04 – Ukudalwa KweHlabathi

La ngamazwi angcwele kaThixo uSomandla.
Asinamdla kwizinto ezithethwa ngabantu.
Nabani na othanda uThixo . . . Nantsi into uThixo ayithethayo ngaye: Ukudalwa KweHlabathi.

Iivesi ezi-3 eziPhambili

Genesis 1:1

Ekuqalekeni uThixo wadala amazulu nehlabathi.

1 Kwabase Korinte 15:38-39

uThixo ke ulunika isiqu, njengoko athandileyo; iyileyo imbewu uyinika esisesayo isiqu. Yonke inyama ayinyama-nye; enye yinyama yabantu, enye yinyama yeenkomo, enye yeyeentlanzi, enye yeyeentaka.

Kwabase Roma 1:20

Kuba kwasekudalweni kwehlabathi, iindawo zakhe ezibe zingenakubonwa zibonwa kakuhle, ziqondeke, ngezinto ezenziweyo, kwa-amandla akhe angunaphakade, nobuThixo bakhe, ukuze bangabi nakuziphendulela.

Zonke iivesi ngokulandelelana kweCanonical - 104 izicatshulwa

Genesis 1:1-5

Ekuqalekeni uThixo wadala amazulu nehlabathi. Ke ehlabathini kwakusenyanyeni, kuselubala; kwakumnyama phezu kwamanzi enzonzobila. UMoya kaThixo wafukama phezu kwamanzi lawo. Wathi uThixo, Makubekho ukukhanya. Kwabakho ke ukukhanya. Wakubona ke uThixo ukukhanya ukuba kulungile, wahlula uThixo phakathi kokukhanya nobumnyama. Wathi uThixo ukukhanya yimini, wathi ubumnyama bubusuku. Kwahlwa, kwasa: yangumhla wokuqala.

Genesis 1:6-8

Wathi uThixo, Makubekho isibhakabhaka phakathi kwawo amanzi, sibe ngumahlulo wokwahlula amanzi kumanzi. Wasenza uThixo isibhakabhaka, wawahlula amanzi angaphantsi kwesibhakabhaka kuwo amanzi angaphezu kwesibhakabhaka. Kwaba njalo. Wathi uThixo isibhakabhaka ngamazulu. Kwahlwa, kwasa: yangumhla wesibini.

Genesis 1:9-13

Wathi uThixo, Amanzi angaphantsi kwamazulu makahlanganiselwe ndaweni-nye, kubonakale okomileyo. Kwaba njalo. Wathi uThixo okomileyo ngumhlaba, wathi intlanganisela yamanzi ziilwandle. Wabona uThixo ukuba kulungile. Wathi uThixo, Umhlaba mawuphume uhlaza, imifuno evelisa imbewu, imithi yeziqhamo, eyenza iziqhamo ngohlobo lwayo, embewu ikuyo, emhlabeni. Kwaba njalo. Umhlaba waphuma uhlaza, nemifuno evelisa imbewu ngohlobo lwayo, nemithi eyenza iziqhamo, embewu ikuyo, ngohlobo lwayo. Wabona uThixo ukuba kulungile. Kwahlwa kwasa: yangumhla wesithathu.

Genesis 1:14-19

Wathi uThixo, Makubekho izikhanyiso esibhakabhakeni samazulu, zibe ngumahlulo wokwahlula imini kubusuku; zibe zezemiqondiso, zibe zezamaxesha amisiweyo, zibe zezemihla neminyaka; mazibe zizikhanyiso esibhakabhakeni samazulu, zikhanyise ehlabathini. Kwaba njalo. Wenza uThixo izikhanyiso ezikhulu zazibini, esona sikhulu isikhanyiso ukuba silawule imini, esona sincinane isikhanyiso ukuba silawule ubusuku; wenza neenkwenkwezi. Wazibeka uThixo esibhakabhakeni samazulu, ukuba zikhanyise ehlabathini, zilawule imini nobusuku, zahlule ukukhanya kubumnyama. Wabona uThixo ukuba kulungile. Kwahlwa, kwasa: yangumhla wesine.

Genesis 1:20-23

Wathi uThixo, Amanzi la makanyakazele inyakanyaka, imiphefumlo ephilileyo; zithi neentaka ziphaphazele ehlabathini, esibhakabhakeni sezulu. Wadala uThixo oominenga mikhulu, nayo yonke imiphefumlo ephilileyo enambuzelayo, awanyakazela ngayo amanzi ngohlobo lwayo, neentaka zonke ezinamaphiko ngohlobo lwazo. Wabona uThixo ukuba kulungile. Wazisikelela uThixo, esithi, Qhamani, nande, niwazalise amanzi aselwandle; zithi iintaka zande ehlabathini. Kwahlwa, kwasa: yangumhla wesihlanu.

Genesis 1:24-25

Wathi uThixo, Umhlaba mawuphume imiphefumlo ephilileyo ngohlobo lwayo: izinto ezizitho zine, nezinambuzane, nezinto eziphilileyo zomhlaba ngohlobo lwazo. Kwaba njalo. Wenza uThixo izinto eziphilileyo zomhlaba ngohlobo lwazo, nezinto ezizitho zine ngohlobo lwazo, nazo zonke izinambuzane zomhlaba ngohlobo lwazo. Wabona uThixo ukuba kulungile.

Genesis 1:26-31

Wathi uThixo, Masenze umntu ngokomfanekiselo wethu ngokufana nathi. Mababe nobukhosi ezintlanzini zolwandle, nasezintakeni zezulu, nasezintweni ezizitho zine, nasemhlabeni wonke, nasezinambuzaneni zonke ezinambuzela emhlabeni. Wamdala ke uThixo umntu ngokomfanekiselo wakhe; wamdala ngokomfanekiselo kaThixo; wadala indoda nenkazana. Wabasikelela uThixo, wathi kubo uThixo, Qhamani, nande, niwuzalise umhlaba niweyise; nibe nobukhosi ezintlanzini zolwandle, nasezintakeni zezulu, nasezintweni zonke eziphilileyo ezinambuzelayo emhlabeni. Wathi uThixo, Yabonani, ndininikile yonke imifuno evelisa imbewu, esemhlabeni wonke, nayo yonke imithi eneziqhamo zemithi evelisa imbewu: yoba kukudla kuni. Nezinto zonke eziphilileyo zomhlaba, neentaka zonke zezulu, nezinambuzane zonke ezisemhlabeni, ezinomphefumlo ophilileyo, ndizinike yonke imifuno eluhlaza ukuba ibe kukudla. Kwaba njalo. Wakubona uThixo konke akwenzileyo, nanko, kulungile kunene. Kwahlwa, kwasa: yangumhla wesithandathu.

Genesis 2:1-3

Agqitywa ke amazulu nehlabathi, nawo wonke umkhosi wezo zinto. Wawugqiba ke uThixo ngomhla wesixhenxe umsebenzi wakhe awawenzayo; waphumla ngomhla wesixhenxe kuwo wonke umsebenzi wakhe awawenzayo. Wawusikelela uThixo umhla wesixhenxe, wawungcwalisa; ngokuba waphumla ngawo kuwo wonke umsebenzi wakhe awawudalayo uThixo, wawenza.

Genesis 2:4-8

Yiyo le ke inzala yamazulu nehlabathi ekudalweni kwezo zinto, mini wenza uYehova uThixo ihlabathi namazulu, onke amatyholo asendle engekaveli emhlabeni, nayo yonke imifuno yasendle ingekantshuli; kuba uYehova uThixo ebengekanisi mvula emhlabeni; kwaye kungekho mntu wokuwusebenza umhlaba. Kwaye kunyuka inkungu iphuma ehlabathini, yawunyakamisa wonke umhlaba. UYehova uThixo wambumba umntu ngothuli lwasemhlabeni, waphefumlela emathatheni akhe impefumlo yobomi; umntu ke waba ngumphefumlo ophilileyo. UYehova uThixo watyala umyezo e-Eden ngasempumalanga; wambeka khona umntu abembumbile.

Genesis 5:1-3

Yiyo le incwadi yenzala ka-Adam. Mhlana uThixo wamdala umntu, wamenza ngokufana noThixo. Wadala indoda nenkazana, wabasikelela, wabathiya igama elinguAdam, mhlana wabadala. UAdam wahlala iminyaka elikhulu elinamanci mathathu, wazala unyana ngokufana naye, ngokomfanekiso wakhe, wamthiya igama elinguSete.

Eksodus 20:11

kuba ngemihla emithandathu uYehova wenza izulu, nomhlaba, nolwandle, neento zonke ezikwezo zinto, waphumla ngomhla wesixhenxe; ngenxa yoko uYehova wawusikelela umhla wesabatha, wawungcwalisa.

Eksodus 31:17

Phakathi kwam noonyana bakaSirayeli, ngumqondiso ongunaphakade; kuba imihla emithandathu uYehova wenza izulu nomhlaba, waphumla ngomhla wesixhenxe, waphefumla.

Numeri 14:21

Noko, ndihleli nje, buya kulizalisa ihlabathi lonke ubuqaqawuli bukaYehova.

Duteronomi 4:32

Kuba khawubuze emihleni yamandulo, eyayikho ngaphambi kwakho, kususela kumhla uThixo awadala ngawo umntu ehlabathini, uthabathele esiphelweni sezulu, ude use esiphelweni sezulu, ukuba khe kwakho na into enjengale nto ukuba nkulu, ukuba khe kwaviwa into enjengale na?

Duteronomi 10:14

Yabona lelikaYehova uThixo wakho izulu, nezulu lamazulu, nehlabathi, neento zonke ezikhona.

1 KaSamuweli 2:8

Uvusa eluthulini abasweleyo, Aphakamise amahlwempu ezaleni, Ukuba awahlalise namanene; Uwabela ilifa elisihlalo sozuko; Ngokuba zezikaYehova iintsika zehlabathi, Walimisa phezu kwazo elimiweyo.

2 KaSamuweli 22:16

Kwabonakala imiphantsi yolwandle, Kwatyhileka iziseko zelimiweyo Ngokukhalima kukaYehova, Ngokufutha komoya womsindo wakhe.

2 YooKumkani 19:15

Wathandaza uHezekiya phambi koYehova, wathi, Yehova, Thixo wakwaSirayeli, uhleli wena phakathi kweekerubhi, unguye uThixo wena wedwa kwizikumkani zonke zehlabathi; wena uwenzile amazulu nehlabathi.

1 YeziKronike 29:11

Bobakho, Yehova, ubukhulu, namandla, nozuko, noloyiso, nendili. Ewe, konke okusezulwini nokusehlabathini kokwakho; bobakho, Yehova, ubukumkani; uphakamile wayintloko yeento zonke.

UNehemiya 9:6

Wena unguYehova wedwa, wena wenza izulu, izulu lawo amazulu, nomkhosi wawo wonke, umhlaba nento yonke ephezu kwawo, iilwandle neento zonke ezikhona, uzidlisa ubomi zonke ezo zinto; umkhosi wamazulu uqubuda kuwe.

UYobhi 9:6-10

Ulogungqisa ihlabathi, lisuke endaweni yalo, Zididizele iintsika zalo; Ulothetha elangeni lingaphumi, Azitywine, azivingce, iinkwenkwezi ngeenxa zonke; Ulotwabulula ixulu eyedwa, Anyathele emimangweni yolwandle; Ulowenza iinkwenkwezi zeBhere, namaKroza, nesiLimela, Neengontsi zasezantsi. Ulowenza izinto ezinkulu ezingenakugocwagocwa, Nemisebenzi ebalulekileyo engenakubalwa.

UYobhi 12:7-10

Kodwa khawubuze ezinkomeni, zokuyala; Nasezintakeni zezulu, zokuxelela; Thetha nomhlaba, wokuyala; Zokubalisela neentlanzi zolwandle. Ngubani na ongaziyo ngezo zinto zonke, Ukuba sisandla sikaYehova esikwenzileyo oko? Usesandleni sakhe umphefumlo wezinto zonke eziphilileyo, Nomoya wenyama yonke eyiyeyomntu.

UYobhi 26:7-11

Ulaneka izulu langasentla enyanyeni, Axhome ihlabathi phezu kokungeni. Ubopha amanzi emafini akhe, Lingagqabhuki ilifu ngaphantsi kwawo. Uvingca umphambili wetrone, Aneke ilifu lakhe phezu kwayo. Uzunguleza ubuso bamanzi ngomda, Kuse ekupheleni kokukhanya nobumnyama. Iintsika zamazulu ziyanyenganyenga, Zingakhulumi kukukhalima kwakhe.

UYobhi 33:4

UMoya kaThixo wandenza, Nokuphefumla kukaSomandla kundidlise ubomi.

UYobhi 38:1-11

Waza uYehova wamphendula uYobhi, esemoyeni ovuthuzayo, wathi, Ngubani na lo usitha icebo Ngokuthetha okungenakwazi? Khawuwabhinqise njengomfo amanqe akho, Ndikubuze, undazise. Ubuphi na wena ukuseka kwam ihlabathi? Xela, ukuba uyazi, uyaqonda. Ngubani na omise imilinganiso yalo, ukuba uyazi? Ngubani na ololulele ulutya lokulinganisa? Zifakwe ntwenini na izikhondo zeentsika zalo? Ngubani na owabeka ilitye lalo lembombo, Ekumemeleleni kunye kwamakhwezi okusa, Beduma bonke oonyana bakaThixo? Ngubani na owaluvingcelayo ulwandle ngeengcango Ekutyhobozeni kwalo, luphuma esizalweni; Ekulwambathiseni kwam ngamafu, Ekulusongeleni ngesithokothoko; Ndakulusikelela umda wam, Ndakumisa imivalo neengcango; Ndathi, Fika apha, ungegqithi; Eme apha amaza akho akratshayo?

UYobhi 40:15-17

Khawuyibone imvubu endayenza yanawe: Idla utyani njengenkomo. Khawubone, amandla ayo asemanqeni ayo, Nokuqina kwayo kusezinyameni zesisu sayo. Igoba umsila wayo njengomsedare, Imisipha yamathanga ayo ibhijelene.

IiNdumiso 8:3

Xa ndilikhangelayo izulu lakho, umsebenzi weminwe yakho, Inyanga neenkwenkwezi ozimisileyo:

IiNdumiso 18:15

Imiphantsi yamanzi yabonakala, Kwatyhileka iziseko zelimiweyo Ngokukhalima kwakho, Yehova, Ngokufutha komoya womsindo wakho.

IiNdumiso 19:1

Kumongameli. Umhobe kaDavide. Izulu libalisa uzuko lukaThixo, Saye isibhakabhaka sixela umsebenzi wezandla zakhe.

IiNdumiso 19:4

Intambo yawo yokulinganisa iphume yaya ehlabathini lonke, Kwaba seziphelweni zelimiweyo ukukhuluma kwawo. Ilanga ulimisele intente kuwo,

IiNdumiso 24:1-2

Umhobe kaDavide. LelikaYehova ihlabathi nenzaliseko yalo, Elimiweyo, nabahleli kulo; Ngokuba yena waliseka phezu kweelwandle, Walizinzisa phezu kwemilambo.

IiNdumiso 33:6

Lenzeka ngelizwi likaYehova izulu, Umkhosi walo lonke ngomoya womlomo wakhe.

IiNdumiso 89:11-12

Lelakho izulu, likwalelakho ihlabathi; Elimiweyo nenzaliseko yalo lasekwa nguwe. Umntla nomzantsi wadalwa nguwe; ITabhore neHermon zimemelela ngegama lakho.

IiNdumiso 90:2

Kungekazalwa zintaba, Ungekavelisi mhlaba, nazwe limiweyo, Kususela kwaphakade kude kuse ephakadeni, wena unguThixo.

IiNdumiso 95:5-6

Ulolwakhe ulwandle, nguyena walwenzayo; Nomhlaba owomileyo zawubumba izandla zakhe. Yizani, masiqubude, siguqe, Sithobe phambi koYehova umenzi wethu.

IiNdumiso 102:25-26

Waliseka kudala ihlabathi; Lisisenzo sezandla zakho izulu. Ezo zinto ziya kudaka, wena ke ume; Zona zonke ziya konakala njengengubo, Wozigugisa njengesambatho, ziguge;

IiNdumiso 104:1-5

Mbonge uYehova, mphefumlo wam. Yehova, Thixo wam, umkhulu kakhulu; Wambethe indili nobungangamela. Ulothi wambu ukukhanya njengengubo. Ulolaneka izulu njengelengalenga lentente; Ulohlanganisa emanzini imiqadi yamagumbi akhe aphezulu; Ulowenza amafu inqwelo yakhe, Ulohamba ngamaphiko omoya; Ulowenza izithunywa zakhe imimoya, Abalungiseleli bakhe umlilo olenyayo. Waliseka ihlabathi phezu kwemimiso yalo, Ukuba lingashukunyiswa naphakade kanaphakade.

IiNdumiso 104:24-25

Hayi, ukuba zininzi izenzo zakho, Yehova! Zonke ziphela uzenze ngobululumko; Uzele umhlaba zizidalwa zakho. Nalo ulwandle lulukhulu, lubanzi ngeenxa zombini; Kulapho kuzinambuzane zingenakubalwa, Ezincinane kwanezikhulu izinto eziphilileyo.

IiNdumiso 111:2

Zikhulu izenzo zikaYehova, Zezokungxokwa iintsingiselo zazo zonke.

IiNdumiso 115:15-16

Nisikelelekile kuYehova, UMenzi wamazulu nowehlabathi. Amazulu ngamazulu kaYehova, Ihlabathi ulinike oonyana babantu.

IiNdumiso 118:24

Le yimini ayenzileyo uYehova, Masigcobe sivuye ngayo.

IiNdumiso 121:2

Uncedo lwam luvela kuYehova, UMenzi wezulu nehlabathi.

IiNdumiso 124:8

Uncedo lwethu lusegameni likaYehova, UMenzi wezulu nehlabathi.

IiNdumiso 135:6

Konke akuthandileyo uYehova uya kwenza, Ezulwini nasemhlabeni, Ezilwandle nasemanzini onke enzonzobila.

IiNdumiso 136:5-9

KuloMenzi wezulu ngengqondo: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe. KuloMtwabululi wehlabathi phezu kwamanzi: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe. KuloMenzi wezikhanyiso ezikhulu: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe; Ilanga lilawule emini: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe; Inyanga neenkwenkwezi zilawule ebusuku: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

IiNdumiso 139:13-14

Ngokuba wena wazibumba izintso zam, Wandibiyela esizalweni sikama. Ndiyabulela kuwe ngenxa enokuba ndenziwe ngokoyikekayo, ngokubalulekileyo; Zibalulekile izenzo zakho, Umphefumlo wam uyazi kakuhle.

IiNdumiso 146:6

KuMenzi wezulu nomhlaba, Nolwandle neento zonke ezikulo; Kulogcina inyaniso ngonaphakade;

IiNdumiso 147:4

Ulobala inani leenkwenkwezi, Ezibiza zonke ngamagama.

ImiZekeliso 3:19

UYehova waliseka ihlabathi ngobulumko, Walizinzisa izulu ngengqondo.

ImiZekeliso 8:22-31

UYehova wandivelisa ndaba yintlahlela yendlela yakhe, Ndaba ngowamandulo emisebenzini yakhe yakudala. Ndamiswa kwasephakadeni, kwasentloko, Kwasemandulweni ehlabathi. Ndazalwa kungekabikho manzi anzongonzongo, Kungekabikho mithombo inzima ngamanzi. Ndazalwa kungekafakwa ntaba, Naphambi kweenduli; Engekawenzi umhlaba namaphandle, Nothuli lonke lwelimiweyo. Ekulilungiseni kwakhe izulu, ndandikho apho; Ekubuzungulezeni kwakhe ngomda ubuso bamanzi anzongonzongo; Ekusiqiniseni kwakhe isibhakabhaka phezulu; Ekugalelekeni kwemithombo yamanzi anzongonzongo; Ekulumiseleni kwakhe ulwandle umda walo, Ukuba amanzi angawugqithi umthetho wakhe; Ekuzimiseni kwakhe iziseko zehlabathi: Ndaye ndinaye, ndiyingcibi yomsebenzi, Ndiziyolisa ngokwam iimini ngeemini; Ndidlala phambi kwakhe ixesha lonke, Ndidlala kwelimiweyo ihlabathi lakhe; Nokuziyolisa kwam kukoonyana babantu.

ImiZekeliso 20:12

Indlebe evayo, neliso elibonayo, UYehova uzenzile ezo zinto zombini.

UIsaya 6:3

Iyileyo idanduluke kuleyo isithi. Uyingcwele, uyingcwele, uyingcwele uYehova wemikhosi; buzalise ihlabathi lonke ubuqaqawuli bakhe.

UIsaya 11:9

Ezo zinto aziyi kwenza bubi, aziyi konakalisa ezintabeni zam zonke ezingcwele; ngokuba ilizwe liya kuzala kukwazi uYehova, njengamanzi egubungele ulwandle.

UIsaya 29:16

Hayi, ukuphenduka kwenu! Kuya kuthiwa umbumbi unjengodongwe na? into eyenziweyo ithi na kumenzi wayo, Akandenzanga? into ebunjiweyo ithi na kumbumbi wayo, Akaqondi?

UIsaya 37:16

Yehova wemikhosi, Thixo wakwaSirayeli, wena uhleli phakathi kweekerubhi, unguye uThixo wena wedwa kwizikumkani zonke zehlabathi; wena ulenzile izulu nehlabathi.

UIsaya 40:12

Ngubani na olinganise amanzi la entendeni yesandla sakhe, walilungisa izulu ngomoluko weminwe, walukhongozela uthuli lomhlaba ngomlinganiselo, wazilinganisa iintaba ngesilinganiso, neenduli ngesikali?

UIsaya 40:21-22

Anazi na? aniva na? anixelelwanga na kwasentloko? aniqondanga na kwasekusekweni kwehlabathi? Ngulo uhlala phezu kwesazinge sehlabathi, abemi balo ke benjengemicikwane; ulowaneka izulu njengeqhiya eliyasuyasu, walitwabulula njengentente yokuhlala;

UIsaya 40:26

Phakamiselani amehlo enu phezulu, nibone: ngubani na owadala ezi zinto? Ngulokhupha umkhosi wazo ngamaqela, uzibiza zonke ziphela ngamagama, ngenxa yobukhu bokomelela, ekhaliphile ngamandla; akusali nanye.

UIsaya 40:28

Akwazi na? akuvanga na, ukuba uThixo ongunaphakade nguYehova, tyhafi, akadinwa; ayinakugocwagocwa ingqondo yakhe.

UIsaya 42:5

Utsho uThixo yena, uYehova, udala izulu, alaneke; utwabulula umhlaba neziveliso zawo; unika abantu abaphezu kwawo ukuphefumla, unika abahamba kuwo umoya:

UIsaya 43:7

yonke into ebizwe ngegama lam, endiyidalele uzuko lwam, endiyibumbileyo, endiyenzileyo.

UIsaya 44:24

Utsho uYehova, uMkhululi wakho, uMbumbi wakho kwasesizalweni, ukuthi, Mna Yehova ndinguMenzi weento zonke; uManeki wezulu ndedwa; uMtwabululi wehlabathi ndingenabani;

UIsaya 45:11-12

Utsho uYehova, oyiNgcwele kaSirayeli, uMenzi wakhe, ukuthi, buzani kum izinto ezizayo; oonyana bam nomsebenzi wezandla zam wuyalezeni kum. Mna ndenza ihlabathi, ndadala abantu phezu kwalo; izandla zam, mna lo zaneka izulu, nomkhosi walo wonke ndawuwisela umthetho.

UIsaya 45:18

Ngokuba utsho uYehova, uMdali wezulu (nguye uThixo), uMenzi wehlabathi, uMseki walo, yena walizinzisayo (akalidalelanga ukuba kube senyanyeni, walibumba ukuba limiwe), ukuthi, NdinguYehova, akukho wumbi.

UIsaya 48:12-13

Phulaphula kum, Yakobi, Sirayeli, mbizwa wam; ndim, ndingowokuqala, ewe, ndingowokugqibela. Ewe, isandla sam siseke ihlabathi, esokunene sam saneke izulu; ndithi ndakuzibiza ezo zinto, zime kunye.

UIsaya 51:13

ukuba umlibale uYehova uMenzi wakho, uManeki wezulu, uMseki wehlabathi; ukuba uhlale unkwantya imini yonke bubushushu bombandezeli, ngokokuba exunela ukonakalisa; buphi na ke ubushushu bombandezeli?

UIsaya 64:8

Kaloku ke, Yehova, unguBawo; siludongwe; unguMbumbi wethu; sisisenzo sesandla sakho, sonke siphela.

UIsaya 66:1-2

Utsho uYehova ukuthi, Amazulu ayitrone yam, ihlabathi sisihlalo seenyawo zam. Iyini na le ndlu, niya kundakhela yona? Iyini na le ndawo yokuphumla kwam? Zonke ezo zinto sazenza isandla sam, zabakho ke zonke ezo zinto; utsho uYehova; ndibheka kulo, kolusizana, komoya waphukileyo, kogubhayo ngelizwi lam.

UYeremiya 10:10-12

Ke yena uYehova nguThixo, inyaniso, nguThixo ophilileyo, ngukumkani ongunaphakade; ihlabathi liyanyikima buburhalarhume bakhe, neentlanga azinakuluthwala ubhavumo lwakhe. Notsho kubo ukuthi, Bona oothixo abangalenzanga izulu nehlabathi, baya kudaka ehlabathini, naphantsi kwezulu. Ke yena ngulowenza ihlabathi ngamandla akhe; ulozinzisa elimiweyo ngobulumko bakhe; waneka izulu ngengqondo yakhe;

UYeremiya 27:5

Mna ndilenzile ihlabathi, umntu lo, neenkomo eziphezu kwehlabathi, ngamandla am amakhulu, nangengalo yam eyolukileyo; ndalinika lowo kuthe tye emehlweni am ukuba ndilinike yena.

UYeremiya 32:17

Awu, Nkosi yam Yehova, yabona, walenza izulu nehlabathi ngamandla akho amakhulu, nangengalo yakho eyolukileyo; akukho nto ikunqabeleyo.

UYeremiya 51:15

Ngulowenza ihlabathi ngamandla akhe, ngulozinzisa elimiweyo ngobulumko bakhe, waneka izulu ngengqondo yakhe.

UAmos 5:8

Quqelani kulowenza isiLimela namaKroza, uloguqula ithunzi lokufa libe ngumso, imini ayenze mnyama, ibe bubusuku; ulobiza amanzi olwandle, awathululele phezu komhlaba: nguYehova igama lakhe.

UAmos 9:6

ngulowakhela emazulwini amagumbi akhe aphezulu, nophahla lwawo alusekele phezu kwehlabathi; ngulobiza amanzi olwandle, awathululele phezu kwehlabathi: nguYehova igama lakhe.

UYona 1:9

Wathi kubo, NdingumHebhere; ndiyamoyika uYehova, uThixo wamazulu, owenza ulwandle, nomhlaba lo womileyo.

UHabhakuki 2:14

Kuba ihlabathi liya kuzala kukwazi ubuqaqawuli bukaYehova, njengamanzi egubungele ulwandle.

UZekariya 12:1

Isihlabo selizwe likaYehova, esisingisele kuSirayeli. Utsho uYehova, umaneki wezulu, umseki wehlabathi, umenzi womoya womntu phakathi kwakhe, ukuthi,

UMarko 10:6

kodwa kwasekuqalekeni kokudalwa, uThixo wabenza bayindoda nenkazana.

ULuka 3:38

kaEnos, kaSete, ka-Adam, kaThixo.

UYohane 1:1-3

Ekuqalekeni ube ekho uLizwi, waye uLizwi ekuye uThixo, waye uLizwi enguThixo. Yena lowo ebekho ekuqalekeni kuThixo. Izinto zonke zabakho ngaye; engekho yena, akubangakho nanye into ethe yabakho.

UYohane 1:10

Ube esehlabathini ke; ihlabathi labakho ngaye, ihlabathi alimazanga.

UYohane 2:9-10

Ke kaloku, yakuweva injoli amanzi abenziwe iwayini (yayingayazi apho ivela khona; kodwa abalungiseleli ababewakhile amanzi babesazi), yasuka injoli yabiza umyeni. Yathi kuye, Wonke umntu ubeka kuqala iwayini emnandi, aze xa bathe basela bakholisa, andule ukubeka enganeno kwaleyo; wena uyibandezile iwayini emnandi, kwada kwangoku.

IZenzo 7:49

Izulu liyitrone yam, Ke ihlabathi sisihlalo seenyawo zam; Yindlu enjani na eniya kuyakhela mna? itsho iNkosi; Yiyiphi na yona indawo yokuphumla kwam?

IZenzo 14:15

besithi, Madoda, yini na ukuba nenjenje? Nathi singabantu abeva enikuvayo nina; sinishumayeza iindaba ezilungileyo zokuba nibuye kwaba thixo bangento, nibuyele kuThixo ophilileyo, owenza izulu nomhlaba nolwandle, neento zonke ezikwezo zinto;

IZenzo 17:24-28

UThixo yena, owenza ihlabathi neento zonke ezikulo, lowo, eyiNkosi nje yezulu nomhlaba, akahlali zitempileni zenziwe ngazandla. Kananjalo akaphiliswa zizandla zabantu, ngokoswele into, inguye nje obanika bonke ubomi, nomphefumlo, nazo zonke izinto. Kanjalo wazenza ngagazi-nye zonke iintlanga zabantu, ukuba zime phezu kwawo wonke umhlaba, emisa amaxesha abekwe ngenxa engaphambili, nemida yokuma kwazo; ukuze bayifune iNkosi, ukuba kambe bangaphuthaphutha bayifumane, nakuba ingekude kuthi sonke ngabanye. Kuba kuyo sihleli, siyashukuma, sikho; njengokuba neembongi ezithile zenu zitshilo ukuthi, Kuba nathi siyinzala yakhe.

Kwabase Roma 1:20

Kuba kwasekudalweni kwehlabathi, iindawo zakhe ezibe zingenakubonwa zibonwa kakuhle, ziqondeke, ngezinto ezenziweyo, kwa-amandla akhe angunaphakade, nobuThixo bakhe, ukuze bangabi nakuziphendulela.

Kwabase Roma 4:17

(njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Ndikumisile ukuba ube nguyise weentlanga ezininzi), phambi koThixo awakholwayo kuye, obadlisa ubomi abafileyo, azibize izinto ezingekhoyo, zinge zikho.

Kwabase Roma 5:12

Ngenxa yoko, njengokuba isono sangena ngamntu mnye ehlabathini, kwangena ke ukufa ngaso isono; kwaza ngokunjalo ukufa kwabatyhutyha abantu bonke, ekubeni bonke bonayo;

Kwabase Roma 8:19-22

Kuba ukulangazelela kwendalo kulinde ukutyhileka koonyana bakaThixo. Kuba indalo yalulanyiselwa kokungelutho, kungengakuvuma kwayo, kungenxa yowayilulamisayo, inethemba lokuba nendalo ngokwayo iya kukhululwa ebukhobokeni bokonakala, isingiswe enkululekweni yozuko lwabantwana bakaThixo. Kuba siyazi ukuba yonke indalo iyancwina, inenimba kunye, unangoku.

Kwabase Roma 11:36

Ngokuba ziphuma kuyo ke, zikho ngayo, zikholo yona, zonke ezo zinto. Malube kuyo uzuko, kude kube ngunaphakade. Amen.

1 Kwabase Korinte 8:6

kuthi thina mnye uThixo, uYise, eziphuma kuye izinto zonke; nathi sikholo yena. Inye iNkosi, uYesu Kristu, ezingayo zonke izinto; nathi singaye.

1 Kwabase Korinte 15:38-39

uThixo ke ulunika isiqu, njengoko athandileyo; iyileyo imbewu uyinika esisesayo isiqu. Yonke inyama ayinyama-nye; enye yinyama yabantu, enye yinyama yeenkomo, enye yeyeentlanzi, enye yeyeentaka.

1 Kwabase Korinte 15:45-48

Ngokunjalo kubhaliwe kwathiwa, Owokuqala umntu uAdam waba ngumphefumlo odla ubomi; owokugqibela uAdam waba ngumoya odlisa ubomi. Ke akuqali okomoya; kuqala okwemvelo, kwandule ukuza okomoya. Owokuqala umntu uphume emhlabeni, ungowomhlaba; owesibini umntu, iNkosi, uphume emazulwini. Into ayiyo owomhlaba, bakwayiyo abomhlaba; kanjalo nento ayiyo osemazulwini, bakwayiyo abasemazulwini;

2 Kwabase Korinte 4:6

Ngokuba nguThixo, yena wathi ukhanyiso malukhanye ebumnyameni, okhanyisele iintliziyo zethu, ukuze kukhanye ukwaziwa kobuqaqawuli bukaThixo ebusweni bukaYesu Kristu.

Kwabase Efese 3:9

ndibakhanyisele bonke, bayibone into obuyiyo ubudlelane bemfihlelo ebifihliwe kwasemaphakadeni, ikuye uThixo owazidalayo zonke izinto ngoYesu Kristu;

Kwabase Kolose 1:15-17

Ungumfanekiselo kaThixo ongenakubonwa, owamazibulo kwindalo yonke. Ngokuba zadalelwa kuye zonke izinto, ezisemazulwini nezisemhlabeni, ezinokubonwa nezingenakubonwa, nokuba ziitrone, nokuba zibubukhosi, nokuba zizilawuli, nokuba ngamagunya; zonke izinto zidalwe nguye, zidalelwe yena. Yena ke ungaphambi kweento zonke, nazo zonke izinto zima zimi kuye.

KumaHebhere 1:2-3

awammisayo wayindlalifa yeento zonke, awathi kwangaye wayenza indalo yonke; othe, elubengezelo lobuqaqawuli bakhe, nombhalo wenkqu yakhe, ezithwele nokuzithwala zonke izinto ngalo ilizwi lamandla akhe, wesuka, akuba eyenzile ngokwakhe intlambululo yokusihlambulula ezonweni, wahlala phantsi ngasekunene kobuKhulu, enyangweni;

KumaHebhere 1:10

Abuye athi, Ekuqalekeni, wena Nkosi, waliseka ihlabathi, Nalo izulu lingumsebenzi wezandla zakho;

KumaHebhere 3:4

Kuba yonke into eyindlu inoyakhayo; ke lowo wazakhayo zonke izinto nguThixo.

KumaHebhere 11:3

Ngokholo siyaqonda ukuba indalo le yonke yenziwe yabakho ngelizwi likaThixo, ukuze izinto ezi zibonwayo zibe aziphume kwezibonakalayo.

2 KaPetros 3:3-8

nikwazi nje oku kuqala, ukuba kuya kuza ngemihla yokugqibela abagxeki, behamba ngokwezabo iinkanuko, besithi, Liphi na kaloku idinga lokufika kwakhe? Kuba kuseloko oobawo balalayo ukufa, izinto zonke zahlala zihleli zinjengokwasekuqalekeni kwendalo. Kuba oku kufihlakele kubo ngokuthanda kwabo, ukuba izulu laye likho kwakudala, nomhlaba uvele emanzini, umi ngamanzi, ngalo ilizwi likaThixo; elathi ngezo zinto ihlabathi langoko lantywiliselwa ngamanzi, latshabalala. Ke lona izulu langoku, nawo umhlaba lo, kwangelo lizwi ezo zinto ziqwetyelwe, zigcinelwe, umlilo, kuse kwimini yomgwebo nentshabalalo yabantu abangahloneli Thixo. Le nto ke inye mayingafihlakali kuni, zintanda, ukuba phambi kweNkosi imini enye injengeminyaka eliwaka, neminyaka eliwaka injengemini enye.

IsiTyhilelo 4:11

Ufanele, Nkosi, ukwamkela uzuko, nembeko, namandla; Ngokuba inguwe owadala zonke izinto, Nangenxa yokuthanda kwakho zikho, zadalelwa oko.

IsiTyhilelo 10:6

safunga lowo udla ubomi, ase emaphakadeni asemaphakadeni, owadala izulu nezinto ezikulo, nomhlaba nezinto ezikuwo, nolwandle nezinto ezikulo, ukuthi, Akuyi kuba sabakho xesha.

IsiTyhilelo 14:6-7

Ndabona esinye isithunywa sezulu, siphaphazela esazulwini samazulu, sineendaba ezilungileyo ezingunaphakade, ukuba sizishumayele kwabo bemiyo phezu komhlaba, nakwiintlanga zonke, nezizwe, neelwimi, nabantu; sisithi ngezwi elikhulu, Moyikeni uThixo, nimzukise; ngokuba lifikile ixa lokugweba kwakhe; nimnqule lowo wenza izulu, nomhlaba, nolwandle, nemithombo yamanzi.

Xhosa - Xhosa - XH

XHB - Henry Hare Dugmore Xhosa Bible - 1859

This Bible text is Public Domain.
https://bibles.org/bible/3ce5ffb017c7b41e-01/GEN.1/
Languages are made available to you by www.ipedge.net