi kudlula.

UMateyu 28:18

Weza uYesu wathetha kubo, esithi, Linikwe mna lonke igunya emazulwini nasehlabathini.

UMarko 1:14-15

Ke kaloku emveni kokufakwa kukaYohane entolongweni, weza uYesu kwelaseGalili, evakalisa iindaba ezilungileyo zobukumkani bukaThixo, esithi, Lizalisekile ixesha, nobukumkani bukaThixo busondele; guqukani, nikholwe kuzo iindaba ezilungileyo ezi.

UMarko 4:11-20

Wathi kubo, Nikuphiwe nina ukuyazi imfihlelo yobukumkani bukaThixo; ke kwabo bangaphandle zonke izinto ezi zibakho ngemizekeliso; ukuze bebona nje, babone bangaqiqi; besiva nje, beve bangaqondi; hleze babuye, zebaxolelwe izono zabo. Athi kubo, Aniwazi na lo mzekeliso? Nothini na ke ukuyazi imizekeliso yonke? Umhlwayeli lo uhlwayela ilizwi. Abo ke bangasendleni, apho ilizwi lihlwayelwa khona, ngaba kuthi, xa bathe beva, afike kwaoko uSathana, alithabathe ilizwi elihlwayelweyo ezintliziyweni zabo. Ngokunjalo abo bahlwayelwayo ezindaweni ezilulwalwa ngabathi, xa bathe baliva ilizwi, balamkele kwaoko bevuya; babe bengenangcambu ngaphakathi kwabo, beme umzuzwana kodwa; bathi kamva, kwakuhla imbandezelo, nokuba yintshutshiso, ngenxa yelizwi, bakhutyekiswe kwaoko. Abo bahlwayelwayo emithaneni enameva ngaba, bathi balive ilizwi; aze amaxhala eli phakade, nokulukuhla kobutyebi, neenkanuko zezinye izinto, zingene ziliminxe ilizwi, lisuke lingabi nasiqhamo. Abo bahlwayelweyo kuwo umhlaba omhle ngaba, basakuthi balive ilizwi, balamkele, baxakathe isiqhamo, omnye amashumi amathathu, omnye amashumi amathandathu, nomnye ikhulu.

UMarko 5:36

Aze kwaoko uYesu, elivile elo zwi lithethwa, athi kumphathi wendlu yesikhungu, Musa ukoyika, kholwa kodwa wena.

UMarko 7:13

niliphanga igunya ilizwi likaThixo ngesithethe senu enasinikelayo, naye nizenza izinto ezininzi ezinjengezo.

UMarko 8:34-38

Esibizele kuye isihlwele, kwanabafundi bakhe, wathi kubo, Osukuba ethanda ukundilandela, makazincame, awuthwale umnqamlezo wakhe, andilandele ke. Kuba othe wathanda ukuwusindisa umphefumlo wakhe, wolahlekelwa nguwo; ke yena othe wawulahla umphefumlo wakhe ngenxa yam, nangenxa yeendaba ezilungileyo ezi, wowusindisa. Kuba komnceda ntoni na umntu, ukuba uthe walizuza ihlabathi liphela, waza wonakalelwa ngumphefumlo wakhe? Okanye worhola ntoni na umntu, ibe sisananelo somphefumlo wakhe? Kuba othe waneentloni ngam nangamazwi am, kwesi sizukulwana sikrexezayo, sonayo, naye uNyana woMntu woba neentloni ngaye, xa athe weza esebuqaqawulini boYise, enezithunywa ezingcwele.

UMarko 12:24

Waphendula uYesu wathi kubo, Anilahleki na, ngenxa yale ndawo yokuba ningazazi izibhalo kwanamandla kaThixo?

UMarko 13:10

Kumele ukuthi ke ukuqala kuvakaliswe iindaba ezilungileyo ezi kuzo zonke iintlanga.

UMarko 13:31

Liya kudlula izulu nehlabathi, ke wona amazwi am akasayi kudlula.

UMarko 16:15-16

Wathi kubo, Hambani niye kulo lonke ihlabathi, nizivakalise iindaba ezilungileyo kuyo yonke indalo. Lowo ukholiweyo wabhaptizwa, wosindiswa; ke yena ongakholwanga, wogwetywa.

UMarko 16:20

Ke bona baphuma, bavakalisa ezindaweni zonke, iNkosi isebenza nabo, iliqinisela ilizwi ngayo imiqondiso ephelekana nalo. Amen.

ULuka 2:35

ngokokuze zibe nokutyhilwa izicamango eziphuma ezintliziyweni ezininzi; ewe ke, nowakho umphefumlo ikrele liya kuwutyhutyha.

ULuka 4:4

UYesu wamphendula esithi, Kubhaliwe kwathiwa, Akungasonka sodwa aya kuphila umntu; kungamazwi onke kaThixo.

ULuka 4:32

Baye ke bekhwankqiswa kukufundisa kwakhe; ngokuba ilizwi lakhe libe linegunya.

ULuka 6:46-49

Yini na ke ukuba nindibize ngokuthi, Nkosi, Nkosi, nibe ningazenzi izinto endizithethayo? Wonke ke umntu ozayo kum, aweve amazwi am awenze, ndonibonisa lowo afana naye. Ufana nomntu owakha indlu, wemba wangxoka isiseko, wasibeka phezu kolwalwa. Kwathi, kwakubakho umkhukula, wagaleleka kuloo ndlu umlambo, awaba nako ukuyishukumisa; kuba ibisekwe phezu kolwalwa olo. Kodwa lo uwevileyo akawenza, ufana nomntu owakhe indlu phezu komhlaba, kungekho siseko; wagaleleka kuyo umlambo, yawa kwaoko; kwathi ukuwa kwaloo ndlu kwakukhulu.

ULuka 8:10-15

Uthe ke yena, Nikuphiwe nina ukuzazi iimfihlelo zobukumkani bukaThixo; ke kwabanye bona kungemizekeliso, ukuze bebona nje bangaboni, besiva nje bangaqondi. Ke kaloku umzekeliso nguwo lo: Imbewu le lilizwi likaThixo. Abo ke bangasendleleni ngabo bevayo, andule afike uMtyholi, alisuse ilizwi entliziyweni yabo, ukuze bangakholwa basindiswe. Abo ke baselulwalweni ngabasakuthi, bakuliva, balamkele ngovuyo ilizwi; aba ke abanangcambu; bona bakholwa umzuzwana, ze bathi ngexa lokuhendwa balahle. Leyo ke yawayo emithaneni enameva, ngabo bathi, belivile, bahambe benamaxhala nobutyebi neziyolo zobu bomi, baminxwe, baze bangavelisi siqhamo. Ke leyo isemhlabeni omhle, ngabo bona bathi ngentliziyo entle, elungileyo, bakuliva ilizwi, balibambe, bavelise iziqhamo benomonde.

ULuka 8:21

Waphendula ke yena wathi kubo, Uma nabazalwana bam ngaba bona balivayo ilizwi likaThixo, balenze.

ULuka 9:23-26

Wayesithi ke kubo bonke, Ukuba ubani uthanda ukundilandela, makazincame, awuthwale umnqamlezo wakhe imihla ngemihla, andilandele ke. Ngokuba osukuba ethanda ukuwusindisa umphefumlo wakhe, wolahlekelwa nguwo; ke othe wawulahla umphefumlo wakhe ngenxa yam, wowusindisa lowo. Kuba kumnceda ntoni na umntu ukuthi azuze ihlabathi liphela, abe ke ezilahlile, mhlawumbi ezonakalisile? Kuba othe waneentloni ngam, nangawo amazwi am, uNyana woMntu woba neentloni ngaye lowo, xa athe weza esebuqaqawulini bakhe, nobukaYise, nobezithunywa ezingcwele.

ULuka 9:59-62

Wathi ke kuwumbi, Ndilandele. Uthe ke yena, Nkosi, ndivumele khe ndimke, ndiye kungcwaba ubawo kuqala. Wathi ke uYesu kuye, Bayeke abafileyo, bangcwabe abafileyo babo; ke wena hamba uye kushumayela ubukumkani bukaThixo. Wathi ke nomnye, Ndiya kukulandela, Nkosi; kodwa ndivumele kuqala, khe ndiye kubulisa abo basendlwini yam. Uthe ke uYesu kuye, Akukho namnye usibekileyo isandla sakhe epuluweni, abe emana ekhangela kokusemva, ubulungeleyo ubukumkani bukaThixo.

ULuka 11:28

Uthe ke yena, Yithi kanye, Banoyolo abo balivayo ilizwi likaThixo baligcine.

ULuka 13:23-24

Ke kaloku wathi othile kuye, Nkosi, bambalwa na abo basindiswayo? Uthe ke yena kubo, Zamani ukungena ngesango elimxinwa; ngokuba ndithi kuni, baninzi abaya kufuna ukungena, bakhohlwe.

ULuka 14:26-27

Ukuba ubani uza kum, angamthiyi uyise, nonina, nomfazi, nabantwana, nabazalwana, nodade, ewe, nobakhe ubomi, akanakuba ngumfundi wam. Nosukuba engawuthwali umnqamlezo wakhe, andilandele, akanakuba ngumfundi wam.

ULuka 16:16-17

Yayingumthetho nabaprofeti kwada kwakuYohane; kuselokoko, ubukumkani bukaThixo buyashunyayelwa, bonke bayangena kubo ngokugonyamela. Ke kulula ukuba lidlule izulu nomhlaba, kunokuba kuwe nalinye isuntswana lomthetho.

ULuka 16:29-31

Athi uAbraham kuso, BanoMoses nabaprofeti, mabeve bona. Sithe ke sona, Hayi, bawo Abraham; ukuba kuthe kwaya kubo ovela kwabafileyo, boguquka. Uthe ke kuso, Ukuba uMoses nabaprofeti ababeva, abayi koyiseka, nokuba kuthe kwavuka bani kwabafileyo.

ULuka 21:33

Liya kudlula izulu nehlabathi; ke wona amazwi am akasayi kudlula.

ULuka 24:25

Waza yena wathi kubo, Oyi! basweli-kuqonda, bantliziyo zizeka kade ukukholwa kuko konke abakuthethayo abaprofeti!

ULuka 24:27

Uqalele ke kuMoses nakubo bonke abaprofeti, wabachazela kuzo zonke izibhalo iindawo ezingaye.

ULuka 24:44-45

Uthe ke kubo, Ngawo la amazwi endawathethayo kuni ndisenani, okokuba zimelwe kukuzaliseka zonke izinto ezibhaliweyo ngam emthethweni kaMoses, nasebaprofetini, nasezindumisweni. Wandula wayivula ingqiqo yabo, ukuze baziqonde izibhalo;

UYohane 1:1

Ekuqalekeni ube ekho uLizwi, waye uLizwi ekuye uThixo, waye uLizwi enguThixo.

UYohane 1:17

Ngokuba umthetho wawiswa ngoMoses, lwabakho lona ubabalo nenyaniso ngoYesu Kristu.

UYohane 2:22

Ke ngoko, xenikweni wavukayo kwabafileyo, bakhumbula abafundi bakhe, ukuba ebekuthethile oku kubo, bakholwa sisibhalo nalilizwi awalithethayo uYesu.

UYohane 3:12

Ukuba ndinixelele izinto ezisemhlabeni, naza anakholwa, nothini na ukukholwa, ukuba ndithe ndanixelela izinto ezisemazulwini?

UYohane 3:16-18

Kuba wenjenje uThixo ukulithanda kwakhe ihlabathi, ude wancama uNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze bonke abakholwayo kuye bangatshabalali, koko babe nobomi obungunaphakade. Kuba uThixo akamthumanga uNyana wakhe ehlabathini, ukuze aligwebe ihlabathi; wamthuma ukuze ihlabathi lisindiswe ngaye. Lowo ukholwayo kuye, akagwetywa; ke lowo ungakholwayo, uselegwetyiwe, ngokuba engakholwanga kwigana loNyana okuphela kwamzeleyo uThixo.

UYohane 3:34

kuba lowo uthunywe nguThixo, uthetha amazwi kaThixo; kuba uThixo akamniki uMoya ngomlinganiselo.

UYohane 3:36

Lowo ukholwayo kuNyana, unobomi obungunaphakade; ke lowo ungamviyo uNyana, akayi kubona bomi; ingqumbo kaThixo ihleli phezu kwakhe.

UYohane 4:24

UThixo unguMoya; abo ke bamnqulayo bamelwe kukumnqula ngoMoya nangenyaniso.

UYohane 5:24-25

Inene, inene, ndithi kuni, Lowo ulivayo ilizwi lam, akholwe ngulowo wandithumayo, unobomi obungunaphakade; akezi ekugwetyweni; uphume ekufeni, wangena ebomini. Inene, inene, ndithi kuni, Kuza ilixa, nangoku liselikho, xa abafileyo baya kuliva izwi loNyana kaThixo, bathi abalivileyo badle ubomi.

UYohane 5:38-39

Nezwi lakhe aninalo lihleli, kuni; ngokuba lowo uthunywe nguye, ningakholwa nguye nina. Ziphengululeni izibhalo, ngokuba nina niba ninobomi obungunaphakade kuzo; zaye zona zingqina ngam.

UYohane 6:63

Ngumoya odlisa ubomi; inyama yona ayincedi lutho. Amazwi la ndiwathethayo kuni mna angumoya, abubomi.

UYohane 8:24

Ndatsho ngoko kuni ukuthi, Niya kufela ezonweni zenu; kuba ekubeni nithe anakholwa ukuba ndinguye, niya kufela ezonweni zenu.

UYohane 8:31-32

Ubesithi ngoko uYesu kuloo maYuda akholiweyo kuye, Ukuba nina nithe nahlala elizwini lam, noba ningabafundi bam, inyaniso. Naniya kuyazi inyaniso, yaye inyaniso iya kunikhulula.

UYohane 8:43-47

Kungani na ukuba ningayiqondi intetho yam? Kungokuba ningenakuliva ilizwi lam. Nina ningaboyihlo uMtyholi, neenkanuko zoyihlo niyathanda ukuzenza. Yena waye esisibulala-mntu kwasekuqaleni; akemi enyanisweni, ngokuba akukho nyaniso kuye. Xa sukuba ethetha ubuxoki, uthetha okukokwakhe; ngokuba ulixoki, noyise wawo. Mna ke, ngokuba ndithetha inyaniso, anikholwa ndim. Ngubani na kuni ondohlwayayo ngenxa yesono? Ukuba ke ndithetha inyaniso, kungani na ukuba ningakholwa ndim? Lowo ungokaThixo, uyaweva amazwi kaThixo; ngenxa yoko aniweva nina, ngokuba ningengabakaThixo.

UYohane 8:51

Inene, inene, ndithi kuni, Ukuba umntu uthe waligcina ilizwi lam, akasayi kuza abone kufa naphakade.

UYohane 10:26-27

Nina anikholwa; kuba aningabo abezimvu zam; njengoko ndanixelelayo. Ezam izimvu ziyaliva ilizwi lam, ndibe nam ndizazi, zindilandela;

UYohane 10:35

Ukuba uthe bona bangoothixo, eleza kubo ilizwi likaThixo (sibe isibhalo singenakwaphulwa),

UYohane 12:25-26

Lowo uwuthandayo umphefumlo wakhe, wolahlekelwa nguwo; lowo uwuthiyayo umphefumlo wakhe kweli hlabathi, wowulondolozela ubomi obungunaphakade. Ukuba ubani uthi andikhonze, makandilandele; apho ndikhona mna, woba khona apho nondikhonzayo; ukuba umntu uthi andikhonze, uBawo wombeka.

UYohane 12:37-43

Ke kaloku, nakuba wayenze imiqondiso engaka phambi kwabo, abakholwanga kuye; ukuze ilizwi likaIsaya umprofeti lizaliseke, awalithethayo esithi, Nkosi, ngubani na okholiweyo ludaba lwethu? Nengalo yeNkosi ityhileke kubani na? Ngenxa yoku babengenako ukukholwa, ngokuba uIsaya ubuya athi, Uwamfamekisile amehlo abo, Uyiqaqadekisile nentliziyo yabo, Hleze babone ngamehlo, baqiqe ngentliziyo, Bajike, Ndibaphilise. Ezi zinto wazithetha uIsaya, oko wabubonayo ubuqaqawuli bakhe, wathetha ngaye. Noko ke nakubo abaphathi into eninzi yakholwa kuye; kodwa ngenxa yabaFarisi yayingavumi ngamlomo, hleze ikhutshwe esikhungwini; kuba babethanda uzuko oluvela ebantwini, ngaphezu kozuko oluvela kuThixo.

UYohane 12:48

Lowo undigibayo, angawamkeli amazwi am, unaye omgwebayo; ilizwi endilithethileyo, lilo eliya kumgweba ngomhla wokugqibela.

UYohane 12:49-50

Ngokuba mna andithethanga okuphuma kum; owandithumayo, uBawo ngokwakhe, nguye owandiwisela umthetho wokuba ndithini na, nokuba ndithethe ntoni na. Ndiyazi nokwazi ukuba umthetho wakhe lowo bubomi obungunaphakade. Ngoko izinto endizithethayo mna, njengoko uBawo andixeleleyo, ndenjenjalo ukuzithetha.

UYohane 14:6

Uthi uYesu kuye, Ndim indlela, ndim inyaniso, ndim ubomi; akukho namnye uzayo kuBawo, engezi ngam.

UYohane 14:15

Ukuba niyandithanda, yigcineni imithetho yam.

UYohane 14:21

Lowo unayo imithetho yam ayigcine, nguye ondithandayo; lowo ke undithandayo, uya kuthandwa nguBawo; nam ndiya kumthanda, ndizibonakalalise kuye.

UYohane 14:23-24

Waphendula uYesu wathi kuye, Ukuba umntu uyandithanda, woligcina ilizwi lam; wothi uBawo amthande, size kuye, sihlale naye. Lowo ungandithandiyo akawagcini amazwi am; ilizwi enilivayo asililo elam, lelikaBawo owandithumayo.

UYohane 15:7

Ukuba nithe nahlala kum, namazwi am ahlala kuni, nocela into enisukuba niyithanda, niyenzelwe..

UYohane 16:13

Xa ke athe wafika yena uMoya wenyaniso, uya kunikhokelela kuyo yonke inyaniso; kuba engayi kuthetha okuphuma kuye, uya kuthetha izinto athe waziva, anibikele izinto ezizayo.

UYohane 17:14

Mna ndibanike ilizwi lakho; laza ihlabathi labathiya, ngokuba bengengabo abehlabathi, njengokuba nam ndingenguye owehlabathi.

UYohane 17:17

Bangcwalise ngayo inyaniso yakho; ilizwi lakho liyinyaniso.

UYohane 18:37

Wathi ke uPilato kuye, Hina ke, ungukumkani na wena? Waphendula uYesu wathi, Nawe uthi ndingukumkani Mna ndizalelwe oku; ndizele oku ehlabathini, ukuze ndiyingqinele inyaniso. Bonke abangabenyaniso bayaliva ilizwi lam.

IZenzo 5:29

Waphendula ke uPetros nabapostile, bathi, Simelwe kukuthi sive uThixo kunokuba sive abantu.

IZenzo 13:46

Bathetha ke ngokungafihlisiyo uPawulos noBharnabhas, bathi, Bekufuneka ukuba lithethwe kuni kuqala ilizwi likaThixo; ekubeni ke niligibile, nazigweba ukuba anibufanele ubomi obungunaphakade, niyabona, sibheka kuzo iintlanga.

IZenzo 17:11

La ke aye enobuntu kunawaseTesalonika; la wona alamkela ilizwi ngentumekelelo yonke, ezincina izibhalo imihla ngemihla, ukuba zingaba zinjalo na ezi zinto.

IZenzo 19:9

Ke bakuba abathile belukhuni, bengaphulaphuli, bethetha okubi ngayo iNdlela leyo phambi komhlambi, wesuka kubo, wabahlula abafundi, exoxa imihla ngemihla esikolweni sikaTirano.

IZenzo 20:29-31

Kuba mna ndiyakwazi oku, ukuba emva kokumka kwam, kuya kungena phakathi kwenu iingcuka ezibawayo, zingawucongi umhlambi. Nakuni ngokwenu kuya kuvela amadoda athetha izinto ezigwenxa, ukuba abarhole abafundi emva kwawo. Kungoko ndithi, Phaphani, nikhumbula ukuba iminyaka emithathu, ubusuku nemini, andiyekanga ukululeka bonke ngabanye, ndineenyembezi.

IZenzo 28:26-27

esithi, Hamba uye kwaba bantu, uthi, Ukuva oku niya kuva, ningakhe niqonde; Nithi nibona nje, nibone, ningakhe niqiqe. Kuba intliziyo yaba bantu ithe fithi kukutyeba; Beva nzima ngeendlebe, Bewacima namehlo abo; Hleze babone ngamehlo, Beve ngeendlebe, Baqonde ngeentliziyo, Bajike, ndibaphilise.

Kwabase Roma 1:1-2

UPawulos, umkhonzi kaYesu Kristu, umpostile owabizwayo, wahlulelwa ukuvakalisa iindaba ezilungileyo zikaThixo, awazidingayo ngenxa engaphambili ngabo abaprofeti bakhe ezibhalweni ezingcwele,

Kwabase Roma 1:16-22

Kuba andinazintloni ngazo iindaba ezilungileyo zikaKristu; kuba zingamandla kaThixo okusindisa bonke abakholwayo, umYuda kuqala, kwanomGrike. Kuba ngazo kutyhilwa ubulungisa bukaThixo, buphuma elukholweni buse elukholweni, njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Olilungisa ke uya kudla ubomi ngokokholo. Kuba ityhilekile ingqumbo kaThixo ivela emazulwini, ichase konke ukungahloneli Thixo, nentswela-bulungisa yabantu, abayithintelayo inyaniso ngokuswela ukulungisa. Ngokokuba oko kwazekayo ngoThixo kuyabonakala ngaphakathi kwabo; kuba uThixo wakubonakalalisa kubo. Kuba kwasekudalweni kwehlabathi, iindawo zakhe ezibe zingenakubonwa zibonwa kakuhle, ziqondeke, ngezinto ezenziweyo, kwa-amandla akhe angunaphakade, nobuThixo bakhe, ukuze bangabi nakuziphendulela. Ngokokuba bathe, bemazi uThixo, abamzukisa ngokoThixo, ababulela kuye; basuka bazizinto ezingento ezicamangweni zabo, yaza intliziyo yabo engenakuqonda yenziwa yamnyama; bathi besiba bazizilumko, besuka baba ziziyatha;

Kwabase Roma 3:1-4

Ugqithisele ngantoni na ngoko umYuda kwabanye? Kunceda ntoni na ukwaluka? Kukhulu, ngeendlela zonke. Kuba ke, ukuqala, baphathiswa izihlabo zikaThixo. Kuyini na khona, ukuba abathile abakholwanga? Ukungakholwa kwabo kokuphuthisa na ukuthembeka kukaThixo? Nakanye! UThixo yena makabe nenyaniso, bonke abantu ke babe ngamaxoki; njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Ukuze ube nokugwetyelwa emazwini akho, Weyise ekumangalelweni kwakho.

Kwabase Roma 3:10-11

njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Akukho lungisa, hayi, nalinye; Akukho uqondayo; Akukho umfunisisayo uThixo!

Kwabase Roma 3:31

Umthetho ngoko siyawuphuthisa na ngalo ukholo? Nakanye! Siyawumisa wona umthetho.

Kwabase Roma 7:6

Ke ngoku sikhululwe thina kuwo umthetho, safayo nje kwesasibanjwe kuko, ngokokude sikhonze sinobutsha bomoya, singakhonzi sinobudala bomthetho obhaliweyo.

Kwabase Roma 7:12

Ngoko ke umyalelo okunene ungcwele; nomthetho ungcwele, unobulungisa, ulungile.

Kwabase Roma 7:25

Ndiyabulela kuThixo ngoYesu Kristu, iNkosi yethu. Ngoko ke mna ngokwam ngayo ingqiqo okunene ndikhonza umthetho kaThixo; kodwa ngayo inyama ndikhonza umthetho wesono.

Kwabase Roma 8:7

Ngokokuba ukunyameka kwenyama kububutshaba kuThixo; kuba umthetho kaThixo kungawululameli, kuba kungenako nokuba nako ukwenjenjalo.

Kwabase Roma 10:15-17

Bothini na ke ukuva, kungekho mshumayeli? Bothini na ke ukushumayela, bengathunywanga? Njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Hayi, ukuba zintle kwazo iinyawo zabashumayela iindaba ezilungileyo zoxolo, zabashumayela iindaba ezilungileyo zezinto ezilungileyo! Abazilulamelanga ke bonke iindaba ezilungileyo, kuba uIsaya uthi, Nkosi, ngubani na owakholwayo ludaba lwethu? Ngoko ke ukholo luphuma eludabeni, udaba ke lukho ngelizwi likaThixo.

Kwabase Roma 11:8

njengokuba kubhaliwe kwathiwa, UThixo ubanike umoya wokuqoba, amehlo okuba bangaboni, neendlebe zokuba bangeva, kwada kwaba yimini yanamhla.

Kwabase Roma 15:4

Kuba izinto zonke ezabhalwayo ngenxa engaphambili, zaye zibhalelwa okwethu ukufundiswa, ukuze sithi ngalo unyamezelo novuselelo lwezibhalo sibe nalo ithemba.

Kwabase Roma 16:17-18

Ke kaloku ndiyaniyala, bazalwana, balumkeleni abo benza iimbambaniso nezikhubekiso, ezinxamnye nemfundiso enayifundayo nina, niphambuke kubo. Kuba abanjalo abakhonzi yona iNkosi yethu uKristu, bakhonza esabo isisu; baze, ngamazwi anencasa nalalanisayo, balukuhle iintliziyo zabangazani nabubi.

1 Kwabase Korinte 1:18

Kuba ilizwi lomnqamlezo libubudenge okunene kwabatshabalalayo; kodwa ke kwabasindiswayo, thina aba, lingamandla kaThixo.

1 Kwabase Korinte 2:6-7

Ke sithetha ubulumko phakathi kwabagqibeleleyo, ubulumko ke obungebubo obeli phakade, nobabaphathi beli phakade ababhangayo. Sithetha ubulumko bukaThixo obusemfihlekweni, obo ke bufihlakeleyo, awathi uThixo ngenxa engaphambili, kwangaphambi kwawo amaphakade, wabumisela uzuko lwethu;

1 Kwabase Korinte 2:13-15

esizithethayo nokuzithetha, kungengamazwi anokufundiswa bubulumko babantu, kungawo anokufundiswa nguMoya oyiNgcwele: izinto ezizezomoya sizilungelelanisa namazwi la angawomoya. Owemvelo ke umntu akazamkeli izinto zoMoya kaThixo; kuba zibubudenge kuye; kanjalo akanakuzazi, ngokuba ziphicothwa ngokoMoya. Ke ongowoMoya okunene uphicotha zonke izinto, kodwa yena ngokwakhe akaphicothwa mntu.

1 Kwabase Korinte 7:19

Ukwaluka oku akunto, nokungaluki oku akunto; okuyinto kukubamba imithetho kaThixo.

1 Kwabase Korinte 15:1-2

Ke kaloku, bazalwana, ndiyanazisa iindaba ezilungileyo, ezo ndazishumayela kuni, nazamkelayo nokuzamkela, nimiyo nokuma kuzo, nisindiswayo nokusindiswa ngazo, ukuba nizibambile ngelizwi endazishumayela ngalo kuni; ukuba anithe nafumana nakholwa.

1 Kwabase Korinte 16:22

Ukuba ubani akayithandi iNkosi uYesu Kristu, makasingelwe phantsi. INkosi iyeza.

2 Kwabase Korinte 2:15-16

Ngokuba kuye uThixo silivumba elimnandi likaKristu, phakathi kwabasindiswayo naphakathi kwabatshabalalayo. Kwabanye silivumba lokufa elisa ekufeni; kwabanye silivumba lobomi elisa ebomini. Ngubani na ke ozilingeneyo ezo zinto?

2 Kwabase Korinte 3:6-9

osenze nokusenza sakulingana ukuba ngabalungiseleli bomnqophiso omtsha; singabi ngabobhalo nje kodwa, sibe singabomoya; kuba ubhalo luyabulala, umoya ke udlisa ubomi. Ke kaloku, ukuba ulungiselelo olo lubulalayo, lukroliweyo ematyeni ngobhalo, lweza lunobuqaqawuli, ngokude oonyana bakaSirayeli bangabi nakuqwalasela ebusweni bukaMoses, ngenxa yobuqaqawuli bobuso bakhe, ubuqaqawuli ke obebuza kubhanga: lungathini na ulungiselelo lwakhe uMoya, ukungabi nobuqaqawuli ngokugqithiseleyo? Kuba, ukuba ulungiselelo olugwebayo lunobuqaqawuli, kokukhona luya kugqithisela ngobuqaqawuli ulungiselelo lobulungisa.

2 Kwabase Korinte 4:2-4

sisuke sazilahla izinto ezifihlakeleyo eziziintloni, singahambi ngobuqhetseba, singalikhohlakalisi ilizwi likaThixo; sisuka ngokuyibonakalalisa inyaniso siziyaleze kuso sonke isazela sabantu emehlweni kaThixo. Ukuba ke zigqutyuthelwe iindaba ezilungileyo zethu, zigqutyuthelwe kwabo batshabalalayo; athe uthixo weli phakade wazimfamekisa ngaphakathi kwabo iingqiqo zabangakholwayo, ukuze singabengezeli kubo isikhanyiso seendaba ezilungileyo zobuqaqawuli bukaKristu, ongumfanekiselo kaThixo.

2 Kwabase Korinte 11:3

Ndiyoyika ke, hleze kuthi, njengokuba inyoka yamlukuhlayo uEva ngobuqhetseba bayo, zonakaliswe ngokunjalo nani iingqiqo zenu, zimke ekunyaniseni kuye uKristu.

2 Kwabase Korinte 11:13-14

Kuba abo banjalo ngabapostile ababuxoki, ngabasebenzi abakhohlisayo, bezimilisa okwabapostile bakaKristu. Ke akummangaliso oko, kuba noSathana ngokwakhe uzimilisa okwesithunywa sokukhanya.

2 Kwabase Korinte 13:8

Kuba asinakwenza nto ngokuchasa inyaniso; sinokwenzela inyaniso.

KumaGalati 1:6-9

Ndimangalisiwe kukuba niphambuke kamsinya kangaka kulowo wanibizayo ngobabalo lukaKristu, niye kwiindaba ezilungileyo ezizimbi; ezingezizo nokuba zizo ezinye; koko kukho bathile banikhathazayo, bathandayo ukuzigqwetha iindaba ezilungileyo zikaKristu. Ke, nokokuba sisuke thina aba, nokokuba sisuke isithunywa sasezulwini sanishumayeza iindaba ezilungileyo ezinxamnye nezo sanishumayezayo, masisingelwe phantsi. Njengokuba besesitshilo, ndiyaphinda, ndithi nangoku, Ukuba ubani unishumayeza iindaba ezilungileyo ezinxamnye nezo nazamkelayo, makasingelwe phantsi.

KumaGalati 2:5

Esathi abo asabavumela ngolulamo nokwexa elinye, ukuze inyaniso yeendaba ezilungileyo ihlale ihleli kuni.

KumaGalati 3:10

Kuba bonke abangabasemisebenzini yomthetho, baphantsi kwesiqalekiso; kuba kubhaliwe kwathiwa, Baqalekisiwe bonke abangahlaliyo ezintweni zonke ezibhaliweyo encwadini yomthetho, ukuba bazenze.

KumaGalati 3:13-14

UKristu wasithenga, wasikhulula esiqalekisweni somthetho, ngokwenziwa isiqalekiso ngenxa yethu (kuba kubhaliwe kwathiwa, Uqalekisiwe wonke umntu oxhonywe emthini); ukuze intsikelelo ka-Abraham ibe sezintlangeni ngoKristu Yesu, ukuze idinga loMoya silamkele ngalo ukholo.

KumaGalati 3:16

Enziwa ke kuye uAbraham amadinga, nakuyo imbewu yakhe. Akathi, nakuzo iimbewu, ngathi uthetha ezininzi; usuka ngathi uthetha nye, athi, Nakuyo imbewu yakho: nguKristu ke lowo.

KumaGalati 3:24

Ngoko ke umthetho waba ngosikhaphela kuKristu, ukuze sigwetyelwe ngokwaselukholweni.

KumaGalati 4:16

Ndisuke ndaba lutshaba lwenu na ke, ngokuthetha inyaniso kuni?

Kwabase Efese 1:17-18

ukuba uThixo weNkosi yethu uYesu Kristu, uYise wozuko, aninike umoya wobulumko wokunityhilela, nimazi kakuhle; nikhanyiselwe amehlo engqondo, ukuze nilazi into eliyiyo ithemba lobizo lwakhe, nento obuyiyo ubutyebi bobuqaqawuli belifa lakhe phakathi kwabo abangcwele;

Kwabase Efese 4:14

ukuze singabi saba ziintsana, silatyuzwa, siphetshethwa ngumoya wonke wemfundiso, ngokunyanga kwabantu, ngobuqhetseba obusemaqhingeni olahlekiso;

Kwabase Efese 5:26

ukuze alingcwalise, elihlambulule ngokuhlamba kwamanzi ngelizwi;

Kwabase Efese 6:17

Yamkelani isigcina-ntloko sosindiso, nalo ikrele loMoya, elililizwi likaThixo;

Kwabase Filipi 1:9-10

Nako oku ndiya kuthandazela, ukuba uthando lwenu lube kukhona luphuphuma ngokuphuphuma ukwazi okukhulu, nako konke ukuqonda, ukuze nizicikide izinto eziziincamisa, ukuze nibe nokusulungeka, ningabi nasiwo, nide nise kwimini kaKristu;

Kwabase Filipi 2:16

nibe liqhayiya lam, nide nise kwimini kaKristu, ukuba andifumananga ndabaleka, kanjalo andifumananga ndabulaleka.

Kwabase Kolose 1:23

ukuba kaloku nihlala nihleli elukholweni, nisekelwe niqinile, ningashukunyiswa nimke ethembeni leendaba ezilungileyo ezi nazivayo, zona zashunyayelwayo kwindalo yonke ephantsi kwezulu; endaba ngumlungiseleli wazo, mna Pawulos.

Kwabase Kolose 2:8

Lumkani, kungabikho bani unithimbayo ngayo intanda-bulumko, nangokulukuhla okungento yanto, ngokwesithethe sabantu, ngokweziqalelo zehlabathi, kungengokukaKristu.

Kwabase Kolose 4:3

kunye noko nisithandazela, ukuze uThixo asivulele umnyango welizwi, ukuba siyithethe imfihlelo kaKristu, endikhonkxwe ngenxa yayo;

1 Kwabase Tesalonika 1:6

Nani naba ngabaxelisa thina nayo iNkosi, nalamkelayo nje ilizwi nisembandezelweni eninzi, ninovuyo loMoya oyiNgcwele;

1 Kwabase Tesalonika 2:2

sesuka, nakuba besive ubunzima ngenxa engaphambili, siphethwe kakubi eFilipi, njengoko naziyo, asafihlisa, sikuye uThixo wethu, ukuzithetha kuni iindaba ezilungileyo zikaThixo, sinomzamo omkhulu.

1 Kwabase Tesalonika 2:13

Ngenxa yoko, nathi siyabulela kuye uThixo singayeki, okokuba nathi, ukulamkela ilizwi likaThixo lodaba kuthi, analamkela lililizwi labantu; nalamkela, njengokuba kunjalo okwenyaniso, lililizwi likaThixo elisebenzayo nokusebenza kuni bakholwayo.

2 Kwabase Tesalonika 1:7-9

athi, nina babandezelwayo, anibuyekeze ngokuniphumza kunye nathi, ekutyhilekeni kweNkosi uYesu, ivela emazulwini inezithunywa zamandla ayo; inomlilo odangazelayo, ibaphindezela abangamaziyo uThixo, nabangazilulameliyo iindaba ezilungileyo zeNkosi yethu uYesu Kristu; bona abo baya kuva ukubethwa, intshabalalo engunaphakade ke leyo, bemke ebusweni beNkosi, nasebuqaqawulini bokomelela kwayo;

2 Kwabase Tesalonika 2:8-12

Andule ukutyhileka ongenamthetho; lowo iya kumtshisa iNkosi ngomoya womlomo wayo, imbangise ngokubonakala kokufika kwayo: kwalowo, ukufika kungokokusebenza kukaSathana, ngayo imisebenzi yonke yamandla, nemiqondiso, nezimanga zobuxoki, nangako ukulukuhla konke kokungalungisi kwabo batshabalalayo; ngenxa enokuba bengakwamkelanga ukuyithanda inyaniso, ukuze basindiswe. Nangenxa yoko, uThixo uya kubathumela ulahlekiso olusebenza ngamandla, ukuze bakholwe bubuxoki; ukuze bagwetywe bonke abangakholwanga yiyo inyaniso, basuka bakholiswa kuko ukungalungisi.

1 KuTimoti 1:8-11

Siyazi ke ukuba umthetho mhle, ukuba umntu uthi awuphathe ngokomthetho; ngokwazi oku, ukuba umthetho lo awuwiselwe lungisa, uwiselwe ke abachasene nomthetho, nabangenakululama, abangahloneli Thixo, nabangaboni, abangengcwele, nabahlambeli, ababethiyise nababethi-nina, izigwinta, abenzi bombulo, amadoda alalanayo, amasela abantu, amaxoki, amafunga-buxoki, nokuba kukho nto yimbi ichasene nemfundiso ephilileyo; ngokweendaba ezilungileyo zozuko lukaThixo osikelelekileyo, endaphathiswa zona mna.

1 KuTimoti 2:3-4

Kuba oku kuhle, kwamkelekile emehlweni oMsindisi wethu uThixo; onga yena bangasindiswa bonke abantu, bafikelele ekuyazini inyaniso.

1 KuTimoti 3:15

Ukuba ke ndithe ndalibala, ndikubhalela ukuze wazi, ukuba kumelwe kukuthiwani na ukuhanjwa endlwini kaThixo, yona ilibandla likaThixo ophilileyo, intsika nesiseko sayo inyaniso.

1 KuTimoti 4:1

Ke kaloku uMoya uthi ngokucacileyo inxenye iya kumka elukholweni, ngamaxesha asemva, inyamekele oomoya abalahlekisayo, neemfundiso zeedemon;

1 KuTimoti 4:6

Ukuba uthe ezi zinto wazibeka phambi kwabazalwana, woba ngumlungiseleli omhle kaYesu Kristu, wondliwe ngamazwi okholo, nawemfundiso entle oyilandelayo.

1 KuTimoti 4:13

Nyamekela imfundo, uvuselelo, imfundiso, ndide ndifike.

1 KuTimoti 4:16

Zilumkele wena nemfundiso yakho; hlala uhleli kwezo zinto; kuba ngokwenza oko, wozisindisa wena, ubasindise nabo bakuvayo.

2 KuTimoti 1:8

Ngoko ke musa ukuba nazintloni ngabo ubungqina beNkosi yethu, nangam, mna mbanjwa wayo; suka uve ububi kunye nam ngenxa yeendaba ezilungileyo, ngokwamandla kaThixo;

2 KuTimoti 2:12

ukuba siyanyamezela, solawula kwandawonye naye; ukuba siyamkhanyela, naye wosikhanyela;

2 KuTimoti 2:15

Kukhuthalele ukuzimisa phambi koThixo ucikidekile, ungumsebenzi ongenazintloni, ulungisa ukulahlula ilizwi lenyaniso.

2 KuTimoti 2:24-25

Ke umkhonzi weNkosi akamele kulwa; umele ukuba nokuthantamisa kubantu bonke, enokufundisa, enyamezela ububi, ebaqeqesha ngobulali abo baphikayo; ukuba akangethi na kanti uThixo abaphe inguquko esa ekuyazini inyaniso,

2 KuTimoti 3:7

behlala befunda, bangaze phofu babe nako ukufika ekuyazini inyaniso.

2 KuTimoti 3:15-17

nokuba uzaze kwasebuntwaneni izibhalo ezingcwele, ezinako ukukulumkisela elusindisweni ngokukholwa kuKristu Yesu. Sonke isibhalo, siphefumlelwe nguThixo nje, sikwancedela ukufundisa, ukohlwaya, ukululeka, ukuqeqesha okusebulungiseni, ukuze umntu kaThixo afaneleke, exhobele wonke umsebenzi olungileyo.

2 KuTimoti 4:2-4

livakalise ilizwi; zingisa ukwenjenjalo ngamathuba alungileyo naxakileyo; yohlwaya, khalimela, vuselela, unako konke ukuzeka kade umsindo, nokufundisa. Kuba kuya kubakho ixesha abangayi kuyinyamezela imfundiso ephilileyo; baya kusuka ngokweenkanuko zabo bazifumbele abafundisi, bebaba iindlebe; babeya kuzisonga zimke iindlebe kuyo inyaniso, baphambukele ke kuzo iintsomi.

KuTito 1:9

ebambelele ezwini elithembekileyo ngokwemfundiso, ukuze abe nako ukuvuselela ngayo imfundiso ephilileyo, nokubohlwaya badane abaphikayo.

KuTito 1:13

Obo bungqina buyinene. Ngenxa yeli thuba bohlwaye kabukhali, badane, ukuze baphile elukholweni;

KuTito 2:1

Ke wena, thetha izinto eziyifaneleyo imfundiso ephilileyo;

KumaHebhere 2:1-3

Ngenxa yoko, simelwe kukuzinyamekela ngokugqithiseleyo izinto esazivayo, hleze sikhukuliswe simke kuzo. Kuba, ukuba ilizwi elathethwa ngezithunywa zezulu laqina, kwathi konke ukugqitha nokungeva kwamkela umvuzo oyeleleyo; sothini na thina ukusinda, sakuba siluhilizele usindiso olungakanana, lona lwaqalwa ukuthethwa yiyo iNkosi, lwaza lwaqiniselwa kuthi ngabo baluvayo;

KumaHebhere 3:7-12

Endithi ke, njengoko atshoyo uMoya oyiNgcwele, Namhla, ukuba nithe naliva ilizwi lakhe, Musani ukuzenza lukhuni iintliziyo zenu, Njengasengcaphukisweni, ngomhla wolingo entlango; Apho bandilingayo ooyihlo, bandicikida, Bayibona imisebenzi yam iminyaka emashumi mane. Kungoko ndakruqukayo seso sizukulwana, Ndathi, Bahlala belahleka ngeentliziyo, Abazazi ke bona iindlela zam; Njengoko ndafungayo, ndinengqumbo, Ndathi, Unakanye ukuba bokha bangene ekuphumleni kwam! Lumkani, bazalwana, hleze kubekho kubani wenu intliziyo engendawo, engakholwayo, enokumka kuThixo ophilileyo;

KumaHebhere 4:2-3

Kuba sizishunyayeziwe iindaba ezilungileyo kwanjengabo; lathi kodwa ilizwi lodaba, lingadibananga nje nokholo kwabo balivayo, alabanceda nto. Kuba thina sakholwayo, siyangena ekuphumleni, ngokoko athe, Njengoko ndafungayo, ndinengqumbo, Ndathi, Unakanye ukuba bokha bangene ekuphumleni kwam! nakubeni imisebenzi yenziwayo kususela ekusekweni kwehlabathi.

KumaHebhere 4:12-13

Kuba ilizwi likaThixo liphilile, lisebenza, libukhali ngaphezu kwamakrele onke antlangothi mbini; lihlaba liphumele, lide lahlule umphefumlo kwanomoya, amalungu kwanomongo; linokugweba iingcingane nezicamango zentliziyo. Kanjalo akukho sidalwa singabonakaliyo emehlweni akhe; izinto zonke ke zize, zityhilekile, emehlweni alowo esinokuthana ni naye.

KumaHebhere 6:4-6

Kuba abo bakha bakhanyiselwa, basiva isipho sasemazulwini, baba ngamadlelana ngoMoya oyiNgcwele, bayiva incasa yelizwi elihle likaThixo, kwanamandla ephakade eliza kubakho, baza babuya bakreqa: akunakwenzeka ukuba babuye bahlaziyelwe enguqukweni; ekubeni bephinda ukuzibethelelela emnqamlezweni uNyana kaThixo, bamhlaze ekuhleni.

KumaHebhere 8:10

Ngokuba nangu wona umnqophiso, endiya kuwenzela indlu kaSirayeli Emva kwaloo mihla, itsho iNkosi: Ndiya kuthi, ndiyibeke imithetho yam engqondweni yabo, Ndiyibhale ezintliziyweni zabo, Ndibe nguThixo kubo, Nabo babe ngabantu kum.

KumaHebhere 10:16

Nangu wona umnqophiso, endiya kuwenza nabo Emva kwaloo mihla, itsho iNkosi, Ndiya kuyibeka imithetho yam ezintliziyweni zabo, Ndiya kuyibhala ezingqondweni zabo, ubuya athi,

KumaHebhere 10:26-29

Kuba, xa sithi sone ngabomi, emveni kokuba sakwamkelayo ukwazi inyaniso, akusasele dini ngenxa yezono; sekusele ke ukulinda okoyikekayo kakhulu, umgwebo nomsindo womlilo, oza kudla abo bachasileyo. Umntu obegiba okaMoses umthetho, ubebulawa kungekho tarhu, ngezwi lamangqina amabini, nokuba mathathu. Niba wobeka phi na ke ukufanelwa kukubethwa okubi ngakumbi, lo umnyathelele phantsi uNyana kaThixo, walibalela ekuthini liyinqambi igazi lomnqophiso athe wangcwaliswa ngalo, wamgxeka uMoya wobabalo?

KumaHebhere 11:6

Ke, lungekho ukholo, akunakubakho ukumkholisa kakuhle; kuba lowo uzayo kuThixo, umelwe kukukholwa ukuba ukho, nokuba ungumvuzi wabo bamfunayo.

KumaHebhere 12:25

Lumkani, ningamali lowo uthethayo. Ukuba ke abo, bamalayo lowo wahlabayo izihlabo emhlabeni, abasindanga, kobeka phi na ke ukugqithisela kokungasindi kwethu, thina bamnikela umva lowo uhlaba esemazulwini;

KumaHebhere 12:29

kuba uThixo wethu ungumlilo odlayo.

EkaYakobi 1:5

Ukuba ke ubani kuni uswele ubulumko, makacele kuThixo, onika bonke engenakumbi, engangcikivi; wobunikwa.

EkaYakobi 1:21-24

Kungoko endithi, yithini, nibubekile nxamnye bonke ubunyhukunyhuku nokuphuphuma ulunya, namkele ninobulali ilizwi elimiselweyo kuni, elinako ukuyisindisa imiphefumlo yenu. Yibani ke ngabenzi belizwi, ningabi ngabaphulaphuli kodwa, nizidephisela. Ngokuba umntu, ukuba ungumphulaphuli nje welizwi, engemenzi walo, lowo ufana nendoda eqiqa ubuso bayo bobuntu esipilini; kuba iyaziqiqa, imke, ilibale kwaoko ukuba ibinjani na.

EkaYakobi 4:4-10

Bakrexezindini, bakrexezikazindini, anazi na ukuba ubuhlobo balo ihlabathi bubutshaba kuye uThixo? Othe ngoko wanga angaba sisihlobo salo ihlabathi, uzenza utshaba lukaThixo. Okanye niba isibhalo esi sifumana sisitsho na, ukuthi, Umoya owahlala ngaphakathi kwethu ulangazelela ukukhweleta? Ke ubabala kakhulu ngakumbi. Kungoko sithi, UThixo uyabachasa abanekratshi, abababale abazithobileyo. Mthobeleni ngoko uThixo. Mchaseni ke uMtyholi, wonibaleka. Sondelani kuye uThixo, wosondela kuni. Hlambululani izandla, boni, nenze nyulu iintliziyo, nina bamphefumlo umbaxa. Yibani ziindwayi, nikhedame, nilile; ukuhleka kwenu makujike kube kukukhedama, nalo uvuyo lwenu lube kukuthi dakumba. Zithobeni emehlweni eNkosi, yoniphakamisa.

1 KaPetros 1:22-25

Niyenze nyulu nje imiphefumlo yenu ngokuyilulamela inyaniso ngoMoya, kuse ekuthandeni abazalwana okungenaluhanahaniso, thandanani ngenyameko, ngokwasentliziyweni ehlambulukileyo; nizelwe nje ngokutsha, kungengokwasembewini enokonakala, kungokwasembewini engenakonakala, ngelizwi likaThixo eliphilileyo, elihleliyo ngonaphakade. Ngenxa enokuba Yonke inyama injengengca, Nabo bonke ubuqaqawuli bomntu bunjengentyantyambo yengca. Ingca iyoma, ivuthuluke nentyantyambo yayo; Ke lona ilizwi leNkosi lihleli ngonaphakade. Elo ke leli lizwi lashunyayelwayo kuni ngeendaba ezilungileyo.

1 KaPetros 2:2

ngokweentsana ezisandula ukuzalwa, amasi angawelizwi, angenankohliso, ukuze nikhule ngawo;

1 KaPetros 2:7-8

Kuni ngoko bakholwayo, liyimbeko; ke kwabangevayo, Ilitye abalicekisayo abakhi, Lelona laba yintloko yembombo, Ilitye ke lokuwisa, iliwa ke lokukhubekisa, kwabo bakhubekayo, bengaliva ilizwi; into ke leyo abamiselwe nokumiselwa yona.

1 KaPetros 4:17

Ngokuba lixesha lokuba ugwebo luqale ngendlu kaThixo. Ukuba ke luqala ngathi, koba yintoni na ukuphela kwabo bangazivayo iindaba ezilungileyo zikaThixo?

2 KaPetros 1:18-21

Nelo zwi ke saliva thina, lisiza liphuma ezulwini, sinaye entabeni leyo ingcwele. Kanjalo sinalo nelona lizwi liqinisekileyo elilelobuprofeti, enityaphayo ukulinyamekela, linjengesibane esikhanyisa endaweni emnyama, kude kuse, liphume ikhwezi ezintliziyweni zenu; nisazi oku kuqala, ukuba sonke isiprofeto sesibhalo asibikho ngokuzicombululela. Kuba akukhanga kubekho siprofeto ngokuthanda komntu; bathi abantu abangcwele bakaThixo bathetha beqhutywa nguMoya oyiNgcwele.

2 KaPetros 2:1-3

Ke kaloku, kwakukho nabaprofeti ababuxoki phakathi kwabantu; njengokuba naphakathi kwenu kuya kubakho abafundisi ababuxoki, bona baya kungenisa bucala amahlelo entshabalalo, bemkhanyela uMnini-nto-zonke owabathengayo, bezizisela intshabalalo emsinya. Baninzi abaya kulandela intshabalalo yabo; eya kunyeliswa ngenxa yabo indlela yenyaniso. Bathi benokubawa, banibonelele ngamazwi alalanisayo; abakugwetywa kungaphumliyo kwakudala, nayo intshabalalo yabo ayozeli.

2 KaPetros 3:16-17

njengokuba, nasezincwadini zakhe zonke, ethetha kuzo ngezo ndawo; ekukhoyo kuzo zithile ziqiqeka nzima, abathi abangafundileyo, nabangazimasekileyo, bazigqwethele kokwabo ukutshabalala, njengokuba bezenjenjalo nezinye izibhalo. Nina ngoko, zintanda, nizazi nje ngenxa engaphambili ezo zinto, zigcineni okwenu, ukuze ningathi, nikhukuliswe lulahlekiso lwabangenammiselo, niphalale kokukokwenu ukuqina.

1 UYohane 2:3-6

Sazi ngale nto ukuba siyamazi, ngokuthi siyigcine imithetho yakhe. Lowo uthi, Ndimazile, abe engayigcini imithetho yakhe, ulixoki, kulowo ayikho inyaniso. Ke othi aligcine ilizwi lakhe, okwenyaniso uthando lukaThixo lugqibelele kulowo; sazi ngaloo nto ukuba sikuye. Lowo uthi uhleli kuye, ufanele ukuthi, njengoko wahambayo yena, enjenjalo ukuhamba naye.

1 UYohane 4:1

Zintanda, musani ukukholwa ngoomoya bonke, bacikideni oomoya ukuba ngabakaThixo na; ngokuba baninzi abaprofeti ababuxoki, abaphume bangena ehlabathini.

1 UYohane 4:6

Thina singabakaThixo, lowo umaziyo uThixo uyasiva thina; ongengokaThixo akasiva. Siwazi ngaloo nto umoya wayo inyaniso, nomoya walo ulahlekiso.

1 UYohane 5:2

Sazi ngale nto ukuba siyabathanda abantwana bakaThixo, xa sukuba simthanda uThixo, siyigcina imithetho yakhe.

1 UYohane 5:10

Lowo ukholwayo kuye uNyana kaThixo unabo ubungqina ngaphakathi kwakhe; lowo ungakholwayo nguye uThixo umenze ixoki, ngokuba engakholwanga bubo ubungqina abungqinele uNyana wakhe uThixo.

2 UYohane 1:6

Lulo ke olu uthando, ukuba sihambe ngokwemithetho yakhe. Nguwo lo umthetho, njengokuba nevayo kwasekuqalekeni, ukuba nihambe kuwo.

2 UYohane 1:9-11

Bonke abagqithayo, abangahlaliyo emfundisweni kaKristu, abanaThixo; ohleliyo emfundisweni kaKristu, lowo unaye uYise noNyana. Ukuba umntu uza kuni, engazisi yona le mfundiso, musani ukumamkela endlwini yenu, ningambulisi nokumbulisa; kuba lowo umbulisayo unobudlelane naye ngemisebenzi yakhe engendawo.

EkaYuda 1:5

Ndinga ke ndinganikhumbuza, nangona nikwazi oku kakade, ukuba iNkosi, yakuba ibasindisile abantu emhlabeni waseYiputa, yathi ngokwesibini yabatshabalalisa abo bangakholwanga.

IsiTyhilelo 1:16

Waye eneenkwenkwezi ezisixhenxe esandleni sakhe sokunene; emlonyeni wakhe kuphuma ikrele elibukhali, elintlangothi mbini; ubuso bakhe bunjengelanga, likhanya ngamandla alo.

IsiTyhilelo 2:2

Ndiyayazi imisebenzi yakho, nokubulaleka kwakho, nomonde wakho, nokuba ungenako ukubathwala abanobubi; nokuba wabalinga abathi bangabapostile, bengengabo, wabafumana bengamaxoki.

IsiTyhilelo 2:16

Guquka, okanye ndoza kuwe kamsinya, ndenze imfazwe nabo ngalo ikrele lomlomo wam.

IsiTyhilelo 3:16-17

Ngenxa enokuba ke udikidiki, ungabandi, ungeshushu, ndiza kukuhlanza uphume emlonyeni wam. Ngokuba uthi, Ndisisityebi, ndizityebisile, andiswele nto; ube ungazi ukuba uludwayinge, ulusizana, ulihlwempu, uyimfama, uhamba ze;

IsiTyhilelo 12:17

Yamqumbela umfazi inamba, yemka yaya kulwa nabaseleyo bembewu yakhe, abo bayigcinayo imithetho kaThixo, abanobungqina bukaYesu Kristu.

IsiTyhilelo 14:6-7

Ndabona esinye isithunywa sezulu, siphaphazela esazulwini samazulu, sineendaba ezilungileyo ezingunaphakade, ukuba sizishumayele kwabo bemiyo phezu komhlaba, nakwiintlanga zonke, nezizwe, neelwimi, nabantu; sisithi ngezwi elikhulu, Moyikeni uThixo, nimzukise; ngokuba lifikile ixa lokugweba kwakhe; nimnqule lowo wenza izulu, nomhlaba, nolwandle, nemithombo yamanzi.

IsiTyhilelo 15:4

Ngubani na ongekhe akoyike wena, Nkosi, Angalizukisi igama lakho? Ngokuba inguwe wedwa ongcwele; Ngokuba zonke iintlanga ziya kuza ziqubude phambi kwakho, Ngokuba imisebenzi yakho yobulungisa ibonakalalisiwe.

IsiTyhilelo 19:12-13

Amehlo akhe ke aye enjengelangatye lomlilo, entloko izizithsaba ezininzi; enegama libhaliwe, elingaziwa namnye ungenguye. Yena wayethiwe wambu ngengubo ethiwe nkxu egazini; igama lakhe kuthiwa nguLizwi likaThixo.

IsiTyhilelo 19:15

Emlonyeni wakhe kuphuma ikrele elibukhali, ukuze azithi qwaka ngalo iintlanga. Yena uya kuzalusa ngentonga yentsimbi; yena unyathela isixovulelo sewayini yomsindo neyengqumbo kaThixo uSomandla.

IsiTyhilelo 19:21

Abaseleyo babulawa ngekrele lalowo uhleli ehasheni, ikrele elo luphumayo emlonyeni wakhe; zathi zonke iintaka zahlutha yinyama yabo.

IsiTyhilelo 22:18-19

Kuba ndiyangqina kubantu bonke abawevayo amazwi esiprofeto sale ncwadi, ukuba, Xa athe umntu wongeza kwezo zinto, uThixo uya kongeza kuye izibetho ezibhaliweyo kule ncwadi; ukuba ke uthe umntu wasusa kuwo amazwi encwadi yesi siprofeto, uThixo uya kusisusa isabelo sakhe encwadini yobomi, nakuwo umzi ongcwele, nakuzo izinto ezibhaliweyo kule ncwadi.

Xhosa - Xhosa - XH

XHB - Henry Hare Dugmore Xhosa Bible - 1859

This Bible text is Public Domain.
https://bibles.org/bible/3ce5ffb017c7b41e-01/GEN.1/
Languages are made available to you by www.ipedge.net